“Izinto Ezinqwenelekayo” Zizalisa Indlu KaYehova
“Ndizinyikimise [mna Yehova] zonke iintlanga, zifike izinto ezinqwenelekayo zeentlanga zonke, ndiyizalise le ndlu ngobuqaqawuli.”—HAGAYI 2:7.
1. Ngexesha longxamiseko, kutheni ingabo sibathandayo abathi qatha kuqala engqondweni?
ZIZIPHI izinto ezinqwenelekayo ezizalise indlu yakho? Ngaba unempahla yendlu engayiwayo, ikhompyutha yezi mini, inqwelo-mafutha entsha kwigaraji yakho? Kwanokuba unazo zonke ezi zinto, akuvumi na ukuba eyona nto ixabiseke kakhulu ekhayeni lakho ngabantu—amalungu entsapho yakho? Khawube nomfanekiso-ngqondweni ngobunye ubusuku uphaphama kunuka umsi. Indlu yakho iyatsha, yaye usalelwe yimizuzu embalwa yokuba usabe! Yintoni ethi qatha kuqala engqondweni yakho? Ngaba yimpahla yakho yendlu? Yikhompyutha yakho? Yinqwelo-mafutha yakho? Ngaba kunoko, ubungayi kucinga ngabo ubathandayo? Kakade unokwenjenjalo, kuba abantu baxabiseke ngakumbi kunezinto.
2. Ingakanani indalo kaYehova, yaye yiyiphi inkalo yayo awayeyithanda kakhulu uYesu?
2 Ngoku khawucinge ngoYehova uThixo noNyana wakhe, uYesu Kristu. UYehova “unguLowo walenzayo izulu nomhlaba nolwandle nazo zonke izinto ezikuzo.” (IZenzo 4:24) UNyana wakhe, ‘oyingcibi yomsebenzi,’ wayengummeli uYehova awamsebenzisayo ekwenzeni zonke ezinye izinto. (IMizekeliso 8:30, 31; Yohane 1:3; Kolose 1:15-17) Ngokuqinisekileyo bobabini uYehova noYesu banoxabiso ngako konke okwadalwayo. (Thelekisa iGenesis 1:31.) Kodwa ucinga ukuba yiyiphi inkalo yendalo exabisekileyo kubo—zizinto okanye ngabantu? Kwindima yobulumko bumntwisiwe, uYesu uthi: “Nokuziyolisa kwam kukoonyana babantu,” okanye ngokwendlela inguqulelo kaWilliam F. Beck eyibeka ngayo, uYesu “wayeyoliswa ngabantu.”
3. Sisiphi isiprofeto esavakaliswa nguYehova ngoHagayi?
3 Ngokungathandabuzekiyo uYehova ubaxabise ngokunzulu abantu. Omye umqondiso woku ubonwa kumazwi esiprofeto awawathetha ngomnyaka wama-520 B.C.E. ngomprofeti wakhe uHagayi. UYehova wathi: “Ndizinyikimise zonke iintlanga, zifike izinto ezinqwenelekayo zeentlanga zonke, ndiyizalise le ndlu ngobuqaqawuli. . . . Buya kuba bukhulu ubuqaqawuli bamva bale ndlu, ngaphezu kobokuqala.”—Hagayi 2:7, 9.
4, 5. (a) Kutheni bekungayi kuba sengqiqweni ukugqiba kwelokuba ibinzana elithi “izinto ezinqwenelekayo” libhekisela kubuqheleqhele bezinto eziphathekayo? (b) Ungazichaza njani “izinto ezinqwenelekayo,” yaye ngoba?
4 Ziziphi “izinto ezinqwenelekayo” ezaziya kuzalisa indlu kaYehova zize ziyenze ibe nobuqaqawuli obungenakuthelekiswa nanto? Ngaba bubunewunewu bempahla yendlu nezinto zokuhombisa eziqheleqhele? Ngaba yigolide, isilivere, namatye anqabileyo? Oku bekungayi kubonakala kusengqiqweni. Khawucinge ngetempile yamandulo, eyanikezelwa malunga neenkulungwane ezintlanu ngaphambili, yayisisakhiwo samawaka ezigidi ngezigidi zeerandi!a Ngokuqinisekileyo, uYehova wayengayi kulindela ukuba amaYuda ambalwa ngentelekiso awayebuyele kwilizwe lawo akhe itempile eyayinokugqwesa itempile kaSolomon ngobuhle bezinto eziphathekayo!
