“Uya Kusondela Kuni”
‘UThixo akakude kuye ngamnye wethu.’—IZENZO 17:27.
1, 2. (a) Xa sijonga isibhakabhaka esineenkwenkwezi, sinokuzibuza wuphi umbuzo ngokuphathelele uMdali? (b) IBhayibhile isiqinisekisa njani ukuba uYehova akabajongi njengabangabalulekanga abantu?
NGABA wakha wajonga esibhakabhakeni esineenkwenkwezi ngobusuku obuzolileyo waza wabona umbono omangalisayo? Ukubona inkitha yeenkwenkwezi nobukhulu besibhakabhaka kuyamangalisa ngokwenene. Xa kuthelekiswa nendalo iphela, umhlaba lisuntswana nje. Ngaba oko kuthetha ukuba uMdali, “Oyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke,” uphakame kakhulu ukuba angabakhathalela abantu okanye ukude kakhulu yaye akulula ukuba bamazi?—INdumiso 83:18.
2 IBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba uYehova akabajongi abantu njengabangabalulekanga. Eneneni, iLizwi likaThixo lisikhuthaza ukuba simfune, lisithi: ‘Akakude kuye ngamnye wethu.’ (IZenzo 17:27; 1 Kronike 28:9) Eneneni, ukuba sithabatha amanyathelo okusondela kuThixo, naye uya kusondela kuthi ngenxa yemigudu yethu esiyenzayo. Ngayiphi indlela? Amazwi omxholo wonyaka wama-2003 anikela le mpendulo ichukumis’ intliziyo ethi: “Uya kusondela kuni.” (Yakobi 4:8) Makhe sixubushe ngezinye zeendlela ezimangalisayo uYehova aye wabasikelela ngazo abo basondele kuye.
Isipho Esivela KuYehova
3. Sisiphi isipho uYehova asinika abo basondela kuye?
3 Okokuqala, uYehova unesipho esixabisekileyo asigcinele abakhonzi bakhe. Lonke igunya, ubutyebi nemfundo yale nkqubo yezinto azinakusinika esi sipho. Sisipho esivela kuYehova, asinika kuphela abo basondele kuye. Siyintoni esi sipho? ILizwi likaThixo liyaphendula: ‘Ukuba uthe ilizwi lakho walisa ekuqondeni, ukuba uyaqhubeka ubufuna njengesilivere, ubuphande njengobuncwane obufihliweyo, uya kwandula ukukuqonda ukoyika uYehova, ukufumane ukumazi uThixo. Kuba uYehova unika ubulumko.’ (IMizekeliso 2:3-6) Khawufan’ ucinge, abantu abangafezekanga bafumana “ukumazi uThixo”! Eso sipho—ulwazi olufumaneka kwiLizwi likaThixo—sifaniswa ‘nobuncwane obufihliweyo.’ Ngoba?
4, 5. Kutheni “ukumazi uThixo” kunokufaniswa ‘nobuncwane obufihliweyo’? Zekelisa.
4 Kaloku, ulwazi ngoThixo luxabiseke kakhulu. Enye yeentsikelelo ezifumaneka ngenxa yalo lithemba lobomi obungunaphakade. (Yohane 17:3) Kodwa siyazuza nangoku kolo lwazi. Ngokomzekelo, ngenxa yokufundisisa ngenyameko iLizwi likaThixo, siye safumana iimpendulo kwimibuzo ebalulekileyo enjengale: Ngubani igama likaThixo? (INdumiso 83:18) Ngokwenene abafileyo bakwiyiphi imeko? (INtshumayeli 9:5, 10) Yintoni injongo kaThixo ngomhlaba noluntu? (Isaya 45:18) Kwakhona siye safumana ukuba eyona ndlela ifanelekileyo yokuphila kukusebenzisa isiluleko seBhayibhile sobulumko. (Isaya 30:20, 21; 48:17, 18) Ngaloo ndlela, sinesiluleko esifanelekileyo esisinceda sikwazi ukuhlangabezana namaxhala obomi size sihambe ngendlela esenza sifumane ulonwabo nolwaneliseko lokwenene. Okubaluleke nangakumbi kukuba, ufundisiso lwethu ngeLizwi likaThixo luye lwasinceda sazazi iimpawu zikaYehova ezimangalisayo saza sasondela kuye. Ngaba ikho enye into exabiseke ngaphezu kokuba nolwalamano elusenyongweni noYehova olusekelwe ‘ekumazini uThixo’?
