Uxolo LukaKristu Lunokulawula Njani Ezintliziyweni Zethu?
“Uxolo lukaKristu malulawule ezintliziyweni zenu, kuba, enyanisweni, nabizelwa kulo mzimbeni mnye.”—KOLOSE 3:15.
1, 2. Lulawula ngayiphi indlela “uxolo lukaKristu” entliziyweni yomKristu?
UKULAWULA ligama elingathandekiyo kwabaninzi, ekubeni lisenza sicinge ngokunyanzelwa nokuqhathwa. Isibongozo sikaPawulos esiya kumaKristu aseKolose esithi, “Uxolo lukaKristu malulawule ezintliziyweni zenu,” sisenokwenza abanye bacinge ukuba oko kuyinto engekho ngqiqweni. (Kolose 3:15) Ngaba asinankululeko yokuzikhethela? Kutheni sifanele sivumele nantoni na okanye nabani na ukuba alawule ezintliziyweni zethu?
2 UPawulos wayengathi abantu baseKolose mabangayisebenzisi inkululeko yabo yokuzikhethela. Ibinzana lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi ‘ukulawula’ kwabaseKolose 3:15 linento yokwenza negama elithi usompempe, umntu owayenika abo babekukhuphiswano lwezemidlalo amabhaso ngaloo mihla. Abo babekukhuphiswano babenomlinganiselo othile wenkululeko ngokuphathelele imithetho esetyenziswa kwezemidlalo, kodwa ekugqibeleni, ngusompempe owayesenza isigqibo sokuba ngubani oye walandela imithetho waza ngenxa yoko waphumelela kolo khuphiswano. Ngokufanayo, sinenkululeko yokwenza izigqibo ezininzi ebomini, kodwa njengoko sisenza ezo zigqibo, uxolo lukaKristu lufanele lube “ngusompempe” ngalo lonke ixesha—okanye, njengoko umguquleli ogama linguEdgar J. Goodspeed eyiguqulela, lufanele lube “ngumgaqo olawulayo” ezintliziyweni zethu.
3. Luyintoni “uxolo lukaKristu”?
3 Luyintoni “uxolo lukaKristu”? Yinzolo, uxolo lwangaphakathi, esiba nalo xa sisiba ngabafundi bakaYesu size sifumanise ukuba uYehova uThixo kunye noNyana wakhe bayasithanda yaye bayakholiswa sithi. Xa uYesu wayesele eza kushiya abafundi bakhe, wathi kubo: “Ndininika uxolo lwam. . . . Mazingakhathazeki iintliziyo zenu, zingarhwaqeli ngenxa yoloyiko.” (Yohane 14:27) Malunga neminyaka engama-2 000 ngoku, olo xolo belunanditshwa ngamalungu omzimba kaKristu athanjisiweyo nathembekileyo, yaye namhlanje lunanditshwa nangamaqabane awo, ‘ezinye izimvu.’ (Yohane 10:16) Olo xolo lufanele lube yimpembelelo elawulayo ezintliziyweni zethu. Xa sivavanywa ngokuqatha, lunokusinceda siphephe ukuqotywa luloyiko okanye ukukhathazeka ngokugqithiseleyo. Makhe sibone indlela okunokwenzeka ngayo oku xa siphathwa ngokungekho sikweni, xa sinexhala naxa siziva singento yanto.
Xa Siphathwa Ngokungekho Sikweni
4. (a) UYesu waqhelana njani nokungekho sikweni? (b) AmaKristu aye asabela njani ekubeni ngamaxhoba okungekho sikweni?
4 UKumkani uSolomon wathi: ‘Umntu alawule umntu ibe kukwenzakala kwakhe.’ (INtshumayeli 8:9) UYesu wayebazi ubunyaniso bala mazwi. Ngoxa wayesezulwini, wayeyibona indlela abantu ababephatha ngayo abanye ngokungekho sikweni. Ngoxa wayesemhlabeni, naye ngokwakhe waphathwa ngokungekho sikweni ngendlela engathethekiyo nakuba wayengumntu ongenasono, watyholwa ngokunyelisa waza wabulawa njengesaphuli-mthetho. (Mateyu 26:63-66; Marko 15:27) Namhlanje, ukungabikho sesikweni kusaxhaphakile, yaye amaKristu okwenyaniso aye abandezeleka ngeyona ndlela egqithiseleyo, ‘ngokuthiywa ziintlanga zonke.’ (Mateyu 24:9) Ukanti, nangona afumana impatho ehlasimlis’ umzimba kwiinkampu zamaNazi ekwakubulawa kuzo abantu nakwiiNkampu zoxinaniso zaseSoviet, yaye nangona aba ngamaxhoba okuhlaselwa ngamahlokondiba, nezityholo zobuxoki, uxolo lukaKristu luye lwawagcina omelele. Aye axelisa uYesu, lowo sifunda oku ngaye: “Xa wayetshabhiswa, akazange aphindise atshabhise. Xa wayebandezeleka, akazange asongele, kodwa wahlala ezinikele kulowo ugweba ngobulungisa.”—1 Petros 2:23.
