Ukuxabisa Iintlanganiso ZamaKristu
“Masiqwalaselane ukuze sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle, singakutyesheli ukuhlanganisana kwethu ndawonye.”—HEBHERE 10:24, 25.
1, 2. (a) Kutheni kulilungelo ukuya kwintlanganiso yamaKristu okwenyaniso? (b) UYesu ubakho ngayiphi ingqiqo kwiintlanganiso zabalandeli bakhe?
HAYI indlela ekulilungelo ngayo ukuya kwiintlanganiso zamaKristu, enoba kukho abangaphantsi kweshumi okanye kukho amawaka aliqela abanquli bakaYehova, kuba uYesu wathi: “Apho kukho ababini okanye abathathu abahlanganisene ndawonye egameni lam, ndilapho phakathi kwabo”! (Mateyu 18:20) Kuyinyaniso ukuba, xa wayesenza elo dinga, uYesu wayexubusha ngemibandela yokugweba eyayifuna ukusingathwa kakuhle ngabo banikela ukhokelo ebandleni. (Mateyu 18:15-19) Kodwa ngaba amazwi kaYesu anokusetyenziswa kwakhona njengomgaqo kuzo zonke iintlanganiso zamaKristu ezivulwa zize zivalwe ngomthandazo owenziwa egameni lakhe? Kunjalo kanye. Khumbula ukuba, xa uYesu wayethuma abalandeli bakhe kumsebenzi wokwenza abafundi, wabathembisa oku: “Khangelani! ndikunye nani yonke imihla de kube sekuqoshelisweni kwenkqubo yezinto.”—Mateyu 28:20.
2 Alithandabuzeki nakancinane elokuba iNtloko yebandla lamaKristu, iNkosi uYesu Kristu, inomdla ngokukhethekileyo kuzo zonke iintlanganiso zabalandeli bayo abathembekileyo. Ngaphezu koko, sinokuqiniseka ukuba iphakathi kwabo ngomoya oyingcwele kaThixo. (IZenzo 2:33; ISityhilelo 5:6) NoYehova uThixo unomdla ekuhlanganisaneni kwethu. Injongo ephambili yezo ntlanganiso kukuphakamisa indumiso iye kuThixo “emabandleni.” (INdumiso 26:12) Ukuya kwethu kwiintlanganiso zebandla kububungqina bokuba siyamthanda.
3. Sisiphi isizathu esibalulekileyo sokuxabisa iintlanganiso zamaKristu?
3 Zikho nezinye izizathu ezivakalayo zokuba sizixabise iintlanganiso zamaKristu. Ngaphambi kokuba awushiye umhlaba, uYesu Kristu wamisela abafundi bakhe abathanjisiweyo ukuba basebenze ‘njengekhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ elinikela ukutya kokomoya ngexesha elifanelekileyo kwabendlu yokholo. (Mateyu 24:45) Indlela eyintloko esidluliselwa ngayo eso sondlo sokomoya iphunyezwa ziintlanganiso zebandla neentlanganiso ezinkudlwana—iindibano ezincinane nezinkulu. INkosi uYesu Kristu yalathisa eli khoboka lithembekileyo ukuba linikele inkcazelo ebalulekileyo kwezo ntlanganiso kubo bonke abafuna ukusinda kwisiphelo sale nkqubo ingendawo baze bafumane ubomi kwihlabathi elitsha elinobulungisa likaThixo.
4. Liliphi ‘isiko’ eliyingozi elikhankanywe eBhayibhileni, kwaye yintoni eya kusinceda siliphephe?
4 Ngenxa yoko, akakho umKristu onokulenza umkhwa wakhe isiko eliyingozi elichazwa ngumpostile uPawulos, owabhala esithi: “Masiqwalaselane ukuze sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle, singakutyesheli ukuhlanganisana kwethu ndawonye, njengoko kulisiko labathile ukwenjenjalo, kodwa masikhuthazane, ngokungakumbi njengoko nibona ukuba imini iyasondela.” (Hebhere 10:24, 25) Ukucamngca ngelungelo neengenelo zokuya kwiintlanganiso zamaKristu kuya kusinceda sizixhase ngokunyaniseka nangentliziyo iphela iintlanganiso ezinjalo.
