Ngaba Uya Kusabela Kuthando LukaYesu?
‘Lusifingile uthando lukaKristu.’—2 KORINTE 5:14.
1. Lunokuchazwa njani uthando lukaYesu?
ENYANISWENI, hayi indlela olumangalisa ngayo uthando lukaYesu! Xa siqwalasela indlela awathuthunjelwa ngayo njengoko wayelungiselela ukufumaneka kwentlawulelo, ekukuphela kwento esinokubufumana ngayo ubomi obungunaphakade, ngokuqinisekileyo iintliziyo zethu zishukunyiselwa ukuba zibe noxabiso ngaye! UYehova uThixo noYesu bathabatha inyathelo lokuqala. Basithanda kuqala, ngoxa sisengaboni. (Roma 5:6-8; 1 Yohane 4:9-11) Umpostile uPawulos wabhala wathi, ukwazi “uthando lukaKristu kugqithe ulwazi.” (Efese 3:19, NW) Eneneni, uthando lukaYesu lunzulu lee kunolwazi olusengqondweni. Lubalasele ngaphezu kwayo nayiphi na into eyakha yabonwa okanye yeviwa ngabantu.
2. Yintoni engenakuphelisa uthando lukaYesu ngathi?
2 Ebhalela amaKristu aseRoma, uPawulos wabuza: “Ngubani na oya kusahlula eluthandweni lukaKristu? Yimbandezelo na, luxinaniso na, yintshutshiso na, yindlala na, bubuze na, yingozi na, likrele na?” Akukho nanye yezi zinto enokuphelisa uthando lukaYesu ngathi. Ehlabela mgama uPawulos uthi, “Ndeyisekile kukuba nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, naziphathamandla, nanto zikhoyo, nanto zizayo, nabuphakamo, nabunzulu, nasinye isidalwa esisimbi, asiyi kuba nako ukusahlula thina eluthandweni lukaThixo, olukuye uKristu Yesu, iNkosi yethu.”—Roma 8:35-39.
3. Yintoni ekuphela kwento enokwenza uYesu noYise basishiye?
3 Leyo yindlela olunamandla ngayo uthando lukaYehova uThixo noYesu ngawe. Inye kuphela into enokuphelisa uthando lwabo ngawe, yaye loo nto kukulugatya kwakho ngabom uthando lwabo ngokwala ukwenza oko bakufunayo. Umprofeti kaThixo ecacisela ukumkani wakwaYuda wakha wathi: “UYehova unani ekubeni ninaye; ukuba nithe namquqela, nomfumana; ukuba nithe namshiya, wonishiya nani.” (2 Kronike 15:2) Ngubani kuthi obengafuna ukwahlukana nabahlobo abamangalisa nabanemfesane njengoYehova uThixo noNyana wakhe, uYesu Kristu?
Ukusabela Ngokufanelekileyo Kuthando LukaYesu
4, 5. (a) Uthando lukaYesu ngathi lufanele luluchaphazele njani ulwalwamano lwethu nabanye abantu? (b) Ngubani omnye esifanele sishukunyiselwe ukumthanda ngenxa yothando lukaYesu ngathi?
4 Wena ngokobuqu lukuchaphazela njani uthando lukaYesu olungenamida? Lufanele lukuchaphazele njani? Kaloku, uYesu wabonisa indlela ukubonakalisa kwakhe uthando okufanele kuluchaphazele ngayo ulwalamano lwethu nabanye abantu. Emva kokubakhonza ngokuthobekileyo abapostile bakhe ngokubahlamba iinyawo, uYesu wathi: “Ndininike umzekelo, ukuze nani nenze, njengoko ndenze ngako mna kuni.” Wongezelela wathi: “Ndiniwisela umthetho omtsha, wokuba nithandane, njengoko ndinithandileyo nina, ukuze nithandane nani.” (Yohane 13:15, 34) Abafundi bakhe bafunda, yaye bashukunyiselwa ukuba bazame ukwenza njengoko wenzayo. Umpostile uYohane wabhala: “Ngale nto silwazile uthando, kuba yena wasincamela ubomi bakhe; nathi ke sifanele ukubancamela abazalwana ubomi bethu.”—1 Yohane 3:16.
