UYehova UnguMlawuli Wethu!
“Simelwe ukuthi sive uThixo kunokuba sive abantu.”—IZENZO 5:29.
1, 2. Kukuphi ukuma okufana nokwabapostile athi amaNgqina kaYehova abambelele kuko xa izinto ezifunwa ngabantu zingqubana nokuthanda kukaThixo?
UYEHOVA UTHIXO wayevumele amadoda ali-12 ukuba eziswe phambi kwenkundla ephakamileyo. Kwakungowama-33 C.E., ibe inkundla yayiyiNtlanganiso yamatyala yamaYuda. Abamangalelwa yayingabapostile bakaYesu Kristu. Khawubaz’ iindlebe! Umbingeleli omkhulu uthi: ‘Besinganithethelanga na ngelithi, maningafundisi ngeli gama? ukanti nina, niyizalisile iYerusalem ngemfundiso yenu.’ Akukuva oko, uPetros nabanye abapostile bathi: “Simelwe kukuthi sive uThixo kunokuba sive abantu.” (IZenzo 5:27-29) Ngokungathi kunjalo, babesithi: “UYehova unguMlawuli wethu!”
2 Ewe, uYehova unguMlawuli wabalandeli bokwenyaniso bakaYesu. Oku kucaciswe kwincwadi yeBhayibhile yeZenzo Zabapostile, eyabhalwa eRoma malunga nowama-61 C.E. ‘nguLuka, ugqirha oyintanda.’ (Kolose 4:14) Njengabapostile, abantu bakaYehova namhlanje bathobela uMlawuli wabo wasezulwini xa oko kufunwa ngabantu kungqubana nokuthanda kwakhe. Kodwa yintoni enye esinokuyifunda kwiZenzo? (Kufundisiso lobuqu, sicebisa ukuba ufunde iinxalenye zeendinyana zale ncwadi eziphawulwe ngombhalo ongqindilili.)
UYesu Uthuma AmaNgqina
3. Xa abalandeli bakaYesu bathi ‘babhaptizwa ngomoya oyingcwele,’ yayiyintoni eyona nto babeyixhalabele ngokuphambili?
3 Abapostile babenako ukummela ngokuqinileyo uThixo kuba babomeleziwe ngokomoya. UKristu wafela kumthi wentuthumbo, kodwa babesazi ukuba wayevusiwe. (1:1-5) UYesu “wazimisa ephilile” waza wafundisa iinyaniso ezingoBukumkani ekumzimba owambathiswe inyama iintsuku ezingama-40. Kwakhona waxelela abafundi bakhe ukuba balinde eYerusalem ukuze babhaptizwe “ngomoya oyingcwele.” Wawuya kwandula ke umsebenzi wokushumayela ube yeyona nto bayixhalabele ngokuyintloko, njengoko kunjalo ngamaNgqina kaYehova namhlanje.—Luka 24:27, 49; Yohane 20:19–21:24.
4. Yintoni eyayiza kwenzeka xa umoya oyingcwele usehlela phezu kwabalandeli bakaYesu?
4 Bengekabhaptizwa ngomoya oyingcwele, abapostile ngokuphosakeleyo babecinga ngolawulo lwasemhlabeni olwaluza kuphelisa ulawulo lwaseRoma xa babuza besithi: “Nkosi, wobubuyisela ngeli xesha na ubukumkani kuSirayeli?” (1:6-8) Ngokungathi kunjalo, uYesu walandula, kuba ‘kwakungekokwabo ukwazi amaxesha nokuba ngamathuba.’ ‘Xa umoya oyingcwele wathi wehla phezu kwabo,’ wawuza kubomeleza ukuba banikele ubungqina ngoBukumkani bukaThixo basezulwini, ingebubo obalo mhlaba. Babeza kushumayela eYerusalem, kwaYuda nakwelaseSamariya, “kude kuse nasekupheleni komhlaba.” Ngoncedo lomoya, amaNgqina kaYehova enza umsebenzi onjalo kwihlabathi lonke kule mihla yokugqibela.
