“UYehova Ngumalusi Wam”
“UYehova ngumalusi wam, andisweli lutho.”—INDUMISO 23:1.
1, 2. Ziziphi ezinye zezinto uDavide awazifezayo, yaye zingaphi iindumiso awaziqambayo?
KHAWUTHELEKELELE oku kwenzekayo: imikhosi yamaFilisti ijongene nomkhosi wakwaSirayeli. UGoliyati, ingxilimbela engumFilisti, ifun’ undikho. Ityendyana lomfana, elixhobe nje kuphela ngesilingi namatye, liyabaleka ukuya kumkhawulela. llitye elijoliswe ngokuchanileyo lihlaba ligqobhoze ukhakhayi lwengxilimbela lize liyibulale. Yayingubani eli tyendyana lomfana? YayinguDavide, umalusi owazuza olu loyiso luchukumisayo ngoncedo lukaYehova uThixo.—1 Samuweli, isahluko 17.
2 Ekuhambeni kwexesha, eli gatyana lomfana laba ngukumkani wakwaSirayeli, lalawula iminyaka engama-40. Laliyincutshe ekubetheni uhadi nasekuqambeni imihobe emininzi ngokuphefumlelwa nguThixo. UDavide wakwabhala iindumiso ezihlab’ umxhelo ezingaphezu kwama-70 ezingumthombo wokhuthazo nokhokelo olungakumbi kubantu bakaYehova namhlanje. Eyona Ndumiso yaziwa kakhulu kwezi yama-23. Kutheni ungavuli iBhayibhile yakho nje uze ulandele njengoko sifundisisa ngokulandelelanayo iindinyana zale ndumiso?
UYehova, Umalusi Onothando
3. (a) Kungaziphi izihlandlo awathi uDavide wabeka engozini ubomi bakhe ukuze akhusele izimvu zakhe? (b) DYehova unguMalusi wethu ngayiphi ingqiqo?
3 “UYehova ngumalusi wam.” (INdumiso 23:1) Njengomalusi onamaya, uDavide wayeyazi indlela yokukhokela, yokondla neyokukhusel a izimvu. Ngokomzekelo, ngesinye isihlandlo wazikhusela ngenkalipho izimvu zakhe ekuqwengweni yingonyama waza ngesinye wazikhusela kwibhere. (1 Samuweli 17:34-36) Izimvu zikaDavide zazimthembe ngokupheleleyo umalusi wazo. Kodwa ngokubhekisele kulwalamano noYehova, naye wayeyimvu. Ekubeni uDavide waziva enqabisekile ekunyanyekelweni ngokunothando nguThixo, wathi: “UYehova ngumalusi wam.” Ngaba uyayinandipha le mvakalelo yokunqabiseka phantsi koMalusi Omkhulu, uYehova uThixo? Ngokuqinisekileyo uyabakhokela, abondle aze abakhusele abanquli bakhe abanjengezimvu namhlanje. Ngaphezu koko, njengabadala abamiselweyo kumabandla amaNgqina kaYehova, abalusi abangaph: ntsi abanothando nabathembekileyo bazinyamekela ngenzondelelo izimvu.—1 Petros 5:1-4.
