Yiba Nembono Elungeleleneyo Ngokusetyenziswa Kotywala
“Ingumgculeli iwayini, singumxokozelisi isiselo esinxilisayo, yaye wonk’ ubani ohamba ebhaduliswa yiyo akalumkanga.”—IMIZEKELISO 20:1.
1. Umdumisi waluvakalisa njani uxabiso analo ngezinye zezipho ezihle ezivela kuYehova?
“SONKE isipho esilungileyo naso sonke isipho esigqibeleleyo sivela phezulu, kuba sihla sivela kuYise wezikhanyiso zesibhakabhaka,” watsho umfundi uYakobi. (Yakobi 1:17) Enombulelo ngezipho ezininzi ezihle ezivela kuThixo, umdumisi wavuma ingoma esithi: “Uhlumisela izilo ingca eluhlaza, notyani ukuze kuncedwe uluntu, ukuba kuphume ukutya emhlabeni, newayini eyenza intliziyo yomntu ofayo ibe nemihlali, ukukhazimlisa ubuso ngeoli, nesonka sokuxhasa intliziyo yomntu ofayo.” (INdumiso 104:14, 15) Iwayini nezinye iziselo ezinxilisayo, njengemifuno, isonka neoli, zizipho ezihle ezivela kuThixo. Sifanele sizisebenzise njani?
2. Yiyiphi imibuzo esiza kuyiqwalasela ngokusetyenziswa kotywala?
2 Isipho siba sihle kuphela xa sisetyenziswa kakuhle. Ngokomzekelo, ubusi “bulungile,” kodwa “ukudla ubusi obuninzi akulunganga.” (IMizekeliso 24:13; 25:27) Ngoxa kungekho nto imbi ngokusela “iwayini encinane,” ukusela utywala ngokugqithiseleyo yingxaki enkulu. (1 Timoti 5:23) IBhayibhile ilumkisa isithi “ingumgculeli iwayini, singumxokozelisi isiselo esinxilisayo, yaye wonk’ ubani ohamba ebhaduliswa yiyo akalumkanga.” (IMizekeliso 20:1) Noko ke, kuthetha ukuthini ukubhaduliswa butywala?a Kuxa ubani esele utywala obungakanani ukuze abe usele ngokugqithiseleyo? Yiyiphi imbono elungeleleneyo kulo mbandela?
‘Ukubhaduliswa’ Butywala—Njani?
3, 4. (a) Yintoni ebonisa ukuba ukusela de ubani anxile akuvumelani neBhayibhile? (b) Ziziphi ezinye zezinto ezenzekayo xa ubani enxilile?
3 Mandulo kwaSirayeli, unyana olidlakudla okanye olinxila elingaguqukiyo wayegityiselwa ngamatye afe. (Duteronomi 21:18-21) Umpostile uPawulos wawalumkisa amaKristu esithi: ‘Yekani ukunxulumana naye nabani na obizwa ngokuba ngumzalwana ongumhenyuzi okanye umntu obawayo okanye umnquli-zithixo okanye umtshabhisi okanye inxila okanye umphangi, ningatyi kwaukutya nomntu onjalo.’ Licacile elokuba, ukusela de unxile kuchasene neZibhalo.—1 Korinte 5:11; 6:9, 10.
4 Ichaza imiphumo yokunxila, iBhayibhile ithi: “Musa ukuyikhangela iwayini xa ivelisa umbala obomvu, xa ibengezela endebeni, xa isihla ngokulula. Ukuphela kwayo iluma njengenyoka, yaye ikhupha ityhefu njengerhamba. Amehlo akho aya kubona izinto ezingaqhelekanga, yaye intliziyo yakho iya kuthetha izinto ezigwenxa.” (IMizekeliso 23:31-33) Ukuzinkcinkca ngotywala kuluma njengenyoka enobuhlungu, kuyagulisa, kunokukubangela udidek’ ingqondo mhlawumbi ude ungabikho zingqondweni. Inxila lisenokubona “izinto ezingaqhelekanga” kuba lisenokuba nemibono. Lisenokungakwazi ukuzibamba lithethe izinto ezitenxileyo lenze nezinto ezibhek’ ecaleni.
