Isahluko 7
Ngaba Kukho Umvukeli Endlwini Yakho?
1, 2. (a) Nguwuphi umzekeliso owenziwa nguYesu ukubalaselisa ukungathembeki kweenkokeli zonqulo zamaYuda? (b) Yiyiphi ingongoma esinokuyifunda kumzekeliso kaYesu ngokuphathelele abantwana abafikisayo?
KWIINTSUKU ezimbalwa ngaphambi kokufa kwakhe, uYesu wabuza elinye iqela leenkokeli zonqulo zamaYuda umbuzo oxhokonx’ ingcinga. Wathi: “Nicinga ntoni? Umntu wayenabantwana ababini. Esiya kowokuqala, wathi, ‘Mntwana, hamba uye kusebenza esidiliyeni namhlanje.’ Ekuphenduleni lo wathi, ‘Ndiza kuya, mnumzana,’ kodwa akazange aye. Esiya kowesibini, watsho okufanayo. Ekuphenduleni lo wathi, ‘Andizi kuya.’ Emva koko waziva ezisola waza waya. Nguwuphi kwaba babini owenza ukuthanda kukayise?” Iinkokeli zamaYuda zathi: “Ngulo wamva.”—Mateyu 21:28-31.
2 Apha uYesu wayebalaselisa ukungathembeki kweenkokeli ezingamaYuda. Zazifana nonyana wokuqala, zathembisa ukwenza ukuthanda kukaThixo zaza azasizalisekisa eso sithembiso. Kodwa abazali abaninzi baya kuphawula ukuba umzekeliso kaYesu wawubonisa ukuba wayebuqonda kakuhle ubomi bentsapho. Njengokuba wabonisa kakuhle ukuba, kudla ngokuba nzima ukwazi okucingwa okanye ukwazi kusengaphambili okuza kwenziwa ngabantu abaselula. Umntu oselula usenokubangela iingxaki ezininzi xa esafikisa aze akukhula abe ngumntu omkhulu onenkathalo nohloniphekileyo. Simele sikukhumbule oko xa sixubusha ngengxaki yemvukelo yabakwishumi elivisayo.
YINTONI UMVUKELI?
3. Kutheni abazali bengafanele bakhawuleze bagqibe ngokuthi umntwana wabo ngumvukeli?
3 Maxa wambi, usenokuva ngabakwishumi elivisayo ababavukela ngokuphandle abazali babo. Usenokuba uyazazi iintsapho ekukho kuzo okwishumi elivisayo obonakala engalawuleki kwaphela. Noko ke, akusoloko kulula ukwazi enoba umntwana ungumvukeli ngokwenene kusini na. Ngapha koko, kunokuba nzima ukuqonda isizathu sokuba bambi abantwana bavukele baze abanye—abakwangabentsapho enye—bangavukeli. Xa abazali berhanela ukuba omnye kubantwana babo uya esiba ngumvukeli ngokuphandle, bafanele benze ntoni? Ukuze siphendule oku, kuza kufuneka sithethe ngento ayiyo umvukeli.
4-6. (a) Yintoni umvukeli? (b) Yintoni abafanele bayikhumbule abazali ukuba umntwana wabo okwishumi elivisayo akathobeli ngamaxesha athile?
4 Ngamafutshane, umvukeli ngumntu ongalithobeliyo ngabom okanye olichasayo nolidelelayo igunya elingaphezu kwakhe yaye engaguquki. Kambe ke, ‘ukumatha kubotshiwe entliziyweni yomntwana.’ (IMizekeliso 22:15) Ngoko bonke abantwana bakhe balichasa igunya labazali nelabanye abantu ngaxa lithile. Oku kwenzeka kakhulu xa bekhula emzimbeni nangokweemvakalelo xesha elo laziwa ngokuba kukufikisa. Nawuphi na umntu uyaxinezeleka xa ubomi bakhe butshintsha, nokufikisa ke lixesha lokutshintsha. Unyana okanye intombi yakho ekwishumi elivisayo iyayeka ukuba ngumntwana iba ngumntu omkhulu. Ngenxa yoku, xa abantwana befikisa, kuba nzima ukuba bavisisane nabazali babo. Abazali badla ngokufuna ukuluthintela olu tshintsho, babe bona abakwishumi elivisayo befunzele phambili.