4. Imeko yethu namhlanje ifana njani naleyo yamaSirayeli entlango?
4 “Andisweli lutho.” Khawuwacingisise la mazwi. Ngenxa yenyameko kaYehova enothando, ngaba unemvakalelo ethomalalisayo yokuzola neyentembela? Uyakukhumbula na oka kwehlela amaSirayeli xa ayebhadula entlango kangangama-40 eminyaka? Ewe, uThixo wawalungiselela zonke iimfuno zawo ezisisiseko! Kuyinto efanayo namhlanje. Abakhonzi bakaYehova abathembekileyo abasweli nto. Abaninzi banokudanduluka ngala mazwi kaDavide aphefumlelweyo: “Ndakha ndamtsha, kungoku nje ndimdala; ukanti andizanga ndilibone ilungisa lishiywa, nembewu yalo ivukela ukutya.” (INdumiso 37:25) Namhlanje, kulungiselelwa intabalala yokutya kokomoya ‘ngomkhonzi othembekileyo noqondayo.’ (Mateyu 4:4; 24:45-47) Ukongezelela kwiintlanganiso eziliqela eziqhutywa ngeveki, sineBhayibhile, amaphephancwadi IMboniselo no Vukani!, nentaphane yezinye iimpapasho. Kwanakumazwe apho umsebenzi wokushumayela wamaNgqina kaYehova uvaliweyo, amalungiselelo okutya kokomoya afunyanwa ngalo lonke ixesha. Izimvu zikaYehova azisweli nto!
5. Kutheni izimvu zikaYehova namhlanje ziseluxolweni yaye zizolile, ibe uyintoni umphumo woko?
5 “Wenza ukuba mandibuthe emakriweni [emadlelweni, “NW”] aluhlaza.” (INdumiso 23:2) Kwakukho amadlelo amakhulu aluhlaza awayejikeleze izixeko ezininzi kwaSirayeli wamandulo. Njengoko wayesithi ngoko umalusi onothando akhokelele izimvu zakhe kumadlelo amahle nakhuselekileyo, uYehova uzinyamekela ngaloo ndlela izimvu zakhe namhlanje. Umdumisi uthi: “Thina ke singabantu bokwaluswa nguye.” (INdumiso 79:13; 95:7) Izimvu zokoqobo ziba sempilweni entle xa zanelisekile yaye ziyakwazi ukuziphumlela ngemini eshushu. lzimvu zikaYehova namhlanje ziseluxolweni yaye zizolile ngenxa yokuba zinentembelo kubalusi abakhulileyo—abaveleli abaqeqeshiweyo abasemabandleni naseziphalukeni. Ngenxa yoko, imihlambi yokomoya iyanda. Abantu abaninzi abebethe kwixa elidluleyo baphathwa kakubi ngabelusi bobuxoki beBhabhiloni Enkulu ngoku bonwabile yaye banelisekile njengezimvu zikaYehova.
6. UYehova ‘usithundezela emanzini angawokuphumla’ ngayiphi indlela?
6 “Undithundezela emanzini angawokuphumla.” KwaSirayeli umalusi wayemele akhokelele umhlambi wakhe kwiqula okanye kumsinga ukuze ufumane amanzi. Kodwa kwakudla ngokuba nzima ukufumana amanzi ngexesha lonyaka lokunqaba kweemvula. Namhlanje, uYehova ‘usithundezela emanzini angawokuphumla’ ngokusilungiselela amanzi amaninzi enyaniso. (Thelekisa uHezekile 34:13, 14.) Yaye umprofeti uIsaya udlulisela esi simemo sichukumisayo: “Wenani! Nonke nina ninxaniweyo, yizani emanzini.” (Isaya 55:1) Ngokusela kula manzi okomoya, izimvu ziyakhuselwa kwimigwebo enjengomlilo eya kuzela “abangamaziyo uThixo, nabangazilulameliyo iindaba ezilungileyo.”—2 Tesalonika 1:8; ISityhilelo 7:16, 17.
7. Kunini apho ukuhlaziyeka ngokomoya okubangelwa nguYehova kuluncedo ngokukhethekileyo, yaye kuphantsi kwaziphi iimeko ekunokuthi ukubethelela engqondweni iindinyana zeBhayibhile kungqineke kuyingenelo yokwenene?
