Ngaba Uthembekile Kuzo Zonke Izinto?
“Umntu othembekileyo kokona kuncinane uthembekile nakokukhulu.”—LUKA 16:10.
1. Yiyiphi enye yeendlela athembeke ngazo uYehova?
NGABA wakha wakuphawula oko kwenzeka kwisithunzi somthi njengoko imini iqina? Kaloku, siyatshintsha tshintsha! Izilangazelelo nezithembiso zabantu zisoloko ziguquguquka njengesithunzi. Kwelinye icala, uYehova uThixo, akaguquguquki ngokuhamba kwexesha. Ebhekisela kuye ‘njengoYise wezikhanyiso,’ umfundi uYakobi uthi: “Yena akaguquguquki njengesithunzi.” (Yakobi 1:17) UYehova kunokuthenjelwa kuye nakwezona zinto zincinane. “NguThixo wentembeko.”—Duteronomi 32:4.
2. (a) Kutheni sifanele sizihlolisise ukuze sibone enoba sithembekile na? (b) Yiyiphi imibuzo ephathelele ukuthembeka esiza kuyiqwalasela?
2 UThixo ubajonga njani abakhonzi bakhe abathembekileyo? Ubajonga ngendlela awayebajonga ngayo uDavide, owathi ngabo: “Amehlo am akwabo bathembekileyo bomhlaba, ukuba bahlale kunye nam. Ohamba ngendlela engenasiphoso, nguye oya kuba ngumlungiseleli wam.” (INdumiso 101:6) Ewe, uYehova uyavuyiswa kukuthembeka kwabakhonzi bakhe. Ngesizathu esifanelekileyo, umpostile uPawulos wabhala: “Okufunekayo kumagosa kukuba ahlale ethembekile.” (1 Korinte 4:2) Kuquka ntoni ukuthembeka? Ziziphi iinkalo zobomi esifanele sithembeke kuzo? Ziziphi iinzuzo ‘zokuhamba ngendlela engenasiphoso’?
Oko Kuthetha Kona Ukuthembeka
3. Yintoni ebonisa ukuba sithembekile?
3 AmaHebhere 3:5 athi: “UMoses njengomlindi wayethembekile.” Yintoni eyenza ukuba umprofeti uMoses athembeke? Ekwakhiweni nasekumisweni komnquba, “wenza ke uMoses njengako konke awamyalela kona uYehova. Wenza kanye njengoko.” (Eksodus 40:16) Njengabakhonzi bakaYehova, sibonakalisa ukuthembeka ngokumkhonza ngentobelo. Ngokuqinisekileyo oku kuquka ukuhlala sinyanisekile kuYehova ngoxa sijamelene nezilingo ezinzima okanye iimvavanyo eziqatha. Noko ke, ukwazi ukujamelana neemvavanyo ezinkulu asikuphela kwesibakala esibonisa ukuba sithembekile. UYesu wathi: “Umntu othembekileyo kokona kuncinane uthembekile nakokukhulu, nomntu ongelolungisa kokona kuncinane akalolungisa nakokukhulu.” (Luka 16:10) Simele sihlale sithembekile nakwezona zinto zibonakala zincinane.
4, 5. Kutyhila ntoni ukuthembeka kwethu “kokona kuncinane”?
4 Ukuthobela “kokona kuncinane” suku ngalunye kubalulekile ngenxa yezizathu ezibini. Okokuqala, kutyhila indlela esivakalelwa ngayo ngolongamo lukaYehova. Cinga ngovavanyo lokunyaniseka esasijamelene naso isibini sokuqala esingabantu, uAdam noEva. Olu yayingelovavanyo lunzima. Ngoxa babenokutya konke ukutya okusemyezweni wase-Eden, kwakufuneka nje bangatyi isiqhamo somthi omnye kuphela—“umthi wokwazi okulungileyo nokubi.” (Genesis 2:16, 17) Ukuthobela kwaso ngokuthembeka loo myalelo ulula ngekwakubonise ukuba eso sibini sixhasa ulawulo lukaYehova. Ukuthobela imiyalelo kaYehova kubomi bethu bemihla ngemihla kubonisa ukuba sixhasa ulongamo lukaYehova.
