Ukwenza Ntsha Zonke Izinto—Njengoko Kwaxelwa Kwangaphambili
Lowo uhleli etroneni wathi: ‘Khangela! Zonke izinto ndizenza ntsha.’ Kanjalo, uthi: . . . ‘La mazwi athembekile yaye ayinyaniso.’”—ISITYHILELO 21:5.
1, 2. Kutheni kufanelekile nje ukuba abanye abantu babe mathidala ukuqwalasela oko kufunjethwe likamva?
WAKHA wawatsho okanye wawacinga amazwi athi, ‘Ngubani okwaziyo oko sikuphathelwe lingomso?’ Unokusiqonda isizathu sokuba abantu babe mathidala ukuthelekelela oko kuya kuziswa likamva okanye ukuthembela kwabo ngokungakhathali bazibanga bekuxela kwangaphambili oko kuza kwenzeka. Abantu abakwazi nje kwaphela ukukuxela ngokuchanileyo oko kuya kwenzeka kwiinyanga okanye kwiminyaka ezayo.
2 Iphephancwadi iForbes ASAP lavelisa inkupho ethetha ngexesha kuphela. Kuyo, umsasazi weengxelo ezenziwa kumabonwakude uRobert Cringely wabhala wathi: “Ekugqibeleni ixesha liyasihlazisa sonke, kodwa akukho mntu ubetheka kakhulu kumbandela wexesha ngaphezu kwezanuse. Ukuzama ukuthelekelela ikamva ngumdlalo esiphantse soyiswe kuwo rhoqo. . . . Sekunjalo, abo kufane kuthiwe ziingcaphephe basaqhubeka bexela izinto ezingekenzeki.”
3, 4. (a) Liliphi ithemba abanalo abanye ngewaka elitsha leminyaka? (b) Luluphi ulindelo olusengqiqweni abanalo abanye ngekamva?
3 Mhlawumbi uye waphawula ukuba ekubeni kuye kwanikelwa ingqalelo engakumbi kwiwaka leminyaka elitsha, kusenokubonakala ngathi abantu abaninzi bacinga ngekamva. Ekuqaleni konyaka ophelileyo, iphephancwadi iMaclean’s lathi: “Unyaka wama-2000 usenokufana nje neminye iminyaka kubantu abaninzi baseKhanada, kodwa kusenokwenzeka ukuba ungqamane nesiqalo esitsha ngokwenene.” UNjingalwazi uChris Dewdney weYork University wachaza isizathu sokuba nethemba esithi: “Iwaka leminyaka lithetha ukuba singakwazi ukuyiphosa kwelokulibala inkulungwane eyoyikekayo.”
4 Ngaba oko kuvakala njengomnqweno nje? EKhanada bangama-22 ekhulwini kuphela kwabo baye basabela kolunye uhlolisiso “abakholelwa kukuba owama-2000 uya kuzisa isiqalo esitsha ehlabathini.” Eneneni, phantse isiqingatha sabo “silindele ukuba kubekho olunye ungquzulwano oluya kuchaphazela ihlabathi lonke”—imfazwe yehlabathi—kwisithuba seminyaka engama-50. Ngokucacileyo, uninzi luyaqonda ukuba iwaka leminyaka aliyi kuziphelisa iingxaki zethu, lwenze ntsha zonke izinto. UMhlekazi uMichael Atiyah, owayesakuba ngumongameli woMbutho waseBukhosini waseBritani, wabhala wathi: “Indlela eziguquka ngokukhawuleza ngayo izinto . . . ithetha ukuba inkulungwane yamashumi amabini ananye iya kuzisa ucelomngeni olubalulekileyo kwimpucuko yethu yonke. Sele kukho ingxaki yokwanda kwabemi, ukunqongophala kwezinto ezivelisa ubuncwane, ukungcoliswa kwemeko-bume nokwanda kobuhlwempu yaye kufuneka kuhlangatyezwane nazo ngokungxamisekileyo.”
