Intuthuzelo Kwabo Babandezelekileyo
UKUTYHUBELA iinkulungwane, umbuzo ongesizathu sokuvumela kukaThixo ukubandezeleka uye wadida iintanda-bulumko nabafundi bezakwalizwi. Abanye baye baqiqa ngelithi ekubeni uThixo enamandla, kumele ukuba nguye obekek’ ityala ngokubandezeleka. Umbhali weThe Clementine Homilies, incwadi engaphefumlelwanga yenkulungwane yesibini, uthi uThixo ulawula ihlabathi ngezandla ezimbini. “Ngesandla sakhe sasekhohlo,” uMtyholi ubangela ukubandezeleka nenkxwaleko, yaye “ngesandla sakhe sasekunene,” uYesu, uyasindisa yaye uyasikelela.
Bambi, bengakwazi ukuyamkela into yokuba uThixo avumele ukubandezeleka nokuba akakubangeli, bakhethe ukungavumi ukuba ukubandezeleka kukho. UMary Baker Eddy wabhala esithi: “Ububi yinto engekhoyo, yaye abunasiseko sokwenene. Ukuba isono, ukugula nokufa bezijongwa njengezinto ezingekhoyo, bezingasayi kubakho.”—Science and Health With Key to the Scriptures.
Ngenxa yeziganeko ezilusizi embalini, ingakumbi ukususela kwimfazwe yokuqala yehlabathi de kube ngoku, abaninzi baye bagqiba ngelithi uThixo akakwazi ukuphelisa ukubandezeleka. Umphengululi ongumYuda uDavid Wolf Silverman wabhala esithi: “Ndicinga ukuba ukuBulawa Kwabantu Ngenkohlakalo, kubonisa ukuba uThixo akanamandla.” Uhlabela mgama esithi: “Ukuba besinokumqonda uThixo ngomlinganiselo othile, ngoko ke ukulunga Kwakhe kumele kuhambisane nokubakho kobubi, yaye oku kunjalo kuphela ukuba Yena akanamandla.”
Noko ke, ukuthi nguThixo obangela ukubandezeleka, akakwazi ukukuthintela okanye ukubandezeleka yinto nje esezingqondweni zethu, akubathuthuzeli kangako abo babandezelekileyo. Yaye okubaluleke ngakumbi kukuba, iinkolelo ezinjalo azivisisani noThixo osesikweni, onamandla nonenyameko ochazwe eBhayibhileni. (Yobhi 34:10, 12; Yeremiya 32:17; 1 Yohane 4:8) Ngoko ke, iBhayibhile ithini ngesizathu sokuvunyelwa kokubandezeleka?
Kwaqala Njani Ukubandezeleka?
UThixo akazange adale abantu ukuba babandezeleke. Ngokwahlukileyo koko, wanika abantu bokuqala ababini, uAdam noEva, ingqondo nemizimba efezekileyo, wabalungiselela umyezo omhle ukuze bahlale kuwo, waza wababela umsebenzi onenjongo nowanelisayo. (Genesis 1:27, 28, 31; 2:8) Noko ke, ukuze bahlale bonwabile kwakufuneka bathobele ulawulo lukaThixo nelungelo analo lokugqiba ngoko kulungileyo noko kubi. Ilungelo likaThixo lokulawula lalifuziselwa ngumthi owawubizwa ngokuba ‘ngumthi wokwazi okulungileyo nokubi.’ (Genesis 2:17) UAdam noEva babeya kubonakalisa ukuba bayamthobela uThixo kuphela xa bethobela umyalelo wakhe wokungatyi kuloo mthi.a
Okubuhlungu kukuba, uAdam noEva abazange bamthobele uThixo. Isidalwa sokomoya esinemvukelo, esathi kamva sachazwa njengoSathana uMtyholi, samqhatha uEva sisithi wayengayi kufumana nto ngokuthobela uThixo. Eneneni, wayesithi uThixo umhlutha eyona nto inqwenelekayo: ukuzilawula, ilungelo lokuzikhethela oko kulungileyo noko kubi. USathana wathi ukuba wayenokutya kulo mthi, ‘ayeya kuvuleka amehlo akhe aze abe njengoThixo, azi okulungileyo nokubi.’ (Genesis 3:1-6; ISityhilelo 12:9) Elukuhlwa lithemba lokuzilawula, uEva wathabatha isiqhamo esalelweyo, yaye kungekudala uAdam naye walandela.
