Yiba Ngococekileyo Engqondweni Nasemzimbeni
“Niyinikele imizimba yenu ibe lidini eliphilileyo, elingcwele, elikholekileyo kuThixo.”—ROMA 12:1.
1. Ngokutsho kompostile uPawulos, kutheni le nto kuyimfuneko ukucoceka engqondweni nasemzimbeni?
UMNTU onqwenela ukukhonza uThixo ongcwele uYehova umele abe nyulu ngokomoya nangokokuziphatha. Ngokusengqiqweni, oku kukwathetha ukucoceka engqondweni nasemzimbeni. Abantu abaphuma kule nkqubo yezinto ikhoyo njengoko iyile nto iyiyo, ukuze bakhonze uYehova bamele benze iinguqulelo kungekhona nje kuphela kwiindlela abacinga ngazo kodwa kwakhona ngokufuthi kwiindlela abazenza ngazo izinto. Umpostile uPawulos wabhalela amaKristu aseRoma oku: “Ndiyanivuselela ngoko, bazalwana, ngeemfefe zikaThixo, ukuba niyinikele imizimba yenu ibe lidini eliphilileyo, elingcwele, elikholekileyo kuThixo: inkonzo yenu ke leyo yasengqondweni. Kanjalo ningamilisi okweli phakade; manibe kumila kumbi ngokuhlaziyeka kwengqiqo yenu, ukuze nikucikide into okuyiyo ukuthanda kukaThixo okulungileyo, okukholekileyo, okuzalisekileyo.” (Roma 12:1, 2) Kubandakanya ntoni ukucoceka engqondweni nasemzimbeni?
Ukucoceka Ngokwengqondo
2. Amehlo nentliziyo yethu zinokuseyelisela njani kwihambo evakalala, ibe yintoni eyimfuneko ukuze sikuphephe oku?
2 Kwanangaphambi kokuba kunikelwe uMthetho, uYobhi owayethembekile wabonisa ukuba amehlo nentliziyo yethu zisenokuseyisela kwihambo evakalala ukuba asizilawuli. Wathi: “Ndiwamisele amehlo umnqophiso; ndingathini na ukuqwalasela entombini? Ukuba ibihendekile intliziyo yam ngenxa yomkamntu, . . . loo nto bubugqwirha [“yihambo evakalala,” NW], loo nto bubugwenxa phambi kwabagwebi.” (Yobhi 31:1, 9-11) Ukuba sinamehlo ancwasileyo nentliziyo engazinzanga, kufuneka siqeqeshe iingqondo zethu, nto leyo ‘eluqeqesho olunika ingqiqo.’—IMizekeliso 1:3.
3, 4. (a) Umzekelo kaDavide noBhatshebha ubonisa ntoni, ibe yintoni eyimfuneko ukuze siguqule indlela embi yokucinga? (b) Kutheni abadala abangamaKristu befanele balumke ngokungakumbi?
3 Amehlo kaKumkani uDavide amkhokelela ekubeni akrexeze noBhatshebha. (2 Samuweli 11:2, 4) Lo mzekelo ubonisa ukuba kwanamadoda asetyenziswa ngokubalaseleyo nguYehova anokuwela esonweni ukuba awaziqeqeshi iingqondo zawo. Kunokufuneka umgudu omkhulu ukuze siguqule iindlela esicinga ngazo. Umgudu onjalo ufanele uphelekwe ngumthandazo owenziwa ngokunyanisekileyo wokucela uncedo lukaYehova. Emva kokuba eguqukile kwisono awasenza noBatshebha, uDavide wathandaza wathi: “Dala phakathi kwam, Thixo, intliziyo ehlambulukileyo, uhlaziye umoya oqinisekileyo phakathi kwam.”—INdumiso 51:10.
4 Abadala abangamaKristu bafanele balumke ngokungakumbi ukuba bangagcini iminqweno ephosakeleyo ngaphakathi kwabo enokubakhokelela kwisono esinzulu. (Yakobi 1:14, 15) Ebhalela umdala ongumKristu uTimoti, uPawulos wathi: “Ke intsingiselo yoyalo iluthando oluphuma entliziyweni ehlambulukileyo, nasesazeleni esilungileyo, naselukholweni olungahanahanisiyo.” (1 Timoti 1:5) Ngokuqinisekileyo bekuya kuba kukuhanahanisa ngomdala ukuba aqhubeke nemisebenzi yakhe yokomoya ngoxa evumela amehlo akhe ancwasileyo ukuba axhokonxe entliziyweni yakhe iingcinga zokwenza ukungcola.