5 Ngoko ke, ziziphi “izinto ezinqwenelekayo” eziya kuzalisa indlu kaYehova? Ngabantu ngokucacileyo. Ngapha koko, into evuyisa intliziyo kaYehova asiyosilivere negolide kodwa ngabantu abamkhonza ngokuqhutywa luthando. (IMizekeliso 27:11; 1 Korinte 10:26) Ewe, uYehova uyawaxabisa onke amadoda, amabhinqa, nabantwana abamkhonza ngendlela eyamkelekileyo kuye. (Yohane 4:23, 24) ‘Bazizinto ezinqwenelekayo,’ yaye kuYehova baxabiseke ngaphezu kwabo bonke ubuqheleqhele ekwakuhonjiswe ngabo itempile kaSolomon.
6. Yaphumeza yiphi injongo itempile kaThixo yamandulo?
6 Nakuba kwakukho inkcaso ekrakra, itempile yagqitywa ngowama-515 B.C.E. De kuse kwixesha ledini likaYesu, itempile eyayiseYerusalem yaqhubeka isisazulu sonqulo olunyulu ‘kwizinto ezinqwenelekayo’ ezininzi, ezaziquka amaYuda emvelo nabeeNtlanga ababeguqukele ebuYudeni. Kodwa itempile yayifanekisela into ezuke ngakumbi, njengoko siza kubona.
Inzaliseko Yenkulungwane Yokuqala
7. (a) Yayifanekisela ntoni itempile kaThixo yamandulo eyayiseYerusalem? (b) Chaza oko kwakusenziwa ngumbingeleli omkhulu ngoMhla Wocamagusho.
7 Itempile eyayiseYerusalem yayifanekisela ilungiselelo lonqulo elikhulu ngakumbi. Yitempile kaThixo yokomoya, leyo uYehova wayimisela ngowama-29 C.E. wabeka uYesu njengoMbingeleli Omkhulu. (Hebhere 5:4-10; 9:11, 12) Phawula ukufana okukhoyo kwimisebenzi yombingeleli omkhulu wakwaSirayeli nezinto ezenziwa nguYesu. Nyaka ngamnye ngoMhla Wocamagusho, umbingeleli omkhulu wayesondela esibingelelweni kwintendelezo yetempile aze anikele ngenkunzi yenkomo ukuze acamagushele izono zababingeleli. Kamva, wayengena etempileni negazi lenkunzi yenkomo, adlule kwiingcango ezazisahlula intendelezo kwiNgcwele andule ke adlulele ngaphaya komkhusane owawusahlula iNgcwele kweYona Ngcwele. Akungena ngaphakathi kweYona Ngcwele, umbingeleli omkhulu wayefefa ngegazi phambi kwetyeya yomnqophiso. Emva koko, wayesenza okufanayo, anikele ngebhokhwe ukuze acamagushele izizwe ezili-12 zakwaSirayeli ezazingengobabingeleli. (Levitikus 16:5-15) Lo msitho udibana njani netempile kaThixo yokomoya?
8. (a) UYesu wanikelwa ngayiphi ingqiqo ekuqaleni kowama-29 C.E.? (b) Luluphi ulwalamano olukhethekileyo awayenalo uYesu noYehova ebudeni bobulungiseleli bakhe basemhlabeni?
8 Ngenxa yoko, uYesu wanikelwa esibingelelweni sokuthanda kukaThixo ekubhaptizweni kwakhe nasekuthanjisweni kwakhe ngomoya oyingcwele kaThixo ngowama-29 C.E. (Luka 3:21, 22) Eneneni, esi siganeko saphawula ukuqalisa kwekhondo likaYesu lokuphila njengedini okwathabatha iminyaka emithathu enesiqingatha. (Hebhere 10:5-10) Ebudeni belo xesha, uYesu wanandipha ulwalamano lokuba ngozelwe ngomoya kaThixo. Oku kuma kukhethekileyo uYesu awayenako noYise osezulwini kwakungenakuqondwa ngokupheleleyo ngabanye abantu. Kwakungathi kukho umkhusane osithe amehlo abo okuqonda, kanye njengoko umkhusane wawusithe iNgcwele kwabo babekwintendelezo yomnquba.—Eksodus 40:28.
