Incwadi YeBhayibhile 37—Hagayi
Umbhali: NguHagayi
Indawo Eyabhalelwa Kuyo: EYerusalem
Ukugqitywa Kokubhalwa Kwayo: Ngowama-520 B.C.E.
Ixesha Eligutyungelweyo: Iintsuku ezili-112 (ngowama-520 B.C.E.)
1, 2. Yiyiphi inkcazelo enikelwayo ngomprofeti uHagayi, ibe sasiyintoni isigidimi sakhe esintlu-mbini?
IGAMA lakhe yayinguHagayi; wayekwisigxina sokuba ngumprofeti ‘nomthunywa kaYehova,’ kodwa wayesuka phi? (Hag. 1:13) Kanye kanye wayengubani? UHagayi ngumprofeti weshumi kwabo kuthiwa ngabangaphantsi, ibe wayengowokuqala kwabathathu abakhonza emva kokuba amaYuda ebuyele kwilizwe lawo lokuzalwa ngowama-537 B.C.E., abanye ababini inguZekariya noMalaki. Igama lakhe elithi Hagayi (Chag·gaiʹ, ngesiHebhere) lithetha “[Ozelwe] ngoMsitho.” Oku kusenokubonisa ukuba wazalwa ngomhla wesidlo esithile.
2 Ngokwengxelo yamaYuda, kusengqiqweni ukugqiba kwelithi uHagayi wazalelwa eBhabhiloni waza wabuyela eYerusalem noZerubhabheli noMbingeleli Omkhulu uYoshuwa. UHagayi wayesebenza ngokusondeleyo nomprofeti uZekariya, yaye kuEzra 5:1 nakwisahluko 6:14, aba babini baboniswa bekhuthaza oonyana babo babethinjiwe ukuba baqalise ukwakha itempile. Wayengumprofeti kaYehova ngeendlela ezimbini, kuba wabongoza amaYuda ukuba aphumeze imisebenzi awayeyabelwe nguThixo waza, phakathi kwezinye izinto, waxela kwangaphambili ukugungqiswa kwazo zonke iintlanga.—Hag. 2:6, 7.
3. Yintoni awasilelayo ukuyiqonda amaYuda mayela nenjongo yokubuya kwawo ekuthinjweni?
3 Kwakutheni ukuze uYehova athume uHagayi? Kwakungenxa yesi sizathu: Ngowama-537 B.C.E., uKoreshi wayewise umthetho owawuvumela amaYuda ukuba abuyele kwilizwe lawo lokuzalwa ukuze ayakhe kwakhona indlu kaYehova. Kodwa ngoku kwakungowama-520 B.C.E., kwaye itempile yayisekude ekugqityweni. Kuyo yonke le minyaka amaYuda ayevumele inkcaso yotshaba kunye nokungakhathali kwawo nokuthanda kwawo izinto eziphathekayo ukuba ziwenze angayiqondi eyona njongo yokugoduka kwawo.—Ezra 1:1-4; 3:10-13; 4:1-24; Hag. 1:4.
4. Yintoni eyayithintele ukwakhiwa kwetempile, kodwa yiyiphi inkqubela eyenzekayo xa uHagayi waqalisa ukuprofeta?
4 Njengoko ingxelo ibonisa, kungekudala emva kokuba isiseko sakhiwe (ngowama-536 B.C.E.) “abantu belo zwe bamana ukubaphelisa amandla abantu bakwaYuda, beboyikisa ekwakheni; bebaqeshela amagqwetha, ukuba alitshitshise iqhinga labo.” (Ezra 4:4, 5) Ekugqibeleni, ngowama-522 B.C.E., aba bachasi bangengawo amaYuda baphumelela ekuwenzeni uvalwe ngokusemthethweni lo msebenzi. Kwakungomnyaka wesibini wokulawula kokumkani wasePersi uDariyo Hystaspis, oko kukuthi, ngowama-520 B.C.E., awathi uHagayi waqalisa ukuprofeta, ibe oku kwawakhuthaza amaYuda ukuba aqalise ukwakha itempile kwakhona. Mayela noku, abalawuli bemimandla ekufutshane bathumela ileta kuDariyo bebuza ngesigqibo sakhe kulo mbandela; uDariyo wawuhlaziya umthetho owawiswa nguKoreshi waza wawaxhasa amaYuda ngokuchasene neentshaba zawo.
