Ukubonakaliswa Kothando, Ukholo Nokuthobela
KUSASA ngomhla kaMeyi 16, 2005, kwakuzolile kusitsho impepho emnandi kwiiFama zeWatchtower eziseWallkill, eNew York. Imvula eyayisandul’ ukuna ngaloo ntseni yashiya ingca echetywe kakuhle neentyatyambo ezilapho zisithi ndijonge. Kwakukho nedada elalinamantshontsho asibhozo lizonwabele kwidanyana elalilapho. Iindwendwe zazingawuvali umlomo bobo buhle. Zazithethela phantsi ngokungathi ziphepha ukuphazamisa loo nzolo.
Ezi ndwendwe yayingamaNgqina kaYehova awayevela kumazwe angama-48 ehlabathi. Noko ke, zazingezanga kutyebisa nje amehlo. Zazinomdla wokubona izinto ezingaphakathi kuloo bhaza-bhaza wesakhiwo, esisandul’ ukwandiswa kwisakhiwo seBheteli yaseUnited States esiseWallkill. Ngaphakathi kwesi sakhiwo, zaphinda zabamb’ ongezantsi zakubona umsebenzi owawusenziwa apho.
Iindwendwe zazimi kwindawo ephezulu kwesi sakhiwo zondele oomatshini bokushicilela abaxhakaxhaka. Kwakukho iingadlangadla ezintlanu zoomatshini bokushicilela ababedwele kwisithabathaba somgangatho wesamente ongaphezu kwamabala asithoba ebhola. Kulapha kwesi sakhiwo apho kushicilelwa khona iiBhayibhile, iincwadi namaphephancwadi. Imiqulu emikhulu yephepha, enobunzima obungangeekhilogram ezili-1 700 umnye, yayibaleka ngesantya esiphezulu oku kwamavili elori enkulu ebalekayo. Mqulu ngamnye onobude obulingana neekhilomitha ezingama-23 wawuthabatha imizuzu nje engama-25 uze uphele. Kwangaxeshanye lo matshini ubhala ngeinki uze uyomise ube sele upholisa nephepha ulisonge, libe ngamaphephancwadi ahamba ngesantya esikhulu edlula kumabhanti okuhambisa imithwalo aze afakwe kwiibhokisi athunyelwe emabandleni. Abanye oomatshini bashicilela iincwadi, zize emva koko ziye kugcinwa kumgangatho ongaphezulu de ibe lixesha lokuba zithunyelwe kumatshini wokuzidibanisa. Wonke lo msebenzi ulawulwa yikhompyutha.
Emva koko iindwendwe, zaya kubona oomatshini bokudibanisa iincwadi. Aba matshini bavelisa iincwadi ezinoqweqwe oluqinileyo neeBhayibhile ezinoqweqwe olwenziwe ngofele ezimalunga nama-50 000 ngosuku. Ezi ncwadi ziyadityaniswa zize zincwelwe emva koko. Ukusuka apho zifakwa amaqweqwe zibe sele zifakwa kwiibhokisi. Ezi bhokisi ziyatywinwa, zibhalwe amagama, zize zilinde kwindawo yokupakisha. Ukongezelela kukho oomatshini bokudibanisa iincwadi ezinoqweqwe oluthambileyo zize zipakishwe ibe zona zifikelela kwi-100 000 ngemini. Nalo umatshini wokudibanisa iincwadi mkhulu kakhulu—uneenjini eziliqela, amabhanti okuhambisa umthwalo, iigiyeri, namavili—zonke zihamba ngesantya esiphezulu zivelisa uncwadi lweBhayibhile.
Lo matshini ulawulwa yikhompyutha, ubaleka ngesantya esiphezulu yaye unobugcisa bezi mini. Njengoko siza kubona, ububungqina bothando, ukholo nokuthobela kwabantu bakaThixo. Kodwa, kwakutheni ukuze umsebenzi wokushicilela ufuduselwe eWallkill?
Oyena ndoqo kwakusenziwa lula umsebenzi wokushicilela nowokuthumela, ngokuwenzela kwindawo enye. Kangangeminyaka iincwadi bezishicilelwa eBrooklyn zize zithunyelwe kwiindawo ngeendawo, ngoxa wona amaphephancwadi ebeshicilelwa eWallkill kakade. Ukwenzelwa ndawonye kwalo msebenzi kwakuza kuphungula inani labasebenzi itsho isetyenziswe kakuhle iminikelo. Esinye isizathu kukuba oomatshini bokushicilela baseBrooklyn bebesele bebadala, ngoko kwaye kwathengwa abohlobo lweMAN Roland Lithoman ababini eJamani. Aba matshini babebakhulu gqitha, bengenakwanela eBrooklyn.
