Ukuxabisa Isipho Esibalulekileyo Sobomi
UBOMI—hayi indlela obuligugu ngayo! Ngaphandle kwabo asinakwenza nto. Bakuphela, umntu akanakububuyisela nangayiphi na indlela. Ukuba ubomi bethu busengozini, senza konke okusemandleni ukuze sibulondoloze. Kaloku, bambi bade babhenele kuncedo olungaphaya kolomntu xa bebandezelekile!
EBhayibhileni sikhunjuzwa ngengxelo yenqanawa eyahlaselwa luqhwithela elwandle. Xa yayisele iza kwaphuka, “boyika oomateloshe, bakhala elowo kuthixo wakhe.” Kamva, bonke bakhala kuThixo oyinyaniso besithi: “Gxebe, Yehova, masingafi.” Ingxelo yeBhayibhile ikwathi: “Bayijulela elwandle impahla ebisenqanaweni, ukuziphungulela bona.”—Yona 1:4-6, 14; thelekisa IZenzo 27:18, 19.
Abo matiloshe babekulungele nokuncama izinto eziphathekayo ezaziligugu kubo bezama ukusindisa ubomi babo. Sinokuzibuyisela kwakhona izinto eziphathekayo—kodwa asinakwenjenjalo ngobomi. Yaye kuba ubomi bethu sibuxabisa ngokwemvelo, siyayibaleka ingozi. Imizimba yethu siyayondla, size siyambathise. Sifuna uncedo lwezamayeza xa sigula.
Sekunjalo, uMniki-bomi ufuna senze okungakumbi kunokuzikhusela ngokwemvelo kuphela. Ngapha koko, ubomi sisipho esixabisekileyo, yaye sivela koyena Mntu ubalulekileyo kwindalo iphela. Ngenxa yoxabiso olunyanisekileyo ngoMniki nangesipho, ngaba asifanele sibuxabise ubomi? Yaye ngaba oko akumele kuquke ukuba sibe nenkathalo ngobomi babanye?
Ngoko, akumele kusothuse ukuba uMthetho kaYehova uThixo wanika uhlanga lwakwaSirayeli imithetho eyayenzelwe ukukhusela ubomi nempilo yabanye. (Eksodus 21:29; Duteronomi 22:8) Ngokufanayo namhlanje amaKristu afanele azigcine ekhuselekile. Ngokomzekelo, ukuba unabantwana abaselula ekhayeni lakho, ngaba uzishiya nje ekuhleni izinto ezifana namaso noonotaka, okanye izinto ezibukhali ezisenokubangela ingozi xa umntwana ezidlalela ngazo okanye eziginyile? Ngaba imichiza eyingozi namayeza abekwa kwindawo abantwana abangenakufikelela kuyo? Ukuba amanzi achithakele phantsi, ngaba uwasula ngokukhawuleza ukuze uthintele ingozi? Ngaba uzilungisa ngokukhawuleza izixhobo ezisebenza ngombane xa zonakele? Ngaba isithuthi sakho sigcinwa silungile ngalo lonke ixesha? Ngaba ungumqhubi onenkathalo? Ukuba ngenene uyakuxabisa ukubaluleka kobomi, uya kushukunyiselwa ukuthabatha amanyathelo asengqiqweni okuthintela ingozi kwezi nkalo nakwezinye ezifana nazo.
Noko ke, okubuhlungu kukuba bambi ababukhathalele nobabo ubomi. Ngokomzekelo, ngubani namhlanje ongaziyo ukuba ukutshaya akuyompilo? Kanti, izigidi zikhotyokisiwe ngulo mkhwa, ngoxa ubomi bazo buwohloka thuba ngalinye betsala umsi oyingozi. Abanye basebenzisa kakubi iziyobisi, yaye abanye bade basebenzise kakubi notywala, bezonakalisa. UGawulayo sisifo esibulalayo nesinganyangekiyo. Kodwa abaninzi ngebengakhange bamfumane ukuba bebeye bazinxwema ekuziphatheni kakubi ngokwesini, kwezinye iintlobo zokusebenzisa kakubi iziyobisi nakutofelo-gazi. Hayi indlela obungaxatyiswanga kalusizi ngayo ubomi!—Roma 1:26, 27; 2 Korinte 7:1.
Utshintsho Lunokwenziwa!
Abo banoxabiso ngoMdali wabo Ozukileyo, uYehova, banesizathu esibambekayo sokujonga ubomi njengobuxabisekileyo. Ubomi busisipho sakhe esingcwele. Ngoko ke bakulungele ukwenza naziphi na iinguqulelo eziyimfuneko ukuze babuphathe njengesipho sikaThixo. Phawula amava kaKwaku, umfundisi-ntsapho waseGhana. Wayelikhoboka lotywala elingakhathaliyo nelalidlala ngobomi balo.