5 Okwishumi elivisayo ongumvukeli uyinikel’ umva imilinganiselo yabazali. Phofu ke, khumbula ukuba ukwenza izinto ezimbalwa zokungathobeli akumenzi abe ngumvukeli. Yaye kwimibandela yokomoya, bambi abantwana basenokuqala bangabi namdla kangako kwinyaniso yeBhayibhile okanye bangabi nawo kwaphela, kodwa basenokungabi ngabavukeli. Njengomzali, musa ukukhawuleza ugqibe ngomntwana wakho.
6 Ngaba bonke abantu abaselula bayalivukela igunya labazali xa befikisa? Akunjalo konke konke. Eneneni, ubungqina bubonisa ukuba bambalwa abakwishumi elivisayo abaye bavukele ngokunzulu xa befikisa. Sekunjalo, kuthekani ke ngomntwana ovukela ngenkani yaye engaguquki? Yintoni esenokuba ibangela loo mvukelo?
OONOBANGELA BEMVUKELO
7. Ihlabathi likaSathana lingamphembelela njani umntwana avukele?
7 Oyena nobangela uphambili wemvukelo leli hlabathi liphenjelelwa nguSathana. “Ihlabathi liphela lilele emandleni alowo ungendawo.” (1 Yohane 5:19) Ihlabathi elilele emandleni kaSathana livelise imikhwa eyenzakalisayo ekufuneka amaKristu alwe nayo. (Yohane 17:15) Inkoliso yaloo mikhwa inobukrwada, iyingozi gqitha yaye inempembelelo embi gqitha namhlanje kunangaphambili. (2 Timoti 3:1-5, 13) Ukuba abazali ababafundisi, ababalumkisi baze babakhusele abantwana babo, abaselula banokumka nalo ‘moya ngoku osebenza koonyana bokungathobeli.’ (Efese 2:2) Enye into ehambisana noku yingcinezelo yoontanga. IBhayibhile ithi: “Ohamba nezilumko uba sisilumko naye.” (IMizekeliso 13:20) Ngokufanayo, ongumhlobo wabo banomoya weli hlabathi naye usenokungenwa nguloo moya. Ukuze abaselula baqonde ukuba imigaqo yobuthixo isisiqalo sendlela elungileyo yobomi kufuneka baqhubeke bencedwa.—Isaya 48:17, 18.
8. Ziziphi izinto ezisenokwenza umntwana avukele?
8 Omnye unobangela wemvukelo unokuba yimeko yasekhaya. Ngokomzekelo, ukuba omnye umzali likhoboka lotywala, usebenzisa kakubi iziyobisi, okanye unogonyamelo komnye umzali, isenokugqwetheka yonke indlela umntwana abujonga ngayo ubomi. Kwanakumakhaya anoxolo ukusa kumlinganiselo othile, umntwana usenokuvukela xa evakalelwa kukuba abazali abanamdla kuye. Noko ke, imvukelo yabakwishumi elivisayo ayisoloko ibangelwa zizinto ezenziwa ngabanye abantu. Bambi abantwana bayinikel’ umva imilinganiselo yabazali ngoxa abazali babo besebenzisa imigaqo yobuthixo yaye bebakhusela ngeyona ndlela kwihlabathi elibangqongileyo. Kubangelwa yintoni oku? Mhlawumbi kubangelwa ngomnye unozala weengxaki zethu—ukungafezeki kwabantu. UPawulos wathi: “Isono sangena ngamntu mnye [uAdam] ehlabathini, nokufa ngaso isono, ngaloo ndlela ukufa kwasasazeka kubo bonke abantu ngenxa yokuba bonke bonayo.” (Roma 5:12) UAdam wayengumvukeli ozingcayo, yaye washiyela bonke abantwana bakhe elo lifa libi. Lumbi ulutsha lusuka lukhethe ukuvukela, njengoyise-mkhulu.
