Ngaba Usengozini—Yobuqhetseba Obenziwa Kwi-Intanethi?
UWilliam, utitshala odla umhlala phantsi eFlorida yaseUnited States, wafumana iemail awayecinga ukuba ithunyelwe yinkampani yeIntanethi. Le email yayisithi kukho iinkcukacha zakhe ezilahlekileyo. UWilliam wazalisa ifomu eyayithunyelwe nale email. Wayengazi ukuba iinkcukacha zakhe ziza kuphelel’ ezandleni zikaShiva, umgewu waseQueens, eNew York. Ngosuku olulandelayo, uShiva wasebenzisa inombolo yecredit card kaWilliam ukuze athenge ngeIntanethi umatshini wokuprinta. Iemail eyafunyanwa nguWilliam yayiyenye kwezili-100 000 ezathunyelwa nguShiva. Abaphandi bathi bamalunga nekhulu abantu abaphendula le email baza bakhuthuzwa.
Ibhinqa elineminyaka engama-56 ubudala eQueensland, eOstreliya, laqalisa ukuthandana ngeIntanethi nendoda elalicinga ukuba ngunonjineli waseBritani. Lalisele liyithumelele iR300 000 xa lafumanisa ukuba liqotha-qikili laseNigeria elineminyaka engama-27 ubudala.a
INTO ebuhlungu kukuba, ubuqhetseba obenziwa kwi-Intanethi buxhaphakile. Kuhlolisiso “lweMeko-bume yeIntanethi lowama-2010,” iConsumer Reports yathi: “Iingozi zeIntanethi zanda ngendlela eyothusayo, ibe abathengi balahlekelwa ziibhiliyoni. Inani leevirus zekhompyutha linyuke ngokuphawulekayo ukususela kunyaka ophelileyo, lichaphazela amakhaya angama-40 ekhulwini kwasebenzisa i-Intanethi eUnited States. Abanye abantu bakhalaza ngeengxaki eziliqela.” Ngaphambi kokuba sithethe ngendlela onokuzikhusela ngayo kubuqhetseba obunjalo, makhe siqale sithethe ngamanye amaqhinga asetyenziswa yile migewu.
Umntu Ukhuthuzwa Njani NgeIntanethi?
Abantu badla ngokukhuthuzwa nge-email. Uhlobo lwe-email olwafunyanwa nguWilliam lubizwa ngokuba yi-phishing email. Abantu abakuthumelela le-email bafuna ufake kwiwebhusayithi yomgunyathi ebonakala ngathi yeyokwenene, iinkcukacha zakho eziyimfihlo njengepassword, inombolo yecredit card okanye yebhanki. Imigewu isenokufumana iadresi ye-email yakho isebenzisa inkqubo ethile yekhompyutha.
Ezinye iiphishing email ziyakwazi ukufumana iinkcukacha zakho naxa ungakhange uphendule. Loo nto yenzeka xa uye wayifunda le-email. Kukho iinkqubo zekhompyutha ezikwazi ukukopa yonk’ into oyenzayo ekhompyutheni yakho. Ezinye zazo zisetyenziswa ukuze kubiwe ipassword okanye inkcazelo yakho eyimfihlo. Ezinye zenzelwe ukukulobela kwiiwebhusayithi zomgunyathi. Ngaba ikho into onokuyenza ukuze uzikhusele?
Oko Unokukwenza
Zilumkele iiemail ezikrokrelekayo. Ngamanye amaxesha kunokungenwa kwikhompyutha yakho ngondlela mnyama kuze kubiwe inkcazelo yakho eyimfihlo. Imigewu isenokuba inkcazelo yakho eyimfihlo isebenzisa iiWebhusayithi zamanyala nezinye ezikuthumelela iinkqubo zekhompyutha. Kwakhona, ungaze uziphendule iiemail ezithembisa ingeniso eninzi ngokungaqhelekanga.
Mhlawumbi wakha wafumana umyalezo kwi-Intanethi othi: “Ikhompyutha yakho isengozini! Cofa apha ukuze uyikhusele!” Okanye othi, “IScreensaver sasimahla. Cofa apha.” Ngokucofa apho unokungenisa inkqubo esetyenziswa xa kubiwa inkcazelo yakho eyimfihlo ekhompyutheni yakho.
Ukuba ukhangela umsebenzi kwi-Intanethi, kufuneka ulumke. Imigewu isebenzisa iiwebhusayithi zomgunyathi ukuze iqokelele “imali yokubhalisa” kunye neenkcukacha eziphathelele imali yakho.
