Thuthuzelwa Ngamandla KaYehova
“Xa iingcamango zam eziphazamisayo zathi zaba ninzi ngaphakathi kwam, intuthuzelo yakho yaqalisa ukuthuthuzela umphefumlo wam.”—INDUMISO 94:19.
KUBO bonke abo balangazelela intuthuzelo, iBhayibhile inamazwi entuthuzelo. Akumangalisi ngoko ukuba iThe World Book Encyclopedia ithi “abantu abaninzi baye babhenela eBhayibhileni ukuze bafumane intuthuzelo, ithemba kunye nolwalathiso ebudeni bamaxesha enkathazo nawokungaqiniseki.” Ngoba?
Kaloku iBhayibhile iphefumlelwe nguMdali wethu onothando, ‘uThixo wentuthuzelo yonke,’ Lowo ‘usithuthuzela kulo naluphi na uhlobo lwembandezelo.’ (2 Korinte 1:3, 4) ‘UnguThixo onika intuthuzelo.’ (Roma 15:5) UYehova uye wamisela umzekelo wendlela yokufumana isiqabu kuthi sonke. Wathumela okuphela koNyana amzeleyo, uKristu uYesu, emhlabeni ukuze asinike ithemba yaye asithuthuzele. UYesu wafundisa oku: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.” (Yohane 3:16) IBhayibhile ichaza uYehova ‘njengosithwalela umthwalo mihla le, uThixo oyinyaniso wosindiso lwethu.’ (INdumiso 68:19) Abantu aboyika uThixo banokutsho beqinisekile ukuthi: “UYehova ndimbeka phambi kwam rhoqo. Ngenxa yokuba ungakwisandla sam sasekunene, andiyi kushukunyiswa.”—INdumiso 16:8.
Iindinyana zeBhayibhile ezifana nezi zibonisa indlela uYehova uThixo abathanda ngokunzulu ngayo abantu. Kuyacaca ukuba unomnqweno ongazenzisiyo—kwaye uyakwazi—ukunikela intuthuzelo engakumbi nokuthomalalisa intlungu yethu ngamaxesha anzima. “Unika odiniweyo amandla; nalowo ungenamandla makhulu umenza aphuphume ukomelela okupheleleyo.” (Isaya 40:29) Ngoko ke, sinokuthuthuzelwa njani ngamandla kaYehova?
Amandla Athomalalisa Iintlungu Enkathalo KaYehova
Umdumisi wabhala: “Umthwalo wakho wulahlele kuYehova, yaye yena wokuxhasa. Akayi kuliyekela ilungisa lishukunyiswe.” (INdumiso 55:22) Ewe, uYehova uThixo unomdla kwintsapho yabantu. Umpostile uPetros waqinisekisa amaKristu enkulungwane yokuqala esithi: “[UThixo] unikhathalele.” (1 Petros 5:7) UYesu Kristu wakugxininisa ukuxabiseka kwabantu kuThixo esithi: “Oongqatyana abahlanu bathengiswa ngeengqekembe ezimbini ezixabiso lincinane, akunjalo? Kanti akukho namnye kubo olibalekayo phambi koThixo. Kodwa kwaneenwele zeentloko zenu zibaliwe zonke. Musani ukuba noloyiko; nixabiseke ngaphezu koongqatyana abaninzi.” (Luka 12:6, 7) Sixabiseke gqitha kuThixo kangangokuba uphawula kwanezona nkcukacha zincinane ngathi. Uyazazi izinto esingazaziyo kuba unomdla ngokunzulu kuye ngamnye wethu.
Ukuwuva lo mdla wobuqu kaYehova kwamthuthuzela uSvetlana, unongogo oselula okhankanywe kwinqaku elingaphambili. Wayesele eza kuzibulala xa wadibana namaNgqina kaYehova. Emva koko wamkela isifundo seBhayibhile, esamnceda wamazi ngakumbi uYehova njengomntu wokwenene onomdla kwimpilo-ntle yakhe. Oko kwayichukumisa intliziyo yakhe, kumshukumisela ekubeni aguqule indlela aphila ngayo yaye anikele ubomi bakhe kuThixo. Kwakhona kwanika uSvetlana umlinganiselo oyimfuneko wokuzixabisa awayewufuna ukuze aqhubeke esiya phambili phezu kwazo nje iingxaki yaye abe nesimo sengqondo esifanelekileyo ngobomi. Ngoku uthi: “Ndeyisekile kukuba uYehova akasayi kuze andishiye. Ndiye ndafumanisa ukuba oko kubhalwe kweyoku-1 kaPetros 5:7 kuyinyaniso. Ithi: ‘Liphoseni [kuYehova] lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.’”