5 Sekunjalo, besiya kuba siyiphosile injongo yobomi nobulungiseleli bukaYesu ukuba umzekelo wakhe ubusishukumisela ukuba sithande size sikhonze izilangazelelo zabanye abantu kuphela. Ngaba uthando lukaYesu alufanele lusibangele ukuba nathi simthande size ngokukhethekileyo sithande uYise, owamfundisa konke akwaziyo? Ngaba uya kusabela kuthando lukaKristu uze ukhonze uYise njengokuba wenzayo?—Efese 5:1, 2; 1 Petros 1:8, 9.
6. Uthando lukaYesu ngaye lwamchaphazela njani umpostile uPawulos?
6 Khawucinge ngemeko kaSawule, owathi kamva waziwa ngokuba nguPawulos. Ngaxa lithile wayetshutshisa uYesu, ‘ebafuthela intsongelo nokubabulala abafundi.’ (IZenzo 9:1-5; Mateyu 25:37-40) Xa uPawulos waqalisa ukumazi kakuhle ngokwenene uYesu, waba nombulelo ngokwenene ngokuxolelwa kangangokuba wayengalungelanga kuphela ukubandezeleka ngenxa kaYesu kodwa wayelungele nokufa ngenxa yakhe. Wabhala: “Ndibethelelwe [emthini, NW] noKristu; ayisendim ke odla ubomi . . . Ubomi ke endibudlayo ngoku, ndisenyameni, ndibudlela ekukholweni kuNyana kaThixo, owandithandayo, wazinikela ngenxa yam.”—Galati 2:20.
7. Uthando lukaYesu lufanele lusishukumisele ukwenza ntoni?
7 Hayi indlela olufanele lusishukumise ngamandla ngayo uthando lukaYesu ngathi! UPawulos wabhalela abaseKorinte wathi, ‘Kuba lusifingile uthando lukaKristu, ukuze singabi sazidlela ubomi kodwa sibudlele lowo wasifelayo waza wavuka.’ (2 Korinte 5:14, 15) Eneneni, umbulelo kuYesu ngokunikela ngobomi bakhe ngenxa yethu ufanele usishukumisele ukwenza konke akufunayo. Kungale ndlela kuphela esinokungqina ukuba simthanda ngokwenene. UYesu wathi: “Ukuba niyandithanda, yigcineni imithetho yam. Lowo unayo imithetho yam ayigcine, nguye ondithandayo.”—Yohane 14:15, 21; thelekisa eyoku-1 kaYohane 2:3-5.
8. Uthando lukaYesu luye lwabuchaphazela njani ubomi babenzi-bubi abaninzi?
8 Bakuba befunde imithetho kaYesu, abenzi bombulo, abakrexezi, amadoda alalanayo, amasela, amanxila nabatshabhisi kwiKorinte yamandulo basabela kuthando lukaYesu ngokwahlukana nezo zinto. UPawulos wabhala wathi ngabo: “Kuloko nahlanjululwayo, . . . kuloko nagwetyelwayo [“navakaliswa ningamalungisa,” NW] egameni leNkosi uYesu.” (1 Korinte 6:9-11) Ngokufanayo, uthando lukaYesu ngabantu nanamhlanje luye lwashukumisa abaninzi ukuba benze iinguqulelo ezinkulu ebomini babo. Umbhali-mbali uJohn Lord wabhala wathi: “Uloyiso lokwenene lobuKristu lwabonwa ngokuthi lubaguqule babe ngabantu abalungileyo abo babelandela iimfundiso zabo. Siyabungqinela ubomi babo obungenabala, ihambo yabo yokuziphatha engenasiphako, igama elihle abanalo ekuhlaleni, nokundiliseka kwabo kobuKristu.” Onjani umahluko oye wenziwa ziimfundiso zikaYesu!