UKwaku ukhumbula oku: “Ndandizama ukunyanzela umfazi wam ukuba andihlonele, ngokufuthi oko kwakukhokelela kwiingxabano ezishushu nemilo, ingakumbi xa ndinxilile. Ngenxa yokusela utywala ngokugqithiseleyo, ndandisoloko ndingenamali, yaye ndandisilela kaninzi ekuxhaseni intsapho ngemali. Kuyaqondakala ukuba, oku kwakumcaphukisa kakhulu umfazi wam. Ngalo lonke ixesha ndiphelelwa yimali (yaye oku kwakusenzeka rhoqo), ndandisenza nantoni endandinokuyenza ukuze ndixhase lo mkhwa. Ngesinye isihlandlo ndade ndasebenzisa imali yabantwana besikolo endandiyiqokelele ukuze babhalisele iimviwo. Ndayidyakraza ndithenga utywala ndathengela nabahlobo bam basetywaleni iziselo. Kungabanga thuba lide lafika ixesha lokuba ifunwe imali. Ukuba inqununu yesikolo yayingangenelelanga kwangoko, ngendaphelelwa ngumsebenzi.
“Ubomi bam babukwimeko embi. Ndandineentloni, kodwa kungekudala yaphela loo nto. Yaye ndaqalisa ukucinga ngokuzibulala kuba ndavakalelwa kukuba akukho nto yam ebomini. Sekunjalo, andizange ndikwazi ukuphuncula ekubeni likhoboka lotywala. Kodwa xa ngenye imini ndabandakanyeka kwingxabano yamanxila enkanti ndaza ndahlatywa, ndaqonda ukuba ukuthanda kwam utywala ngenye imini koze kundibulalise.
“Ngelo xesha, ngamathub’ athile amaNgqina kaYehova ayetyelela rhoqo ekhayeni lethu, ezama ukutsalela umdla wethu eBhayibhileni. Mna nomfazi wam sasisoloko siwaphepha kuba sasicinga ukuba ayeyinkathazo. Noko ke, ngesinye isihlandlo, ndagqiba kwelokuba ndiwaphulaphule ngenxa yosizi. Ngokukhawuleza isifundo seBhayibhile sandenza ndaqonda ithemba elimangalisayo lokuphila ngonaphakade kwinkqubo entsha kaThixo. Okukhona ndandiyifundisisa ngakumbi iBhayibhile ngoncedo lwamaNgqina kaYehova, kokukhona lwaya lusiba nzulu ngakumbi uxabiso lwam ngoYehova njengoMniki-bomi wethu nangesipho sakhe sobomi, yaye kokukhona ndaya ndichukumiseka ngakumbi yindlela isiluleko seBhayibhile esisebenziseka ngayo. Oku kwandikhuthaza ngakumbi ukuba ndicoce ubomi bam. Oku kwakungelula, njengoko kwakusoloko kufuneka ndale ithamo [lotywala] kwakunye namaqabane am amadala. UYehova, uMphulaphuli wemithandazo, wayibona indlela endandizimisele ngayo waza wandiphendula.a
“Ngoku umfazi wam, nangona engenguye omnye wamaNgqina kaYehova, uyandihlonela yaye nonqulo lwam uyaluhlonela ngenxa yokuphawula inguqulelo enkulu ebomini bam nakulwalamano lwethu lomtshato. Akusekho mfuneko yokuba abamelwane bethu bangenelele kwimilo ephakathi kwam nomfazi wam. Ndiyaluxabisa uxolo lwengqondo endinalo ngoku. Ngokuqinisekileyo, ukumxabisa uYehova uThixo njengoMniki-bomi wethu, size sixelise indlela abuxabise ngayo ubomi, sithobele imiyalelo yakhe ngendlela emasiphile ngayo kuphela kwendlela efanelekileyo yobomi.”
Isibabalo SikaThixo Sobomi Obungunaphakade
NjengoKwaku, amawaka aye ancedwa ngamaNgqina kaYehova ukuba ‘ambathe umntu omtsha, othe ngokukaThixo wadalelwa ebulungiseni nasebungcweleni benyaniso.’ (Efese 4:24) Aye awaxabisa nje kuphela ubomi bawo bangoku kodwa nethemba lobomi obungunaphakade kwiparadisi esemhlabeni. IBhayibhile ithembisa ukuba kuloo Paradisi yenziwe nguThixo, akukho mmi wasemhlabeni uya kubhuqwa linxele likaKhetsekile, kuba “UYehova wemikhosi uya kuzenzela zonke izizwe . . . isidlo sezinto ezityebileyo.”—Isaya 25:6.