5 Okwesibini, ihambo yethu “kokona kuncinane” ibonisa indlela esiya kusabela ngayo “nakokukhulu,” oko kukuthi, xa sijamelene nemibandela emikhulu ebomini. Kule nkalo, cinga ngoko kwenzeka kuDaniyeli namaqabane akhe amathathu athembekileyo angamaHebhere—uHananiya, uMishayeli noAzariya. Bathinjelwa eBhabhiloni ngowama-617 B.C.E. Ngoxa babeselula, mhlawumbi bekwishumi elivisayo, aba bane bahlaliswa kwibhotwe likaKumkani uNebhukadenetsare. ‘Kwayalelwa ukuba banikwe mihla le ekudleni okuluncuthu kokumkani nasewayinini yakhe, kwanokuba bondliwe iminyaka emithathu, baze ekupheleni kwayo baziswe phambi kokumkani.’—Daniyeli 1:3-5.
6. Luluphi uvavanyo abajamelana nalo uDaniyeli namaqabane akhe amathathu angamaHebhere kwibhotwe likakumkani waseBhabhiloni?
6 Noko ke, ukutya kokumkani waseBhabhiloni, kwaba lucelomngeni kula maHebhere mane aselula. Kusenokwenzeka ukuba ukutya okwakwalelwe nguMthetho kaMoses kwakuqukiwe ekudleni okuluncuthu kokumkani. (Duteronomi 14:3-20) Izilwanyana ezixheliweyo zisenokuba zazingophiswanga kakuhle, yaye ukutya loo nyama kwakuya kwaphula uMthetho kaThixo. (Duteronomi 12:23-25) Kwakhona kusenokuba oku kutya kwakunikelwe kwizithixo, njengoko yayilisiko labanquli baseBhabhiloni ukwenjenjalo xa beza kutya njengeqela.
7. Kwabonisa ntoni ukuthobela kukaDaniyeli nabahlobo bakhe abathathu?
7 Ngokungathandabuzekiyo imithetho eyayisalela ukutyiwa kwezinto ezithile yayingeyonto ibalulekileyo kwabo bendlu yobukhosi bukakumkani waseBhabhiloni. Noko ke, uDaniyeli nabahlobo bakhe babezimisele ukungazingcolisi ngokutya okwalelweyo kuMthetho owanikwa amaSirayeli nguThixo. Lo yayingumbandela ochaphazela ukunyaniseka nokuthembeka kwabo kuThixo. Ngoko bacela ukutya imifuno namanzi ibe bazinikwa ezo zinto. (Daniyeli 1:9-14) Kwabanye namhlanje, oko kwenziwa ngabo bafana bane kusenokubonakala kuyinto encinane. Noko ke, ukuthobela kwabo uThixo kwabonisa icala abame ngakulo kwimbambano yolongamo lukaYehova.
8. (a) Luluphi uvavanyo lokunyaniseka oluqatha awajamelana nalo amaHebhere amathathu? (b) Lwaphumela entwenini olo vavanyo, yaye oko kubonisa ntoni?
8 Ukuthembeka kwinto esenokubonakala incinane kwanceda abahlobo abathathu bakaDaniyeli bakulungela ukujamelana novavanyo olukhulu ngakumbi. Nceda uvule isahluko 3 sencwadi yeBhayibhile kaDaniyeli, uze ufunde indlela la maHebhere mathathu ajamelana ngayo nesigwebo sokufa ngenxa yokungavumi ukunqula umfanekiso wegolide owawumiswe nguKumkani uNebhukadenetsare. Xa aziswa kukumkani, ngentembelo achaza oko azimisele ukukwenza esithi: “Ukuba kumele kube njalo uThixo wethu esimkhonzayo, unako ukusihlangula. Uya kusihlangula ezikweni elivutha umlilo, nasesandleni sakho kumkani. Kodwa ukuba akunjalo, makwazeke kuwe, kumkani, ukuba asiyi kubakhonza oothixo bakho, nomfanekiso wegolide owumisileyo asiyi kuwunqula.” (Daniyeli 3:17, 18) Ngaba uYehova wawahlangula? Abalindi abaphosa la matyendyana mathathu ezikweni elivutha umlilo babulawa ngamadangatye, kodwa la maHebhere mathathu athembekileyo aphuma apho ephilile—engarhawukanga nokurhawuka lelo ziko livuthayo! Ukuthembeka kwawo ngalo lonke ixesha kwawenza ahlala ethembekile ebudeni bolo vavanya luqatha. Ngaba oku akubonisi ukubaluleka kokuthembeka kwizinto ezincinane?
