Ukuphila Ngokuvisisana Nemilinganiselo KaThixo Kuzukisa UYehova
‘Ndiya kumenza mkhulu ngombulelo.’—INDUMISO 69:30.
1. (a) Kutheni uYehova efanele enziwe mkhulu? (b) Simenza mkhulu njani ngombulelo?
UYEHOVA nguThixo usomandla, nguMongami Wendalo Iphela, nguMdali. Ngenxa yoko, sifanele silenze likhulu igama lakhe sizivisisanise neenjongo zakhe. Ukumenza mkhulu uYehova kuthetha ukumxabisa, ukumdumisa nokumncoma ngamazwi nangezenzo. Ukwenjenjalo “ngombulelo” kuthetha ukumbulela ngamaxesha onke ngezinto asenzela zona ngoku, nezo aya kusenzela zona kwixesha elizayo. Sifanele sibe nesimo sengqondo esiboniswe kwiSityhilelo 4:11, apho izidalwa zokomoya zasezulwini ezithembekileyo zithi: “Ufanele, Yehova, Thixo wethu, ukwamkela uzuko nembeko namandla, ngenxa yokuba wadala zonke izinto, nangenxa yokuthanda kwakho zabakho yaye zadalwa.” Simenza mkhulu njani uYehova? Ngokufunda ngaye size senze oko afuna sikwenze. Sifanele sivakalelwe njengomdumisi owathi: “Ndifundise ukwenza ukuthanda kwakho, kuba wena unguThixo wam.”—INdumiso 143:10.
2. UYehova ubaphatha njani abo bamenza mkhulu yaye kuthekani ngabo bangakwenziyo oko?
2 UYehova uyabaxabisa abo bamenza mkhulu. Yiyo loo nto ‘engumvuzi wabo bamfuna ngenyameko.’ (Hebhere 11:6) Nguwuphi loo mvuzo? UYesu wathi xa wayethandaza kuYise osemazulwini: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.” (Yohane 17:3) Ewe, abo ‘bamenza mkhulu uYehova ngombulelo’ baya ‘kuwudla ilifa umhlaba, bahlale kuwo ngonaphakade.’ (INdumiso 37:29) Kwelinye icala, “kuya kungqineka kungekho kamva ngaye nabani na ombi.” (IMizekeliso 24:20) Yaye kule mihla yokugqibela, kungxamiseke ngakumbi ukuba simenze mkhulu uYehova ngenxa yokuba kungekudala uza kutshabalalisa abangendawo aze alondoloze abangamalungisa. “Ihlabathi liyadlula nenkanuko yalo, kodwa lowo wenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.”—1 Yohane 2:17; IMizekeliso 2:21, 22.
3. Kutheni sifanele sinikele ingqalelo kwincwadi kaMalaki?
3 Ukuthanda kukaYehova kufumaneka eBhayibhileni, kuba “sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo.” (2 Timoti 3:16) Elo Lizwi likaThixo liqulethe iingxelo ezininzi ezithetha ngendlela uYehova abasikelela ngayo abo bamenza mkhulu nangoko kwenzekayo kwabo bangakwenziyo oko. Enye yezo ngxelo iphathelele oko kwenzekayo kwaSirayeli ngexesha lomprofeti uMalaki. Malunga nonyaka wama-443 B.C.E., ngexesha lokulawula kukaNehemiya kwaYuda, uMalaki wabhala incwadi ethiywe ngegama lakhe. Le ncwadi ichukumisayo iqulethe inkcazelo neziprofeto ‘ezabhalelwa ukulumkisa thina bafikelwe ziziphelo zeenkqubo zezinto.’ (1 Korinte 10:11) Ukunikela ingqalelo kumazwi kaMalaki kunokusinceda sixhobele ‘imini kaYehova enkulu neyoyikekayo,’ xa etshabalalisa le nkqubo ingendawo yezinto.—Malaki 4:5.
