“Hlalani Nilindile”!
“Kodwa oko ndikutsho kuni ndikutsho kubo bonke, Hlalani nilindile.”—MARKO 13:37.
1, 2. (a) Sisiphi sifundo esafundwa yenye indoda esingokulondoloza impahla yayo? (b) Ngokomzekeliso kaYesu ongesela, yintoni esiyifundayo ngokuhlala siphaphile?
UJUAN wayezigcina endlwini yakhe izinto zakhe ezixabisekileyo. Wayezifaka phantsi kwebhedi—eyona ndawo wayecinga ukuba inqabisekile endlwini yakhe. Noko ke, ngobunye ubusuku, xa yena nomfazi wakhe babelele, kwangena isela kwigumbi labo lokulala. Kubonakala ukuba eli sela lalisazi kanye apho ezi zinto zibekwe khona. Lachwechwa laza lazithabatha zonke izinto ezixabisekileyo ezaziphantsi kwebhedi kuquka nemali uJuan awayeyifake kwitafilana eyayisecaleni kwebhedi. Ngentsasa elandelayo, uJuan wafumanisa ukuba ubelwe. Uya kuhlala esikhumbula isifundo esibuhlungu awasifundayo: Umntu oleleyo akanakuzikhusela izinto zakhe.
2 Oku kunjalo nangengqiqo engokomoya. Asinakulilondoloza ithemba nokholo lwethu ukuba siyalala. Ngenxa yoko, uPawulos uyasibongoza esithi: “Masingalali njengoko abanye besenza, kodwa masihlale siphaphile, sithe qwa.” (1 Tesalonika 5:6) Ukuze abonise indlela ekubaluleke ngayo ukuhlala siphaphile, uYesu wasebenzisa umzekeliso wesela. Wachaza iziganeko ezaziya kukhokelela kwixesha lokuza kwakhe njengoMgwebi, wandula ke walumkisa esithi: “Hlalani nilindile, ngenxa yokuba aniwazi umhla eza ngawo iNkosi yenu. Kodwa yazini nto inye, ukuba umnini-ndlu ebesazi ukuba isela liza ngawuphi na umlindo, ebeya kuhlala ephaphile aze angavumi ukuba indlu yakhe iqhekezwe. Ngenxa yoku nani hlalani nilungile, kuba uNyana womntu uza ngelixa eningacinganga ukuba lilo.” (Mateyu 24:42-44) Isela alichazi kusengaphambili xa liza kufika. Linethemba lokufika xa kungekho umntu ulilindeleyo. Ngokufanayo, njengoko uYesu watsho, isiphelo sale nkqubo yezinto siya kuza ‘ngelixa esingalicinganga.’
“Hlalani Niphaphile, Yimani Niqinile Elukholweni”
3. Esebenzisa umzekeliso wamakhoboka alindele inkosi yawo ibuye emtshatweni, uYesu wabonakalisa njani ukubaluleka kokuhlala siphaphile?
3 Kumazwi abhalwe kwincwadi yeVangeli kaLuka, uYesu wathelekisa amaKristu namakhoboka alindele inkosi yawo ukuba ibuye emtshatweni. Afanele ahlale ephaphile ukuze ifike engalelanga, elungele ukuyamkela. Ngendlela efanayo uYesu wathi: “UNyana womntu uza ngelixa eningalicingelanga.” (Luka 12:40) Abathile abaye bakhonza uYehova iminyaka emininzi basenokungakuboni ukungxamiseka kwamaxesha esiphila kuwo. Basenokude bagqibe ngelithi isiphelo sisekude. Kodwa ukucinga ngaloo ndlela kusenokwenza singanikel’ ingqalelo ngokupheleleyo kwizinto zokomoya size sizibekele usukelo lwezinto eziphathekayo, nto leyo enokusenza sozele ngokomoya.—Luka 8:14; 21:34, 35.