5. Ukubusela gqitha utywala kuyingozi ngayiphi indlela?
5 Kuthekani ukuba umntu uyasela kodwa eqiniseka ukuba akade abonakale enxilile? Bambi bayagalela kodwa bangaze babonakale benxilile. Noko ke, ukucinga ukuba ukwenjenjalo akuyongozi, kukuzidyobha intshong’ emehlweni. (Yeremiya 17:9) Ngokuthe ngcembe, ubani usenokuqalisa ukungakwazi ukuphila ngaphandle kotywala ngaloo ndlela esiba ‘likhoboka lewayini eninzi.’ (Tito 2:3) Ethetha ngendlela ubani aqalisa ngayo ukuba linxila, uCaroline Knapp ongumbhali uthi: “Ubani uqala kancinane, ngokuthe ngcembe, ngendlela engaqondakaliyo.” Hayi indlela okuyingozi ngayo ukusela ngokugqithiseleyo!
6. Kutheni kufanele ubani akuphephe ukuzinkcinkca ngotywala nokuzingxala ngokutya?
6 Kwakhona khawucinge ngesilumkiso sikaYesu esithi: “Zilumkeleni ukuba iintliziyo zenu zingaze zisindwe kukuzingxala ngokutya nokusela kakhulu nangamaxhala obomi, ize ngequbuliso loo mini inifikele ngephanyazo njengomgibe. Kuba iya kubazela bonke abahleliyo phezu kobuso bawo wonke umhlaba.” (Luka 21:34, 35) Akuyomfuneko ukuba ubani asele de anxile ngaphambi kokuba ozele aze adangale ngokwasemzimbeni nangokomoya. Kuthekani ukuba imini kaYehova inokufika kanye enjalo?
Into Enokwenzeka Ngenxa Yokusetyenziswa Kakubi Kotywala
7. Kutheni ukusetyenziswa kakubi kotywala kuchasene nomyalelo ochazwe kweyesi-2 yabaseKorinte 7:1?
7 Ukusel’ utywala ngaphezu komlinganiselo kusenokukuchanaba kwiingozi ezininzi—ngokwenyama nangokomoya. Ezinye zezifo ezibangelwa kukusela gqitha kukudumba kwesibindi, ihepatitis ebangelwa butywala, nezigulo zemithambo-luvo njengedelirium tremens. Ukubusebenzisa kakubi utywala kangangexesha elide kusenokubangela umhlaza, isifo seswekile, nezinye izifo zentliziyo nezesisu. Ngokuqinisekileyo ukubusebenzisa kakubi utywala akuvisisani nomyalelo weZibhalo othi: “Masizihlambulule kuko konke ukudyobheka kwenyama nokomoya, sigqibelelisa ubungcwele sisoyika uThixo.”—2 Korinte 7:1.
8. Ngokutsho kweMizekeliso 23:20, 21, yintoni enokubangelwa kukusetyenziswa kakubi kotywala?
8 Ukusela gqitha kusenokubangela ubani achithe wonke umvuzo wakhe etywaleni, yaye usenokude alahlekelwe nangumsebenzi. UKumkani uSolomon wakwaSirayeli mandulo walumkisa: “Musa ukuba phakathi kwabasela iwayini kakhulu, phakathi kwabadli benyama abangamadla-kudla.” Ngoba? Wacacisa: “Kuba inxila nedla-kudla baya kuhlwempuzeka, yaye ukozela kuya kumambesa amadlavu ubani.”—IMizekeliso 23:20, 21.
9. Kutheni kububulumko ukuba ubani angabuseli utywala ukuba uza kuqhuba imoto?
9 Ithetha ngenye ingozi, iThe Encyclopedia of Alcoholism ithi: “Uhlolisiso lubonisa ukuba utywala bubangela ubani angakwazi ukuqhuba kakuhle, ingqondo isebenze kade, angakwazi ukulungelelanisa izinto, angakwazi ukunikela ingqalelo, angakwazi ukubona kakuhle nokwenza izigqibo ezifanelekileyo.” Kuyingozi gqitha ukusela uze uqhube. EUnited States kuphela, abantu abangamashumi amawaka bayafa yaye amakhulu amawaka bayenzakala nyaka ngamnye ngenxa yeengozi ezinokuthanani notywala. Abona bantu basengozini lulutsha, kuba abanamava kangako ngokuqhuba nangokusela. Ngaba ubani unokuthi uyabuxabisa ubomi njengesipho esivela kuYehova uThixo xa esela iiglasi eziliqela zotywala aze emva koko aqhube? (INdumiso 36:9) Ngenxa yobungcwele bobomi, kuhle ukuba ubani angabuseli kwaphela utywala ngaphambi kokuba aqhube.
