Imibuzo Evela Kubafundi
Ekubeni uKumkani uSolomon wakwaSirayeli wamandulo waye akathembeka kuThixo ebudaleni bakhe, ngaba sinokugqiba kwelokuba akasayi kuvuswa?—1 Kumkani 11:3-9.
Ngoxa iBhayibhile inoludwe lwamadoda nabafazi bokholo abaza kuvuswa, ayithethi nto ngokuvuswa komntu ngamnye ethetha ngaye. (Hebhere 11:1-40) Noko ke, kwimeko kaSolomon, sinokufumana imbono kaThixo ngokuthelekisa oko kwenzeka ekufeni kwakhe noko kwenzeka ekufeni kwabathile abathembekileyo.
IZibhalo zithetha ngezinto ezimbini kuphela ezinokwenzeka kubantu abafileyo—ukufa kokwexeshana nokufa ngonaphakade. Abo bangakufanelekelanga ukuvuswa baya kuphoswa “eGehena,” okanye ‘kwidike lomlilo.’ (Mateyu 5:22; Marko 9:47, 48; ISityhilelo 20:14) Phakathi kwabantu abangayi kuvuswa singabala, uAdam noEva, umngcatshi uYudas Skariyoti nabathile awababulala ngokwakhe uThixo, njengabantu bexesha likaNowa nabantu baseSodom naseGomora.a Xa besifa abo baza kuvuswa baya kwingcwaba eliqhelekileyo loluntu—eShiyol okanye eHadesi. Xa ithetha ngekamva labantu abaza kuvuswa iBhayibhile ithi: “Ulwandle lwabakhupha abafileyo abakulo, kwathi ukufa neHadesi kwabakhupha abafileyo abalapho, bagwetywa elowo ngokwezenzo zakhe.”—ISityhilelo 20:13.
Abantu abathembekileyo abakhankanywe kumaHebhere isahluko 11, baseShiyol okanye eHades, balinde umhla wovuko. Phakathi kwaba singabalula abakhonzi bakaThixo abanyanisekileyo abanjengoAbraham, uMoses noDavide. Phawula indlela ethetha ngayo iBhayibhile ngokufa kwabo. UYehova wathi kuAbraham: “Ke wena, uya kuya kookhokho bakho unoxolo; uya kungcwatywa ukubudala obupheleleyo.” (Genesis 15:15) UYehova wathi kuMoses: “Yabona! Uya kulala kookhokho bakho.” (Duteronomi 31:16) Mayela noyise kaSolomon, uDavide iBhayibhile ithi: “UDavide walala kookhokho bakhe, wangcwatyelwa kwisiXeko sikaDavide.” (1 Kumkani 2:10) Ibinzana elithi ‘ubani walala kookhokho bakhe’ lithetha ukuba uye eShiyol.
Kwenzeka ntoni kuSolomon ekufeni kwakhe? IBhayibhile ithi: “Imihla awalawula ngayo uSolomon eYerusalem uSirayeli wonke yaba yiminyaka engamashumi amane. Wandula ke uSolomon walala kookhokho bakhe, waza wangcwatyelwa kwisiXeko sikaDavide uyise.” (1 Kumkani 11:42, 43) Ngenxa yoko, kubonakala kusengqiqweni ukugqiba kwelokuba uSolomon useShiyol, okanye eHades apho aya kuvuswa khona.
Esi sigqibo sibonisa ukuba kunokwenzeka kuvuswe nabanye abo iZibhalo zithi ngabo, ‘balala kookhokho babo.’ Nangona, ookumkani abaninzi abalandela emva koSolomon, bengazange bathembeke kuthethwa ngolu hlobo ngabo. Le asiyonkolelo nje engenasihlahla, kuba “kuza kubakho uvuko lwamalungisa nabangengomalungisa.” (IZenzo 24:15) Kakade ke, kusemva kokuba bevusiwe “bonke abo bakumangcwaba enkumbulo” apho siya kubazi khona abo bavusiweyo. (Yohane 5:28, 29) Ngoko kunokuba sibethe ngenqindi phantsi sisithi abantu abathile ababephila ngamaxesha akudala abazukuvuswa, siya kulinda, sithembele kwizigqibo zikaYehova ezigqibeleleyo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona iphepha 30-1 leMboniselo kaJuni 1, 1988.