Ukufunda Ukuthetha Nokwenza Izinto Ngobuchule
UPEGGY weva unyana wakhe ethetha rhabaxa nomninawa wakhe. Wambuza: “Ucinga ukuba leyo yindlela efanelekileyo yokuthetha nomntakwenu? Khangela indlela aqumbe ngayo.” Kwakutheni ukuze athethe loo mazwi? Wayezama ukufundisa unyana wakhe indlela yokubaphatha kakuhle abanye nokuba nolwazelelelo kubo.
Umpostile uPawulos wakhuthaza umhlobo wakhe oselula uTimoti ukuba ‘athantamise kubo [okanye abaphathe kakuhle] bonke.’ Ngokwenjenjalo, uTimoti wayengayi kubakhathaza abanye. (2 Timoti 2:24) Kukuthini ukuthetha nokwenza izinto ngobuchule? Unokuphucula njani kule nkalo? Yaye unokubanceda njani abanye ukuze babe nobu buchule?
Kukuthini Ukuthetha Nokwenza Izinto Ngobuchule?
Esinye isichazi-magama sikuchaza oku ngokuthi “kukuqonda ubuethe-ethe bombandela uze uwusingathe ngobuchule okanye uthethe amazwi obubele.” Le ntsingiselo isusela kwigama lesiNgesi santlandlolo elalithetha ukuchukumisa. Kanye njengokuba unokuyiva ngeminwe ukuba into incangathi, ithambile, igudile, ishushu, okanye inoboya, ngokukwanjalo ke nomntu onobuchule bokuthetha nobokwenza izinto unokuyiqonda indlela abanye abavakalelwa ngayo aze ayiqonde indlela amazwi okanye izenzo zakhe ezibachaphazela ngayo. Kodwa ukwenjenjalo akubobuchule nje kuphela; kukuba nomnqweno onzulu wokungafuni ukubakhathaza abanye.
EBhayibhileni sibaliselwa ngomkhonzi kaElisha, uGehazi owayengqwabalala. Umfazi waseShunem owayesandul’ ukufelwa ngunyana wakhe weza kuElisha, efuna ukuthuthuzelwa. Xa wabuzwa enoba usaphila na, wathi: “Sisaphila.” Kodwa xa wasondela kulo mprofeti, “uGehazi wasondela ukuze amshenxise.” Kodwa uElisha wathi: “Myeke, kuba umphefumlo wakhe ukrakra ngaphakathi kuye.”—2 Kumkani 4:17-20, 25-27.
Kwakutheni ukuze uGehazi abe ngqwabalala kangaka? Liyinyaniso elokuba lo mfazi akazange ayichaze imeko yakhe xa wabuzw’ impilo. Phofu ke, abantu abaninzi abayichazeli nabani na intlungu yabo. Sekunjalo, kufanele ukuba wayebonakala ukuba usentlungwini. Licacile elokuba uElisha wakubona oko, kodwa yena uGehazi akazange akubone, okanye wakhetha ukwenza ngathi akakuboni. Oku kusibonisa kakuhle isizathu esidla ngokubangela ukuba abantu bangathethi okanye benze izinto ngobuchule. Xa ubani ezixakekise gqitha ngomsebenzi wakhe, kulula ukuzilibala okanye ukungazikhathaleli iintswelo zabanye. Ufana kanye nomqhubi webhasi ekuthiwa kwakubaluleke gqitha kuye ukufika ngexesha kangangokuba akazange amise endleleni ukuze akhwelise abantu.
Ukuze siphephe ukuba ngqwabalala njengoGehazi, sifanele sizabalazele ukubaphatha abanye ngobubele, kuba asiyazi ngokwenene indlela abavakalelwa ngayo. Ngamaxesha onke sifanele sikwazi ukuyibona msinya indlela ubani avakalelwa ngayo size sithethe naye okanye simphathe ngobubele. Unokubuphucula njani ubuchule bakho kule nkalo?
