‘Liphathe Ngokufanelekileyo Iliziwi LikaThixo’
“Yenza unako-nako ukuba uzinikele ukholekile kuThixo, ungumsebénzi ongenazintloni nganto, uliphatha ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso.”—2 TIMOTI 2:15.
1, 2. (a) Kutheni abasebénzi kufuneka babe nezixhobo zokusebenza? (b) Nguwuphi umsebenzi abandakanyeke kuwo amaKristu, yaye abonisa njani ukuba afuna kuqala uBukumkani?
ABASEBENZI kufuneka babe nezixhobo zokusebenza ukuze bawenze umsebenzi. Sekunjalo, ukusebenzisa nasiphi na isixhobo akwanele. Umsebénzi kufuneka abe nesixhobo sokusebenza esifunekayo, yaye umele asisebenzise ngendlela efanelekileyo. Ngokomzekelo, ukuba wakha ishedi yaye ufuna ukudibanisa iibhodi ezimbini, akufuneki hamile nezikhonkwane nje kuphela. Kufuneka ukwazi ukubethelela isikhonkwane eplangeni, singagobi. Ukuzama ukubethelela isikhonkwane eplangeni xa ungakwazi ukusebenzisa ihamile kunokuba nzima kakhulu, kude kucaphukise. Kodwa izixhobo ezisetyenziswa kakuhle ziyasinceda siwugqibe umsebenzi ngempumelelo.
2 NjengamaKristu, sinomsebenzi esifanele siwenze. Lo msebenzi ubaluleke ngendlela engenakuthelekiswa. UYesu Kristu wabongoza abalandeli bakhe ukuba ‘bafune kuqala ubukumkani.’ (Mateyu 6:33) Sinokukwenza njani oko? Enye indlela yokukwenza kukuba nenzondelelo kumsebenzi wokuvakalisa uBukumkani nowokwenza abafundi. Ukanti enye kukuba ubulungiseleli bethu busekelwe ngokuqinileyo kwiLizwi likaThixo. Eyesithathu, yihambo entle. (Mateyu 24:14; 28:19, 20; IZenzo 8:25; 1 Petros 2:12) Ukuze sibe nempumelelo yaye siwenze sivuya lo msebenzi wabelwe amaKristu, kufuneka sibe nezixhobo ezifanelekileyo yaye siyazi indlela yokuzisebenzisa efanelekileyo. Kule nkalo, umpostile uPawulos wamisela umzekelo obalaseleyo njengomsebénzi ongumKristu, yaye wakhuthaza amanye amakholwa ukuba amxelise. (1 Korinte 11:1; 15:10) Ngoko ke, yintoni esinokuyifunda kuPawulos, umsebénzi olidlelane nathi?
UPawulos—Umvakalisi WoBukumkani Onenzondelelo
3. Kutheni kunokuthiwa umpostile uPawulos wayengumsebénzi woBukumkani onenzondelelo?
3 Wayeluhlobo olunjani lomsebénzi uPawulos? Ngokuqinisekileyo wayengumsebénzi onenzondelelo. UPawulos wazibhokoxa, esasaza iindaba ezilungileyo kummandla obanzi owawujikeleze iMeditera. Echaza isizathu sokuba avakalise uBukumkani ngenzondelelo, lo mpostile ungazange adinwe uthi: “Ukuba ndivakalisa iindaba ezilungileyo, andinasizathu sakuqhayisa, kuba oko kuyimfuneko. Yeha ke mna ukuba andizivakalisi iindaba ezilungileyo!” (1 Korinte 9:16) Ngaba uPawulos wayenomdla wokusindisa ubomi bakhe nje kuphela? Nakanye. Wayengacingeli yena yedwa. Kunoko, wayenqwenela ukuba nabanye bangenelwe kwiindaba ezilungileyo. Wabhala: “Ndenza zonke izinto ngenxa yeendaba ezilungileyo, ukuze ndabelane nabanye ngazo.”—1 Korinte 9:23.
4. Sisiphi isixhobo abasixabise ngokwenene abasebenzi abangamaKristu?
4 Umpostile uPawulos wayengumsebénzi othozamileyo, owayeqonda ukuba wayengenakuthembela kubugcisa bakhe nje kuphela. Kanye njengokuba umchweli kufuneka abe nehamile, uPawulos kwakufuneka abe nesixhobo esifanelekileyo ukuze amilisele inyaniso kaThixo ezintliziyweni zabo babemphulaphula. Sisiphi esona sixhobo sibalaseleyo awasisebenzisayo? Wasebenzisa iLizwi likaThixo, iZibhalo Ezingcwele. Ngokufanayo, iBhayibhile sesona sixhobo sibalaseleyo sisisebenzisayo xa sisenza abafundi.