Iintlanganiso Ezakhayo
5. (a) Intetho yethu imele ibe nayiphi impembelelo kwiintlanganiso zethu? (b) Kutheni singafanele siphozise maseko ekumemeni abantu abanomdla ukuba beze ezintlanganisweni?
5 Ekubeni amaKristu ethandazela umoya oyingcwele kaYehova ukuba usebenze kwiintlanganiso zamaKristu, umntu ngamnye okhoyo ufanele enze konke okusemandleni akhe ukuze asebenzisane nomoya aze ‘angawenzi buhlungu umoya oyingcwele kaThixo.’ (Efese 4:30) Xa umpostile uPawulos wayebhala loo mazwi aphefumlelweyo, wayexubusha ngokulusebenzisa kakuhle ulwimi. Oko sikuthethayo kufanele kuhlale kusetyenziselwa ‘ukwakha njengoko kusenokuba yimfuneko, ukuze kubanike oko kukholekileyo abevayo.’ (Efese 4:29) Oku kubaluleke ngokukhethekileyo kwiintlanganiso zamaKristu. Kwincwadi yakhe eyayisiya kwabaseKorinte, uPawulos wabethelela imfuneko yokuba iintlanganiso zakhe, zifundise yaye zikhuthaze. (1 Korinte 14:5, 12, 19, 26, 31) Bonke abezileyo bayangenelwa kwiintlanganiso ezinjalo, kuquka nabaqalayo ukuza, abasenokude bagqibe ngelithi: “Ngokwenene uThixo uphakathi kwenu.” (1 Korinte 14:25) Ngenxa yoku, asifanele siphozise maseko ekumemeni abantu abanomdla ukuba baze kuhlanganisana nathi, kuba ukwenjenjalo kuya kubabangela benze inkqubela ekhawulezileyo yokomoya.
6. Ngabaphi abanye oothunywashe abafak’ isandla ekwenzeni intlanganiso ibe yeyakhayo?
6 Bonke ababelwe iintetho, udliwano-ndlebe okanye imiboniso kwiintlanganiso zamaKristu bamele baqiniseke ukuba abakuthethayo kuyakha yaye kuvisisana noko kubhalwe kwiLizwi likaThixo, iBhayibhile. Ukongezelela ekusebenziseni intetho echanileyo, sifanele sibonakalise umfutho neemvakalelo ezivisisana nobuntu obunothando bukaThixo noKristu. Ukuba bonke abanenxaxheba kucwangciso lweentlanganiso bakuxhalabele ukubonakalisa ‘isiqhamo somoya kaThixo,’ esinjengovuyo, ukuzeka kade umsindo nokholo, ngoko ngokuqinisekileyo bonke abezileyo baya kuziva bakhekile.—Galati 5:22, 23.
7. Kungayiphi indlela abanokuthi bonke abezileyo bafak’ igxalaba ngayo kwintlanganiso eyakhayo?
7 Nangona iyimbinana nje enokuba nenxaxheba kucwangciso lweentlanganiso zebandla, bonke banokufak’ isandla ekwenzeni iintlanganiso zibe zezakhayo. Ngokufuthi kubakho amathuba okuba abaphulaphuli baphendule imibuzo. Ezi zizihlandlo zokuluvakalisa ekuhleni ukholo lwethu. (Roma 10:9) Azifanele zisetyenziswe njengethuba lokukhuthaza iingcamango zethu zobuqu, ukuqhayisa ngezinto esiziphumezileyo okanye ukugxeka elinye ikholwa. Ngaba oko bekungayi kumenza buhlungu umoya kaThixo? Iimbambano esiba nazo namanye amakholwa zinokusingathwa kakuhle ngasese ngomoya wothando. IBhayibhile ithi: “Yibani nobubele omnye komnye, ninemfesane yofefe, nixolelana ngesisa kanye njengokuba noThixo wanixolelayo ngesisa ngaye uKristu.” (Efese 4:32) Elinjani ukuba lihle ithuba esilinikwa ziintlanganiso zamaKristu ukuze sisebenzise esi siluleko silungileyo! Ukuze benze oko, abaninzi bafika ngaphambi kwexesha leentlanganiso baze bahlale emva kwazo. Oku kukwanceda nabo banomdla, abakufuna ngokukhethekileyo ukuziva bamkelekile. Ngaloo ndlela onke amaKristu azahluleleyo anendima amele ayiphumeze ekwenzeni iintlanganiso zibe zezakhayo ‘ngokuqwalaselana nangokuvuselelana eluthandweni nasemisebenzini emihle.’