5. Xa sibona ngathi kwenziwe okungekho sikweni ebandleni, yintoni esifanele siyiqwalasele kuqala?
5 Ngomlinganiselo omncinane kakhulu, sinokukholelwa ukuba uthile uye waphathwa ngendlela engentle kwibandla lobuKristu. Kwimeko enjalo, sisenokuvakalelwa ngendlela awavakalelwa ngayo uPawulos, owathi: “Ngubani na okhutyekiswayo, ndize mna ndingavakalelwa?” (2 Korinte 11:29) Yintoni esinokuyenza? Sifanele sizibuze, ‘Ngaba uye waphathwa ngokungekho sesikweni ngokwenene?’ Ngokufuthi, asizazi zonke iinkcukacha. Sisenokusabela ngendlela ebukhali emva kokuphulaphula umntu othi uyazi. Ngesizathu esivakalayo, iBhayibhile ithi: “Nabani na ongenamava ukholwa ngamazwi onke.” (IMizekeliso 14:15) Ngoko kufuneka silumke.
6. Sinokusabela njani xa sivakalelwa kukuba kwenziwe okungekho sikweni ebandleni?
6 Noko ke, masithi sivakalelwa kukuba thina ngokwethu siye saphathwa ngokungekho sikweni. Ufanele asabele njani umntu onoxolo lukaKristu entliziyweni yakhe? Sisenokubona kuyimfuneko ukuthetha naloo mntu sivakalelwa kukuba usonile. Emva koko, kunokuba uxubushe lo mbandela naye nabani na oya kuphulaphula, kutheni ungaxeleli uYehova ngomthandazo uze ukholose ngaye ukuba uya kuqinisekisa ukuba kwenziwa okusesikweni. (INdumiso 9:10; IMizekeliso 3:5) Kusenokwenzeka ukuba, emva kokuba senze oko, siya kwenza isigqibo entliziyweni size ‘sithi cwaka.’ (INdumiso 4:4) Kwiimeko ezininzi, kuya kusebenza isibongozo sikaPawulos esithi: “Qhubekani ninyamezelana yaye nixolelana ngesisa ukuba nabani na unesizathu sokukhalazela omnye. Kanye njengoko uYehova wanixolela ngesisa, yenzani njalo nani.”—Kolose 3:13.
7. Yintoni esifanele siyikhumbule ngalo lonke ixesha kwiinkqubano zethu nabazalwana bethu?
7 Noko ke, enoba senza ntoni, kufuneka sikhumbule ukuba ngoxa singenakukulawula oko kuye kwenzeka, sinako ukuyilawula indlela esisabela ngayo. Ukuba sisabela ngendlela engalungelelananga xa sivakalelwa ukuba kwenziwe okungekho sikweni, oko kunokuba yingozi kuxolo lwebandla nangaphezu kweso senzo sokungekho sikweni. (IMizekeliso 18:14) Sisenokude sikhubeke size siyeke ukunxulumana nebandla de sivakalelwe kukuba okusesikweni kwenziwe. Umdumisi wabhala esithi kwabo bathanda imithetho kaYehova “akukho mqobo usisikhubekiso.” (INdumiso 119:165) Enyanisweni, maxa wambi wonk’ ubani ukhe aphathwe ngokungekho sikweni. Musa ukuvumela loo mava angemyoli akuphazamise ekukhonzeni uYehova. Kunoko, vumela uxolo lukaKristu lulawule entliziyweni yakho.
