Ukusingatha Njani Ukungavisisani?
MIHLA le sidibana nabantu abanobuntu obahlukahlukeneyo. Loo nto idla ngokuzisa uvuyo yaye ibangele ukuba sifumane iimbono ezintsha. Maxa wambi, ibangela nokungavisisani, okunye kwako okuye kube nzulu ngoxa okunye kusiba zizinto ezincinane nje kubomi bethu bemihla ngemihla. Enoba kukuphi na, indlela esikusingatha ngayo ukungavisisani iyazichaphazela iingqondo, iimvakalelo kunye nobumoya bethu.
Ukwenza oko kusemandleni ethu ukuze sikucombulule ngendlela eyamkelekileyo ukungavisisani kuya kufak’ isandla ekubeni sibe sempilweni ngakumbi size sibe nolwalamano olunoxolo nabanye. Umzekeliso wamandulo uthi: “Intliziyo ezolileyo ibubomi kumzimba wenyama.”—IMizekeliso 14:30.
Ukanti ngokwahluke kakhulu koko: “Unjengesixeko esityhoboziweyo, esingenaludonga, umntu ongenakuwuthintela umoya wakhe.” (IMizekeliso 25:28) Ngubani apha kuthi obenokuzichanaba ekuhlaselweni ziingcamango eziphosakeleyo ezinokusibangela ukuba senze izinto ngeendlela ezingafanelekanga—ndlela ezo ezinokwenzakalisa abanye kwakunye nathi? Ukusabela ngomsindo ongalawulekiyo kunokwenza loo nto kanye. KwiNtshumayelo yaseNtabeni, uYesu wakhuthaza ukuba sihlole isimo sengqondo sethu, esinokuphembelela indlela esikusingatha ngayo nakuphi ukungavisisani okusenokubakho phakathi kwethu nabanye. (Mateyu 7:3-5) Kunokuba sibagxeke abanye, sifanele sicinge ngendlela esinokuhlakulela size silondoloze ubuhlobo ngayo nabo bangaboni ngasonye nathi nabaneemvelaphi ezahlukileyo.
Isimo Sengqondo Sethu
Inyathelo lokuqala lokulungisa into ekurhaneleka ukuba asivisisani okanye esingavisisani ngokwenene ngayo kukuqonda ukuba sityekele kwiingcamango nakwizimo zengqondo eziphosakeleyo. IZibhalo zisikhumbuza ukuba sonke siyona ‘yaye siyasilela kuzuko lukaThixo.’ (Roma 3:23) Ukongezelela koko, ukuqonda kusenokusenza sibone ukuba ingxaki ayibangelwanga ngomnye umntu. Ngokuphathelele oku, makhe siqwalasele okwenzeka kuYona.
Ethunywa nguYehova, uYona wenjenjeya ukusinga kwisixeko saseNinive eyokushumayela ngomgwebo kaThixo ozayo kubemi baso. Umphumo ovuyisayo waba kukuba bonke abantu beso sixeko saseNinive baguquka baza baba nokholo kuThixo wenyaniso. (Yona 3:5-10) UYehova wavakalelwa kukuba babefanelwe baxolelwe ngenxa yesimo sabo sengqondo sokuguquka, ibe wabasindisa. “Noko ke, oku kwakungamkholisi kakhulu uYona, yaye wavutha ngumsindo.” (Yona 4:1) Indlela awasabela ngayo uYona kwinceba kaYehova yayimangalisa. Kwakutheni ukuze uYona abe nomsindo kuYehova? Kuyabonakala ukuba, uYona wayentlokothiswa ziimvakalelo zakhe, ecinga ukuba wayejongelwa phantsi ngabantu basekuhlaleni. Akazange ayixabise inceba kaYehova. Ngobubele, uYehova wamfundisa isifundo esithile uYona esamnceda waguqula isimo sakhe sengqondo waza wabona ixabiso elincamisileyo lenceba kaThixo. (Yona 4:7-11) Kucacile ukuba undonakele wayekwisimo sengqondo sikaYona, kungekhona kuYehova.
Ngaba maxa wambi nathi kusenokufuneka siguqule isimo sengqondo sethu kumba othile? Umpostile uPawulos uyasibongoza: “Ekuboniseni imbeko omnye komnye khokelani.” (Roma 12:10) Wayethetha ukuthini? Ngenye indlela, usikhuthaza ukuba sibe nengqiqo yaye siphathe amanye amaKristu ngentlonelo enzulu nangesidima. Oku kuquka ukuyiqonda into yokuba mntu ngamnye unelungelo lokuzikhethela ngokukhululekileyo. UPawulos uphinda asikhumbuze oku: “Ngamnye uya kuthwala owakhe umthwalo.” (Galati 6:5) Ngenxa yoko, ngaphambi kokuba ukungavisisani kudale iyantlukwano, hayi indlela ekububulumko ngayo ukucinga enoba isimo sethu sengqondo sifuna ukuguqulwa kusini na! Simele sizibhokoxe ukuze sicinge njengoYehova size silondoloze uxolo nabanye abamthanda ngokwenene uThixo.—Isaya 55:8, 9.
