Ngubani Oya ‘Kusinda’?
“Wonk’ ubani obiza egameni likaYehova uya kusindiswa.”—IZENZO 2:21.
1. Kwakutheni ukuze iPentekoste yowama-33 C.E. ibe ngumhla obalulekileyo embalini yehlabathi?
IPENTEKOSTE yowama-33 C.E. yayingumhla obalulekileyo kwimbali yehlabathi. Ngoba? Kaloku ngaloo mhla kwazalwa uhlanga olutsha. Ekuqaleni, lwalungelukhulu kangako—yayiliqaqobana labafundi bakaYesu abali-120 ababehlanganisene kwigumbi eliphezulu eYerusalem. Kodwa namhlanje, xa inkoliso yeentlanga ezazikho ngelo xesha sele zalityalwa, uhlanga olwazalwa kwelo gumbi liphezulu lisekho. Esi sibakala sibaluleke gqitha kuthi sonke, ekubeni olu hlanga lumiselwe nguThixo ukuze lube lingqina lakhe eluntwini.
2. Ziziphi iziganeko ezingummangaliso ezaphawula ukuzalwa kohlanga olutsha?
2 Ekuqaleni kolo hlanga lutsha, kwehla iziganeko ezibalulekileyo ezazizalisekisa amazwi esiprofeto kaYoweli. Ezi ziganeko sifunda ngazo kwiZenzo 2:2-4: “Ngequbuliso kwabakho ingxolo evela ezulwini enjengaleyo kanye yempepho ebhudla ngamandla, yaza yayizalisa indlu iphela ababehleli kuyo. Yaye kwabonakala kubo iilwimi ezingathi zezomlilo kwaye zabèka, lwaza lwaolo lwahlala kuye ngamnye wabo, ibe bonke bazaliswa ngumoya oyingcwele baza baqala ukuthetha ngeelwimi ezahlukileyo, kanye njengoko umoya wawubanika ukuba bathethe amazwi.” Ngaloo ndlela loo madoda namabhinqa athembekileyo ali-120 aba luhlanga lokomoya, amalungu okuqala oko umpostile uPawulos kamva wakubiza ngokuthi ‘nguSirayeli kaThixo.’—Galati 6:16.
3. Sisiphi isiprofeto sikaYoweli esazaliseka ngePentekoste yowama-33 C.E.?
3 Isihlwele sahlanganisana sifuna ukuqonda unobangela wale “mpepho ebhudla ngamandla,” ibe umpostile uPetros wasicacisela ukuba kwakuzaliseka esinye seziprofeto zikaYoweli. Sisiphi eso siprofeto? Phulaphula oko wakuthethayo: “‘Ngemihla yokugqibela,’ utsho uThixo, ‘ndiya kuthululela inxalenye yomoya wam phezu kwalo lonke uhlobo lwenyama, ibe baya kuprofeta oonyana benu neentombi zenu kwaye abafana benu baya kubona imibono namadoda enu amadala aya kuphupha amaphupha; yaye kwanaphezu kwamakhoboka am naphezu kwamakhobokakazi am ndiza kuthulula inxalenye yomoya wam ngaloo mihla, ibe aya kuprofeta. Kwaye ndiza kunikela imihlola ezulwini phezulu nemiqondiso emhlabeni phantsi, igazi nomlilo nenkungu yomsi; ilanga liya kujikwa libe bubumnyama nenyanga ibe ligazi ngaphambi kokuba imini enkulu neyimbalasane kaYehova ifike. Yaye wonk’ ubani obiza egameni likaYehova uya kusindiswa.’” (IZenzo 2:17-21) Amazwi awacatshulwa nguPetros afumaneka kuYoweli 2:28-32, yaye ukuzaliseka kwawo kwakuthetha ukuba uhlanga lwamaYuda lwaluphelelwe lixesha. “Imini enkulu neyimbalasane kaYehova,” ixesha lokohlwaya uSirayeli ongathembekanga, lalisondele. Kodwa ngubani owayeza kusindiswa, okanye asinde? Yaye kwakufuzisela ntoni oku?
