Onke AmaKristu Okwenyaniso Angabashumayeli Bevangeli
“Mvumeleni uYehova, nilibonge igama lakhe. Imihla ngemihla xelani iindaba ezilungileyo zosindiso lwakhe.”—INDUMISO 96:2.
1. Ziziphi iindaba ezilungileyo abafuna ukuziva abantu, yaye amaNgqina kaYehova aye angumzekelo njani ekusasazeni ezo ndaba?
KWIHLABATHI elizaliswe ziintlekele mihla le, kuyathuthuzela ngokwenene ukwazi ukuba njengokuba iBhayibhile isitsho, kungekudala, imfazwe ulwaphulo-mthetho, indlala nengcinezelo ziza kuphela. (INdumiso 46:9; 72:3, 7, 8, 12, 16) Eneneni, ngaba ezi asizondaba ezilungileyo wonk’ ubani anqwenel’ ukuziva? AmaNgqina kaYehova acinga njalo. Kuyo yonk’ indawo aziwa njengabantu abashumayela “iindaba ezilungileyo zento elunge ngakumbi.” (Isaya 52:7) Eneneni, amaNgqina amaninzi aye atshutshiswa ngenxa yokuba ezimisele ukushumayela iindaba ezilungileyo. Kodwa ngokusisiseko anomdla ebantwini. Yaye enjani yona inzondelelo nonyamezelo aye alubonisa amaNgqina!
2. Sisiphi esinye sezizathu zokuba amaNgqina kaYehova abe nenzondelelo?
2 Inzondelelo yamaNgqina kaYehova namhlanje ifana naleyo yamaKristu enkulungwane yokuqala. Lithetha ngawo, iphephandaba lamaRoma Katolika iL’Osservatore Romano ngokuchanileyo lathi: “Akuba nje ebhaptiziwe, amaKristu okuqala ayeziva enembopheleleko yokusasaza iVangeli. Amakhoboka ayedlulisela iVangeli ngomlomo.” Kutheni amaNgqina kaYehova, njengaloo maKristu okuqala, enenzondelelo kangaka? Okokuqala, kungenxa yokuba iindaba ezilungileyo azivakalisayo zivela kuYehova uThixo. Ngaba sikho esinye isizathu ebesiya kuwabangela ukuba abe nenzondelelo? Ashumayela kuba esabela kumazwi omdumisi athi: “Mvumeleni uYehova, nilibonge igama lakhe. Imihla ngemihla xelani iindaba ezilungileyo zosindiso lwakhe.”—INdumiso 96:2.
3. (a) Sisiphi isizathu sesibini sokuba amaNgqina kaYehova abe nenzondelelo? (b) Yintoni ebandakanyekileyo ‘ekusindisweni nguThixo’?
3 Amazwi omdumisi asikhumbuza ngesizathu sesibini sokuba amaNgqina kaYehova abe nenzondelelo. Isigidimi sawo sisigidimi sosindiso. Abanye abantu basebenza kumaziko ezonyango, ezentlalo, ezoqoqosho nakwezinye iindawo ukuze baphucule umgangatho wobomi babanye abantu, yaye imigudu enjalo iyancomeka. Kodwa nantoni na enokwenziwa ngomnye umntu eyenzela omnye, ilinganiselwe kakhulu xa ithelekiswa ‘nokusindiswa nguThixo.’ Esebenzisa uYesu Kristu, uYehova uya kusindisa abalulamileyo esonweni, ekuguleni nasekufeni. Abo baya kungenelwa baya kuphila ngonaphakade! (Yohane 3:16, 36; ISityhilelo 21:3, 4) Namhlanje, usindiso luphakathi ‘kwemisebenzi emangalisayo’ athetha ngayo amaKristu xa esabela kumazwi athi: “Vakalisani uzuko [lukaThixo] phakathi kweentlanga, phakathi kwezizwana zonke imisebenzi yakhe emangalisayo. Kuba mkhulu uYehova yaye ngowokudunyiswa kakhulu. Uyoyikeka ngaphezu kwabo bonke abanye oothixo.”—INdumiso 96:3, 4.
