Ibali Lobomi
Ukuzuza Ububele Bothando Nenyameko KaYehova
KUBALISA UFAY KING
Abazali bam yayingabantu abanobubele, kodwa njengabantu abaninzi, babengaluthandi unqulo. Umama wayedla ngokuthi: “UThixo ufanele ukuba ukho, kuba ngubani owenze iintyatyambo, yaye ngubani owenze imithi?” Oko kwakuphelela nje apho.
UTATA wafa ngowe-1939 xa ndandineminyaka eli-11 ubudala, ndaza ndahlala nomama eStockport, emazantsi eManchester, eNgilani. Ndandisoloko ndifuna ukwazi okungakumbi ngoMdali wam yaye ndandiyihlonipha iBhayibhile, nangona ndandingenalwazi ngayo. Ngoko ke, ndagqiba kwelokuba ndiye kwiCawa yaseTshetshi ukuze ndibone ukuba ikho into endinokuyizuza kusini na.
Kwakungekho nto ndiyizuzayo kwezo nkonzo zaziqhutywa apho, kodwa xa kwafundwa iincwadi zeVangeli, ngandlel’ ithile amazwi kaYesu andenza ndaqiniseka ukuba iBhayibhile imele ukuba inyanisile. Xa ndicinga ngoku, iyandimangalisa into yokuba ndandingayifundi iBhayibhile. Kwanaxa kamva omnye umhlobo wentsapho yakowethu wandinika “iTestamente Entsha” eguqulelwe ngolwimi lwezi mini, andizange ndiziphe ixesha lokuyifunda.
Ukuqhambuka kweMfazwe yaseKorea ngowe-1950 kwandenza ndacinga nzulu. Ngaba le mfazwe yayiza kunabela kwezinye iindawo, njengoko yenzayo IMfazwe Yehlabathi II? Ukuba kwenzeke njalo, ndiza kuwuthobela njani umyalelo kaYesu wokuba ndithande iintshaba zam? Kodwa kwakhona, ndingabukela nje abantu behlasela ilizwe lam ndingenzi nto? Ukuba ndenze oko, ngokuqinisekileyo ndiya kuba andiyiphumezi imbopheleleko yam. Nangona ndandididekile, ndahlala ndiqinisekile ukuba iimpendulo zemibuzo yam yonke zaziseBhayibhileni, nangona ndandingazi ukuba ndiza kuzifumana njani okanye phi.
Ukufuna Inyaniso EOstreliya
Ngowe-1954 mna nomama sagqiba kwelokuba sifudukele eOstreliya, apho udadewethu, uJean, wayehlala khona. Kwiminyaka embalwa kamva, uJean wandixelela ukuba uye wacela amaNgqina kaYehova ukuba andityelele ekubeni wayesazi ukuba ndinomdla eBhayibhileni yaye ndihamba icawa. Wafuna ukuqonda indlela endiwajonga ngayo. Wazityand’ igila esithi: “Andazi enoba indlela acacisa ngayo ichanile kusini na, kodwa ubuncinane ayacacisa nto leyo engenziwayo ziicawa.”
UBill noLinda Schneider, isibini esandityelelayo, yayingabantu abanobubele. Babesele beyigabhule iminyaka engama-60 ubudala yaye beneminyaka emininzi bengamaNgqina. Babekhe basebenza kwisikhululo sikanomathotholo samaNgqina kaYehova eAdelaide, yaye xa umsebenzi wokushumayela wavalwa eOstreliya ebudeni beMfazwe Yehlabathi II, baba ngabavangeli bexesha elizeleyo. Noko ke, nangona uBill noLinda babendinceda, ndandisahlolisisa iinkonzo ezahlukahlukeneyo.
Omnye endandisebenza naye wandisa kwinkonzo eyayiza kuqhutywa ngumfundisi uBilly Graham, emva koko abanye bethu badibana kunye nomfundisi owathi singabuza imibuzo. Ndabuza umbuzo owawusandikhathaza othi: “Kwenzeka njani ukuba umntu abe ngumKristu aze athande iintshaba zakhe ngoxa esiya emfazweni aze azibulale?” Lonke elo qela laba nehlombe—kuyabonakala ukuba nalo lalikhathazwa nguloo mbuzo! Ekugqibeleni, lo mfundisi wathi: “Andiyazi impendulo yaloo mbuzo. Ndisacinga ngayo.”
