“Nikelani Ingqalelo Kwindlela Eniphulaphula Ngayo”
UKUPHULAPHULA kubalulekile ukuze ufunde. Kunokude kuchaphazele nethemba likabani lokusinda. Xa uYehova wayelungiselela ukuhlangula abantu bakhe kubukhoboka baseYiputa, wanika uMoses imiyalelo, waza yena waxelela amadoda amakhulu akwaSirayeli oko ayemele akwenze ukuze asindise amazibulo awo kwingelosi yokufa. (Eks. 12:21-23) Emva koko, amadoda amakhulu adlulisela le nkcazelo kwintsapho nganye. Le nkcazelo yayidluliselwa ngomlomo. Kwakufuneka abantu baphulaphule ngenyameko. Asabela njani? IBhayibhile ithi: “Benza ke bonke oonyana bakaSirayeli kanye njengoko uYehova wabayalelayo uMoses noAron. Benza njengoko.” (Eks. 12:28, 50, 51) Ngenxa yoko, uSirayeli wahlangulwa ngendlela eyoyikekayo.
Namhlanje uYehova ulungiselela ukusihlangula ngendlela ezuke ngakumbi. Ngokuqinisekileyo, sifanele sinikele ingqalelo ngokunyanisekileyo kwimfundiso ayinikelayo. Loo mfundiso inikelwa kwiintlanganiso zebandla. Ngaba ungenelwa ngokuzeleyo kwezi ntlanganiso? Ubukhulu becala kuxhomekeke kwindlela ophulaphula ngayo.
Ngaba uye uzikhumbula iimbalasane zemfundiso oyifumana ezintlanganisweni? Ngaba ngumkhwa wakho weveki nganye ukukhangela iindlela onokuyisebenzisa ngazo ebomini bakho imfundiso enikelwayo okanye onokwabelana ngazo nabanye?
Yilungise Intliziyo Yakho
Ukuze singenelwe ngokuzeleyo kwimfundiso enikelwa kwiintlanganiso zamaKristu, kufuneka silungise iintliziyo zethu. Isiganeko esenzeka ebudeni bolawulo lukaKumkani uYehoshafati wakwaYuda sigxininisa ukubaluleka kokulungisa iintliziyo. UYehoshafati walumela ngenkalipho unqulo lokwenyaniso. ‘Wazisusa iindawo eziphakamileyo kwanezibonda ezingcwele kwaYuda’ waza wathuma iinkosana, abaLevi kunye nababingeleli ukuba bafundise uMthetho kaYehova kubantu bazo zonke izixeko zakwaYuda. Ukanti “iindawo eziphakamileyo azizange zithi shwaka.” (2 Kron. 17:6-9; 20:33) Unqulo-zithixo kunye nendlela engekho mthethweni yokunqula uYehova eyayiqheliselwa kwiindawo eziphakamileyo zabahedeni zazithabathe unyawo kangangokuba azizange zishenxiswe ngokupheleleyo.
Kwakutheni ukuze imfundiso eyayilungiselelwe nguYehoshafati ingabi nempembelelo ehlala ihleli? Le ngxelo iyaqhubeka: “Abantu babengekayilungiseleli uThixo wookhokho babo intliziyo yabo.” Babesiva kodwa bangakwenzi oko bafanele bakwenze. Mhlawumbi babevakalelwa kukuba kwakubasokolisa ukuya etempileni eYerusalem ukuze banikele imibingelelo. Enoba yayinjani na imeko, iintliziyo zabo zazingaqhutywa lukholo.
Ukuze siphephe ukubuyela kwiindlela zehlabathi likaSathana, simele silungise iintliziyo zethu ukuze zifumane imfundiso elungiselelwa nguYehova namhlanje. Njani? Enye indlela engundoqo kukuthandaza. Sifanele sithandaze ukuze siyamkele ngombulelo imfundiso yobuthixo. (INdu. 27:4; 95:2) Ukwenjenjalo kuya kusinceda siyixabise imigudu eyenziwa ngabazalwana bethu abathi, nangona bengafezekanga, bazenze bafumanekele ukusetyenziswa nguYehova ekufundiseni abantu bakhe. Kuya kusishukumisela ekubeni simbulele uYehova kungekuphela ngenxa yezinto ezintsha esizifundayo kodwa nangenxa yethuba esilifumanayo lokuziqonda nangakumbi izinto ebesizazi ngaphambili. Ngenxa yomnqweno esinawo wokwenza ukuthanda kukaThixo ngokuzeleyo, sithandaza sisithi: “Ndiyalele, Yehova, ngendlela yakho. . . . Yenze imanyane intliziyo yam ukuba iloyike igama lakho.”—INdu. 86:11.