Iinzaliseko Ezimbini Zesiprofeto
4, 5. Ngenxa yeziganeko ezizayo, sisiphi isiluleko esanikelwa nguPetros, yaye kutheni eso siluleko singazange sisebenze ngomhla wakhe kuphela?
4 Kwiminyaka eyalandela owama-33 C.E., uSirayeli wokomoya kaThixo wanda, kodwa uhlanga lukaSirayeli wokwenyama aluzange lwande. Ngowama-66 C.E., uSirayeli wokwenyama wayebambene ngezixhanti namaRoma. Ngowama-70 C.E., uSirayeli waphantse watshabalala, ibe iYerusalem kunye netempile yayo zatshiswa zaphela kwathi tu. NgePentekoste yowama-33 C.E., uPetros wayenikele icebiso elihle ngokuphathelele loo ntlekele yayisiza. Kwakhona ecaphula uYoweli, wathi: “Wonk’ ubani obiza egameni likaYehova uya kusindiswa.” UmYuda ngamnye kwakufuneka azenzele isigqibo sokubiza egameni likaYehova. Oku kwakuquka ukuthobela imiyalelo ebhekele phaya kaPetros: “Guqukani, yaye ngamnye wenu makabhaptizwe egameni likaYesu Kristu ukuze kuxolelwe izono zenu.” (IZenzo 2:38) Abo babephulaphule uPetros kwakufuneka bamkele uYesu njengoMesiya, owayesele eheshwe okomshologu luhlanga lwamaSirayeli.
5 Loo mazwi esiprofeto kaYoweli aba lulutho kwabalulamileyo ngenkulungwane yokuqala. Noko ke, alulutho nangakumbi namhlanje kuba, njengoko iziganeko zenkulungwane yama-20 zibonisa, kuye kwakho inzaliseko yesibini yesiprofeto sikaYoweli. Makhe sibone indlela okwenzeke ngayo oku.
6. USirayeli kaThixo waqalisa njani ukubonakala ngokucacileyo njengoko owe-1914 wawusondela?
6 Emva kokufa kwabapostile, uSirayeli kaThixo waminxwa lukhula lobuKristu bobuxoki. Noko ke, ebudeni bexesha lesiphelo, eliqalise ngowe-1914, uhlanga lokomoya luye lwabonakala kwakhona. Iyonke loo nto yayizalisekisa umzekeliso kaYesu wengqolowa nokhula. (Mateyu 13:24-30, 36-43) Njengoko owe-1914 wawusondela, amaKristu athanjisiweyo aqalisa ukuzikhwebula kwiNgqobhoko engathembekanga, ezichasa ngenkalipho iimfundiso zayo zobuxoki yaye eshumayela ngesiphelo esizayo ‘samaxesha amisiweyo eentlanga.’ (Luka 21:24) Kodwa imfazwe yehlabathi yokuqala, eyaqhambuka ngowe-1914, yaphakamisa iimbambano awayengazilindelanga. Luphantsi kwengcinezelo, uninzi lwawo lwathob’ isantya, aza amanye alalanisa. Kwathi kufika owe-1918 wabe umsebenzi wawo wokushumayela unqumame ngokupheleleyo.
7. (a) Sisiphi isiganeko esehla ngowe-1919 esifana nesenzeka ngePentekoste yowama-33 C.E.? (b) Ukususela ngowe-1919, kuye kwaba nawuphi umphumo ukuthululwa komoya kaThixo kubakhonzi bakaYehova?