9. Kutheni uYesu wayengenakungena ezulwini njengomntu, yaye yalungiswa njani le meko?
9 Nangona wayenguNyana kaThixo othanjiswe ngomoya, uYesu wayengenakukwazi ukufikelela kubomi basezulwini. Ngoba? Ngenxa yokuba inyama negazi azinako ukubudla ilifa uBukumkani bukaThixo basezulwini. (1 Korinte 15:44, 50) Ekubeni inyama kaYesu yayingumqobo, yayifanekiselwa kakuhle ngumkhusane owawusahlula iNgcwele kweYona Ngcwele kwitempile kaThixo yamandulo. (Hebhere 10:20) Kodwa kwiintsuku ezintathu emva kokufa kwakhe, uYesu wavuswa nguThixo engumoya. (1 Petros 3:18) Ngoko wayenokungena kweYona Ngcwele kwitempile kaThixo yokomoya—izulu ngokwalo. Yaye oko koko kwenzekayo kanye. UPawulos uyabhala: “UKristu wangena, kungekhona kwindawo engcwele [ngokuqinisekileyo ebhekisela kweYona Ngcwele] eyenziwe ngezandla, engumfanekiso weyokwenene, kodwa ezulwini ngokwalo, ukuze ngoku abonakale phambi kukaThixo ngenkqu ngenxa yethu.”—Hebhere 9:24.
10. Yintoni eyenziwa nguYesu ekubuyeleni kwakhe ezulwini?
10 Ezulwini, uYesu ‘wafefa ngegazi’ ledini lakhe ngokuzisa ixabiso lentlawulelo lobomi begazi lakhe kuYehova. Ukanti uYesu wenza nokungakumbi. Ngaphambi nje kokufa kwakhe, waxelela abafundi bakhe oku: “Ndihamba indlela yam ndisiya kunilungiselela indawo. Kanjalo, ukuba ndihamba indlela yam ndize ndinilungiselele indawo, ndiyeza kwakhona ibe ndiza kunamkelela kum ekhaya, ukuze apho ndikhoyo mna nibe lapho kwanani.” (Yohane 14:2, 3) Ngoko ngokukwazi ukungena kweYona Ngcwele, okanye ezulwini, uYesu wavulela abanye indlela ukuze nabo balandele. (Hebhere 6:19, 20) Aba, ababeya kuba li-144 000, babeya kuba ngababingeleli abangaphantsi kwilungiselelo likaThixo letempile yokomoya. (ISityhilelo 7:4; 14:1; 20:6) Kanye njengoko umbingeleli omkhulu wakwaSirayeli wayeqala ase igazi lenkunzi yenkomo kweYona Ngcwele ukuze acamagushele izono zababingeleli, ixabiso legazi likaYesu elaphalalayo lasebenza kuqala kwaba babingeleli abangaphantsi abali-144 000.b
“Izinto Ezinqwenelekayo” Zale Mihla
11. Umbingeleli omkhulu wakwaSirayeli wayenikela ngebhokhwe ngenxa yoobani, yaye kwakufanekisela ntoni oku?
11 Kubonakala ngathi ngonyaka we-1935, ukuhlanganiswa kwabathanjiswa kwakusele kufikelele esiphelweni.c Kodwa uYehova wayengekagqibi ukuzukisa indlu yakhe. “Izinto ezinqwenelekayo” kwakusafuneka zingene kuyo. Khumbula ukuba umbingeleli omkhulu wakwaSirayeli wayenikela izilwanyana ezibini—inkunzi yenkomo yezono zababingeleli nebhokhwe yezono zezizwe ezingengobabingeleli. Ekubeni ababingeleli babefanekisela abathanjisiweyo ababeza kuba noYesu kuBukumkani basezulwini, izizwe ezingengobabingeleli zazifanekisela bani? Impendulo ifumaneka kumazwi kaYesu abhalwe kuYohane 10:16 athi: “Ndinazo nezinye izimvu, ezingezizo ezesi sibaya; kwanazo ezo ndimele ndizizise, ibe ziya kuliphulaphula ilizwi lam, kwaye ziya kuba mhlambi mnye, malusi mnye.” Ngenxa yoko, igazi likaYesu elaphalalayo liyingenelo kumaqela amabini abantu—okokuqala, kumaKristu anethemba lokulawula noYesu ezulwini yaye okwesibini, kwabo bakhangele phambili kubomi obungunaphakade kwiparadesi esemhlabeni. Ngokucacileyo, leli qela lesibini elifanekiselwa ‘zizinto ezinqwenelekayo’ zesiprofeto sikaHagayi.—Mika 4:1, 2; 1 Yohane 2:1, 2.