9. Ukumva uYesu kubandakanya ntoni?
9 Ngokuqinisekileyo, alukho ufundisiso olunokwenziwa ngumntu namhlanje olubaluleke ngakumbi kunolo lobomi nobulungiseleli bukaYesu Kristu. ‘Sise amehlo kuYesu. Mqondeni lowo,’ wabongoza watsho umpostile uPawulos. (Hebhere 12:2, 3) Ebudeni bokwenziwa kumila kumbi kukaYesu, uThixo wayalela oku ngokuphathelele uNyana wakhe: “Mveni yena.” (Mateyu 17:5) Noko ke, kufanele kugxininiswe kwelokuba ukumva uYesu kuquka okungakumbi kunokumva nje oko akuthethayo. Kuthetha ukuthobela imiyalelo yakhe, ewe, ukumxelisa ngokwenza oko wakwenzayo ngendlela awakwenza ngayo. Sisabela kuthando lukaYesu ngokumamkela njengomzekelo wethu, ngokulandela emanyathelweni akhe ngokusondeleyo.
Oko UYesu Afuna Sikwenze
10. Ngoobani abaqeqeshwa nguYesu yaye ngayiphi injongo?
10 Uthumo uYesu awayelunikwe nguThixo lwalukukushumayela ngoBukumkani bukaYise, ibe waqeqesha abalandeli bakhe ukuba benze umsebenzi ofanayo. Wabaxelela oku abafundi bakhe bokuqala: “Masihambe siye emizini ekufuphi, ukuze nakhona ndivakalise iindaba ezilungileyo, kuba ndiphumele oko.” (Marko 1:38; Luka 4:43) Kamva, emva kokubaqeqesha ngokucokisekileyo abapostile bakhe abali-12, uYesu wabayalela: “Ekuhambeni kwenu ke vakalisani, nisithi, Ubukumkani bamazulu busondele.” (Mateyu 10:7) Kwiinyanga ezithile kamva, ngemva kokuqeqesha abanye abangama-70, wabathuma wathi: “Nithi kubo, Busondele kuni ubukumkani bukaThixo.” (Luka 10:9) Ngokucacileyo, uYesu wayefuna ukuba abalandeli bakhe babe ngabashumayeli nabafundisi.
11. (a) Abafundi bakaYesu babeza kuyenza ngayiphi indlela imisebenzi emikhulu kunaleyo wayenzayo? (b) Kwenzeka ntoni kubafundi emva kokubulawa kukaYesu?
11 UYesu waqhubeka ebaqeqeshela lo msebenzi abafundi bakhe. Ngobusuku bokugqibela ngaphambi kokufa kwakhe, wabakhuthaza ngala mazwi: “Lowo ukholwayo kum, imisebenzi endiyenzayo mna, uya kuyenza naye yena; nemikhulu kunale uya kuyenza.” (Yohane 14:12) Imisebenzi yabalandeli bakhe yayiya kuba mikhulu kuneyakhe ngenxa yokuba kubulungiseleli babo babeya kufikelela abantu abakummandla omkhulu ngakumbi kangangethuba elide ngakumbi. Kodwa, emva kokubulawa kukaYesu, umsebenzi wabafundi bakhe waphazamiseka ngenxa yoloyiko. Bazimela baza abaqhubeka nomsebenzi awayebaqeqeshele ukuwenza. Bambi bade babuyela kwishishini lokuloba. Noko ke, oko wayefuna bakwenze wakubethelela ngendlela engenakulibaleka kwaba basixhenxe, nakubo bonke abalandeli bakhe.
12. (a) UYesu wenza wuphi ummangaliso kuLwandle lwaseGalili? (b) Kubonakala ukuba wayethetha ukuthini uYesu xa wabuza uPetros ukuba uyamthanda na “ngaphezu kwezi”?
12 UYesu wambatha umzimba womntu waza wabonakala kuLwandle lwaseGalili. Abapostile abasixhenxe babephumile ngomkhombe kodwa abazange babambise ntlanzi ubusuku bonke. UYesu wakhwaza eselunxwemeni: “Wuphoseni umnatha ngecala lasekunene lomkhombe, nofumana.” Xa ngokungummangaliso umnatha wazaliswa ziintlanzi kangangokuba wafuna ukuqhaqheka, abo babesemkhombeni baqonda ukuba nguYesu owayemi elunxwemeni, baza ke bangxama ukuya apho wayelinde khona. Ngemva kokubalungiselela isidlo sakusasa, uYesu, ekunokwenzeka ukuba wayejonge inkitha yeentlanzi ababeyibambisile, wabuza uPetros: “Simon nyana kaYona, uyandithanda na ngaphezu kwezi?” (Yohane 21:1-15, NW) Alithandabuzeki elokuba uYesu wayethetha ukuba, Ngaba ulithanda gqitha ishishini lokuloba kunokuba kunjalo ngomsebenzi wokushumayela endikuqeqeshele ukuba uwenze?
