“Londoloza Intliziyo Yakho”
UYEHOVA waxelela umprofeti uSamuweli oku: “Indlela abona ngayo umntu asiyondlela abona ngayo uThixo, ngenxa yokuba umntu nje ubona okubonakalayo emehlweni; kodwa uYehova yena, ubona oko ikuko intliziyo.” (1 Samuweli 16:7) Naye etsalela ingqalelo kwintliziyo yokomfuziselo, umdumisi uDavide wavuma ingoma esithi: “[Yehova] uyigocagocile intliziyo yam, uyivelele ebusuku, undisulungekisile; uya kufumanisa ukuba andicebanga nto.”—INdumiso 17:3.
Ewe, uYehova ukhangela entliziyweni ukuze abone oko sikuko ngokwenene. (IMizekeliso 17:3) Ngoko ke, ngesizathu esihle uKumkani uSolomon kaSirayeli wamandulo ucebisa oku: “Ngaphezu kwako konke okunye okumele kulondolozwe, londoloza intliziyo yakho, kuba iphuma kuyo imithombo yobomi.” (IMizekeliso 4:23) Sinokuyilondoloza njani intliziyo yethu yokomfuziselo? IMizekeliso isahluko sesi-4 iyasiphendula kulo mbuzo.
Phulaphula Ingqeqesho Kabawo
Isahluko sesi-4 seMizekeliso siqalisa ngala mazwi: “Yiphulaphuleni, bonyana, ingqeqesho kayihlo nize ninikele ingqalelo, khon’ ukuze nikwazi ukuqonda. Kuba ngokuqinisekileyo ndiya kuninika uyalelo olulungileyo. Musani ukuwushiya umyalelo wam.”—IMizekeliso 4:1, 2.
Isiluleko esiya kulutsha sesokuba luphulaphule imfundiso ephilileyo enikelwa ngabazali balo abahlonela uThixo, ngokukodwa ekabawo. IZibhalo zimnike imbopheleleko yokulungiselela iimfuno zokwenyama nezokomoya zentsapho yakhe. (Duteronomi 6:6, 7; 1 Timoti 5:8) Ngaphandle kokhokelo olunjalo, hayi indlela ekunokuba nzima ngakumbi ngayo ukuba umntu oselula aqole! Ngoko ke, ngaba umntwana akafanelanga ayamkele ngentlonelo ingqeqesho kayise?
Noko ke, kuthekani ngoselula ongenayise wokumfundisa? Ngokomzekelo, uJason oneminyaka eli-11 ubudala waphulukana noyise xa wayeneminyaka emine.a Xa umdala ongumKristu wambuza eyona nkalo yobomi bakhe eyayimkhathaza, uJason waphendula ngoko nangoko esithi: “Kukungabi natata. Maxa wambi loo nto indenza ndidakumbe.” Sekunjalo, sikho isiluleko esithuthuzelayo kulutsha oluswele ulwalathiso lwabazali. UJason nabanye abafana naye banokufuna baze bafumane isiluleko esifana nesikabawo kubadala nakwabanye abaqolileyo kwibandla lamaKristu.—Yakobi 1:27.
Ebalisa ngeyakhe imfundo, uSolomon uhlabela mgama: “Ndaba ngunyana wokwenene kubawo, othambileyo nokuphela kwakhe phambi koma.” (IMizekeliso 4:3) Kuyabonakala ukuba lo kumkani wayeneenkumbulo ezimnandi ngendlela awakhuliswa ngayo. Ekubeni ‘wayengunyana wokwenene’ owayelamkela icebiso likayise, uSolomon oselula umele ukuba wayenolwalamano lothando nolusondeleyo noyise, uDavide. Ngaphezu koko, uSolomon ‘wayekuphela kwakhe,’ okanye ethandwa gqitha. Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba umntwana akhulele kwikhaya elinothando nalapho akwaziyo ukunxibelelana nabazali!
Zuza Ubulumko Nokuqonda
Ekhumbula isiluleko sothando awasifumana kuyise, uSolomon uyabalisa: “Wayendifundisa aze athi kum: ‘Ngamana intliziyo yakho ingawabamba nkqi amazwi am. Gcina imiyalelo yam uze uqhubeke uphila. Zuza ubulumko, zuza ukuqonda. Musa ukulibala, uze ungathi gu bucala emazwini omlomo wam. Musa ukubushiya [ubulumko], buya kukugcina. Buthande, buya kukulondoloza. Ubulumko yinto eyintloko. Zuza ubulumko; kunye nako konke oko ukuzuzayo, zuza ukuqonda.’”—IMizekeliso 4:4-7.