Ukuthembeka ‘Kubutyebi Obungebobabulungisa’
9. Uyintoni umongo wamazwi kaYesu akuLuka 16:10?
9 Ngaphambi kokuchaza umgaqo wokuba umntu othembeke kwizinto ezibonakala zincinane ukwathembekile nakwizinto ezibalulekileyo, uYesu wacebisa abo babemphulaphule wathi: “Zenzeleni abahlobo ngobutyebi obungebobabulungisa, khon’ ukuze, xa obo busilela, banamkelele kwiindawo zokuhlala ezingunaphakade.” Emva koko wathetha ngokuthembeka kwizinto ezincinane. Wandula ke uYesu wathi: “Ngoko ke, ukuba anizingqinanga nithembekile ebutyebini obungebobabulungisa, ngubani na oya kuniphathisa oko kuyinyaniso? . . . Akukho sicaka sendlu sinokukhonza iinkosi ezimbini; kuba, sisenokuyithiya enye size siyithande enye, okanye sinamathele kwenye size siyidele enye. Aninakukhonza uThixo nobutyebi.”—Luka 16:9-13.
10. Sinokubonisa njani ukuthembeka ngendlela esibusebenzisa ngayo ‘ubutyebi obungebobabulungisa’?
10 Ngokomongo, la mazwi kaYesu akuLuka 16:10 ekuqaleni ayebhekisela ekusebenziseni ‘ubutyebi obungebobabulungisa,’ izinto zethu eziphathekayo. Kuthiwa asibobabulungisa kuba ubutyebi bezinto eziphathekayo—ngokukhethekileyo imali—bulawulwa ngabantu abanesono. Ngaphezulu, umnqweno wokufuna ubutyebi ungakhokelela kwizenzo ezingezozabulungisa. Sibonakalisa ukuthembeka ngokusebenzisa izinto zethu eziphathekayo ngobulumko. Kunokuba sizisebenzisele iinjongo zokuzingca, sifanele sizisebenzisele ukuxhasa izilangazelelo zoBukumkani nokunceda abo basweleyo. Ngokuthembeka ngale ndlela, sizenzela abahlobo, uYehova uThixo noYesu Kristu, abanini ‘beendawo zokuhlala ezingunaphakade.’ Baya kusamkela kwezi ndawo, basinike ubomi obungunaphakade ezulwini okanye kumhlaba oyiParadesi.
11. Kutheni sifanele simxelele umninimzi ukuba siyayamkela iminikelo yokuxhasa umsebenzi owenziwa ngamaNgqina kaYehova ehlabathini lonke?
11 Cinga nangethuba esilivulela abantu esibanika iiBhayibhile, iincwadi ezisekelwe eBhayibhileni xa sivakalisa isigidimi soBukumkani size sibachazele ukuba siyayamkela iminikelo exhasa umsebenzi owenziwa ngabantu bakaYehova ehlabathini lonke. Ngaba asibavuleli ithuba lokusebenzisa ngobulumko izinto zabo eziphathekayo? Nangona ekuqaleni uLuka 16:10 wayebhekisela ekusetyenzisweni kwezinto eziphathekayo, umgaqo ochazwe apho ukwasebenza nakwezinye iinkalo zobomi.
Ukunyaniseka Kubalulekile
12, 13. Ziziphi iinkalo esinokubonisa ukunyaniseka kuzo?