5 Kukho esinye isizathu sokuba ulwazi ngoThixo lunokufaniswa ‘nobuncwane obufihliweyo.’ Njengabo bonke ubuncwane, akulula ukulufumana kweli hlabathi. Phakathi kwabantu abangamawaka amathandathu ezigidi emhlabeni, malunga nezigidi ezintandathu zabanquli bakaYehova, okanye umntu omnye kwabali-1 000, uye wafumana “ukumazi uThixo.” Ukubonisa indlela ekububuncwane ngayo ukwazi inyaniso ngeLizwi likaThixo, cinga nje ngombuzo omnye weBhayibhile: Kwenzeka ntoni xa umntu esifa? Siyazi ngokusuka kwiZibhalo ukuba umphefumlo uyafa yaye abafileyo abazi nto. (Hezekile 18:4) Sekunjalo, inkoliso yeecawa emhlabeni ziye zamkela inkolelo yobuxoki yokuba nto ithile ngaphakathi emntwini iqhubeka iphila emva kokuba efile. Le yeyona mfundiso ibalulekileyo kwiicawa zeNgqobhoko. Kwakhona ikho nakubuBhuda, kubuHindu, kubuSilamsi, kubuJain, kubuYuda, kubuShinto, kubuSikh nakubuTao. Khawufan’ ucinge—amawaka ezigidi zabantu bakhohliswa ngale mfundiso inye yobuxoki!
6, 7. (a) Ngoobani kuphela abanokufumana “ukumazi uThixo”? (b) Nguwuphi umzekelo obonisa ukuba uYehova uye wasisikelela ngokuqonda izinto ‘izilumko neengqondi’ ezingakwaziyo ukuziqonda?
6 Kutheni abantu abangakumbi bengakufumananga “ukumazi uThixo”? Ngenxa yokuba ubani akanakukwazi ngokupheleleyo oko kuthethwa liLizwi likaThixo ngaphandle koncedo Lwakhe. Khumbula ukuba, olu lwazi lusisipho. UYehova ulunika kuphela abo bafuna ukuphengulula ngokunyanisekileyo nangokuthobekileyo iLizwi lakhe. Abo banjalo basenokuba ‘abazozilumko ngokwenyama.’ (1 Korinte 1:26) Abaninzi phakathi kwabo basenokugqalwa ‘njengabangenamfundo nabaqhelekileyo’ ngokwemilinganiselo yehlabathi. (IZenzo 4:13) Sekunjalo, oko akubalulekanga. UYehova usivuza ‘ngolwazi ngoThixo’ ngenxa yeempawu azifumana kwiintliziyo zethu.
7 Phawula lo mzekelo. Abaphengululi beNgqobhoko abaninzi baye bayihlalutya ngokugqithiseleyo iBhayibhile kwiincwadi zabo. Iincwadi ezinjalo zisenokuchaza ngembali, oko kuthethwa ngamagama esiHebhere nesiGrike nezinye izinto. Phezu kwayo nje yonke loo mfundo, ngaba abaphengululi abanjalo baye ‘bamazi ngokwenene uThixo’? Kaloku, ngaba bawuqonda ngokucacileyo umxholo weBhayibhile—ukuthethelelwa kolongamo lukaYehova ngoBukumkani bakhe basezulwini? Ngaba bayazi ukuba uYehova uThixo akayonxalenye kaBathathu Emnye? Thina ke siyiqonda ngokuchanileyo imibandela enjalo. Ngoba? UYehova uye wasisikelela ngokuqonda iinyaniso zokomoya ezingakwaziyo ukuziqonda ‘izilumko neengqondi.’ (Mateyu 11:25) UYehova ubasikelela ngokwenene abo basondele kuye!