Sekunjalo, isifundo sam seBhayibhile kunye noBill noLinda sasihambela phambili, yaye ngoSeptemba 1958, ndabhaptizwa. Ndagqiba kwelokuba ndilandele umzekelo wabantu ababendifundisa, ngoko ke ngoAgasti kunyaka olandelayo, ndaba nguvulindlela wexesha elizeleyo. Kwiinyanga ezisibhozo kamva ndamiselwa njengovulindlela okhethekileyo. Hayi indlela endavuya ngayo xa ndeva ukuba udadewethu, uJean, naye wenza inkqubela kwisifundo sakhe yaye ubhaptiziwe!
Ukuvulwa Komnyango Wamalungelo
Ndandikwelinye lamabandla aseSydney yaye ndiqhuba izifundo zeBhayibhile ezininzi. Ngenye imini ndadibana nomnye umfundisi waseTshetshi osele ethabathe umhlala-phantsi ndaza ndambuza ngoko kuthethwa yicawa ngesiphelo sehlabathi. Nangona wandixelela ukuba ufundise iimfundiso zecawa kangangeminyaka engama-50, impendulo yakhe yandimangalisa, kuba wathi: “Kuza kufuneka ndiziphe ixesha lokwenza uphando kuba iBhayibhile andiyazi njengamaNgqina kaYehova.”
Kungekudala emva koku, kwaphuma isicelo sabo bafuna ukuya kukhonza ePakistan njengamatsha-ntliziyo. Ndabhalisa, ndingaqondanga ukuba amabhinqa angatshatanga akayi, kodwa kuya kuphela amadoda angatshatanga okanye izibini ezitshatileyo. Kuyabonakala ukuba isicelo sam sathunyelwa kwikomkhulu lethu eBrooklyn kuba kungekudala ndafumana ileta eyayindixelela ukuba kwakufuneka umntu eBombay (ngoku ebizwa ngokuba yiMumbai), eIndiya, ukuba ndiyathanda ndingaya apho. Oko kwenzeka ngowe-1962. Ndenjenjalo ndaza ndahlala eBombay kangangeenyanga ezili-18 ngaphambi kokuba ndifudukele eAllahabad.
Kungekudala ndazimisela ukufunda isiHindi. Olu lwimi lwaseIndiya lubhalwa luze lubizwe ngendlela efanayo, ngoko ke akukho nzima ukulwazi kakuhle. Noko ke, ndandidimazeka xa umninimzi endicela ukuba ndithethe isiNgesi kunokuba ndizitsalise nzima ndithetha ulwimi lwabo! Kodwa eli lizwe litsha lalinezinto ezibangel’ umdla nezilukhuthazo, yaye kwakuba mnandi ukuba kunye namanye amaNgqina avela eOstreliya.
Ngoxa ndandiselula, ndandikhe ndicinge ngokutshata, kodwa ndathi ndakubhaptizwa, ndaxakeka gqitha ndikhonza uYehova yaye ndicinga ngaye ngakumbi. Noko ke, ngoku kwakhona ndandiziva ndifuna iqabane ebomini bam. Kakade ke, ndandingafuni ukushiya isabelo sam, ngoko ke ndathandaza kuYehova ngalo mbandela ndaza ndawuphosela kwelokulibala.
Intsikelelo Engalindelekanga
UEdwin Skinner wayesongamela umsebenzi owenziwa kwisebe laseIndiya ngelo xesha. Waya kwiklasi yesibhozo yeSikolo seBhayibhile seWatchtower saseGiliyadi ngowe-1946 nabanye abazalwana abaninzi abathembekileyo, kuquka uHarold King noStanley Jones, abathunyelwa eTshayina.a Ngowe-1958, uHarold noStanley bavalelwa bodwa entolongweni ngenxa yokushumayela kwabo eShanghai. Xa uHarold wakhululwa ngowe-1963, uEdwin wambhalela. UHarold wamphendula emva kokuba ebuyele eHong Kong evela kuhambo lwakhe lwaseUnited States naseBritani waza wamxelela ukuba ufuna ukutshata. Waxelela uEdwin ukuba uye wathandaza ngoku ngoxa wayesentolongweni, yaye wabuza uEdwin enoba akukho Ngqina alaziyo kusini na elinokuba ngumfazi ofanelekileyo.