7 “Uyawubuyisa [uyawuhlaziya, “NW”] umphefumlo wam.” (INdumiso 23:3) Xa sidiniwe, sisengxakini, sidimazekile, okanye sijongene nenkcaso ekrakra, uYehova uyasihlaziya ngeLizwi lakhe. Ngenxa yoko, kulungile ukuba amaKristu akwenze umkhwa ukufunda inxalenye ethile yeBhayibhile suku ngalunye. Ngaba uyakwenza oku? Bambi bakufumanise kuluncedo ukubethelela engqondweni izibhalo ezithile, ezinjenge-Eksodus 34:6, 7 okanye iMizekeliso 3:5, 6. Kunengenelo ngantoni oku? Xa kuvela amanqam yaye ungenayo iBhayibhile oyiphetheyo, ukucinga ngeZibhalo ezinamazwi athuthuzelayo kunokukomeleza ngokukhawuleza. Abazalwana abaninzi abaye bagwetyelwa ukuvalelwa entolongweni okanye ukugcinwa kwiikampu zayo ngenxa yokumela ngokuqinileyo imigaqo yobulungisa baye bahlaziyeka baze bomelela kakhulu ngokukhumbula izibhalo ababezibethelele engqondweni. Ewe, iLizwi likaThixo ‘livuyisa intliziyo’ yaye ‘likhanyisela amehlo’!—INdumiso 19:7-10.
8. Ngaba kulula ukulandela ‘iindlela zobulungisa,’ kodwa ukwenza oko kukhokelela entwenini?
8 “Undikhaphela ezindleleni zobulungisa.” Iindlela zobulungisa kunzima ukuzilandela, kodwa zikhokelela ebomini. Kunjengokuba uYesu wathi: “Limxinwa isango, icuthene nendlela, esa ebomini.” (Mateyu 7:14) Umpostile uPawulos wabonisa ingcamango efanayo ngokuxelela abafundi baseListra, elkoniyo nakwa-Antiyokwe: “Simelwe kukuphumela ezimbandezelweni ezininzi, ukungena ebukumkanini bukaThixo.” Yaye ngokuqinisekileyo uPawulos wayekwazi oko wayethetha ngako. Kungekudala ngaphambi koko, wayexulutywe ngamatye eListra waza washiywa engathi uza kufa!—IZenzo 14:19-22.
9. (a) UThixo ‘usikhaphela ezindleleni zobulungisa’ ngayiphi indlela? (b) Inokuba luncedo njani INdumiso 19:14? (c) Ziziphi izibhalo ezinokusinceda siphephe imigibe yokuwela kwisini esingekho mthethweni?
9 UYehova ‘usikhaphela ezindleleni zobulungisa’ ngokusikhokela nangokusiyala ngeLizwi nangentlangano yakhe. Kodwa abantu abaninzi bahamba ngendlela ebanzi nephangaleleyo “esa entshabalalweni.” (Mateyu 7:13) Ukungcola ngokwesini okwesameleyo nokwanda okukhawulezileyo kwesifo seAIDS kugxininisa imfuneko yokuba amaKristu aluphephe unxulumano olubi. (1 Korinte 15:33) Sikwamele sikunyamekele ukuthintela kanye iingcinga zethu ekubeni zibhadule kumajelo angcolileyo. (INdumiso 19:14) Ngokubhekiselele koko, masisebenzise ngamaxesha onke isiluleko esihle esinikelwa liLizwi likaThixo ngokuphathelele isini nendlela yokuphepha imigibe emininzi yokuziphatha okubi.—1 Korinte 7:2-5; Efese 5:5; 1 Tesalonika 4:3-8.
10. (a) Yiyiphi imbopheleleko anayo amaNgqina kaYehova ngokuphathelele igama likaThixo? (b) Kutheni le nto abantu behlabathi besoloko besigxeka? (c) UYehova uya kusinceda phantsi kwaziphi iimeko?