UELI OWAYEYEKELELA NOREHABHEHAM OWAYENGQONGQO
9. Kukuphi ukubaxa izinto xa kukhuliswa umntwana okunokumbangela avukele?
9 Enye into ekhokelele kwimvukelo yabakwishumi elivisayo kukungalungelelani kwindlela abazali abakujonga ngayo ukukhulisa abantwana. (Kolose 3:21) Bambi abazali abanenkathalo babamisela imiqathango engqongqo gqitha baze babaqeqeshe ngokuqatha abantwana babo. Abanye bayayekelela, abanikeli ukhokelo oluya kukhusela umntwana wabo ofikisayo. Kudla ngokungabi lula ukulungelelana kwezi zinto zombini. Yaye abantwana baneentswelo ezingafaniyo. Omnye kusenokufuneka abekw’ esweni ngakumbi kunomnye. Sekunjalo, imizekelo emibini yeBhayibhile iya kusinceda isibonise iingozi zokuba ngqongqo gqitha okanye siyekelele ngokugqithiseleyo.
10. Kwakutheni ukuze uEli, nangona wayengumbingeleli omkhulu othembekileyo, abe ngumzali ongengomzekelo?
10 Umbingeleli omkhulu woSirayeli wamandulo uEli wayengubawo. Wakhonza kangangeminyaka engama-40, ngokuqinisekileyo wayewazi kakuhle uMthetho kaThixo. Kusenokwenzeka ukuba uEli waziphumeza ngokuthembeka izabelo zakhe ezisisigxina zobubingeleli yaye mhlawumbi oonyana bakhe, uHofeni noPinehasi, wabafundisa kakuhle uMthetho kaThixo. Noko ke, uEli wayeyekelela kakhulu kwaba nyana bakhe. UHofeni noPinehasi babekhonza njengababingeleli abancedisayo, kodwa “babengamatshijolo,” benomdla kuphela ekwaneliseni iziqu zabo neminqweno yabo yokuziphatha okubi. Ukanti, xa benza izinto ezilihlazo kumhlaba ongcwele, uEli akazange akhaliphe aze abasuse kwezo zikhundla. Wabangxolisa ngendlela ethambileyo. Ngokuyekelela, uEli wayehlonela oonyana bakhe kunoThixo. Ngenxa yoko, oonyana bakhe bavukela unqulo olunyulu lukaYehova ibe yonke indlu kaEli yehlelwa yintlekele.—1 Samuweli 2:12-17, 22-25, 29; 3:13, 14; 4:11-22.
11. Abazali banokufunda ntoni kumzekelo ombi kaEli?
11 Abantwana bakaEli babesele bebadala xa kwakusenzeka oku, kodwa le mbali ibethelela ingozi yokungabi nangqeqesho. (Thelekisa IMizekeliso 29:21.) Bambi abazali basenokubhidanisa uthando novula-zibhuqe, bangamiseli migaqo icacileyo, efanayo nesengqiqweni. Bayasilela ukusebenzisa uqeqesho olunothando, kwanaxa kuvukelwa imigaqo yobuthixo. Ngenxa yaloo vula-zibhuqe, abantwana babo basenokuphela bengasalikhathalele igunya labazali nelalo naluphi na uhlobo.—Thelekisa INtshumayeli 8:11.
12. Yiyiphi impazamo eyenziwa nguRehabheham ekusebenziseni igunya?
12 Omnye umzekelo wokugabadela ekusebenziseni igunya nguRehabheham. Wayengukumkani wokugqibela wobukumkani obumanyeneyo bakwaSirayeli, kodwa wayengalunganga. URehabheham washiyelwa ilifa lelizwe elinabantu ababenganelisekanga ngenxa yemithwalo eyayithiwe zinzi emagxeni abo nguyise, uSolomon. Ngaba uRehabheham wayiqonda loo nto? Akunjalo. Xa igqiza elithile lamcela ukuba anyenyise loo dyokhwe yengcinezelo, akazange alikhathalele icebiso labo bacebisi bakhe bakhulu waza wayalela ukuba idyokhwe yobunzima iqiniswe. Oko kuzikhukhumalisa kwakhe kwaqhwaya imvukelo kwizizwe ezilishumi zangasentla, yaye obo bukumkani bahluka kubini.—1 Kumkani 12:1-21; 2 Kronike 10:19.
