Yintoni Onokuyenza Ukuze Ube Sempilweni Uze Wonwabe?
KUDALA umntu waluphawulayo ulwalamano olusondeleyo olukhoyo phakathi kwempilo nolonwabo. UHippocrates, ekucingelwa ukuba nguye “umsunguli wenkqubo yezonyango,” wathi: “Indoda esisilumko ifanele iqonde ukuba impilo yeyona ntsikelelo inkulu umntu anayo.” Isithandi sobulumko saseJamani uArthur Schopenhauer sathi: “Iintshaba ezimbini zolonwabo lomntu ziingqaqambo nesithukuthezi.”
Kwincwadi ethi Anatomy of an Illness as Perceived by the Patient, uNorman Cousins wabalisa amava akhe okusebenzisa ukuhleka ukuze alwisane nokugula okwakunokusuba ubomi bakhe. Wathi ubuncinane ukuchacha kwakhe ngokuyinxenye kwabangelwa kukuhleka de kube buhlungu amathumbu ngoxa ebukele imifanekiso bhanya-bhanya ehlekisayo. Oogqirha abadumileyo baye baqalisa ukwenza uphando ngengenelo ebangelwa yimichiza ethile, ebizwa ngokuba ziiendorphins, eyileka emzimbeni xa sihleka. Ngaloo ndlela sinokububona ubulumko bomzekeliso ophefumlelweyo othi: “Intliziyo evuyileyo iyalungisa, ichachise.”—IMizekeliso 17:22.
Sekunjalo, into exakayo kukuba, abaphengululi baye bafumanisa ukuba ukuba sempilweni entle akuthi ngokuzenzekelayo kuqinisekise ulonwabo, kuba abantu abaninzi abasempilweni abonwabanga. Uhlolisiso olusekelwe kwiimpendulo zemibuzo ebhaliweyo nezodliwano-ndlebe nabantu abangaphezu kwe-100 000 lwakhokelela uJonathan Freedman ukuba afikelele kwisigqibo ebesingalindelekanga sokuba abantu abangaphezu kwama-50 ekhulwini ababengonwabanga ebomini babo ngokusisiseko babesempilweni.
Ngokufutshane—Oko Ikuko Impilo Nolonwabo
Ngoko, sinokukhangela phi ukuze sifumane impilo nolonwabo izinto ekunzima ukuzifumana zombini? Kwiinkulungwane eziliqela ezadlulayo uConfucius wanikela ukuqonda okubangel’ umdla: “Urhulumente olungileyo uphumelela ngokonwatyiswa kwabo basondeleyo, baze abo bakude benziwe batsaleleke kuye.” Kutshanje, igosa laseburhulumenteni uThomas Jefferson lavakalisa ukuba ekuphela kwenjongo urhulumente anayo “kukulondoloza owona mgangatho uphakamileyo wolonwabo onokufikelelwa ngabona bantu baninzi nabaqhelekileyo kulawulo lwakhe.”
Enyanisweni, uhlolisiso lwenyameko lutyhila ukuba ngokwenene inye kuphela eyona nto inokwanelisa ukufuna kwabantu impilo nolonwabo—urhulumente.
Ukutyhubela izizukulwana, abantu bebekhangele apho—kurhulumente—ukuze bafumane ulonwabo. Ngokomzekelo, iSibhengezo Senkululeko saseUnited States siqulethe la mazwi adumileyo: “Siyavuma ukuba ezi nyaniso zizicacele, ukuba bonke abantu badalwa balingana, ukuba uMdali wabo ubajizeke ngaMalungelo athile angenakohluthwa, ukuba phakathi kwawo buBomi, iNkululeko nelungelo lokufuna uLonwabo.” Phawula ukuba loo rhulumente ekwakucingwa ngaye apha wayethembisa abalawulwa bakhe ilungelo lokufuna ulonwabo. Ngokuphathelele impilo, oorhulumente abaninzi bothulelw’ umnqwazi ngokuvelisa iinkqubo zokuphucula impilo yabemi bamazwe abo. Sekunjalo, impilo entle neqhelekileyo kubantu abaninzi ingqineke kunzima ukuyifumana.
Kodwa kuthekani ngorhulumente othembisa kwanokungaphezu koko? Kuthekani ukuba akathembisi nje kuphela ukusukela ulonwabo kodwa uthembisa ulonwabo ngokwalo? Yaye kuthekani ukuba akathembisi kuphela ngesiqinisekiso sokukhusela impilo, kodwa uthembisa impilo entle ngokwayo? Ubungayi kuvuya na ukuva ukuba kulo rhulumente kufumaneka eyona nto inokwanelisa ukufuna koluntu impilo nolonwabo?
Abantu abaninzi namhlanje basenokucinga ukuba le yintsomi emini, kanti urhulumente onjalo ngokwenene waxelwa kwangaphambili yaye wachazwa ngokweenkcukacha ezithile. Sinokuyifumana inkcazelo enokuthenjwa kwiBhayibhile Engcwele, yaye loo rhulumente buBukumkani bukaThixo obungoMesiya.