4. Yintoni eya kusikhuthaza ukuba sihlale siphaphile, yaye uYesu wakubonisa njani oku?
4 Sinokufunda esinye isifundo kumzekeliso kaYesu. Nangona amakhoboka ayengalazi ilixa eyayiza kufika ngalo inkosi yawo, kubonakala ukuba ayebazi bona ubusuku. Ngekwakunzima ukuhlala ephaphile ubusuku bonke ukuba ayecinga ukuba inkosi yawo yayisenokufika ngobunye ubusuku. Kodwa ayebazi kakuhle ubusuku eyayiza kufika ngabo, yaye loo nto yawakhuthaza ngakumbi ukuba ahlale ephaphile. Ngendlela efanayo, iziprofeto zeBhayibhile zichaza ngokucacileyo ukuba siphila kumaxesha okugqibela; kodwa azisixeleli umhla neyure isiphelo esiza kufika ngalo. (Mateyu 24:36) Ukukholelwa ukuba isiphelo siyeza kusinceda sihlale siphaphile, kodwa ukuba seyisekile ngokwenene kwelokuba imini kaYehova ikufuphi, siya kukhuthazeka ngakumbi ukuze sihlale siphaphile.—Zefaniya 1:14.
5. Sinokusabela njani kwisibongozo sikaPawulos ‘sokuhlala siphaphile’?
5 UPawulos, ebhalela abaseKorinte wababongoza esithi: “Hlalani niphaphile, yimani niqinile elukholweni.” (1 Korinte 16:13) Ewe, ukuhlala siphaphile kunxulumene nokuhlala siqinile elukholweni njengamaKristu. Sinokuhlala njani siphaphile? Ngokuzuza ulwazi olunzulu lweLizwi likaThixo. (2 Timoti 3:14, 15) Imikhwa emihle yokufundisisa nokuya rhoqo kwiintlanganiso iya kuba luncedo olukhulu ekomelezeni ukholo lwethu, yaye ukusoloko silukhumbula usuku lukaYehova kuyinkalo ebalulekileyo kukholo lwethu. Ngoko ukuhlola ubungqina obungokweZibhalo bokuba siphila ngasekupheleni kwale nkqubo yezinto ngamaxesha athile kuya kusinceda singazilibali iinyaniso ezibalulekileyo ngokuphathelele ukufika kweso siphelo.a Kwakhona kubalulekile ukuphawula iziganeko ezenzekayo ezizalisekisa iziprofeto zeBhayibhile. Omnye umzalwana eJamani wabhala: “Sihlandlo ngasinye ndibukele iindaba—iimfazwe, iinyikima zomhlaba, ugonyamelo nokungcoliswa komhlaba—kundiqinisekisa ngakumbi ngokusondela kwesiphelo.”
6. UYesu waluzekelisa ngayiphi indlela utyekelo lokungahlali siphaphile ngokomoya njengoko ixesha lihamba?
6 KuMarko isahluko 13, kukho enye ingxelo kaYesu ebongoza abalandeli bakhe ukuba bahlale bephaphile. Ngokutsho kwesi sahluko, uYesu uthelekisa imeko yabo neyomgcini-sango olindele ukubuya kwenkosi yakhe kuhambo olukude. Umgcini-sango wayengazi ilixa eya kubuya ngalo inkosi yakhe. Kwakufuneka nje ahlale elindile. UYesu wathetha ngamaxesha amane awahlukahlukeneyo omlindo eyayinokufika ngawo inkosi. Umlindo wesine wawunokuqala ngentsimbi yesithathu ekuseni kuse ekuphumeni kwelanga. Ngelo xesha lomlindo wokugqibela, umgcini-sango wayesenokoyiswa bubuthongo. Kuthiwa amajoni ayigqala iyure engaphambi kokuphuma kwelanga njengelona thuba lihle lokuhlasela utshaba lungalindelanga. Ngokufanayo, kule mihla yokugqibela, xa ngengqiqo yokomoya ihlabathi elisingqongileyo likubuthongo obunzulu, kusenokuba nzima nakakhulu ngathi ukuhlala siphaphile. (Roma 13:11, 12) Ngenxa yoko, kumzekeliso wakhe, ngokuphindaphindiweyo uYesu wabongoza esithi: “Hlalani nikhangele, hlalani niphaphile . . . Ngoko ke hlalani nilindile . . . Oko ndikutsho kuni ndikutsho kubo bonke, Hlalani nilindile.”—Marko 13:32-37.