5. Singayifumana phi inkcazelo enokuthenjwa ngoko kuza kwenzeka kwixa elizayo?
5 Usengazibuza ukuba, ‘Ekubeni abantu bengenako ukukuxela kusengaphambili oko sikufunjathelwe likamva, ngaba akunto ifanelekileyo ukusuka nje silityeshele?’ Impendulo nguhayi! Kuyavunywa ukuba, abantu abanako ukukuxela ngokuchanileyo kusengaphambili oko kusaza kwenzeka, kodwa asifanele sicinge ukuba akakho onako ukukuxela. Eneneni, ngubani onako, yaye kutheni sifanele sibe nethemba ngekamva? Unokufumana iimpendulo ezanelisayo kwiziprofeto ezine ezicacileyo. Zibhalwe kweyona ncwadi banayo nabayifundayo abantu ngokubanzi, nekwayeyona ingaqondwa kakuhle netyeshelwayo—iBhayibhile. Enoba ucinga ntoni na ngeBhayibhile, yaye kungakhathaliseki ukuba uqhelene nayo kangakanani, uya kuzuza iingenelo ukuba uqwalasela ezi zibhalo zine zisisiseko. Eneneni zixela kusengaphambili ngekamva eliqaqambileyo. Ngaphezu koko, ezi ziprofeto zine ziyintloko zichaza oko linokuba kuko ikamva lakho nelabo ubathandayo.
6, 7. Waprofeta nini uIsaya, yaye oko wakuxela kwangaphambili kwazaliseka njani ngendlela engummangaliso?
6 Esokuqala sifumaneka kuIsaya isahluko 65. Ngaphambi kokuba usifunde, cinga ngento eyayiqhubeka—ixesha owabhalwa ngalo lo mbandela nemeko owawubhekisele kuyo. Umprofeti kaThixo uIsaya, owabhala la mazwi, wayephila kwisithuba esingaphezu kwenkulungwane ngaphambi kokuba ubukumkani bakwaYuda buphele. Isiphelo safika xa uYehova wayekayo ukukhusela amaYuda angathembekanga, evumela amaBhabhiloni ukuba atshabalalise iYerusalem aze athimbe abantu bayo. Oko kwenzeka kwiminyaka engaphezu kwekhulu emva kokuba uIsaya eprofete ngako.—2 Kronike 36:15-21.
7 Ngokubhekisele kwimbali yokuzaliseka koku, khumbula ukuba uIsaya, phantsi kokhokelo lukaThixo walixela kusengaphambili igama lomPersi owayengekazalwa, uKoreshi, owathi ekugqibeleni wabhukuqa iBhabhiloni. (Isaya 45:1) UKoreshi wahlahl’ indlela yukubuyela kwamaYuda kwilizwe lawo ngowama-537 B.C.E. Into emangalisayo kukuba, uIsaya wakuxela kusengaphambili oko kubuyiselwa kwawo, njengoko sifunda kwisahluko 65. Wanikel’ ingqalelo koko kwakuza kunanditshwa ngamaSirayeli kwilizwe lawo.
8. Liliphi ikamva elonwabisayo elaxelwa kwangaphambili nguIsaya, yaye liliphi ibinzana elibangel’ umdla ngokukhethekileyo?
8 KuIsaya 65:17-19 sifunda oku: “Yabona, ndidala amazulu amatsha nomhlaba omtsha; kwaye izinto zangaphambili aziyi kukhunjulwa, zinganyuki zithi qatha entliziyweni. Kodwa gcobani nize nivuye ngonaphakade koko ndikudalayo. Kuba yabona, ndidala iYerusalem ukuba ibe ngunobangela wovuyo nabantu bayo unobangela wokugcoba. Ndiza kuvuya ngeYerusalem, ndigcobe ngabantu bam; yaye asisayi kuphinda siviwe kuyo isandi sokulila okanye isandi sesikhalo esilusizi.” Ngokuqinisekileyo, uIsaya wayechaza iimeko ezazilunge ngakumbi kunezo ayehlala kuzo amaYuda eBhabhiloni. Waxela kusengaphambili ngovuyo nemincili awayeza kuba nayo. Ngoku khawuqwalasele ibinzana elithi “amazulu amatsha nomhlaba omtsha.” Esi sisihlandlo sokuqala kwezine, elivela ngazo eBhayibhileni elo binzana, yaye ezi zicatshulwa zine zilichaphazela ngokuthe ngqo ikamva lethu, zide ziprofete ngalo.
