Incwadi YeBhayibhile 29—Yoweli
Umbhali: NguYoweli
Indawo Eyabhalelwa Kuyo: KwaYuda
Ukugqitywa Kokubhalwa Kwayo: Malunga nowama-820 B.C.E. (?)
1. Ziziphi iziganeko ezichukumisayo ezibalaselisa isiprofeto sikaYoweli?
IBUBU lezinambuzane libhuqa ilizwe. Umlilo ongaphambili namadangatye avela ngasemva kwazo alitshabalalisa ngokupheleleyo ilizwe. Kuyo yonke indawo kukho indlala. Ilanga liba mnyama nenyanga iba ligazi, kuba imini enkulu neyoyikekayo kaYehova iyasondela. Uyalela ukuba kufakwe irhengqa kuze kuhlanganiselwe iintlanga entshabalalweni. Noko ke, bambi ‘baya kusinda.’ (Yoweli 2:32) Ukuqwalasela ezi ziganeko zichukumisayo kwenza ukuba isiprofeto sikaYoweli sibe sesibangel’ umdla ngokunzulu nesinengenelo enkulu kuthi.
2. Sazi ntoni ngoYoweli neemeko zokuprofeta kwakhe?
2 Le ncwadi ichazwa ‘njengelizwi likaYehova elafika kuYoweli, unyana kaPetuweli.’ IBhayibhile ayisixeleli okungakumbi kunoku ngoYoweli. Sisigidimi esibuprofeti esigxininiswayo kungekhona umbhali waso. Igama elithi “Yoweli” (Yoh·ʼelʹ, ngesiHebhere) laziwa lithetha ukuthi “UYehova UnguThixo.” Ukuyazi kakuhle kukaYoweli iYerusalem, itempile yayo neenkcukacha zenkonzo yasetempileni kusenokubonisa ukuba incwadi yakhe wayibhala eseYerusalem okanye kwaYuda.—Yoweli. 1:1, 9, 13, 14; 2:1, 15, 16, 32.
3. Kungaziphi izizathu ezenza ukuba kuboniswe ukuba isiprofeto sikaYoweli sabhalwa malunga nowama-820 B.C.E. ?
3 Yabhalwa nini incwadi kaYoweli? Oku akunakuchazwa ngengqiniseko. Abaphengululi bachaza amaxesha awahlukahlukeneyo beqalela phambi kowama-800 B.C.E. ukusa malunga nowama-400 B.C.E. Indlela ochazwa ngayo umgwebo kaYehova kwiintlanga ezazisentilini yakwaYoshafati ibonisa ukuba uYoweli wasibhala isiprofeto sakhe kwithuba elithile emva koloyiso olukhulu lukaYehova ngenxa kaKumkani uYehoshafati wakwaYuda, kwaye ke ngoko kusemva kokuba uYehoshafati ebe ngukumkani ngowama-936 B.C.E. (Yoweli 3:2, 12; 2 Kron. 20:22-26) Umprofeti uAmosi usenokuba wacaphula umbhalo kaYoweli. Ngoko, oku bekuya kuthetha ukuba isiprofeto sikaYoweli sabhalwa ngaphambi kweso sika-Amosi, owaqalisa ukuprofeta ngathuba lithile phakathi kowama-829 nowama-804 B.C.E. (Yoweli 3:16; Amosi 1:2) Into yokuba le ncwadi yabhalwa ngaphambilana isekwanokuboniswa yindawo ekuyo kwimibhalo engcwele yesiHebhere phakathi kukaHoseya noAmosi. Ngenxa yoko kuboniswa ukuba isiprofeto sikaYoweli sabhalwa malunga nowama-820 B.C.E.