UYehova Uyawuxhasa Lo Msebenzi
Injongo yokushicilela ibisoloko ikukuhambisela phambili iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Kwakude kudala, bekubonakala ukuba uYehova uyawusikelela lo msebenzi. Ukususela ngowe-1879 ukusa ngowe-1922, kwakusetyenziswa iinkampani zorhwebo ukushicilela iincwadi. Ngowe-1922, kwaqeshwa isakhiwo esinemigangatho emithandathu e-18 Concord Street eBrooklyn kwaze kwathengwa noomatshini bokushicilela iincwadi. Ngeloo xesha, abanye babethandabuza ukuba abazalwana banokukwazi ukuwenza ngokwabo lo msebenzi.
Omnye wabo babethandabuza yayingumongameli wenkampani eyayishicilela inkoliso yeencwadi zethu. Xa wayetyelele iConcord Street, wathi: “Ngoku ninoomatshini bokushicilela abakudidi oluphezulu, kodwa aninaye umntu okwaziyo ukubasebenzisa. Emva kweenyanga nje ezintandathu lo matshini uza kube wonakele; kwaye niza kuyibona into yokuba oomakhwekhwetha balo msebenzi ngabo bebesoloko bewenza kakade.”
URobert J. Martin owayengumveleli wokushicilela ngelo xesha wathi: “Oko kwakuvakala kusengqiqweni, kodwa kwakuyikhuphele ecaleni iNkosi; yaye ibisoloko inathi. . . . Kodwa akuzange kube kudala sabe sele sizenzela iincwadi.” Kule minyaka ingama-80 ukususela ngoko, amaNgqina kaYehova aye ashicilela amawaka ezigidi zoncwadi ngoomatshini babo.
Kwintlanganiso yonyaka yeWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania eyayingo-Oktobha 5, 2002, kwenziwa isaziso sokuba iQumrhu Elilawulayo liye lagunyazisa ukuba umsebenzi wokushicilela wesebe laseUnited States ufuduselwe eWallkill. Kwathengwa oomatshini ababini abatsha kraca bokushicilela ababeza kufika ngoFebruwari 2004. Kwafuneka ukuba abazalwana bazobe baze bandise isakhiwo sokushicilela size sibe sele silungele ukufakwa abo matshini batsha kwisithuba seenyanga ezili-15. Kwakuza kufuneka ukuba oomatshini bokudibanisa iincwadi nabesebe lokuthumela babe sele begqityiwe kwisithuba seenyanga nje ezisithoba. Kusenokwenzeka ukuba abanye babethandabuza xa besiva ixesha ekwakufuneka ugqitywe ngalo loo msebenzi. Kodwa abazalwana babesazi ukuba xa uYehova ewusikelela, wawunokwenziwa.
“Umoya Omhle Wentsebenziswano”
Ekubeni babesazi ukuba abantu bakaYehova babeza kuzinikela ngeentliziyo, abazalwana baqalisa umsebenzi wokwakha. (INdumiso 110:3) Ngenxa yobukhulu balo msebenzi kwakuza kufuneka abasebenzi abangakumbi kunabo babekumasebe okwakha aseBheteli. EUnited States naseKhanada abazalwana noodade abangephezu kwe-1 000 abakwaziyo ukwakha banikela ngobugcisa babo ukuze babe ngamatshantliziyo kangangeveki ukusa kwiinyanga ezintandathu. Kwamenywa abasebenzi abavela kumazwe ngamazwe namanye amatshantliziyo kulo msebenzi. NeeKomiti Zenqila Zokwakha zaba negalelo.
Kwabaninzi kuloo matshantliziyo ukuya kuncedisa eWallkill kwakubandakanya iindleko ezinkulu zokuhamba nokungabikho emsebenzini wabo kangangexesha elithile. Ukanti eyona nto yayibavuyisa kukuzincama. Ukufunela loo matshantliziyo indawo yokufihla intloko nento esiwa ethunjini kwavulela intsapho yaseBheteli ithuba lokuba ixhase lo msebenzi. Angaphezu kwama-535 amalungu entsapho yaseBheteli eBrooklyn, ePatterson naseWallkill awayencedisa ngokuzithandela kulo msebenzi ngeMigqibelo, nangona ayesebenza naphakathi evekini. Ekubeni uYehova wayewuxhasa lo msebenzi nabantu bakhe bawuxhasa.