9. AmaYuda amandulo ayebandakanyeke njani ekuzalisekeni kukaIsaya 65:17-19?
9 Inzaliseko yokuqala kaIsaya 65:17-19 yayibandakanya amaYuda amandulo awathi, njengoko uIsaya waprofeta ngokuchanileyo, abuyela kwilizwe lawo, apho aphinda amisela unqulo olunyulu. (Ezra 1:1-4; 3:1-4) Kakade ke, uyaphawula ukuba abuyela kwilizwe lawo kwakwisijikelezi-langa esifanayo, kungekhona komnye ummandla wendalo. Ukuqonda oko kunokusinceda sibone oko wayebhekisela kuko uIsaya xa wayethetha ngamazulu amatsha nomhlaba omtsha. Akuyomfuneko ukuba sifunisele, njengoko abanye besenza, ngeziprofeto ezingacacanga zikaNostradamus okanye ezezinye izanuse ezingabantu. IBhayibhile ikucacisa ngokwayo oko kwakuthethwa nguIsaya.
10. Sinokuwuqonda njani ‘umhlaba’ omtsha owaxelwa nguIsaya kwangaphambili?
10 EBhayibhileni, ‘umhlaba’ awusoloko ubhekisela kwingqukuva yomhlaba esikuwo. Ngokomzekelo, iNdumiso 96:1 ngokoqobo ithi: ‘Vumela uYehova, wonke mhlaba.’ Siyazi ukuba isijikelezi-langa sethu—umhlaba owomileyo neelwandlekazi ezinkulu—asinakuvuma ingoma. Ngabantu abavuma ingoma. Ewe, iNdumiso 96:1 ibhekisela ebantwini abasemhlabeni.a Kodwa uIsaya 65:17 ukwathetha ‘ngamazulu amatsha.’ Ukuba ‘umhlaba’ umela ibutho elitsha labantu kwilizwe lamaYuda, ayintoni ke “amazulu amatsha”?
11. Ibinzana elithi “amazulu amatsha” lalibhekisela enini?
11 IThe Cyclopædia of Biblical, Theological, and Ecclesiastical Literature, kaM’Clintock noStrong ithi: “Nanini na kukho umbono wesiprofeto, izulu lifanekisela . . . amagunya alawulayo ewonke . . . ongamele yaye elawula abalawulwa, kanye njengoko amazulu okoqobo engasentla yaye elawula umhlaba.” Ngokubhekisele kweli binzana lidibeneyo “amazulu nomhlaba,” iCyclopædia ichaza ngokuthi ‘kulwimi lwesiprofeto eli binzana libhekisela kwimeko yezobupolitika yabantu abakwizikhundla ezahlukahlukeneyo. Izulu ngabalawuli; umhlaba ngabalawulwa, abantu abalawulwa ngabakwizikhundla ezingaphezulu.’
12. AmaYuda amandulo awafumana nini “amazulu amatsha nomhlaba omtsha”?
12 Xa amaYuda abuyela kwilizwe lawo, afumana oko kunokubizwa ngokuba yinkqubo entsha yezinto. Kwakulawula iqumrhu elitsha. UZerubhabheli, owayeyinzala kaKumkani uDavide, wayeyirhuluneli, yaye uYoshuwa wayengumbingeleli omkhulu. (Hagayi 1:1, 12; 2:21; Zekariya 6:11) Aba babebumba “amazulu amatsha.” Ayongamele ntoni? “Amazulu amatsha” ayongamele ‘umhlaba omtsha,’ ibutho elicociweyo labantu ababebuyele kwilizwe labo ukuze bayakhe ngokutsha iYerusalem netempile yayo yokunqulela uYehova. Ngenxa yoko, ngokwale ngqiqo, kwakukho amazulu amatsha nomhlaba omtsha kwinzaliseko eyayibandakanya amaYuda ngelo xesha.
13, 14. (a) Yiyiphi enye indawo elivela kuyo ibinzana elithi “amazulu amatsha nomhlaba omtsha” esifanele siyiqwalasele? (b) Kutheni isiprofeto sikaPetros sibangel’ umdla ngokukhethekileyo ngeli xesha?
13 Ulumke ke ungalahlekelwa yingongoma. Obu asibobuchule nje bokutolika iBhayibhile ingekuko nokukha nje phezulu kwimbali yamandulo. Oku unokukubona xa uphethulela ingqalelo kwenye indawo elivela kuyo ibinzana elithi “amazulu amatsha nomhlaba omtsha.” Kweyesi-2 kaPetros isahluko 3, uya kufumana eli binzana uze ubone ukuba ikamva lethu libandakanyekile koku.