5. Yintoni engqina ukuba incwadi kaHagayi ibalelwa kwimibhalo engcwele yeBhayibhile?
5 AmaYuda awazange asithandabuze nakancinane isibakala sokuba isiprofeto sikaHagayi sibalelwa kwimibhalo engcwele yesiHebhere, ibe oku kukwaxhaswa koko kuthethwa ngaye kuEzra 5:1 njengoprofeta “egameni likaThixo kaSirayeli,” kwanakuEzra 6:14. Isibakala sokuba isiprofeto sakhe siyinxalenye yaso ‘sonke iSibhalo esiphefumlelwe nguThixo’ singqinwa kukusicaphula kukaPawulos kumaHebhere 12:26: “Ngoku ke ubeke ngedinga, esithi, Kusaya kuba ngumzuzwana endiya kuthi mna ndinganyikimisi mhlaba wodwa, ndinyikimise nalo izulu.”—Hag. 2:6.
6. Siqulethe ntoni isiprofeto sikaHagayi, ibe siligxininisa njani igama likaYehova?
6 Isiprofeto sikaHagayi siqulethe izigidimi ezine ezanikelwa kwithuba elingaphezu kweentsuku ezili-112. Uhlobo lwakhe lokubhala lucacile kwaye lungqalile, ibe ukugxininisa kwakhe egameni likaYehova kuphawuleka ngokukhethekileyo. Kwiindinyana zakhe ezingama-38, ukhankanya igama likaYehova kangangezihlandlo ezingama-35, kangangezili-14 kwibinzana elithi “uYehova wemikhosi.” Usicacisa ngokuthe gca isibakala sokuba isigidimi sakhe sivela kuYehova esithi: “Wakuthetha uHagayi umthunywa kaYehova ukuthunywa kwakhe nguYehova ebantwini, wathi, Ndinani, utsho uYehova.”—Hag. 1:13.
7. UHagayi wawakhuthaza amaYuda ukuba enze ntoni, ibe wawuyintoni umongo wesigidimi sakhe?
7 Eli yayilixesha elibaluleke kakhulu kwimbali yabantu bakaThixo, ibe umsebenzi kaHagayi wangqineka uzisa iingenelo ngokona kona. Wayengarhoxobisi ekwenzeni umsebenzi wakhe njengomprofeti, kwaye wayewagqogq’ iindlebe amaYuda. Wayewaxelela ngokuphandle ukuba elo yayilixesha lokungazibekeli amangomso izinto nelokubhinqa omfutshane. Kwakulixesha lokwakha kwakhona indlu kaYehova nelokubuyisela unqulo olunyulu ukuba ayefuna ukufumana ukuchuma okuvela kuYehova kuyo nayiphi na into. Umongo wesigidimi sikaHagayi ukukuba ukuze umntu afumane iintsikelelo ezivela kuYehova, umele akhonze uThixo oyinyaniso aze enze umsebenzi uYehova ayalela ukuba wenziwe.
OKUQULETHWE YEKAHAGAYI
8. Kutheni le nto amaYuda engasikelelwa ngokwezinto eziphathekayo nguYehova?
8 Isigidimi sokuqala (1:1-15). Esi sibhekiswa kwiRhuluneli uZerubhabheli nakuMbingeleli Omkhulu uYoshuwa, kodwa oku kuthethwa abantu besiva. Abantu bebesithi, “Asikabi lixesha lokuba kuziwe, asikabi lixesha lokuba yakhiwe indlu kaYehova.” Esebenzisa uHagayi uYehova ubuza umbuzo ogocagocayo esithi: “Lixesha na kuni nina, lokuba nihlale ezindlwini zenu zalekiwe, ibe le ndlu yam yona ilinxuwa?” (1:2, 4) Baziqwebele izinto ezininzi eziphathekayo, kodwa bangenelwe kokuncinane ngokuphathelele ukutya, into eselwayo neyambathwayo. UYehova unikela esi siluleko, “Iindlela zenu zigqaleni.” (1:7) Lixesha lokuba kuziswe iziqobo kuze kwakhiwe indlu, ukuze kuzukiswe uYehova. AmaYuda ayazinyamekela ezawo izindlu, kodwa indlu kaYehova ilinxuwa. Ngoko ke, uYehova akasawunisi umbethe wezulu namasimi akasawachumisi ibe akasawusikeleli umsebenzi onzima awenzayo umntu.
9. UYehova uwaxhokonxa njani amaYuda ukuba asebenze?
9 Ewe, abantu bayayifumana ingongoma! UHagayi akaprofetelanga ilize. Abalawuli nabantu baqalisa ‘ukuphulaphula ilizwi likaYehova uThixo wabo.’ Baqalisa ukoyika uYehova kunokuba boyike umntu. Naku uYehova akuqinisekisayo ngomthunywa wakhe uHagayi: “Ndinani.” (1:12, 13) NguYehova oxhokonxa umoya werhuluneli, umoya wombingeleli omkhulu nomoya wentsalela yabantu Bakhe. Baqalisa ukusebenza, kanye kwiintsukwana nje ezingama-23 emva kokuba uHagayi eqalisile ukuprofeta ibe oku bekwenza phezu kwako nje ukuvalwa komsebenzi ngurhulumente wasePersi.
