Isahluko 2
“UMthetheli Woxolo” Ujongana NeArmagedon
1, 2. (a) Ngawaphi amazwi achwayitisayo uThixo awaphefumlela umprofeti uIsaya ukuba awathethe? (b) Aqalisa nini ukuzaliseka la mazwi?
NGENKULUNGWANE yesibhozo ngaphambi kweXesha lethu Eliqhelekileyo, umprofeti uIsaya waphefumlelwa ukuba athi kubantu bakaThixo: “Ngokuba sizalelwe umntwana, sinikwe unyana; ukuthethela kusesixhantini sakhe; igama lakhe kuthiwa nguMmangaliso, nguMcebisi, nguThixo oligorha, nguSonini-nanini, nguMthetheli woxolo, ukuba kwande ukuthethela oko, kubekho uxolo olungenakuphela etroneni kaDavide, nasebukumkanini bakhe, ukuba bumiswe buxhaswe ngokusesikweni nangobulungisa, kususela koko kude kuse ephakadeni.”—Isaya 9:6, 7.
2 Loo mazwi achwayitisayo aqalisa ukuzaliseka kwinxalenye yokugqibela yonyaka we-2 B.C.E. Oku kwakuxa uYesu wazalwa njengenzala kaKumkani uDavide, owayelawule kwisixeko saseYerusalem kwizizwe ezili-12 zakwaSirayeli.
Umnqophiso WoBukumkani Noxolo Olungenasiphelo
3. (a) Nguwuphi umnqophiso uThixo awawenza noKumkani uDavide? (b) UYehova ulijizeke yiphi inzala kaKumkani uDavide eli gama lithi “uMthetheli woxolo”?
3 Ngenxa yokuzondelela kukaDavide ekunquleni uThixo kaSirayeli, uYehova wenza kunye naye umnqophiso woBukumkani obungunaphakade kumnombo wakhe wenzala. (2 Samuweli 7:1-16) Loo mnqophiso waxhaswa ngesifungo sikaThixo. (INdumiso 132:11, 12) Ngokwaloo mnqophiso, ubukumkani bukaDavide kwakufuneka bulungiselele isizinzi soBukumkani obuzayo ‘boMthetheli Woxolo.’ ‘UYesu Kristu, unyana kaDavide,’ ungulowo uYehova awamjizeka ngegama elithi “uMthetheli woxolo.”—Mateyu 1:1.
4. (a) Ngubani owaba ngumama kaYesu wasemhlabeni? (b) Sathini isithunywa sezulu uGabriyeli kuye kule nkalo?
4 Unina kaYesu wayengumfazi owayezalelwe kumnombo wasebukhosini kaKumkani uDavide. Wayeyintombi enyulu xa wakhawula unyana wakhe othenjisiweyo, owayeza kuba yindlalifa esisigxina kwitrone kaDavide. Oku kukhawula kwenzeka ngaphambi kokuba uYosefu amthabathe njengomfazi wakhe. (Mateyu 1:18-25) Isithunywa sezulu uGabriyeli sasazise intombi enguMariya oku: “Uyabona, uya kuthabatha esizalweni, uzale unyana, umthiye igama elinguYESU. Yena uya kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana wOsenyangweni; iNkosi uThixo iya kumnika itrone kaDavide, uyise, abe ngukumkani phezu kwendlu kaYakobi kude kube ngunaphakade, nobukumkani bakhe bungabi nasiphelo.”—Luka 1:31-33.
5. Yintoni umprofeti uIsaya awayixela kwangaphambili ngolawulo ‘loMthetheli Woxolo’?
5 Kungeso sizathu le nto umprofeti uIsaya xa wayethetha ‘ngoMthetheli Woxolo’ wavakalisa kusengaphambili ukuba ‘kwande ukuthethela kwakhe, kubekho uxolo olungenakuphela etroneni kaDavide, nasebukumkanini bakhe.’ (Isaya 9:6, 7) Ngaloo ndlela, ngokomnqophiso owamiselwa noDavide, obu Bukumkani babuya kuba ngurhulumente ongunaphakade obunoxolo olungenasiphelo. Itrone yakhe imele ime ‘ngonaphakade’!
6. (a) Ukuze aphumeze umnqophiso woBukumkani, wenza ntoni uThixo ngosuku lwesithathu lokufa kukaYesu? (b) UYesu waqalisa nini ukulawula ‘njengoMthetheli Woxolo’?