14 Umpostile uPetros wabhala incwadi yakhe kwiminyaka engaphezu kwama-500 emva kokubuyela kwamaYuda kwilizwe lawo. Njengomnye wabapostile bakaYesu, uPetros wayebhalela abalandeli bakaKristu, ‘iNkosi’ ekhankanywe kweyesi-2 kaPetros 3:2. Kwindinyana 4, uPetros uthetha ‘ngobukho obuthenjisiweyo,’ bukaYesu obenza esi siprofeto sifaneleke kakhulu namhlanje. Ubungqina obuninzi bubonisa ukuba ukususela ngeMfazwe Yehlabathi I, uYesu ubekho ngengqiqo yokuba negunya njengoMlawuli woBukumkani bukaThixo basezulwini. (ISityhilelo 6:1-8; 11:15, 18) Oku kuba nentsingiselo ekhethekileyo xa sikhangela enye into uPetros awaprofeta ngayo kwesi sahluko.
15. Sizaliseka njani isiprofeto sikaPetros esithetha ‘ngamazulu amatsha’?
15 Kweyesi-2 kaPetros 3:13 sifunda oku: “Thina ke silindele amazulu amatsha nomhlaba omtsha, ngokwesithembiso sakhe, apho kumi ubulungisa.” Mhlawumbi sele usazi ukuba ezulwini uYesu unguMlawuli oyintloko ‘kumazulu amatsha.’ (Luka 1:32, 33) Ukanti, eminye imibhalo yeBhayibhile ibonisa ukuba akalawuli yedwa. UYesu wathembisa ukuba abapostile nabanye abafana nabo babeya kuba nendawo emazulwini. Kwincwadi yamaHebhere, umpostile uPawulos wachaza abo banjalo ‘njengabanesabelo kubizo lwasezulwini.’ Yaye uYesu wathi abo beli qela babeya kuhlala kwiitrone zasezulwini kunye naye. (Hebhere 3:1; Mateyu 19:28; Luka 22:28-30; Yohane 14:2, 3) Ingongoma kukuba abanye balawula noYesu njengenxalenye yamazulu amatsha. Ngoko ke wayethetha ukuthini uPetros xa ethetha ‘ngomhlaba omtsha’?
16. Nguwuphi ‘umhlaba omtsha’ osele ukho?
16 Njengoko kwakunjalo ngenzaliseko yamandulo—ukubuyela kwamaYuda kwilizwe lawo—inzaliseko yangoku yeyesi-2 kaPetros 3:13 ibandakanya abantu abazithobayo kulawulo lwamazulu amatsha. Namhlanje unokufumana izigidi zabantu ezikuvuyelayo ukuzithoba kolo lawulo. Ziyangenelwa kwinkqubo yalo yokufundisa yaye zizabalazela ukulandela imithetho yalo efumaneka eBhayibhileni. (Isaya 54:13) Ezi zigidi zisisiseko ‘somhlaba omtsha’ ngengqiqo yokuba zibumba ibutho lomhlaba wonke labantu bazo zonke izizwe, iilwimi neentlanga, yaye ziyasebenzisana ekuthobeleni uKumkani olawulayo, uYesu Kristu. Isibakala esiphawulekayo kukuba nawe unako ukuba ngomnye wazo!—Mika 4:1-4.
17, 18. Kutheni amazwi akweyesi-2 kaPetros 3:13 esenza sikhangele kwikamva?
17 Ungavakalelwa kukuba kuphelele apho, ucinge ukuba asinazo iinkcukacha ngekamva. Eneneni, njengoko uhlolisisa umongo weyesi-2 kaPetros isahluko 3, uya kuphawula izinto ezibonisa ukuba kukho utshintsho olukhulu oluzayo. Kwindinyana yesi-5 neyesi-6, uPetros ubhala ngoMkhukula womhla kaNowa, uNogumbe owatshayela ihlabathi elingendawo ngelo xesha. Kwindinyana 7, uPetros ukhankanya ukuba “amazulu nomhlaba wangoku,” abalawuli kunye nenkitha yabantu, babekelwe “imini yomgwebo neyentshabalalo yabantu abangenabuthixo.” Oku kuqinisekisa ukuba ibinzana elithi “amazulu nomhlaba wangoku” libhekisela, kungekhona kwindalo yokoqobo, kodwa ebantwini nakulawulo lwabo.