5. UYesu wayeya kuza njani ngendlela awemka ngayo?
5 UYesu wayesandula nje ukukhupha umyalelo ongokushumayela kulo lonke ihlabathi xa waqalisa ukunyukela ezulwini. Olo nyuko lwaqala ngokuthi afukulwe aye phezulu eshiya abafundi bakhe phantsi emhlabeni, yaye kamva uYesu wangena kwindawo awayekuyo uMlawuli wakhe wasezulwini waza waqalisa ukusebenza ekummandla womoya. (1:9-11) Emva kokuba ilifu limsithile uYesu ukuze bangamboni abapostile, wawuhluba umzimba wakhe wenyama. Izithunywa zezulu ezibini zabonakala zaza zathi ‘wayeya kuza ngolu hlobo.’ Ibe oko kuye kwanjalo. Kuphela ngabafundi bakaYesu abambona esimka, kwanjengokuba ingamaNgqina kaYehova kuphela akuqondayo ukubuya kwakhe okungabonakaliyo.
UYehova Wenza Ukhetho
6. Wakhethwa njani lowo wayeza kuthabathel’ indawo uYuda Sikariyoti?
6 Kungekudala abapostile babuyela eYerusalem. (1:12-26) Kwigumbi eliphezulu (mhlawumbi kwikhaya likanina kaMarko, uMariya), abapostile abathembekileyo abali-11 bazingisa emthandazweni benabazalwana bakaYesu ngonina, abanye babafundi bakhe, nonina, uMariya. (Marko 6:3; Yakobi 1:1) Kodwa ngubani owayeza kufumana “ubuveleli” bukaYuda? (INdumiso 109:8) Kwakukho malunga ne-120 labafundi xa wathi uThixo wanyula indoda ukuthabathel’ indawo umngcatshi kaYesu uYuda, nokubuyisela inani labapostile kwi-12. Kwakuza kukhethwa lowo wayengumfundi ebudeni bexesha lobulungiseleli bukaYesu nowayelingqina lokuvuka kwakhe. Kakade ke, loo ndoda yayikwafanele imamkele uYehova njengoMlawuli wayo. Emva komthandazo, kwawiswa amaqashiso phakathi koMatiya noYosefu ekuthiwa nguBharsabhas. UThixo walenza iqashiso lawela kuMatiya.—IMizekeliso 16:33.
7. (a) Kwenzeka njani ukuba uYuda abe “wazuza umhlaba ngomvuzo wokungalungisi”? (b) UYuda wafa njani?
7 Ngokuqinisekileyo uYuda Sikariyoti akazange amamkele uYehova njengoMlawuli wakhe. Ewe, wangcatsha unyana kaThixo ngeesilivere ezingama-30! UYuda wayibuyisela loo mali kubabingeleli abakhulu, kodwa uPetros wathi umngcatshi “wazuza umhlaba ngomvuzo wokungalungisi.” Wakwenza njani oko? Kaloku, walungiselela imali nesizathu sokuthenga “umhlaba wegazi,” njengoko wawubizwa njalo. Kuye kwathiwa loo mhlaba yayisisiqwenga somhlaba esithe tyaba kwicala elisemazantsi kwiNtlambo kaHinom. Elonakalise ngokupheleleyo ulwalamano lwakhe noMlawuli wasezulwini, uYuda “wazixhoma.” (Mateyu 27:3-10) Mhlawumbi intambo yaqhawuka okanye isebe lomthi laphuka, kangangokuba “wathi ekhahleleke phantsi ngobuso, wagqabhuka phakathi, zaphalala zonke izibilini zakhe,” xa wathi wawela phezu kwamatye aziingxondorha. Ngamana akungebikho namnye wethu ongangumzalwana wobuxoki!
Ukuzaliswa Ngumoya Oyingcwele!
8. Abafundi bakaYesu babhaptizwa nini ngomoya oyingcwele, ibe ngawuphi umphumo?
8 Kuthekani ngedinga lokubhaptizwa ngomoya oyingcwele? Lazaliseka ngePentekoste yowama-33 C.E., kwiintsuku ezilishumi emva kokunyuka kukaYesu. (2:1-4) Esinjani sona isiganeko ukubangel’ imincili olo bhaptizo olwaba siso! Khawuthelekelele imeko ekwakuyiyo. Malunga nabafundi abali-120 babekwigumbi eliphezulu xa ‘ngequbuliso kwavakala ezulwini isandi esinjengesomoya ovuthuza ngamandla nesathi sayizalisa indlu yonke ababehleli kuyo.’ Yayingengomoya, kodwa oko kwavakala njengomoya. Iilwimi ‘ezazingathi zezomlilo’ zahlala ngalunye phezu komfundi nompostile ngamnye. “Bazaliswa bonke ngumoya oyingcwele, baqala ukuthetha ngalwimi zimbi.” Xa olo bhaptizo lwathi lwenzeka, kwakhona bazalwa ngomoya oyingcwele, bathanjiswa ibe batywinwa nto leyo eyaba ngumqondiso wokufumana kwabo ilifa elingokomoya.—Yohane 3:3, 5; 2 Korinte 1:21, 22; 1 Yohane 2:20.