Kutheni ubulumko ‘buyinto eyintloko’? Ubulumko buthetha ukusebenzisa ulwazi nokuqonda kuze kubekho imiphumo emihle. Ulwazi—ukuqhelana nezibakala ezifunyenwe ngokubona nangamava okanye ngokulesa nokufundisisa—lubalulekile ukuze ubani alumke. Kodwa ukuba asikwazi ukulusebenzisa kakuhle, ulwazi lwethu aluyi kuba naxabiso kangako. Asimele siyifunde rhoqo nje kuphela iBhayibhile kunye neempapasho ezisekelwe kuyo ezilungiselelwe ‘likhoboka elithembekileyo neliyingqondi,’ kodwa simele sizabalazele nokukusebenzisa oko sikufunda kuzo.—Mateyu 24:45.
Ukuzuza ukuqonda kubalulekile nako. Ngaphandle kwako, ngaba besinokuyiqonda ngokwenene indlela izibakala ezinxibelelana ngayo size sibe nembono epheleleyo ngemibandela? Ukuba siswele ukuqonda, siza kuzazi njani izizathu zokuba kwenziwe izinto ezithile yaye siyifumane njani ingqiqo nengqondo? Ewe, ukuze sikwazi ukuqiqa size sifikelele kwisigqibo esifanelekileyo, kufuneka ukuqonda.—Daniyeli 9:22, 23.
USolomon uhlabela mgama ebalisa ngamazwi kayise, esithi: “Buhloniphe kakhulu [ubulumko], kwaye buya kukuphakamisa. Buya kukuzukisa ngenxa yokuba uyabuwola. Buya kunika intloko yakho isidanga esinomtsalane; buya kukujizeka ngesithsaba sobuhle.” (IMizekeliso 4:8, 9) Ubulumko bobuthixo buyamkhusela lowo ubamkelayo. Ngaphezu koko, bumnika imbeko yaye bumenza abe mhle. Ngoko ke, masibuzuze ngandlela zonke ubulumko.
“Bamba Ingqeqesho”
Ephinda imfundiso awayifumana kuyise, lo kumkani wakwaSirayeli uhlabela mgama esithi: “Yiva, nyana wam, uze wamkele amazwi am. Iya kwandula ke ibe mininzi iminyaka yobomi bakho. Ndiza kukuyalela ngendlela yobulumko; ndiza kukunyathelisa emkhondweni othe tye. Ekuhambeni kwakho, amanyathelo akho akayi kuxinana; nokuba uyabaleka, akuyi kukhubeka. Bamba ingqeqesho; musa ukuyiyeka. Yilondoloze, kuba yona ibubomi bakho.”—IMizekeliso 4:10-13.
Ekubeni wayengunyana wokwenene kuyise, uSolomon umele ukuba wakuqonda ukuxabiseka kwengqeqesho yothando efundisayo nelungisayo. Ngaphandle kwengqeqesho elungeleleneyo, sinokuyilindela njani into yokuba senze inkqubela ukuze siqole ngokomoya okanye sinokuba nalo njani ithemba lokuphucula umgangatho wobomi bethu? Ukuba asifundi kwiimpazamo esizenzayo okanye siyasilela ukulungisa iingcamango eziphosakeleyo, ngokwenene inkqubela yethu yokomoya iya kuba ncinane gqitha. Ingqeqesho esengqiqweni iphumela kwihambo engokobuthixo yaye ngaloo ndlela iyasinceda ukuba ‘sinyathele emkhondweni othe tye.’
Olunye uhlobo lwengqeqesho lukwakhokelela ekwenzeni ‘iminyaka yobomi bethu ibe mininzi.’ Njani? Kaloku, uYesu Kristu wathi: “Umntu othembekileyo kokona kuncinane uthembekile nakokukhulu, nomntu ongelolungisa kokona kuncinane akalolungisa nakokukhulu.” (Luka 16:10) Ngaba ukuziqeqesha kwizinto ezincinane bekungayi kukwenza kube lula ukuba senjenjalo nakwizinto ezinkulu, obusenokuxhomekeka kuzo kwanobomi bethu? Ngokomzekelo, ukuqeqesha iliso ukuba ‘lingaqhubeki likhangela umfazi ngokokude umkhanuke’ bekuya kusenza singafane sichanabeke ekuziphatheni okubi. (Mateyu 5:28) Lo mgaqo usebenza kumadoda nakumabhinqa. Ukuba siqeqesha iingqondo zethu ukuba ‘zithimbe zonke iingcamango,’ asinakufane sibe sengozini yokona ngelizwi okanye ngesenzo.—2 Korinte 10:5.
