Sasikade Siziingcuka—Ngoku Sizizimvu!
Xa mna noSakina sasingamantombazana aselula, sasingabamelwane. USakina wayemkhulu omelele, ngoxa mna ndandilibathwana elibhityileyo. Sasisoloko siphikisana, kodwa ngenye imini saxabana kwaqhum’ uthuli. Ukususela ngaloo mini, asizange sithethisane okanye sibulisane. Ekugqibeleni, sobabini sahamba saya kwiindawo ezahlukeneyo yaye asizange siphinde sidibane.
Ngowe-1994, ndaqalisa ukufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova, yaye ngokuthe ngcembe ubuntu bam batshintsha. Emva kweminyaka emine ngoxa ndandikwindibano ekhethekileyo eBujumbura, eBurundi, ndamangaliswa kukudibana noSakina apho. Ndavuyiswa bubukho bakhe, kodwa noko asizange sibulisane ngokufudumeleyo. Ekuhambeni kwethuba kwangaloo mini, kwakunzima ukuba ndikholelwe xa ndimbona phakathi kwabo baza kubhaptizwa! Naye wayetshintshe ngokupheleleyo. Wayengenguye laa mntu unguphuma silwe endandisoloko ndixabana naye. Olunjani uvuyo endaba nalo xa ndambona efuzisela uzahlulelo lwakhe kuThixo ngokubhaptizwa emanzini!
Xa wayephuma emanzini, ndakhawuleza ndaya kuye ndamanga ndaza ndamhlebela endlebeni ndathi: “Usakhumbula indlela esasisilwa ngayo?” Wathi: “Ndiyikhumbula kakuhle, kodwa oko kwagqitha. Nditshintshile ngoku.”
Sobabini siyavuya ngenxa yokuba safumana inyaniso yeBhayibhile eyenza abantu bamanyane nokuba sibuguqule ubuntu bethu obufana nobengcuka saza saba nobezimvu zoMalusi Omkhulu, uYehova uThixo. Eneneni, inyaniso yeBhayibhile iyabutshintsha ubomi.