Nikela Ingqalelo
Mininzi imiqobo esithintela ukuba singaphulaphuli ngenyameko. Iingqondo zinokuphehluzeliswa ngamaxhala. Ingxolo kunye nokuphithizela kwabaphulaphuli okanye kwabantu abangaphandle kuloo ndawo sihlanganisana kuyo zinokusiphazamisa. Ukungaziva mnandi kunokwenza kube nzima ukunikela ingqalelo. Abo banabantwana abancinane badla ngokukufumanisa kunzima ukunikela ingqalelo kwinto enye. Yintoni enokusinceda siqhubeke sinikele ingqalelo kucwangciso?
Amehlo aba nempembelelo enkulu kwingqalelo yethu. Sebenzisa amehlo akho ngokuwatsolisa kwisithethi ibe aya kukunceda unikele ingqalelo. Xa isithethi sicaphula indinyana yeBhayibhile—kwanokuba yeqhelekileyo—yityhile, uhambisane naso njengoko siyifunda. Yixhathise nantoni na ekutsalela ekubeni, usoloko ukrwaqula kwelo cala linengxolo okanye umntu ohambayo. Ukuba amehlo azalisa ingqondo yakho ngenkcazelo ephazamisayo, uya kuphoswa luninzi lwezinto ezithethwa eqongeni.
Ukuba kukho ‘iingcamango eziphazamisayo’ ezenza kube nzima ukuba unikele ingqalelo kucwangciso, thandaza kuYehova umcele ukuba azinzise ingqondo nentliziyo yakho ukuze unikele ingqalelo. (INdu. 94:19; Fil. 4:6, 7) Wuphindaphinde loo mthandazo xa kuyimfuneko. (Mat. 7:7, 8) Iintlanganiso zebandla zililungiselelo elivela kuYehova. Unokuqiniseka ukuba ufuna ungenelwe kuzo.—1 Yoh. 5:14, 15.
Ukuphulaphula Iintetho
Kusenokwenzeka ukuba uyazikhumbula ezona ngongoma zikuchukumisileyo oye waziva ezintethweni. Noko ke, ukuphulaphula intetho kubandakanya okungaphezulu kunokuqokelela iingongoma ezibalaseleyo. Intetho ifana nohambo. Nangona kusenokubakho izinto ezithi ndijonge endleleni, eyona nto ibalulekileyo yile ndawo uya kuyo, eyona njongo yalo. Kusenokwenzeka ukuba isithethi sizama ukweyisela abaphulaphuli ekubeni benze isigqibo esithile okanye sizama ukubashukumisela ekubeni bathabathe inyathelo elithile.
Khawuqwalasele intetho eyanikelwa nguYoshuwa kuhlanga lwakwaSirayeli, ebhalwe kuYoshuwa 24:1-15. Injongo yakhe yayikukushukumisela abantu ukuba balumele ngokuqinileyo unqulo lokwenyaniso ngokuzikhwebula ngokupheleleyo kunqulo-zithixo lweentlanga ezazibangqongile. Kutheni kwakubaluleke kangako nje oko? Kaloku unqulo lobuxoki olwalwesamele lwalusisisongelo esinzulu ekumeni okuhle kolo hlanga phambi koYehova. Abantu basabela kwisibongozo sikaYoshuwa ngokuthi: “Makube lee, kuthi, ukushiya uYehova ukuze siye kukhonza abanye oothixo. . . . Siya kukhonza uYehova.” Ibe benjenjalo!—Yosh. 24:16, 18, 31.
Njengoko uphulaphula intetho, zama ukuyiqonda injongo yayo. Qwalasela indlela iingongoma ezibekwa sisithethi eziyenza iyifikelele ngayo loo njongo. Zibuze ukuba loo nkcazelo ifuna ukuba wenze ntoni na wena.
Ukuphulaphula Ebudeni Beengxubusho
ISifundo seMboniselo, iSifundo Sencwadi Sebandla kunye neenxalenye ezithile zeNtlanganiso Yenkonzo zisingathwa njengeengxubusho zemibuzo neempendulo zombandela osekelwe eBhayibhileni.