12. “Izinto ezinqwenelekayo” ezininzi zitsalelwa njani endlwini kaThixo namhlanje?
12 Ezi ‘zinto zinqwenelekayo’ zisazalisa indlu kaYehova nangoku. Kwiminyaka yakutshanje, kuye kwashenxiswa imiqathango kwiMpuma Yurophu, kwiinxalenye zaseAfrika, nakwamanye amazwe, nto leyo eye yavumela ukuba iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo obumiselweyo ziye kufikelela kwimihlaba ebekungekafikelelwa kuyo. Njengoko abanqwenelekayo besiza kwilungiselelo likaThixo letempile, nabo bazabalazela ukwenza abafundi abangakumbi, bethobela umyalelo kaYesu. (Mateyu 28:19, 20) Njengoko besenjenjalo, badibana nabantu abaninzi, abancinane nabakhulu, ekukho ithemba lokuba banokuba ‘zizinto ezinqwenelekayo’ eziya kuzukisa indlu kaYehova. Phawula imizekelo nje embalwa yendlela okwenzeka ngayo oku.
13. Intwazana yaseBolivia iyibonise njani inzondelelo yayo yokusasaza isigidimi soBukumkani?
13 EBolivia, intwazana eneminyaka emihlanu ekhuliswa ngabazali abangamaNgqina yacela imvume kumfundisi-ntsapho wayo ukuba ingabikho esikolweni ngeveki yotyelelo lomveleli wesiphaluka. Ngoba? Yayifuna ukuba nesabelo kubulungiseleli ebudeni bayo yonke loo veki ikhethekileyo. Oku kwabamangalisa abazali bayo, kodwa bavuya ngenxa yeso simo sengqondo sayo sihle. Sithethanje le ntwazana iqhuba izifundo zeBhayibhile ezihlanu, yaye ezinye zazo ziyaya kwiintlanganiso zamaKristu. Sele ikhe yeza nomfundisi-ntsapho wayo kwiHolo yoBukumkani. Mhlawumbi ekuhambeni kwexesha, ezinye zezifundo zayo zeBhayibhile ziya kuzingqina ‘zizizinto ezinqwenelekayo’ eziya kuzukisa indlu kaYehova.
14. Wavuzwa njani udade waseKorea, ngokunyamezela kwakhe umntu owayebonakala engenamdla?
14 Ngoxa lilinde kwisikhululo sikaloliwe, elinye ibhinqa elingumKristu laseKorea laya komnye umfundi owayephulaphule umculo kwiiheadphones zakhe. “Ngaba ulilungu lonqulo?” labuza. “Andinamdla nakuluphi na unqulo,” waphendula watsho lo mfundi. Lo dade akazange adimazeke. Eqhubeka wathi, “Njengoko ixesha lihamba umntu angafuna ukukhetha unqulo. Kodwa ukuba akanalwazi ngonqulo, usenokukhetha unqulo olungachananga.” Imbono yalo mfundi yatshintsha, yaye waqalisa ukumphulaphula ngomdla udade wethu. Wamnika incwadi ethi Is There a Creator Who Cares About You? waza wathi le mpapasho iya kumnceda kakhulu lakufika ixesha lokuba akhethe unqulo. Wayamkela ngomdla le ncwadi. Kwiveki elandelayo, waqalisa ukufundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova, yaye ngoku uya kuzo zonke iintlanganiso zebandla.
15. Iziqalisa njani izifundo zeBhayibhile enye intwazana yaseJapan, yaye imigudu yayo iye yavuzwa njani?
15 EJapan, uMegumi oneminyaka eli-12 ubudala ugqala isikolo afunda kuso njengentsimi etyebileyo yokushumayela nokufundisa. Uye wakwazi ukuqalisa izifundo zeBhayibhile ezininzi. Ukwenza njani uMegumi oku? Ekubeni efunda iBhayibhile okanye elungiselela iintlanganiso ebudeni bexesha lesidlo sasemini, ngokufuthi abo afunda nabo bambuza ngoko akwenzayo. Bambi babuza uMegumi isizathu sokuba angabi nanxaxheba kwezinye izinto ezenziwa esikolweni. UMegumi uyayiphendula imibuzo yabo aze abaxelele ukuba uThixo unegama. Ngokufuthi oku kwenza ukuba abo baphulaphuleyo babe nomdla ngakumbi. Wandula ke acele ukubaqhubela isifundo seBhayibhile. Ngoku uMegumi uqhuba izifundo ezingama-20—ezili-18 kuzo ufunda nazo eklasini.