10. Avakalelwa njani amaYuda athile mayela netempile ayakhayo, kodwa yintoni uYehova awathembisa yona?
10 Isigidimi sesibini (2:1-9). Kungaphelanga nenyanga le umsebenzi wokwakha uyaqaliswa kwakhona, ibe uHagayi unikela isigidimi sakhe sesibini esiphefumlelweyo. Esi siya kuZerubhabheli, kuYoshuwa nakwintsalela yabantu. Kuyacaca ukuba amanye amaYuda awayebuyile ekuthinjweni nawayeyibonile itempile yokuqala kaSolomon avakalelwa kukuba le tempile iya kodlulwa lee xa ithelekiswa naleyo. Kodwa uthini uYehova wemikhosi? ‘Yomelelani, nonke bantu, nisebenze; kuba ndinani.’ (2:4) UYehova uwakhumbuza ngomnqophiso awawenza nawo, kwaye uwaxelela ukuba angoyiki. Uwomeleza ngokuwathembisa ukuba uya kuzigungqisa zonke iintlanga aze azise izinto zazo ezinqwenelekayo nokuba uya kuyizalisa indlu yakhe ngozuko. Uzuko lwale ndlu yamva luya kude lulugqwese olo lweyokuqala, ibe uya kuzisa uxolo kule ndawo.
11. (a) UHagayi usebenzisa wuphi umfuziselo ukubonisa ukungakhathali kwababingeleli? (b) Yintoni ebe ngumphumo woko?
11 Isigidimi sesithathu (2:10-19). Kwiinyanga ezimbini neentsuku ezintathu kamva, uHagayi uthetha nababingeleli. Usebenzisa umfuziselo ukuze aphuhlise ingongoma yakhe. Ngaba ukuphatha kombingeleli inyama engcwele kuya kukwenza ngcwele nakuphi na okunye ukutya akuchukumisayo? Hayi akunjalo. Ngaba ukuchukumisa into eyinqambi, njengesidumbu, kumenza inqambi lowo uyichukumisayo? Ewe kunjalo. Ngoko uHagayi ubonisa indlela osebenza ngayo lo mfuziselo. Abantu belizwe baziinqambi ngenxa yokungalukhathaleli kwabo unqulo olunyulu. Nantoni na abayinikelayo uYehova Thixo uyijonga njengeyinqambi. Ngenxa yoku, uYehova akakusikeleli ukusebenza kwabo nzima, ibe ukongezelela koko ubahlisele ubushushu obutshisayo, ixoshomba nesichotho. Mabaguqule iindlela zabo. Uya kuthi ke uYehova abasikelele.
12. Sisiphi isigidimi sokugqibela uHagayi asibhekisa kuZerubhabheli?
12 Isigidimi sesine (2:20-23). UHagayi usinikela esi sigidimi kwangemini enye anikela ngayo isigidimi sesithathu, kodwa esi sibhekiswa kuZerubhabheli. Kwakhona uYehova uthetha ‘ngokunyikimisa izulu nehlabathi,’ kodwa ngeli xesha uwuchaza ngokubhekele phaya lo mbandela ukusa ekuthetheni ngokutshayelwa ngokupheleleyo kwezikumkani zeentlanga. Abaninzi baya kuwiswa, ‘elowo likrele lowabo.’ (2:21, 22) UHagayi usiqukumbela isiprofeto sakhe ngesiqinisekiso sokubabalwa kukaZerubhabheli nguYehova.
ISIZATHU SOKUBA IBE YINGENELO
13. UHagayi wayeprofeta ngayiphi ingenelo ekwakumbovu ukuba ibekho?
13 Izigidimi zikaYehova ezine ezadluliselwa ngoHagayi zaba yingenelo kumaYuda aloo mhla. Akhuthazwa ukuba aye ngqo emsebenzini, yaye kwiminyaka emine enesiqingatha, itempile yagqitywa ukuze kuhanjiselwe phambili unqulo oluyinyaniso kwaSirayeli. (Ezra 6:14, 15) UYehova wawusikelela umsebenzi wawo wenzondelelo. Kwakusebudeni beli xesha lokwakhiwa kwetempile awathi uDariyo ukumkani wasePersi wahlolisisa iingxelo zelizwe waza wawuqinisa kwakhona umthetho owawuwiswe nguKoreshi. Ngaloo ndlela umsebenzi wetempile wagqitywa ngokuxhaswa nguye ngokusemthethweni.—Ezra 6:1-13.