4. Bubuphi ubungqina obukhoyo bobunyaniso bencwadi kaYoweli?
4 Ubunyaniso besi siprofeto bungqinwa kukucatshulwa kwaso nokubhekisela kweZibhalo zamaKristu zesiGrike kuso. Ngomhla wePentekoste, uPetros wathetha “ngomprofeti uYoweli” waza wasebenzisa esinye seziprofeto zakhe. UPawulos wacaphula isiprofeto esikwasinye waza wabonisa indlela esazaliseka ngayo kumaYuda nakwabo bangengomaYuda. (Yoweli 2:28-32; IZe. 2:16-21; Roma 10:13) Iziprofeto zikaYoweli nxamnye neentlanga ezingabamelwane zazalisekiswa zonke. Isixeko esikhulu saseTire sangqingwa nguNebhukadenetsare, yaye kamva esi sixeko sisesiqithini satshatyalaliswa nguAlesandire Omkhulu. Ngokukwanjalo iFilisti yatshatyalaliswa. ElakwaEdom laba yintlango. (Yoweli 3:4,19) AmaYuda akazange akuthandabuze ukuba yinxalenye yemibhalo engcwele kwencwadi kaYoweli kwaye ayibeka le ncwadi kwindawo yesibini kwezo zibizwa ngokuba zezabaprofeti abancinane.
5. Kungayiphi indlela esithi isiprofeto sikaYoweli sigxininise ngokubangel’ umdla?
5 Isimbo sokubhala sikaYoweli sicacile yaye siyashukumisa. Uyaphindaphinda ukuze agxininise yaye usebenzisa izifaniso ezinomtsalane. Iinkumbi zibizwa ngokuba luhlanga, ngabantu nokuba ngumkhosi. Amazinyo azo anjengalawo engonyama, ukubonakala kwazo kunjengokwamahashe, yaye isandi sazo sinjengeseenqwelo zokulwa zomkhosi owakhe uluhlu. IThe Interpreter’s Bible icaphula incwadi ethetha ngokuthintelwa kolwando lweenkumbi isithi: “Indlela akuchaza ngayo uYoweli ukuhlasela kweenkumbi ayizange idlulwe nto ngokuchana okuphawulekayo kweenkcukacha zayo.”a Ngoku khawubek’ indlebe njengoko uYoweli eprofeta ngemini eyoyikekayo kaYehova.
OKUQULETHWE YEKAYOWELI
6. Nguwuphi umbono wokuqala owoyikekayo obonwa nguYoweli?
6 Uhlaselo lwezinambuzane lubhuqa ilizwe; isondele imini kaYehova (1:1–2:11). Onjani wona umbono wentlekele eyoyikekayo obonwa nguYoweli! Ukutyakatya okuphanzisayo okwenziwa ngumqikela, inkumbi, umkhothululi nomnqunquthi. Umdiliya nomkhiwane uchutywe kwathi tu, kukho ukulamba elizweni. Akukho mnikelo wokudla nanto iselwayo endlwini kaYehova. UYoweli ulumkisa ababingeleli nabalungiseleli bakaThixo ukuba baguquke. Udanduluka esithi, “Hayi ke, le mini! Kuba isondele imini kaYehova, ivela njengembuqo kuSomandla.” (1:15) Izilwanyana ziyabhadula zixakiwe. Umlilo uwatshisile amadlelo nemithi, nentlango itshiswe ngomlilo.
7. Uchazwa njani umkhosi kaYehova ohlaselayo?
7 Kuhlokonyiswa isilumkiso! “Vuthelani isigodlo eZiyon, nihlabe umkhosi entabeni yam engcwele.” (2:1) Isondele imini kaYehova, imini enobumnyama nesithokothoko. Khangela! Nabo abantu abaninzi nabanamandla. Ilizwe elinjenge-Eden balitsho libe yintlango esenkangala. Akukho nto isindayo. Njengamahashe nangesithonga seenqwelo zokulwa babalekela ezincotsheni zeentaba. Njengabantu abakhe uluhlu babalekela ngokungxama esixekweni, banyuka ngeendonga nangezindlu kwaye bangena nangeefestile. Ilizwe liyagungqa namazulu ayanyikima. NguYehova okhokela lo mkhosi mkhulu kakhulu. “Inkulu imini kaYehova, yoyikeka kunene; ngubani na onokuyinyamezela?”—2:11.
8. (a) Yiyiphi ekuphela kwendlela intlaselo yezi zinambuzane engapheliswa ngayo? (b) Yiyiphi imbuyekezo uYehova ayithembisayo?