7 Ukanti, oko akuzange kuthabathe xesha lide. Ukususela ngowe-1919, uYehova waqalisa ukuthulula umoya wakhe kubantu bakhe ngendlela esikhumbuza iPentekoste yowama-33 C.E. Kakade ke, ngowe-1919 kwakungekho mntu uthetha ngeelwimi kungekho nampepho ibhudla ngamandla. Ngokwamazwi kaPawulos abhalwe kweyoku-1 yabaseKorinte 13:8 siyazi ukuba ladlula kudala ixesha lemimangaliso. Sekunjalo, ubukho bomoya kaThixo babonakala ngokucacileyo ngowe-1919 xa, kwindibano eyayiseCedar Point, eOhio, eUnited States, amaKristu athembekileyo avuselelwa kwakhona aza aqala apho ebeyeke khona ukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani. Ngowe-1922 ayeseCedar Point kwakhona exhokonkxwa sisibongozo esithi “Mbhengezeni, mbhengezeni, mbhengezeni uKumkani nobukumkani bakhe.” Njengakwinkulungwane yokuqala, kwanyanzeleka ukuba ihlabathi liyiphawule imiphumo yokuthululwa komoya kaThixo. UmKristu ngamnye ozahluleleyo—indoda nebhinqa, omdala nomncinane—waqalisa ‘ukuprofeta,’ ngamany’ amazwi, evakalisa “izinto zobungangamela zikaThixo.” (IZenzo 2:11) NjengoPetros, ayebongoza abalulamileyo esithi: “Sindiswani kwesi sizukulwana sigoso.” (IZenzo 2:40) Abo basabelayo babenokukwenza njani oko? Ngokuthobela amazwi kaYoweli afumaneka kuYoweli 2:32 athi: “Bothi bonke abasukuba benqula igama [“bebiza egameni,” NW] likaYehova, basinde.”
8. Izinto ziye zamhambela kakuhle njani uSirayeli kaThixo ukususela ngowe-1919?
8 Ukususela ngaloo minyaka yokusungulwa kwakhe, uSirayeli kaThixo uye wenza inkqubela. Ukutywinwa kwabathanjiswa kubonakala kuhambele phambili gqitha, ibe ukususela ngeminyaka yee-1930 isihlwele esikhulu sabalulamileyo esinethemba lokuphila emhlabeni siye sabonakala. (ISityhilelo 7:3, 9) Bonke banemvo yongxamiseko, kuba inzaliseko yesibini kaYoweli 2:28, 29 ibonisa ukuba iza kugaleleka kungentsuku zatywala imini enkulu ngakumbi neyoyikekayo kaYehova, xa kuza kube kutshatyalaliswa inkqubo yezinto yonqulo, eyezobupolitika neyezorhwebo yehlabathi lonke. Sinesizathu esibambekayo ‘sokubiza egameni likaYehova’ sinokholo ngokupheleleyo ukuba uya kusihlangula!
Sinokubiza Njani Egameni LikaYehova?
9. Ziziphi ezinye zezinto ezibandakanyekileyo ekubizeni egameni likaYehova?
9 Yintoni ebandakanyekileyo ekubizeni igama likaYehova? Umongo kaYoweli 2:28, 29 uyasinceda siphendule loo mbuzo. Ngokomzekelo, uYehova akaphulaphuli wonke umntu obiza kuye. Esebenzisa omnye umprofeti wakhe, uIsaya, uYehova wathi kuSirayeli: “Ekoluleni kwenu izandla zenu, ndiya kuwafihla amehlo am kuni; nokuba nandise ukuthandaza, andiyi kuva.” Yintoni eyayibangela uYehova angafuni kuluphulaphula uhlanga lwakhe? Isizathu usichaza ngokwakhe esithi: “Izandla zenu zizele ngamagazi.” (Isaya 1:15) UYehova akayi kumphulaphula nabani na onetyala legazi okanye owonayo. Kungoko uPetros waxelela amaYuda ngePentekoste ukuba aguquke. Kumongo kaYoweli 2:28, 29, sifumanisa ukuba noYoweli ubethelela inguquko. Ngokomzekelo, kuYoweli 2:12, 13, sifunda oku: “Nangoku ke, utsho uYehova ukuthi, Buyelani kum ngentliziyo yenu yonke, nangokuzila, nangokulila, nangokumbambazela; nikrazule intliziyo yenu, ingabi ziingubo zenu, nibuyele kuYehova uThixo wenu; kuba unobabalo nemfesane yena uzeka kade umsindo, unenceba enkulu.” Ukususela ngowe-1919, amaKristu athanjisiweyo aye enza ngokuvisisana nala mazwi. Aguquka kwiintsilelo zawo aza azimisela ukuba angaze aphinde alalanise okanye athob’ isantya. Oku kwatsho kwavula ithuba lokuthululwa komoya kaThixo. Nabani na ofuna ukubiza egameni likaYehova aze eviwe umele alandele ikhondo elifanayo.
