Ngubani UYehova?
UYEHOVA wamxelela oku omnye wabakhonzi bakhe abathembekileyo: “Akukho mntu undibona aphile.” (Eksodus 33:20) “UThixo unguMoya,” yaye abantu abanakumbona ngamehlo abo enyama. (Yohane 4:24) Kanye njengokuba ukujonga ngqo elangeni emin’ emaqanda kunokuwonakalisa amehlo ethu, ngokufanayo nathi siya kuba sengozini ukuba sibona uMthombo wamandla awadala kungekhona ilanga lethu eliqaqambileyo kuphela kodwa nezinye izinto ezingenakubalwa ezikuyo yonke indalo.
Okuvuyisayo kukuba, akufuneki simbone uThixo ukuze sifunde ngaye. IBhayibhile isichazela Lowo wenza laa pasile intle, umhlaba, ukuze sikwazi ukububona ubuntu bakhe. Ngoko kubalulekile ukuhlolisisa eBhayibhileni ukuze sifumanise ngoBawo owasinika ubomi waza wasinika ikhaya elihle esinokubunandipha kulo obo bomi.
Ukubaluleka Kwegama Lakhe
Onke amagama anentsingiselo, nangona abaninzi besenokungakuqondi oko namhlanje. Ngokomzekelo, igama lesiNgesi eliqhelekileyo elithi David livela kwigama lesiHebhere elithetha ukuthi “Othandekayo.” Nalo igama loMdali, uYehova, linentsingiselo. Ithini? KwiBhayibhile ebhalwe ngolwimi lwesiHebhere, igama likaThixo libhalwe ngoonobumba abane abangaba, YHWH, yaye libonakala phantse izihlandlo ezingama-7000 kwicandelo lesiHebhere eBhayibhileni. Igama likaThixo kuthiwa lithetha “Obangela Kubekho.” Libonisa ukuba ngobulumko uYehova uzenza abe yiloo nto afuna ukuba yiyo ukuze akwazi ukufeza iinjongo zakhe. UnguMdali, unguMgwebi, unguMsindisi, unguMxhasi woBomi, yaye ngaloo ndlela unokuzizalisekisa izithembiso zakhe. Ukongezelela, ngesiHebhere igama elithi Yehova likwimo ebonisa isenzo ekuphumezeni oko. Ewe, uYehova usengumzalisekisi weenjongo zakhe. UnguThixo ophilayo!
Iimpawu ZikaYehova Ezibalaseleyo
IBhayibhile imchaza uMdali ngokuthi “uThixo onemfesane, onobabalo, ozeka kade umsindo, omninzi ngenceba [“ububele bothando,” NW] nenyaniso; olondolozela amawaka inceba, oxolela ubugwenxa, nokreqo.” (Eksodus 34:6, 7) Ibinzana elithi “ububele bothando” liguqulela igama lesiHebhere elinentsingiselo ebalulekileyo. Libonisa ububele obuthi ngothando buzimanyanise nento ethile de umsebenzi wabo ufezwe. Kwakhona lisenokuguqulelwa ngokuthi “uthando olunyanisekileyo.” Ububele bukaYehova ngothando buzimanyanisa nendalo yakhe buze bufeze injongo yakhe ebalulekileyo. Ngaba ubungayi kuluxabisa olo thando kuLowo ukunike ubomi?
UYehova uzeka kade umsindo yaye uyakhawuleza ukuzilibala iziphoso zethu. Kufudumez’ intliziyo ukusondelelana nomntu onjalo. Sekunjalo, oko akuthethi ukuba uyasithethelela isenzo sobubi. Uthi: “Mna, Yehova, ndithanda okusesikweni, ndikuthiyile ukuphanga ngokugqwetha.” (Isaya 61:8) NjengoThixo wokusesikweni, akanakuze abanyamezele aboni abanendelelo abaqhubeka nobungendawo babo. Ngaloo ndlela, sinokuqiniseka ukuba ngexesha lakhe elifanelekileyo, uYehova uya kukulungisa konke okungekho sikweni kweli hlabathi. Akayi kubayekela abaxhwalekileyo.
Akulula ukugcina ulungelelwano phakathi kothando nokusesikweni. Ukuba ungumzali, ngaba ukufumanisa kunzima ukugqiba enoba umele ubalungise nini, njani nokusa kuwuphi umkhamo, abantwana bakho xa benxaxha? Ukuze ulungelelanise okusesikweni nothando lovelwano kufuneka ubulumko bokwenene. Olo luphawu uYehova alibonisa gqitha xa eqhubana nabantu. (Roma 11:33-36) Enyanisweni, ubulumko boMdali bunokubonwa kuyo yonke indawo, ngokomzekelo kwimimangaliso yendalo esingqongileyo.—INdumiso 104:24; IMizekeliso 3:19.
Noko ke, ukuba nobulumko akwanele. Ukuze akwazi ukufeza ukuthanda kwakhe, uMdali naye umele abe namandla, yaye iBhayibhile ityhila ukuba unamandla amakhulu: “Phakamiselani amehlo enu phezulu, nibone: ngubani na owadala ezi zinto? Ngulokhupha umkhosi wazo ngamaqela, uzibiza zonke ziphela ngamagama, ngenxa yobukhulu bokomelela, ekhaliphile ngamandla; akusali nanye.” (Isaya 40:26) “Ngenxa yobukhulu bokomelela,” uYehova ubangela izinto zenziwe. Ngaba uphawu olunjalo belungayi kukwenza utsaleleke kuye?