16. Umzalwana waseCameroon wakwazi njani ukuqalisa izifundo zeBhayibhile nabanye ababephakathi kweqela labo babemgculela?
16 ECameroon, iqela lamadoda asibhozo elalisebenza kwisiza esithile laya kumzalwana owayehambisa uncwadi lweBhayibhile kubantu abadlulayo. Lifuna ukumgculela lo mzalwana, lambuza isizathu sokuba angakholelwa kuBathathu Emnye, kwisihogo somlilo, okanye ekungafini komphefumlo. Esebenzisa iBhayibhile, lo mzalwana wethu wayiphendula imibuzo yalo. Umphumo woko waba kukuba, amathathu kuloo madoda asamkela isifundo seBhayibhile. Omnye wawo, uDaniel, waqalisa ukuya kwiintlanganiso, watshabalalisa zonke izinto awayenazo ezazinento yokwenza nemimoya. (ISityhilelo 21:8) Wabhaptizwa kungekapheli nonyaka.
17. Abazalwana abathile base-El Salvador babusebenzisa njani ubuchule ukuze bashumayele kwindoda, ekuqaleni eyayingafuni nokuva ngesigidmi soBukumkani?
17 E-El Salvador, enye indoda yayibophelela inja yayo eyayibukhali phambi komnyango ngalo lonke ixesha ibona amaNgqina kaYehova kufuphi. Le ndoda yayidla ngokulinda amaNgqina adlule, yandule ke iyibuyisele endlwini inja. Abazalwana babengakwazi ukuthetha nale ndoda. Ngoko ngenye imini bagqiba kwelokuba basebenzise indlela eyahlukileyo. Besazi ukuba le ndoda iza kukuva oko bakuthethayo, bagqiba kwelokuba bashumayele enjeni. Beza kule ndlu, babulisa le nja, baza bachaza indlela abakuvuyela ngayo ukufumana ithuba lokuthetha nayo. Bathetha ngexesha laxa kuya kubakho iparadesi emhlabeni, apho kungayi kubakho mntu unomsindo—ewe, xa kwanezilwanyana ziya kuba noxolo. Ngendlela echubekileyo bathi loo nja mayisale kakuhle baza baqhubeka nendlela yabo. Bamangaliswa kakhulu njengoko le ndoda yaphuma endlwini yayo yaza yacela uxolo ngokuba ingazange iwanike amaNgqina ithuba lokuthetha nayo. Yathabatha amaphephancwadi, kwaza kwaqaliswa isifundo seBhayibhile. Sithethanje le ndoda ingumzalwana wethu—enye ‘yezinto ezinqwenelekayo’!
“Musani Ukoyika”
18. AmaKristu amaninzi ahlangabezana naluphi ucelomngeni, kodwa uYehova ubagqala njani abanquli bakhe?
18 Ngaba unesabelo kumsebenzi obalulekileyo wokushumayela ngoBukumkani nowokwenza abafundi? Ukuba kunjalo, unelungelo lokwenene. Eneneni, ngalo msebenzi uYehova utsalela “izinto ezinqwenelekayo” endlwini yakhe. (Yohane 6:44) Enyanisweni, ngamanye amaxesha unokuziva ubudinwa okanye udimazekile. Maxa wambi, abanye—kwanaphakathi kwabakhonzi bakaYehova abathembekileyo—balwa neemvakalelo zokuziva bengaxabisekanga. Kodwa ungalahl’ ithemba! UYehova ujonga ngamnye wabanquli bakhe njengonqwenelekayo, yaye unomdla onzulu wokuba usindiswe.—2 Petros 3:9.