7. Yiyiphi ingozi yokwenene ekhoyo, yaye sicinga ngoku, luluphi ukhuthazo esidla ngokufunda ngalo eBhayibhileni?
7 Ngezihlandlo ezininzi ebudeni bobulungiseleli bakhe nasemva ngokuvuswa kwakhe, uYesu wakhuthaza ukuba sihlale siphaphile. Eneneni, nanini na iZibhalo zibhekisela ekupheleni kwale nkqubo yezinto, sifumana isilumkiso sokuhlala siphaphile okanye sihlale silindile.b (Luka 12:38, 40; ISityhilelo 3:2; 16:14-16) Ngokucacileyo, ukozela ngokomoya kuyingozi ngokwenene. Sonke siyazifuna ezo zilumkiso!—1 Korinte 10:12; 1 Tesalonika 5:2, 6.
Abapostile Abathathu Abangazange Bakwazi Ukuhlala Bephaphile
8. Kumyezo waseGetsemane, abapostile bakaYesu abathathu benza ntoni xa wabacela ukuba bahlale belindile?
8 Ukuhlala uphaphile kufuna okungakumbi kunokuba nomnqweno nje kuphela wokwenjenjalo, njengoko sibona kumzekelo kaPetros, uYakobi noYohane. La ngamadoda amathathu awayephilile ngokomoya awamlandela uYesu ngokunyaniseka nawayemthanda ngokunzulu. Sekunjalo, ngobusuku bangoNisan 14, 33 C.E., abazange bakwazi ukuhlala bephaphile. Eshiya igumbi eliphezulu ayeqhubele kulo iPasika, aba bapostile bathathu bahamba noYesu ukuya kumyezo waseGetsemane. Apho uYesu wathi kubo: “Umphefumlo wam ubuhlungu ngokunzulu, de kuse ekufeni. Hlalani apha, nihlale nilindile kunye nam.” (Mateyu 26:38) UYesu wathandaza ngokuzingisileyo izihlandlo ezithathu kuYise wasezulwini, yaye wabuyela kubahlobo bakhe izihlandlo ezithathu waza wabafumana belele.—Mateyu 26:40, 43, 45.
9. Yintoni esenokuba yozelisa abapostile?
9 Kwakutheni ukuze la madoda mathathu athembekileyo amphoxe uYesu ngobo busuku? Kungokuba ayediniwe. Kwakusebusuku kakhulu, mhlawumbi emva kwasezinzulwini zobusuku, yaye ‘amehlo awo ayenzima’ bubuthongo. (Mateyu 26:43) Sekunjalo, uYesu wathi: “Hlalani nilindile yaye nithandaze ngokuqhubekayo, ukuze ningangeni ekuhendweni. Kambe ke, umoya unentumekelelo, kodwa inyama ibuthathaka.”—Mateyu 26:41.
10, 11. (a) Phezu kwako nje ukudinwa, yintoni eyamnceda uYesu ukuba ahlale ephaphile kumyezo waseGetsemane? (b) Yintoni esinokuyifunda koko kwenzeka kubapostile abathathu xa uYesu wabacela ukuba bahlale bephaphile?