5. Ukuze sibe ngabalungiseleli abaphumelelayo, yintoni enye ekufuneka siyenze ngaphandle kokucaphula izibhalo?
5 UPawulos wayesazi ukuba ukuliphatha ngokufanelekileyo iLizwi likaThixo kwakubandakanya okungakumbi kunokucaphula nje kulo. Wasebenzisa “ukweyisela.” (IZenzo 28:23) Njani? UPawulos walisebenzisa ngempumelelo iLizwi likaThixo elibhaliweyo ukuze eyisele abaninzi ekubeni bayamkele inyaniso yoBukumkani. Wayeqiqa nabo. UPawulos wachitha iinyanga ezintathu ‘enikela iintetho kwindlu yesikhungu yase-Efese yaye ebeyisela kubukumkani bukaThixo.’ Ngoxa “abathile baqhubeka bezenza lukhuni yaye bengakholwa,” abanye bamphulaphula. Ngenxa yobulungiseleli bukaPawulos e-Efese, “Ilizwi likaYehova lahlala likhula yaye lisoyisa.”—IZenzo 19:8, 9, 20.
6, 7. UPawulos wabuzukisa njani ubulungiseleli bakhe, yaye sinokukwenza njani okufanayo?
6 Njengomvakalisi woBukumkani onenzondelelo, uPawulos ‘wayebuzukisa ubulungiseleli bakhe.’ (Roma 11:13) Njani? Wayengenamdla wokuzizukisa; kananjalo engenazintloni zokwaziwa ngokubanzi njengomnye wabasebenzi abangamadlelane kaThixo. Kunoko, ubulungiseleli bakhe wayebujonga njengelona lungelo likhulu. UPawulos walisebenzisa ngobuchule nangempumelelo iLizwi likaThixo. Abanye bakhuthazwa ngumsebenzi wakhe owawuneziqhamo, yaye wabanceda babuzalisa ubulungiseleli babo. Ubulungiseleli bakhe bazukiswa nangale ndlela.
7 Ngokufanayo noPawulos, sinokuwuzukisa umsebenzi wethu njengabalungiseleli ngokulisebenzisa rhoqo nangempumelelo iLizwi likaThixo. Kuzo zonke iinkalo zobulungiseleli bethu basentsimini, sifanele sibe nosukelo lokuxelela abantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka ngeZibhalo. Sinokweyisela njani xa sisenza oku? Qwalasela ezi ndlela zintathu zibalulekileyo: (1) Yalathisela ingqalelo kwiLizwi likaThixo ngendlela eya kulenza lihlonelwe. (2) Kucacise ngobuchule oko iBhayibhile ikutshoyo uze uchaze indlela okusebenza ngayo. (3) Qiqa ngeZibhalo ngendlela eyeyisayo.
8. Ziziphi izixhobo zokuvakalisa uBukumkani esinazo namhlanje, yaye uye wazisebenzisa njani?
8 Ngexesha lobulungiseleli bukaPawulos, zazingekho izixhobo ezisetyenziswa ngabavakalisi boBukumkani abaphilayo ngoku. Ezi ziquka iincwadi, amaphephancwadi, iincwadana ezinemifanekiso, izimemo, amaphecana, iikhasethi kunye neekhasethi zevidiyo. Kwinkulungwane edluleyo, kwakusetyenziswa namaqweqwe okunikel’ ubungqina, iigramafoni, iinqwelo-mafutha ezinesandisi-lizwi nosasazo lukanomathotholo. Kakade ke, esona sixhobo sisisebenzisayo yiBhayibhile, yaye kufuneka sisisebenzise kakuhle nangendlela efanelekileyo esi sixhobo sibalulekileyo.
Ubulungiseleli Bethu Bumele Busekelwe KwiLizwi LikaThixo
9, 10. Ngokuphathelele ukusebenzisa iLizwi likaThixo, sinokufunda ntoni kwisiluleko sikaPawulos esasisiya kuTimoti?