4. Ziziphi iingongoma ezintandathu esikhuthazwa ukuba sinikele ingqalelo kuzo kuMalaki isahluko 1?
4 Incwadi kaMalaki, eyabhalwa kwiminyaka engaphezu kwama-2 400 eyadlulayo, isinceda njani kule nkulungwane yama-21 ukuba sixhobele loo mini kaYehova enkulu neyoyikekayo? Isahluko sokuqala sitsalela ingqalelo yethu ubuncinane kwiingongoma ezintandathu ezibalulekileyo ekwenzeni mkhulu uYehova ngombulelo ukuze sizuze inkoliseko yakhe nobomi obungunaphakade: (1) UYehova uyabathanda abantu bakhe. (2) Simele sibonakalise uxabiso ngezinto ezingcwele. (3) UYehova ulindele ukuba sizibhokoxe ngokupheleleyo ekumkhonzeni. (4) Umnquli wokwenyaniso uqhutywa luthando lokungazingci, kungekhona ukubawa. (5) Inkonzo eyamkelekileyo kuThixo asikokuzalisa nje idinga okuluxanduva. (6) Ngamnye kuthi umele aziphendulele kuThixo. Ngoko ke, kwinqaku lokuqala kwamathathu athetha ngencwadi kaMalaki, makhe siqwalasele nganye yezo ngongoma njengoko sihlolisisa uMalaki isahluko 1.
UYehova Uyabathanda Abantu Bakhe
5, 6. (a) Kwakutheni ukuze uYehova amthande uYakobi? (b) Ukuba siyathembeka njengoYakobi, yintoni esinokuyilindela?
5 Uthando lukaYehova lucaciswe kwiindinyana zokuqala zikaMalaki. Le ncwadi iqalisa ngala mazwi: “Isibhengezo: Ilizwi likaYehova ngokuphathelele uSirayeli.” Ukongezelela, uThixo uthi: “Ndinithandile.” Ecaphula umzekelo, kwakule ndinyana inye, uYehova uthi: “Ndathanda uYakobi.” UYakobi wayeyindoda eyayinokholo kuYehova. Ekuhambeni kwexesha, uYehova walitshintsha igama likaYakobi waba nguSirayeli, yaye kamva waba ngukhokho wohlanga lwakwaSirayeli. Ngenxa yokuba wayeyindoda enokholo, uYehova wamthanda uYakobi. Abo babenesimo sengqondo esinjengesikaYakobi ngoYehova phakathi kolo hlanga babethandwa nguYe.—Malaki 1:1, 2.
6 Ukuba siyamthanda uYehova size sinamathele ngokunyanisekileyo kubantu bakhe, ingxelo efumaneka kweyoku-1 kaSamuweli 12:22, inokusithuthuzela: “UYehova akayi kubalahla abantu bakhe ngenxa yegama lakhe elikhulu.” UYehova uyabathanda abantu bakhe yaye uyabavuza, ekugqibeleni baya kufumana ubomi obungunaphakade. Kuba sifunda oku: “Kholosa ngoYehova wenze okulungileyo; hlala emhlabeni, uqhube ngokuthembeka. Ziyolise ngokugqibeleleyo ngoYehova, yaye uya kukunika izicelo zentliziyo yakho.” (INdumiso 37:3, 4) Ukuthanda kwethu uYehova kuquka ingongoma yesibini esikhuthazwa ukuba siyiqwalasele kuMalaki isahluko 1.
Bonakalisa Uxabiso Ngezinto Ezingcwele
7. Kwakutheni ukuze uYehova amthiye uEsawu?
7 Njengoko sifunda kuMalaki 1:2, 3, emva kokuba uYehova ethe, “ndathanda uYakobi,” uthi, “uEsawu ndamthiya.” Kutheni wayemthiyile nje omnye? UYakobi wamenza mkhulu uYehova, kodwa iwele lakhe, uEsawu alizange lenjenjalo. UEsawu wayekwabizwa ngokuba nguEdom. KuMalaki 1:4, ilizwe lakwaEdom libizwa ngokuba ngummandla wobungendawo, yaye abemi balo baqalekisiwe. UEsawu wathiywa igama elithi Edom (elithetha into “Ebomvu”) emva kokuba ethengise ngelungelo lakhe elixabisekileyo lobuzibulo kuYakobi ngesityu esibomvu. IGenesis 25:34 ithi: “UEsawu wabudela ubuzibulo.” Umpostile uPawulos wabongoza amanye amakholwa ukuba alumke “ukuba kungabikho mhenyuzi naye nabani na ongazixabisiyo izinto ezingcwele, njengoEsawu, owathi ngenxa yesidlo esinye wanikela ngamalungelo akhe obuzibulo.”—Hebhere 12:14-16.