Kuyinyaniso ukuba, kudla ngokuba nzima ukwamkela uqeqesho yaye lusenokubonakala lusibhijela ngemiqathango. (Hebhere 12:11) Sekunjalo, lo kumkani osisilumko uyasiqinisekisa ukuba xa silubamba uqeqesho, umendo wethu uya kwenza kube lula ukuba senze inkqubela. Kanye njengokuba ingqeqesho efanelekileyo isenza imbaleki ikwazi ukuxhinela phambili ngesantya esiphezulu ize ingawi okanye yenzakale, ukulubamba uqeqesho kuya kusenza sikwazi ukuqhubeka kwindlela esa ebomini ngesantya esisigxina yaye singakhubeki. Kakade ke, simele siyilumkele indlela esiyikhethayo.
Wuphephe ‘Umendo Wabangendawo’
Enemvo yongxamiseko, uSolomon uyalumkisa: “Musa ukungena emendweni wabangendawo, ungahambi ngqo uye endleleni yababi. Yiphephe, ungadluli ngakuyo; phambuka kuyo, uze udlule. Kuba abalali ukuba abenzanga bubi, nobuthongo babo abuhli ukuba abakhubekisanga uthile. Kuba badle isonka sobungendawo, basela iwayini yezenzo zogonyamelo.”—IMizekeliso 4:14-17.
Abangendawo, abandlela zabo uSolomon afuna siziphephe, bazilondoloza ngezenzo ezonakeleyo. Ukwenza ububi kufana nokutya nesiselo kubo. Abakwazi kulala bengenzanga lugonyamelo. Kwaubuntu babo nje bonakele! Ngaba ngokwenene sinako ukulondoloza iintliziyo zethu ngoxa sinxulumana nabo? Hayi indlela ekububudenge ngayo ‘ukuhamba ngqo uye endleleni yababi’ ngokuzichanaba kugonyamelo oluboniswa kwinkoliso yezolonwabo lwanamhlanje! Ukuzabalazela ukuba nemfesane ethantamisayo akuhambisani kwaphela nje nokubukela ububi obuthibaza izimvo obukumabonwakude okanye kwimifanekiso eshukumayo.
Hlala Ekukhanyeni
Esasebenzisa umzekelo wendlela, uSolomon uvakalisa oku: “Kodwa umendo wamalungisa unjengokukhanya okuqaqambileyo okuya kukhanya ngokukhanya de kube semini emaqanda.” (IMizekeliso 4:18) Ukufundisisa iBhayibhile nokuzama ukukusebenzisa ebomini oko ikutshoyo kunokufaniswa nokuqalisa uhambo kusempondo zankomo. Njengoko ubumnyama besibhakabhaka busiya buthatyathelw’ indawo sisibhakabhaka esiluhlaza, asikwazi kubona nto. Kodwa kuthi kwakuqalisa isifingo, siye sikwazi ukubona ezinye zezinto ezisingqongileyo. Ekugqibeleni, ilanga likhanya ngokuqaqambileyo, yaye yonke into siyibona kakuhle. Ewe, inyaniso iya isikhanyela ngokuthe ngcembe xa sizingisa ekufundisiseni iZibhalo ngomonde nangenkuthalo. Ukondla intliziyo ngezinto zokomoya kubalulekile ukuba sifuna ukuyilondoloza kwiingcamango zobuxoki.
Intsingiselo yeziprofeto zeBhayibhile nayo ityhileka ngokuthe ngcembe. Iziprofeto ziya zisicacela njengoko umoya oyingcwele kaYehova usikhanyisela ngazo yaye zizalisekiswa ziziganeko zehlabathi okanye zizinto ezenzeka kubantu bakaThixo. Kunokuba siphelelwe ngumonde size sibhenele ekufuniseleni ngenzaliseko yazo, kufuneka silinde ‘ukukhanya kuye kukhanya.’
Kuthekani ngabo baluchasayo ulwalathiso lukaThixo ngokungavumi ukuhamba ekukhanyeni? “Indlela yabangendawo injengesithokothoko,” utsho uSolomon. “Abakwazi oko bakhubeka kuko.” (IMizekeliso 4:19) Abangendawo banjengomntu okhubeka ebumnyameni engazi nokuba ukhutyekiswa yintoni na. Kwanaxa abantu abangahloneli Thixo bebonakala besenza inkqubela ngenxa yobungendawo babo, loo singa-mpumelelo wabo uhlala ixeshana. Ngokuphathelele abanjalo, umdumisi wavuma ingoma esithi: “Ngokuqinisekileyo ubabeka emhlabeni omtyibilizi. [UYehova] ubenze bawa bonakala.”—INdumiso 73:18.