Xa Sigutyungelwa Lixhala
8. Ziziphi ezinye zezinto ezibangela ixhala, yaye unokuba yintoni umphumo wokuba nexhala?
8 Ukuba nexhala yinto eqhelekileyo kubomi esibuphilayo kule ‘mihla yokugqibela.’ (2 Timoti 3:1) Enyanisweni, uYesu wathi: “Musani ukuxhalela imiphefumlo yenu mayela noko niya kukudla okanye imizimba yenu mayela noko niya kukunxiba.” (Luka 12:22) Kodwa asingawo onke amaxhala abangelwa kukuxhalabela izinto eziphathekayo. ULote ‘wayebandezeleke kakhulu’ ngenxa yokuziphatha okubi kwaseSodom. (2 Petros 2:7) UPawulos ‘wayexhalabele onke amabandla.’ (2 Korinte 11:28) UYesu wayesentlungwini engathethekiyo kubusuku obungaphambi kokufa kwakhe kangangokuba “ukubila kwakhe kwaba njengamathontsi egazi esiwa emhlabeni.” (Luka 22:44) Ngokucacileyo, ukuxhalaba akusoloko kububungqina bokuba umntu unokholo olubuthathaka. Noko ke, enoba ixhala lethu libangelwa yintoni na, ukuba sixhalabe kakhulu yaye oko kuqhubeka ixesha elide, oko kunokubangela ukuba singabikho luxolweni. Abaninzi baye bagutyungelwa ngamaxhala, abenza bazive bengenako ukuqhubeka besingatha iimbopheleleko ezibandakanyekileyo ekukhonzeni uYehova. IBhayibhile ithi: “Inyameko yokuxhalaba esentliziyweni yendoda iya kuyibangela ukuba iqubude.” (IMizekeliso 12:25) Sinokwenza ntoni ke ngoko, ukuba sikhathazwa lixhala?
9. Ngawaphi amanye amanyathelo asebenzisekayo anokuthatyathwa ukuze kuncitshiswe ixhala, kodwa ngabaphi oonobangela bexhala abangenakushenxiswa?
9 Kwezinye iimeko, sisenokukwazi ukuthabatha amanyathelo athile asebenzisekayo. Ukuba sixhalatyiswa yimeko yempilo yethu, bekuya kuba bubulumko ukunikela ingqalelo kuyo, nangona imibandela enjalo ifuna izigqibo zobuqu.a (Mateyu 9:12) Ukuba sixinezelekile ngenxa yeembopheleleko ezininzi, bekuya kufaneleka ukuba ezinye zazo sabelane nabanye ngazo. (Eksodus 18:13-23) Noko ke, kuthekani ngabo—njengabazali—baneembopheleleko ezinzima abangenakukwazi ukwabelana nabanye ngazo. Kuthekani ngomKristu ohlala neqabane elichasayo? Kuthekani ngentsapho eneengxaki ezinzulu zemali okanye ehlala kummandla wemfazwe? Ngokucacileyo, asinakukwazi ukuphelisa bonke oonobangela bexhala kule nkqubo yezinto. Sekunjalo, sinokululondoloza uxolo lukaKristu olusezintliziyweni zethu. Njani?
10. Ziziphi iindlela ezimbini umKristu anokuzama ngazo ukunciphisa ixhala?
10 Enye indlela kukufuna intuthuzelo kwiLizwi likaThixo. UKumkani uDavide wabhala: “Xa iingcamango zam eziphazamisayo zaba ninzi ngaphakathi kwam, intuthuzelo yakho yaqalisa ukuthuthuzela umphefumlo wam.” (INdumiso 94:19) “Intuthuzelo” kaYehova inokufumaneka eBhayibhileni. Ukufunda iNcwadi ephefumlelweyo rhoqo kuya kusinceda ukuba silondoloze uxolo lukaKristu olusezintliziyweni zethu. IBhayibhile ithi: “Umthwalo wakho wulahlele kuYehova, yaye yena wokuxhasa. Akayi kuliyekela ilungisa lishukunyiswe.” (INdumiso 55:22) Ngokufanayo, uPawulos wabhala: “Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo; yaye uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo ngoKristu Yesu.” (Filipi 4:6, 7) Ukuthandaza rhoqo ngokunyanisekileyo kuya kusinceda ukuba silondoloze uxolo esinalo.
11. (a) UYesu wayengumzekelo omhle njani kumbandela wokuthandaza? (b) Sifanele siwugqale njani umthandazo?