Ukuyiqonda Indlela Abanye Abavakalelwa Ngayo
UYesu wayebalasele ekuqondeni indlela abantu ababevakalelwa ngayo nasekubaphatheni ngobubele abanye. Ngenye imini wayekwisidlo endlwini kaSimon, umFarisi, xa kweza kuye umfazi “owayesaziwa esixekweni ukuba ungumoni.” Naye lo mfazi, akazange athethe, kodwa ininzi into ubani awayenokuyiphawula kuye. “Wazisa iqhaga lealabhasta elineoli yobulawu, yaye, waya ngemva ezinyaweni [zikaYesu], walila waza wazifefa iinyawo zakhe ngeenyembezi zakhe, wazisula ngeenwele zentloko yakhe. Wazanga iinyawo zakhe waza wazithambisa ngeoli yobulawu.” UYesu wayiqonda injongo yokwenjenjalo. Nangona uSimon engazange athethe nto, uYesu wakwazi ukuyiqonda into awayeyithetha ngaphakathi: “Lo mntu, ukuba ebengumprofeti, ngesazi ukuba ngubani yaye luhlobo luni lomfazi alulo lo umchukumisayo, ukuba ungumoni.”—Luka 7:37-39.
Ngaba unokuyicingela indlela engewayebuhlungu ngayo loo mfazi ukuba uYesu wayemgxothile, okanye ukuba wayethe kuSimon: “Sidengendini sendoda! Akuboni na ukuba lo mfazi uguqukile?” Kunoko, uYesu ngokubuchule wenzela uSimon umzekeliso wendoda eyacima ityala elikhulu lomntu othile yaza yacima nelincinane lomnye. UYesu wabuza: “Yiyiphi na kuwo eya kumthanda ngakumbi?” Ngoko ke, kunokuba abonakale ngathi ugxeka uSimon, uYesu wamncoma ngempendulo yakhe echanileyo. Wandula ke ngobubele wamnceda uSimon ukuze abone iimpawu ezininzi ezazibonisa indlela ngokwenene awayevakalelwa ngayo loo mfazi nendlela awabonakalisa ngayo ukuba uguqukile. UYesu waphethukela kuloo mfazi waza ngobubele wambonisa ukuba uyayiqonda indlela avakalelwa ngayo. Wamxelela ukuba izono zakhe zixolelwe waza emva koko wathi: “Ukholo lwakho lukusindisile; hamba ngoxolo.” Amele ukuba loo mazwi obuchule amkhuthaza ngokwenene loo mfazi ukuba azimisele ukwenza okulungileyo! (Luka 7:40-50) UYesu wayekwazi ukuzenza izinto nokuthetha ngobuchule kuba wayeyiphawula indlela abantu abavakalelwa ngayo aze abonakalise imfesane.
Kanye njengokuba uYesu wamncedayo uSimon, nathi sinokufunda size sincede abanye bakwazi ukuyibona indlela abavakalelwa ngayo abanye. Abalungiseleli abanamava maxa wambi banokufundisa abasebatsha obu buchule kubulungiseleli bamaKristu. Emva kotyelelo lokushumayela iindaba ezilungileyo, banokuthetha ngeempawu ezibonisa indlela abavakalelwa ngayo abantu abadibene nabo. Ngaba loo mntu ebeneentloni, akayikholelwa into abayithethileyo, ebecaphukile okanye exakekile? Yiyiphi indlela yobubele anokuncedwa ngayo? Kwakhona abadala banokunceda abazalwana noodade abasenokuba baye bakhubekisana. Ncedani ngamnye wabo ayiqonde indlela avakalelwa ngayo omnye. Ngaba uvakalelwa kukuba uthukiwe, akahoywanga, okanye ayiqondwanga kakuhle into ebeyithetha okanye ayenzileyo? Ukuphathwa ngobubele kunokumnceda njani axole?
Abazali bafanele bancede abantwana babo ukuze babe nemfesane, ekubeni oko kuya kubanceda benze baze bathethe ngobuchule. Unyana kaPeggy ekuthethwe ngaye ekuqaleni, waphawula ukuba umninawa wakhe ujalile, uqumbile yaye amehlo akhe agwantye iinyembezi waza wayiqonda intlungu akuyo. Kanye njengokuba unina wayenethemba lokuba uya kwenjenjalo, wazisola waza wazimisela ukuba akasoze aphinde. Bobabini oonyana bakaPeggy basebenzisa ubuchule ababebufunde beselula yaye kwiminyaka emininzi kamva baba ngabenzi babafundi abaphumelelayo nabalusi kwibandla lamaKristu.