EIndiya abantu abaninzi batshata namaqabane abawafunelweyo, yaye uEdwin wayesoloko ecelwa ukuba enze ilungiselelo elinjalo, kodwa wayesoloko ekhetha ukungavumi. Ngoko ke ileta kaHarold wayinika uRuth McKay, umyeni wakhe, uHomer, owayengumveleli ohambahambayo. Ekugqibeleni, uRuth wandibhalela endixelela ukuba umvangeli wasemazweni oneminyaka emininzi esenyanisweni ufuna umfazi, yaye wandibuza enoba ndinomdla wokumbhalela. Akazange andixelele igama lalo mzalwana okanye nantoni na engakumbi ephathelele yena.
Kakade ke, akukho mntu wayewazi umthandazo wam wokufuna iqabane, ngaphandle kukaYehova, yaye ekuqaleni ndandifuna ukwala. Sekunjalo, okukhona ndicingisisa ngako, kokukhona ndafikelela kwisigqibo sokuba uYehova akasoloko eyiphendula imithandazo yethu ngendlela esicinga ngayo. Ngoko ke ndambhalela uRuth ndaza ndamxelela ukuba unokumcela lo mzalwana aphinde abhale lo gama nje ndingabophelelekanga ukuba nditshate naye. Ileta yesibini uHarold King awayibhalayo wayibhalela mna.
Iifoto zikaHarold nebali lakhe zakhutshwa kumaphephandaba namaphephancwadi awahlukahlukeneyo emva kokukhululwa kwakhe entolongweni eTshayina. Ngeli xesha, wayesaziwa ehlabathini lonke, kodwa yingxelo yakhe yokukhonza uThixo ngokuthembeka eyandichukumisayo. Ngoko ke sabhalelana kangangeenyanga ezintlanu, ndaza emva koko ndaya eHong Kong. Satshata ngo-Oktobha 5, 1965.
Sobabini sasifuna ukutshata size sihlale kwinkonzo yexesha elizeleyo, yaye njengoko sasikhula, sasiziva sifuna ngamandla ukuba namaqabane. Uthando lwam ngoHarold lwakhula, yaye njengoko ndandibona indlela awayeqhubana ngayo ngobubele nangolwazelelelo nabantu nangeengxaki eziphathelele inkonzo yethu, ndamhlonela ngokunzulu. Kangangeminyaka engama-27 besihleli ngolonwabo emtshatweni wethu yaye uYehova uye wasisikelela gqitha.
AmaTshayina ngabantu abakhutheleyo, yaye ndiwathanda gqitha. EHong Kong kuthethwa isiCantonese, ulwimi lwesiTshayina olunamagama anezandi ezininzi kunesiMandarin, yaye ngenxa yoko kunzima ukusifunda. Mna noHarold siye saqalisa ubomi bethu bomtshato kwikhaya labavangeli basemazweni elikwiofisi yesebe lamaNgqina kaYehova, sandula ke sakhonza kwizabelo ezikwimimandla eyahlukahlukeneyo. Ewe, sasonwabe gqitha, kodwa ngowe-1976 ndagula kakhulu.
Ukuhlangabezana Neengxaki Zempilo
Ndandisopha ngokugqithiseleyo kangangeenyanga eziliqela, yaye umlinganiselo wam wegazi wawuhle ngendlela eyothusayo. Kwakufuneka ndityandwe, kodwa oogqirha esibhedlele bandixelela ukuba olu tyando abanakulwenza ngaphandle kwegazi kuba ukuba bangenjenjalo, mhlawumbi ndingafa ngenxa yokuhla kwalo kakhulu. Ngenye imini xa oogqirha babethetha ngemeko yam, abongikazi bazama ukunditshintsha ingqondo, besithi andinalungelo lokuzibulala. Ngaloo mini kwakuza kutyandwa abantu abali-12, abali-10 kubo babeza kuqhomfa, kodwa ndaphawula ukuba akukho mntu owathetha namabhinqa akhulelweyo awayeza kubulala iintsana zawo.