UBukumkani, Okanye Urhulumente KaThixo
IBhayibhile ithetha ngokufuthi ‘ngobukumkani bukaThixo.’ Buyintoni kanye kanye obo bukumkani? IWebster’s New World Dictionary of the American Language ibuchaza “ubukumkani” ngokuthi “urhulumente okanye ilizwe elilawulwa ngukumkani okanye ukumkanikazi.” Ngamany’ amazwi uBukumkani bukaThixo ngurhulumente, urhulumente wasebukhosini olawulwa nguNyana kaThixo othanjisiweyo noKumkani omiswe nguThixo, uYesu Kristu. Kanye kanye lo rhulumente ubaluleke kangakanani kwinjongo kaThixo? Khawuvumele amazwi kaYesu aphendule: “Funani ke tanci ubukumkani . . . Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela . . . Ndimelwe kukuba ndizishumayele iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo nakweminye imizi, ngokuba ndithunywe oko. . . . Ubukumkani bukaThixo buyashunyayelwa, bonke bayangena kubo ngokugonyamela.”—Mateyu 6:33; 24:14; Luka 4:43; 16:16.
Igama elithi “ubukumkani” lisetyenziswe izihlandlo ezingaphezu kwekhulu kwiincwadi zeVangeli ezingobomi bukaYesu, ngamanye amaxesha bunxibelelene ngokungqalileyo nempilo nolonwabo. Phawula uMateyu 9:35, uthi: “Waye uYesu eyihamba yonke imizi nemizana, efundisa ezindlwini zabo zesikhungu, evakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani, ephilisa izifo zonke nezikhuhlane zonke ebantwini.” Nangona uYesu wakunxulumanisa ukubuyisela abantu empilweni entle nokufundisa kwakhe ngoBukumkani, sifanele siphawule ukuba wayengabalaselisi ukunyanga kwakhe izigulo ngaphezu kokushumayela nokufundisa kwakhe. Wayesaziwa ngokuba ‘nguMfundisi,’ ingenguye “uMphilisi.” (Mateyu 26:18; Marko 14:14; Yohane 1:38) Wayenganikeli ingqalelo ngokuyintloko ekuphiliseni abantu okanye ekunyamekeleni abagulayo. Inkxalabo yakhe eyintloko yayisoloko ibuBukumkani. Ngokunyamekela izigulo zabantu, wayebonakalisa imfesane yakhe enkulu yaye wayebonakalisa ukuba wayexhaswa nguThixo.
Kwakhona ukuphilisa kukaYesu kwakuyimbonakaliso nje yoko aya kukufeza ngokubuyisela abantu empilweni xa umhlaba wonke ulawulwa buBukumkani bukaThixo. Oku kuqinisekiswa ngumbono ochazwe kwiSityhilelo 22:1, 2: “Saza sandibonisa umlambo wamanzi obomi, uqaqambile, ngathi ngumkhenkce, uphuma etroneni kaThixo neyeMvana. Phakathi kwesitrato sawo, ngapha nangapha komlambo, ngumthi wobomi, ovelisa iintlobo zeziqhamo ezilishumi elinambini, unika iinyanga neenyanga zonke isiqhamo sawo; aye amagqabi omthi lowo engawokuphilisa iintlanga.”
Kodwa sinokukufumana phi oku? Kusenokubonakala ikukuyibaxa inyaniso ukulindela ukuba ukuphiliswa okumangalisa ngolo hlobo kungakho apha emhlabeni. Noko ke, khumbula amazwi kaYesu osenokuba nawe ngokwakho uye wawathetha emthandazweni: “Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini.”—Mateyu 6:10.
Ngoko ke, ithemba lethu lokwenene nelinokuthenjwa lokufumana impilo nolonwabo kwikamva likuBukumkani bukaThixo obungoMesiya. Noko ke, umbuzo usekho.
Ngaba Sinokunandipha Impilo Nolonwabo Ngoku?
Kwanangoku, ukulandela kwethu imigaqo yeBhayibhile kunokusenza sikwazi ukunandipha umlinganiselo ophakamileyo wempilo, ndawonye nolonwabo olongezelelekileyo. Njengoko bekusoloko kuboniswa kulo lindixesha, ngokuqhelekileyo abo basebenzisa iBhayibhile kubomi babo bemihla ngemihla bakhuselekile kwiingxaki zempilo ezibangelwa kukuziphatha kakubi ngokwesini, ukutshaya, ukusela ngokugqithiseleyo nokusebenzisa kakubi iziyobisi. Kwakhona bafumana iingenelo zobomi obuzolileyo nolwalamano oluhle ngakumbi nezizalwane nabanye.
Noko ke, sele sibonile ukuba ukuba sempilweni entle akuthi ngokuzenzekelayo kubangele ulonwabo oluhlala luhleli. Yintoni ofanele uyenze ukuze unandiphe umlinganiselo omkhulu wolonwabo?
