Vumela “Ilizwi” LikaYehova Likulondoloze
NGOWAMA-490 B.C.E. kwidabi laseMarathon elidumileyo embalini, amajoni ase-Athene amalunga namawaka ali-10 ukusa kwangama-20 agagana nomkhosi wamaPersi ali-100 lamawaka. La majoni aseGrisi ayenecebo lokulwa awayeqamele ngalo elibizwa ngokuba yiphalanx—uluhlu lwamajoni awayematsha eyimbumba eluqilima. Amakhaka awo ayefana nodonga ekungenakugqojozwa kulo, ngemva kwawo kuthe gqi amagqajolo emikhonto. Loo mbumba eluqilima yamajoni yayizisela udumo iAthene ngokuthi iwoyise umkhosi omkhulu kakhulu wamaPersi.
AmaKristu okwenyaniso abandakanyeke kwimfazwe yokomoya. Alwa neentshaba ezinamandla—abalawuli abangabonakaliyo bale nkqubo ingendawo yezinto, abachazwe eBhayibhileni ‘njengabalawuli bobumnyama behlabathi, oomoya abangendawo kwezasezulwini iindawo.’ (Efese 6:12; 1 Yohane 5:19) Abantu bakaThixo bayaqhubeka besoyisa—kodwa kungekhona ngamandla abo. Lonke uzuko luya kuYehova, njengoko inguye obalondolozayo nobayalelayo, njengokuba iNdumiso 18:30 isithi: “Ilizwi likaYehova lisulungekile. Ulikhaka kubo bonke abo basabela kuye.”
Ewe, ‘ngelizwi’ lakhe elisulungekileyo, elifumaneka eZibhalweni Ezingcwele, uYehova uyabalondoloza ekwenzakaleni ngokomoya abakhonzi bakhe abanyanisekileyo. (INdumiso 19:7-11; 119:93) Ngokuphathelele ubulumko obuseLizwini likaThixo, uSolomon wabhala wathi: “Musa ukubushiya, buya kukugcina. Buthande, buya kukulondoloza.” (IMizekeliso 4:6; INtshumayeli 7:12) Ubulumko bukaThixo busilondoloza njani ekwenzakaleni? Qwalasela umzekelo kaSirayeli wamandulo.
Abantu Ababekhuselwe Bubulumko BukaThixo
UMthetho kaYehova wawakhusela waza wawakhokela amaSirayeli kuzo zonke iinkalo zobomi. Ngokomzekelo, imiyalelo ephathelele ukutya, ucoceko, nokuhlaliswa komntu onesifo esasulelayo yedwa, kwawakhusela kwizifo ezininzi ezazithwaxa ezinye iintlanga. Kuphela kusemva kokuba izazinzulu zifumanise ukuba kukho into ekuthiwa yintsholongwane, ngenkulungwane ye-19, ezathi zafikelela kumlinganiselo ofanayo nowoMthetho kaThixo. Imithetho ephathelele amalungelo omhlaba nokuthengwa komhlaba, ukuhlawulwa kwamatyala, nokubizwa kwenzala, kwadala ulwalamano oluhle nemeko entle yezoqoqosho kwaSirayeli. (Duteronomi 7:12, 15; 15:4, 5) UMthetho kaYehova wanceda nasekwenzeni ukuba umhlaba wamaSirayeli uchume! (Eksodus 23:10, 11) Imiyalelo enxamnye nonqulo lobuxoki yabalondoloza abantu ngokomoya, yabakhusela kwingcinezelo yeedemon, ekubingeleleni ngabantwana, nakobunye ububi obuninzi, kuquka uqheliselo oluthob’ isidima lokuqubuda kwabantu kwizithixo ezingaphiliyo.—Eksodus 20:3-5; INdumiso 115:4-8.
Ngokucacileyo, “ilizwi” likaYehova langqineka ‘lixabisekile’ kuSirayeli, lingumthombo wobomi nemihla emininzi kubo bonke abo babelithobela. (Duteronomi 32:47) Kukwanjalo nanamhlanje kwabo bawathobelayo amazwi kaYehova obulumko, nangona amaKristu engekho phantsi komnqophiso woMthetho. (Galati 3:24, 25; Hebhere 8:8) Endaweni yemithetho, amaKristu anoluhlu lwemigaqo yeBhayibhile ewakhokelayo newalondolozayo.