Hlala Uphaphile
Ukumkani wakwaSirayeli uhlabela mgama esithi: “Nyana wam, nikela ingqalelo emazwini am. Iintetho zam uzithobele indlebe yakho. Ngamana azingemki emehlweni akho. Zigcine ngaphakathi entliziyweni yakho. Kuba zibubomi kwabo bazifumanayo nempilo enyameni yabo yonke. Ngaphezu kwako konke okunye okumele kulondolozwe, londoloza intliziyo yakho, kuba iphuma kuyo imithombo yobomi.”—IMizekeliso 4:20-23.
Umzekelo kaSolomon ngokwakhe uyakungqina ukubaluleka kwesiluleko ukuze kulondolozwe intliziyo. Kuyinyaniso ukuba ‘waba ngunyana wokwenene’ kuyise ngexesha lobutsha bakhe waza waqhubeka enyanisekile kuYehova de wafikelela ebudaleni. Ukanti, iBhayibhile ithi: “Kwathi ngexesha lokuba mdala kukaSolomon abafazi [basemzini] bakhe bayenza intliziyo yakhe yatyekela ekulandeleni abanye oothixo; kwaye intliziyo yakhe ayizange iphelele kuYehova uThixo wakhe njengentliziyo kaDavide uyise.” (1 Kumkani 11:4) Kwanezona ntliziyo zilungileyo zinokurhwetyeshelwa ekwenzeni ububi ukuba azihlali ziphaphile. (Yeremiya 17:9) Simele sigcine izikhumbuzo zeLizwi likaThixo zikufutshane nentliziyo yethu—‘ngaphakathi kwayo.’ Oku kuquka ulwalathiso olunikelwe kwisahluko sesi-4 seMizekeliso.
Hlola Imeko Yentliziyo Yakho
Ngaba siyaphumelela ekulondolozeni intliziyo yethu yokomfuziselo? Sinokuyazi njani imeko yomntu esinguye ngaphakathi? UYesu Kristu wathi: “Umlomo uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.” (Mateyu 12:34) Kwakhona wathi: “Entliziyweni kuphuma iingcinga ezingendawo, ukubulala, ukukrexeza, uhenyuzo, ubusela, ubungqina bobuxoki, izinyeliso.” (Mateyu 15:19, 20) Ewe, izinto esizithethayo nesizenzayo zichaza lukhulu ngemeko yentliziyo yethu.
Ngokufanelekileyo, uSolomon uyasibongoza esithi: “Yishenxise kuwe intetho egwenxa; nokutenxa kwemilebe ukudedisele kude kuwe. Wona ke amehlo akho, afanele akhangele ngqo phambili, ewe, amehlo akho aqaqambileyo afanele athi ntsho phambi kwakho. Wugudise umkhondo wonyawo lwakho, yaye ngamana zonke iindlela zakho zingamiselwa ngokuqinileyo. Musa ukutyekela ngasekunene okanye ngasekhohlo. Lushenxise unyawo lwakho kokubi.”—IMizekeliso 4:24-27.
Ngenxa yesi sibongozo sikaSolomon, kufuneka sihlole intetho kunye nezenzo zethu. Ukuba sifuna ukulondoloza intliziyo yethu size sikholise uThixo, intetho etenxileyo nekwekwayo imele iphetshwe. (IMizekeliso 3:32) Ngoko ke, sifanele sikucingisise ngomthandazo oko kutyhilwa ngamazwi nazizenzo zethu ngathi. Sandule ke sifune uncedo lukaYehova ukuze silungise nabuphi na ubuthathaka esibubonayo.—INdumiso 139:23, 24.
Ngaphezu kwako konke, ngamana ‘amehlo ethu angakhangela ngqo phambili.’ Masiwagcine ekhangele kusukelo lokunikela inkonzo yomphefumlo uphela kuBawo wethu wasezulwini. (Kolose 3:23) Njengoko usukela ukuba nelo khondo ligqibeleleyo, ngamana uYehova angakunika impumelelo kuzo “zonke iindlela zakho,” yaye ngamana angakusikelela kakhulu ngokuthobela isiluleko esiphefumlelweyo ‘sokulondoloza intliziyo yakho.’
[Umbhalo osemazantsi]
a Asilogama lakhe ncam.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 22]
Ngaba uyaziphepha iindlela zokuzonwabisa ezinogonyamelo?
[Umfanekiso okwiphepha 21]
Ngenelwa kumacebiso avela kumagqala
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Ingqeqesho ayiyidodobalisi inkqubela oyenzayo
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Zingisa ekufundisiseni iBhayibhile