Isahluko 43
Ukufundisa Ngemizekeliso
KUBONAKALA ukuba uYesu useKapernahum ngethuba akhalimela abaFarisi. Kamva kwangolo suku, uyayishiya loo ndlu esiya kuLwandle olukufutshane lwaseGalili, apho izihlwele zabantu zihlanganisana khona. Khona apho ukhwela emkhombeni, aze emke, yaye uqalis’ ukufundisa abantu abangaselunxwemeni ngoBukumkani bamazulu. Ubafundisa ngongcelele lwemizekeliso, ngamnye wayo ewenza ngezinto abaqheleneyo nazo abantu.
Kuqala, uYesu uthetha ngomhlwayeli ohlwayela imbewu. Inxalenye yembewu iwela ecaleni kwendlela ize idliwe ziintaka. Enye imbewu iwela kumhlaba oselulwalweni. Ekubeni iingcambu zingendelanga ngokunzulu, izityalo ezitsha ziyabuna ngenxa yokutshiswa lilanga. Kwakhona enye imbewu iwela emeveni, athi aminxe ezo zityalo xa zikhulayo. Ekugqibeleni, enye imbewu iwela emhlabeni omhle ize ixakathe iziqhamo kangangekhulu, enye kangangamashumi amathandathu, ize ke enye ixakathe kangangamashumi amathathu.
Komnye umzekeliso, uYesu uthelekisa uBukumkani bukaThixo nomntu ohlwayela imbewu. Njengoko iintsuku zihamba, ngoxa lo mntu elele kwanaxa evukile, imbewu yona iyakhula. Lo mntu akayazi indlela ekhula ngayo. Iyazikhulela nje ize ixakathe isiqhamo. Sakuvuthwa isiqhamo, lo mntu uyasivuna.
Umzekeliso wesithathu athetha ngawo uYesu ungendoda ehlwayela uhlobo oluhle lwembewu, kodwa “xa baleleyo abantu,” kufika utshaba luze luhlwayele umdiza phakathi kwengqolowa. Abakhonzi balo mntu bayambuza enoba bamele bawuncothule na umdiza. Kodwa ubaphendula athi: ‘Hayi, niya kusuka nincothule nengqolowa ukuba nenjenjalo. Yekani kukhule ndawonye de kube lixesha lokuvuna. Ndiya kwandula ke ndibaxelele abavuni ukuba bawususe umdiza baze bawutshise bandule ke bahlanganisele ingqolowa kuvimba.’
Eqhubeka nentetho yakhe kwizihlwele ezingaselunxwemeni, uYesu unikela imizekeliso emibini engakumbi. Ucacisa ngelithi “ubukumkani bamazulu” bufana nokhozo lwemostade oluhlwayelwa ngumntu othile. Nangona luyimbewu encinane kunazo zonke ezinye iimbewu, uthi, lukhula luyivelele yonke eminye imifuno. Luba ngumthi ezithi iintaka ziye kuwo, zize zifumane indawo yokuhlala kumasebe awo.
Bambi namhlanje baphikisa ngelithi kukho iimbewu ezincinane kakhulu kuneenkozo zembewu yemostade. Kodwa uYesu akafundisi ngenzululwazi yezityalo. Kwiimbewu aqhelene nazo amaGalili omhla wakhe, ukhozo lwemostade ngokwenene lolona luncinane. Ngoko ayakuqonda ukukhula okungummangaliso azekelisa ngako uYesu.
Ekuqukumbeleni, uYesu ufanisa “ubukumkani bamazulu” negwele athi umfazi alithabathe aze aligalele kwizilinganiso ezikhulu ezithathu zomgubo wengqolowa. Uthi, ekuhambeni kwexesha, lithi liyityhutyhe yonke intlama.
Emva kokuba ethethe ngale mizekeliso mihlanu, uYesu uyazindulula izihlwele aze yena abuyele kwindlu ahlala kuyo. Kungekudala abapostile bakhe abali-12 nabanye bafika kuye apho.
Ukungenelwa Kwimizekeliso KaYesu
Xa abafundi befika kuYesu emva kwentetho yakhe kwizihlwele ebeziselunxwemeni, bafun’ ukwazi ngendlela yakhe entsha yokufundisa. Ewe, bebemvile ngaphambili esebenzisa imizekeliso, kodwa kungekhona ngendlela ebanzi ngolu hlobo. Ngoko bayabuza: “Kungani na ukuba uthethe kubo ngemizekeliso?”
Esinye isizathu sokuba enjenjalo sikukuzalisekisa amazwi omprofeti athi: “Ndiya kuwuvula ngemizekeliso umlomo wam, ndiya kukhupha izinto ezazifihliwe kwasekusekweni kwehlabathi.” Kodwa kukho okungakumbi koko kunoku. Ukusebenzisa kwakhe imizekeliso kusebenzela injongo yokunceda ukutyhila oko kusezintliziyweni zabantu.