10 “Ngenxayegama lakhe.” AmaNgqina kaYehova anembopheleleko enkulu yokuzukisa igama likaThixo nokungazisi lugculelo kulo. (Mateyu 6:9; Eksodus 6:3; Hezekile 38:23) Abantu abaninzi behlabathi bayakhawuleza ukuhlaba amadlala kubantu bakaYehova. Ukuba oku kwenziwa ngenxa yokumela kwethu imigaqo yeBhayibhile enjengobundilele okanye ubungcwele begazi, siziva sine sazela esicocekileyo. Kodwa ukuba oku kwenziwa ngenxa yesenzo sethu esibi, siya kuba asimhloneli uYehova. (Isaya 2:4; IZenzo 15:28, 29; 1 Petros 4:15, 16) Ngoko kwanga singakuthiya okubi. (INdumiso 97:10) Ukuba siyatshutshiswa, uYehova uya kusoloko esinceda yaye esikhusela ngenxa yegama lakhe.
UYehova Ukhusela Izimvu Zakhe
11. Iyintoni intsingiselo yebinzana elithi “umfula wethunzi lokufa,” yaye oku kunokusikhumbuza ntoni ngokuphathelele uYesu?
11 “Nokuba ndihamba emfuleni wethunzi elinzulu, andoyiki bubi.” (INdumiso 23:4, NW) Inguqulelo kaIsaac Leeser ifundeka ngolu hlobo: “Ewe, nangona ndihamba emfuleni wethunzi lokufa, andiyi koyika bubi.” Oku kusenokusikhumbuza imiwonyo enzulu, okanye imifula, ehlisa iintaba zelakwaYuda kwicala elingasentshona loLwandle Olufileyo. Umfula, okanye umwonyo apho amarhamncwa atya inyama athi alalele ethunzini uyindawo eyingozi kwizimvu. UDavide watyhubela imifula emininzi eyingozi ebomini bakhe, awayesinda cebetshu ekufeni kuyo. Kodwa ekubeni uThixo wayemkhokela, wayenentembelo yaye akazange avumele uloyiko olugqithiseleyo. Simele sibe nentembelo efanayo kuYehova. La mazwi athi ‘kwithunzi lokufa’ kusekwanokusikhumbuza isiprofeto sikalsaya: “Abe mi basezweni lethunzi lokufa, ukukhanya kubengezele phezu kwabo.” UMateyu wabhekisela kwesi siprofeto waza wasisebenzisa kuYesu Kristu, esithi: “Abantu abo bahleli ebumnyameni babone ukukhanya okukhulu; nabo bahleli ezweni nasethunzini lokufa bavelelwe kukukhanya.” Kwenziwa njani oko? Ngephulo elikhulu lokushumayela elayalelwa ngu Yesu.—Isaya 9:2; Mateyu 4:13-16.
12. (a) Abakhonzi bakaYehova baye bayinyamezela njani intshutshiso kumazwe amaninzi, yaye ube yintoni umphumo? (b) UPetros wawakhuthaza njani amaKristu okuqala awayetshutshiswa?
12 UDavide ‘wayengoyiki bubi.’ Banjalo nabakhonzi bakaYehova bokwenyaniso namhlanje, nakubeni bengathandwa kweli hlabathi lingendawo lilawulwa nguSathana. (1 Yohane 5:19) Abantu abaninzi babathiye ngokwenene, yaye batshutshiswa ngokukrakra kwamanye amazwe. Kodwa kula mazwe bayaqhubeka beshumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani, nangona oko bengakwenzi ekuhleni njengoko bebeqhele ukwenjenjalo. Bayazi ukuba uYehova unabo yaye uya kubakhusela. (INdumiso 27:1) Kwenziwa inkqubela entle kumazwe amaninzi apho umsebenzi woBukumkani umele wenziwe ngokufihlakeleyo. Kumazwe anjalo, amaNgqina kaYehova adanduluka ngamazwi omdumisi athi: “UYehova ungakum, andoyiki; angandenza ntoni na umntu?” (INdumiso 118:6) La maNgqina akwimeko efana naleyo yamaKristu okuqala awathi umpostile uPetros wawabhalela la mazwi akhuthazayo: “Nokuba nithe neva ubunzima ngenxa yobulungisa, ninoyolo; musani ukoyika ngokoyikisa kwabo, ningakhathazeki nokukhathazeka.”—1 Petros 3:14.