10. (a) Kukuthini ukuguquka ngokwenene? (b) UYehova usabela njani kwinguquko yokwenene?
10 Khumbula, inguquko yokwenene ithetha okungaphezulu kunokusuka nje uthi, “Ngxee,” kube kuphelele apho. AmaSirayeli ayedla ngokukrazula iingubo zawo zokwaleka ukubonisa ubunzulu beemvakalelo zawo. Kodwa uYehova uthi: “Nikrazule intliziyo yenu, ingabi ziingubo zenu.” Inguquko yokwenene isuka entliziyweni, kanye embilinini yobuntu bethu. Kukwaquka ukuyeka ukwenza okuphosakeleyo, nanjengoko sinokufunda kuIsaya 55:7: “Ongendawo makashiye indlela yakhe, indoda enobutshinga mayishiye iingcinga zayo, ibuyele kuYehova.” Oku kubandakanya ukuthiya isono, njengoko uYesu wenzayo. (Hebhere 1:9) Ngoko ke, sinethemba lokuba uYehova uya kusixolela ngesizinzi sedini lentlawulelo kuba uYehova “unobabalo nemfesane, yena uzeka kade umsindo, unenceba enkulu.” Uya kulwamkela unqulo lwethu, umnikelo wethu wokomoya wokudla okuziinkozo neziselo. Uya kuphulaphula xa sibiza egameni lakhe.—Yoweli 2:14.
11. Unqulo lokwenyaniso lufanele lube nayiphi indawo kubomi bethu?
11 KwiNtshumayelo yaseNtabeni, uYesu wasixelela enye into engamele iphume ezingqondweni zethu, xa wathi: “Qhubekani, ke ngoko, nifuna kuqala ubukumkani nobulungisa bakhe.” (Mateyu 6:33) Unqulo lwethu alumele lube kukudlulisa usana kunina, into nje yokuthomalalisa izazela zethu. Ukukhonza uThixo kufanelwe yindawo yokuqala ebomini bethu. Ngenxa yoko, esebenzisa uYoweli, uYehova walek’ umsundulo esithi: “Vuthelani isigodlo eZiyon . . . hlanganisani abantu, ngcwalisani ibandla, buthani amadoda amakhulu, hlanganisani iintsapho nabanyayo emabeleni; makaphume umyeni egumbini lakhe, umtshakazi esililini sakhe.” (Yoweli 2:15, 16) Kuyinto engokwemvelo ukuba abo basandul’ ukutshata baphazamiseke, bathi swi omnye ngomnye. Kodwa ukukhonza uYehova kumele kuze kuqala nakubo. Ayikho into efanele ibaluleke ngaphezu kokuhlanganisana kwethu phambi koThixo wethu, sibiza egameni lakhe.