Umzekelo WeNkosi
4-6. (a) Sisiphi isizathu sesithathu esenza amaNgqina kaYehova abe nenzondelelo? (b) UYesu wayibonisa njani inzondelelo ngomsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo?
4 AmaNgqina kaYehova anenzondelelo ngenxa yesinye isizathu sesithathu. Alandela umzekelo kaYesu Kristu. (1 Petros 2:21) Loo ndoda ifezekileyo yasamkela ngentliziyo epheleleyo isabelo ‘sokushumayela iindaba ezilungileyo kwabalulamileyo.’ (Isaya 61:1; Luka 4:17-21) Ngaloo ndlela, yaba ngumshumayeli wevangeli, umshumayeli weendaba ezilungileyo. Yalityhutyha lonke elaseGalili nelakwaYuda, ‘ishumayela iindaba ezilungileyo zobukumkani.’ (Mateyu 4:23) Yaye ngenxa yokuba yayisazi ukuba baninzi ababeya kusabela kwiindaba ezilungileyo, yathi kubafundi bayo: “Isivuno sikhulu, kodwa abasebenzi bambalwa. Ngoko ke, bongozani iNkosi yesivuno ukuba ikhuphe abasebenzi baye esivunweni sayo.”—Mateyu 9:37, 38.
5 Ngokuvisisana nomthandazo wakhe, uYesu waqeqesha abanye ukuba babe ngabashumayeli bevangeli. Ekuhambeni kwexesha, wathuma abapostile bakhe bodwa waza wathi kubo: “Njengoko nihamba, shumayelani, nithi, ‘Ubukumkani bamazulu busondele.’” Ngaba kwakuya kuba yeyona nto ifanelekileyo ukuba bamisele iinkqubo zokunciphisa iingxaki zoluntu zelo xesha? Okanye ngaba babefanele babandakanyeke kwezobupolitika ukuze balwe nokunganyaniseki okwakwesamele ngelo xesha? Akunjalo. Kunoko, uYesu wabekela onke amaKristu angabashumayeli bevangeli ummiselo xa wathi kubafundi bakhe: “Njengoko nihamba, shumayelani.”—Mateyu 10:5-7.
6 Kamva, uYesu wathumela elinye iqela labafundi bakhe ukuba livakalise lithi: “Ubukumkani bukaThixo busondele.” Ekubuyeni kwalo lize nengxelo yokuphumelela kumsebenzi wokushumayela ivangeli, uYesu wavuya kakhulu. Wathandaza wathi: “Ndikudumisa esidlangalaleni, Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba, ngenxa yokuba uzifihle ngenyameko ezi zinto kwizilumko nakwabo baziingqondi, wazityhilela iintsana.” (Luka 10:1, 8, 9, 21) Abafundi bakaYesu, abo ngaphambili babesebenza nzima bengabalobi beentlanzi, abalimi, njalo njalo, babefana neentsana xa bethelekiswa neenkokeli zonqulo ezazinemfundo ephakamileyo. Kodwa abafundi babeqeqeshiwe ukuba bavakalise ezona ndaba zilungileyo.
7. Emva kokuba uYesu enyukele ezulwini, bashumayela kubani kuqala abafundi bakhe?
7 Emva kokunyukela kukaYesu ezulwini, abalandeli bakhe baqhubeka besasaza iindaba ezilungileyo zosindiso. (IZenzo 2:21, 38-40) Bashumayela koobani kuqala? Ngaba baya kwiintlanga ezazingamazi uThixo? Akunjalo, intsimi yabo bayiqala kwaSirayeli, kubantu ababesazi uYehova ixesha elingaphezu kweminyaka eli-1 500. Ngaba babenalo ilungelo lokushumayela kwilizwe awayesele enqulwa kulo uYehova? Ewe. UYesu wathi kubo: “Niya kuba ngamangqina am eYerusalem nakulo lonke elakwaYuda naseSamariya kude kuse nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.” (IZenzo 1:8) Njengazo zonke ezinye iintlanga, uSirayeli kwakufuneka eve iindaba ezilungileyo.