6 Ukuze kuphunyezwe lo mnqophiso woBukumkani, uThixo uSomandla wavusa uYesu kwelabafileyo ngosuku lwesithathu lokufela kwakhe ukholo. Oku kwenzeka ngosuku lwe-16 lwenyanga yamaYuda uNisan, ngonyaka wama-33 weXesha lethu Eliqhelekileyo. Njengengqina lokuzibonela loNyana kaThixo ovusiweyo, umpostile uPetros wathi uYesu ‘wabulawa okunene esenyameni, kodwa wadliswa ubomi ekuwo umoya.’ (1 Petros 3:18) UThixo Osenyangweni wamphakamisela kwisandla Sakhe sasekunene. Ukususela ekupheleni ‘kwamaXesha Eentlanga,’ ekuqalekeni kukaOktobha wonyaka we-1914, ebelawula elapho ‘njengoMthetheli Woxolo.’—Luka 21:24.
7. (a) UYesu ebejongene nantoni ukususela ekuqaleni kolawulo lwakhe? (b) Ngoobani abavakalisa ulawulo lukaYesu kuzo zonke iintlanga, ibe oko kuzalisekisa ntoni?
7 Ukususela ekuqalekeni kolawulo lwakhe lwasezulwini, ebejongene nehlabathi elinobutshaba, njengoko ubungqina boko babonakala kwiimfazwe ezimbini zehlabathi ezazingembambano engomntu oza kulawula ihlabathi. Ngoku ujongene nentlangano yeZizwe Ezimanyeneyo. Ngokuvakaliswa okugqiba umhlaba wonke kweendaba ezilungileyo zoBukumkani ngamaNgqina kaYehova, ashumayela kumazwe angaphezu kwama-200, ulawulo lwakhe olusebenzayo emazulwini luziswa engqalelweni yazo zonke iintlanga. Oku kuzalisekisa okwaxelwa kwangaphambili ‘nguMthetheli Woxolo,’ njengoko sifunda kuMateyu 24:14: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke ukufika ukuphela.”
8. Kutheni kunokuthiwa siphakathi enzulwini ‘yokupheliswa kwephakade eli’?
8 Imbambano engokulawulwa kwehlabathi imele izinziswe kungekudala. Ngoku, kwiminyaka engaphezu kwama-70 emva kokuphela ‘kwamaxesha eentlanga’ ngowe-1914, sisenzulwini ‘yokupheliswa kwephakade eli.’ Isizukulwana sowe-1914 sabona ukuqalisa kweziganeko zehlabathi ezineentsingiselo ezaxelwa kwangaphambili nguYesu. (Mateyu 24:3-14) UYesu wathi, eso sizukulwana asisayi kudlula de zonke ezi zinto zizaliseke. Ngoku sele siza kuphela.—Mateyu 24:34.
9, 10. (a) Inkcazelo engokwesiprofeto kwincwadi yeSityhilelo yeziswa njani kuthi? (b) Yintoni ISityhilelo 16:13, 14, 16 esiyixela kwangaphambili ngeArmagedon?
9 Ngenxa yoko, yintoni eza kufika kungekudala, ibe “uMthetheli woxolo” ujongene nantoni? Yena wasetyenziselwa ukukuxela kwangaphambili oku kwincwadi yokugqibela yeBhayibhile, ISityhilelo, uThixo awamnika sona nawathi wasidlulisa kumpostile uYohane owalupheleyo ngesithunywa sezulu. (ISityhilelo 1:1, 2) Oko kwenzeka ngasekupheleni kwenkulungwane yokuqala yeXesha lethu Eliqhelekileyo. KwiSityhilelo 16:13, 14, 16, uYesu wayalela umpostile uYohane ukuba athethe la mazwi anentsingiselo ngeArmagedon:
10 “Ndabona kuphuma emlonyeni wenamba, nasemlonyeni werhamncwa, nasemlonyeni womprofeti wobuxoki, oomoya abathathu abangcolileyo, befana namasele. Kuba bangoomoya beedemon, besenza imiqondiso; abaphuma baye kubo ookumkani bomhlaba, nabelimiweyo liphela, ukubahlanganisela emfazweni yaloo mini inkulu kaThixo, uSomandla. Babahlanganisela endaweni ekuthiwa ngesiHebhere yiArmagedon.”
“INtaba YaseMegido” Yokomfuziselo
11. (a) Lithetha ntoni igama elithi Armagedon, ibe yakha yakho na indawo emhlabeni enelo gama? (b) Kutheni le nto isixeko samandulo saseMegido sasibalulekile ngokwembali? (c) Ziziphi iintsingiselo ezimbini igama elithi Megido elaba nazo?