Zilungiselele Kakuhle
8. (a) Ziziphi izenzo ezincomekayo zokuzincama ezenziwa ngabanye ukuze baye ezintlanganisweni? (b) Nguwuphi umzekelo omiselwa nguYehova njengomalusi?
8 Ngoxa kwabanye kusenokuba lula noko ukuya ezintlanganisweni zamaKristu, abanye kufuneka benze izenzo zokuzincama rhoqo besiya kuzo. Ngokomzekelo, umama ongumKristu ekufuneka aphangele ukuze alungiselele iintswelo zendlu yakhe udla ngokubuya emsebenzini edinwe eyimfe. Ngelo xesha usenokuba ulindelwe ziimbiza nokulungisa abantwana bakhe ukuze baye ezintlanganisweni. Amanye amaKristu kusenokufuneka ahambe imigama emide ukuya ezintlanganisweni, okanye asenokubanjwa zizigulo ezithile okanye ukwaluphala. Ngokuqinisekileyo, uYehova uThixo uyayiqonda imeko yomntu ngamnye othembekileyo oze ezintlanganisweni, kanye njengokuba umalusi onothando eziqonda iimfuno ezikhethekileyo zemvu nganye ekumhlambi wakhe. IBhayibhile ithi: ‘UYehova uya kuwalusa umhlambi wakhe njengomalusi; uya kuwabutha ngeengalo zakhe amatakane, awathwale ngesifuba sakhe, azithundeze ezanyiswayo.’—Isaya 40:11.
9, 10. Sinokungenelwa njani ngokupheleleyo kwiintlanganiso?
9 Abo kufuneka bazincame gqitha ukuze baye rhoqo ezintlanganisweni basenokungabi naxesha laneleyo lokulungiselela inkcazelo eza kuqwalaselwa. Ukuhambisana nocwangciso lofundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki kwenza ukuya kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo kube nomvuzo ongakumbi. Ngokufanayo, ukuzilungiselela kusengaphambili nezinye iintlanganiso, ezinjengeSifundo seMboniselo neSifundo Sencwadi Sebandla, kwenza ezi ntlanganiso zibe yingenelo ngakumbi. Ngokufunda inkcazelo eza kufundwa kusengaphambili nangokuqwalasela ubuncinane ezinye zeendinyana zeBhayibhile ezibonisiweyo, abo baneemeko zentsapho ezifuna banikele ixesha elingakumbi kuzo baya kukulungela ngakumbi ukuba nesabelo esiphawulekayo kwezi ngxubusho zibalulekileyo zeBhayibhile.
10 Abanye, abameko zabo zibavumelayo, banokuchitha ixesha elingakumbi ekulungiseleleni iintlanganiso. Ngokomzekelo, basenokwenza uphando ngezibhalo ezibonisiweyo kodwa azacatshulwa. Ngaloo ndlela bonke banokulungiselela ukuze bazuze lukhulu kwiintlanganiso baze babe nesabelo ekwakheni ibandla ngeentetho nangamagqabaza abo. Ngokulungiselela kakuhle, abadala nezicaka zolungiselelo baya kumisela umzekelo omhle ngokunikela iimpendulo ezimfutshane nezihlabe emxholweni. Ngenxa yokuhlonela amalungiselelo kaYehova, abo bezileyo baya kuyiphepha nayiphi na imikhwa ephazamisayo ngoxa iintlanganiso ziqhubeka.—1 Petros 5:3.