11 UYesu wayengumzekelo obalaseleyo kule nkalo. Ngesinye isihlandlo, wathandaza kuYise osemazulwini kangangeeyure ezininzi. (Mateyu 14:23; Luka 6:12) Umthandazo wamnceda ukuba anyamezele olona vavanyo lugqithiseleyo. Ngobusuku obungaphambi kokufa kwakhe, wabandezeleka nangakumbi. Wasabela njani? Kwaba kokukhona ethandaza “ngenyameko.” (Luka 22:44) Ewe, uNyana kaThixo ofezekileyo wayethandaza rhoqo. Hayi indlela abalandeli bakhe abangafezekanga abafanele bakuhlakulele ngayo ukukwenza umkhwa ukuthandaza! UYesu wafundisa abafundi bakhe ukuba “basoloko bethandaza bangayeki.” (Luka 18:1) Umthandazo yinto yokwenene yaye uyindlela ebalulekileyo yokunxibelelana naLowo usazi bhetele kunokuba thina sizazi. (INdumiso 103:14) Ukuze silondoloze uxolo lukaKristu olusezintliziyweni zethu, siya ‘kuthandaza ngokungapheziyo.’—1 Tesalonika 5:17.
Ukoyisa Ubuthathaka
12. Ziziphi izizathu ezinokwenza abanye bavakalelwe kukuba inkonzo yabo ayanelanga?
12 UYehova ujonga ngamnye wabakhonzi bakhe njengoxabisekileyo. (Hagayi 2:7, umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo) Sekunjalo, abaninzi bakufumanisa kunzima ukukwamkela oko. Abanye basenokudimazeka ngenxa yokwaluphala, ukwanda kweembopheleleko zentsapho, okanye impilo enkenenkene. Bambi basenokutsala nzima ngenxa yamava abuhlungu ababa nawo ekukhuleni kwabo. Ukanti abanye basenokukhathazeka ngenxa yeempazamo abazenza kwixa elidluleyo, bethandabuza ukuba uYehova unokuze abaxolele. (INdumiso 51:3) Yintoni enokwenziwa ngeemvakalelo ezinjalo?
13. Yiyiphi intuthuzelo efumaneka eZibhalweni kwabo baziva bengaxabisekanga?
13 Uxolo lukaKristu luya kusiqinisekisa ukuba uYehova uyasithanda. Sinokululondoloza olo xolo ezintliziyweni zethu xa sicinga ngesibakala sokuba uYesu akazange athi ukuxabiseka kwethu kubonakala ngokuthelekisa oko sikwenzayo noko kwenziwa ngabanye. (Mateyu 25:14, 15; Marko 12:41-44) Eyona nto wayibalaselisayo kukunyaniseka. Wathi kubafundi bakhe: “Lowo unyamezele kwada kwasekupheleni uya kusindiswa.” (Mateyu 24:13) NoYesu “wayedeliwe” ngabantu, ukanti wayengathandabuzi ukuba uYise uyamthanda. (Isaya 53:3; Yohane 10:17) Yaye waxelela abafundi bakhe ukuba nabo bayathandwa. (Yohane 14:21) Ukuze agxininise oku, uYesu wathi: “Ngaba oongqatyana ababini abathengiswa ngengqekembe exabiso lincinane na? Kanti akukho namnye kubo oya kuwela emhlabeni ngaphandle kolwazi lukaYihlo. Nina ke, kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke. Ngoko ke musani ukoyika: Nixabiseke ngaphezu koongqatyana abaninzi.” (Mateyu 10:29-31) Esinjani sona isiqinisekiso ngothando lukaYehova!
14. Sisiphi isiqinisekiso esinaso sokuba uYehova uxabisa ngamnye wethu?
14 UYesu wakwathi: “Akukho mntu unako ukuza kum ngaphandle kokuba uBawo, owandithumayo, amtsale.” (Yohane 6:44) Ekubeni uYehova esitsalele ukuba silandele uYesu, umele ukuba ufuna sisindiswe. UYesu wathi kubafundi bakhe: “UBawo osezulwini akanqweneli ukuba kutshabalale namnye waba bancinane.” (Mateyu 18:14) Ngoko ke, ukuba ukhonza ngentliziyo epheleleyo, unokugcoba ngenxa yemisebenzi yakho emihle. (Galati 6:4) Ukuba uyangcungcutheka ngenxa yeempazamo owazenzayo ngaphambili, qiniseka ukuba uYehova uya kubaxolela “ngokukhulu” abo baguquka ngokwenene. (Isaya 43:25; 55:7) Ukuba uziva udimazekile ngenxa yesinye isizathu esithile, khumbula ukuba “uYehova usondele kwabo baphuke intliziyo; yaye abo bamoya utyumkileyo uyabasindisa.”—INdumiso 34:18.