5. Yintoni efanele iphetshwe ukuze kulondolozwe ukucoceka kwasengqondweni?
5 Thina sonke njengamaKristu sifanele senze konke okusemandleni ethu ukuze sicoceke engqondweni. Oku kuthetha ukuphepha nayiphi na imifanekiso eshukumayo, iinkqubo zikamabonwakude, okanye ukufunda umbandela onokuba nempembelelo eyonakalisayo kwindlela esicinga ngayo. Ukucoceka ngokwengqondo kubandakanya umgudu wokuphaphela ukucinga ngezinto “eziyinene, . . . ezibubulungisa, . . . ezinyulu.” Umpostile uPawulos waleka umsundulo esithi: “Ukuba kukho sidima, ukuba kukho ndumiso, zithelekeleleni ezo zinto.”—Filipi 4:8.
Ucoceko Lobuqu
6. (a) Nika imizekelo ekwincwadi yeLevitikus ebonisa ukuba ukucoceka ngokobuqu nangokwabantu ngokubanzi kwakuyimfuneko kwaSirayeli. (b) Yayiyintoni injongo yaloo mithetho?
6 Kuye kwathiwa “ukucoceka kusondele ebuthixweni.” Kuyinyaniso ukuba, umntu ococekileyo ngokokuziphatha nangokomzimba usenokuba akamhloneli uThixo. Kodwa umntu ohlonela uThixo, ngokuyimfuneko, umele acoceke ngokokuziphatha nangokomzimba. UMthetho kaMoses wawunemiyalelo engqalileyo mayela nokucocwa kwezindlu ezingcolileyo nokuzihlamba kukabani kwiimeko ezahlukahlukeneyo zokungcola. (Bona iLevitikus, isahluko 14 nese-15.) Onke amaSirayeli kwakufuneka azingqine engangcwele. (Levitikus 19:2) Impapasho ethi Insight on the Scriptures ithi: “Imithetho engokutya, engokucoceka nengokokuziphatha awathi uThixo wayinika [amaSirayeli] yayisoloko iwakhumbuza ukuba ayengabantu abahlukileyo nabangcwele kuThixo.”—Umqulu 1, iphepha 1128.
7. Sisiphi isibakala esiyinyaniso ngamaNgqina kaYehova njengabantu, kodwa yiyiphi ingxelo eye yanikelwa ngabanye abaveleli abahambahambayo?
7 Ngoxa amaNgqina kaYehova njengabantu abangadyobhekanga kulo naluphi na unqulo lobuxoki olubuBhabhilonirha yaye engakubethi ngoyaba ukungcola okungokokuziphatha phakathi kwawo, iingxelo ezivela kubaveleli abahambahambayo zibonisa ukuba wambi ayalugatya ucoceko lobuqu. Sinokuqiniseka njani ukuba singabacocekileyo kwanakule nkalo? Umzekelo omhle wawo onke amakhaya amaKristu yiBheteli, gama elo elithetha “Indlu kaThixo.”
8, 9. (a) Sisiphi isiluleko esinikelwa kuwo onke amalungu amatsha entsapho yaseBheteli? (b) Yiyiphi imigaqo elandelwa kumaKhaya aseBheteli efanele isetyenziswe kuwo onke amakhaya amaKristu?
8 Xa umntu esiba lilungu lentsapho yaseBheteli kwikomkhulu leWatch Tower Society okanye kulo naliphi na elinye lamasebe alo emhlabeni wonke, unikwa incwadana elungiselelwe liQumrhu Elilawulayo. Le mpapasho icacisa oko kulindelekileyo kuye ngendlela asebenza ngayo nakwimikhwa yobuqu. Phantsi komxholo othi “Ukunyamekela Igumbi Lokuhlala Nokucoceka,” ithi: “Ubomi baseBheteli bufuna ukuba ugcine imilinganiselo ephakamileyo yobuqu, yokuziphatha neyokomoya. Wonke umntu oseBheteli ufanele akuxhalabele ukuzigcina yena negumbi lakhe ecocekile. Oku kufak’ isandla kwimpilo entle. Akukho sizathu sokuba nabani na abe mdaka. Ukuhlamba yonke imihla kuluqheliselo oluhle. . . . Ukuhlamba ngaphambi kwexesha lesidlo kuyimfuneko yaye kulindeleke kubo bonke. Ngenxa yokubonakalisa ulwazelelelo ngalowo uhlala naye egumbini nangomntu onyamekela igumbi (housekeeper), isitya sokuhlambela sifanele sicocwe sihlandlo ngasinye emva kokuba usisebenzisile.”