9. Abafundi ababezaliswe ngumoya bathetha ngantoni?
9 Esi siganeko sachaphazela amaYuda nabo babeguqukele ebuYudeni ababeseYerusalem bevela “kuzo zonke iintlanga eziphantsi kwezulu.” (2:5-13) Bekhwankqisiwe, babuza besithi: “Kutheni na ke ukuba sibeve nje sonke ngabanye bethetha ngezakomawethu iintetho, esazalelwa kuzo?” Isenokuba yayiziilwimi zeendawo ezinjengezakwelamaMedi (kwimpuma yelakwaYuda), eFrigi (eAsia Minor) naseRoma (eYurophu). Njengoko abafundi babethetha ngeelwimi ezahlukahlukeneyo “izinto ezinkulu zikaThixo,” abaphulaphuli abaninzi babemangalisiwe, kodwa abagxeki bathi babenxilile.
UPetros Unikela Ubungqina Obuchukumisayo
10. Sisiphi isiprofeto esazalisekiswa sisiganeko sangePentekoste yowama-33 C.E., ibe ngaba oku kunokuthile okufana nako namhlanje?
10 UPetros waqalisa ukunikela ubungqina ngokubonisa ukuba ngentsimbi yethoba kusasa kwakusekuseni kakhulu ukuba ubani abe selenxilile. (2:14-21) Kunoko, esi siganeko sasikukuzalisekiswa kwedinga likaThixo lokuthulula umoya oyingcwele kubantu bakhe. UThixo waphefumlela uPetros ukuba alathe kwixesha lethu ngokongezelela amazwi athi “ngayo imihla yokugqibela” nathi “baya kuthi baprofete, (NW).” (Yoweli 2:28-32) UYehova wayeya kwenza imimangaliso ezulwini nemiqondiso emhlabeni ngaphambi kwemini yakhe enkulu, ibe kuphela ngabo babiza egameni lakhe benokholo ababeya kusindiswa. Ukuthululwa okufanayo komoya oyingcwele phezu kwabathanjiswa kuye kwabenza ukuba “baprofete” ngenzondelelo nangenkuthalo.
11. Yintoni eyenziwa ngamaYuda nanguThixo kuYesu?
11 Ngokulandelayo uPetros ufanisa uMesiya. (2:22-28) UThixo wabungqinela ubuMesiya bukaYesu ngokumenza akwazi ukwenza imisebenzi yamandla, imiqondiso nemimangaliso. (Hebhere 2:3, 4) Kodwa amaYuda amxhoma emthini “ngezandla zabachasene nomthetho,” amaRoma awayengawuthobeli umthetho kaThixo. UYesu “[wakhutshwa] ngecebo elimisiweyo likaThixo nangokwazi kwakhe kwenxa engaphambili” kuba oku yayikukuthanda kukaThixo. Noko ke, uThixo wamvusa uYesu ibe wawushenxisa umzimba wakhe ngendlela yokuba ungaboni kubola.—INdumiso 16:8-11.
12. Yintoni uDavide awayibona kwangaphambili, ibe usindiso luxhomekeke entwenini?
12 Isiprofeto esingoMesiya sagxininiswa ngokubhekele phaya njengoko uPetros wayeqhubeka enikela ubungqina. (2:29-36) Wathi uDavide wakubona kwangaphambili ukuvuka konyana wakhe ongoyena mkhulu, uYesu onguMesiya. Ekwindawo ephakamileyo ngasekunene kukaThixo ezulwini, uYesu wathulula umoya oyingcwele awawufumana kuYise. (INdumiso 110:1) Abaphulaphuli bakaPetros ‘babona baza beva’ ukusebenza kwawo ngokubona iilwimi ngokungathi zezomlilo phezu kweentloko zabafundi nokuva iilwimi zasemzini ababezithetha. Kwakhona wabonisa ukuba usindiso luxhomekeke ekwamkeleni uYesu njengeNkosi noMesiya.—Roma 10:9; Filipi 2:9-11.