13. UYesu wayibethelela ngokunamandla njani kubafundi bakhe indlela abafanele basabele ngayo kuthando lwakhe?
13 UPetros waphendula: “Ewe, Nkosi, uyazi wena ukuba ndiyakuthanda.” UYesu waphendula wathi: “Dlisa amatakane am.” UYesu wambuza okwesibini: “Simon kaYona, uyandithanda na?” Kwakhona uPetros waphendula, ngokungathandabuzekiyo eqiniseke ngakumbi: “Ewe, Nkosi, uyazi wena ukuba ndiyakuthanda.” Kwakhona uYesu wamyalela: “Yalusa izimvu zam.” UYesu wambuza okwesithathu: “Simon kaYona, uyandithanda na?” Xa kungoku uPetros wayekhathazeke kunene. Kwintsukwana nje ezimbalwa ngaphambili, ebekhanyele izihlandlo zazithathu ukuba uyamazi uYesu, ngoko usenokuba wayezibuza enokuba uYesu wayenamathandabuzo kusini na ngokunyaniseka kwakhe. Ngoko ke, okwesithathu, uPetros waphendula, mhlawumbi ngemvakalo-zwi enyanisekileyo: “Nkosi, uyazazi izinto zonke wena; uyaqonda wena ukuba ndiyakuthanda.” Wasuka uYesu waphendula wathi: “Dlisa izimvu zam.” (Yohane 21:15-17) Ngaba kunokubakho amathandabuzo ngoko uYesu wayefuna ukuba uPetros namaqabane akhe bakwenze? Hayi indlela awakubethelela ngamandla ngayo kubo—nakubo bonke ababeya kuba ngabafundi bakhe namhlanje—ukuthi ukuba bayamthanda, baya kuba nesabelo kumsebenzi wokwenza abafundi!
14. Ngezinye izihlandlo, uYesu wayibonisa njani indlela abafundi bakhe abafanele basabele ngayo kuthando lwakhe?
14 Kwiintsuku ezimbalwa emva kwaloo ncoko yangaselunxwemeni lolwandle, uYesu wabonakala kwintaba ethile eGalili waza wayalela abalandeli abonwabileyo abamalunga nama-500 nababehlanganisene apho: “Hambani ngoko niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, . . . nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniwisele umthetho ngazo.” (Mateyu 28:19, 20; 1 Korinte 15:6) Khawucinge nje ngoku! Amadoda, abafazi nabantwana bonke bafumana olu thumo lufanayo. Kwakhona kamva, ngaphambi nje kokuba anyukele ezulwini, uYesu waxelela abafundi bakhe oku: “Nibe ngamangqina am . . . kuse nasekupheleni komhlaba.” (IZenzo 1:8) Emva kokululekwa ngolu hlobo, akumangalisi ukuba, kwiminyaka kamva, uPetros wathi: “[UYesu] wasithethela ngelithi, masivakalise ebantwini, siqononondise [“sinikele ubungqina ngokucokisekileyo,” NW].”—IZenzo 10:42.
15. Yintoni ekungenakubakho mathandabuzo ngayo?
15 Akunakubakho mathandabuzo ngendlela esifanele sisabele ngayo kuthando lukaYesu. Kunjengokuba waxelela abapostile bakhe: “Ukuba nithi niyigcine imithetho yam, hlalani eluthandweni lwam . . . Nizizihlobo zam nina, ukuba nithi nikwenze konke endinimisela khona mna.” (Yohane 15:10-14) Umbuzo ke ngulo, Ngaba uya kubonisa uxabiso ngothando lukaYesu ngokuthobela umthetho wakhe wokuba nesabelo kumsebenzi wokwenza abafundi? Liyinyaniso elokuba, oku kusenokungabi lula kuwe ngenxa yezizathu ezahlukahlukeneyo. Kodwa kwakungelula nakuYesu. Khawuqwalasele iinguqulelo ekwafuneka ezenzile.