“UYehova Uyabalinda Bonke Abo Bamthandayo”
8, 9. (a) UDavide wayichaza njani enye intsikelelo yabo basondele kuYehova? (b) Kutheni amaKristu efuna ukukhuselwa nguThixo?
8 Abo basondele kuYehova ubasikelela nangenye indlela—uyabakhusela. Umdumisi uDavide, owayeqhelene nobunzima, wabhala: “Usondele uYehova kubo bonke abo bambizayo, kubo bonke abo bambiza ngenyaniso. Uya kukwenza oko kunqwenelwa ngabo bamoyikayo, nokukhalela kwabo uncedo uya kukuva, yaye uya kubasindisa. UYehova uyabalinda bonke abo bamthandayo.” (INdumiso 145:18-20) Ewe, uYehova usondele kwabo bamthandayo yaye ngaloo ndlela uyabaphendula ngokukhawuleza xa befuna uncedo.
9 Kutheni sifuna ukukhuselwa nguThixo? Ukongezelela kwimiphumo yokuphila kula “maxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo,” amaKristu okwenyaniso azizisulu zoTshaba olukhulu lukaYehova, uSathana uMtyholi. (2 Timoti 3:1) Olo tshaba lunamaqhinga luzimisele ‘ukusiqwenga.’ (1 Petros 5:8) USathana uyasitshutshisa, uyasicinezela yaye uyasilinga. Kwakhona usebenzisa isimo sengqondo neentliziyo zabantu ukuze aphumeze injongo yakhe. Injongo yakhe yile: kukwenza buthathaka ukholo lwethu aze asibulale ngokomoya. (ISityhilelo 12:12, 17) Ekubeni sinotshaba olunamandla esifanele silwe nalo, ngaba akusivuyisi ukwazi ukuba “uYehova uyabalinda bonke abo bamthandayo”?
10. (a) UYehova ubakhusela njani abantu bakhe? (b) Yiyiphi eyona nkuselo ibalulekileyo, yaye ngoba?
10 Noko ke, uYehova ubakhusela njani abantu bakhe? Ukusithembisa kwakhe ukuba uya kusikhusela akuthethi ukuba asisayi kuba neengxaki kule nkqubo; yaye akuthethi nokuba unyanzelekile ukuba enze imimangaliso ukuze asikhusele. Noko ke, uYehova uyabakhusela ngokoqobo njengeqela abantu bakhe. Ngaphezu koko, akasayi kuvumela uMtyholi ukuba abatshayele ngokupheleleyo abanquli bokwenyaniso emhlabeni! (2 Petros 2:9) Ngapha koko, uYehova uyasikhusela ngokomoya. Usinika oko sikufunayo ukuze sinyamezele izilingo size silondoloze ulwalamano lwethu naye. Ekugqibeleni, eyona nkuselo ibalulekileyo yeyokomoya. Ngoba? Logama sinolwalamano noYehova, akukho nto—kuquka nokufa—enokusonzakalisa ngokupheleleyo.—Mateyu 10:28.
11. UYehova uye wenza waphi amalungiselelo ukuze akhusele abantu bakhe ngokomoya?
11 UYehova uye wenza amalungiselelo ayintabalala ukuze abo basondele kuye bakhuseleke ngokomoya. Esebenzisa iLizwi lakhe, iBhayibhile, usinika ubulumko ukuze sikwazi ukuhlangabezana nezilingo ezahlukahlukeneyo. (Yakobi 1:2-5) Ukusebenzisa isiluleko esifumaneka eZibhalweni kuyakhusela. Ukongezelela, uYehova ubanika “umoya oyingcwele abo bamcelayo.” (Luka 11:13) Loo moya ngawona mandla makhulu kwindalo iphela, ngoko ngokuqinisekileyo unokusenza sikwazi ukuhlangabezana ngokuphumelelayo nalo naluphi na uvavanyo okanye isilingo esinokujamelana naso. Esebenzisa uKristu, uYehova ulungiselele “izipho ezingabantu.” (Efese 4:8) La madoda afanelekayo ngokomoya azama ukubonakalisa imfesane kaYehova ebalaseleyo ukuze ancede abazalwana bawo.—Yakobi 5:14, 15.