Indlela Esimele Sikusingathe Ngayo
Khawube nombono wabantwana bebangisana ngento yokudlala, ngamnye etsala ngamandla ngenjongo yokuyifumana. Kujijiswana nje kuphuma namazwi avakalisa umsindo de omnye ayiyeke okanye kungenelele mntu wumbi.
Ingxelo yeGenesis isixelela ukuba uAbraham weva ukuba kwakukhe kwaphakama impikiswano phakathi kwabalusi bakhe nabomtshana wakhe uLote. UAbraham wathabatha inyathelo kuqala waya kuLote waza wathi: “Makungabikho ngxabano kaloku, phakathi kwam nawe naphakathi kwabalusi bam nabalusi bakho, kuba siyazalana.” UAbraham wayezimisele ukuba kungabikho ngquzulwano lonakalisa ulwalamano lwabo. Wayezimisele ukwenza ntoni ke ngaloo nto? Wayekulungele ukuncama ilungelo lakhe lokukhetha ekubeni wayemdala; wayekulungele ukuncama okuthile. UAbraham wavumela uLote ukuba akhethe indawo awayefuna ukusa kuyo indlu nemihlambi yakhe. Emva koko uLote wazikhethela ummandla ochumayo weSodom neGomora. UAbraham noLote bahlukana kusemnandi.—Genesis 13:5-12.
Ukuze silondoloze ulwalamano loxolo nabanye, ngaba sikulungele ukwenza ngomoya uAbraham awenza ngawo? Esi siganeko siseBhayibhileni sisinika umzekelo omhle esimele siwuxelise xa sisingatha ukungavisisani. UAbraham wacenga esithi: “Makungabikho ngxabano kaloku.” Umnqweno osuka entliziyweni ka-Abraham wawukukuba bafumane isicombululo soxolo. Ngokuqinisekileyo eso sicelo sokugcina ulwalamano olunoxolo sasiya kunceda ekushenxiseni nakuphi na ukungaqondani. Emva koko uAbraham waqukumbela ngamazwi athi “kuba siyazalana.” Babenokuyenza njani into yokuncama ulwalamano oluxabiseke ngolo hlobo ngenxa nje yokhetho lobuqu okanye ikratshi? UAbraham wajolisa ingqalelo yakhe koko kwakubalulekile. Wakwenza oko ngokuzihlonela nangembeko, kwangaxeshanye emphatha ngesidima umtshana wakhe.
Ngoxa zisenokubakho iimeko apho kusenokufuneka kungenelele omnye umntu ukuze kuconjululwe ukungavisisani, hayi indlela ekubhetele ngayo ukuba ibinokulungiswa bucala! UYesu usikhuthaza ukuba sibe ngabokuqala ukudala uxolo nabazalwana bethu, sicele uxolo xa kuyimfuneko.a (Mateyu 5:23, 24) Oko kuya kufuna ukuthobeka, okanye ukuthobeka kwengqondo, kodwa uPetros wabhala: “Bhinqani nonke ukuthobeka kwengqondo omnye ngakomnye, ngenxa yokuba uThixo ubachasile abo banekratshi, kodwa ubanika ububele obungasifanelanga abo bathobekileyo.” (1 Petros 5:5) Indlela esibaphatha ngayo abo sinqula nabo iluchaphazela ngokungqalileyo ulwalamano lwethu noThixo.—1 Yohane 4:20.
Kwibandla lamaKristu kusenokufuneka sincame imfanelo yethu ukuze silondoloze uxolo. Baliqela noko abo ngoku banxulumana namaNgqina kaYehova abaye bangena kwintsapho kaThixo yabanquli bokwenene kwiminyaka emihlanu edluleyo. Hayi indlela okuzivuyisa ngayo iintliziyo zethu oko! Ngokuqinisekileyo indlela esiziphatha ngayo iyabachaphazela bona kunye nabanye abasebandleni. Oku kusisizathu esihle sokuba sizikhethe ngenyameko iindlela esizonwabisa ngazo, imisetyenzana yokuzonwabisa, izinto esizenzayo ukuchitha isithukuthezi, okanye umsebenzi wempangelo, sicinga ngendlela abanye abanokusijonga ngayo. Ngaba izenzo okanye amazwi esiwathethayo anokuqondwa phosakeleyo aze ngaloo ndlela abe sisizathu sokukhubeka kwabanye?