13. (a) Yiyiphi inguqulelo ebangel’ umdla eyenzeka kwiNdumiso 23:4, yaye ngasiphi isizathu? (b) AmaKristu anokuloyisa njani uloyiko?
13 “Ngokuba unam wena.” Khawuphawule into ebangel’ umdla kakhulu kweli binzana. Umdumisi ophefumlelweyo akasabhekiseli kumntu wesithathu ubhekisela kowesibini. Endaweni yokuthetha ngoYehova njengokuthi “yena,” ngoku uDavide usebenzisa isimelabizo esithi “wena.” Kutheni esenza oko nje? Kungenxa yokuba esi sibonisa ukusondelelana okungakumbi. Ingozi isisondeza ngakumbi kuBawo wethu othandekayo, uYehova. Sithi ke ngoko sinandiphe ulwalamano olusondele ngakumbi naye. Ngokuthandaza nangokukhunga, sinokucela ukukhuselwa nguye, size ngaloo ndlela soyise uloyiko lwethu.—Thelekisa uZefaniya 3:12.
14. (a) Zizi phi izixhobo ababenazo abelusi ngexesha likaDavide, ibe babezisebenzisa njani? (b) Abelusi abangamaKristu bawukhusela njani umhlambi namhlanje?
14 “Intonga yakho, umsimelelo wakho, uyandithuthuzela.” Igama lesiHebhere elithi sheʹvet, eliguqulelwe ngokuthi “intonga,” linokuthetha umsimelelo womalusi. Intonga nomsimelelo zinokusetyenziselwa ukukhusela nokumela okanye ukubonisa igunya. Ngokuqinisekileyo, ezi zixhobo zinokuba luncedo kakhulu ekubetheni amarhamncwa anjengeengcuka neenyoka. Umsimelelo womalusi wawukwanokusetyenziselwa ukunqandela izimvu kwicala elilungileyo okanye ukubuyisa imvu ekhukulisekela ngokusondeleyo kwindawo enokuthi iwe kuyo ize yenzakale. Namhlanje, uYehova ulungiselela abelusi abathembekileyo, abadala bamabandla, abakhusela umhlambi kumarhamncwa okomoya anjengabawexuki. Okanye abadala kusenokufuneka babaluleke abo bayekelelayo ekuzeni kwiintlanganiso okanye abatyekayo kwihambo yamaKristu.
Isidlo Esityebileyo Phakathi Kweentshaba
15. (a) Kwenzeka yiphi inguqulelo enentsingiselo yomzekeliso kwiNdumiso 23:5? (b) Ziziphi izibakala ezibonisa ukuba abantu bakaYehova bayondliwa ngokwaneleyo ngokomoya, ngokungafaniyo noobani?
15 “Undilungisela isithebe phambi kwababandezeli bam.” (INdumiso 23:5) Apha sifumana inguqulelo enentsingiselo yomzekeliso, ukusuka kumalusi ukusa kumamkelindwendwe. Njengomamkeli-ndwendwe onobubele kakhulu, uYehova ulungiselela ukutya kokomoya okuyintabalala ngodidi ‘lomkhonzi’ othanjisiweyo. (Mateyu 24:45) Nangona siphila kwihlabathi elibandezelayo, sondliwa ngokwaneleyo. IMboniselo ipapashwa ngeelwimi ezingaphezu kwekhulu ukuze abantu abahlala kwiindawo apho kuthethwa iilwimi ezahlukeneyo njengaseMzantsi Afrika, eGreenland, kwiiSolomon Islands naselndiya bondliwe ngokomoya. Ngaphandle koko, amabandla amalunga nama-55 000 kwihlabathi lonke anezithethi nabantu abafundisa esidlangalaleni abaqeqeshwe kakuhle neendawo ezintle ekuqhutyelwa kuzo iintlanganiso, kuquka amakhulu eeHolo zoBukumkani ezintsha. Kuqhutywa izifundo zeBhayibhile ezingaphezu kwezi-3 000 000 ukuze kuncedwe ababumvu. Ngokwahlukileyo koko, abo bakwiBhabhiloni Enkulu, ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki, bayalamba.—Isaya 65:13.