Abantu Abakhuselwe Yimigaqo
Imithetho isenokusikelwa umda okanye ibe yeyokwexeshana. Kodwa imigaqo yeBhayibhile, ekubeni iqulethe iinyaniso ezisisiseko, idla ngokuba banzi kwaye ingasikelwa mda. Ngokomzekelo, qwalasela umgaqo ochazwe kuYakobi 3:17, othi: “Ubulumko obuvela phezulu okokuqala nje bunyulu, bandule ke bube boboxolo.” Loo nyaniso isisiseko inokubakhusela njani abantu bakaThixo namhlanje?
Ukuba nyulu kuthetha ukucoceka ngokokuziphatha. Ngoko, abantu ababuxabisayo ubunyulu baphepha kungekuphela nje ukuziphatha okubi kodwa kwanezinto ezikhokelela kuko, kuquka iingcamango zesini nokubukela amanyala. (Mateyu 5:28) Ngokufanayo, izibini ezithembisene ngomtshato eziwuxabisayo umgaqo okuYakobi 3:17 ziyakuphepha ukubonisa uthando ngendlela engenakuzeyisa. Ukunamathela kwazo kulo mgaqo, kuya kuzinceda ukuba zilondoloze ubunyulu bazo, zingakhohliselwa ekucingeni ukuba logama nje zingaphuli mthetho, uYehova uyakholiswa kukuziphatha kwazo. Ziyazi ukuba uYehova ‘ubona intliziyo’ aze asabele ngokuvisisana noko akubonayo kuyo. (1 Samuweli 16:7; 2 Kronike 16:9) Oko kuyazikhusela kwizifo ezininzi ezidluliselwa ngeentlobano zesini nezandileyo namhlanje, yaye kukhusela kwaneengcamango neemvakalelo zazo.
Kwakhona ubulumko bukaThixo “boboxolo,” utsho njalo uYakobi 3:17. Siyazi ukuba uSathana uzama ukusahlukanisa noYehova ngokuthi ahlwayele umoya wogonyamelo ezintliziyweni zethu, esebenzisa iincwadi, imiboniso eshukumayo, umculo, kwanemidlalo yekhompyutha ethandabuzekayo—eminye yayo ekhuthaza abadlali ukuba babonise inkohlakalo engathethekiyo yaye babulale! (INdumiso 11:5) Ukwanda kolwaphulo-mthetho logonyamelo kubonisa ukuba uSathana uyaphumelela. Ngokuphathelele ulwaphulo-mthetho olunjalo, kwiminyaka edluleyo iphephandaba laseOstreliya iThe Sydney Morning Herald lacaphula uRobert Ressler, owaqamba ibinzana elithi “serial killer” (umntu obulala abantu abaninzi ngokulandelelanayo). URessler wathi abanye baba babulali awadlan’ indlebe nabo ngeminyaka yee-1970 babephenjelelwe kukubukela imifanekiso eshukumayo ebonisa amanyala “eyayingagabadelanga kangako xa ithelekiswa neyanamhlanje.” Ngenxa yoko, uRessler uthi ubona “ikamva elimfiliba—inkulungwane entsha enababulali abaphindaphindiweyo.”
Eneneni, kwiinyanga nje ezimbalwa emva kokupapashwa kwezo ndaba, enye indoda yadubula yabulala abantwana abali-16 kunye notitshala wabo kwisikolo sabantwana abancinane esiseDunblane, eSkotlani, yaza emva koko nayo yazibulala. Kwinyanga elandelayo enye indoda yasuka nje yangenwa yimpambano yaza yadubula yabulala abantu abangama-32 kwidolophu ethuleyo iTasmania yasePort Arthur, eOstreliya. Kwiminyaka yakutshanje kuye kwabulawa abafundi abaninzi kwizikolo zaseUnited States, nto leyo eyenze abemi baseMerika babuza ukuba, Yintoni unobangela woku? NgoJuni 2001, iJapan yaba sezindabeni kwihlabathi lonke xa ndoda ithile yalapho yambonzeleka esikolweni yaza yahlaba ngemela yabulala abantwana abasi-8 abakumabanga abasaqalayo, yaza yangxwelerha abanye abantu abali-15. Ngokuqinisekileyo, izizathu zolo gonyamelo zintsonkothile, kodwa amajelo osasazo anegalelo ngokubonisa kwawo ugonyamelo. Umbhali wemihlathi yephephandaba waseOstreliya, uPhillip Adams, wabhala wathi: “Ukuba ukuboniswa kwentengiso yezorhwebo ngemizuzwana engama-60 kunokuluchumisa ushishino, ungandixeleli ukuba umfanekiso oshukumayo weeyure ezimbini, nowenziwe ngezigidi zezigidi zemali, awusichaphazeli isimo sengqondo.” Ukungqina oku, kwikhaya lombulali wasePort Arthur, amapolisa aye avumbulula iividiyo ezingama-2 000 ezibonisa ugonyamelo namanyala.