15. (a) USathana uzama njani ukuba singabi nalo uxolo? (b) Yiyiphi intembelo esinokuba nayo kuYehova?
15 USathana ufuna ngokwenene ukuba ungabi nalo uxolo. Nguye owabangela isono esasizuz’ ilifa eso sonke silwa nxamnye naso. (Roma 7:21-24) Ngokuqinisekileyo ubeya kuthanda uvakalelwe kukuba ukungafezeki kwakho kwenza inkonzo yakho ingamkeleki kuThixo. Ungaze umvumele uMtyholi ukuba akutyhafise! Walumkele amacebo akhe, yaye oko kulumka makukwenze uzimisele ukunyamezela. (2 Korinte 2:11; Efese 6:11-13) Khumbula ukuba, “uThixo mkhulu kuneentliziyo zethu yaye uyazazi zonke izinto.” (1 Yohane 3:20) UYehova akajongi iintsilelo zethu kuphela. Ubona kwaneentshukumisa neenjongo zethu. Ngoko zuza intuthuzelo kumazwi omdumisi athi: “UYehova akayi kubashiya abantu bakhe, engayi kulishiya nelifa lakhe.”—INdumiso 94:14.
Ukumanyana Kuxolo LukaKristu
16. Kutshiwo ngayiphi ingqiqo ukuba asisodwa njengoko sizabalazela ukunyamezela?
16 UPawulos wabhala esithi sifanele sivumele uxolo lukaKristu lulawule ezintliziyweni zethu ngenxa yokuba ‘sabizelwa kulo mzimbeni mnye.’ AmaKristu athanjisiweyo lawo uPawulos wayewabhalela, abizelwa ukuba abe yinxalenye yomzimba kaKristu, njengoko injalo intsalela yabo bathanjisiweyo namhlanje. Amaqabane ayo ‘azezinye izimvu’ amanyene nayo ‘njengomhlambi omnye’ phantsi ‘komalusi omnye,’ uYesu Kristu. (Yohane 10:16) Xa uwonke, ‘umhlambi’ wezigidi zabantu abasehlabathini lonke uvumela uxolo lukaKristu lulawule ezintliziyweni zawo. Ukwazi ukuba asisodwa kusinceda sinyamezele. UPetros wabhala: “Yimani ngokunxamnye [noSathana], niqinile elukholweni, nisazi ukuba behlelwa kwaziimbandezelo ezifanayo nabazalwana benu bonke ehlabathini.”—1 Petros 5:9.
17. Yintoni esikhuthazayo ukuba sivumele uxolo lukaKristu lulawule ezintliziyweni zethu?
17 Ngoko ke, ngamana singaqhubeka sihlakulela uxolo, isiqhamo esibalulekileyo somoya oyingcwele kaThixo. (Galati 5:22, 23) Abo bafunyanwa nguYehova bengenabala, bengenasiphako yaye beseluxolweni, ekugqibeleni baya kusikelelwa ngobomi obungunaphakade kwiparadesi esemhlabeni, apho kuya kuma ubulungisa. (2 Petros 3:13, 14) Sinezizathu ezininzi zokuvumela uxolo lukaKristu lulawule ezintliziyweni zethu.
[Umbhalo osemazantsi]
a Kwezinye iimeko, ixhala linokubangelwa okanye landiswe yimeko yempilo, njengokudandatheka.
Ngaba Usakhumbula?
• Luyintoni uxolo lukaKristu?
• Uxolo lukaKristu lunokulawula njani ezintliziyweni zethu xa sihlangabezana nokungabikho kokusesikweni?
• Uxolo lukaKristu lunokusinceda njani ukuba sijamelane nexhala?
• Uxolo lukaKristu lusithuthuzela njani xa siziva singento yanto?
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Ephambi kwabo babemtyhola, uYesu wazinikela kuYehova
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Njengokwangiwa ngubawo onothando, intuthuzelo evela kuYehova ingalithomalalisa ixhala esinalo
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Ukunyamezela kubalulekile kakhulu kuThixo