10. Utywala bunokubuchaphazela njani ubuchopho, yaye kutheni oko kuyingozi?
10 Ukusela ngokugqithiseleyo kuyingozi ebantwini kungekuphela nje ngokwenyama kodwa nangokomoya. IBhayibhile ithi: “Uhenyuzo newayini enencasa zisusa intshukumisa elungileyo.” (Hoseya 4:11) Utywala buchaphazela ingqondo. Incwadi ebhalwe yiU.S. National Institute on Drug Abuse icacisa isithi: “Xa ubani esele utywala bungena emathunjini buze budlulele egazini yaye bufike msinya ebuchotsheni. Buqala budodobalise icandelo lobuchopho elilawula iingcinga neemvakalelo. Ubani uqala abe nesibindi, aze akhululeke ngokugqith’ emgceni.” Kwimeko enjalo, kulula ukuba ‘sibhadule,’ sizithabathe lula izinto, size singene kwizilingo ezininzi.—IMizekeliso 20:1.
11, 12. Yiyiphi ingozi engokomoya onokubangelwa kukuselwa kotywala ngokugqithiseleyo?
11 Ngapha koko, iBhayibhile iyayalela: “Enoba niyatya okanye niyasela okanye nenza nantoni na eyenye, zonke izinto zenzeleni uzuko lukaThixo.” (1 Korinte 10:31) Ngaba ukusela utywala obuninzi kuyamzukisa uThixo? UmKristu ufanele akuphephe ukwaziwa njengendla-manzi. Ukwaziwa ngolo hlobo kuya kuzisa ugculelo kwigama likaYehova, kungalizukisi.
12 Kuthekani ukuba ukungaseli ngobungcathu komKristu othile kukhubekisa elinye ikholwa, mhlawumbi umfundi osemtsha? (Roma 14:21) UYesu walumkisa: “Nabani na okhubekisa omnye waba bancinane banokholo kum, ngekumlungele kanye ukuba agangxwe ilitye lokusila entanyeni yakhe njengelo lijikeleziswa nge-esile aze atshoniswe enzulwini yolwandle.” (Mateyu 18:6) Ukusela gqitha kusenokubangela ubani alahlekelwe ngamalungelo ebandleni. (1 Timoti 3:1-3, 8) Enye into esifanele singayilibali ziingxaki zentsapho ezinokubangelwa kukusetyenziswa kakubi kotywala.
Ziphephe Iingozi—Njani?
13. Nguwuphi undoqo wokuphepha ukubusebenzisa kakubi utywala?
13 Undoqo ekuphepheni iingozi zokusebenzisa kakubi utywala kukwazi umahluko, ingenguwo ophakathi kokuzinkcinkca ngotywala nokunxila, kodwa phakathi kobungcathu nokuzinkcinkca ngotywala. Ngubani unokuthi kuwe kwanele ngoku? Ekubeni zininzi izinto ezibandakanyekileyo, akunakubekwa mthetho ungqongqo wokuthi kwanele xa usele kangakanani. Ngamnye ufanele azibekele ngokwakhe umda aze angadluli kuwo. Yintoni enokukunceda ukuze wazi xa usele ngokwaneleyo? Ngaba ukho umgaqo unokuwusebenzisa?
14. Nguwuphi umgaqo onokukunceda ukuze wazi umahluko phakathi kobungcathu nokuzinkcinkca ngotywala?
14 IBhayibhile ithi: “Londoloza ubulumko bobuqili namandla okucinga, yaye oko kuya kuba bubomi emphefumlweni wakho nomtsalane emqaleni wakho.” (IMizekeliso 3:21, 22) Ngoko ke, umgaqo esinokuwusebenzisa ngulo: Enoba bungakanani na utywala obukwenza ungakwazi kakuhle ukwenza izigqibo uze ungakwazi nokucinga kakuhle, buninzi kuwe. Kodwa ufanele uthembeke kwisiqu sakho ukuze ukwazi ukuzibekela umda!
15. Kusenokuba bubulumko nini ukungabuseli kwaphela utywala?
15 Kwezinye iimeko, kwaukusela nje kukodwa kusenokuba yingozi. Ngenxa yengozi enokwenzeka kwimveku engekazalwa, umfazi okhulelweyo usenokukhetha ukungaseli kwaphela. Yaye ngaba bekungayi kuba kukubonakalisa ububele ukungaseli phambi komntu okhe wanengxaki yokunxila okanye ongavunyelwa sisazela sakhe ukuba asele? UYehova wabayalela abo benza umsebenzi wobubingeleli emnqubeni esithi: “Musa ukusela wayini nasiselo sinxilisayo . . . ekungeneni kwenu ententeni yokuhlangana, ukuze ningafi.” (Levitikus 10:8, 9) Ngoko ke, musa ukusel’ utywala ngaphambi kokuya kwiintlanganiso zamaKristu, xa usiya entsimini naxa uza kwenza nasiphi na isabelo sokomoya. Ngapha koko, kumazwe ekungavunyelwayo ukuselwa kotywala okanye ekuvunyelwa abantu abakubudala obuthile, ifanele ithotyelwe imithetho yelo lizwe.—Roma 13:1.