Kuhlolisiso olukhankanywe ngaphambilana, uJonathan Freedman wawuqwalasela nzulu loo mbuzo. Wakhangela koothunywashe abafana ‘Nothando Nesini,’ “Ubutsha Nobudala,” “Umvuzo Nemfundo,” ‘kwanothi “Idolophu Nelizwe.” Kunokubangela umdla kuwe ukwazi ukuba wafumanisa ukuba aba thunywashe babengaluchaphazeli kangako ulonwabo lukabani olusisiseko. Ngokomzekelo, ecaphula imizekelo yabantu ababenezinto eziphathekayo ezininzi kodwa bengonwabanga, wafikelela kwesi sigqibo: “Noko kuyamangalisa ukubona ukuba umvuzo nemfundo ezo zinto zibonakala zingenayo indima ebalulekileyo ekuziseni ulonwabo.”
Izigqibo zakhe zifana ncam noko kwathethwa ngumbhali weBhayibhile osisilumko, umpostile uPawulos, owathi: “Ndafunda ukuthi entlalweni endikuyo ndanele.” (Filipi 4:11) Kwakhona, khumbula amazwi kaYesu, athi: “Kulumkele konke ukubawa, kuba ubomi bomntu abuxhomekekanga ebuninzini bezinto anazo.”—Luka 12:15, TE.
Ngokwenene, uNjingalwazi Freedman wafumanisa oku: “Kumaxesha ngamaxesha, xa sikhangela kwiingxelo ezenziwa ngabantu abangonwabanga ababonakala benento yonke, sifumanisa ukuba bathi ubomi babo abunantsingiselo yaye abubonakali apho businge khona.” Wongezelela wathi: “Ndimathidala ukukwenza kubonakale ngathi kubaluleke kakhulu oku, kodwa kuyabonakala ukuba imilinganiselo yokomoya inokuziphembelela kakuhle iimvakalelo zomntu ngobomi bokwenene, ngoxa ukungabikho kwayo ngokomlinganiselo othile kusenzakalisa okanye kubangela ukuba ungabi namdla nakweyiphi na enye into.”
Ubungqina bokuchana kolo hlolisiso siyabubona kumhla wethu. Khangela oko kukungqongileyo. Ngaba akuboni phantse bonke abantu—abanye bengamahlwempu, abanye bezizityebi—besukela ulonwabo kodwa bengalufumani ngokupheleleyo? Liyinyaniso elokuba, abanye baluncamile baza bahlala bengenathemba, kanti abaninzi baphila ubomi obukruqulayo, bayasukela, kodwa abade bakufumane oko bakusukelayo. Abathile bayatshata ukuze bafumane ulonwabo, ngoxa abamelwane babo beqhawul’ umtshato ngenjongo efanayo. Abanye bazibulala ngomsebenzi, ngoxa abanye beyishiya imisebenzi yabo bathabathe ikhefu kwindawo ekude nelidla imali eninzi. Bonke bafuna okufanayo ekunzima ukukufumana, bafuna ukuba sempilweni nokonwaba. Ngaba bayakufumana? Ngaba wena uye wakufumana?
Impilo Yakho, Ulonwabo Lwakho
Inyaniso ikukuba, unokuba sempilweni uze wonwabe ngomlinganiselo ophakamileyo ngoku. Kunokwenzeka njani oku?
Ngokuqinisekileyo kububulumko ukuzama ukuyinyamekela impilo yakho ngendlela elungeleleneyo, efana nokusebenzisa isiluleko seBhayibhile esisebenzisekayo. Kwakhona kuya kukunceda ukuba ujonge izinto ngendlela esengqiqweni. Oko kuquka ukuqonda ukuba ukugula kunokuyifikela imizimba yethu engafezekanga, sekunjalo asiyi kunxunguphala xa oko kusenzeka. Oku kunokufuna umgudu ongakumbi wokulondoloza ithemba njengoko sikhangele kwidinga lempilo efezekileyo kwihlabathi elitsha elizayo.
Ukuze ubone enoba unomlinganiselo osengqiqweni wolonwabo ngoku, zibuze le mibuzo: 1. Ngaba ndibulawula ngokwaneleyo ubomi bam? 2. Ngaba ngokusisiseko ndinandipha uxolo lobuqu yaye ndihlelisene ngoxolo nabo bandingqongileyo? 3. Ngaba ngokuqhelekileyo ndanelisekile koko ndikufezayo ebomini njengoko kuthelekiswa noko kukhanyiswa yiBhayibhile? 4. Ngaba mna nentsapho yam siyavuyiswa kukukwazi ukukhonza uThixo?
Ngokomlinganiselo omkhulu, ukhetho lolwethu. Abaninzi bethu basenokuba ngokusisiseko basempilweni, yaye sikwanokwenza ukhetho olunokusizisela ulonwabo. Kodwa sifanele sibe nosukelo lokomoya size sisebenzele ukulufikelela. Khumbula amazwi kaYesu: “Apho bukhona ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu.” (Mateyu 6:21) Yaye sinesizathu esisekelwe eBhayibhileni sokukhangela phambili kwanakwimpilo nolonwabo olungakumbi phantsi kolawulo olufezekileyo loBukumkani obungoMesiya. Ngelo xesha sinokufumana impilo nolonwabo olupheleleyo.
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Abantu abonwabileyo bayakuvuyela ukwabelana nabanye ngethemba labo lempilo efezekileyo