12 Umpostile uPawulos wabhala: “Siyathemba ukuba sinesazela esinyanisekileyo, njengoko sinqwenela ukuziphatha ngokunyaniseka kwizinto zonke.” (Hebhere 13:18) Nakanjani, “izinto zonke” zimele ukuba ziquka zonke into eziphathelele ukusetyenziswa kwemali. Amatyala ethu neerhafu sizihlawula ngexesha nangokunyaniseka. Ngoba? Sikwenza oko ngenxa yesazela sethu yaye ngokuyintloko ngenxa yokuthanda uThixo nokuthobela imiyalelo yakhe. (Roma 13:5, 6) Senza ntoni xa sifumana into engeyoyethu? Siyibuyisela kumniniyo. Hayi indlela ekuye kunikele ubungqina obuhle ngayo oku xa sichaza isizathu sokubuyisela into kumntu wayo!
13 Ukuthembeka nokunyaniseka kwizinto zonke kufuna sinyaniseke emsebenzini wempangelo. Ukunyaniseka kwindlela esisebenza ngayo kubangela abantu batsalel’ ingqalelo kuThixo esimmelayo. ‘Asilibi’ ixesha ngokuba ngamavila. Kunoko, siyazibhokoxa, ngokungathi sisebenzela uYehova. (Efese 4:28; Kolose 3:23) Kwelinye ilizwe laseYurophu kuqikelelwa ukuba umqeshwa omnye kwabathathu ofuna ileta kugqirha echaza ukuba uyagula ukwenza oko exoka. Abakhonzi bakaThixo bokwenene abenzi zingxengxezo zithile ukuze bangayi emsebenzini. Maxa wambi, amaNgqina kaYehova aye anyuselwe emsebenzini ngenxa yokuba abaqeshi bebona ukuba asebenza ngokunyaniseka nangokuzibhokoxa.—IMizekeliso 10:4.
Ukuthembeka Kubulungiseleli BamaKristu
14, 15. Ziziphi ezinye iindlela esinokubonisa ngazo ukuthembeka kwethu kubulungiseleli bamaKristu?
14 Sikubonisa njani ukuthembeka kubulungiseleli esibunikiweyo? IBhayibhile ithi: “Masisoloko sinikela kuThixo umbingelelo wendumiso, oko kukuthi, isiqhamo semilebe evakalisa ekuhleni igama lakhe.” (Hebhere 13:15) Eyona ndlela sinokubonisa ngayo ukuthembeka kubulungiseleli basentsimini kukuba nenxaxheba kubo rhoqo. Kwenzeka njani ukuba kude kudlule inyanga singakhange sithethe ngoYehova nangeenjongo zakhe? Ukuba nenxaxheba rhoqo kumsebenzi wokushumayela kukwasinceda siphucule ubuchule bethu size siwenze ngempumelelo.
15 Enye indlela yokubonisa ukuthembeka kwinkonzo yasentsimini kukusebenzisa amacebiso akwiMboniselo nakuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Xa silungiselela size sisebenzise iintshumayelo ezicetyisiweyo okanye ezinye ezisebenzisekayo, ngaba asifumanisi ukuba ubulungiseleli bethu buba nemveliso ngakumbi? Xa sidibana nomntu onomdla kwisigidimi soBukumkani, ngaba sibuyela ngokukhawuleza kuloo mntu? Yaye kuthekani ngezifundo zeBhayibhile esiziqalisa nabantu abanomdla? Ngaba siziqhuba rhoqo ngokuthembeka? Ukuthembeka kwethu kubulungiseleli kunokusindisa thina kwanabo basiphulaphulayo.—1 Timoti 4:15, 16.
Ukuzigcina Sahlukile Ehlabathini
16, 17. Ziziphi iindlela esinokubonisa ngazo ukuba sahlukile ehlabathini?