UYehova Ubangela Ulwando
13. (a) Ukuze abhaptizwe ngokufanelekileyo, yintoni amaYuda nabo babeguqukele ebuYudeni ekwakufuneka beyamkele? (b) Bangaphi abathi babhaptizwa, ibe oko kwaba nawuphi umphumo eYerusalem?
13 Hayi indlela aba nomphumo omhle ngayo amazwi kaPetros! (2:37-42) Abaphulaphuli bakhe bahlabeka ezintliziyweni kuba babevumele ukubulawa kukaMesiya. Ngoko wababongoza esithi: “Guqukani nibhaptizwe nonke ngabanye egameni likaYesu Kristu, ukuze nixolelwe izono, namkele isipho soMoya oyiNgcwele.” AmaYuda nabo baguqukele ebuYudeni babesele bemamkele uYehova njengoThixo baza bakuvuma ukufuna kwabo umoya wakhe. Ngoku kwakufuneka baguquke baze bamkele uYesu njengoMesiya ukuze babhaptizelwe egameni loYise, loNyana, nelomoya oyingcwele (baqonde isigxina okanye intsingiselo yoku). (Mateyu 28:19, 20) Ngokunikela ubungqina kuloo maYuda nakwabo baguqukele ebuYudeni, uPetros wasebenzisa isitshixo sokuqala sokomoya amnika sona uYesu ukuze avulele amaYuda akholwayo ithuba lokufumana ulwazi nelokungena kuBukumkani basezulwini. (Mateyu 16:19) Ngaloo mini inye, abangama-300 babhaptizwa! Khawuthelekelele amaNgqina kaYehova amaninzi kangako eshumayela kumhlaba oncinane waseYerusalem!
14. Kwakutheni ibe kwakungayiphi indlela awathi amakholwa ‘adlelana ngeento zonke’?
14 Abaninzi ababesuka kwiindawo ezikude babengenazinto zokuzixhasa ezaneleyo ukuba bahlale ithuba elide kodwa banqwenela ukufunda okungakumbi ngokholo lwabo olutsha nokuba bashumayele kwabanye. Ngoko abalandeli bakaYesu bokuqala ngokunothando bancedana, njengokuba namaNgqina kaYehova esenza namhlanje. (2:43-47) Okwexeshana ababekholwa ‘badlelana ngeento zonke.’ Bambi bathengisa izinto zabo, yaye imali yabelwa nabani na owayeswele. Oku kwabangela ibandla libe nesiqalo esihle njengoko ‘iNkosi yayisongeza abasindiswayo imihla ngemihla.’
Ukuphilisa Nemiphumo Yako
15. Yintoni eyenzekayo njengoko uPetros noYohane babengena etempileni, ibe abantu basabela njani?
15 UYehova wabaxhasa abalandeli bakaYesu ‘ngemiqondiso.’ (3:1-10) Ngaloo ndlela, njengoko uPetros noYohane babengena etempileni ngeyesi–3:00 emva kwemini ngexesha lomthandazo owawunento yokwenza namadini angokuhlwa, indoda esisiqhwala kwasekuzalweni kwayo yayikufuphi noMnyango oMhle icela “amalizo.” UPetros wathi “isilivere negolide andinayo, kodwa endinako ndikunika khona: egameni likaYesu Kristu umNazarete, vuka uhambe.” Indoda yaphiliswa kwaoko! Njengoko yayingena etempileni “ihambahamba itsiba, imdumisa uThixo,” abantu “bathi nqa.” Mhlawumbi bambi bakhumbula amazwi athi: “Size sitsibe njengexhama isiqhwala.”—Isaya 35:6.
16. Abapostile bakwazi njani ukuphilisa indoda eyayisisiqhwala?
16 Abantu ababebambe ongezantsi bahlanganisana evarandeni ekuthiwa yekaSolomon, indawo ekhuselwe luphahla kwicala elisempuma letempile. Apho uPetros wanikela ubungqina. (3:11-18) Wabonisa ukuba uThixo wabanika amandla abapostile ukuba baphilise indoda esisiqhwala ngoMkhonzi Wakhe ozukisiweyo, uYesu. (Isaya 52:13–53:12) AmaYuda amkhanyela “oyiNgcwele, oliLungisa” sekunjalo uYehova wamvusa. Nangona abantu nabalawuli babo bengazange bazi ukuba babebulala uMesiya, ngaloo ndlela uThixo wazalisekisa amazwi esiprofeto athi “uKristu eve ubunzima.”—Daniyeli 9:26.