10 Alithandabuzeki elokuba, naye uYesu wayediniwe ngobo busuku bubalulekileyo. Noko ke, kunokuba alale, wachitha ezo yure zokugqibela zibalulekileyo ekhululekile ethandaza ngokuzingisileyo. Kwiintsuku ezimbalwa ngaphambilana, wayebongoze abalandeli bakhe ukuba bathandaze, esithi: “Hlalani niphaphile, ngoko, lonke ixesha nisenza isikhungo ukuze niphumelele ekubalekeni zonke ezi zinto zimiselwe ukubakho, nasekumeni phambi koNyana womntu.” (Luka 21:36; Efese 6:18) Ukuba siyasithobela isiluleko sikaYesu size silandele umzekelo wakhe omhle ngokuphathelele umthandazo, izibongozo zethu ezinyanisekileyo kuYehova ziya kusinceda sihlale siphaphile ngokomoya.
11 Kakade ke, uYesu wayesazi ukuba kungekudala wayeza kubanjwa aze agwetyelwe ukufa nangona abafundi bakhe babengazi ngelo xesha. Izilingo awayeza kujamelana nazo zaziya kufikelela kwincopho engcungcuthekisayo kumthi wentuthumbo. UYesu wayebalumkisile abapostile bakhe ngezi zinto, kodwa abazange bakuqonde oko wayekuthetha. Ngenxa yoko, balala ngoxa yena wayephaphile yaye ethandaza. (Marko 14:27-31; Luka 22:15-18) Njengokuba kwakunjalo kubapostile, nayo inyama yethu ibuthathaka yaye kukho izinto esingekazazi. Sekunjalo, ukuba asikuqondi ukungxamiseka kwamaxesha esiphila kuwo, sinokozela ngokomoya. Kuphela kungokuhlala silumkile okuya kusenza sihlale siphaphile.
Iimpawu Ezintathu Ezibalulekileyo
12. Ziziphi iimpawu ezintathu uPawulos azinxulumanisa nokuhlala kwethu siphaphile?
12 Sinokuhlala njani sikuqonda ukungxamiseka kwamaxesha esiphila kuwo? Sele sibonile ukubaluleka komthandazo nemfuneko yokuhlala siwukhumbula umhla kaYehova. Ukongezelela, uPawulos ukhankanya iimpawu ezintathu ezibalulekileyo esifanele sizihlakulele. Uthi: “Kodwa thina ke bangabemini, masithi qwa, sinxibe isigcina-sifuba sokholo nothando nesigcina-ntloko esilithemba losindiso.” (1 Tesalonika 5:8) Ngokufutshane makhe siqwalasele indlela olusinceda ngayo ukholo, ithemba nothando ukuze sihlale siphaphile ngokomoya.
13. Ukholo lunayiphi indima ekusigcineni siphaphile?
13 Simele sibe nokholo olungagungqiyo lokuba uYehova ukho nokuba “ungumvuzi wabo bamfuna ngenyameko.” (Hebhere 11:6) Ukuzaliseka kokuqala kwesiprofeto sikaYesu esiphathelele isiphelo ngenkulungwane yokuqala komeleza ukholo lwethu kwinzaliseko yaso enkulu ebudeni bexesha lethu. Yaye ukholo lwethu lusigcina siyilindele ngolangazelelo imini kaYehova, siqinisekile ukuba “[umbono osisiprofeto] uya kuba yinyaniso nakanjani na. Awuyi kufika emva kwexesha.”—Habhakuki 2:3.