8. AmaNgqina kaYehova namhlanje abaxelisa njani abalandeli bakaYesu benkulungwane yokuqala?
8 Ngokufanayo, amaNgqina kaYehova namhlanje ashumayela emhlabeni wonke. Asebenza nengelosi eyabonwa nguYohane “ineendaba ezilungileyo ezingunaphakade ukuba izivakalise njengesigidimi esichulumancisayo kwabo bahleli emhlabeni, nakuzo zonke iintlanga nezizwe neelwimi nabantu.” (ISityhilelo 14:6) Kunyaka wama-2001, ebesebenza kumazwe nemimandla engama-235, kuquka amazwe athile agqalwa njengamazwe amaKristu. Ngaba kuphosakele ukuba amaNgqina kaYehova ashumayele kwiindawo apho iNgqobhoko sele imisele iicawa zayo kuzo? Abanye bathi kuphosakele yaye ukushumayela ivangeli kwiindawo ezinjalo bade bakugqale ngokuthi “kukuba izimvu.” Noko ke, amaNgqina kaYehova akhumbula indlela uYesu awayevakalelwa ngayo ngamaYuda omhla wakhe, awayethobekile. Nangona ayesele enababingeleli, uYesu akazange abe mathidala ukuwaxelela ngeendaba ezilungileyo. ‘Wawasizela, ngenxa yokuba ayehlinzekile, elahliwe njengezimvu ezingenamalusi.’ (Mateyu 9:36) Xa amaNgqina kaYehova efumana abantu abathobekileyo abangazi nto ngoYehova noBukumkani bakhe, ngaba afanele arhoxobise angabaxeleli abantu abanjalo ngeendaba ezilungileyo kuba nje bengamalungu onqulo oluthile? Xa silandela umzekelo wabapostile bakaYesu, impendulo nguhayi. Iindaba ezilungileyo zimele zishunyayelwe “kuzo zonke iintlanga,” kungakhethwa.—Marko 13:10.
Onke AmaKristu Okuqala Ayeshumayela Ivangeli
9. Ngenkulungwane yokuqala, ngoobani kwibandla lobuKristu ababenesabelo kumsebenzi wokushumayela?
9 Ngoobani ababenesabelo kumsebenzi wokushumayela ngenkulungwane yokuqala? Izibakala zibonisa ukuba onke amaKristu ayeshumayela ivangeli. Umbhali uW. S. Williams uthi: “Ubungqina bubonisa ukuba onke amaKristu eCawa yokuqala . . . ayeshumayela ivangeli.” Ngokuphathelele iziganeko ezenzeka ngomhla wePentekoste yowama-33 C.E., iBhayibhile ithi: “Bonke [amadoda nabafazi] bazaliswa ngumoya oyingcwele, baqala ukuthetha ngeelwimi ezahlukileyo, kanye njengoko umoya wawubanika ukuba bathethe amazwi.” Phakathi kwabo babeshumayela ivangeli kwakukho amadoda nabafazi abaselula nabadala, amakhoboka nabakhululekileyo. (IZenzo 1:14; 2:1, 4, 17, 18; Yoweli 2:28, 29; Galati 3:28) Xa amaKristu amaninzi kwanyanzeleka ukuba asabe eYerusalem ngenxa yentshutshiso, “abo babechithachithekile balityhutyha ilizwe bevakalisa iindaba ezilungileyo zelizwi.” (IZenzo 8:4) Bonke “abo babechithachithekile,” kungekhona nje abambalwa ababenyuliwe, babeshumayela ivangeli.