16. (a) Ngokwahlukileyo kwinto eyenziwa ngumfazi ongumoni, yintoni awathi umFarisi othile wasilela ukuyenzela uYesu? (b) Luhlobo luni lweoli uYehova ayilungiselela abakhonzi bakhe namhlanje?
16 “Uyithambisa ngeoli intloko yam.” KwaSirayeli wamandulo umamkelindwendwe onobubele wayelungiselela ioli ukuze athambise iintloko zeendwendwe zakhe. Okubangel’ umdla kukuba, ngasihlandlo sithile u y esu wakhe walundwendwe lomnye umFarisi ongazange ayithambise ngeoli intloko kaYesu okanye amnike amanzi ukuze ahlambe iinyawo zakhe. Ngelo xesha, umfazi owayengumoni wazihlamba iinyawo zikaYesu ngeenyembezi zakhe waza wazithambisa ngeoli ekhethekileyo neqholiweyo. (Luka 7:36-38, 44-46) Kodwa uYehova ungumamkelindwendwe onobubele gqitha! Ubalungiselela “ioli yemihlali” yokomoya abakhonzi bakhe abanyanisekileyo. (Isaya 61:1-3) Ewe, ngokuqinisekileyo abantu bakaYehova banemihlali namhlanje.
17. (a) ‘Indebe ephalalayo’ ibonisa ntoni? (b) UYehova ubalungiselela njani abakhonzi bakhe ‘indebe ephalalayo’ namhlanje?
17 “Indebe yam iyaphalala.” Enye inguqule-10 ifundeka ngolu hlobo: “lndebe yam iyaphuphuma.” (Moffatt) Oku kubonisa intabalala yokomoya. Nangona kungathethwa ukusela ngokugqithiseleyo, la mazwi abhekisela kwindebe yewayini elungileyo. Esi siselo sinezinto ezinyangayo, njengoko kuboniswa licebiso likaPawulos eliya kuTimoti: “Musa ukuba sasela manzi; sela intwana yewayini, ngenxa yesisu sakho, nobulwelwe bakho obufuthi.” (1 Timoti 5:23) Ngokwengcamango engokomoya, iwayini ikwavuyisa iintliziyo zethu. (INdumiso 104:15) UBawo wethu othandekayo, uYehoya, ngesisa ulungiselela abakhonzi bakhe abanyanisekileyo isidlo sokomoya sezinto ezilungileyo, kuquka ‘indebe ephalalayo’ yovuyo.
18. (a) Ngoobani abanandipha ukulunga nenceba kaYehova, yaye INdumiso 103:17, 18 ikubonisa njani oku? (b) Liliphi ithemba elizukileyo abanalo abo bathembekileyo kuYehova?
18 “Inene, ndiya kulandelwa kokulungileyo nenceba yonke imihla yobomi bam.” (INdumiso 23:6) Ukulunga kuyinxalenye yesiqhamo somoya oyingcwele kaYehova. (Galati 5:22, 23) Abo bahamba ngendlela yakhe banandipha ukulunga nenceba kaThixo. (INdumiso 103:17, 18) Benokholo olomeleleyo kuYehova, abantu bakhe banokujongana naso nasiphi na isilingo abadibana naso. Usoloko ebasikelela yaye ebanyamekela. Yaye ukuthembeka kude kube sekupheleni kuya kuthetha ubomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha. Elinjani lona ukumangalisa ithemba!