14. Sisiphi isiluleko sobulumko somhla wethu asinikelayo uHagayi?
14 Kwakhona esi siprofeto siqulethe isiluleko sobulumko salo mhla wethu. Njani? Phakathi kwezinye izinto, sibalaselisa imfuneko yokuba sidalwa ngasinye sibeke izilangazelelo zonqulo lukaThixo kuqala kunezilangazelelo zaso zobuqu. (Hag. 1:2-8; Mat. 6:33) Sikwaphuhlisa nengongoma yokuba ukuzingca kukuzenzakalisa, ukuba kulilize ukusukela izinto eziphathekayo; luxolo nentsikelelo kaYehova etyebisayo. (Hag. 1:9-11; 2:9; IMize. 10:22) Sikwabethelela ukuba inkonzo enikelwa kuThixo iyodwa ayimenzi ubani acoceke ngaphandle kokuba inyulu kwaye yenziwa ngomphefumlo uphela, nokuba ayimele ingcoliswe ngehambo engacocekanga. (Hag. 2:10-14; Kol. 3:23; Roma 6:19) Sibonisa ukuba abakhonzi bakaThixo abamele babe ngabaphelelwa lithemba, bekhangela emva “kwiimini zobumnandi zamandulo,” kodwa bamele bakhangele phambili ngethemba, ‘begqala iindlela zabo’ yaye befuna ukuzisa uzuko kuYehova. Uya kwandula ke uYehova abe nabo.—Hag. 2:3, 4; 1:7, 8, 13; Fil. 3:13, 14; Roma 8:31.
15. Ibonisa ntoni incwadi kaHagayi ngokuphathelele imiphumo yokuthobela ngokunenzondelelo?
15 Xa athi axakeka ngumsebenzi wetempile, amaYuda ababalwa nguYehova, kwaye achuma. Imiqobo eyayiphambi kwawo yathi shwaka. Loo msebenzi wagqitywa ngexesha elifanelekileyo. Siya kusoloko sifumana imivuzo ngomsebenzi esiwenzela uYehova ngokungenaloyiko nangenzondelelo. Iinzima, ezokwenene okanye ezithelekelelwayo, zinokoyiswa ngokuba nokholo olomeleleyo. Ukuthobela “ilizwi likaYehova” kuba nemiphumo yako.—Hag. 1:1.
16. Sihlobana njani isiprofeto sikaHagayi nethemba loBukumkani, ibe yiyiphi inkonzo esifanele sisishukumisele ukuba sifeze yona namhlanje?
16 Kuthekani ngesiprofeto sokuba uYehova uya ‘kunyikimisa izulu nehlabathi’? Umpostile uPawulos uchaza indlela asebenza ngayo uHagayi 2:6 ngala mazwi: “Ngoku ke ubeke ngedinga, esithi, Kusaya kuba ngumzuzwana endiya kuthi mna ndinganyikimisi mhlaba wodwa, ndinyikimise nalo izulu. Oku kùthi ke, Kusaya kuba ngumzuzwana, kubonakalalisa ukuguqulwa kwezinto ezizanyazanyiswayo, ngathi kokwezenziweyo, ukuze zihlale zona ezingenakuzanyazanyiswa. Masithi ngoko, sisamkela ubukumkani obungenakuzanyazanyiswa nje, sibe nombulelo, simkhonze ngawo uThixo ngokukholekileyo, sinokuhlonela nokoyika; kuba uThixo wethu ungumlilo odlayo.” (Heb. 12:26-29) UHagayi ubonisa ukuba ukunyikimiswa kwenziwa ukuze ‘kubhukuqwe itrone yezikumkani, kuze kutshatyalaliswe ukomelela kwezikumkani zeentlanga.’ (Hag. 2:21, 22) Ngokwahlukileyo koko, ecaphula esi siprofeto, uPawulos uthetha ngoBukumkani bukaThixo “obungenakuzanyazanyiswa.” Ngoko, njengoko silindele eli themba loBukumkani, ‘masomelele sisebenze,’ sinikela inkonzo engcwele kuThixo. Kwakhona, masisiphaphele isibakala sokuba, ngaphambi kokuba uYehova abhukuqe iintlanga zomhlaba, kukho nto ithile exabisekileyo aza kuyishukumisa ize iphume kuzo, ukwenzela ukuyisindisa: “Ndizinyikimise zonke iintlanga, zifike izinto ezinqwenelekayo zeentlanga zonke, ndiyizalise le ndlu ngobuqaqawuli; utsho uYehova wemikhosi.”—2:4, 7.