16. Ufanele usenze njani isigqibo ngento ofanele uyenze xa unikwa utywala?
16 Xa unikwa utywala, into yokuqala ofanele uzibuze yona yile: ‘Ngaba ndifanele ndisele?’ Ukuba ukhetha ukusela, qiniseka ngomda oza kuzibekela wona, yaye musa ukudlula kuwo. Musa ukumvumela loo mntu okwenzela ububele akwenze udlule kumda ozibekele wona. Yaye zilumkele iindawo ezinotywala obufumaneka ngokungenamlinganiselo njengakumatheko emitshato. Kwiindawo ezininzi, abantwana bayavunyelwa ukuba basele. Yimbopheleleko yabazali ukufundisa abantwana babo indlela yokusebenzisa utywala baze bayijonge indlela ababusebenzisa ngayo.—IMizekeliso 22:6.
Usenokuyoyisa Le Ngxaki
17. Yintoni enokukunceda uqonde enoba unengxaki yokubusebenzisa kakubi utywala?
17 Ngaba unengxaki yokusebenzisa kakubi iwayini okanye nabuphi na utywala? Ungazikhohlisi, ukuba unesono esifihlakeleyo sokusela ngokugqithiseleyo, kungekudala ikati iya kuphuma engxoweni. Ngoko ke, cingisisa nzulu ngalo mbandela. Zigocagoce ngale mibuzo: ‘Ngaba ndisela ngokufuthi ngakumbi kunangaphambili? Ngaba ndisela utywala obunegwele elingakumbi kunangaphambili? Ngaba ndisela ukugxoth’ iintsizi, ukuphelisa ukucinezeleka okanye ukuze ndilibale ngeengxaki endinazo? Ngaba ilungu lentsapho okanye umhlobo ukhe wandilumkisa ngendlela endisela ngayo? Ngaba indlela endisela ngayo ibangela iingxaki entsatsheni? Ngaba andikwazi ukugqib’ iveki, inyanga, okanye iinyanga eziliqela ndingakhange ndisele? Ngaba ndiselel’ ekoyini ukuze abanye bangaboni ukuba ndisela kangakanani na?’ Kuthekani ukuba impendulo kweminye yale mibuzo ngu-ewe? Musa ukuba njengendoda ‘ekhangela ubuso bayo bemvelo esipilini, ize ilibale ngoko nangoko ukuba injani na.’ (Yakobi 1:22-24) Thabatha amanyathelo okuyilungisa le ngxaki. Yintoni onokuyenza?
18, 19. Unokukuyeka njani ukusela utywala ngokugqithiseleyo?
18 Umpostile uPawulos wawayala amaKristu esithi: “Musani ukunxila yiwayini, ekukho kuko uburheletyo, kodwa hlalani nizaliswa ngumoya.” (Efese 5:18) Zenzele isigqibo sokuba bungakanani utywala obungaphezu komlinganiselo, uze uzibekele umda ofanelekileyo. Zimisele ukungaze udlule kuwo; bonakalisa umoya wokuzeyisa. (Galati 5:22, 23) Ngaba unabahlobo abakukhuthaza ukuba ugalele gqitha? Balumkele. IBhayibhile ithi: “Ohamba nezilumko uya kuba sisilumko naye, kodwa osebenzisana neziyatha uya kuhlelwa bububi.”—IMizekeliso 13:20.
19 Ukuba usela utywala ukuze ulibale ingxaki ethile, jamelana nayo loo ngxaki. Iingxaki zinokusingathwa ngokusebenzisa isiluleko esifumaneka kwiLizwi likaThixo. (INdumiso 119:105) Musa ukuzilazila ukufuna uncedo lomdala ongumKristu omthembayo. Wasebenzise ngokupheleleyo amalungiselelo kaYehova okukwakha ngokomoya. Yomeleza ulwalamano lwakho noThixo. Thandaza kuye ngokuthe rhoqo—ingakumbi ngokuphathelele ubuthathaka onabo. Mbongoze uThixo ukuba ‘asulungekise izintso zakho nentliziyo yakho.’ (INdumiso 26:2) Njengokuba kuye kwaqwalaselwa kwinqaku elandulelayo, yenza konke okusemandleni akho ukuze uhambe engqibelelweni.