9 Kumakhaya aseBheteli, izindlu zangasese zigcinwa zicoceke ngomlinganiselo ophakamileyo, yaye kwenziwe ilungiselelo lokuba abo bazisebenzisayo bakwazi ukuhlamba izandla zabo ngokukhawuleza emva koko. Amalungu entsapho alindelwe ukuba ashiye izindlu zangasese zicocekile emva kokuzisebenzisa, nto leyo ethetha ukuqinisekisa ngokugungxula ngokufanelekileyo. Oku kubonisa ukuba ubonakalisa ulwazelelelo ngomntu olandelayo oza kuyisebenzisa okanye lowo unyamekela igumbi. Ngaba imigaqo enjalo ukuba mihle neyothando ayifanele isebenze kuwo onke amakhaya amaKristu?
10. (a) Kutheni le nto kungeyomfuneko ukuba ubani ade abe negumbi lokuhlambela elisemgangathweni ukuze azigcine ecocekile kunye nabantwana bakhe? (b) Yiyiphi imithetho kwaSirayeli eyayifak’ isandla kwimpilo entle, ibe sisiphi isifundo abanokusifunda namhlanje abantu bakaYehova kuko oku?
10 Ngokuqhelekileyo, iimeko ziyahlukahlukana ngokwamazwe ngamazwe. Kwezinye iindawo, amakhaya akanazo iindawo zokuhlambela ezikhethekileyo. Noko ke, ngokuqhelekileyo amadoda nabafazi abangamaKristu banokufumana isepha namanzi awaneleyo ukuze bagcine imizimba yabo icocekile baze baqiniseke ukuba nabantwana babo bacocekile.a Amakhaya amaninzi kwihlabathi lonke akanayo imibhobho yenkqubo yokugutyula ukungcola ngamanzi. Kodwa ilindle linokugqunyelelwa nje ngomhlaba, njengoko oko kwakuyimfuneko kumaSirayeli kwanakwiikampu zomkhosi. (Duteronomi 23:12, 13) Ngaphandle koku, ngokwemithetho kaYehova eyayisetyenziswa kwintlalo yasezintenteni kwakufuneka impahla nomzimba zihlanjwe ngokufuthi, umntu onesifo axilongwe aze anyangwe ngokukhawuleza, kwanokuba kusetyenziswe indlela efanelekileyo yokuphatha izidumbu nokuba kugcinwe amanzi nokutya kucocekile. Yonke le mithetho yafak’ isandla kwimpilo yohlanga. Ngaba abantu bakaYehova namhlanje bafanele bangayinanzi imigaqo yezempilo neyococeko kwimikhwa yabo yobuqu?—Roma 15:4.
Amakhaya Neenqwelo-mafutha Ezicocekileyo
11. (a) Lifanele liphathwe njani kwanelona khaya lomKristu liphantsi? (b) Yiyiphi intsebenziswano efunekayo kuwo onke amalungu entsapho yaseBheteli?
11 Amakhaya ethu, nokuba aphantsi kangakanani na, anokuba ngalungiswe kakuhle nacocekileyo, kodwa oku kufuna ukuba izinto zilungelelaniswe kakuhle entsatsheni. Umama ongumKristu uya kufuna ukuchitha ixesha elininzi kangangoko kunokwenzeka kwimicimbi yokomoya, kuquka umsebenzi wokushumayela, ngoko akafanele achithe ixesha yonke imihla ecoca apho amanye amalungu entsapho ashiye nje kuthe xazalala impahla, iincwadi, amaphepha, amaphephancwadi, njalo njalo. EBheteli, nangona kukho abantu abanyamekela amagumbi, lungu ngalinye lentsapho lilindeleke ukuba londlule umandlalo walo lishiye igumbi lalo licocekile kusasa. Sonke siyazixabisa iiHolo zoBukumkani neeHolo zethu zeNdibano ezicocekileyo. Kwanga namakhaya ethu angangqina ukuba siyinxalenye yabantu bakaYehova abacocekileyo nabangcwele!