Bonisa Ukuba Uyaqonda
Kubaluleke gqitha ukuba nobuchule xa ukhalaza kumntu othile. Ungaqondanga unokumthob’ isidima. Kusoloko kukuhle ukuqale umncome loo mntu ngento ethile. Kunokuba ugxeke yena, thetha ngengxaki. Mchazele indlela ekuchaphazele ngayo into ayenzileyo kunye nenguqulelo ongathanda ukuyibona. Yandula ke ukulungele ukuphulaphula. Mhlawumbi akukhange uyiqonde injongo yokuba enze into ethile okanye akumvanga kakuhle.
Abantu bayakuthanda ukwazi ukuba uluqondile uluvo lwabo enoba akuvumelani nalo. UYesu wathetha ngobuchule, ebonisa ukuba uyasiqonda isizathu sokuba uMarta anxunguphale. Wathi: “Marta, Marta, uzixhalabise ngezinto ezininzi.” (Luka 10:41) Ngendlela efanayo, xa ubani ekuchazela ingxaki, kunokuza nesicombululo ngaphambi kokuba uyive, indlela yobuchule yokubonisa ukuba uyayiqonda loo ngxaki kukuyiphinda loo nto ayithethayo okanye eso sikhalazo ngamazwi akho. Le yindlela yobubele yokubonisa ukuba uyayiqonda loo ngxaki.
Yazi Into Ongafanele Uyithethe
Xa uKumkanikazi uEstere wayefuna ukucela umyeni wakhe ukuba atshitshise iyelenqe likaHaman lokutshabalalisa amaYuda, wenza izinto ezaziza kumonwabisa umyeni wakhe. Emva koko ke wawuphalaza lo mbandela untununtunu. Kwakhona kuhle ukuyiphawula into angazange ayithethe. Akazange ayikhankanye nakancinane inxaxheba umyeni wakhe awayenayo kweli yelenqe.—Estere 5:1-8; 7:1, 2; 8:5.
Ngokufanayo, xa utyelela umyeni ongakholwayo kadade ongumKristu, kunokusuka nje umfundele iBhayibhile, kutheni ungaqalisi ukumbuza ngobuchule ngezinto azithandayo? Xa umntu oqalayo ukuza kwiHolo yoBukumkani enxibe ngokungandilisekanga okanye umntu esiza kwiintlanganiso emva kwexesha elide, mamkele ngokufudumeleyo kunokuthetha ngendlela anxibe ngayo okanye ukungezi kwakhe ezintlanganisweni ixesha elide. Yaye xa uphawula ukuba umntu onomdla unembono ephosakeleyo ngombandela othile, kusenokuba kuhle ukuba ungamlungisi ngoko nangoko. (Yohane 16:12) Ubuchule buquka ukuyiqonda into ongafanele uyithethe.
Amazwi Aphilisayo
Ukufunda ubuchule bokuthetha kuya kukunceda ube nolwalamano oluhle nabanye, enoba ubani akakuqondi oko ukuthethayo okanye injongo yoko ukwenzayo, ukhathazekile yaye unengqumbo. Ngokomzekelo, xa amadoda akwaEfrayim “azama ukuqhwaya ingxabano . . . kabukhali” noGidiyon, impendulo yakhe yobuchule yayiquka inkcazelo ecacileyo yoko kwenzekileyo nokuwancoma ngokunyanisekileyo amadoda akwaEfrayim ngoko akwenzileyo. Obu yayibubuchule kuba wasiqonda isizathu sokuba akhathazeke, yaye ukuzithoba kwakhe kwawenza axola.—ABagwebi 8:1-3; IMizekeliso 16:24.
Ngamaxesha onke zama ukucinga ngendlela amazwi akho aza kubachaphazela ngayo abanye abantu. Ukwenza umgudu wokuba nobuchule kuya kukunceda ufumane uvuyo oluchazwe kwiMizekeliso 15:23 ethi: “Umntu uba nemihlali ngempendulo yomlomo wakhe, yaye hayi indlela elilunge ngayo ilizwi elithethwa ngexesha elifanelekileyo!”
[Umfanekiso okwiphepha 31]
Abalungiseleli abangamaKristu abanamava banokufundisa abasebatsha ukuba benze baze bathethe ngobuchule
[Umfanekiso okwiphepha 31]
Abazali banokufundisa abantwana babo ukuba nolwazelelelo ngabanye