20. Ngawaphi amanyathelo ekusenokufuneka uwathabathe ukuze ulwe nengxaki eqhubekayo yokuzinkcinkca ngotywala?
20 Kuthekani ukuba ingxaki yokuzinkcinkca ngotywala ayipheli phezu kwayo nje imizamo oyenzayo? Ngoko ke landela icebiso likaYesu elithi: “Ukuba isandla sakho siyakukhubekisa, sinqumle; kulunge kanye ukuba ungene ebomini usisilima kunokuba uthi unezandla zozibini uye eGehena.” (Marko 9:43) Icebiso leli: Musa ukusela kwaphela. Leyo yinto elagqiba ngokuyenza elinye ibhinqa elinguIrene. Uthi: “Emva kweminyaka enoba mibini enesiqingatha ndingaseli, ndaqalisa ukucinga ukuba xa ndinokusela nje kube kanye akukho nto imbi, ukuze ndibone ukuba buza kundiphatha njani. Kodwa zathi zakuqalisa ezo ngcinga ndathandaza kuYehova. Ndizimisele ukuba ndingaphinde ndibusele utywala kude kufike inkqubo entsha—mhlawumbi nangoko andiyi kubusela.” Ngokuyeka ukusela akuyi kulahlekelwa nto ingako xa ucinga ngobomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha likaThixo lobulungisa.—2 Petros 3:13.
“Balekani Ngendlela Yokuba Niwufumane”
21, 22. Nguwuphi umqobo onokusithintela singafiki ekugqibeleni kogqatso lobomi, yaye sinokuwuphepha njani?
21 Efanisa ubomi bokuphila njengomKristu nogqatso, okanye ukhuphiswano, umpostile uPawulos wathi: “Anazi na ukuba iimbaleki elugqatsweni zibaleka zonke, kodwa inye kuphela eyamkela umvuzo? Balekani ngendlela yokuba niwufumane. Ngaphezu koko, wonke umntu oba nenxaxheba kukhuphiswano uqhelisela ukuzeyisa kuzo zonke izinto. Kambe ke, bona benjenjalo ukuze bafumane isithsaba esinokonakala, kodwa thina eso singenakonakala. Ngoko ke, indlela endibaleka ngayo asiyiyo eyokungaqiniseki; indlela endalathisa ngayo izithonga zam yeyokuze ndingabethi umoya; kodwa ndiyawuqoba umzimba wam ndize ndiwuphathe njengekhoboka, ukuze, emva kokuba ndishumayele kwabanye, mna ngokwam ndingabi ngongakholekanga ngandlel’ ithile.”—1 Korinte 9:24-27.
22 Kuphela ngabo baphumeleleyo elugqatsweni abafumana umvuzo. Kugqatso lobomi, ukusebenzisa kakubi utywala kunokusithintela singafiki ekugqibeleni. Simele sibonakalise umoya wokuzeyisa. Ukuba sifuna ukubaleka ngokuqiniseka sifanele sikuphephe ‘ukuzinkcinkca ngewayini.’ (1 Petros 4:3) Kunoko, sifanele sibonakalise umoya wokuzeyisa ezintweni zonke. Ngokuphathelele ukusela utywala, kububulumko ukuba “sizilumle kuko ukungabi nabuthixo nakwiminqweno yehlabathi size siphile ngengqondo ephilileyo nangobulungisa nangozinikelo lobuthixo.”—Tito 2:12.
[Umbhalo osemazantsi]
a Kweli nqaku, “utywala” buquka ibhiya, iwayini nezinye iindidi zotywala.
Ngaba Usakhumbula?
• Kukwenza ntoni ukubusebenzisa kakubi utywala?
• Yiyiphi ingozi ebangelwa kukubusebenzisa kakubi utywala?
• Unokuziphepha njani iingozi zokubusebenzisa kakubi utywala?
• Ubani unokuyisingatha njani ingxaki yokubusebenzisa kakubi utywala?
[Umfanekiso okwiphepha 19]
Iwayini ‘iyenza intliziyo yomntu ofayo ibe nemihlali’
[Umfanekiso okwiphepha 20]
Simele sizibekele umda yaye singadluli kuwo
[Umfanekiso okwiphepha 21]
Zibekele umda kusengaphambili
[Umfanekiso okwiphepha 22]
Thandaza kuYehova ngokuthe rhoqo ngobuthathaka onabo
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Abazali banembopheleleko yokufundisa abantwana babo ngokuphathelele ukusetyenziswa kotywala