11. Kutheni kuyimfuneko ukuzeyisa ukuze silungiselele iintlanganiso?
11 Imisebenzi nokuzonwabisa okungenanto yakwenza nempilo yethu yokomoya kusenokusityela ixesha elininzi gqitha. Ukuba kunjalo, kufuneka sizihlolisise ‘siyeke ukuba ngabangenangqiqo’ ngokuphathelele ukusebenzisa ixesha lethu. (Efese 5:17) Usukelo lwethu lufanele lube ‘kukuthenga ixesha’ kwizinto ezingabalulekanga kangako ukuze sichithe ixesha elingakumbi kufundisiso lobuqu lweBhayibhile nasekulungiseleleni iintlanganiso, nakwinkonzo yoBukumkani. (Efese 5:16) Kuyavunywa ukuba, oku akusoloko kulula yaye kufuna ubani azeyise. Abantu abaselula abanikela ingqalelo koku bazibekela isiseko esihle senkqubela kwixesha elizayo. UPawulos walibhalela oku iqabane lakhe eliselula uTimoti: “Ziphonononge ezi zinto [isiluleko sikaPawulos esiya kuTimoti]; wendele kuzo, ukuze uhambelo-phambili lwakho lubonakaliswe kubantu bonke.”—1 Timoti 4:15.
Imizekelo Evela KwiLizwi LikaThixo
12. Nguwuphi umzekelo obalaseleyo owamiselwa yintsapho yakuloSamuweli?
12 Khawucinge ngomzekelo omhle owamiselwa yintsapho yakuloSamuweli, eyayisiba nenxaxheba rhoqo kumalungiselelo okuhlanganisana nabanye abanquli xa itabanakile kaThixo yayiseShilo. Yayingamadoda kuphela ekwakufuneka aye kwimibhiyozo yemithendeleko yaminyaka le. Kodwa uyise kaSamuweli, uElikana, wayeyithabatha yonke intsapho yakhe, xa ‘enyuka evela emzini wakhe iminyaka ngeminyaka, eye kunqula, abingelele kuYehova wemikhosi eShilo.’ (1 Samuweli 1:3-5) Mhlawumbi idolophu yakuloSamuweli, iRama, yayimi kude kufuphi nonxweme lwendawo namhlanje eyaziwa ngokuba yiRentis kumazantsi “eleentaba lakwaEfrayim.” (1 Samuweli 1:1) Ngaloo ndlela uhambo olusinge eShilo lusenokuba lwaluquka umgama omalunga neekhilomitha ezingama-30, ngaloo mihla olwalumtsho ubani adinwe abe yimfe. Ngokunyaniseka yayisenjenjalo ke intsapho kaElikana “iminyaka ngeminyaka, [yayinyuka] ukuya endlwini kaYehova.”—1 Samuweli 1:7.
13. Nguwuphi umzekelo omhle owamiselwa ngamaYuda athembekileyo xa uYesu wayesemhlabeni?
13 NoYesu wakhulela kwintsapho enkulu. Minyaka le intsapho yakowabo yayisiya eNazarete emalunga neekhilomitha ezili-100 ukusinga emzantsi isiya kumthendeleko wePasika eYerusalem. Zimbini iindlela eyayinokuhamba ngazo. Eyona ndlela ingagwegweleziyo yayiquka ukuhla ukuya kwiNtlambo yaseMegido nokunyuka ummango omalunga neemitha ezingama-600 unqumla kumhlaba wamaSamariya de uye kugaleleka eYerusalem. Enye indlela neyayisetyenziswa kakhulu yileyo yathatyathwa nguYesu kuhambo lwakhe lokugqibela lokuya eYerusalem ngowama-33 C.E. Le ndlela yayisihla ngeNtlambo yeYordan iye kutsho ngaphantsi komphakamo wolwandle de ifike “kwimida yelakwaYuda naphesheya kweYordan.” (Marko 10:1) Ukusuka apha, ‘indlela eya eYerusalem’ ngumgama weekhilomitha ezimalunga nama-30, eziquka ukunyuka ummango omalunga neemitha ezili-1100. (Marko 10:32) Ngokuthe rhoqo, izihlwele zabantu abathembekileyo ababebhiyozela imithendeleko zazithabatha olo hambo luqobayo lusuka eGalili lusinge eYerusalem. (Luka 2:44) Onjani ukuba mhle umzekelo kubakhonzi bakaYehova banamhlanje abakumazwe afumileyo, uninzi lwabo olunokuya lula noko kwiintlanganiso zamaKristu, ngenxa yeendlela zokuhamba zale mihla!