13. Abazali banokuyiphepha njani impazamo kaRehabheham?
13 Abazali basenokufunda isifundo esibalulekileyo kwingxelo yeBhayibhile engoRehabheham. Kufuneka ‘bafune uYehova’ ngomthandazo baze bahlolisise iindlela ababakhulisa ngazo abantwana babo besebenzisa imigaqo yeBhayibhile. (INdumiso 105:4, NW) “Ukucudisa kugezisa isilumko,” itsho njalo INtshumayeli 7:7. Ukubekela abantwana abafikisayo imida ecingisiswe kakuhle kubanika ithuba lokukhula kuze kubakhusele ekonzakaleni. Kodwa abantwana abafanele baphathwe ngokungqongqo baze babotshelelwe bade bangakwazi ukuzimela nokuzithemba. Xa abazali bezama ukulungelelana xa bebanika inkululeko naxa bebamisela imida engqongqo necacileyo, inkoliso yabakwishumi elivisayo ayinakufane ivukele.
UKWANELISA IINTSWELO EZISISISEKO KUNOKUYITHINTELA IMVUKELO
14, 15. Abazali bafanele bakujonge njani ukukhula komntwana wabo?
14 Ngoxa abazali bevuyiswa kukubona umntwana wabo ekhula abe ngumntu omkhulu, basenokukhathazeka xa loo mntwana engasaxhomekekanga kubo kodwa ezimele ngendlela efanelekileyo. Kweli xesha lotshintsho, musa ukothuka xa umntwana wakho okwishumi elivisayo maxa wambi esiba neenkani okanye engeva. Khumbula ukuba usukelo lwabazali abangamaKristu kukukhulisa amaKristu aqolileyo, azinzileyo nanenkathalo.—Thelekisa eyoku-1 kwabaseKorinte 13:11; Efese 4:13, 14.
15 Nangona kunzima oko, abazali kufuneka bawuyeke umkhwa wokukhathazeka xa abantwana babo abakwishumi elivisayo befuna inkululeko ethe chatha. Ngendlela efanelekileyo, umntwana kuyafuneka akhule njengomntu ozimeleyo. Eneneni, beselula, abanye abakwishumi elivisayo badla ngokukhawuleza baqabuke. Ngokomzekelo, iBhayibhile ithi ngoKumkani uYosiya: “Esemncinane [malunga ne-15 leminyaka ubudala], waqala wamquqela uThixo kaDavide.” Lo mfana ukwishumi elivisayo kucacile ukuba wayengumntu oqolileyo.—2 Kronike 34:1-3.
16. Xa abantwana benikwa imbopheleleko eyongezelelekileyo, yintoni abafanele bayiqonde?
16 Noko ke, inkululeko ifuna umntu aziphendulele. Ngoko ke, myeke lo mntu usakhulayo ayive imiphumo yezigqibo neyezinto azenzayo. Umgaqo othi, “nantoni na umntu ayihlwayelayo, uya kuvuna kwayona,” usebenza kwabakwishumi elivisayo nakubantu abakhulu. (Galati 6:7) Abantwana abanakusoloko befakwe ekhwapheni ngalo lonke ixesha. Kuthekani ke ukuba umntwana wakho ufuna ukwenza into ephume ecaleni? Njengomzali onenkathalo, kuyafuneka ukuba uthi, “Hayi.” Ibe, nangona usenokumchazela isizathu soko, makungabikho nto itshintsha uhayi wakho abe nguewe. (Thelekisa uMateyu 5:37.) Sekunjalo, zama ukuthi “Hayi” ngendlela ezolileyo nesengqiqweni, kuba, “impendulo ethambileyo ibuyisa ubushushu.”—IMizekeliso 15:1.
17. Ziziphi ezinye iintswelo zomntwana okwishumi elivisayo abazali abafanele bazanelise?
17 Abantu abaselula kufuneka bakhuselwe ngokuqhubeka beqeqeshwa kwanokuba abasoloko beyamkela imigaqo nemiqathango abayimiselwayo. Iyacaphukisa into yokutshintshwa kwemigaqo, ngenxa yabazali abalala neli bavuke neli. Ngaphezu koko, ukuba abakwishumi elivisayo bayakhuthazwa baze bancedwe, xa kuyimfuneko, bahlangabezane nokuba neentloni, okanye ukungazithembi, banamathuba amaninzi okuba ngabazinzileyo ekukhuleni kwabo. Kwakhona abakwishumi elivisayo bayakuxabisa ukuthenjwa abaye bakusebenzela.—Thelekisa uIsaya 35:3, 4; Luka 16:10; 19:17.