UThixo Weentlanga Zonke
Usenokuzibuza, ‘Kodwa ngaba uYehova akangoThixo “weTestamente Endala,” uThixo kaSirayeli wamandulo?’ Kuyinyaniso ukuba uYehova wazityhila kumaSirayeli. Sekunjalo, isizathu sokuba adale isibini sokuqala esingabantu, uYehova nguThixo “ebizwa ngaye yonke intsapho . . . emhlabeni.” (Efese 3:15) Ukuba ukholelwa kwelokuba kufanelekile ukuhlonela ookhokho bakho, ngaba bekungayi kufaneleka ukunqula Lowo wanika ubomi kumntu wokuqala, ukhokho wethu sonke, wokuqala kumnombo okhoyo namhlanje?
UMdali woluntu unengqondo ephangaleleyo. Liyinyaniso elokuba, ngaxa lithile wayenolwalamano olukhethekileyo nohlanga lakwaSirayeli. Kodwa kwanangoko, wayebamkela bonke ababebiza igama lakhe. Ukumkani osisilumko wakwaSirayeli xa wayethandaza kuYehova wathi: “Owolunye uhlanga, ongengowabantu bakho amaSirayeli, xa athe wavela ezweni elikude ngenxa yegama lakho . . . , yiva ke wena emazulwini, . . . wenze ngako konke athe wakunqula owolunye uhlanga, ukuze zonke izizwe zomhlaba zilazi igama lakho.” (1 Kumkani 8:41-43) Nanamhlanje, abantu bazo zonke iintlanga banokumazi uYehova baze babe nolwalamano olusenyongweni naye. Kodwa kukuchaphazela njani oko?
Iingenelo Zokwazi UYehova
Xa sibuyela kumzekeliso okwinqaku elandulelayo, ukuba ubufumene ipasile esongelwe kakuhle, ngokuqhelekileyo ubuya kufuna ukusazi eso sipho. Simele sisetyenziswe njani size siphathwe njani? Ngokufanayo, sifuna ukwazi oko wayekucinga uThixo xa wayesilungiselela umhlaba. IBhayibhile ithi “akalidalelanga ukuba kube senyanyeni,” kodwa “walibumba ukuba limiwe,” okuthetha ukuthi ngabantu.—Isaya 45:18.
Noko ke, abantu abaninzi abakhange basinyamekele isipho soMdali. Bakwiphulo lokuwonakalisa umhlaba, nto leyo angayithandiyo uYehova. Sekunjalo, ukungqinelana noko igama lakhe likumelayo, uYehova uzimisele ukuzalisekisa injongo yakhe yasekuqaleni yokudala umntu nomhlaba. (INdumiso 115:16; ISityhilelo 11:18) Uya kuwulungisa umhlaba aze abanike njengelifa abo bakulungeleyo ukuphila njengabantwana bakhe abathobelayo.—Mateyu 5:5.
Incwadi yokugqibela yeBhayibhile ichaza indlela eziya kuba yiyo izinto xa oko kusenzeka: “Khangela! Intente kaThixo iseluntwini, yaye uya kuhlala nalo, ibe lona luya kuba ngamaqela abantu bakhe. . . . Kwaye uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni alo, yaye ukufa akusayi kubakho, kungayi kubakho nakukhedama nasikhalo nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.” (ISityhilelo 21:3, 4) Ngoko akakho oya kuphinde abe nenyembezi zosizi okanye akhale ngenxa yokufelwa ngamthandayo. Akakho oya kuphinda afune ebandezelekile okanye aqaqanjelwe ngenxa yesifo esibulalayo. ‘Kwanokufa kuza kutshitshiswa.’ (1 Korinte 15:26; Isaya 25:8; 33:24) Oku kuchaza uhlobo lobomi uYehova awayefuna silunandiphe kwasekuqaleni xa wadala ookhokho bethu bokuqala.
Ngokwenene, unokufumana ingabula zigcawu yemeko yeparadesi ekhoyo ngoku phakathi kwabakhonzi bakaYehova. Ubaxelela oku: “Mna, Yehova, Thixo wakho, ndingokufundisa okungakuncedayo, ndikunyathelise ngendlela oya kuhamba ngayo.” (Isaya 48:17) UYehova nguBawo onobubele osifundisayo, thina njengabantwana bakhe, eyona ndlela ibalaseleyo yokuphila. Imigaqo yakhe ayinika uluntu, ayinikeli imiqathango engaphaya, kodwa inikela inkuselo enothando. Ukuyilandela kuya kuphumela kwinkululeko nolonwabo, kanye njengokuba kubhaliwe: “Ke kaloku uYehova unguMoya; yaye apho ukhoyo umoya kaYehova, kukho inkululeko.” (2 Korinte 3:17) Ngokulandela imigaqo ebhalwe eBhayibhileni, abo bamkela ulawulo lwakhe bafumana uxolo lwengqondo ngenye imini oluya kuthi lugubungele ihlabathi lonke loluntu.—Filipi 4:7.
Onjani uBawo ukuba nesisa uYehova! Ngaba ukulungele ukufunda okungakumbi ngaLowo wenze zonke izinto ezimangalisayo zendalo? Kwabo bakulungeleyo, iingenelo azinakuthelekiswa nanto kwanangoku. Yaye kwixesha elizayo iintsikelelo ziya kubakho ngonaphakade.
[Umfanekiso okwiphepha 5]
Igama likaThixo elibhalwe ngoonobumba abane besiHebhere linokubonwa kwiindonga zeecawa ezininzi ezindala