8 Buyela kuYehova; umoya uza kuthululwa (2:12-32). Kodwa kunokwenziwa into ethile ukuze kupheliswe olu hlaselo. UYehova uyaluleka: “Buyelani kum ngentliziyo yenu yonke, . . . nikrazule intliziyo yenu, ingabi ziingubo zenu, nibuyele kuYehova uThixo wenu.” (2:12, 13) Ukukhaliswa kwexilongo kuhlanganisela abantu engqungqutheleni. Ukuba babuyela kuye, ‘woba nobukhwele ke uYehova ngelizwe lakhe, woba nofefe ngabantu bakhe.’ (2:18) Kuya kubakho iintsikelelo nokuxolelwa, yaye umhlaseli uya kubuya umva. Kunokuba ibe lixesha lokoyika, eli lixesha lokugcoba nokuvuya, kuba kuya kubakho iziqhamo, ukudla, iwayini entsha neoli. UYehova uya kuyibuyisela iminyaka eye yadla ngayo imikhosi yakhe emikhulu yeenkumbi. Idinga lakhe likukuba: “Niya kudla nidlile, nihluthe, nilidumise igama likaYehova uThixo wenu, oniphethe ngokubalulekileyo.” (2:26) Baya kwazi ukuba uYehova yedwa unguThixo wabo phakathi kwamaSirayeli.
9. Sisiphi isiprofeto esichukumis’ intliziyo esilandelayo?
9 UYehova uthi, “Kuya kuthi emveni kokuba njalo, ndithulule uMoya wam phezu kwenyama yonke, baprofete oonyana benu neentombi zenu; amadoda enu amakhulu aphuphe amaphupha amadodana enu abone imibono. Kwanaphezu kwabakhonzi naphezu kwabakhonzazana ndothulula uMoya wam ngaloo mihla.” Kuya kubakho izimanga ezoyikekayo elangeni nasenyangeni ngaphambi kokufika kwemini kaYehova. Ukanti bambi baya kusinda. “Bothi bonke abasukuba benqula igama likaYehova, basinde.”—2:28-32.
10. Kuza kwenzeka ntoni entilini esezantsi yakwaYoshafati?
10 Iintlanga ziza kugwetywa “entilini yakwaYoshafati” (3:1-21). UYehova uya kubabuyisela abathinjiweyo bakwaYuda nabaseYerusalem. Iintlanga ziya kuhlanganiswa; iTire, iTsidon neFilisti ziya kuhlawuliswa kakhulu ngenxa yokungcikiva nokukhobokisa abantu bakaYehova. Khawuphulaphule uYehova njengoko ezicel’ umngeni ezi ntlanga: “Ngcwalisani imfazwe; xhoxhani amagorha; makafike enyuke onke amadoda okulwa.” (3:9) Mazikhande amakhuba abe ngamakrele zize ziye entilini esezantsi kwaYoshafati (ethetha “UYehova NguMgwebi”). Kuvakala umyalelo kaYehova: “Fakani irhengqa, kuba ukudla kuvuthiwe; . . . iyaphalala imikhombe yokukhongozela; kuba bukhulu ububi bazo. Yimbuthumbuthu, yimbuthumbuthu entilini yesigqibo! Kuba isondele imini kaYehova.” (3:13, 14) Ilanga nenyanga zenziwa mnyama. UYehova uyabharhula eZiyon, ebangela ukuba amazulu nomhlaba anyikime, kodwa uba ligwiba nenqaba kubantu bakhe. Kuya kufuneka bazi ukuba unguYehova uThixo wabo.
11. Uzichaza njani ngoko uYoweli iintsikelelo ezivela kuYehova eziza kulandela?
11 Enjani intabalala ebuparadisi eya kubonwa “ngaloo mini”! (3:18) Iintaba ziya kuvuza incindi yeemidiliya, iinduli ziphalale amasi, kwaye imijelo iya kuphalala amanzi amaninzi. Endlwini kaYehova kuya kuphuma umthombo ohlaziyayo. IYiputa ne-Edom, eziye zaphalaza igazi elimsulwa kwaYuda, ziya kuba yintlango esenkangala, kodwa uYuda neYerusalem ziya kumiwa kude kube ngonaphakade, “ngokuba uYehova uhleli eZiyon.”—3:21.