10. Luluphi uthumo oluntlu-mbini olwaphunyezwayo ngaphambi kokuba kutshatyalaliswe inkqubo yamaYuda?
10 Oku kwaba njalo ukutyhubela loo minyaka yamandulo. UYesu waprofeta: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.” (Mateyu 24:14) Inzaliseko yaloo mazwi yenkulungwane yokuqala, yaba kukushunyayelwa ngokubanzi kweendaba ezilungileyo ngaphambi kokuba imikhosi yaseRoma itshabalalise inkqubo yamaYuda yonqulo neyezobupolitika. (Kolose 1:23) Ngaphezu koko, bonke abalandeli bakaYesu bathobela umyalelo wakhe othi: “Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke, nibabhaptiza egameni loYise neloNyana nelomoya oyingcwele, nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniyalele zona.” (Mateyu 28:19, 20) AmaKristu okuqala akazange abongoze abalulamileyo ukuba bakholelwe kuYesu aze emva koko abayeke bazibonele, njengoko abanye abashumayeli banamhlanje besenza. Kunoko, abafundisa ukuba babe ngabafundi bakaYesu, abalungelelanisa emabandleni, aza abaqeqesha nabo ukuba bakwazi ukushumayela iindaba ezilungileyo benze nabafundi. (IZenzo 14:21-23) AmaNgqina kaYehova enza okufanayo namhlanje.
11. Ngoobani namhlanje abanesabelo ekuvakaliseni ezona ndaba zilungileyo ebantwini?
11 AmaNgqina kaYehova amaninzi, elandela umzekelo wenkulungwane yokuqala kaPawulos, uBharnabhas nabanye, aye aya kumazwe asemzini njengabavangeli basemazweni. Umsebenzi wawo uye wayingenelo ngokwenene, ekubeni engakhange abandakanyeke kwimicimbi yezobupolitika okanye ngezinye iindlela atyeshele uthumo lokushumayela iindaba ezilungileyo. Aye athobela umyalelo kaYesu othi: “Njengoko nihamba, shumayelani.” Noko ke, inkoliso yamaNgqina kaYehova ayingobavangeli kumazwe asemzini. Uninzi lwawo luyaphangela ukuze luziphilise, yaye amanye asesesikolweni. Amanye akhulisa abantwana. Kodwa onke amaNgqina abelana nabanye ngeendaba ezilungileyo azifundileyo. Abancinane nabakhulu, amadoda namabhinqa, asabela ngovuyo kwisibongozo seBhayibhile esithi: “Lishumayele ilizwi ngokungxamisekileyo, ngexesha elilungileyo nangexesha lenkathazo.” (2 Timoti 4:2) Njengokuba babesenza abo babephila ngaphambi kwabo kwinkulungwane yokuqala, bayaqhubeka “ngaphandle kokuyekelela befundisa kwaye bevakalisa iindaba ezilungileyo ezingoKristu, uYesu.” (IZenzo 5:42) Bavakalisa ezona ndaba zilungileyo ebantwini.
Baguqula Abantu Okanye Bayashumayela?
12. Kukuthini ukwenza amaguquka, yaye kuye kwagqalwa njani?
12 Kukho igama lesiGrike elithi pro·se’ly·tos, elithetha “iguquka.” Lisuka apho ke igama lesiNgesi elithi “ukwenza amaguquka,” ngokusisiseko elithetha “ukuguqula abantu.” Namhlanje, abanye bathi ukwenza amaguquka kuyingozi. Uxwebhu olwapapashwa LiBhunga LeeCawa Zehlabathi lide lithethe “nangesono sokwenza amaguquka.” Ngoba? ICatholic World Report ithi: “Phakathi kwezikhalazo ezenziwa ngamaOthodoki ngokuthe gqolo, ‘ukwenza amaguquka’ kuye kwagqalwa njengokuguqula umntu ngenkani.”
13. Yiyiphi eminye imizekelo yokuguqulwa kwabantu okuyingozi?
13 Ngaba ukwenza amaguquka kuyingozi? Kunokuba yingozi. UYesu wathi ukuguqulwa kwabantu okwakusenziwa ngababhali nabaFarisi kwakuyingozi kwabo bantu babeguqulwa. (Mateyu 23:15) Ngokuqinisekileyo, “ukuguqula abantu ngenkani” kuphosakele. Ngokomzekelo, ngokutsho kombhali-mbali uJosephus, xa uMaccabean John Hyrcanus woyisa abemi baseIdumeya, “wabavumela ukuba bahlale kwilizwe labo logama nje babesoluka yaye bekulungele nokuthobela imithetho yamaYuda.” Ukuba abemi baseIdumeya babefuna ukuphila phantsi kolawulo lwamaYuda, kwakuza kufuneka baqhelisele unqulo lwamaYuda. Ababhali-mbali basixelela ukuba ngenkulungwane yesibhozo yeXesha Eliqhelekileyo, uCharlemagne woyisa amaSaxon angabahedeni akumntla Yurophu waza wawanyanzela ngenkohlakalo ukuba aguquke.a Noko ke, ayenyaniseke kangakanani loo maSaxon okanye abemi baseIdumeya abaguqukayo? Ngokomzekelo, wayenyaniseke kangakanani kuMthetho kaMoses ophefumlelweyo, uKumkani uHerode wase-Idumeya owazama ukuba kubulawe usana olunguYesu?—Mateyu 2:1-18.