Namhlanje amasela akrelekrele kangangokuba ayakwazi nokungena kwiinkqubo zekhompyutha zamashishini aze abe inkcazelo ebalulekileyo. NgoJanuwari 2007, izaphuli-mthetho zaseUnited States zasebenzisa inkqubo yekhompyutha yenye ivenkile enkulu ukuze zifumane iinkcukacha zabathengi, kuquka nezecredit card. ENigeria, imigewu yafumana iinkcukacha zeebhanki eziliqela yaza yeba iinombolo zezazisi zabantu abazizigidi ezili-1.5 ukuze ikhuphe imali koomatshini bebhanki. Ukuthengiswa kwezinto ezibiweyo kuyanda namhlanje, apho abaqeshwa abanganyanisekanga kunye nemigewu besebenzisa iinkqubo zekhompyutha, bethengisa iicredit card, neenkcukacha zabantu eziyimfihlo.
[Umbhalo osemazantsi]
a UVukani! ukhe walumkisa ngeengozi zokuthandana ngeIntanethi. Funda uVukani! kaMeyi 8, 2005, iphepha 24-26, nokaJuni 8, 2005, iphepha 28-30.
[Ibhokisi ekwiphepha 11]
Iphishing email: Yiemail eqhatha lowo uyifundayo ukuba anikezele ngenkcazelo ephathelele inombolo eyimfihlo yebhanki, amakhadi okukhupha imali okanye inkcazelo yobuqu kwiwebhusayithi ekhangeleka iyeyokwenene kodwa eneneni iyeyomgunyathi
Ispy software: Yinkqubo yekhompyutha eyenzelwe ukubona oko ukwenzayo ekhompyutheni ize ikudlulisele komnye umntu
ITrojan horse: Yinkqubo yekhompyutha eyenzelwe ukungena kwikhompyutha yakho ngondlela-mnyama ngoxa ikhangeleka isenza umsebenzi oqhelekileyo
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 12, 13]
Ungaze Ube Sisisulu
UKUZE UZIKHUSELE KUBUQHETSEBA, THATHA LA MANYATHELO:
1 Qiniseka ukuba inkqubo yokukhusela yekhompyutha yakho ihlala isebenza, yaye hlaziya rhoqo i-antivirus yakho.
2 Zenze rhoqo iikopi zeefayile zakho uze uzigcine kwindawo ekhuselekileyo.
3 Lumka. Musa ukukholelwa yonk’ into oyifunda kwi-Intanethi. IMizekeliso 14:15 ithi: “Nabani na ongenamava ukholwa ngamazwi onke, kodwa onobuqili uyawaqwalasela amanyathelo akhe.”
4 Mus’ ukunyoluka. (Luka 12:15) Zilumkele izinto ekuthiwa zifumaneka “mahala” okanye iiwebhsayithi ezithengisa izinto ezinamaxabiso aphantsi kakhulu. Kusenokwenzeka ukuba uyalotywa.
5 Zilumkele iiemail ezivela kubantu ongabaziyo okanye imiyalezo esuka nje ithi gqi, ingakumbi xa kufuneka ufake iinkcukacha zakho eziyimfihlelo.—IMizekeliso 11:15.
6 Khetha ipassword enzima. Yitshintshe rhoqo yaye ungaze usebenzise ipassword enye kuzo zonke iiakhawunti zakho.
7 Inkcazelo ephathelele icredit card okanye iakhawunti yakho yebhanki yifake kuphela kwiiwebhusayithi ezaziwayo nezikhuselekileyo.
8 Qiniseka ukuba uyibhala ngokuchanileyo iadresi yewebhusayithi, ingakumbi eyebhanki. Impazamo nje enye inokukuvulela iwebhusayithi yomgunyathi.
9 Sebenzisa indlela ekhuselekileyo yoqhagamshelwano xa uza kuthumela inkcazelo ebalulekileyo, njengezo zecredit card, uze uyivale iwebhusayithi xa ugqibile.
10 Hlola izitetimenti zecredit card nezebhanki rhoqo. Xa kukho into ekrokrisayo, qhagamshelana ngokukhawuleza naloo bhanki okanye inkampani yecredit card.
11 Ulumke xa usebenzisa ikhompyutha engenazingcingo (Wi-Fi) kuba amasela anokuyiba lula inkcazelo ephathelele wena okanye ayithumele kwiwebhusayithi yomgunyathi.
12 Cofa u-“hayi” xa ubuzwa ukuba “Ufuna ikhompyutha iyikhumbule na ipassword yakho?” Ootsotsi basebenzisa lo mbuzo ukuze babe ipassword yakho.