12. Ziziphi iimpawu ezithembisa ngolwando ezibonakala kwingxelo yeSikhumbuzo yonyaka ophelileyo?
12 Sicinga ngoko, makhe siqwalasele amanani eNgxelo Yonyaka Wenkonzo We-1997 yamaNgqina kaYehova. Kunyaka ophelileyo siye sanencopho yabavakalisi boBukumkani abazizi-5599 931—isihlwele esikhulu ngokwenene sabadumisi! Abebeze eSikhumbuzweni bebezizi-14 322 226—phantse izigidi ezisibhozo ezinesiqingatha ngaphezu kwenani labavakalisi. Eli nani libonisa ukuba lungakho ulwando olukhulu. Abaninzi kwabo bazizigidi ezisibhozo ezinesiqingatha sele befundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova njengabantu abanomdla okanye abantwana abanabazali ababhaptiziweyo. Uninzi lwabo babekho kule ntlanganiso lwaluqala ukuza. Ukuza kwabo kunike amaNgqina kaYehova ithuba lokuqhelana nabo nokubanceda benze inkqubela ngokubhekele phaya. Kwandula ke, kwakho abo beza eSikhumbuzweni minyaka le, mhlawumbi ke beze izihlandlo ezimbalwa nakwezinye iintlanganiso, kodwa abenzi nkqubela ibhekele phi. Kakade ke, abanjalo bamkelekile ukuba babekho ezintlanganisweni. Kodwa siyababongoza ukuba bacinge nzulu ngamazwi esiprofeto kaYoweli yaye bacinge ngamanyathelo aya phambili abamele bawathabathe ukuze baqiniseke ukuba uYehova uya kubeva xa bebiza egameni lakhe.
13. Ukuba sele sibiza egameni likaYehova, yiyiphi imbopheleleko esinayo kwabanye?
13 Umpostile uPawulos wabethelela enye inkalo yokubiza egameni likaThixo. Kwincwadi yakhe eyayisiya kumaRoma, wacaphula amazwi esiprofeto kaYoweli athi: “Wonk’ ubani obiza egameni likaYehova uya kusindiswa.” Wandula ke waqiqa esithi: “Baya kubiza njani na kulowo bangakholwanga kuye? Ngokulandelayo, baya kukholwa njani na kulowo bangevanga ngaye? Ngokulandelayo, baya kuva njani na kungekho bani ushumayelayo?” (Roma 10:13, 14) Ewe, abaninzi abangekamazi nanamhlanje uYehova kufuneka babize egameni lakhe. Abo sele bemazi uYehova abanambopheleleko yakushumayela kuphela kodwa nokubafikelela baze babancede.
Iparadesi Yokomoya
14, 15. Ziziphi iintsikelelo ezibuparadesi ezinanditshwa ngabantu bakaYehova ngenxa yokuba bebiza egameni lakhe ngendlela emkholisayo?
14 Leyo yindlela abathanjiswa kunye nabezinye izimvu abazigqala ngayo izinto, ibe ngenxa yoko, uYehova uyabasikelela. “Waba nobukhwele ke uYehova ngelizwe lakhe, waba nofefe ngabantu bakhe.” (Yoweli 2:18) Ngowe-1919, uYehova wabonakalisa ubukhwele nofefe ngabantu bakhe xa wababuyisa waza wabafaka kummandla wokomoya. Le yiparadesi yokomoya yokwenene, echazwe kakuhle ngamazwi kaYoweli athi: “Musa ukoyika, hlabathi, gcoba uvuye; kuba uYehova wenza izinto ezinkulu. Musani ukoyika, mpahla inkulu yasendle; kuba amakriwa asentlango aphuma uhlaza; kuba umthi uxakatha isiqhamo sawo, umkhiwane nomdiliya unika amandla. Nani, nyana baseZiyon, gcobani nivuye kuYehova uThixo wenu; kuba uninika umyaleli wokuba kubekho ubulungisa, anihlisele umvumbi, imvula ethambisayo nemvula evuthisayo ekuqaleni. Zozala izanda yingqolowa, iphalale yiwayini entsha nayioli imikhombe yokukhongozela.”—Yoweli 2:21-24.
15 Onjani ukuba mhle umfanekiso! Intabalala yezona zixhaso zisisiseko kwaSirayeli—ukutya okuziinkozo, amafutha omnquma newayini—kunye nemihlambi emininzi. Eneneni kumhla wethu loo mazwi esiprofeto azaliseka ngokomoya. UYehova usilungiselela konke ukutya kokomoya esikufunayo. Ngaba ayisichulumancisi sonke le ntabalala ivela kuThixo? Njengoko uMalaki waxela kwangaphambili, ngokwenene uThixo uye ‘wavula iingcango zezulu, wasithululela iintsikelelo, kwada akwasweleka lutho.’—Malaki 3:10.