Eneneni, inkoliso yabantu inomdla kuYesu njengombalisi wamabali oyinkunkqele nomenzi wemimangaliso, kungekhona njengalowo ufanele ukukhonzwa njengeNkosi nomele alandelwe ngokungazingci. Ayifuni ukuphazanyiswa kwindlela ezijonga ngayo izinto okanye kwindlela yayo yokuphila. Ayifuni ukuba isigidimi sendele ukusa kuloo mkhamo.
Ngoko uYesu uthi: “Ngenxa yoko ndithetha nabo ngemizekeliso; ngokuba bebona nje bengaboni, besiva nje bengeva, bengaqondi nokuqonda. Sizalisekile kubo ke isiprofeto sikaIsaya esithi . . . Kuba intliziyo yaba bantu ithe fithi kukutyeba.”
UYesu uhlabela mgama esithi, “Kodwa nina, anethamsanqa amehlo enu, ngokuba ebona; neendlebe zenu, ngokuba zisiva. Kuba ndithi kuni, Inene, baninzi abaprofeti nabantu abangamalungisa, abanqwenela ukuzibona izinto enizibonayo abazibona; nokuziva izinto enizivayo, abaziva.”
Ewe, abapostile abali-12 nabo bakunye nabo baneentliziyo ezizamkelayo izinto. Ngoko ke uYesu uthi: “Nikuphiwe nina ukuzazi iimfihlelo zobukumkani bamazulu, babe ke bona bengakuphiwanga.” Ngenxa yokunqwenela kwabo ukuqonda, uYesu unikela abafundi bakhe ingcaciso engomzekeliso womhlwayeli.
“Imbewu le lilizwi likaThixo,” utsho uYesu, yaye umhlaba yintliziyo. Mayela nembewu ehlwayelwe kumhlaba oqinileyo ongasendleleni, uchaza esithi: “Andule afike uMtyholi, alisuse ilizwi entliziyweni yabo, ukuze bangakholwa basindiswe.”
Kwelinye icala, imbewu ehlwayelwe kumhlaba olulwalwa ibhekisela kwiintliziyo zabantu abamkela ilizwi ngovuyo. Noko ke, ngenxa yokuba ilizwi lingenakwendela nzulu kwiintliziyo ezinjalo, aba bantu bathi bawe xa kufika ixesha lokuvavanywa okanye lentshutshiso.
UYesu uhlabela mgama echaza ngembewu eyawela kwimithana enameva ukuba oku kusingisele kubantu abaye baliva ilizwi. Phofu ke, aba bantu bakhukuliswa ngamaxhala nobutyebi neziyolo zobu bomi, ke ngoko baminxwa ngokupheleleyo baze bangavelisi siqhamo konke konke.
Okokugqibela, ngokubhekisele kwimbewu eyahlwayelwa kumhlaba omhle, uYesu uthi, aba bantu ngabo bona bathi ngentliziyo entle, elungileyo, bakuliva ilizwi, balibambe, bavelise isiqhamo benomonde.
Enjani indlela abasikeleleke ngayo aba bafundi baye bafuna uYesu ukuze bafumane ingcaciso ngeemfundiso zakhe! UYesu unqwenela ukuba imizekeliso yakhe iqondwe ukuze adlulisele inyaniso kwabanye. Ubuza athi, “Isibane esi sikha siziswe ukuze sibekwe ngaphantsi kwesitya yini na, nokuba kuphantsi kwesingqengqelo?” Hayi, “asiziswa na ukuze sibekwe esiphathweni saso?” Ngokuvisisana noko uYesu wongezelela esithi: “Lumkani ngoko ukuva eniva ngako.”
Basikelelwa Ngemfundiso Engakumbi
Emva kokuba becaciselwe nguYesu ngomzekeliso womhlwayeli, abafundi bafuna ukufunda okungakumbi. Benza isicelo besithi, “Sixelele umzekeliso womdiza wentsimi.”
Hayi indlela esahluke ngayo isimo sengqondo sabafundi kweso sesihlwele ebesingaselunxwemeni! Abo bantu abanawo umnqweno onyanisekileyo wokufunda intsingiselo ethethwa yimizekeliso, banelisekile nje kukuva izinto eziphathelele naloo mizekeliso. Ethelekisa abo baphulaphuli balapho ngaselunxwemeni lolwandle kunye nabafundi bakhe abanolangazelelo lokwazi, uYesu uthi:
“Umlinganiselo enilinganisela ngawo niya kulinganiselwa ngawo nani, kongezwe kuni nina nivayo.” Abafundi benza ngokomlinganiselo othile kuYesu ngokubonakalisa umdla onyanisekileyo nengqalelo, yaye ngaloo ndlela basikelelwa ngokufumana imfundiso engakumbi. Ngaloo ndlela, enikela impendulo kumbuzo wabafundi bakhe, uYesu uyacacisa:
“Lo uhlwayela imbewu entle nguNyana woMntu; intsimi ke lihlabathi; imbewu ke entle ngoonyana bobukumkani abo; umdiza ke ngoonyana bongendawo; utshaba ke olwawuhlwayelayo wona nguMtyholi; ukuvuna ke kukupheliswa kwephakade eli; abavuni ke zizithunywa zezulu.”