Ukuphulapula ingxubusho kufana nokuncokola ngandlel’ ithile. Ukuze ungenelwe ngokuzeleyo, phulaphula ngenyameko. Qwalasela ukuba loo ngxubusho isingise kweliphi na icala. Phawula indlela umqhubi wayo awugxininisa ngayo umxholo nezona ngongoma ziyintloko. Yihlafunisise kakuhle imibuzo yakhe. Phulaphula njengoko abanye becacisa yaye bebonisa indlela osebenza ngayo loo mbandela. Ukuyijonga ngendlela abanye abayijonga ngayo loo nkcazelo kuya kukwenza uwujonge ngolunye uhlobo umbandela oqhelene nawo. Yiba negalelo koku kuphakelan’ izimvo ngokuvakalisa olwakho ukholo.—Roma 1:12.
Ukuwufunda kusengaphambili umbandela owabelweyo kuya kukunceda unikele ingqalelo kuloo ngxubusho yaye ulandele amagqabaza anikelwa ngabanye. Ukuba iimeko zakho zenza kube nzima ukuba uwucokise loo mbandela, ubuncinane ke ziphe imizuzu embalwa yokuhlola amagqabantshintshi aloo nkcazelo ngaphambi kwentlanganiso. Ukwenjenjalo kuya kukwenza uzuze ngakumbi kuloo ngxubusho.
Ukuphulaphula Kwiindibano Ezincinane Nakwezinkulu
Kwiindibano ezincinane nakwezinkulu, zidla ngokuba zininzi nangakumbi iziphazamiso kunakwiintlanganiso zebandla. Oku kunokwenza ukuphulaphula kube lucelomngeni olungakumbi. Yintoni enokusinceda?
Undoqo kukuphumla ngokwaneleyo ebusuku. Ngaphambi kokuba kuqalise ucwangciso, suku ngalunye bethelela umxholo engqondweni yakho. Hlola umxholo wentetho nganye, uze uzame ukuthelekelela oko ikuquletheyo. Yisebenzise kakuhle iBhayibhile yakho. Abantu abaninzi bafumanisa ukuba ukubhala amanqaku amafutshane eengongoma eziziintloko kuyabanceda bagcine iingqondo zabo zinamathele kucwangciso. Bhala imfundiso oceba ukuyisebenzisa kubomi nakubulungiseleli bakho. Xubushani iingongoma ezimbalwa endleleni eyayo nebuya endibanweni. Oku kuya kukunceda uyikhumbule loo nkcazelo.
Ukuqeqesha Abantwana Ukuba Baphulaphule
Abazali abangamaKristu banokubanceda abantwana babo—kwaneentsana—ukuba babe ‘nobulumko obusa elusindisweni’ ngokuya nabo kwiintlanganiso zebandla nakwiindibano ezincinane nezinkulu. (2 Tim. 3:15) Ekubeni abantwana benotyekelo olungafaniyo yaye nexesha abanokunikela ingqalelo ngayo lingalingani, kufuneka ukuqonda ukuze bancedwe banikele ingqalelo. Mhlawumbi la macebiso alandelayo niya kuwafumanisa eluncedo.
Xa nisekhaya, lungiselelani ukuba kubekho amaxesha apho abantwana abaselula bahlala phantsi bazole baze bafunde okanye babuke imifanekiso yeempapasho zethu zamaKristu. Ezintlanganisweni, kuphephe ukunika abantwana izinto zokudlala ngelizama ukubagcina bexakekile. Njengoko kwakunjalo kuSirayeli wamandulo, nanamhlanje abantwana babakho “ukuze baphulaphule nokuze bafunde.” (Dut. 31:12) Xa kusenzeka, abanye abazali bade banike nabantwana abancinane imibhalo yabo yeempapasho ezifundwayo. Njengoko besiya bekhula abantwana, bancede balungiselele ukuba nesabelo kwiinxalenye zocwangciso ezifuna abaphulaphuli babe nenxaxheba.
IZibhalo zityhila ukuba ukuphulaphula uYehova nokumthobela ngamathe nolwimi. Oku unokukubona kumazwi kaMoses awayewabhekisa kuhlanga lwakwaSirayeli esithi: “Ndibeke phambi kwakho ubomi nokufa, intsikelelo nesiqalekiso; nyula ke ubomi . . . ngokuthi umthande uYehova uThixo wakho, uliphulaphule ilizwi lakhe, unamathele kuye.” (Dut. 30:19, 20) Namhlanje, kubalulekile ukuphulaphula imfundiso enikelwa nguYehova nokuyisebenzisa ebomini bethu ukuze sifumane inkoliseko kaThixo kunye nentsikelelo yobomi obungunaphakade. Ngoko, hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba sithobele isibongozo sikaYesu esithi: “Nikelani ingqalelo kwindlela eniphulaphula ngayo”!—Luka 8:18.