Nangona ubomi bumangalisa, okwangoku, bobethutyana nje kuphela. Wonk’ ubani ujongene nokufa, yaye oko kuzisa intlungu! Ukufelwa ngubani omthandayo kuzisa ukubandezeleka, ngaphandle kokuzibaxa izinto. Kodwa phantsi koBukumkani bukaThixo, obulawulwa nguKristu, isithembiso sikaYehova siya kuzalisekiswa: “Kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu; ngokuba izinto zokuqala zigqithile.”—ISityhilelo 21:4.
Ngelo xesha isipho sobomi siya kwandiswa ngokungummangaliso. Abasindi bembandezelo yokugqibela kulo mhlaba baya kufumana ubomi ngokuzeleyo. Ibe ngoko, ngovuko, ukubuyiselwa ebomini kwakhona, uYehova uThixo uya kubuyisela isipho sakhe sobomi esixabisekileyo kwabo balele ukufa. (Yohane 5:24, 28, 29) Oku kuya kuthetha ukubuya kwabafileyo esibathandayo nabantu bamandulo ababesoyika uThixo!
Ngaba konke oku kuyintsom’ emini? Akunjalo, kuba “akukho nanye into eya kumnqabela yena uThixo.”—Luka 1:37; thelekisa uYobhi 42:2.
Ngokubhekele phaya, uYehova uThixo uluqinisekisile uluntu ukuba konke oku kuya kwenzeka. Njani? Ngokuncama othandekayo entliziyweni yakhe, uNyana wakhe amthandayo, uYesu Kristu, ukuze asikhulule esonweni nasekufeni. AmaRoma 8:32 ayasiqinisekisa: “Lowo [uYehova uThixo] ungamconganga owakhe uNyana, wesuka wamnikela ngenxa yethu sonke, angathini na ukuba angasibabali ngazo zonke ezo zinto, ndawonye naye?” IBhayibhile isixelela ukuba oko kuya kuquka ukutshayelwa kwako konke ukuziphatha kakubi phakathi koluntu nokupheliswa kwazo zonke iintlobo zokungabikho kokusesikweni, ubundlobongela, nogonyamelo. (Isaya 11:9) Ubomi abusayi kuze buthatyathwe lula kwakhona.
Kwanangoku, phantsi kweemeko zokungafezeki, ubomi bunokunandipheka. Nguwuphi umntu ongalinandiphiyo ivumba eliginyis’ ingwiqi lokutya okuluncuthu, impepho emyoli yemini efudumeleyo, ubuhle bentaba ephakamileyo, ubuhle bokutshona kwelanga, ukunkcenkceza komlanjana, iintyatyambo ezimibalabala ezithabathekisayo, intsholo yengoma eluncuthu okanye ukuntyiloza kweentaka? Khawunqumame kancinane. Cinga, bekuya kuba njani ukuba ezo zinto bezinokunanditshwa ngonaphakade?
Ngoko, ngaba kusengqiqweni ukulahla ilungelo elixabisekileyo lokuphila ngonaphakade ngenxa yeziyolo zokomzuzwana zekhondo lokuzifica okungenangqiqo? (Thelekisa amaHebhere 11:25.) Ngobulumko, iBhayibhile isibongoza ukuba ‘ixesha eliseleyo [lobomi bethu, NW] singabi saliphilela ezinkanukweni zabantu, siliphilele ekuthandeni kukaThixo.’ (1 Petros 4:2) Siyakubongoza ngokunyanisekileyo, ewe, siyakukhuthaza ukuba wenze oko ngokufundisisa iLizwi likaThixo, iBhayibhile, nokuqhelisela izinto ozifundayo. (Yohane 13:17) Ngaloo ndlela uya kuba nolwalamano oluhle noYehova, uThixo ozele kukulunga nenceba, onako ukukuvuza ngobomi obungunaphakade!
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuchacha ekukhotyokisweni butywala kungumgudu, ngokufuthi kufuna uncedo lwengcali. Bona iphephancwadi lethu, uVukani! kaJuni 8, 1992, ukuze ufumane inkcazelo eluncedo ngalo mbandela.
[Umfanekiso okwiphepha 5]
Ngaba indlela ophila ngayo ibonisa ukuba uyabuxabisa ubomi?
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Ihlabathi elitsha likaThixo liya kusenza sinandiphe iziyolo zobomi ngonaphakade!