Abo banamathela kwimigaqo yeBhayibhile bakhusela iingqondo neentliziyo zabo kuzo zonke iintlobo zokuzonwabisa ezikhuthaza ugonyamelo. Ngaloo ndlela, abawuvumeli “umoya wehlabathi” ukuba uphembelele iingcinga neminqweno yabo. Kunoko, ‘bafundiswa ngomoya kaThixo,’ yaye bazabalazela ukuhlakulela isiqhamo sawo, esiquka uxolo. (1 Korinte 2:12, 13; Galati 5:22, 23) Oku bakwenza ngokufundisisa nokucamngca ngeBhayibhile, nangokuthandaza rhoqo. Kwakhona bayakuphepha ukunxulumana nabantu abathanda ugonyamelo, baze endaweni yoko banxulumane nabo balangazelela ihlabathi elitsha likaYehova elinoxolo. (INdumiso 1:1-3; IMizekeliso 16:29) Ewe, ubulumko bukaThixo buyasikhusela ngokwenene!
Vumela “Ilizwi” LikaYehova Lilondoloze Intliziyo Yakho
Xa uYesu wayehendwa nguSathana entlango, wamgatya ngokuthi acaphule ngokuchanileyo eLizwini likaThixo. (Luka 4:1-13) Noko ke, injongo yakhe yayingekuko ukoyisa uMtyholi ngamazwi. Ngokunamathela kwakhe eZibhalweni, uYesu wathetha ngokusuka entliziyweni, yaye kungeso sizathu le nto iqhinga likaMtyholi, elasebenzayo e-Eden, lingazange lisebenze kuYesu. Amaqhinga kaSathana akayi kusebenza nakuthi ukuba sizalisa iintliziyo zethu ngamazwi kaYehova. Ayikho into ebaluleke ngaphezu kwaleyo, kuba “iphuma kuyo [intliziyo] imithombo yobomi.”—IMizekeliso 4:23.
Ngaphezu koko, simele siqhubeke silondoloza iintliziyo zethu, singaze sinikezele. Nakuba uSathana wasilelayo entlango, kodwa akazange ayeke ukulinga uYesu. (Luka 4:13) Uya kuzingisa nakuthi, ezama iindlela ezahlukahlukeneyo zokwaphula ingqibelelo yethu. (ISityhilelo 12:17) Ngoko masixelise uYesu ngokuthi sihlakulele uthando olunzulu ngeLizwi likaThixo, size kwangaxeshanye sithandazele ngokuzingisileyo umoya oyingcwele nobulumko. (1 Tesalonika 5:17; Hebhere 5:7) UYehova uthembisa bonke abo bathembela kuye ukuba abayi kwenzakaliswa ngokomoya.—INdumiso 91:1-10; IMizekeliso 1:33.
Ilizwi LikaThixo Lilondoloza Ibandla
USathana akanakusithintela “isihlwele esikhulu” esichazwe kwangaphambili ukuba sisinde kwimbandezelo enkulu. (ISityhilelo 7:9, 14) Kodwa ke, uzama ngamandla ukonakalisa amaKristu ukuze amanye awo angakholeki emehlweni kaYehova. Elo qhinga lasebenza kumaSirayeli amandulo, kwaza kwafa angama-24 000 xa kanye ayesele eza kungena kwiLizwe Lesithembiso. (Numeri 25:1-9) Noko ke, amaKristu enza isiphoso naguquka ngokunyanisekileyo, ancedwa ngothando ukuze avuseleleke kwakhona ngokomoya. Kodwa aboni abangaguqukiyo, njengoZimri wamandulo, babeka abanye engozini yokuziphatha neyokomoya. (Numeri 25:14) Njengamajoni alahla amakhaka awo, abazibeki nje bona bodwa esichengeni sokwenzakala, kodwa kwanabanye.