18 Emva koko uPetros uyachaza ukuba imini ezayo kaYehova iya kwenza umsebenzi omkhulu wokucoca, ivulela indlela amazulu amatsha nomhlaba omtsha okhankanywe kwindinyana 13. Phawula amazwi okuqukumbela aloo ndinyana—“apho kumi ubulungisa.” Ngaba oko akuthethi kuthi kumele kwenzeke iinguqulelo ezinkulu ukuze kulunge? Ngaba oko akubangeli ukuba sibe nethemba lezinto ezintsha ngokwenene, ixesha apho abantu abaya kukunandipha ngakumbi ukuphila ngaphezu kokuba kunjalo namhlanje? Ukuba unako ukukubona oko, ngoko uyakuqonda oko iBhayibhile ikuxela kusengaphambili, ukuqonda okufunyanwa ngabantu abambalwa ngentelekiso.
19. Kukweyiphi imeko ethi incwadi yeSityhilelo yalathe ‘kumazulu amatsha nomhlaba omtsha’ osezayo?
19 Kodwa makhe sihlabele mgama. Siye sazibona iindawo elivela kuzo ibinzana elithi “amazulu amatsha nomhlaba omtsha” kuIsaya isahluko 65 nakweyesi-2 kaPetros isahluko 3. Ngoku khawutyhile kwiSityhilelo isahluko 21, enye indawo elivela kuyo eli binzana eBhayibhileni. Kwakhona, ukuqonda okwakusenzeka apho kuya kunceda. Kwizahluko ezibini ezingaphambili, kwiSityhilelo isahluko 19, kuchazwa imfazwe yokomfuziselo ngendlela ecacileyo—kodwa le asiyomfazwe yeentlanga ezithiyeneyo. Kwelinye icala ‘nguLizwi likaThixo.’ Usenokuba uyaphawula ukuba eso sibizo sibhekisela kuYesu Kristu. (Yohane 1:1, 14) Usezulwini, yaye kulo mbono kuthethwa ngaye ekunye nemikhosi yasezulwini. Esilwa nabani? Esi sahluko sikhankanya ‘ookumkani,’ ‘abaphathi-mkhosi,’ nabantu bezikhundla ezahlukahlukeneyo, ‘abancinane nabakhulu.’ Eli dabi libandakanya imini ezayo kaYehova, ukutshatyalaliswa kobungendawo. (2 Tesalonika 1:6-10) Xa sihlabela mgama, iSityhilelo isahluko 20 siqala ngokuchaza ukushenxiswa ‘kwenyoka yantlandlolo, enguMtyholi uSathana.’ Oku kuhlahl’ indlela ukuze sihlole iSityhilelo isahluko 21.
20. Ngokutsho kweSityhilelo 21:1 luluphi utshintsho olusezayo?
20 Umpostile uYohane uqala ngamazwi achulumancisayo athi: “Ndabona izulu elitsha nomhlaba omtsha; kuba izulu langaphambili nomhlaba wangaphambili wadlula, nolwandle alusekho.” Ngokusekelwe koko sikubone kuIsaya isahluko 65 nakweyesi-2 kaPetros isahluko 3, sinokuqiniseka ukuba oku akuthethi ukuthatyathelw’ indawo kwamazulu nesijikelezi-langa sokoqobo namanzi aso anzongonzongo. Njengoko izahluko ezingaphambili zibonisile, kuza kushenxiswa abantu abangendawo nolawulo lwabo, kuquka umlawuli ongabonakaliyo uSathana. Ewe, esi sisithembiso senkqubo entsha yezinto ebandakanya abantu abasemhlabeni.
21, 22. Ziziphi iintsikelelo esiqinisekiswa ngazo nguYohane, yaye kuthetha ntoni ukusulwa kweenyembezi?
21 Siyaqinisekiswa ngako oku njengoko sihlabela mgama nesi siprofeto simangalisayo. Ekuphetheni indinyana 3 ithetha ngexesha uThixo aya kube ekunye noluntu, ephethulela ingqalelo yakhe yenceba kubantu abenza ukuthanda kwakhe. (Hezekile 43:7) UYohane uhlabela mgama kwindinyana 4, 5 esithi: “[UYehova] uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule. Waza Lowo uhleli etroneni wathi: ‘Khangela! Zonke izinto ndizenza ntsha.’ Kanjalo, uthi: ‘Bhala, kuba la mazwi athembekile yaye ayinyaniso.’” Esinjani ukukhuthaza isiprofeto!