19. Luluphi ukhuthazo uYehova awalunikela ngoHagayi, yaye la mazwi angasomeleza njani thina?
19 Xa siziva sidimazekile, enoba kungenxa yenkcaso okanye enye imeko engemyoli, amazwi awathethwa nguYehova kumaYuda awabuyela kwilizwe lawo anokusomeleza. KuHagayi 2:4-6, sifunda oku: “Noko ke ngoku yomelela, Zerubhabheli, utsho uYehova; womelele, Yoshuwa nyana kaYotsadaki, mbingeleli mkhulu; nomelele, nonke bantu belizwe, utsho uYehova, nisebenze; ngokuba ndinani, utsho uYehova wemikhosi. Ilizwi elo, ndanqophisana nani ngalo ekuphumeni kwenu eYiputa, ndisaligcinile, noMoya wam umi phakathi kwenu; musani ukoyika. Ngokuba uYehova wemikhosi utsho ukuthi, kusaya kuba kanye, umzuzwana ke ndinyikimise izulu, nehlabathi, nolwandle, nomhlaba owomileyo.” Phawula ukuba uYehova akaneli nje kukusibongoza ukuba somelele kodwa usinika neendlela esinokuzuza ngazo amandla. Njani? Phawula la mazwi aqinisekisayo: “Ngokuba ndinani.” Hayi indlela okomelez’ ukholo ngayo ukubona ukuba ingakhathaliseki imiqobo esijamelana nayo, uYehova unathi!—Roma 8:31.
20. Indlu kaYehova izaliswa ngayiphi indlela ngoku bubuqaqawuli obungenakuthelekiswa nanto?
20 Ngokuqinisekileyo uYehova uye wazingqina enabantu bakhe. Eneneni, kunjengokuba watshoyo ngomprofeti uHagayi esithi: “Buya kuba bukhulu ubuqaqawuli bamva bale ndlu, ngaphezu kobokuqala . . . kuyo ke le ndawo ndiya kunika uxolo.” (Hagayi 2:9) Enyanisweni, namhlanje obona buqaqawuli bubalaseleyo bufumaneka kwitempile kaYehova yokomoya. Kaloku, nyaka ngamnye, amakhulu amawaka abantu athontelana kunqulo olunyulu. Ayondliwa ngokomoya, yaye nakweli hlabathi lizaliswe ziziphithiphithi, anandipha uxolo oluya kudlulwa kuphela lolo luya kubakho kwihlabathi elitsha likaThixo.—Isaya 9:6, 7; Luka 12:42.
21. Yintoni esifanele sizimisele ukuyenza?
21 Sekumbovu ukuba uYehova anyikimise iintlanga eArmagedon. (ISityhilelo 16:14, 16) Ngoko ke masisebenzise ithuba eliseleyo ukuze sincede ekusindiseni ubomi babantu abangakumbi. Ngamana singomelela size sikholose ngokupheleleyo ngoYehova. Masizimisele ukuqhubeka sinqula kwitempile yakhe yokomoya enkulu, siyizalisa ‘ngezinto ezinqwenelekayo’ ezingakumbi de uYehova athi umsebenzi wethu ugqityiwe.
[Imibhalo esemazantsi]
a Umlinganiselo wemali eyanikelwa ekwakhiweni kwetempile kaSolomon unokuba malunga nama-242 amawaka ezigidi zeerandi ngokwemali yale mihla. Nantoni na engazange isetyenziswe kumsebenzi wokwakha yayifakwa kumkhumbi wokulondoloza imali etempileni.—1 Kumkani 7:51.
b Ngokungafaniyo nombingeleli omkhulu wakwaSirayeli, uYesu wayengenazono ekwakufuneka azicamagushele. Noko ke, ababingeleli abakunye naye babenazo izono ngenxa yokuba bathengwa kubantu abanesono.—ISityhilelo 5:9, 10.
Uyakhumbula Na?
• Yintoni exabiseke ngakumbi kuYehova kunezinto eziphathekayo?
• Igazi likaYesu elaphalalayo liyingenelo njani kumaqela amabini abantu?
• Ngoobani “izinto ezinqwenelekayo” ezaziza kuzalisa indlu kaYehova ngobuqaqawuli?
• Bubuphi ubungqina esinabo bokuba isiprofeto sikaHagayi siyazaliseka namhlanje?
[Umzobo okwiphepha 16]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
Ngaba uyayazi imbonakaliso yokomfuziselo yetempile kaYehova yamandulo?
EYona Ngcwele
Umkhusane
INgcwele
Iveranda
Isibingelelo
Intendelezo
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Umbingeleli omkhulu wayenikela ngenkunzi yenkomo ngenxa yezono zababingeleli aze anikele ngebhokhwe ngenxa yezono zezizwe zakwaSirayeli ezazingengobabingeleli
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani owenziwa ehlabathini lonke utsalela inkitha yabantu endlwini kaYehova