Kanye ngaloo mini, uAdam noEva baqalisa ukubona imiphumo yokuvukela kwabo. Ngokulugatya ulawulo lukaThixo, baphulukana nenkuselo neentsikelelo ababeza kuzifumana xa bethobela uThixo. UThixo wabagxotha eParadesi waza wathi kuAdam: “Uqalekisiwe umhlaba ngenxa yakho. Uya kuyidla imveliso yawo usiva ubuhlungu yonke imihla yobomi bakho. Uya kudla isonka sokubila kobuso bakho ude ubuyele emhlabeni.” (Genesis 3:17, 19) UAdam noEva baqalisa ukugula, ukuva iintlungu, ukwaluphala nokufa. Ukubandezeleka kuye kwaba yinxalenye yobomi bomntu.—Genesis 5:29.
Ukuzinzisa Imbambano
Omnye usenokubuza, ‘Ngaba uThixo wayengenakusuka nje asibethe ngoyaba isono sika-Adam noEva?’ Akunjalo, kuba oko kwakuya kulenza lidelelwe nangakumbi igunya lakhe, mhlawumbi oko kwenze nabanye bavukele kwixesha elizayo nto leyo eyayinokuphumela ekubandezelekeni okungakumbi. (INtshumayeli 8:11) Ukongezelela, ukukubetha ngoyaba ukungathobeli okunjalo ngekwakumenze naye uThixo wafak’ isandla kwisenzo sobubi. Omnye umbhali weBhayibhile uMoses uyasikhumbuza: “Ugqibelele umsebenzi wakhe, ngokuba zonke iindlela zakhe zisesikweni. NguThixo wentembeko, tu ubugqwetha; lilungisa yaye uthe tye yena.” (Duteronomi 32:4) Ukuze enze ngokuvisisana nemigaqo yakhe, kwafuneka uThixo avumele uAdam noEva bavune oko bakuhlwayeleyo ngokungathobeli kwabo.
Kwakutheni ukuze uThixo angabatshabalalisi ngoko nangoko abantu ababini bokuqala kunye noSathana, oyena mphembeleli ungabonakaliyo wemvukelo yabo? Wayenawo amandla okwenjenjalo. UAdam noEva ngebengazange bavelise inzala eyayizuze ilifa ukubandezeleka nokufa. Noko ke, ukubonakalisa kukaThixo amandla akhe kwakungayi kungqina ukulunga kwegunya lakhe kwizidalwa zakhe ezikrelekrele. Ngapha koko, ukuba uAdam noEva babefe bengenabantwana, oko kwakuya kuthetha ukuba injongo kaThixo yokuzalisa umhlaba ngenzala yabo efezekileyo ayizalisekanga. (Genesis 1:28) Yaye “uThixo akafani nabantu . . . Nantoni ayithembisayo, uyayenza; uyathetha, kuyenzeka.”—Numeri 23:19, Today’s English Version.
Enobulumko obugqibeleleyo, uYehova uThixo wagqiba kwelokuba avumele le mvukelo iqhubeke kangangexesha elithile. Abavukeli babeya kufumana ithuba elaneleyo lokubona oko kunokwenzeka ngokuzimela-geqe kuThixo. Imbali yayiya kubonisa ngokuqinisekileyo ukuba abantu bayalufuna ukhokelo lukaThixo nolawulo lwakhe olongamileyo kunolomntu okanye kunolukaSathana. Kwangaxeshanye, uThixo wathabatha amanyathelo ukuqinisekisa ukuba injongo yakhe yantlandlolo ngomhlaba iya kuzaliseka. Wathembisa ukuba kwakuza kufika “imbewu,” eyayiya ‘kutyumza uSathana entloko’ ize iphelise yonke imvukelo nemiphumo yayo emibi.—Genesis 3:15.
UYesu Kristu wayeyiloo Mbewu ithenjisiweyo. Kweyoku-1 kaYohane 3:8, sifunda ukuba “wabonakaliselwa le njongo uNyana kaThixo, yokuba ayichithe imisebenzi kaMtyholi.” Oku wakwenza ngokunikela ngobomi bakhe obufezekileyo waza wahlawula ixabiso lentlawulelo ukuze akhulule abantwana baka-Adam abazuze isono nokufa njengelifa. (Yohane 1:29; 1 Timoti 2:5, 6) Abo babonakalisa ukholo lokwenene kwidini likaYesu bathenjiswa ukukhululeka ngokupheleleyo ekubandezelekeni. (Yohane 3:16; ISityhilelo 7:17) Kuya kwenzeka nini oku?