Ekugqibeleni, uHarold wabhalela isibhedlele ileta esithi ukuba ndingafa sasingasayi kuba natyala, yaye oogqirha bavuma ukwenza utyando olwalufuneka. Ndasiwa kwigumbi lotyando ukuze ndinikwe amayeza okuphelisa iintlungu. Ngoko ke, ngomzuzu wokugqibela, ugqirha owayeza kwenza oko wala, yaye kwafuneka isibhedlele sindikhulule ndigoduke.
Sandula ke saya komnye ugqirha ongumbelekisi. Eqonda ukuba mbi kwemeko yam, wavuma ukwenza olu tyando ngexabiso eliphantsi—lo gama nje sasingasayi kuxelela mntu ngemali ayifunileyo. Walwenza ngempumelelo utyando—yaye engalisebenzisanga kwaphela igazi. Ngeli thuba mna noHarold sabubona ububele bothando nenyameko kaYehova.
Ngowe-1992, uHarold wagula kakhulu. Safudukela kwiofisi yesebe yaye apho sanyanyekelwa ngothando. Ngowe-1993 umyeni wam endimthandayo waligqiba ikhondo lakhe lasemhlabeni eneminyaka engama-81 ubudala.
Ukubuyela ENgilani
Ndandikuvuyela ukuba lilungu lentsapho yaseBheteli yaseHong Kong, kodwa ndandikufumanisa kusiba nzima ngakumbi ukumelana nobushushu nokufuma. Kusenjalo kwafika ileta endandingayilindelanga ivela kwikomkhulu laseBrooklyn, ifuna ukwazi enoba ndingathanda ukufudukela kwisebe elinezinto zonyango ezingakumbi ngenxa yempilo yam. Ngoko ke, ngowama-2000, ndabuyela eNgilani ndaza ndaba kunye nentsapho yaseBheteli eLondon. Eli lungiselelo liye langqineka ilelothando ngokwenene! Ndamkelwa ngezandla ezishushu, yaye ndiyithanda gqitha imisebenzi yam eyahlukahlukeneyo endiyenzayo, equka ukunyamekela ithala leencwadi laseBheteli neencwadi zalo ezingama-2 000.
Kwakhona ndikwibandla lesiTshayina eliseLondon, sekunjalo apha izinto zitshintshile. Kule mihla, bambalwa abantu abavela eHong Kong, kunoko abaninzi bavela eTshayina. Bathetha isiMandarin, yaye oko kwenza kubekho olunye ucelomngeni kumsebenzi wokushumayela. Kweli lizwe kuthiwa kuqhutywa izifundo zeBhayibhile ezininzi ezibangel’ umdla kunye nabafundi abavela eTshayina abaze kufundela ezinye izidanga. Bayazibhokoxa yaye bayayixabisa inyaniso yeBhayibhile abayifundayo. Kuluvuyo ukubanceda.
Kweli khaya lam litsha nelizolileyo, ndidla ngokucinga ngobomi bam obonwabisayo nangobubele bukaYehova obumangalisayo. Bubalaselisa zonke izinto eziphathelele iinjongo zakhe, yaye inyameko anayo ngomkhonzi wakhe ngamnye ibonakala ngokucacileyo. Ndinezizathu zokuba nombulelo ngako konke ukundinyamekela kwakhe ngothando.—1 Petros 5:6, 7.
[Umbhalo osemazantsi]
a Amabali obomi aba bavangeli basemazweni babini afumaneka kwiMboniselo kaMatshi 1, 1964, iphepha 113-118, ka-Aprili 15, 1966, iphepha 171-176, nekaMeyi 1, 1966, iphepha 195-105.
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Apha ndiseIndiya
[Imifanekiso ekwiphepha 25]
UHarold King ngowe-1963 naxa wayekhonza eTshayina ngeminyaka yee-1950
[Imifanekiso ekwiphepha 26]
Usuku lwethu lomtshato eHong Kong, ngo-Oktobha 5, 1965
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Sikunye namalungu aseBheteli yaseHong Kong, abakwaLiang bame phakathi, abakwaGannaway bame ekunene