Ithemba Elisekelwe EBhayibhileni Liyathuthuzela
Enye indlela uThixo athuthuzela ngayo liLizwi lakhe elibhaliweyo, eliqulethe ithemba elimangalisayo ngekamva. Umpostile uPawulos wabhala: “Zonke izinto ezabhalwa kwixesha langaphambili zabhalelwa ukuyalela thina, ukuze ngonyamezelo lwethu nangentuthuzelo yeZibhalo sibe nethemba.” (Roma 15:4) UPawulos wayenza yacaca into yokuba kukho ukunxibelelana phakathi kwethemba lokwenyaniso nentuthuzelo xa wabhala esithi: ‘UThixo uBawo wethu, owasithandayo waza wasinika intuthuzelo engunaphakade nethemba elilungileyo ngobubele obungasifanelanga, wanga angazithuthuzela iintliziyo zenu aze aniqinise kuso sonke isenzo esilungileyo nelizwi.’ (2 Tesalonika 2:16, 17) Eli ‘themba lilungileyo’ liquka ithemba lobomi obufezekileyo, obonwabisayo nobungenasiphelo kumhlaba oyiparadesi.—2 Petros 3:13.
Elo themba liqinisekileyo neliqaqambileyo lamkhuthaza uLaimonis, umlwelwe olikhoboka lotywala okhankanywe kwinqaku elingaphambili. Xa wayefunda iincwadi zamaNgqina kaYehova ezisekelwe eBhayibhileni, wavuya akufumanisa ngehlabathi elitsha eliphantsi koBukumkani bukaThixo, apho anokuphiliswa ngokupheleleyo. EBhayibhileni, wafunda ngedinga eliqaqambileyo elingokuphiliswa ngokungummangaliso elithi: “Ngelo xesha aya kuvulwa amehlo eemfama, zivulwe neendlebe zezithulu. Isiqhwala siya kutsiba njengexhama, nolwimi lwesimumu luya kumemelela ngochulumanco.” (Isaya 35:5, 6) Ukuze afanelekele ukuphila kuloo Paradesi, uLaimonis wenza utshintsho olukhulu. Wayeka ukusela yaye ukutshintsha kwakhe kuye kwaphawulwa ngabamelwane nangabantu abamaziyo. Ngoku uqhuba izifundo zeBhayibhile eziliqela, wabelana nabanye ngentuthuzelo eziswa lithemba elisekelwe eBhayibhileni.
Indima Yomthandazo
Xa, ngasizathu sithile, intliziyo yethu ibuhlungu, sinokuthuthuzeleka ngokuthandaza kuYehova. Oko kunokuwushenxisa loo mthwalo phezu kwethu. Xa sisenza izikhungo, sinokuthuthuzelwa kukukhumbula izinto ezithethwe kwiLizwi likaThixo. Eyona ndumiso inde eBhayibhileni ifana nomthandazo owenziwe kakuhle. Umqambi wayo wavuma esithi: “Ndizikhumbule izigwebo zakho ukususela kwixesha elingenammiselo, Yehova, yaye ndizifumanela intuthuzelo.” (INdumiso 119:52) Kwiimeko ezinzima kakhulu, ngokukodwa kwezo zibandakanya impilo engentle, akudli ngakubakho isicombululo esinye esilungisa yonke into. Thina ngokwethu, sisenokungazi ukuba sibhenele kubani. Abaninzi baye bafumanisa ukuba xa kuye kwenziwa konke okunokwenziwa ngumntu, ukubhenela kuThixo ngomthandazo kuye kwabathuthuzela kakhulu yaye, maxa wambi, kwezisa izicombululo abebengazilindelanga.—1 Korinte 10:13.
UPat, owabalekiselwa esibhedlele kwigumbi labagula kakhulu, wayiva intuthuzelo ebangelwa ngumthandazo. Emva kokuba echachile, wathi: “Ndathandaza kuYehova ndaza ndafumanisa ukuba okunene ubomi bam ndimele ndibubeke ezandleni zakhe, ndikholose ngaye ukuze enze nantoni na ekukuthanda kwakhe. Ebudeni balo lonke elo xesha, ndaziva ndizolile; ndandiluva uxolo lukaThixo olukhankanywe kweyabaseFilipi 4:6, 7.” Hayi indlela sonke ezinokusithuthuzela ngayo ezi ndinyana! Apho uPawulos ubongoza athi: “Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo; yaye uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo ngoKristu Yesu.”
