Ingoma 62
Singabakabani?
Printed Edition
1. Ungokabani na?
Uthobela bani na?
Lowo nguthixo omkhonzayo,
Nenkosi oyinqulayo.
Akunakukhonza
Iinkosi ezimbini,
Kuba enye uya kuyithanda
Kodw’ enye uyithiye.
2. Ungokabani na?
Uthobela bani na?
Kukho uthixo wobuxoki,
Kukwakho nowenyaniso.
Ngaba wothobela
Ulawulo lwabantu?
Okanye ulaw’lo lukaThixo
Wenze intando yakhe?
3. Ungokabani na?
NdingokaYehova mna.
Ndiya kumthobela uBawo,
Ndimkhonze ngokuthembeka.
Uthumel’ uNyana
Ukuba andifele.
Ndolizukisa yonke imihla
Igama likaThixo.
(Bona nezi: Yosh. 24:15; INdu. 116:14, 18; 2 Tim. 2:19.)