11 Igama lesiHebhere elithi Har–Magedon, okanye Armagedon lithetha “iNtaba yaseMegido.” Akukho mmandla uthile kumaxesha amandulo okanye anamhla oye wabizwa ngokuthi yiNtaba yaseMegido. Ngaloo ndlela kwincwadi enjengeSityhilelo ezaliswe yimifuziselo, eli binzana linentsingiselo yokomfuziselo. Imele ukuba iyintoni? Kaloku, isixeko esiphakamileyo saseMegido, igama lendawo elithetha “indibano yemikhosi,” sasibalulekile ezimbalini. Kwimbali yehlabathi neyeBhayibhile eli gama lakhumbuza ngamadabi awayenecala eloyisayo. Ngoba? Kungenxa yokuba esi sixeko ngelo xesha sasinendlela ebaluleke kunene eyayiphakathi kweYurophu, iAsia neAfrika, ibe abahlaseli babenokucelwa umngeni kakuhle baze bathintelwe apho ngabemi. Ngaloo ndlela iMegido yaba neentsingiselo ezimbini—leyo yoloyiso lwentlekele kwabanye noloyiso oluzukileyo kwelinye icala.
12, 13. (a) UThixo weBhayibhile wanxulumana njani neMegido nomlambo wayo okufutshane ebudeni bemihla yoMgwebi uBharaki? (b) Ingoma yoloyiso kaBharaki noDebhora iyichaza njani indima kaThixo eloyisweni?
12 UThixo weBhayibhile wanxulumana neMegido nomlambo okufutshane oyiKishon ebudeni bethuba labagwebi bakwaSirayeli. Ngemihla yoMgwebi uBharaki nomprofetikazi uDebhora, uThixo wanikela uloyiso olungumqondiso kubantu bakhe abanyulileyo kwiMegido engummelwane. UMgwebi uBharaki wayenamadoda ali-10 000 kuphela, ngoxa utshaba olwaluphantsi koNjengele uSisera lwaluneenqwelo zokulwa ezazitsalwa ngamahashe ezingama-900, ngaphandle kwemikhosi ehamba ngeenyawo. UYehova wangenelela kwelo dabi ngenxa yabantu bakhe abanyulileyo waza wabangela umkhukula onamandla ukuba uthintele ezo nqwelo zokulwa zoyikekayo zotshaba. Kwingoma yoloyiso eyavunywa nguBharaki noDebhora kuThixo emva kokuwoyisa ngokungummangaliso umkhosi kaSisera, batsalel’ ingqalelo kwindima kaThixo ekutshatyalalisweni kotshaba:
13 “Kwafika ookumkani, balwa, baza ookumkani bakwaKanan balwa eTahanaki, ngasemanzini aseMegido; abathimba neqhosha lesilivere. Zalwa ezulwini, zalwa iinkwenkwezi emendweni yazo noSisera. Umlanjana waseKishon wabakhukulisa, umlanjana wamanyange, umlanjana waseKishon.”—ABagwebi 5:12, 19-21.
14. Ngawaphi amazwi okugqibela aloo ngoma iphefumlelweyo yoloyiso angathandabuzekiyo ukuba angumthandazo ongemfazwe ezayo yaseArmagedon?
14 Ngokungathandabuzekiyo, amazwi aphefumlelweyo uBharaki noDebhora abayiqukumbela ngawo ingoma yabo emva kolo loyiso lwamandulo eMegido asebenza njengomthandazo ngokubhekisele kwimfazwe ezayo yaseArmagedon. Bavuma bathi: “Makube njalo ukubhubha kweentshaba zakho zonke, Yehova; ke abamthandayo mababe njengokuphuma kwelanga linamandla.”—ABagwebi 5:31.a
Iintlanga Zihlanganiselwa EArmagedon
15. (a) Ngoko, iArmagedon iluhlobo luni lwendawo? (b) Nguwuphi omnye wemithombo yenkqubo engcolileyo yokusasaza ubuxoki ephembelela iintlanga ukuba ziye kwimfazwe yaseArmagedon?