12, 13. (a) UYehova usilungiselela njani ukutya kokomoya ngexesha elifanelekileyo? (b) Uvakalelwa njani ngelungiselelo likaYehova lokusinceda sihlale siphilile ngokomoya?
12 UYehova unelinye ilungiselelo ukuze asikhusele: ukutya kokomoya ngexesha elifanelekileyo. (Mateyu 24:45) UYehova usinika oko sikufunayo ngexesha elifanelekileyo esebenzisa iincwadi ezipapashiweyo, kuquka ulindixesha IMboniselo noVukani!, kwakunye neentlanganiso neendibano ezincinane nezinkulu. Ngaba usakhumbula usiva into ethile kwiintlanganiso zamaKristu, kwindibano encinane okanye enkulu eya kuchukumisa intliziyo yaza yakomeleza okanye yakuthuthuzela? Ngaba wakhe wafunda inqaku komnye woolindixesha abakhankanywe ngasentla waza wavakalelwa kukuba belibhalelwe wena?
13 Esinye sezixhobo esiphumelelayo uSathana asisebenzisayo kukudimazeka, yaye asikhuselekanga kwimiphumo yako. Uyazi ukuba ukukhathazeka ixesha elide kunokusenza singabi namandla, side sibe sengozini. (IMizekeliso 24:10) Ngenxa yokuba uSathana ezama ukuxhakamfula ithuba xa sidimazekile, siyalufuna uncedo. Ngamaxesha athile iphephancwadi IMboniselo noVukani! aye aba namanqaku asinceda silwe nokudimazeka. Ngokuphathelele inqaku elinjalo, omnye udade ongumKristu wabhala: “Ndilifunda eli nqaku phantse iintsuku zonke, yaye lisandililisa nangoku. Ndilibeka ecaleni kwebhedi yam ukuze ndikwazi ukulifumana lula nanini na ndiziva ndidimazekile. Ngokusebenzisa amanqaku anjengala, ndiye ndivakalelwe ngokungathi uYehova undikhusele ngezandla zakhe.”a Ngaba asinambulelo kuYehova kuba esilungiselele ukutya kokomoya ngexesha elifanelekileyo? Khumbula ukuba, amalungiselelo akhe asenza sihlale siphilile ngokomoya abubungqina bokuba usondele kuthi yaye uyasikhusela.
Inkululeko Yokuthetha ‘Nomphulaphuli Wemithandazo’
14, 15. (a) Ziziphi iintsikelelo uYehova azithululela abo basondele kuye? (b) Kutheni inkululeko yokuthetha noYehova ngomthandazo igqalwa njengelungelo elibalaseleyo?
14 Ngaba wakha waphawula ukuba njengoko abantu beya befumana igunya, akudli ngokuba lula ngabantu abaphantsi kwabo ukuba bathethe nabo? Noko ke, kuthekani ngoYehova uThixo? Ngaba uphakame kakhulu ukuba angabonakalisa umdla koko kuthethwa kuye ngabantu nje? Akunjalo kwaphela! Enye indlela uYehova abasikelela ngayo abo basondele kuye lilungiselelo lomthandazo. Ukuba nenkululeko yokuthetha ‘nomphulaphuli wemithandazo’ lelona lungelo libalaseleyo. (INdumiso 65:2) Ngoba?