17. (a) Liliphi inyathelo ekwakufuneka amaYuda alithabathe? (b) Yintoni eye yenzeka ukususela ‘ekuthunyweni kukaKristu’ ngomhla wethu?
17 Ngenxa yendlela awamphatha ngayo uMesiya, uPetros wabonisa oko amaYuda ayefanele akwenze. (3:19-26) Kwakufuneka ‘aguquke,’ okanye azisole ngenxa yezono zawo, aze ‘abuye,’ ethabatha ikhondo elahlukileyo. Ukuba ayemkholelwe uYesu njengoMesiya, amkela intlawulelo, amathuba okuphumza ayeya kuza kuwo evela kuYehova njengabantu abaxolelwe izono zabo. (Roma 5:6-11) AmaYuda akhunjuzwa ukuba ayengoonyana bomnqophiso uThixo awawenza nooyisemkhulu, xa waxelela uAbraham esithi: “Iya kusikeleleka embewini yakho yonke imizalwane yehlabathi.” Ngoko uThixo okokuqala wathumela uMkhonzi wakhe onguMesiya ukuza kukhulula amaYuda aguqukayo. Okubangel’ umdla kukuba, ukususela ‘ekuthunyweni kukaKristu’ esemandleni oBukumkani basezulwini ngowe-1914, kuye kwakho ukubuyiselwa okuhlaziyayo kweenyaniso nokulungelelaniswa okungokobuthixo phakathi kwamaNgqina kaYehova.—Genesis 12:3; 18:18; 22:18.
Babengenakuyeka!
18. Liliphi “ilitye” elathi lachaswa ‘ngabakhi’ abangamaYuda, ibe ngubani kuphela onalo usindiso?
18 Benomsindo kuba uPetros noYohane bevakalise ukuvuka kukaYesu, ababingeleli abakhulu, umphathi wetempile nabaSadusi babafaka entolongweni. (4:1-12) AbaSadusi abazange balukholelwe uvuko, kodwa abaninzi abangabanye baba ngamakholwa, amadoda kuphela afikelela kuma-5 000. Xa bathi babuzwa phambi kwenkundla ephakamileyo yaseYerusalem, uPetros wathi indoda esisiqhwala yayiphiliswe “egameni likaYesu Kristu waseNazarete,” abathi bambethelela kodwa wavuswa nguThixo. Eli “litye” elenziwa into engento ‘ngabakhi’ abangamaYuda lasuka laba “yintloko yembombo.” (INdumiso 118:22) UPetros wathi “kananjalo usindiso alukho kuwumbi.”
19. Xa bathi bathethelwa ukuba bayeke ukushumayela, abapostile baphendula njani?
19 Kwenziwa amalinge okunqumamisa loo ntetho. (4:13-22) Ekubeni yayikho indoda eyayiphilisiwe, kwakungenakwenzeka ukuwukhanyela lo “mqondiso owazekayo,” kodwa uPetros noYohane bathethelwa ngelithi “mabangabi sakhankanya nakanye, bangafundisi nokufundisa ngegama likaYesu.” Bathini ukuphendula? ‘Asinako thina ukungazithethi izinto esazibonayo nesazivayo.’ Bathobela uYehova njengoMlawuli wabo!
Ukuphendulwa Kwemithandazo!
20. Yintoni abafundi abayithandazelayo, ibe ngawuphi umphumo?
20 Njengoko amaNgqina kaYehova ethandaza ezintlanganisweni, ngoko abafundi bathandaza xa abapostile abakhululiweyo bathi banikela ingxelo engoko kwenzekileyo kubo. (4:23-31) Kwaye kwaphawulwa ukuba umlawuli uHerode Antipas noPontiyo Pilato, bekunye neentlanga ezingamaRoma nabantu bakwaSirayeli, bahlanganisana kunye ngokuchasene noMesiya. (INdumiso 2:1, 2; Luka 23:1-12) Ephendula umthandazo wabafundi, uYehova wabazalisa ngomoya oyingcwele, ukuze balithethe ilizwe likaThixo ngokungafihlisiyo. Abazange bamcele uMlawuli wabo ukuba aphelise intshutshiso kodwa bamcela ukuba abancede bakwazi ukushumayela ngokungafihlisiyo phezu kwayo nje intshutshiso.