9 Sinokulisebenzisa njani iLizwi likaThixo njengesixhobo esiphumelelayo? Ngokuthobela la mazwi uPawulos awayewabhekisa kuTimoti owayesebenza kunye naye: “Yenza unako-nako ukuba uzinikele ukholekile kuThixo, ungumsebénzi ongenazintloni nganto, uliphatha ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso.” (2 Timoti 2:15) Yintoni ebandakanyekileyo ‘ekuliphatheni ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso’?
10 Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “uliphatha ngokufanelekileyo” ngokoqobo lithetha ukuthi “usika ngokungqalileyo” okanye “unqumla indlela ngokungqalileyo.” KwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike elo binzana lisetyenziswa kuphela kumazwi kaPawulos xa wayebongoza uTimoti. Kwaeli gama linye linokusetyenziswa xa kuchazwa ukulima ifolo engqale ngqo enqumla intsimi. Ifolo egosogoso inokumhlaza umlimi oligqala. Ukuze abe ‘ngumsebenzi ongenazintloni nganto,’ uTimoti wakhunjuzwa ukuba ukunxaxha kwakungayi kwamkeleka kwiimfundiso eziyinyaniso zeLizwi likaThixo. UTimoti wayengamele avumele iimbono zakhe ziphembelele iimfundiso zakhe. Wayemele asekele intshumayelo kwanemfundiso yakhe kwiZibhalo ngokuthe ngqo. (2 Timoti 4:2-4) Ngale ndlela, abantu abantliziyo zinyanisekileyo babeza kuzibona izinto ngendlela kaYehova, kungekhona ngokwentanda-bulumko yehlabathi. (Kolose 2:4, 8) Kuyafana nanamhlanje.
Ihambo Yethu Imele Ibe Ntle
11, 12. Ihambo yethu inaliphi igalelo ekuliphatheni kwethu ngokufanelekileyo iLizwi likaThixo?
11 Simele senze okungakumbi kunokuphatha iLizwi likaThixo ngokufanelekileyo ngokuvakalisa inyaniso yalo. Ihambo yethu imele ivisisane noko. “Singabasebenzi abangamadlelane kaThixo,” ngoko asimele sibe ngabasebenzi abahanahanisayo. (1 Korinte 3:9) ILizwi likaThixo lithi: “Ngaba, noko ke, wena ufundisa uthile ongomnye akuzifundisi na wena? Wena, ushumayela usithi ‘Uze ungebi,’ ngaba uyeba na? Wena, uthi ‘Uze ungakrexezi,’ ngaba uyakrexeza na? Wena, ubonakalisa ukuzenyanya izithixo, ngaba uphanga iitempile na?” (Roma 2:21, 22) Ngoko ke, njengabasebenzi bakaThixo bale mihla, enye indlela esiliphatha ngokufanelekileyo ngayo iLizwi likaThixo kukuthobela esi sibongozo: “Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda. Uze umgqale yena ezindleleni zakho zonke, kwaye uya kuwenza uthi tye umendo wakho.”—IMizekeliso 3:5, 6.
12 Sinokulindela yiphi imiphumo xa siliphatha ngokufanelekileyo iLizwi likaThixo? Phawula amandla elinokuba nawo iLizwi likaThixo elibhaliweyo kubomi babantu abanyanisekileyo.
ILizwi LikaThixo Linamandla Abangela Inguquko
13. Ukusebenzisa iLizwi likaThixo kunokubangela ntoni emntwini?
13 Xa sisamkelwa njengesinegunya, isigidimi seLizwi likaThixo sinempembelelo enamandla ekuncedeni abantu benze iinguqulelo eziphawulekayo ebomini babo. UPawulos walibona xa lisebenza ilizwi likaThixo waza waba lingqina lendlela elabaphembelela kakuhle ngayo abo baba ngamaKristu kwiTesalonika yamandulo. Ngoko ke wabaxelela oku: “Kungenxa yoko le nto singayeki ukumbulela uThixo, kuba xa nalamkelayo ilizwi likaThixo, enaliva kuthi, nalamkela, kungekhona njengelizwi labantu, kodwa kanye njengokuba kunjalo enyanisweni, njengelizwi likaThixo, elisebenzayo kuni makholwa.” (1 Tesalonika 2:13) Kuloo maKristu—ngokwenene, kubo bonke abalandeli bakaKristu—isuntswana lengqiqo anayo umntu alinakuthelekiswa nobulumko bukaThixo obubalaseleyo. (Isaya 55:9) Abantu baseTesalonika ‘balamkela ilizwi phantsi kwembandezelo enkulu ngovuyo lomoya oyingcwele’ yaye baba ngumzekelo kwamanye amakholwa.—1 Tesalonika 1:5-7.