15 Ngokomzekelo: Umphathi othile wenkampani enkulu uneembopheleleko ezininzi. Uye enze izigqibo ngomcimbi aza kuwusingatha ngokwakhe naza kuwabela abanye. Ngokufanayo, uMlawuli noMongami wendalo iphela uyakwazi ukukhetha imibandela aza kuyisingatha ngokwakhe naza kuyabela abanye. Khawucinge ngako konke oko uYehova aye wakwabela uNyana wakhe amthandayo, uYesu. UNyana uye wanikwa “igunya lokugweba.” (Yohane 5:27) Iingelosi ziye “zathotyelwa phantsi kwakhe.” (1 Petros 3:22) UYehova uye wathulula umoya wakhe oyingcwele onamandla kuYesu ukuze umncede akhokele abafundi bakhe emhlabeni. (Yohane 15:26; 16:7) Ngoko ke, uYesu wayenokuthi: “Linikwe mna lonke igunya ezulwini nasemhlabeni.” (Mateyu 28:18) Sekunjalo, ngokuphathelele imithandazo yethu, uYehova uye wakhetha ukuyiphulaphula ngokwakhe. Kungeso sizathu lento iBhayibhile isixelela ukuba sithandaze kuphela kuYehova, sisenjenjalo egameni likaYesu.—INdumiso 69:13; Yohane 14:6, 13.
16. Kutheni sifanele sibe nentembelo yokuba ngokwenene uYehova uyayiphulaphula imithandazo yethu?
16 Ngaba ngokwenene uYehova uyayiphulaphula imithandazo yethu? Ukuba ebengayikhathalele, ebengayi kusibongoza ukuba ‘sizingise emthandazweni’ okanye silahlele imithwalo namaxhala ethu kuye. (Roma 12:12; INdumiso 55:22; 1 Petros 5:7) Abakhonzi abathembekileyo bexesha lokubhalwa kweBhayibhile babenentembelo epheleleyo ukuba uYehova uyayiphulaphula imithandazo. (1 Yohane 5:14) Ngenxa yoko, umdumisi uDavide wathi: “[UYehova] uyaliva ilizwi lam.” (INdumiso 55:17) Nathi sinezizathu zokuba nentembelo yokuba uYehova usondele yaye ulungele ukuphulaphula yonke into esiyicingayo nesixhalabisayo.
UYehova Uyabavuza Abakhonzi Bakhe
17, 18. (a) UYehova uvakalelwa njani ngomsebenzi wokuthembeka owenziwa zizidalwa zakhe ezikrelekrele? (b) Chaza indlela IMizekeliso 19:17 ebonisa ngayo ukuba uYehova uyazibona izenzo zokubonakalisa inceba.
17 Isikhundla sikaYehova njengoMongami Wendalo iphela asichatshazelwa koko abantu abanokukwenza okanye abangafuni ukukwenza. Sekunjalo, uYehova nguThixo onoxabiso. Unoxabiso—eneneni, uneqhayiya—ngomsebenzi wokuthembeka owenziwa zizidalwa zakhe ezikrelekrele. (INdumiso 147:11) Ngoko ke, le yenye yeentsikelelo ezifunyanwa ngabo basondele kuYehova: Uyabavuza abakhonzi bakhe.—Hebhere 11:6.
18 Ngokucacileyo iBhayibhile ibonisa ukuba uYehova uyakuxabisa oko kwenziwa ngabakhonzi bakhe. Ngokomzekelo, sifunda oku: “Obabala isisweli uboleka uYehova, yaye impatho yakhe uya kumbuyekeza ngayo.” (IMizekeliso 19:17) Indlela uYehova awayenemfesane ngayo ngabantu abasweleyo yayibonakala kuMthetho kaMoses. (Levitikus 14:21; 19:15) UYehova uvakalelwa njani xa sixelisa inceba yakhe ngendlela esisebenzisana ngayo nabo basweleyo? Xa sisipha abo basweleyo, singalindelanga ukubuyekezwa, uYehova ukugqala oko njengokuboleka yena into ethile. UYehova uthembisa ukulihlawula elo tyala ngokusenzela inceba nangokusisikelela. (IMizekeliso 10:22; Mateyu 6:3, 4; Luka 14:12-14) Ewe, xa sibonakalisa inceba kubazalwana bethu, oko kuyayivuyisa intliziyo kaYehova. Hayi indlela esinombulelo ngayo ukwazi ukuba izenzo zethu zokubonakalisa inceba uBawo wethu wasezulwini uyazibona!—Mateyu 5:7.