Ngenxa yoko, iBhayibhile iyalela isithi: “[Yekani] ukunxulumana naye nabani na obizwa ngokuba ngumzalwana ongumhenyuzi okanye umntu obawayo okanye umnquli-zithixo okanye umtshabhisi okanye inxila okanye umphangi, ningatyi kwaukutya nomntu onjalo. . . . Mshenxiseni umntu ongendawo phakathi kwenu.” (1 Korinte 5:11, 13) Akuvumi na ukuba la ‘mazwi’ obulumko aluncedo ekulondolozeni ubunyulu bokuziphatha nobokomoya bebandla lamaKristu?
Noko ke, iicawa ezininzi zeNgqobhoko kwanabawexuki bazigqala njengeziphelelwe lixesha iinxalenye zeBhayibhile eziphikisana nokuziphatha kwale mihla. Ngenxa yoko, bayazithethelela zonke iintlobo zezono ezinzulu, kwanaxa zisenziwa ngabefundisi. (2 Timoti 4:3, 4) Kodwa ke, phawula ukuba iMizekeliso 30:5, nayo ebhekisela ‘kumazwi’ kaYehova anjengekhaka, ilandelwa ngulo myalelo okwindinyana 6: “Musa ukongeza kumazwi [kaThixo], ukuze angakohlwayi, nokuze ungangqineki ulixoki.” Ewe, abo bangayihloneliyo iBhayibhile eneneni bangamaxoki okomoya—nto leyo eyenyanyeka ngaphezu kwalo lonke olunye uhlobo lobuxoki! (Mateyu 15:6-9) Ngoko masibe nombulelo onyanisekileyo ngokuba yinxalenye yentlangano elihlonela ngokunzulu iLizwi likaThixo.
Ukukhuselwa “Livumba Elimnandi”
Ngenxa yokuba abantu bakaThixo benamathela eBhayibhileni yaye besabelana nabanye ngesigidimi sayo esithuthuzelayo, bavelisa “ivumba elimnandi” lobomi elinjengelesiqhumiso nelimkholisayo uYehova. Kodwa abo bangengomalungisa, babagqala njengabavelisa “ivumba lokufa elisa ekufeni.” Ewe, izivamvo zokusezela zokomoya zabantu abangendawo ziye zagqwethwa kanobom yile nkqubo kaSathana kangangokuba azikwazi kumelana nabo bavelisa “ivumba elimnandi likaKristu.” Kodwa bona abo bavakalisa iindaba ezilungileyo ngenzondelelo baba “livumba elimnandi likaKristu phakathi kwabo basindiswayo.” (2 Korinte 2:14-16) Abo bantu banyanisekileyo baluthiyile uhanahaniso nobuxoki obubalaseleyo kunqulo lobuxoki. Ngoko, xa sivula iLizwi likaThixo size sabelane nabo ngesigidimi soBukumkani, bayatsaleleka kuKristu baze bafune ukufunda okungakumbi.—Yohane 6:44.
Ngoko musa ukudimazeka xa abanye bengasamkeli isigidimi soBukumkani. Kunoko, ligqale “ivumba elimnandi likaKristu” njengento ekhusela abantu bakaThixo kubantu abanokubenzakalisa ngokomoya, ize itsale abo baneentliziyo ezintle.—Isaya 35:8, 9.
Ngenxa yokuba amajoni aseGrisi awayekwidabi laseMarathon, ayeyimbumba eluqilima yaye abambelela nkqi kumakhaka awo, oyisa nakuba ayembalwa gqitha ngenani. Ngokufanayo, amaNgqina kaYehova anyanisekileyo ayaqinisekiswa ukuba aya koyisa ngokupheleleyo kwimfazwe yawo yokomoya, loyiso olo aya kulunikwa ‘njengelifa.’ (Isaya 54:17) Ngoko, ngamnye wethu makaqhubeke ezimela ngoYehova ngokuthi ‘abambelele ngokuqinileyo kwilizwi lobomi.’—Filipi 2:16.
[Imifanekiso ekwiphepha 31]
‘Ubulumko obuvela phezulu bunyulu, bandule ke bube boboxolo’