14, 15. Sinamandla kangakanani isigidimi esikwiLizwi likaThixo, yaye ngoba?
14 ILizwi likaThixo linamandla, njengoMthombo walo, uYehova. Liphuma “kuThixo ophilayo,” lowo ‘amazulu enziwe ngelizwi lakhe,’ yaye elo lizwi lisoloko ‘likuphumelelisa oko alithumele kona.’ (Hebhere 3:12; INdumiso 33:6; Isaya 55:11) Omnye umphengululi weBhayibhile wagqabaza wenjenje: “UThixo akazahluli kwiLizwi lakhe. Akalicezeli ngokungathi akukho nto imdibanisa nalo. . . . Ngenxa yoko alitshitshi, kungakhathaliseki ukuba kwenzeka ntoni na kulo; kuba limanyene noThixo ophilayo.”
15 Sinamandla kangakanani isigidimi esikwiLizwi likaThixo? Sinamandla angaphaya kokuqonda. Ngokuvumelana noku, uPawulos wabhala: “Ilizwi likaThixo liphilile, linamandla yaye libukhali ngaphezu kwalo naliphi na ikrele elintlangothi-mbini, lihlaba lide lahlule umphefumlo nomoya, kwanamalungu nomongo wawo, yaye liyakwazi ukuphicotha iingcamango notyekelo lwentliziyo.”—Hebhere 4:12.
16. ILizwi likaThixo linokumtshintsha ngokucokisekileyo njani umntu?
16 Isigidimi esikwiLizwi likaThixo elibhaliweyo ‘sibukhali ngaphezu kwalo naliphi na ikrele elintlangothi-mbini.’ Ngaloo ndlela, sinamandla agqithiseleyo angenakufikelelwa siso nasiphi na isixhobo esenziwe ngumntu. ILizwi likaThixo lahlula amalungu omntu angaphakathi yaye linokumtshintsha ngaphakathi, liphembelele indlela acinga ngayo nento ayithandayo, limenze abe ngumsebénzi owamkelekileyo kuThixo. Esinjani ukuba namandla isixhobo!
17. Cacisa amandla aguqulayo eLizwi likaThixo.
17 ILizwi likaThixo liveza oko umntu anguye ngaphakathi xa kuthelekiswa nohlobo lomntu acinga ukuba ululo okanye loo nto afuna abantu bayibone kuye. (1 Samuweli 16:7) Maxa wambi kwanomntu ongendawo usenokwambatha ufele lwegusha. Abantu abangendawo bayabufihla ubuntu babo ngenxa yezizathu zobungendawo. Abantu abanekratshi bazenza abathobekileyo kuba nje befuna ukuthandwa ngabanye. Noko ke, ngokukubeka elubala oko ikuko ngokwenene intliziyo, ngamandla eLizwi likaThixo umntu othobekileyo unokumlahla umntu omdala aze ‘ambathe ubuntu obutsha obadalwa ngokokuthanda kukaThixo ngobulungisa bokwenyaniso nokunyaniseka.’ (Efese 4:22-24) Kwakhona iimfundiso zeLizwi likaThixo zinokubaguqula abantu abaneentloni babe ngamaNgqina kaYehova akhaliphileyo nabavakalisi boBukumkani abanenzondelelo.—Yeremiya 1:6-9.
18, 19. Ngokutsho kwezi ziqendu okanye ngokusuka kumava akho asentsimini, bonisa indlela inyaniso yeZibhalo enokusiguqula ngayo isimo sengqondo somntu.
18 Amandla okuguqula elinawo iLizwi likaThixo anempembelelo entle kubantu bazo zonke iindawo. Ngokomzekelo, abavakalisi boBukumkani basePhnom Penh, eKhambodiya, babeshumayela kummandla waseKompong Cham kabini ngenyanga. Wathi akuva indlela abanye abefundisi abathetha kakubi ngayo ngamaNgqina kaYehova, umfundisikazi wasekuhlaleni wenza ilungiselelo lokuba adibane nala maNgqina xa ebuyela kwelo phondo. Wabaphek’ ebophula ngemibuzo mayela nokubhiyozela iiholide yaye wabaphulaphula ngenyameko njengoko babeqiqa naye ngeZibhalo. Emva koko wadanduluka wathi: “Ngoku, ndiyazi ukuba ayikho le nto bebeyithetha ngani aba befundisi! Bathi aniyisebenzisi iBhayibhile, kodwa yeyona beniyisebenzisa kule ntsasa!”