Ukuphela Kokubandezeleka
Ukutyeshelwa kwegunya likaThixo kuye kwabangela ukubandezeleka okungathethekiyo. Ngoko ke, kufanelekile ukuba uThixo alisebenzise igunya lakhe ngendlela ekhethekileyo ukuze aphelise ukubandezeleka kwabantu aze azalisekise injongo yakhe yantlandlolo ngomhlaba. UYesu walikhankanya eli lungiselelo likaThixo xa wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathandaze bathi: “Bawo wethu osemazulwini, . . . mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.”—Mateyu 6:9, 10.
Seliza kuphela ixesha lokuvumela kukaThixo ukuba abantu bazilawule. Kuzaliseka isiprofeto seBhayibhile, uBukumkani bakhe basekwa emazulwini ngowe-1914 yaye uYesu Kristu unguKumkani wabo.b Kungekudala, buya kutyumza buze buphelise bonke oorhulumente babantu.—Daniyeli 2:44.
Ebudeni bexesha elifutshane lobulungiseleli bakhe basemhlabeni, uYesu wanikela amavandlakanya eentsikelelo eziya kuziswa kukubuyiselwa kolawulo lukaThixo kuluntu. Iincwadi zeVangeli zinikela ubungqina bokuba uYesu wabonakalisa imfesane kubantu ababengamahlwempu nababejongelwa phantsi. Waphilisa abagulayo, wondla abalambileyo waza wavusa nabafileyo. Kwanamandla endalo aliphulaphula ilizwi lakhe. (Mateyu 11:5; Marko 4:37-39; Luka 9:11-16) Khawube nomfanekiso-ngqondweni woko uYesu aya kukwenza xa esebenzisa idini lakhe lentlawulelo ukuze bonke abantu abathobelayo bazuze! IBhayibhile ithembisa ukuba ngolawulo lukaKristu, uThixo “uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni [abantu], kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona.”—ISityhilelo 21:4.
Intuthuzelo Kwabo Babandezelekileyo
Kuyomeleza ngokwenene ukwazi ukuba uThixo wethu onothando nonamandla onke, uYehova, usikhathalele yaye kungekudala uza kuzisa isiqabu kuluntu! Ngokuqhelekileyo, umntu ogula kakhulu uye amkele naluphi na unyango oluya kumphilisa enoba lubuhlungu kangakanani na. Ngokufanayo, ukuba siyazi ukuba indlela kaThixo yokulungisa izinto iya kuzisa iintsikelelo ezingunaphakade, olo lwazi lunokusomeleza enoba sijamelana nabuphi na ubunzima bokwexeshana.
URicardo, okhankanywe kwinqaku elandulelayo, ungomnye oye wafunda ukuzuza intuthuzelo kwizithembiso zeBhayibhile. Uthi: “Emva kokufa komfazi wam, ndandisoloko ndifuna ukuhlala ndedwa, kodwa kungekudala ndaqonda ukuba oku akuyi kumbuyisa yaye kuya kundenza ndixheleke ngakumbi.” Kunokuba ahlale yedwa, uRicardo waqhubeka esiya kwiintlanganiso zamaKristu yaye ethetha nabanye ngesigidimi seBhayibhile. URicardo uthi: “Njengokuba ndandisiva indlela uYehova awayendixhasa ngayo ngothando yaye ndiphawula indlela ayiphendule ngayo imithandazo yam kwizinto ezibonakala zincinane, ndasondela ngakumbi kuye. Kukuqonda ukuba uThixo uyandithanda okwandenza ndakwazi ukunyamezela esona silingo sinzima endakha ndajamelana naso.” Uyavuma esithi: “Ndisamkhumbula gqitha umfazi wam, kodwa ngoku ndikholelwa kukuba ayikho into ayivumelayo uYehova enokusenza buhlungu ngonaphakade.”
Ngaba ngokufana noRicardo nezinye izigidi zabantu, ulangazelela ixesha xa ukubandezeleka kwabantu ngoku ‘kungayi kukhunjulwa, kunganyuki kuthi qatha entliziyweni’? (Isaya 65:17) Qiniseka ukuba unako ukuzifumana iintsikelelo zoBukumkani bukaThixo ukuba ulandela icebiso leBhayibhile elithi: “Funani uYehova ngoxa esenokufunyanwa. Mbizeni ngoxa esekufuphi.”—Isaya 55:6.
