Ngaba Unokuba Sempilweni Uze Wonwabe?
KUSUSELA kwixesha lokuba amadoda namabhinqa aba ngabantu abangafezekanga, abantu bebekulangazelela ukufumana impilo nolonwabo. Nangona ezi ngokuqinisekileyo izezimbini kwezona zinto zibalulekileyo ezinqwenelwa ngabantu, kuye kwabonakala kunzima ukuzifumana.
Abantu baye bazikisa ukucinga oku, yaye baye banikela namacebiso amaninzi ngako. uGqr. Dennis Jaffe wathi: “Namhlanje, undoqo wokuba sempilweni entle nokuhlala unjalo ngamaxesha onke ngokufuthi uxhomekeke kwindlela oziphethe ngayo.” UAbraham Lincoln wakhe wagqabaza wathi: “Phantse ukuba abantu bonwabe ngomlinganiselo abacinga ukuba bona bonwabe ngawo.” Ngaba uyavumelana noko? Ulunqwenela ngokunzulu kangakanani ulonwabo? Ukulufumana kuxhomekeke kangakanani ekubeni sempilweni entle?
Abantu baye bakhangela kuyo yonke indawo befuna ulonwabo, belandela iindlela ezininzi ezibonakala zinokubakhokelela kulo. Baye baphanda ngentanda-bulumko, inzululwazi ngengqondo nezifundo ngezinto zemvelo. Kwiphulo labo lokufuna ulonwabo, bambi baye balinga inzululwazi, imisebenzi yobugcisa nomculo. Kanti phantse alithandabuzeki elokuba ubukhulu becala ulonwabo lokwenyaniso lunxibelelene nokuba sempilweni entle. Intengiso edumileyo kumabonwakude yathi: “Ukuba usempilweni, phantse ukuba unento yonke.”
Besukela le ndlela yokufumana ulonwabo, abantu abaninzi baye balinga iingcamango ezahlukahlukeneyo ezingempilo, ezamkelekileyo ngokubanzi nezingenjalo. Phantse onke amathala eencwadi kawonke wonke abonisa uthotho lwemigaqo ethile engohlobo lokutya, neendlela ezithile zokunyamekela impilo ezinokulandelwa. Ingcali yezifo zengqondo edumileyo uGqr. Paul Dudley White yagqabaza yathi: “Ukususela kumaxesha amandulo, kuye kwabhalwa iincwadi ezininzi ngempilo. Enye yezona zinkqenkqeza phambili yayiyiRegiment of Helthe eyabhalwa phantse kwiminyaka eliwaka eyadlulayo.”
Phezu kwako konke oku, inkoliso yabantu iye yabuya nembande yesikhova kweli phulo lokufuna impilo nolonwabo. Xa ucinga ngendlela ekuthiwa impucuko yethu ihambele phambili ngayo, ngaba oku kuyakumangalisa? Licace mhlophe elokuba, inzululwazi ayikwazanga ukukuphelisa ukugula, ukwaluphala nokufa.
Kodwa ngaba kuya kukumangalisa ngakumbi ukwazi ukuba asikabi nayo indlela yokufumanisa umlinganiselo wolonwabo nendlela echanileyo yokuluchaza? Kwintetho eyayixubusha ngombandela othi “Iingcamango Ezithile Ngolonwabo,” uPierre Teilhard de Chardin wafikelela kwesi sigqibo: “Kangangeenkulungwane lo ibingumbandela ebekuthethwa ngawo kwintlaninge yeencwadi, ebekuphandwa ngawo, kulingelo obelusenziwa ngabantu ngabanye nangamaqumrhu athile, amanye eqala apho ayeke khona amanye; kodwa, ngelishwa, konke oku koyisakele ngokupheleleyo ukufikelela kwisigqibo esinye. Kuninzi lwethu, ekugqibeleni, ekuphela kwesigqibo esisengqiqweni esinokufikelela kuso ngokusuka kuyo yonke le ngxubusho sikukuba kukudlala ngexesha ukuqhubeka nelo phulo.”
Ngaba leyo yindlela ovakalelwa ngayo ngolonwabo? Zibuze imibuzo ethile yobuqu kodwa enyanisekileyo. Ngaba wonwabile ngokwenene ngoku? Okanye ngaba ulonwabo lokwenene lufunyanwa kuphela ezulwini? Ngaba likho ithemba eliqinisekileyo lokuba singaba nempilo nolonwabo, nokuba ezi zinto sinokuzifumana kanye apha emhlabeni?