19 Eli bhinqa laqhubeka lixubusha namaNgqina ngeBhayibhile yaye alizange lothuswe zizoyikiso zokuyekiswa ukuba ngumfundisikazi. Lancokola ngengxubusho ebelinayo yeZibhalo komnye umhlobo walo, naye owaqalisa ukufunda iBhayibhile namaNgqina. Lo mhlobo wakhe waba nehlombe ngoko wayekufunda kangangokuba ngenye imini eshumayela ecaweni wathi, “Yizani nize kufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova!” Kungekudala emva koko, lowo wayesakuba ngumfundisikazi, umhlobo wakhe, kunye nabanye baqalisa ukufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova.
20. Amava ebhinqa laseGhana awabonisa njani amandla eLizwi likaThixo?
20 Kwakhona amandla eLizwi likaThixo abonakala kwimeko kaPaulina, ibhinqa laseGhana. Omnye umvakalisi woBukumkani wexesha elizeleyo wamqhubela isifundo seBhayibhile kwincwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade.a UPaulina wayendele kwisithembu yaye wabona ukuba kufuneka ahlukane noku, kodwa umyeni wakhe nazo zonke izalamane zakhe zamchasa ngogonyamelo. Uyisemkhulu, owayeyijaji kwinkundla ephakamileyo nowayengumdala ecaweni wazama ukumtheza amandla ngokucacisa uMateyu 19:4-6 ngendlela ephosakeleyo. Le jaji yavakala iqinisekile, kodwa uPaulina wakhawuleza waqonda ukuba le nto ifana nqwa nendlela uSathana awazijija ngayo iZibhalo xa wayelinga uYesu Kristu. (Mateyu 4:5-7) Wakhumbula oko kwathethwa nguYesu ngomtshato, esithi uThixo wadala abantu bayindoda nomfazi, kungekhona indoda nabafazi, yaye aba babini, hayi aba bathathu, babeza kuba nyamanye. Wema kwisigqibo sakhe yaye ekugqibeleni wavunyelwa awuqhawule umtshato wesithembu. Kungekudala waba ngumvakalisi woBukumkani.
Qhubeka Uliphatha Ngokufanelekileyo ILizwi LikaThixo
21, 22. (a) Yintoni esizimisele ukuyenza njengabavakalisi boBukumkani? (b) Yintoni esiza kuyixubusha kwinqaku elilandelayo?
21 Ngokwenene, iLizwi likaThixo elibhaliweyo lisisixhobo esinamandla esifanele sisisebenzise ukunceda abanye baguqule indlela abaphila ngayo ukuze basondele kuYehova. (Yakobi 4:8) Kanye njengokuba abasebenzi abangamagcisa besebenzisa izixhobo zokusebenza ukuze baphumelele, ngamana singazimisela ukuzibhokoxa ekusebenziseni iLizwi likaThixo, iBhayibhile, ngobuchule kumsebenzi esiwunikwe nguThixo wokuvakalisa ngoBukumkani.
22 Singaziphatha ngempumelelo ngakumbi njani iZibhalo kumsebenzi wethu wokwenza abafundi? Enye indlela kukukhulisa ubuchule esinabo ukuze sibe ngabafundisi abeyiselayo. Nceda utsalele ingqalelo kwinqaku elilandelayo, kuba lona licebisa ngeendlela zokufundisa ukuze uncede abanye bamkele isigidimi soBukumkani.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
Ngaba Usakhumbula?
• Ziziphi izixhobo zokusebenza abanazo abavakalisi boBukumkani?
• UPawulos wayengumzekelo ngaziphi iindlela njengomsebénzi woBukumkani?
• Yintoni ebandakanyekileyo ekuliphatheni ngokufanelekileyo iLizwi likaThixo?
• Sinamandla kangakanani isixhobo esiliLizwi likaYehova elibhaliweyo?
[Imifanekiso ekwiphepha 10]
Ezinye zezixhobo ezisetyenziswa ngamaKristu kumsebenzi wokuvakalisa uBukumkani