8. Yintoni eyabangela uPawulos afanise uEsawu nomhenyuzi?
8 Kwakutheni ukuze uPawulos anxulumanise izenzo zikaEsawu nohenyuzo? Kungenxa yokuba xa umntu ecinga njengoEsawu, oko kunokubangela ukuba angazixabisi izinto ezingcwele. Yaye oku kunokubangela umntu abandakanyeke kwizono ezinzulu, njengohenyuzo. Ngenxa yoko, ngamnye kuthi usenokuzibuza: ‘Ngaba maxa wambi ndiye ndibe sesilingweni sokuthengisa ngelifa lam lobuKristu—ubomi obungunaphakade—ngenxa yento engenamsebenzi njengesityu seentlumayo? Mhlawumbi ngaba andibonisi luxabiso ngezinto ezingcwele, ndingaqondi?’ UEsawu akazange akwazi ukuzibamba, wayefuna ukwanelisa umnqweno wakhe wokubawa. Wathi kuYakobi: “Nceda, khawulezisa, undiphe ndiginye kule nto ibomvu.” (Genesis 25:30) Okulusizi kukuba, abanye babakhonzi bakaThixo baye, ngokungathi kunjalo, bathi: “Khawulezisa! Kutheni ndifanele ndilinde umtshato obekekileyo nje?” Ukwanelisa umnqweno wesini kuye kwanjengesityu seentlumayo kubo kungakhathaliseki ingxaki abaya kungena kuyo.
9. Sinokuhlala njani sisoyika uYehova?
9 Ngamana singangaze sibonise ukungabi naluxabiso ngezinto ezingcwele ngokungabuhloneli ubunyulu, ingqibelelo nelifa lethu lokomoya. Kunokuba sibe njengoEsawu, masibe njengoYakobi owayethembekile size sihlale sisoyika uThixo ngokubonakalisa uxabiso olunzulu ngezinto ezingcwele. Sinokukwenza njani oku? Ngokuzabalazela ukufikelela imilinganiselo kaYehova. Oku kusisa kwingongoma yesithathu ekhankanywe kuMalaki isahluko 1. Yiyiphi loo ngongoma?
Ukuzibhokoxa Ngokupheleleyo Ekukhonzeni UYehova
10. Ababingeleli babeyidelela njani itafile kaYehova?
10 Ababingeleli bakwaYuda ababekhonza etempileni eYerusalem ngexesha likaMalaki babenganikeli ngezona zinto zabo zixabisekileyo kuYehova. UMalaki 1:6-8 uthi: “‘Unyana, yena, uyambeka uyise; nomkhonzi, inkosi yakhe ezukileyo. Ngoko ukuba ndinguyihlo, kuphi na ukubekwa kwam? Yaye ukuba ndiyiNkosi Ezukileyo, kuphi na ukoyikwa kwam?’ utsho uYehova wemikhosi kuni, nina babingeleli abadelela igama lam.” Ababingeleli babuza: “Silidelele ngayiphi na indlela igama lakho?” UYehova waphendula: “Ngokunikela esibingelelweni sam isonka esingcolileyo.” Kwakhona ababingeleli babuza: “Sikungcolise ngayiphi na indlela?” Ngoko uYehova wathi kubo: “Ngokuthi oku kwenu: ‘Itafile kaYehova iyinto edelekileyo.’” Abo babingeleli babebonisa indelelo ngetafile kaYehova sihlandlo ngasinye benikela ngesilwanyana esinesiphako, besithi: “Akunto imbi oko.”
11. (a) Wathini uYehova ngeminikelo engamkelekanga? (b) Abantu ngokubanzi babebekek’ ityala njani?
11 UYehova waqiqa nabo ngokuphathelele loo mibingelelo ingamkelekanga esithi: “Khawuncede, usisondeze kwirhuluneli yakho. Iya kukholiswa na nguwe, okanye iya kukwamkela ngobubele na?” Hayi khona, irhuluneli yabo yayingenakukholiswa seso sipho sinjalo. Ngokuqinisekileyo, uMongami Wendalo Iphela akanakuyamkela iminikelo eyenziwe ngezilwanyana ezinesiphako! Yaye yayingengobabingeleli kuphela ababebekek’ ityala. Enyanisweni, babebonakalisa indelelo kuYehova ngokwenza loo minikelo. Kodwa ngaba abantu ngokubanzi babengabekek’ ityala? Akunjalo konke konke! Ngabo kanye ababekhethe ezo zilwanyana eziziimfama, eziziziqhwala nezigulayo baze bazizise kubabingeleli ukuze banikele ngazo. Obunjani bona ubungendawo!
12. Sincedwa njani ukuba sizibhokoxe ngokupheleleyo ekukhonzeni uYehova?
12 Ukuzibhokoxa ngokupheleleyo ekukhonzeni uYehova yindlela yokubonisa ukuba simthanda ngokwenene. (Mateyu 22:37, 38) Ngokungafaniyo nababingeleli bexesha likaMalaki ababenxaxha, intlangano kaYehova namhlanje idlulisela imfundo yeZibhalo entle kakhulu esinceda simenze mkhulu uYehova ngombulelo ngokuphila ngemilinganiselo kaThixo. Oku kunxulumene nengongoma yesine ebalulekileyo esiyifumana kuMalaki isahluko 1.