Landela Umzekelo KaYesu
16. Nguwuphi umzekelo omangalisayo uYesu awawumiselayo?
16 UNyana kaThixo okuphela kwamzeleyo wayekwisikhundla esiphakamileyo sozuko lwasezulwini olubalaseleyo kunolwazo zonke ezinye izithunywa zezulu. Wayesisityebi ngokwenene! Kodwa ngokuzithandela wazihluba, wazalwa elilungu lentsapho engamahlwempu, waza wakhula engqongwe ngabantu abagulayo nabafayo. Oku wakwenza ngenxa yethu, njengokuba umpostile uPawulos wacacisayo: “Niyalwazi ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu, okokuba yathi, ibisisityebi nje, yaba lihlwempu ngenxa yenu, ukuze nina nibe zizityebi ngobuhlwempu bayo obo.” (2 Korinte 8:9; Filipi 2:5-8) Onjani wona umzekelo! Enjani yona imbonakaliso yothando! Akukho namnye owakha wancama okanye wabandezeleka ngakumbi ngenxa yabanye. Yaye akukho namnye owenze abanye bakwazi ukunandipha ubutyebi obungakumbi, ewe, ubomi obungunaphakade emfezekweni!
17. Liliphi ikhondo elibekwe phambi kwethu, yaye uya kuba yintoni umphumo wokulilandela?
17 Sinokuwuxelisa umzekelo kaYesu size sibangele ukuba abanye bangenelwe ngokufanayo. Ngokuphindaphindiweyo, uYesu wabongoza abantu ukuba babe ngabalandeli bakhe. (Marko 2:14; Luka 9:59; 18:22) Enyanisweni, uPetros wabhala: “Kuba nabizelwa oko; ngokuba noKristu weva ubunzima ngenxa yethu, esishiya nomzekelo, ukuze silandele emkhondweni wakhe.” (1 Petros 2:21) Ngaba uya kusabela kuthando lukaKristu ukusa kumkhamo wokuba ude uve ubunzima ukuze ukhonze uYise njengokuba wenzayo? Hayi indlela ikhondo elinjalo elinokuba yingenelo ngayo kwabanye! Eneneni, ngokulandela umzekelo kaYesu, ngokuzisebenzisa ngokupheleleyo iimfundiso awazifumana kuYise, “wozisindisa wena, ubasindise nabo bakuvayo.”—1 Timoti 4:16.
18. (a) UYesu wamisela wuphi umzekelo ngesimo sakhe sengqondo ngabantu? (b) Abantu basabela njani kubuntu bukaYesu?
18 Ukuze sibancede kangangoko abantu, sikwamele sivakalelwe ngendlela uYesu awavakalelwa ngayo ngabo. Isiprofeto sathi ngaye: “Abenzele inceba abasweleyo nabangamahlwempu.” (INdumiso 72:13) Abalandeli bakhe bakuphawula ukuba uYesu ‘wayebathanda’ abo wayethetha nabo yaye wayefuna ukubanceda ngokwenene. (Marko 1:40-42; 10:21) IBhayibhile ithi, “Akuzibona izihlwele, wasikwa yimfesane zizo, ngokuba zibe zityhafile, zichithakele ngokwezimvu ezingenamalusi.” (Mateyu 9:36) Kwanabo babesenza izono ezinzulu baluva uthando lwakhe baza batsaleleka kuye. Ngendlela awayethetha ngayo, ngokuziphatha nangendlela awayefundisa ngayo, wayebenza bakhululeke. Ngenxa yoko, kwanababuthi berhafu namahenyukazi awayethiyiwe ayefuna ukuza kuye.—Mateyu 9:9-13; Luka 7:36-38; 19:1-10.