18. Ziziphi ezinye izinto eziyinyaniso ezikhuthazayo ngokuphathelele abakwishumi elivisayo?
18 Abazali banokuthuthuzelwa kukwazi ukuba xa kukho uxolo, inzolo nothando entsatsheni, abantwana badla ngokuphumelela. (Efese 4:31, 32; Yakobi 3:17, 18) Ewe, abaselula abaninzi bakhulele kumakhaya aneemeko ezimaxongo, baphuma kwiintsapho ezinamakhoboka otywala, ugonyamelo, okanye ezinempembelelo eyenzakalisayo, kwaye baye bakhula bangabantu abakhulu abaphucukileyo. Ngenxa yoko, ukuba abakwishumi elivisayo ubanika ikhaya abaziva bekhuselekile kulo, besazi ukuba baya kufumana uthando, umsa nengqalelo kulo—nokuba ubamisela imiqathango esengqiqweni yaye ubaqeqesha ngemigaqo yeZibhalo—maninzi amathuba okuba bakhule babe ngabantu abakhulu oya kuba neqhayiya ngabo.—Thelekisa IMizekeliso 27:11.
XA ABANTWANA BENGENA ENKATHAZWENI
19. Nangona abazali befanele baqeqeshe umntwana ngendlela afanele ahambe ngayo, yiyiphi imbopheleleko anayo umntwana?
19 Ngokuqinisekileyo ukukhulisa abantwana ngendlela efanelekileyo kuluncedo. IMizekeliso 22:6 ithi: “Mfundise umntwana ngendlela efanele umntwana; naxa athe wamkhulu, akasayi kumka kuyo.” Sekunjalo, kuthekani ngabantwana ababa neengxaki ezinzulu ngoxa benabazali abalungileyo? Ngaba iyenzeka loo nto? Ewe. Amazwi akwimizekeliso simele siwathelekise nalawo eendinyana ezibethelela ukuba imbopheleleko yomntwana ‘kukuphulaphula’ aze ahlonele abazali. (IMizekeliso 1:8) Umzali nomntwana bamele basebenzisane ekusebenziseni imigaqo yeZibhalo ukuze intsapho ivisisane. Ukuba abazali nabantwana abasebenzisani, kuya kubakho iinkathazo.
20. Xa umntwana esenza isiphoso ngenxa yokungaqondi, yiyiphi indlela abazali abanokukusingatha ngayo oko ngobulumko?
20 Bafanele benze ntoni abazali xa okwishumi elivisayo esenza isiphoso okanye engena enkathazweni? Xa kunjalo, okwishumi elivisayo ufuna uncedo ngokukhethekileyo. Ukuba abazali bayakhumbula ukuba basebenzisana noselula ongenamava, kuya kuba lula ngakumbi ukuba bakuphephe ukubaxa izinto. UPawulos waluleka ibandla labantu abaqolileyo wathi: “Nakuba umntu ethabatha inyathelo elithile eliphosakeleyo ngaphambi kokuba akuqonde oko, nina enineemfaneleko zokomoya zamani ukumlungisa onjalo ngomoya wobulali.” (Galati 6:1) Abazali basenokulandela kwale nkqubo xa besebenzisana nomntu oselula owenze isiphoso ngenxa yokungaqondi. Xa bemchazela isizathu sokuba ihambo yakhe iyephosakeleyo nangendlela anokukuphepha ngayo ukuphinda loo mpazamo, abazali bamele bamcacisele ukuba yiloo hambo iphosakeleyo embi, kungekhona lowo uselula.—Thelekisa uYude 22, 23.
21. Belandela umzekelo webandla lamaKristu, abazali banokwenza ntoni ukuba abantwana babo benza isono esinzulu?
21 Kuthekani ukuba oselula utsiba ilitye likaPhungela? Xa enjalo loo mntwana ufuna uncedo olukhethekileyo nolwalathiso lobuchule. Xa ilungu lebandla lisenza isono esinzulu, likhuthazwa ukuba liguquke lize liye kufuna uncedo kubadala. (Yakobi 5:14-16) Lakuguquka, abadala bayalinceda libuyele kwimeko entle yokomoya. Entsatsheni ngabazali abanembopheleleko yokunceda okwishumi elivisayo owenza isiphoso, nangona kusenokufuneka bawuxubushe nabadala loo mbandela. Ngokuqinisekileyo abafanele bazame ukulifihlela iqumrhu labadala nasiphi na isono esinzulu esenziwe ngomnye wabantwana babo.