Emva kokuchaza inkalo nganye yomzekeliso wakhe, uYesu uchaza umphumo. Ekuphelisweni kwenkqubo yezinto, uthi, abavuni, okanye izithunywa zezulu, ziya kwahlula amaKristu obuxoki afana nokhula ‘koonyana bokwenyaniso bobukumkani.’ “Oonyana bongendawo” baya kwandula ke baphawulelwe intshabalalo, kodwa oonyana boBukumkani bukaThixo, “amalungisa,” baya kubengezela ngokuqaqambileyo eBukumkanini boYise.
Ngokulandelayo uYesu usikelela abafundi bakhe abanolangazelelo lokwazi ngemizekeliso emithathu engakumbi. Okokuqala, uthi: “Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nobutyebi obufihlwe entsimini, athe umntu akubufumana wabufihla; aze ngenxa yovuyo lwakhe aye athengise ngeento zonke anazo, ayithenge loo ntsimi.”
Uyaqhubeka esithi, “Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nomrhwebi, efuna iiperile ezintle; owathi ke akuyifumana iperile inye, exabiso likhulu, wemka waya wananisa ngeento zonke abenazo, wayithenga.”
UYesu ufana nomntu ofumana ubutyebi obufihliweyo yaye ufana nomrhwebi ofumana iperile exabiso likhulu. Wathengisa ngayo yonke into awayenayo, ngokungathi kunjalo encama isikhundla esizukileyo sasezulwini ukuze abe ngumntu okumgangatho ophantsi. Ngoko, njengomntu osemhlabeni, uyabandezeleka ngenxa yokugculelwa nokutshutshiswa ngolunya, ezingqina ekufanele ukuba nguMlawuli woBukumkani bukaThixo.
Olu celomngeni lukwabekwe phambi kwabalandeli bakaYesu ukuba nabo bathengise yonke into abanayo khon’ ukuze bafumane umvuzo ozukileyo wokuba ngumlawuli noKristu okanye wokuba ngumlawulwa wasemhlabeni woBukumkani. Ngaba ukuba nesabelo kuBukumkani bukaThixo siya kukugqala njengento exabiseke ngakumbi kunayo nantoni na eyenye ebomini, njengobutyebi obuxabiseke kunene okanye iperile exabiso likhulu?
Ekuqukumbeleni, uYesu ufanisa “ubukumkani bamazulu” nomnatha wokuloba obambisa zonke iintlobo zeentlanzi. Xa iintlanzi zahlukanisiwe, ezingafanelekanga ziyalahlwa kude kodwa ezilungileyo ziyagcinwa. Ngoko, uYesu uthi, kuya kuba njalo ekuphelisweni kwale nkqubo yezinto; izithunywa zezulu ziya kwahlula abangendawo kwabangamalungisa, abangendawo zibagcinele intshabalalo.
UYesu uqalisa eli phulo lokuloba, ebiza abafundi bakhe bokuqala ‘njengabalobi babantu.’ Phantsi kolwalathiso lwezithunywa zezulu, umsebenzi wokuloba uyaqhubeka ukuhlisa iinkulungwane. Ekugqibeleni liyafika lona ixesha lokuba kutsalwe “umnatha,” ofuzisela iintlangano ezisemhlabeni ezithi zezamaKristu.
Nangona iintlanzi ezingafanelekanga zitshatyalaliswa, hayi indlela esinombulelo ngayo kuba sinokubalelwa kwezo ‘ntlanzi zilungileyo’ nezigciniweyo. Ngokubonakalisa umnqweno ofanayo onyanisekileyo onjengalowo wabonakaliswa ngabalandeli bakaYesu ukuze bafumane ulwazi nokuqonda okungakumbi, siya kusikelelwa kungekuphela nje ngemfundiso ethe chatha kodwa ngentsikelelo kaThixo yobomi obungunaphakade. Mateyu 13:1-52; Marko 4:1-34; Luka 8:4-18; INdumiso 78:2; Isaya 6:9, 10.
▪ Kunini yaye kuphi apho uYesu athi athethe nezihlwele esebenzisa imizekeliso?
▪ Yiyiphi imizekeliso emihlanu uYesu athetha ngayo ngoku kwizihlwele?
▪ Kutheni uYesu athi ukhozo lwembewu yemostade lolona luncinane kuzo zonke iimbewu?
▪ Kutheni uYesu ethetha ngemizekeliso nje?
▪ Abafundi bakaYesu bazibonakalisa njani ukuba bahlukile kwizihlwele?
▪ Yiyiphi ingcaciso uYesu ayinikelayo ngomzekeliso womhlwayeli?
▪ Abafundi bahluke njani kwizihlwele eziselunxwemeni?
▪ Ngubani okanye yintoni efanekiselwa ngumhlwayeli, yintsimi, yimbewu entle, lutshaba, kukuvuna nangabavuni?
▪ Yiyiphi imizekeliso emithathu engakumbi eyanikelwa nguYesu, yaye sinokufunda ntoni kuyo?