19. UPawulos wamxelisa njani uYesu, yaye uya kuba yintoni umphumo ukuba senza okufanayo?
19 Abafundi bakaYesu benkulungwane yokuqala bawuxelisa umzekelo wakhe wothando. UPawulos wabhalela abanye awayelungiselela kubo wathi: “Sisuke sathantamisa phakathi kwenu njengomdlezana osukuba ebagcinile abakhe abantwana . . . Besixelisa uyise kubantwana bakhe, siniyala, sinikhuza, siniqononondisa.” (1 Tesalonika 2:7-11) Ngaba unenkxalabo yokwenene ngabo bakwintsimi yakho enjengaleyo abazali abanayo ngabantwana babo ababathandayo? Ukuyibonakalisa inkxalabo enjalo ngendlela othetha ngayo, ngenkangeleko yobuso nangezenzo zakho kuya kusenza isigidimi soBukumkani sibe nomtsalane kwababumvu.
20, 21. Yiyiphi eminye yemizekelo yanamhlanje yabantu abalandela umzekelo kaYesu wothando?
20 Ngenye imini eyayibanda eSpeyin, amaNgqina amabini adibana nexhegokazi elihamba ngeentonga nelindlu yalo yayiqhaqhazelis’ amazinyo ngenxa yokuphelelwa ziinkuni. Lalilinde ukuba unyana walo abuye emsebenzini ukuze acande ezingakumbi. La maNgqina azicanda iinkuni, aza alishiyela namaphephancwadi ukuba lifunde. Xa unyana walo wabuyayo, wachukumiseka yinkxalabo enothando yala maNgqina ngonina kangangokuba walufunda uncwadi, waqalisa ukufundisisa iBhayibhile, wabhaptizwa, yaye kamsinya wangenela ubulungiseleli bobuvulindlela.
21 EOstreliya indoda nomfazi wayo bacacisela amaNgqina awayebatyelele ukuba babengenayo imali yokondla intsapho yabo. Esi sibini singamaNgqina sahamba saza sathenga ukutya, kuquka neelekese ukwenzela abantwana. Abazali basuka balila, besithi imeko yabo imbi kangangokuba bebecinge ukuzibulala. Bobabini baqalisa ukufundisisa iBhayibhile, kwaye kutshanje umfazi uye wabhaptizwa. Ibhinqa elaliwathiyile amaNgqina kaYehova eUnited States lanikela le ngxelo emva kokudibana nelinye: “Enyanisweni andikukhumbuli oko besithetha ngako, kodwa ekuphela kwendikukhumbulayo yindlela ebelinobubele ngayo kum nendlela ebelithobeke ngayo. Ndiye ndaziva ndilithanda ngokwenene. Ubuhlobo balo ndisabuxabisa unanamhla.”
22. Ngemva kokuhlolisisa ubomi bukaYesu, sifikelela kwisiphi isigqibo ngaye?
22 Xa sisabela kuthando lukaYesu ngokwenza umsebenzi awawenzayo ngendlela awawenza ngayo, hayi iintsikelelo ezimangalisayo esiya kuzinandipha! Ukuba ngobalaseleyo kukaYesu kucacile yaye akunakukhanyelwa. Sishukunyiselwa ukuba siphinde amazwi erhuluneli yomRoma uPontiyo Pilato: “Nanko umntu!” Ewe, ngokwenene, “Umntu,” oyena mntu ubalaseleyo wakha waphila.—Yohane 19:5.
Ubuya Kuphendula Uthini?
◻ Lukhulu kangakanani uthando lukaYesu?
◻ Uthando lukaYesu lufanele lusibangele ukuba sithande bani, yaye uthando lwakhe lufanele lusishukumisele ukuba senze ntoni?
◻ Nguwuphi umsebenzi uYesu afuna siwenze?
◻ UYesu wayesisityebi ngayiphi indlela, yaye yintoni eyambangela walihlwempu?
◻ Sifanele simxelise njani uYesu ngendlela awabalungiselela ngayo abantu?
[Umfanekiso okwiphepha 15]
UYesu wamisela umzekelo wokubonakalisa uthando
[Umfanekiso okwiphepha 17]
UYesu wayibonakalisa ngamandla indlela abafundi bakhe abafanele balubonakalise ngayo uthando ngaye