22. Bexelisa uYehova, sisiphi isimo sengqondo abazali abaya kuzama ukuba naso ukuba umntwana wabo wenza impazamo enzulu?
22 Kuluvavanyo olukhulu ukungena engxakini enzulu komntwana wakho. Kuba abazali bekhathazekile, basenokubawela ukumgrogrisa loo mntwana unxaxhayo; kodwa oku kusenokumcaphukisa. Khumbulani ukuba ikamva lalo mntu uselula lisenokuxhomekeka kwindlela aphathwa ngayo ngeli xesha asebunzimeni. Kwakhona, khumbula ukuba uYehova wayekulungele ukubaxolela abantu bakhe xa bephambuka kokulungileyo—ukuba babeguquka. Phulaphula la mazwi akhe othando: “Khanize sibonisane, utsho uYehova; nokuba izono zenu zide zavela zanjengengubo ebomvu, zoba mhlophe njengekhephu; nokuba zide zayingqombela njengebala elibomvu, zovela zinjengoboya begusha.” (Isaya 1:18) Onjani wona ukuba mhle umzekelo kubazali!
23. Yintoni abafanele bayenze, yaye yintoni abafanele bayiphephe abazali, xa omnye wabantwana babo enze isono esinzulu?
23 Ngenxa yoko, zamani ukumkhuthaza onxaxhayo ashiye elo khondo lakhe. Funani icebiso elakhayo kubazali abanamava nakubadala bebandla. (IMizekeliso 11:14) Zamani ukungatyhuthuzeli, nize nithethe okanye nenze izinto ngendlela eya kwenza umntwana wenu angaze aphinde abuyele kuni. Kuphepheni ukuba nomsindo okanye ukucaphuka ngokungalawulekiyo. (Kolose 3:8) Musani ukunikezela ngokukhawuleza. (1 Korinte 13:4, 7) Nangona nikuthiyile okubi, kuphepheni ukuba ngqwabalala nize nibonakalise ingqumbo kumntwana wenu. Okubaluleke ngakumbi kukuba abazali bafanele bazame ukumisela umzekelo omhle baze bagcine ukholo lwabo kuThixo lomelele.
UKUSINGATHA IMEKO YOMVUKELI ONGAZIMISELANGA KUTSHINTSHA
24. Yiyiphi imeko ebuhlungu edla ngokwenzeka kwintsapho yamaKristu, yaye abazali bafanele benze ntoni?
24 Ngamanye amaxesha kuye kucace ukuba oselula wenze isigqibo sokuvukela aze ayigatye yonke imilinganiselo yobuKristu. Ngoko ke nimele ninikele ingqalelo ekulondolozeni nasekwakheni ngokutsha ubomi bentsapho babo baseleyo. Lumkani ningachitheli onke amandla enu kumvukeli lowo, nide nibalibale abanye abantwana. Kunokuzama ukuyifihlela intsapho ngale ngxaki, wuxubusheni nayo lo mbandela ngendlela efanelekileyo nethuthuzelayo.—Thelekisa IMizekeliso 20:18.
25. (a) Belandela umzekelo webandla lamaKristu, abazali banokwenza ntoni ukuba umntwana wabo uba ngumvukeli ongazimiselanga kutshintsha? (b) Yintoni abafanele bayikhumbule abazali ukuba omnye wabantwana babo uyavukela?