Umoya Oyingcwele Njengomthuthuzeli
Ngobusuku obungaphambi kokufa kwakhe, uYesu wayenza yacaca kubapostile bakhe into yokuba kungekudala wayeza kubashiya. Loo nto yabaphazamisa yaza yabakhathaza. (Yohane 13:33, 36; 14:27-31) Eqonda ukuba bafuna ukuqhubeka bethuthuzelwa, uYesu wabathembisa oku: “Ndiza kumcela uBawo yaye uya kuninika omnye umncedi [okanye umthuthuzeli] wokuba kunye nani ngonaphakade.” (Yohane 14:16; umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo) Apha uYesu wayebhekisela kumoya oyingcwele kaThixo. Phakathi kwezinye izinto, umoya kaThixo wabathuthuzela abapostile xa babelingwa waza wabomeleza ukuze baqhubeke besenza ukuthanda kukaThixo.—IZenzo 4:31.
UAngie, omyeni wakhe waphantse wasutywa kukufa emva kwengozi ehlasimlis’ umzimba, wakwazi ukuhlangabezana ngempumelelo nayo yonke ingcinezelo nentlungu eyayibangelwa yimeko yakhe. Yintoni eyamncedayo? Uthi: “Ukuba besingaxhaswa ngumoya oyingcwele kaYehova, ngesingakutyhubelanga oku siye sakutyhubela saza saqhubeka somelele. Okunene amandla kaYehova aye abonakala ngobuthathaka bethu, kwaye uye wazingqina eyinqaba kuthi kweli xesha leengxaki.”
Ubuzalwana Obuthuthuzelayo
Enoba injani na imeko ubani ajamelana nayo ebomini, kungakhathaliseki ukuba ibuhlungu kangakanani na, ufanele akwazi ukuthuthuzelwa bubuzalwana obukhoyo phakathi kwebandla likaYehova. Obu buzalwana bunikela inkxaso yokomoya yaye buyabanceda abo bayinxalenye yabo. Kubo, ubani unokufumana iqela labahlobo abanothando, abanenkxalabo nabathuthuzelayo, abakulungeleyo ukunceda nokuthuthuzela abanye ngamaxesha eengxaki.—2 Korinte 7:5-7.
Amalungu ebandla lamaKristu afundiswa ukuba “enze okulungileyo kubo bonke, ngokukodwa kwabo bahlobene [nawo] elukholweni.” (Galati 6:10) Imfundo esekelwe eBhayibhileni ayifumanayo iwashukumisela ekubeni abonakalise uthando lobuzalwana nomsa othantamisayo omnye komnye. (Roma 12:10; 1 Petros 3:8) Abazalwana noodade bokomoya abasebandleni bashukunyiselwa ukuba babe nobubele, bathuthuzele yaye babe nemfesane enothando.—Efese 4:32.
UJoe noRebecca, abahlelwa sisihelegu sokufelwa ngunyana wabo, bayiva loo nkxaso ithuthuzelayo eyayivela kumalungu ebandla lamaKristu. Bathi: “UYehova nebandla lakhe elinothando uye wasinceda satyhubela elo xesha lobunzima. Safumana amakhulu aliqela amakhadi, iileta kunye neminxeba. Oko kusenza siyiqonde indlela obuxabiseke ngayo ubuzalwana bethu. Xa sasisadidekile ngenxa yesi sihelegu, amabandla amaninzi asekuhlaleni eza kusinceda, esilungiselela izidlo yaye esicocela indlu.”
Thuthuzeleka!
Xa izivunduvundu zobunzima ziqalisa ukutsho ngamandla, nemvula kunye nesichotho esingenasiqabu seengcinezelo ziqhubeka zigalela, uThixo ukulungele ukuzisa ikhusi elithuthuzelayo. Le yindlela enye yeendumiso emchaza ngayo njengolungiselela ikhusi elithuthuzelayo: “Ngeentsiba zakhe uya kuthintela kungasondeli nto kuwe, wena uya kusabela phantsi kwamaphiko akhe.” (INdumiso 91:4) Apha sizotyelwa umfanekiso-ngqondweni wokhozi. Ngumfanekiso wentaka eyivayo ingozi ize yolule amaphiko ayo ukuze ikhusele amantshontsho ayo. Ngengqiqo ede yangakumbi, uYehova uba nguMkhuseli wabo bonke abasabela kuye.—INdumiso 7:1.
Ukuba unqwenela ukufunda okungakumbi ngoThixo, ubuntu bakhe, iinjongo zakhe namandla akhe okuthuthuzela, uyamenywa ukuba ufundisise iLizwi lakhe. AmaNgqina kaYehova aya kukuvuyela ukukunceda kolo sukelo. Ewe, nawe unako ukuthuthuzelwa ngamandla kaYehova!
[Imifanekiso ekwiphepha 7]
Ithemba lekamva elisekelwe eBhayibhileni linokuthuthuzela