22 Khawunqumame kancinane uze uhlafunisise oko iBhayibhile iprofeta ngako. ‘UThixo uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo.’ Oko akunakuba kubhekisela kwiinyembezi eziqhelekileyo ezihlamba amehlo ethu abuthathaka, yaye kungenakwenzeka ukuba kubhekisela kwiinyembezi zovuyo. Akunjalo, iinyembezi aya kuzisula uThixo ziinyembezi ezibangelwa kukubandezeleka, intlungu, ukuphoxeka, ukwenzakala nokungcungcutheka. Yintoni enokusenza siqiniseke? Kaloku, esi sithembiso sikaThixo sihlab’ umxhelo sinxulumanisa ukusula iinyembezi ‘nokufa, ukuzila, ukukhala neentlungu ezingayi kuphinda zibekho.’—Yohane 11:35.
23. Isiprofeto sikaYohane sisiqinisekisa ngesiphelo santoni?
23 Ngaba obu asibobungqina bokuba kuya kupheliswa umhlaza, istroke, isifo sentliziyo kuquka ukufa? Ngubani kuthi ongakhange alahlekelwe ngumntu amthandayo ngenxa yesifo esithile, ingozi, okanye intlekele? Apha uThixo uthembisa ukuba ukufa akuyi kuphinda kubekho, okubonisa ukuba abantwana abasenokuzalwa ngelo xesha akuyi kufuneka bajamelane nokukhula baze baluphale—bagqibele ngokufa. Esi siprofeto sikwathetha ukuba akusayi kuphinda kubekho sifo sika-Alzheimer, iosteoporosis, iifibroid tumor, ukutyhaphaka kwamehlo, okanye amehlo anorhatyazo—nto ezo zixhaphake gqitha kubantu abalupheleyo.
24. Liya kuba yintsikelelo njani “izulu elitsha nomhlaba omtsha”, yaye yintoni esisaza kuyiqwalasela?
24 Ngokungathandabuzekiyo uya kuvuma ukuba ukuzila nokukhala kuya kuncipha xa kupheliswe ukufa, ukwaluphala nezifo. Ukanti, kuthekani ngokuphelisa ubuhlwempu, ukuxhatshazwa kwabantwana nengcinezelo yocalu-calulo ngenxa yemvelaphi okanye ibala lolusu? Ukuba ezo izinto—ezo zixhaphakileyo namhlanje—beziya kuqhubeka zikho, besingayi kuyeka ukuzila nokukhala. Ngaloo ndlela, ubomi ‘kwizulu elitsha nomhlaba omtsha’ abuyi konakaliswa zizinto ezibangela usizi ezikhoyo ngoku. Olunjani lona utshintsho! Noko ke, ukuza kuthi ga ngoku sele siqwalasele izihlandlo ezithathu kuphela kwizihlandlo ezine elivela ngazo eBhayibhileni ibinzana elithi “amazulu amatsha nomhlaba omtsha.” Sisekho esinye esinxulumene noko siye sakuhlolisisa yaye sibethelela isizathu sokuba sikhangele phambili kwixesha laxa uThixo eya kuzalisekisa isithembiso sakhe ‘sokwenza ntsha zonke izinto.’ Inqaku elilandelayo lixubusha ngeso siprofeto nentsingiselo yaso kuthi ukuze sonwabe.
[Umbhalo osemazantsi]
a IThe New English Bible iguqulela iNdumiso 96:1 ngokuthi: “Vumelani iNKOSI, nonke bantu bomhlaba.” IThe Contemporary English Version ifundeka ngolu hlobo: “Wonk’ ubani okulo mhlaba, makavumele iNKOSI iindumiso.” Oku kuyavisisana nesibakala sokuba ‘umhlaba omtsha’ awayebhekisela kuwo uIsaya ngabantu bakaThixo abakwilizwe labo.
Yintoni Oyikhumbulayo?
• Ziziphi izihlandlo ezithathu apho iBhayibhile ithetha kwangaphambili ‘ngamazulu amatsha nomhlaba omtsha’?
• AmaYuda amandulo ayebandakanyeke njani ekuzalisekeni ‘kwamazulu amatsha nomhlaba omtsha’?
• Anayiphi inzaliseko “amazulu amatsha nomhlaba omtsha” okhankanywe nguPetros?
• ISityhilelo isahluko 21 sisalathisela njani kwikamva eliqaqambileyo?
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Kanye njengoko uYehova waxela kwangaphambili, uKoreshi wahlahl’ indlela yokubuyela kwamaYuda kwilizwe lawo ngowama-537 B.C.E.