ISIZATHU SOKUBA IBE YINGENELO
12. Yiyiphi imbaluleka engokwesiprofeto kaYoweli awayigxininisayo uPetros ngePentekoste?
12 Bambi abahlalutyi bamchaza uYoweli njengomprofeti ovakalisa imeko elusizi. Noko ke, ngokwembono yabantu bakaThixo, ubonakala engumvakalisi weendaba ezizukileyo zentlangulo. Umpostile uPawulos uyayigxininisa le mbono kumaRoma 10:13, esithi: “Kuba bonke abasukuba belinqula igama leNkosi bosindiswa.” (Yoweli 2:32) Kwabakho inzaliseko ephawulekayo yesiprofeto sikaYoweli ngomhla wePentekoste yowama-33 C.E. Ngeso sihlandlo uPetros waphefumlelwa ukuba acacise ukuba ukuthululwa komoya kaThixo phezu kwabafundi bakaKristu kwakuyinzaliseko yesiprofeto sikaYoweli. (IZe. 2:1-21; Yoweli 2:28, 29, 32) UPetros wayigxininisa kakhulu imbaluleka engokwesiprofeto yamazwi kaYoweli: “Baya kuthi bonke abasukuba belinqula igama leNkosi basindiswe.”—IZe. 2:21, 39, 40.
13. (a) Kukuphi ukufana okubangel’ umdla okunokubonwa phakathi kwencwadi kaYoweli neyeSityhilelo? (b) Ziziphi izinto ezifanayo ezikwincwadi kaYoweli ezifunyanwa kwezinye iziprofeto?
13 Izinto ezifanayo ezibangel’ umdla zinokubonwa kwisibetho seenkumbi esichazwe nguYoweli nesibetho ekuprofetwe ngaso kwiSityhilelo isahluko 9. Kwakhona ilanga lenziwa mnyama. Iinkumbi zimela amahashe alungele idabi, zenza isandi esifana neso seenqwelo zokulwa, kwaye zinamazinyo anjengaweengonyama. (Yoweli 2:4, 5, 10; 1:6; ISityhi. 9:2, 7-9) Isiprofeto sikaYoweli esikuYoweli 2:31, esithetha ngelanga lisenziwa mnyama, sifaniswa nesiganeko esichazwe ngamazwi akuIsaya 13:9, 10 nakwiSityhilelo 6:12-17, kwanakuMateyu 24:29, 30, apho uYesu abonisa esi siprofeto sisebenza ngexesha abuya ngalo njengoNyana womntu enamandla nozuko olukhulu. Amazwi kaYoweli 2:11, “inkulu imini kaYehova, yoyikeka kunene,” kubonakala ukuba kubhekiselwe kuwo kuMalaki 4:5. Iinkcazelo ezifanayo zale ‘mini imnyama nenesithokothoko’ kwakhona zikwafunyanwa kuYoweli 2:2 nakuZefaniya 1:14, 15.
14. Ziziphi izicatshulwa ezikuYoweli ezibalaselisa ulongamo lukaYehova nenceba yakhe?
14 Isiprofeto esikwiSityhilelo salatha phambili ‘kwimini enkulu’ yengqumbo kaThixo. (ISityhi. 6:17) UYoweli wakwaprofeta nangelo xesha, ebonisa ukuba xa ‘imini enkulu kaYehova’ isizela iintlanga, abo bafuna inkuselo nentlangulo yakhe ‘baya kusinda.’ “UYehova [uya kuba] lihlathi kubantu bakhe.” Ukuchuma kwe-Eden kuya kubuyiselwa: “Kuya kuthi ngaloo mini, iintaba zivuze incindi yeediliya, iinduli ziphalale amasi, imijelo yonke yakwaYuda iphalale amanzi; kuphume umthombo [“ohlaziyayo,” NW] endlwini kaYehova.” Ekunikeleni la madinga aqaqambileyo okubuyiselwa, uYoweli ukwabalaselisa ulongamo lukaYehova uThixo kwaye ubongoza abo bantliziyo zinyanisekileyo ngesizinzi senceba Yakhe enkulu: “[Buyelani] kuYehova uThixo wenu; kuba unobabalo nemfesane, yena uzeka kade umsindo, unenceba enkulu.” Bonke abo basithobelayo esi sibongozo siphefumlelweyo baya kuvuna iingenelo ezihlala zihleli.—Yoweli 2:1, 32; 3:16, 18; 2:13.
[Umbhalo osemazantsi]
a Yowe-1956, Umqu. VI, iphepha 733.