21. Wayengubani uBharnabhas, ibe ziziphi iimpawu awayenazo?
21 La makholwa aqhubeka esabelana ngezinto zonke, ibe akukho namnye owayeswele. (4:32-37) Omnye owathi wanikela wayengumLevi waseSipro ogama linguYose. Abapostile bamnika elinye igama elinguBharnabhas, elithetha ukuthi “ngumfo wovuselelo,” ngokunokwenzeka ngenxa yokuba wayeluncedo yaye enobubele. Ngokuqinisekileyo, sonke sifuna ukuba luhlobo olunjalo lwabantu.—IZenzo 11:22-24.
Ukubhencwa Kwamaxoki
22, 23. Yayisisiphi isono sikaHananiya noSafira, ibe sinokungenelwa njani kumava abo?
22 Noko ke, uHananiya nomfazi wakhe, uSafira, bakuyeka ukumamkela uYehova njengoMlawuli wabo. (5:1-11) Bathengisa umhlaba baze bagcina inxalenye yemali ngoxa benza ngathi bayidlulisele yonke kubapostile. Ulwazi awayelunikwe ngumoya kaThixo lwamnceda uPetros ukuba aluqonde uhanahaniso lwabo, nto leyo eyakhokelela ekufeni kwabo. Esinjani sona isilumkiso kwabo uSathana abahendela ukuba bathabathe ikhondo lokunxaxha!—IMizekeliso 3:32; 6:16-19.
23 Emva kwesi siganeko, akukho namnye owayeneentshukumisa ezimbi owaba nenkalipho yokuthelela abafundi. Abanye baba ngamakholwa. (5:12-16) Ngaphezu koko, njengoko abagulayo nabo babekhathazwa yimimoya engcolileyo babesiba nokholo kumandla kaThixo, “babesithi bona baphiliswe bonke.”
Thobela UThixo Kunabantu
24, 25. Kwakutheni ukuze iinkokeli zamaYuda zitshutshise abapostile, kodwa nguwuphi umlinganiselo aba bathembekileyo abawumiselayo kubo bonke abakhonzi bakaYehova?
24 Ngoku umbingeleli omkhulu nabaSadusi baye bazama ukuthintela olu lwando lumangalisayo ngokuthi bavalele bonke abapostile. (5:17-25) Kodwa ngobo busuku isithunywa sikaThixo sabakhulula. Ibe emini emaqanda babeshumayela etempileni! Intshutshiso ayinako ukubanqumamisa abakhonzi bakaYehova.
25 Kambe ke, abapostile bajamelana nengcinezelo xa bathi beziswa phambi kwentlanganiso yamatyala. (5:26-42) Noko ke, ekubeni beyalelwe ukuba banqumame ukushumayela, bathi: “Simelwe kukuthi sive uThixo kunokuba sive abantu.” Oku kwamisela umlinganiselo abamele babambelele kuwo abafundi bakaYesu, lowo amaNgqina kaYehova namhlanje abambelele kuwo. Emva kokuba belunyukiswe ngumfundisi woMthetho uGamaliyeli, iinkokeli zabatyabula abapostile zabathethela ngelithi mabayeke ukushumayela zaze zabakhulula.
26. Ubulungiseleli babapostile babufana njani nobo bamaNgqina kaYehova namhlanje?
26 Abapostile babevuya kuba kwathiwa bakufanele ukuhlaziswa ngenxa yegama likaYesu. “Kananjalo imihla yonke etempileni, nasemakhaya babengayeki ukufundisa nokushumayela iindaba ezilungileyo.” Ewe, babengabalungiseleli bendlu ngendlu. Kukwanjalo nangamaNgqina kaThixo ale mihla, athe afumana umoya wakhe ngenxa yokuba emthobela yaye esithi, “UYehova unguMlawuli wethu!”
Unokuphendula Njani?
◻ Luluphi uthumo olumele luzalisekiswe ngabalandeli bakaYesu, abexesha elidluleyo nabanamhlanje?
◻ Yintoni eyenzekayo ngomhla wePentekoste yowama-33 C.E.?
◻ UPetros wasisebenzisa nini yaye njani isitshixo sokuqala sokomoya uYesu awamnika sona?
◻ Yintoni esinokuyifunda kumava kaHananiya noSafira?
◻ Xa bathi bathethelwa ukuba bayeke ukushumayela, nguwuphi umlinganiselo abapostile abawumiselayo kuwo onke amaNgqina kaYehova?