Umpostile uPawulos uyasikhumbuza: “Zonke izinto zisemthethweni; kodwa asizizo zonke izinto eziyingenelo. Zonke izinto zisemthethweni; kodwa asizizo zonke izinto ezakhayo. Ngamnye makafune, kungekhona ingenelo yakhe, kodwa eyomnye umntu.” (1 Korinte 10:23, 24) NjengamaKristu, sikuxhalabele ngokwenene ukwakha uthando nomanyano lobuzalwana bamaKristu.—INdumiso 133:1; Yohane 13:34, 35.
Amazwi Aphilisayo
Amazwi anokuba nempembelelo enkulu elungileyo. “Linqatha lobusi amazwi athandekayo, amnandi emphefumlweni yaye ayimpiliso emathanjeni.” (IMizekeliso 16:24) Ingxelo echaza indlela uGidiyon awakuphepha ngayo ukudala ungquzulwano nabemi bakwaEfrayim ibonisa ubunyaniso balo mzekeliso.
UGidiyon, owayebambene ngezixhanti namaMidiyan, wacela uncedo kwisizwe sakwaEfrayim. Noko ke, emva kwelo dabi, uEfrayim wavunukela uGidiyon ekhalaza gqitha ngento yokuba engambizanga lisaqalisa elo dabi. Ingxelo ithi “azama ukuqhwaya ingxabano naye kabukhali.” UGidiyon waphendula wathi: “Ke kaloku yintoni endiyenzileyo xa kuthelekiswa nani? Ubhikico lukaEfrayim alulunganga ngakumbi na kunokuvunwa kweediliya kwa-Abhi-ezere? UThixo wazinikela ezandleni zenu iinkosana ezimbini zakwaMidiyan uOrebhi noZehebhe, yaye yintoni na endiye ndakwazi ukuyenza xa kuthelekiswa nani?” (ABagwebi 8:1-3) Esebenzisa amazwi obuciko, nathoba umsindo, uGidiyon wayiphepha loo mfazwe yezizwe eyayisenokuba yintlekele. Abesizwe sakwaEfrayim basenokuba babenengxaki yokuzigqala bebalulekile yaye benekratshi. Noko ke, oko akuzange kuthintele uGidiyon ukuba angafikeleli kwisicombululo soxolo. Ngaba sinokwenza okufanayo?
Umsindo unokukhula ngaphakathi kwabanye uze ubangele ukuba basithiye. Zamkele iimvakalelo zabo, uze uzame ukuziqonda iimbono zabo. Ngaba ngandlel’ ithile sibe negalelo kwindlela abavakalelwa ngayo? Ukuba kunjalo, kutheni singavumi nje ukuba sibe negalelo ekudaleni loo ngxaki size sibonise ukuba lusizi kwethu kuba siye safak’ isandla ekudaleni loo ngxaki. Amazwi ambalwa acingisiswe kakuhle anokululungisa ulwalamano olonakeleyo. (Yakobi 3:4) Abanye abacaphukileyo basenokufuna nje sibaqinisekise ngobubele. IBhayibhile ithi “apho kungekho nkuni uyacima umlilo.” (IMizekeliso 26:20) Ewe, amazwi akhethwe ngenyameko aza athethwa ngomoya omhle ‘anokuwususa umsindo’ aze aphilise.—IMizekeliso 15:1.
Umpostile uPawulos ukhuthaza oku: “Ukuba kunokwenzeka, zamani ngokusemandleni enu, ukuba noxolo nabantu bonke.” (Roma 12:18) Kuyinyaniso kona ukuba asinakuzilawula iimvakalelo zabanye, kodwa sinako ukuphumeza indima yethu ekukhuthazeni uxolo. Kunokuba sintlokothiswe ziindlela esisabela ngazo kwiimeko ezinjalo thina okanye abanye ezintama ukungafezeki, sinako ukuthabatha amanyathelo ngoku ukuze sisebenzise imigaqo yeBhayibhile eneziseko ezihle. Ukusingatha ukungavisisani ngendlela uYehova asiyalela ngayo kuya kuphumela kuxolo nolonwabo oluhlala luhleli.—Isaya 48:17.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona inqaku elithi “Xolela Ngokusuka Entliziyweni” nelithi “Unako Ukumzuza Umzalwana Wakho,” kwiMboniselo kaOktobha 15, 1999.
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Ngaba siye sinyanzelise ukuba izinto zenziwe ngendlela yethu?
[Umfanekiso okwiphepha 25]
UAbraham wamisela umzekelo omhle wokuyekelela ukuze alungise ukungavisisani