14, 15. (a) Nguwuphi umzekelo owamiselwa nguAna? (b) Yintoni esinokuyifunda kwisimo sengqondo esihle esabonakaliswa ngabanye ababeze ezintlanganisweni?
14 Omnye umzekelo ngowomhlolokazi ogama linguAna oneminyaka engama-84 ubudala. IBhayibhile ithi ‘akazange aphoswe kukuba setempileni.’ (Luka 2:37) Ngaphezu koko, uAna wabonakalisa umdla onothando kwabanye. Yintoni awayenzayo akubona usana olunguYesu waza wafumanisa ukuba lwalunguMesiya othenjisiweyo? Wambulela uThixo waza waqalisa ‘ukuthetha ngaye lo mntwana kubo bonke abo babelinde intlangulo yeYerusalem.’ (Luka 2:38) Esinjani ukuba sihle isimo sengqondo, umzekelo omele ulandelwe ngamaKristu namhlanje!
15 Ewe, ukubakho nokuba nenxaxheba ezintlanganisweni zethu kufanele kusiyolise kangangokuba, njengoAna, singaze sifune ukuphoswa zizo. Uninzi lwabasebatsha luvakalelwa ngolo hlobo. Ekubeni luphume ebumnyameni lweza ekukhanyeni kukaThixo okungummangaliso, lufuna ukufunda konke olunokukufunda, ibe abaninzi babonakalisa inzondelelo enkulu ngeentlanganiso zamaKristu. Kwelinye icala, abo banexesha elidana besenyanisweni bamele balumkele ‘ukushiya uthando ababenalo kuqala.’ (ISityhilelo 2:4) Maxa wambi iingxaki ezinzulu zempilo okanye abanye oothunywashe abangaphaya kwamandla omntu basenokumenza angayi kakuhle ezintlanganisweni. Kodwa singaze sivumele ukuthanda izinto eziphathekayo, ulonwabo okanye ukungabi namdla kusenze singalungiseleli, sonqene okanye singayi rhoqo ezintlanganisweni.—Luka 8:14.
Owona Mzekelo Mhle
16, 17. (a) Wayenasiphi isimo sengqondo uYesu ngeentlanganiso zokomoya? (b) Liliphi isiko elihle afanele onke amaKristu azame ukulilandela?
16 UYesu wamisela umzekelo obalaseleyo wokubonakalisa uxabiso ngeentlanganiso zokomoya. Ekubudala beminyaka eli-12, wabonakalisa uthando ngendlu kaThixo eyayiseYerusalem. Walahlekana nabazali bakhe kodwa ekugqibeleni bamfumana exubusha iLizwi likaThixo nabafundisi etempileni. Esabela kwinkxalabo yabazali bakhe, uYesu wababuza ngentlonelo esithi: “Beningazi na ukuba ndimele ndibe sendlwini kaBawo?” (Luka 2:49) Ethobela, uYesu oselula wabuyela eNazarete nabazali bakhe. Nalapho waqhubeka ebonakalisa ukuzithanda iintlanganiso zonqulo ngokuya rhoqo kwindlu yesikhungu. Ngaloo ndlela, xa wayeqalisa ubulungiseleli bakhe, iBhayibhile inikela le ngxelo: “Weza eNazarete, apho wayekhuliswe khona; yaye, ngokwesiko lakhe ngomhla wesabatha, wangena kwindlu yesikhungu, waza wema ukuze afunde.” Emva kokuba uYesu efunde waza wacacisa uIsaya 61:1, 2, abaphulaphuli bakhe baqalisa ‘ukumangaliswa ngamazwi amnandi awayephuma emlonyeni wakhe.’—Luka 4:16, 22.
17 Namhlanje iintlanganiso zamaKristu zilandela eli khondo linye liyintloko. Emva kokuba intlanganiso ivulwe ngengoma nangomthandazo, kufundwa iindinyana zeBhayibhile (okanye iindinyana ezicatshuliweyo kwiincwadi zokufunda iBhayibhile) zize zicaciswe. AmaKristu okwenyaniso amele axelise isiko elihle likaYesu Kristu. Ngokuya ngokuvuma kweemeko zawo, akufumanisa kuluyolo ukuya rhoqo kwiintlanganiso zamaKristu.