15 Ngoko iMegido yayiyindawo apho kwakulwelwa khona amadabi awayenecala eloyiswayo. Ngoko, ngokusengqiqweni, iArmagedon iya kuba lithafa ledabi eziya kuthi zonke iintlanga zehlabathi zanamhla zenze ungcelele zisiya khona phantsi kwemikhosi ephembelelayo echazwe kwiSityhilelo 16:13, 14. “Oomoya beedemon” abashukumisa iintlanga yinkqubo yokusasaza ubuxoki namhlanje eyenza ingxolo yesele nengacocekanga njengesele leBhayibhile elingacocekanga. Omnye wemithombo yenkqubo yokusasaza ubuxoki engacocekanga ngolo hlobo ‘yinamba enkulu ebomvu.’ ISityhilelo 12:1-9 siyichaza le “namba” njengoSathana uMtyholi.
16. KwiSityhilelo 16:13, lifuzisela ntoni “irhamncwa”?
16 Omnye umthombo wenkqubo engcolileyo yokusasaza ubuxoki ‘lirhamncwa.’ KwiSityhilelo 16:13 eli “rhamncwa” lokomfuziselo linxulunyaniswe ‘nenamba’ enguMtyholi. Ngokutsho kweSityhilelo 20:10, eli “rhamncwa” liya kutshatyalaliswa ngonaphakade ngenxa yokusebenzisana kwalo ‘nenamba’ yokomfuziselo. “Irhamncwa” lifuzisela yonke inkqubo yobupolitika yeli hlabathi “inamba” enguthixo walo. (2 Korinte 4:4) Iquka bonke oorhulumente abahlukahlukeneyo bobupolitika beli hlabathi.—Thelekisa uDaniyeli 7:17; 8:20, 22.
17. Uyintoni umphumo wenkqubo yokusasaza ubuxoki enjengamasele evela ‘kwirhamncwa’?
17 Ulawulo olunjalo lwenkqubo yehlabathi yobupolitika lunenkqubo yalo eyahlukileyo yokusasaza ubuxoki. Ibe le nkqubo yokusasaza ubuxoki inengxolo yamasele namazwi aphefumlelweyo ahambisana namazwi aphefumlelweyo ‘enamba’ okuhlanganisela “ookumkani,” okanye abalawuli bobupolitika behlabathi, “emfazweni yaloo mini inkulu kaThixo, uSomandla” eya kulwelwa eArmagedon.
18. (a) Libonisa ntoni igama elithi Armagedon? (b) Intaba ibiya kufuzisela ntoni?
18 Ngaloo ndlela iArmagedon imela imeko yehlabathi equka imfazwe enecala eloyiswayo. Yalatha imeko yokugqibela efikelela kuyo imicimbi yehlabathi apho abalawuli bobupolitika bekuchasa ngokumanyeneyo ukuthanda kukaThixo, khon’ ukuze uThixo athabath’ inyathelo ngokuthi naye ahlasele ngokwenjongo yakhe. Ngoko ikamva limele ligqitywe ngomphumo walo mlo. EMegido, eyindawo ekhoyo emhlabeni, kwakungekho ntaba. Kodwa intaba ibiya kufuzisela indawo ephawulekayo yokuhlanganisana enokubonwa ngokulula ikude yiyo yonke imikhosi ehlanganisana apho.
19, 20. Liliphi icebo eliya kusetyenziswa yiNjengele yemikhosi kaYehova yasezulwini eArmagedon, yaye uya kuba yintoni umphumo?
19 UYesu Kristu, iNjengele yemikhosi kaYehova elwayo, kangangeminyaka ethile ebehlola ukuhlanganiselwa eArmagedon kwabalawuli behlabathi nemikhosi yabo elwayo. Kodwa akakazami ukubulala nawuphi na ukumkani oyedwa nemikhosi yakhe aze ngaloo ndlela atshabalalise ngokuthe ngcembe imikhosi elutshaba. Ngokwahlukileyo koko, ubanika ixesha elaneleyo lokuhlanganisana baze bamanyanise imikhosi yabo ukuze babe nowona mkhosi ubonakala umkhulu. Injongo yakhe yenkalipho ikukubashenxisa bonke ngaxeshanye!
20 Ngaloo ndlela uya kuboyisa ngeyona ndlela ingenakukhanyelwa, ukuze kuzukiswe uMphathi wakhe oyiNkokeli, uYehova uThixo, aze naye angqinwe ‘njengoKumkani kakumkani noNkosi kankosi’ ongenakukhanyelwa.—ISityhilelo 19:16.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ezinye iimbekiselo ezithile ezithetha ngeMegido zifumaneka kweyesi-2 yooKumkani 9:27; 23:29, 30; 2 Kronike 35:22; Zekariya 12:11.