Isiphelo Senkqubo Yezinto
16. (a) Kufuzisela ntoni ukuthululwa komoya kaYehova kwixesha lethu? (b) Lisifumbathele ntoni ikamva?
16 UYoweli uprofeta ngokuthululwa komoya kaYehova emva kokuba exele kwangaphambili ngeemeko ezibuparadesi abakuzo abantu bakaThixo. Xa uPetros wayecaphula esi siprofeto ngePentekoste, wathi sazaliseka “ngemihla yokugqibela.” (IZenzo 2:17) Ngelo xesha ukuthululwa komoya kaThixo kwakuthetha ukuba yayiqalisile imihla yokugqibela yenkqubo yezinto yamaYuda. Ukuthululwa komoya kaThixo kuSirayeli kaThixo ngenkulungwane yama-20 kuthetha ukuba siphila kwimihla yokugqibela yenkqubo yezinto yehlabathi. Ngenxa yoku, lisifumbathele ntoni ikamva? Isiprofeto sikaYoweli sihlabela mgama sisixelela oku: “Ndiya kwenza izimanga ezulwini nasehlabathini, igazi nomlilo nemiqulu yomsi. Ilanga liya kusuka libe mnyama, nenyanga ibe ligazi, phambi kokuba ifike imini kaYehova, leyo inkulu yoyikekayo.”—Yoweli 2:30, 31.
17, 18. (a) Yiyiphi imini eyoyikekayo kaYehova eyafikela iYerusalem? (b) Ukuqiniseka kwemini eyoyikekayo kaYehova kusishukumisela ukuba senze ntoni?
17 Ngowama-66 C.E., la mazwi angokwesiprofeto aqalisa ukuzaliseka kwelakwaYuda njengoko kwakusihla udederhu lweziganeko ezakhokelela kwincopho yemini eyoyikekayo kaYehova ngowama-70 C.E. Hayi indlela ekwakunkwantyisa ngayo ngelo xesha ukuba phakathi kwabo bangalizukisiyo igama likaYehova! Namhlanje, sele kumbovu ukuba kuhle iziganeko ezoyikisayo, xa isandla sikaYehova siza kube siyitshabalalisa yonke le nkqubo yezinto yehlabathi. Ukanti, ikho indlela yokusaba. Esi siprofeto sihlabela mgama sisithi: “Bothi bonke abasukuba benqula igama likaYehova, basinde; kuba entabeni yaseZiyon naseYerusalem kuya kubakho abasindileyo, njengoko watshoyo uYehova; naphakathi kwabaseleyo kubekho awobabiza uYehova.” (Yoweli 2:32) AmaNgqina kaYehova anombulelo ngokungazenzisiyo ngokwazi igama likaYehova, ibe anentembelo epheleleyo yokuba uya kuwasindisa xa ebiza kuye.
18 Noko ke, yintoni eza kwenzeka xa imini enkulu neyimbalasane kaYehova intlitha eli hlabathi ngawo wonke umsindo wayo? Oko kuya kuxutyuswa kwinqaku lokugqibela elifundwayo.
Ngaba Usakhumbula?
◻ UYehova waqalisa nini ukuthulula umoya wakhe kubantu bakhe?
◻ Ziziphi ezinye zezinto ezibandakanyekileyo ekubizeni egameni likaYehova?
◻ Yafika nini imini enkulu neyimbalasane kaYehova kuSirayeli wokwenyama?
◻ UYehova ubasikelela njani abo babiza egameni lakhe namhlanje?
[Umfanekiso okwiphepha 15]
NgePentekoste yowama-33 C.E. kwazalwa uhlanga olutsha
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Ebutsheni bale nkulungwane, uYehova waphinda wathulula umoya wakhe kubantu bakhe ezalisekisa uYoweli 2:28, 29
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Abantu bamele bancedwe babize egameni likaYehova