Imizekelo Yale Mihla
18, 19. Yiyiphi imizekelo emihle eye yamiselwa ngabazalwana abakumazwe asakhasayo ngokuphathelele iintlanganiso kunye neendibano ezincinane nezinkulu?
18 Kumazwe asakhasayo alo mhlaba, uninzi lwabazalwana noodade wethu lumisela umzekelo omhle wokuxabisa iintlanganiso zamaKristu. EMozambiki, umveleli wesithili, uOrlando nomkakhe uAmélia, bathabatha iiyure ezingama-45 bebetha ngezikaTshiwo umgama omalunga neekhilomitha ezinga-90 benyuka intaba ephakamileyo ukuze baye kukhonza kwindibano ethile. Emva koko kwakufuneka bathwabaze ngeenyawo bebuya ukuze baye kukhonza indibano elandelayo. Ngokuthozama uOrlando wanikela le ngxelo: “Saziva singenzanga nto tu xa sadibana nabazalwana ababevela kwiBandla laseBawa. Ukuya nokubuya endibanweni kwabathabatha iintsuku ezintandathu kuhambo lweekhilomitha ezimalunga nama-400 bethwabaza ngeenyawo, kwaye phakathi kwabo kwakukho umzalwana oneminyaka engama-60 ubudala!”
19 Kuthekani ngokuxabisa iintlanganiso zebandla zeeveki ngeeveki? UKashwashwa Njamba ngudade ompilo inkenenkene nosele ekubudala beminyaka engama-70. Uhlala eKaisosi, kwilali yaseRundu eNamibia, emalunga neekhilomitha ezintlanu ukusuka kwiHolo yoBukumkani. Ukuze aye ezintlanganisweni, uhambo lwakhe xa lulonke luba ziikhilomitha ezilishumi enqumla ematyholweni. Abanye abantu baye bakhuthuzwa kule ndlela, kodwa uKashwashwa akapheli mandla. Inkoliso yeentlanganiso iqhutywa ngeelwimi angazaziyo. Ngoko ungenelwa njani ngokubakho kwakhe? UKashwashwa uthi: “Ngokulandela izibhalo, ndiyazama ukuthelekelela ukuba loo ntetho ixubusha ngantoni na.” Kodwa akafundanga, ngoko uzilandela njani izibhalo? Uyaphendula: “Ndiphulaphula izibhalo endizazi ngentloko.” Kwaye ukutyhubela iminyaka, uye wagcina izibhalo ezininzi engqondweni yakhe. Ukuze aphucule ubuchule bakhe bokusebenzisa iBhayibhile, uya kwiklasi yabafunda ukulesa nokubhala elungiselelwe libandla. Uthi: “Ndiyakuthanda ukuya ezintlanganisweni. Kusoloko kukho into entsha oyifundayo. Ndiyakuthanda ukunxulumana nabazalwana noodade. Nangona ndingenakuthetha nabo bonke, basoloko besiza ukuza kundibulisa. Kwaye okona kubaluleke ngakumbi kukuba, ndiyazi ukuba ngokuya ezintlanganisweni, ndiyayivuyisa intliziyo kaYehova.”
20. Kutheni singamele sizityeshele iintlanganiso zethu zamaKristu?
20 NjengoKashwashwa, izigidi zabanquli bakaYehova emhlabeni wonke zibonakalisa uxabiso oluncomekayo ngeentlanganiso zamaKristu. Njengoko ihlabathi likaSathana lisinge kwintshabalalo, asinakukwazi ukutyeshela ukuhlanganisana kwethu ndawonye. Kunoko, masihlale sivukile ngokomoya size sibonakalise uxabiso olunzulu ngeentlanganiso, nangeendibano ezincinane nezinkulu. Ukwenjenjalo akuyi kuvuyisa intliziyo kaYehova nje kuphela kodwa kuya kusizuzisa iingenelo ezityebileyo njengoko sifumana imfundiso yobuthixo ekhokelela kubomi obungunaphakade.—IMizekeliso 27:11; Isaya 48:17, 18; Marko 13:35-37.