Umnquli Wokwenyaniso Uqhutywa Luthando, Kungekhona Kukubawa
13. Yintoni eyayisenziwa ngababingeleli eyayibonisa ukuba babeqhutywa kukubawa?
13 Ababingeleli bomhla kaMalaki babezingca, bengenaluthando yaye benyolukele imali. Sikwazi njani oko? UMalaki 1:10 uthi: “‘Ngubani na phakathi kwenu oya kuvala iingcango? Yaye nina aniyi kukhanyisa isibingelelo sam—ngento elilize. Andiyoliswa nini,’ utsho uYehova wemikhosi, ‘andikholiswa nangumnikelo osisipho osesandleni senu.’” Ewe, abo babingeleli babawayo babefuna intlawulo nangokwenza inkonzo nje elula etempileni, befuna intlawulo ngokuvala iingcango nokubasa umlilo esibingelelweni! Akumangalisi ke ngoko ukuba uYehova engazange akholiswe yiminikelo esezandleni zabo!
14. Kutheni sinokuthi amaNgqina kaYehova aqhutywa luthando?
14 Ukubawa nokuzingca kwababingeleli abanesono kwiYerusalem yamandulo kunokusenza sikhumbule ukuba, ngokutsho kweLizwi likaThixo, abantu ababawayo abayi kubudla ilifa uBukumkani bukaThixo. (1 Korinte 6:9, 10) Xa sicinga ngokuzingca kwabo babingeleli kuyalukhulisa uxabiso esinalo ngomsebenzi wokushumayela owenziwa emhlabeni wonke ngamaNgqina kaYehova. Ngumsebenzi wokuzithandela; asibahlawulisi abantu ngayo nayiphi na inxalenye yobulungiseleli bethu. “Asingobathengisi belizwi likaThixo.” (2 Korinte 2:17) NjengoPawulos, ngamnye kuthi unokutsho ngokunyanisekileyo athi: “Ngaphandle kweendleko ndavakalisa ngochulumanco kuni iindaba ezilungileyo zikaThixo.” (2 Korinte 11:7) Phawula ukuba uPawulos ‘wazivakalisa ngochulumanco iindaba ezilungileyo.’ Oko kusizisa kwingongoma yesihlanu esikhuthazwa ukuba sinikele ingqalelo kuyo kuMalaki isahluko 1.
Inkonzo KuThixo Asikokuzalisa Nje Idinga Okuluxanduva
15, 16. (a) Sisiphi isimo sengqondo ababenaso ababingeleli ngokuphathelele iminikelo? (b) AmaNgqina kaYehova ayenza njani iminikelo yawo?
15 Ababingeleli baseYerusalem yamandulo ababengenalukholo babekugqala ukwenza iminikelo njengomsebenzi oyindinisa. Kwakuluxanduva kubo. Njengoko kuphawuliwe kuMalaki 1:13, uThixo wathi kubo: “Nithe, ‘Khangela! Enjani yona into eyindinisa!’ yaye niyinyevulele.” Abo babingeleli babezinyevulela, okanye babezidelela izinto ezingcwele zikaThixo. Masithandazele ukuba singaze sibe njengabo. Kunoko, ngamana singasoloko sibonakalisa isimo sengqondo esichazwe kweyoku-1 kaYohane 5:3: “Kuba ukumthanda uThixo kuko ukuthi, siyigcine imiyalelo yakhe; kwaye ayinzima imiyalelo yakhe.”
16 Masiyoliswe kukunikela iminikelo yokomoya kuThixo, singaze sikugqale oku njengoxanduva. Ngamana singathobela amazwi esiprofeto athi: “Yithini [kuYehova] nonke, ‘Sixolele isiphoso sethu; uze wamkele okulungileyo, yaye siya kunikela njengembuyekezo amathole eenkomo aziinkunzi, amazwi emilebe yethu.’” (Hoseya 14:2) Ibinzana elithi “amathole eenkomo aziinkunzi, amazwi emilebe yethu” libhekisela kwiminikelo yokomoya, amazwi esiwathethayo ukudumisa uYehova neenjongo zakhe. AmaHebhere 13:15 athi: “Ngaye [uYesu Kristu] masisoloko sinikela kuThixo umbingelelo wendumiso, oko kukuthi, isiqhamo semilebe evakalisa ekuhleni igama lakhe.” Hayi indlela esivuya ngayo kukuba iminikelo yethu yokomoya engekokuzalisa nje idinga, kodwa iyimbonakaliso esuk’ entliziyweni yothando lwethu ngoThixo! Oku kusizisa kwingongoma yesithandathu esinokuyifunda kuMalaki isahluko 1.