16 Ethandazela abalandeli bakhe kuThixo, uYesu wathi: “Ndibanikile ilizwi lakho, kodwa ihlabathi liye labathiya, ngenxa yokuba abayonxalenye yehlabathi, kanye njengoko nam ndingeyonxalenye yehlabathi. Ndiyakucela, kungekhona ukuba ubasuse ehlabathini, kodwa ukuba ubalinde ngenxa yalowo ungendawo. Abayonxalenye yehlabathi, kanye njengoko nam ndingeyonxalenye yehlabathi.” (Yohane 17:14-16) Sinokuma siqinile size sizimisele ukuhlala sahlukile ehlabathini kwimibandela emikhulu, njengokungabi nanxaxheba kwezopolitiko, iiholide nemisitho yonqulo nokuziphatha okubi. Noko ke, kuthekani ngezinto ezincinane? Ngaba kungenzeka kuthi singaqondanga siphenjelelwe ziindlela zehlabathi? Ngokomzekelo, ukuba asilumkanga, sinokukuthabatha lula ukunxiba ngendlela engenasidima nengafanelekanga. Ukuthembeka kufuna ‘ukuthozama nengqondo ephilileyo’ kumbandela wesinxibo nokuzilungisa. (1 Timoti 2:9, 10) Ewe, “siyakuphepha ukuba sisikhubekiso nangayiphi na indlela, ukuze kungafunyanwa siphoso kubulungiseleli bethu; kodwa ngandlela zonke siyazincomela njengabalungiseleli bakaThixo.”—2 Korinte 6:3, 4.
17 Ngenxa yokuba sifuna ukuzukisa uYehova, sinxiba ngendlela enesidima xa sisiya kwiintlanganiso zebandla. Senza okufanayo naxa sihlanganisene sibaninzi kwiindibano zesiphaluka nezesithili. Sifanele sinxibe ngendlela efanelekileyo nenesidima. Oku kunikela ubungqina kwabanye abasibukeleyo. Kwaneengelosi ziyakubona oko sikwenzayo, njengoko zenzayo kuPawulos nakumaqabane akhe angamaKristu. (1 Korinte 4:9) Eneneni, sifanele sinxibe ngokufanelekileyo ngalo lonke ixesha. Ukuthembeka kwindlela esinxiba ngayo kusenokubonakala kuyinto encinane kwabanye, kodwa kubalulekile kuThixo.
Iintsikelelo Zokuthembeka
18, 19. Ziziphi iintsikelelo ezifumaneka ngenxa yokuthembeka?
18 AmaKristu okwenyaniso abizwa ngokuba “ngamagosa amahle obubele obungasifanelanga bukaThixo obubonakaliswa ngeendlela ezahlukahlukeneyo.” Ngenxa yoko, ‘axhomekeke emandleni awanikwa nguThixo.’ (1 Petros 4:10, 11) Ngaphezu koko, njengamagosa, siphathiswe into engeyoyethu—amazwi obubele obungasifanelanga kaThixo, kuquka ubulungiseleli. Ukuze sizingqine singamagosa amahle, sikholosa ngamandla uThixo asinika wona, “amandla angaphaya koko kuqhelekileyo.” (2 Korinte 4:7) Olu lolona qeqesho luhle oluya kusinceda sihlangabezane nazo naziphi na iimvavanyo ezinokubakho kwixesha elizayo!
19 Umdumisi wavuma ingoma esithi: “Owu mthandeni uYehova, nonke nina banyanisekileyo bakhe. Abathembekileyo uYehova uyabalondoloza.” (INdumiso 31:23) Masizimisele ukuzingqina sithembekile, sinentembelo epheleleyo yokuba uYehova “nguMsindisi wazo zonke iintlobo zabantu, ngokukodwa abo bathembekileyo.”—1 Timoti 4:10.
Ngaba Uyakhumbula?
• Kutheni sifanele ‘sithembeke kokona kuncinane’?
• Sinokuzingqina njani sithembekile
kumbandela wokunyaniseka?
kubulungiseleli?
ngokuzigcina sahlukile ehlabathini?
[Imifanekiso ekwiphepha 26]
Othembekileyo kokona kuncinane, uthembekile nakokukhulu
[Umfanekiso okwiphepha 29]
‘Ziphatheni ngokunyaniseka kwizinto zonke’
[Umfanekiso okwiphepha 29]
Indlela efanelekileyo yokubonakalisa ukuthembeka kukuyilungiselela kakuhle inkonzo yasentsimini
[Umfanekiso okwiphepha 30]
Nxiba uze uzilungise ngendlela enesidima