19. (a) Kuthetha ukuthini ‘ukuhlala endlwini kaYehova’? (b) Yintoni eye yakhiwa yintlangano kaYehova ukuze ikhu thaze unqulo lokwenyaniso namhlanje, yaye kutheni le nto amawaka abantu abazahluleleyo bekujonga njengelungelo ukukhonza apho? (c) Ngoobani abanye abazimisele ukukhonza uThixo ngonaphakade?
19 “Ndihlale endlwini kaYehova imihla emide.” Ngemihla kaDavide ingcwele kaThixo yayingumnquba, kuba itempile yayingekakhiwa. Ekubeni umdumisi wayecinga ngomamkelindwendwe onobubele, ‘ukuhlala endlwini ka Yehova’ kwakuthetha ukuba nolwalamano olulungileyo noThixo njengondwendwe Lwakhe. (INdumiso 15:1-5) Namhl an je, loo ndlu inokufaniswa netempile engcwele kaYehova, ilungiselelo lakhe lonquloolunyulu. UKumkani uSolomon waba nelungelo lokwakha item pile yokoqobo yokuqala, eyayizaliswe yimihombiso yegolide neyayakhelwe ukuzukisa uYehova. Elinjani ukuba likhulu ilungelo ekwakulilo ukukhonza apho! Nangona ingasekho loo tempile, uThixo unentlangano engcwele eyenzelwe ukumzukisa nokukhuthaza unqulo olunyulu. Njengenye indlela yokwenza oku, intlangano kaYehova iye yakha amaKhaya aseBheteli kumazwe amaninzi. Igama elithi “Bheteli” lithetha “iNdlu kaThixo,” yaye amawaka abantu abazahluleleyo akhonza kula maziko olawulo lobuthixo. Wambi ala madoda namabhinqa aye akhonza ngale ndlela “imihla emide, ” echitha eyona minyaka mininzi yobomi babo kwinkonzo yaseBheteli. lzigidi zabanye, ezingengawo amalungu entsapho yaseBheteli, ngokufanayo zizimisele ukukhonza uYehova ngonaphakade.
20. (a) Kutheni le nto INdumiso 23 iyinxalenye ebalaseleyo yeZibhalo, yaye isinceda ekubeni sihlakulele ntoni? (b) Ngawaphi amalungelo alindele abakhonzi bakaYehova abathembekileyo?
20 INdumiso yama-23 ifana nelitye elinqabileyo elinamacala amaninzi akhazimlayo. Iphakamisa igama elizukileyo loBawo wethu wasezulwini onothando, uYehova, yaye ityhila indlela akhokela, akhusela nalungiselela ngayo izimvu zakhe. Ngenxa yoko, abantu bakhe bonwabile, bondleke kakuhle ngokomoya, yaye banda ngokukhawuleza, kwanakumazwe apho kukho inkcaso ekrakra. INdumiso 23 ikwasinceda ekubeni sihlakulele unxibelelwano olufudumeleyo nolusondeleyo noMdali wethu. Yaye xa sikhangela amazulu azele ziinkwenkwezi, njengoko uDavide wayedla ngokwenza xa egcine umhlambi wakhe, sivakalisa umbulelo kuba uMdali wale ndalo iphela yoyikekayo esinyamekela njengoMalusi onothando. Eqhutywa luthando, ukwasithembisa ubomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha ukuba sigcina ingqibelelo yethu kuye. Ngoko hayi indlela ekuya kuba mnandi ngayo ukudibana nabakhonzi bakaThixo abathembekileyo nabavusiweyo abanjengoDavide! Yaye elinjani lona ilungelo ekulilo ukukhonza uYehova, uMalusi omkhulu, ngonaphakade!
Unokuphendula Njani?
◻ UYehova ungqineka njani enguMalusi wethu onothando?
◻ UThixo ‘usikhaphela ezindleleni zobulungisa’ ngaziphi iindlela?
◻ UYehova uzikhusela njani izimvu zakhe?
◻ Kukuyiphi inkalo athe uThixo wasilungiselela isithebe phakathi kweentshaba zethu?