14. Kutheni ithemba libalulekile ukuze sihlale siphaphile?
14 Ithemba lethu eliqinisekileyo lifana “neankile yomphefumlo” esenza sikwazi ukunyamezela iinzima enoba kufuneka silindele ukuzaliseka kwezithembiso ezithile zikaThixo. (Hebhere 6:18, 19) UMargaret, udade othile othanjiswe ngomoya okwiminyaka yakhe yama-90 ubudala owabhaptizwa kwiminyaka engaphezu kwengama-70 eyadlulayo, uyavuma esithi: “Xa umyeni wam wayebulawa ngumhlaza ngowe-1963, ndavakalelwa kukuba bekuya kuba kuhle ukuba isiphelo besinokufika ngokukhawuleza. Kodwa ngoku ndifumanisa ukuba ndandicingela kuphela isiqu sam. Sasingenalo nofifi ngeloo xesha ukuba umsebenzi wawuya kwanda ufikelele ihlabathi lonke. Kwanangoku, kusekho iindawo ezininzi apho umsebenzi wethu uqalisa ukuvulwa. Ngoko ndiyavuya kuba uYehova ebonakalise umonde.” Umpostile uPawulos usiqinisekisa esithi: “Unyamezelo luvelisa ukukholeka; ukukholeka kuvelisa ithemba, kwaye ithemba alidanisi.”—Roma 5:3-5.
15. Uthando luya kusikhuthaza njani enoba kubonakala ngathi siye salinda ixesha elide?
15 Uthando lwamaKristu luphawu olubalaseleyo kuba yonke into esiyenzayo isekelwe kulo. Sikhonza uYehova kuba simthanda, kungakhathaliseki ukuba ixesha lakhe lifika nini. Uthando ngabamelwane bethu lusenza sishumayele iindaba ezilungileyo zoBukumkani, enoba uThixo ufuna senjenjalo ixesha elide kangakanani yaye enoba sifanele sibuyele emakhayeni abantu izihlandlo ezininzi kangakanani. Njengoko uPawulos wabhala, “zintathu izinto eziya kuhlala zihleli, lukholo, nethemba, nothando; kodwa eyona inkulu kuzo luthando.” (1 Korinte 13:13) Uthando lusinceda sinyamezele yaye sihlale siphaphile. “[Uthando] luthemba izinto zonke, lunyamezela izinto zonke. Uthando aluze lutshitshe.”—1 Korinte 13:7, 8.
“Qhubeka Ukubambe Nkqi Oko Unako”
16. Kunokuba siyekelel’ umxakatho, sisiphi isimo sengqondo esifanele sisihlakulele?
16 Siphila kumaxesha amanqam xa iziganeko zehlabathi zihlala zisikhumbuza ukuba siphila ngasekupheleni kwemihla yokugqibela. (2 Timoti 3:1-5) Ngoku asiloxesha lakuyekelel’ umxakatho kodwa ‘lelokuqhubeka sikubambe nkqi oko sinako.’ (ISityhilelo 3:11) Ngokuhlala ‘sikuphaphele ukuthandaza’ nangokuhlakulela ukholo, ithemba nothando, siya kuzingqina sililungele ilixa lovavanyo. (1 Petros 4:7) Ininzi into esifanele siyenze emsebenzini weNkosi. Ukuxakeka zizenzo zobuthixo kuya kusinceda sihlale siphaphile.—2 Petros 3:11.
17. (a) Kutheni singafanele sidimazeke ngenxa yokuphoxeka ngamaxesha athile? (Bona ibhokisi kwiphepha 21.) (b) Sinokumxelisa njani uYehova, yaye abo benjenjalo balindelwe ziziphi iintsikelelo?
17 UYeremiya wabhala esithi: “UYehova sisabelo sam, . . . ngenxa yoko ndiya kulindela kuye. Ulungile uYehova kulowo uthembele kuye, kumphefumlo oqhubeka umfuna. Kulungile ukuba ubani alulindele, ethe cwaka, usindiso lukaYehova.” (IZililo 3:24-26) Abathile kuthi akukudala belindile. Abanye sebelinde iminyaka emininzi ukuze balubone usindiso lukaYehova. Noko ke, elo xesha lokulinda lifutshane gqitha xa lithelekiswa nobomi obungunaphakade obuzayo! (2 Korinte 4:16-18) Yaye ngoxa silindele ixesha likaYehova elifanelekileyo, sinokuhlakulela iimpawu eziyimfuneko kumaKristu size sincede abanye ukuze bazuze kumonde kaYehova baze bamkele inyaniso. Ngoko ke, ngamana sonke singahlala siphaphile. Masixelise uYehova size sibe nomonde, sinombulelo ngethemba asinike lona. Yaye njengoko ngokuthembeka sihlala siphaphile, ngamana singabambelela ngokuqinileyo kwithemba lobomi obungunaphakade. Ziya kwandula ke ezi zithembiso ziprofetiweyo zizaliseke kuthi: “[UYehova] uya kukuphakamisa uwudle ilifa umhlaba. Xa abangendawo benqunyulwa, uya kubona.”—INdumiso 37:34.