14. Abanye abavangeli beNgqobhoko babanyanzela njani abantu ukuba baguquke?
14 Ngaba abantu baguqulwa ngenkani namhlanje? Ngomlinganiselo othile, kunjalo. Kuthiwa abanye abavangeli beNgqobhoko bathembisa ukubanika imali yokufunda kumazwe aphesheya abo banokuba ngamaguquka. Okanye banyanzela imbacu elambileyo ukuba iphulaphule intshumayelo yabo ukuze ifumane ukutya. Ngokwengxelo evela kwingqungquthela yooBhishophu bamaOthodoki eyaqhutywa ngowe-1992, “maxa wambi abantu balukuhlwa ngezinto eziphathekayo yaye maxa wambi kusetyenziswa iindlela ezahlukahlukeneyo zogonyamelo ukuze abantu baguquke.”
15. Ngaba amaNgqina kaYehova aguqula abantu ngendlela esetyenziswa namhlanje? Chaza.
15 Ukunyanzela abantu ukuba batshintshe unqulo lwabo kuphosakele. Ngokuqinisekileyo, amaNgqina kaYehova akenzi ngaloo ndlela.b Ngenxa yoko, akaguquli abantu ngokwentsingiselo yanamhlanje yeli gama. Kunoko, njengamaKristu enkulungwane yokuqala, ashumayela iindaba ezilungileyo kubo bonke abantu. Nabaphi na bantu abathandayo bamenyelwa ukuba bangenise ulwazi olungakumbi ngesifundo seBhayibhile. Abo bantu banomdla bafunda ukuba nokholo olusekelwe ngokuqinileyo kulwazi oluchanileyo lweBhayibhile, kuThixo nakwiinjongo zakhe. Ngenxa yoko, babiza egameni likaThixo, uYehova ukuze basindiswe. (Roma 10:13, 14, 17) Enoba bayazamkela iindaba ezilungileyo okanye akunjalo, lukhetho lwabo. Akukho mntu unyanzelwayo. Ukuba abantu bebenyanzelwa, bebeya kuba baguqukela ilize. Ukuze unqulo lwamkeleke kuThixo, lumele lube lolusuka entliziyweni.—Duteronomi 6:4, 5; 10:12.
Ukushumayela Namhlanje
16. Uye wanda njani umsebenzi wamaNgqina kaYehova wokushumayela kumaxesha anamhlanje?
16 Ukutyhubela amaxesha anamhlanje, amaNgqina kaYehova aye ashumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani ukuze azaliseke ngomlinganiselo omkhudlwana amazwi akuMateyu 24:14. Esona sixhobo siphambili asisebenzisayo kumsebenzi wawo wokushumayela liphephancwadi IMboniselo.c Ngowe-1879, xa kwapapashwa iinkupho zokuqala zeMboniselo, ngokomlinganiselo, kwakusasazwa imibhalo engama-6 000 yeli phephancwadi ngolwimi olunye. Ngonyaka wama-2001, kwiminyaka engaphezu kwe-122 kamva, ngokomlinganiselo, kuye kwasasazwa imibhalo ezizi-23 042 000 ngeelwimi ezili-141. Umsebenzi wamaNgqina kaYehova wokushumayela uye wanda ngendlela efanayo. Khawuthelekise amawaka ambalwa eeyure ezazichithwa kumsebenzi wokushumayela ngenkulungwane ye-19 nyaka ngamnye neeyure ezizi-1 169 082 225 ezichithwe kumsebenzi wokushumayela kunyaka wama-2001. Khawucinge ngomlinganiselo wezifundo zeBhayibhile zesisa ezizi-4 921 702 eziye zaqhutywa nyanga nganye. Onjani ukuba mkhulu umsebenzi oye wenziwa! Yaye uye wenziwa ngabashumayeli boBukumkani abakhutheleyo abazizi-6 117 666.