12, 13. (a) Sisiphi isiluleko esinikelwayo mayela neenqwelo-mafutha ezisetyenziswa kwinkonzo kaYehova, ibe kutheni kungeyomfuneko ukuba oku kudle ixesha? (b) Sisiphi isizathu esingokomoya esikhoyo sokuzigcina sicocekile ngokomzimba nesokuba namakhaya neenqwelo-mafutha ezicocekileyo?
12 Abaninzi babakhonzi bakaYehova namhlanje basebenzisa iinqwelo-mafutha ukuze baye kwiintlanganiso nakwinkonzo yasentsimini. Kwamanye amazwe inqwelo-mafutha phantse ukuba ibe sisixhobo ekungenakwenzeka ukukhonza uYehova ngaphandle kwaso. Xa kunjalo, ifanele igcinwe icocekile, kwananjengokuba ikhaya lethu limele libe njalo. Into onokuqiniseka ngayo yile yokuba, amaKristu akanakuchitha ixesha elininzi ehombisa iinqwelo-mafutha zawo ngendlela abenza ngayo abantu abathile behlabathi. Kodwa ngaphandle kokuwuxhoma ngolo hlobo umgangatho, abakhonzi bakaYehova bafanele bazabalazele ukugcina iinqwelo-mafutha zabo zicoceke ngokufanelekileyo yaye zikwimeko entle. Kwamanye amazwe ukuhlamba inqwelo-mafutha kwindawo ekuthiwa kuyo ipetrol akudli mali kungadli nexesha. Ngokubhekisele kumphakathi wenqwelo-mafutha, unokucocwa ugqitywe ngemizuzu nje elishumi. Ngokukodwa abadala nezicaka zolungiselelo, bafanele bazabalazele ukuba yimizekelo emihle kule nkalo, ekubeni bezisebenzisa ngokufuthi iinqwelo-mafutha zabo ukusa amaqela abavakalisi kwinkonzo yasentsimini. Xa umvakalisi ekhwelisa umntu onomdla kwisithuthi sakhe ukuya kwiintlanganiso, ngokuqinisekileyo asibubo ubungqina obuhle ukuba inqwelo-mafutha yakhe imdaka.
13 Ngaloo ndlela, ngemigudu esiyenzayo yokuba ngabacocekileyo emzimbeni nokuba namakhaya neenqwelo-mafutha ezicocekileyo, sizukisa uYehova njengamalungu entlangano yakhe ecocekileyo.
Ukucoceka Xa Kunikelwa Amadini Okomoya
14. Yiyiphi imithetho eyayilawula ukuzihlambulula kwaSirayeli, ibe le mithetho yayibonisa ntoni?
14 Ukuzihlambulula kwakufuneka kwaSirayeli, phantsi kwesohlwayo sokufa. UYehova waxelela uMoses noAron oku: “Nize nibakhwelelise ke oonyana bakaSirayeli ebunqambini babo; bangafeli ebunqambini babo, ngokuwenza inqambi umnquba wam ophakathi kwabo.” (Levitikus 15:31) NgoMhla Wokucamagusha, umbingeleli omkhulu wayemele azihlambe ngamanzi kabini. (Levitikus 16:4, 23, 24) Isitya sobhedu esasisemnqubeni, yaye kamva ulwandle olukhulu lobhedu olwalusetempileni, lwalunamanzi okuba ababingeleli bahlambe kuwo ngaphambi kokuba banyuse amadini kuYehova. (Eksodus 30:17-21; 2 Kronike 4:6) Kuthekani ngamaSirayeli xa ewonke? Ukuba ayengazihlambululanga ngenxa yaso nasiphi na isizathu, ayengavunyelwa ukuba abe nenxaxheba elunqulweni de abe ayekwenzile konke okwakufuneka ukuze abe nyulu. (Numeri 19:11-22) Konke oku kwabethelela isibakala sokuba ukucoceka emzimbeni kuyafuneka kwabo banqula uThixo ongcwele uYehova.