[Imibhalo esemazantsi]
a Kusenokuba luncedo ukuhlolisisa iinkalo ezintandathu ezibubungqina bokuba siphila ‘kwimihla yokugqibela’ ezifumaneka kwiphepha 12-3 kwiMboniselo kaJanuwari 15, 2000.—2 Timoti 3:1.
b Ethetha ngesenzi sesiGrike esiguqulelwe ngokuthi “hlalani niphaphile,” umbhali wesichazi-magama uW. E. Vine uthi ngokoqobo kuthetha ‘ukugxotha ubuthongo,’ yaye “asithethi nje ukuthi qwa, kodwa sithetha abo ngolangazelelo bahlala belindele into ethile.”
Unokuphendula Uthini?
• Yintoni enokusinceda siqiniseke ngakumbi ukuba isiphelo sale nkqubo yezinto sikufuphi?
• Yintoni esinokuyifunda kumzekelo kaPetros, uYakobi noYohane?
• Ziziphi iimpawu ezintathu ezinokusinceda sihlale siphaphile ngokomoya?
• Kutheni eli ilixesha ‘lokukubamba nkqi oko sinako’?
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 21]
“Unoyolo Lowo Uhlala Elindile.”—Daniyeli 12:12
Khawube nomfanekiso-ngqondweni womlindi orhanela ukuba kukho isela eliza kuqhekeza kwindawo asebenza kuyo. Xa kusihlwa, lo mlindi uphulaphula ngenyameko nasiphi na isandi esibonisa ukuba kukho isela. Ngamaxesha onke uhlala ephulaphule yaye ethe qwa. Kulula ukubona indlela anokukhohliswa ngayo sisandi nje—ukurhwashaza komthi ngenxa yomoya okanye ingxolo ebangelwa yikati ewisa into ethile.—Luka 12:39, 40.
Kunokwenzeka okufanayo kwabo ‘balinde ngentumekelelo ukutyhileka kweNkosi yethu uYesu Kristu.’ (1 Korinte 1:7) Abapostile babecinga ukuba uYesu wayeza ‘kubuyisela ubukumkani bukaSirayeli’ kungekudala emva kokuvuswa kwakhe. (IZenzo 1:6) Kwiminyaka kamva, amaKristu aseTesalonika akhunjuzwa ukuba uYesu wayeya kubakho kwixesha elithile elizayo. (2 Tesalonika 2:3, 8) Sekunjalo, ukungafiki kosuku lukaYehova ngexesha ebelilindelwe ngalo akuzange kwenze abalandeli bakaYesu bokuqala bayishiye indlela esa ebomini.—Mateyu 7:13.
Kumhla wethu, asifanele siyekelel’ umxakatho ngenxa yokudaniswa kukubona ngathi isiphelo sale nkqubo yezinto aside sifike. Umlindi ophaphileyo usenokukhohliswa sisandi nje esingathethi nto, sekunjalo ufanele ahlale elindile! Lowo ngumsebenzi wakhe. Oku kunjalo nangamaKristu.
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Ngaba uqinisekile ukuba imini kaYehova ikufuphi?
[Imifanekiso ekwiphepha 19]
Iintlanganiso, umthandazo nemikhwa emihle yokufundisisa isinceda sihlale siphaphile
[Umfanekiso okwiphepha 22]
NjengoMargaret, ngamana singanomonde size sihlale siphaphile