Ngamnye Umele Aziphendulele
17, 18. (a) Kwakutheni ukuze uYehova amqalekise “lowo wenza ngobuqhokolo”? (b) Yintoni abangazange bayicinge abo babesenza ngobuqhokolo?
17 Abantu ababephila ngomhla kaMalaki babenembopheleleko ngezenzo zabo, yaye kunjalo nakuthi. (Roma 14:12; Galati 6:5) Ngokuvisisana noko, uMalaki 1:14 uthi: “Uqalekisiwe lowo wenza ngobuqhokolo xa kukho iduna [elingenasiphako] emhlambini wakhe, esenza isibhambathiso aze abingelele ngento eyonakeleyo kuYehova.” Indoda eyayinomhlambi yayingenasilwanyana sinye nje kuphela—ngokomzekelo, igusha nje enye—nto leyo yayinokuyenza ingabi nayo enye enokuyikhetha. Xa ikhetha isilwanyana sokwenza umnikelo, kwakungeyomfuneko ukuba ikhethe isilwanyana esiyimfama, esisisiqhwala okanye esigulayo. Ukuba yayinokukhetha isilwanyana esinjalo, loo nto yayiza kubonakalisa ukuba iyalidelela ilungiselelo likaYehova lokwenza iminikelo, kuba ngokuqinisekileyo, indoda enomhlambi yayinokusifumana isilwanyana esingenasiphako!
18 Ngoko ke, uYehova wayemqalekisa ngokufanelekileyo lowo wenza ngobuqhokolo, lowo wayesithi enalo iduna elifanelekileyo azise kumbingeleli—mhlawumbi esirhuqa—isilwanyana esiyimfama, esiqhwalelayo okanye esigulayo ukuze enze umnikelo. Ukanti, akukho nento encinane ebonisa ukuba kukho umbingeleli owacaphula umthetho kaThixo othi izilwanyana ezinesiphene zazingamkelekanga. (Levitikus 22:17-20) Abantu ababenengqiqo babesazi ukuba babeya kungena engxakini xa babenokuzama ukukhohlisa irhuluneli yabo ngokuyinika isipho esinjalo. Kodwa eneneni oko babekwenza kuMongami Wendalo Iphela, uYehova, omkhulu ngakumbi kunayo nayiphi na irhuluneli engumntu. UMalaki 1:14 ukubeka ngale ndlela oku: “‘NdinguKumkani omkhulu,’ utsho uYehova wemikhosi, ‘negama lam liyoyikeka phakathi kweentlanga.’”
19. Yintoni esiyilangazelelayo, yaye yintoni esifanele siyenze?
19 Njengabakhonzi abanyanisekileyo bakaThixo, silangazelela ukubona imini xa uKumkani Omkhulu uYehova, eya kuhlonelwa lulo lonke uluntu. Ngelo xesha, “umhlaba ngokuqinisekileyo uya kuzaliswa kukwazi uYehova njengamanzi egubungele ulwandle.” (Isaya 11:9) Okwangoku, masizabalazele ukuphila ngokuvisisana nemilinganiselo kaYehova ngokuxelisa umdumisi owathi: ‘Ndiya kumenza mkhulu ngombulelo.’ (INdumiso 69:30) UMalaki unesinye isiluleko esinokuba yingenelo kakhulu kuthi, esinokusinceda sikwazi ukwenjenjalo. Masinikele ingqalelo ngenyameko kwezinye iinxalenye zencwadi kaMalaki, kumanqaku amabini alandelayo.
Ngaba Uyakhumbula?
• Kutheni sifanele simenze mkhulu uYehova?
• Kutheni yayingamkelekanga kuYehova iminikelo yababingeleli ngomhla kaMalaki?
• Siwunikela njani umbingelelo wendumiso kuYehova?
• Umntu onqula ngenyaniso ufanele ashukunyiswe yintoni?
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Isiprofeto sikaMalaki salatha kumhla wethu
[Umfanekiso okwiphepha 10]
UEsawu akazange azixabise izinto ezingcwele
[Umfanekiso okwiphepha 11]
Ababingeleli kunye nabantu babenikela iminikelo engamkelekanga
[Umfanekiso okwiphepha 12]
Ehlabathini lonke, amaNgqina kaYehova anikela umbingelelo wendumiso ngesisa