25 Umpostile uYohane wathi ngomvukeli oncanyiweyo ebandleni: “Ningaze nimamkele emakhayeni enu okanye nimbulise.” (2 Yohane 10) Abazali basenokukubona kuyimfuneko ukwenza oko kumntwana wabo ukuba sele ekhulile ngokweminyaka yaye uya esiba ngumvukeli ngokupheleleyo. Nangona oko kusenokubonakala kunzima yaye kukhathaza, maxa wambi kubalulekile ukuze kukhusele intsapho yonke. Intsapho yakho iyakufuna ukukhuselwa nokuqhubeka isonganyelwa nguwe. Ngenxa yoko, hlala umisela imigaqo yokuziphatha ecacileyo, kodwa esengqiqweni. Nxibelelana nabanye abantwana bakho. Yiba nomdla kwindlela abaqhuba ngayo esikolweni nasebandleni. Kwakhona, bazise ukuba nangona ungakuthandi okwenziwa nguloo mntwana unemvukelo, akumcaphukeli. Gxeka isenzo, kungekhona umntwana. Xa oonyana bakaYakobi ababini bazisela intsapho yabo ishwangusha ngenxa yenkohlakalo abayenzayo, uYakobi waqalekisa umsindo wabo onogonyamelo, kungekhona oonyana bakhe.—Genesis 34:1-31; 49:5-7.
26. Abazali abanyanisekileyo banokuthuthuzelwa yintoni ukuba omnye kubantwana babo uyavukela?
26 Usenokuziva ubophelelekile ngoko kwenzeke kwintsapho yakho. Kodwa ukuba ngomthandazo wenze konke okusemandleni akho, ulandela icebiso likaYehova kangangoko unako, asikho isizathu sokuba uzidlel’ indlala. Thuthuzelwa sisibakala sokuba akakho umntu onokuba ngumzali ofezekileyo, kodwa uye wenza umgudu wokuba ngolungileyo. (Thelekisa IZenzo 20:26.) Ukuba nomvukeli ophandle entsatsheni kubuhlungu, kodwa ukuba ungehlelwa koko, qiniseka ukuba uThixo uyaqonda ibe akanakuze abashiye abakhonzi bakhe abazinikeleyo. (INdumiso 27:10) Ngoko zimisele ukugcina ikhaya lakho likhuselekile, lilelokomoya kubantwana abaseleyo.
27. Bekhumbula umzekeliso wonyana wolahleko, liliphi ithemba abanokuhlala benalo abazali abanabantwana abavukelayo?
27 Ngaphezu koko, ungaze ulahl’ ithemba. Uqeqesho obulunikele ekuqaleni lusenokuyifikelela intliziyo yomntwana onxaxhayo aze abuyele ezingqondweni. (INtshumayeli 11:6) Inkoliso yeentsapho zamaKristu ziye zanamava afana nawakho, yaye abanye baye babona abantwana babo abanxaxhayo bebuya, kanye njengokuba kwenzekayo kubawo okumzekeliso kaYesu wonyana wolahleko. (Luka 15:11-32) Nakuwe kunokwenzeka okufanayo.
LE MIGAQO YEBHAYIBHILE INGAMNCEDA NJANI . . . UMZALI ATHINTELE IMVUKELO ENZULU ENTSATSHENI?
Xa engancedwa, umntwana unokonakaliswa ngumoya wehlabathi.—IMizekeliso 13:20; Efese 2:2.
Abazali kufuneka balungelelane ekumiseleni imiqathango nasekuyekeleleni.—INtshumayeli 7:7; 8:11.
Ihambo ephosakeleyo imele isingathwe, kodwa ngomoya wobulali.—Galati 6:1.
Abenze izono ezinzulu ‘banokuphiliswa’ ukuba bayaguquka baze bamkele uncedo.—Yakobi 5:14-16.
[Ibhokisi ekwiphepha 82]
BACHAZELENI
Abantwana abafikisayo baya kuba namathandabuzo nexhala ngokuphathelele inkululeko ethe chatha. Basenokuthandabuza enoba bangakwazi kusini na ukuziphilela ehlabathini. Kuba ngathi bazama ukuhamba kwindlela emtyibilizi. Nina baselula, bachazeleni abazali benu izinto enizoyikayo nenizixhaleleyo. (IMizekeliso 23:22) Okanye ukuba uvakalelwa kukuba abazali bakho bangqongqo gqitha, thetha nabo ucele inkululeko ethe chatha. Ceba ukuthetha nabo xa niphumle naxa bengaxakekanga. (IMizekeliso 15:23) Zinikeni ixesha lokuphulaphulana.
[Umfanekiso okwiphepha 83]
Mhlawumbi, abantwana baya kukhula bezinze ngakumbi ukuba abazali babo bayabanceda bahlangabezane neengxaki zeminyaka yeshumi elivisayo