19. (a) Kutheni sinokuqiniseka ukuba uYehova uyakuxabisa oko sikwenzayo ngomsebenzi wokushumayela nowokwenza abafundi? (b) UYehova uyisikelela njani imisebenzi eyenzelwe ukuxhasa uBukumkani bakhe?
19 Ngokukhethekileyo uYehova uya kuxabisa oko sikwenza ngenxa yoBukumkani bakhe. Xa sisondela kuYehova, ngokuzenzekelayo siye sifune ukusebenzisa ixesha, amandla nezinto zethu eziphathekayo ukuze sibe nenxaxheba kangangoko sinako kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nowokwenza abafundi. (Mateyu 28:19, 20) Maxa wambi, sinokuziva ingathi senza okuncinane. Intliziyo yethu engafezekanga inokude isenze sizibuze enoba uYehova uyakholiswa yimigudu yethu kusini na. (1 Yohane 3:19, 20) Kodwa uYehova uyasixabisa sonke isipho—enoba sincinane kangakanani na—esiphuma kwintliziyo eshukunyiswa luthando. (Marko 12:41-44) IBhayibhile iyasiqinisekisa isithi: “UThixo akanantswela-bulungisa ukuba angawulibala umsebenzi wenu nothando enalubonisayo ngegama lakhe.” (Hebhere 6:10) Eneneni, uYehova uyasikhumbula yaye uyasivuza nesenzo esincinane esisenzayo ukuxhasa uBukumkani bakhe. Ukongezelela kwiintsikelelo zokomoya esizifumana ngoku, sinokukhangela phambili kubomi obonwabisayo kwihlabathi elitsha elizayo, apho uYehova aya kuvula isandla sakhe ngesisa aze anelise iminqweno elungileyo yabo bonke abo basondele kuye!—INdumiso 145:16; 2 Petros 3:13.
20. Ebudeni bonyaka wama-2003, sinokuwakhumbula njani amazwi omxholo wonyaka, yaye oko kuya kuphumela entwenini?
20 Ebudeni bonyaka wama-2003, masizibuze enoba senza umgudu oqhubekayo wokusondela kuBawo wethu wasezulwini. Ukuba senjenjalo, sinokuqiniseka ukuba uya kwenza njengoko ethembisile. Ngapha koko, ‘uThixo akanakuxoka.’ (Tito 1:2) Ukuba usondela kuye, uya kusondela kuwe. (Yakobi 4:8) Yaye oko kuya kuphumela entwenini? Ekufumaneni iintsikelelo ezininzi ngoku nethuba lokusondela kuYehova ngonaphakade!
[Umbhalo osemazantsi]
a Kubhekiselwa kwinqaku elithi “UYehova Mkhulu Kuneentliziyo Zethu,” kwinkupho yeMboniselo, kaMeyi 1, 2000, kwiphepha 28-31.
Ngaba Uyakhumbula?
• Sisiphi isipho uYehova asinika abo basondela kuye?
• Ngawaphi amalungiselelo uYehova awenzele ukukhusela abantu bakhe ngokomoya?
• Kutheni igqalwa njengelungelo elibalaseleyo inkululeko yokuthetha noYehova ngomthandazo?
• IBhayibhile ibonisa njani ukuba uYehova uyawuxabisa umsebenzi wokuthembeka owenziwa zizidalwa zakhe ezikrelekrele?
[Umfanekiso okwiphepha 15]
UYehova uye wasisikelela ngokuqonda iinyaniso zokomoya
[Imifanekiso ekwiphepha 16, 17]
UYehova uyasikhusela ngokomoya
[Umfanekiso okwiphepha 18]
UYehova usondele, yaye ukulungele ukuphulaphula yonke imithandazo yethu