Imibuzo Yempinda
◻ Kutheni kulilungelo ukuya kwiintlanganiso zamaKristu?
◻ Kunokwenzeka njani ukuba bonke abezileyo bafak’ igxalaba kwiintlanganiso ezakhayo?
◻ Nguwuphi umzekelo obalaseleyo owamiselwa nguYesu Kristu?
◻ Sisiphi isifundo esinokufundwa kubazalwana abakumazwe asakhasayo?
[Ibhokisi ekwiphepha 17]
Bayazixabisa Iintlanganiso Zeeveki Ngeeveki
Izigidi zabantu zihlala kwizixeko ezithwaxwa bubuhlwempu nolwaphulo-mthetho. Nangona iimeko zinjalo, amaKristu okwenyaniso aphakathi kwabo abonakalisa uxabiso oluncomekayo ngeentlanganiso zamaKristu. Umdala okhonza kwelinye lamabandla aseSoweto eGauteng, eMzantsi Afrika unikela le ngxelo: “Kwibandla elinamaNgqina nabavakalisi abangabhaptizwanga abangama-60, ezintlanganisweni kubakho abantu abaphakathi kwama-70 ukusa kuma-80, ibe maxa wambi baba ngaphezulu. Nangona abazalwana noodade bengahambi mgama ungako ukuze baye ezintlanganisweni, iimeko zithand’ ukuba mbana kuloo mmandla weSoweto. Omnye umzalwana wahlatywa emqolo ngoxa wayesiya ezintlanganisweni. Ubuncinane babini oodade abaxhonyiswayo ngelinge lokubabamb’ inkunzi. Kodwa oku akubenzi bangezi ezintlanganisweni. NgeeCawa, siba nexesha elifutshane lokuqhelisela iingoma emva kokuba sivale iintlanganiso ngomthandazo. Ubuncinane bangama-95 ekhulwini abahlalayo baze bavume zonke iingoma ezimele zivunywe kwiintlanganiso zeveki ezayo. Oku kunceda nabasebatsha ukuba bazifunde yaye nabo bazivume ezo ngoma.”
Abahlali basezilalini bajamelana neminye imiqobo, enjengokuhamba imigama emide ukuze baye ezintlanganisweni kathathu ngeveki. Esinye isibini esinomdla sihlala kumgama oziikhilomitha ezili-15 ukusuka kwiHolo yoBukumkani yaseLobatse, eBotswana. Kunyaka ophelileyo, siye saya rhoqo ezintlanganisweni kunye nabantwana baso ababini. Umyeni uthunga izihlangu ukuze axhase intsapho yakhe. Inkosikazi yakhe ithengisa iintwanantwana ezithile ukuze yenze uchatha kwingeniso yentsapho nokuze bakwazi ukukhwela izinto zokuhamba xa besiya naxa bebuya ezintlanganisweni.
Ngenye ingokuhlwa yehlobo yakutshanje, emva kweentlanganiso zotyelelo lomveleli wesiphaluka, le ntsapho yazifumana imi kwindawo ekuma kuyo uduladula ngeyesi-9:00 ngokuhlwa ingenanto yokukhwela. Ooduladula babephele ngaphambi kwexesha ngenxa yemozulu embi. Owakwantsasana othile wemisa iveni yakhe waza wabuza isizekabani sokuba lapho kwabo. Akuva ngeshwangusha elibahleleyo, wabasizela waza wabakhwelisa ebasa kwikhaya labo elikumgama oziikhilomitha ezili-15 ukusuka apho. Inkosikazi, engumvakalisi ongabhaptizwanga, yathi kumyeni wayo: “Uyabona ke, ukuba sibeka iintlanganiso kwindawo yokuqala, uYehova usoloko esilungiselela.” Ngoku, nomyeni uye wavakalisa umnqweno wokuba ngumshumayeli weendaba ezilungileyo.
[Umfanekiso okwiphepha 18]
AmaNgqina anjengala aseRomania amisela umzekelo omhle wokuxabisa iintlanganiso zamaKristu