15. Kutheni le nto ukunikela amadini ezilwanyana kungaseyomfuneko, kodwa yiyiphi imibuzo ephakanyiswayo?
15 Kuyinyaniso ukuba, abantu bakaYehova namhlanje akuyomfuneko ukuba banikele amadini ezilwanyana kwitempile yasemhlabeni. Amadini awayesenziwa phantsi koMthetho aye athatyathelw’ indawo “ngokusondezwa komzimba kaYesu Kristu, kwaba kanye.” (Hebhere 10:8-10) ‘Sinqula uBawo ngoMoya nangenyaniso.’ (Yohane 4:23, 24) Kodwa ngaba oku kuthetha ukuba akukho madini sinokuwanikela kuThixo wethu ongcwele uYehova? Yaye ngaba ukucoceka akuyomfuneko kangako kuthi njengoko kwakunjalo kumaSirayeli?
16. Isiprofeto esikuMalaki 3:3, 4 siye sazaliseka njani kumaKristu athanjisiweyo ukususela ngowe-1918, ibe yiyiphi imibingelelo eyamkelekileyo anokuyinikela kuYehova?
16 Isiprofeto sikaMalaki sibonisa ukuba ngexesha lesiphelo amaKristu athanjisiweyo asemhlabeni ayeya kusulungekiswa, okanye enziwe nyulu, ukwenzela inkonzo yasetempileni. Imbali ibonisa ukuba oku kusulungekiswa kwaqaliswa ngowe-1918. Ukususela ngowe-1919 intsalela ethanjisiweyo iye ‘yenza umnikelo kuYehova inobulungisa,’ yaye umnikelo wayo ‘umnandi kuYehova.’ (Malaki 3:3, 4) Ngaloo ndlela, iyakwazi ‘ukunyusa imibingelelo yokomoya, eyamkeleka kakuhle kuye uThixo ngoYesu Kristu.’ (1 Petros 2:5) Umpostile uPawulos wabhala oku: “Masithi ngaye sinyuse ngamaxesha onke kuye uThixo umbingelelo wendumiso, oko kukuthi, isiqhamo somlomo olivumayo igama lakhe.”—Hebhere 13:15.
17. Nangona “isihlwele esikhulu” singeyonxalenye yesibingeleli esibukumkani, kutheni le nto simele sicoceke ngokwasemzimbeni, ngokwasengqondweni, ngokokuziphatha nangokomoya?
17 Ngoxa “isihlwele esikhulu” singabizelwa ukuba sikhonze njengababingeleli etempileni njengoko intsalela ethanjisiweyo isenza, ‘sinikela [kuYehova] inkonzo engcwele imini nobusuku’ kwintendelezo yasemhlabeni kwitempile yakhe yokomoya. (ISityhilelo 7:9, 10, 15, NW) Sokhumbula ukuba amaSirayeli awayengengabo ababingeleli ayemele azihlambulule ukuze akwazi ukuba nenxaxheba elunqulweni emnqubeni okanye, kamva, etempileni. Ngokukwanjalo, isihlwele esikhulu sezinye izimvu simele sicoceke ngokwasemzimbeni, ngokwasengqondweni, ngokokuziphatha nangokomoya ukuba sinqwenela ukukhonza etempileni size sibe nesabelo kunye nentsalela ‘ekunikeleni kuThixo umbingelelo wendumiso ngokulivuma ekuhleni igama lakhe.’
Ukucoceka Kwinkonzo Yasentsimini Nakwiintlanganiso
18. Ngoxa sikumsebenzi wokunikela ubungqina esidlangalaleni nakwiintlanganiso, yintoni esifanele siyixhalabele ngokubhekisele ekucocekeni ngokobuqu, kwempahla nokwezihlangu?
18 Kuthetha ntoni kanye kanye oku? Kuthetha ukuba bekuya kuba yeyona nto ingafanelekanga nebonisa ukungamhloneli uYehova ukummela kubulungiseleli bendlu ngendlu, ezitratweni, okanye kwikhaya likabani ukuba besingacocekanga emzimbeni yaye singanxibanga ngokufanelekileyo. Ngenxa yoko, asifanele siyithabathe lula imicimbi enjalo. Sifanele siyinikele ingqalelo ngenyameko, ukuze senze izinto ngendlela efanele abalungiseleli abathwele igama likaYehova. Akuyomfuneko ukuba impahla yethu ibe yexabisa imali eninzi, kodwa ifanele icoceke, ibukeke, ize ibe yendilisekileyo. Kwakhona izihlangu zethu zifanele zilungiswe kakuhle yaye zikhangeleke kakuhle. Ngokufanayo, kuzo zonke iintlanganiso, kuquka iSifundo Sencwadi Sebandla, imizimba yethu ifanele icoceke, yaye sifanele sinxibe kakuhle nangokufanelekileyo.