17. (a) Ziziphi iintlobo zoothixo bobuxoki abanqulwayo namhlanje? (b) Enoba uthetha luphi ulwimi, ngowaluphi uhlanga, okanye ukuwuphi umgangatho entlalweni, yintoni ekufuneka wonk’ ubani ayazi?
17 Umdumisi uthi: “Bonke oothixo bezizwana bangoothixo abangenaxabiso; kodwa yena uYehova, wenze wona kanye amazulu.” (INdumiso 96:5) Kwihlabathi lanamhlanje, abantu baye banqula ubuhlanga, imifuziselo yesizwe, abantu abadumileyo, izinto eziphathekayo kwanobutyebi. (Mateyu 6:24; Efese 5:5; Kolose 3:5) UMohandas K. Gandhi wakha wathi: “Ndiqinisekile ukuba . . . iYurophu namhlanje lilizwe lamaKristu nje ngegama. Ngokwenene inqula uMammon [ubutyebi].” Eneneni, iindaba ezilungileyo kufuneka zishunyayelwe yonk’ indawo. Wonk’ ubani, enoba uthetha luphi ulwimi, ngowaluphi uhlanga, okanye ukuwuphi umgangatho entlalweni, kufuneka azi ngoYehova neenjongo zakhe. Sinqwenela ukuba bonke basabele ngokuvumayo kumazwi omdumisi athi: “Mnikeni uYehova uzuko namandla. Mnikeni uYehova uzuko lwegama lakhe”! (INdumiso 96:7, 8) AmaNgqina kaYehova anceda abanye bafunde ngoYehova ukuze bakwazi ukumzukisa ngendlela efanelekileyo. Yaye abo basabela kakuhle bangenelwa lukhulu. Ziziphi iingenelo abazifumanayo? Ezi ngenelo ziza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ngokutsho kweThe Catholic Encyclopedia, ebudeni boHlaziyo, xa abantu benyanzelwa ngonqulo kwakusetyenziswa intetho ethi: Cuius regio, illius et religio (Ngokusisiseko, ethetha ukuthi: “Nabani na olawula ilizwe nguye owenza isigqibo ngonqulo oluqheliselwa kwelo lizwe.”)
b Kwintlanganiso yeUnited States International Religious Freedom Commission eyaqhutywa ngoNovemba 16, 2000, omnye owayenenxaxheba apho wabonisa umahluko phakathi kwabo bazama ukuguqula abantu ngenkani, nomsebenzi owenziwa ngamaNgqina kaYehova. Kwathiwa, xa amaNgqina kaYehova eshumayela kwabanye, ashumayela ngendlela yokuba umntu, ngokulula akwazi ukuthi “Andinamdla” emva koko avale ucango lwakhe.
c Umxholo opheleleyo weli phephancwadi uthi IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova.
Ngaba Unokuchaza?
• Kutheni amaNgqina kaYehova engabashumayeli bevangeli abanenzondelelo?
• Kutheni amaNgqina kaYehova eshumayela nalapho iNgqobhoko imisele iicawa zayo?
• Kutheni amaNgqina kaYehova engaguquli abantu ngokwentsingiselo yanamhlanje yeli gama?
• Umsebenzi wamaNgqina kaYehova wokushumayela ivangeli uye wanda njani kumaxesha anamhlanje?
[Umfanekiso okwiphepha 9]
UYesu wayengumshumayeli wevangeli onenzondelelo yaye waqeqesha abanye ukuba benze umsebenzi ofanayo
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Kwibandla lenkulungwane yokuqala bonke babenesabelo ekushumayeleni ivangeli
[Umfanekiso okwiphepha 11]
Kuphosakele ukunyanzela abantu ukuba batshintshe unqulo lwabo