Ukuze ukwazi ukukwenza oku, ukufunda nokufundisisa iLizwi likaThixo ngenyameko makube yinto eza phambili ebomini bakho. Mazi uThixo nalowo amthumileyo, uYesu Kristu. Zabalazela ukuphila ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo uze ngaloo ndlela ubonakalise ukuba uyakufuna ukuzithoba kulongamo lwakhe. Ikhondo elinjalo liya kukuzisela ulonwabo olukhulu ngoku phezu kwazo nje iimvavanyo osenokujamelana nazo. Yaye kwixesha elizayo, uya kuphila kwihlabathi elingenakubandezeleka.—Yohane 17:3.
[Imibhalo esemazantsi]
a Kumbhalo wayo osemazantsi weGenesis 2:17, iThe Jerusalem Bible ichaza “ukwazi okulungileyo nokubi” ‘njengamandla okugqiba . . . ngoko kulungileyo nangoko kubi nokwenza ngokuvisisana noko, nto leyo eyaphumela ekufuneni komntu ukuzimela-geqe nokungavumi ukuba udaliwe.’ Yongezelela isithi: “Isono sokuqala sasikukuhlaselwa kolongamo lukaThixo.”
b Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngesiprofeto seBhayibhile ngokuphathelele owe-1914, bona isahluko 10 ukusa kwese-11 kwincwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Ibhokisi ekwiphepha 6, 7]
SINOKUJAMELANA NJANI NOKUBANDEZELEKA?
“Liphoseni [kuThixo] lonke ixhala lenu.” (1 Petros 5:7) Kuyinto eqhelekileyo ukuziva sididekile, sinomsindo yaye silahliwe xa sijamelene nokubandezeleka okanye xa sibona umntu esimthandayo ebandezeleka. Sekunjalo, masiqiniseke ukuba uYehova uyayiqonda indlela esivakalelwa ngayo. (Eksodus 3:7; Isaya 63:9) Njengamadoda athembekileyo amandulo, sinokuziphalaza iintliziyo zethu kuye simxelele noko kusikhathazayo. (Eksodus 5:22; Yobhi 10:1-3; Yeremiya 14:19; Habhakuki 1:13) Kusenokwenzeka ukuba angaziphelisi ngokungummangaliso izilingo esijamelene nazo, kodwa kuba eyiphendula imithandazo yethu esuka entliziyweni, unokusenza sibe nobulumko namandla okuze sikwazi ukuzisingatha.—Yakobi 1:5, 6.
“Sanukumangaliswa yile ngcinezelo ingaka niphantsi kwayo, ngokungathi nibona umhlola.” (1 Petros 4:12; IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996) Apha uPetros uthetha ngentshutshiso, kodwa la mazwi akhe anokusetyenziswa ngokufanayo kulo naliphi na ikholwa elibandezelekayo. Abantu basenokuswela, bagule baze bafelwe. IBhayibhile ithi sonke sehlelwa “lixesha nasisihlo esingenakubonwa kwangaphambili.” (INtshumayeli 9:11) Abantu bajamelana neemeko ezinjalo namhlanje. Ukukuqonda oku kuya kusinceda xa sijamelene nokubandezeleka nentlekele. (1 Petros 5:9) Eyona nto eya kusinceda kakhulu ukuze sithuthuzeleke, kukukhumbula ukuba “amehlo kaYehova akumalungisa, neendlebe zakhe zibhekiswe ekukhaleleni kwawo uncedo.”—INdumiso 34:15; IMizekeliso 15:3; 1 Petros 3:12.
“Yibani nemihlali ngalo ithemba.” (Roma 12:12) Kunokuba sicinge ngeemini ezimnandi ezadlulayo, sinokucamngca ngesithembiso sikaThixo sokuphelisa konke ukubandezeleka. (INtshumayeli 7:10) Eli themba liqinisekileyo liya kusikhusela njengesigcina-ntloko. Ithemba lisenza sikwazi ukujamelana neenzima ebomini yaye lisinceda siqiniseke ukuba azisenzakalisi engqondweni, ngokweemvakalelo okanye ngokomoya.—1 Tesalonika 5:8.
[Umfanekiso okwiphepha 5]
UAdam noEva balugatya ulawulo lukaThixo
[Umfanekiso okwiphepha 7]
UThixo uthembisa ihlabathi elingenakubandezeleka