19. Ziziphi iingenelo zokomoya eziba ngumphumo wokucoceka kwethu ngenkangeleko njengabalungiseleli abangamaKristu?
19 Ukubonakala kwethu sicocekile ngoxa sikumsebenzi wokunikela ubungqina naxa sikwiintlanganiso zethu kuyenye indlela ‘yokuvathisa imfundiso yoMsindisi wethu, uThixo.’ (Tito 2:10) Oko ngokwako kunikela ubungqina. Abantu abaninzi baye bachukumiseka kukusibona singabacocekileyo, ibe oku kuye kwabashukumisela ekubeni basiphulaphule isigidimi sethu esingeenjongo ezimangalisayo zikaYehova zamazulu amatsha anobulungisa nomhlaba omtsha ocociweyo.—2 Petros 3:13.
20. Sisiphi isiqhamo esilungileyo esingakumbi esibakho ngenxa yokucoceka kwethu engqondweni nasemzimbeni?
20 Njengoko inkqubo entsha kaYehova ecocekileyo isondela, sonke kufuneka sizihlolisise ukuze sibone enoba kuyimfuneko na ukuba senze uhlengahlengiso oluthile kwindlela esicinga ngayo okanye kwimikhwa yethu yobuqu. UPawulos wabhala oku: “Ndithetha ngokwabantu, ngenxa yobulwelwe benyama yenu; kuba, njengoko nawanikelayo amalungu enu ukuba abe ngabakhonzi bako ukungcola nokuchasa umthetho, ukuba nichase umthetho: ngokunjalo kalokunje, wanikeleni amalungu enu ukuba abe ngabakhonzi kubo ubulungisa, ukuba ningcwaliseke.” (Roma 6:19) Ukucoceka ngokomoya nangokomzimba kuzisa isiqhamo esilungileyo kwanangoku, ‘isiqhamo sokuba singcwaliseke, isiphelo ke sibe bubomi obungunaphakade.’ (Roma 6:22) Ngoko ke, masibe ngabacocekileyo engqondweni nasemzimbeni njengoko ‘siyinikela imizimba yethu ukuba ibe lidini eliphilileyo, elingcwele nelikholekileyo kuThixo.’—Roma 12:1.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane amacebiso asebenzisekayo ngokugcina imigaqo yezempilo phantsi kweemeko ezinzima, bona inqaku elithi “Ukuhlangabezana Nocelomngeni Lococeko,” elipapashwe kuVukani! kaOktobha 8, 1988, iiphepha 26-9.
Iingongoma Zokukhunjulwa
◻ Amehlo nentliziyo yethu zinokuseyelisela njani kwihambo evakalala?
◻ Ziziphi iingenelo awazifumanayo amaSirayeli xa ayethobela imithetho kaYehova engokucoceka ngokwabantu ngokubanzi nangokomntu ngamnye?
◻ Yiyiphi imigaqo elandelwa kumaKhaya aseBheteli efanele isetyenziswe kuwo onke amakhaya amaKristu?
◻ Kunini apho sifanele siyinyamekele ngokukhethekileyo inkangeleko yethu?
◻ Ziziphi izizathu ezingokomoya abanazo abakhonzi bakaYehova zokugcina amakhaya neenqwelo-mafutha zabo zicocekile?
[Umfanekiso okwiphepha 17]
“Ubomi baseBheteli bufuna kulondolozwe imilinganiselo ephakamileyo yasemzimbeni, yokuziphatha neyokomoya”
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Ngaba umama ufanele achithe ixesha elingakumbi suku ngalunye ecoca izinto ezishiywe zithe saa ngamalungu entsapho angakhathaliyo?
[Umfanekiso okwiphepha 19]
Ngemizuzu nje elishumi, uya kube uyicoce wayigqiba inqwelo-mafutha ngaphakathi