Abanye banikela ngemali. Ngokomzekelo, abazalwana bafumana ileta eyayivela kuAbby oneminyaka esithoba ubudala. Kuloo leta wabhala wathi: “Ndibamba ngazibini ngomsebenzi eniwenzayo—neencwadi ezintle enizenzayo. Mhlawumbi ndiza kunityelela kungentsuku zatywala. Utata uthi siza kunityelela kulo nyaka uzayo! Ndiza kunxiba ibheji ukuze nindibone lula. Nantso imali engangee-R140 yokunceda kwiindleko zoomatshini abatsha bokushicilela! Yimadlana yam yomxhesho le kodwa ndikhethe ukuyinika nina bazalwana.”
Omnye udade wabhala wathi: “Ncedani namkele iminqwazi endinenzele yona ngezandla zam. Ndicela ukuba le minqwazi inikwe abazalwana abakha eWallkill. Izanuse zezulu zithe buza kuqhaqhazelisa amazinyo ubusika balo nyaka. Enoba bachanile okanye akunjalo, andazi. Ekuphela kwento endiyaziyo kukuba umsebenzi omninzi uza kwenziwa ngaphandle, kwaye ndifuna bangagodoli abazalwana noodade. Andinabo ubugcisa obufunwa ngabazalwana, kodwa ndiyakwazi ukunitha, ndiye ndagqiba ekubeni ndenze loo nto ndikwazi ukuyenza ukuze ndinikele ngaloo nto ndinokunikela ngayo.” Wanikela ngeminqwazi eli-106 enithiweyo!
Isakhiwo sokushicilela sagqitywa ngexesha elifanelekileyo. UJohn Larson ongumveleli wokushicilela wathi: “Bekukho umoya omhle wentsebenziswano. Ngubani onokuthandabuza ukuba uYehova ebewusikelela lo msebenzi? Izinto zenzeka ngokukhawuleza. Ndisakhumbula kakuhle ndimi phezu kodaka ngoMeyi 2003 ndibukel’ abazalwana besenza isiseko sesakhiwo. Kwixeshana nje elingaphantsi konyaka emva koko, ndiye ndema kwakuloo ndawo inye ndibukele oomatshini bokushicilela besebenza.”
Ucwangciso Lokunikezela
Ucwangciso lokunikezelwa kwesakhiwo esitsha sokushicilela, nezakhiwo ezithathu zokuhlala, lwaqhutyelwa eWallkill ngoMvulo, Meyi 16, 2005. Abazalwana abahlala ePatterson naseBrooklyn nakwiBheteli yaseKhanada babexokonyezelelwe ngevidiyo. Olo cwangciso lwananditshwa ngabazalwana noodade abangama-6 049. UTheodore Jaracz, olilungu leQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova, waba ngusihlalo waza wenza amagqabantshintshi ngomsebenzi wokushicilela. Amalungu eKomiti Yesebe, uJohn Larson noJohn Kikot benza udliwano-ndlebe nemiboniso yevidiyo ukuze benze amavandlakanya ngomsebenzi wokwakha nowokushicilela eUnited States. UJohn Barr weQumrhu Elilawulayo wanikel’ intetho yokuqukumbela, enikezela kuYehova uThixo isakhiwo sokushicilela nezakhiwo ezithathu zokuhlala.
Kwiveki elandelayo, abazalwana noodade abahlala ePatterson naseBrooklyn baphiwa ithuba lokutyelela kwezi zakhiwo zitsha. Kuloo veki kwatyelela abazalwana noodade abangama-5 920.
Siwujonga Njani Lo Msebenzi Wokushicilela?
Kwintetho yakhe yokunikezela uMzalwan’ uBarr wakhumbuza abaphulaphuli bakhe ukuba kungakhathaliseki ukuba bachukumisa kangakanani na oomatshini bokushicilela, kodwa eyonanto ibaluleke nangaphezu kwabo ngabantu. Uncwadi esilushicilelayo lunendima enkulu kubomi babantu.
Ngamnye kwaba matshini unokushicilela amaphecana asisigidi ngeyure nje enye! Ukanti iphecana nje elinye linokubuguqula ubomi bomntu. Ngokomzekelo, ngowe-1921 kwakukho iqela lamadoda awayesebenza kwisiporo sikaloliwe eMzantsi Afrika yaza enye yawo egama linguChristiaan, yabona iphecana ngaphantsi komzila kaloliwe. Yayilelinye lamaphecana ethu. UChristiaan walifunda ngomdla ongathethekiyo. Way’ ebhabha kumkhwenyana wakhe waza ngehlombe wathi: “Namhlanje ndiyifumene inyaniso!” Akuzange kube kudala emva koko, babhalela iofisi yesebe befuna inkcazelo engakumbi. Isebe laseMzantsi Afrika labathumelela uncwadi olungakumbi lweBhayibhile. La madoda afunda, abhaptizwa aze ashumayela inyaniso yeBhayibhile kwabanye. Ngenxa yoko, abantu abaninzi bayamkela inyaniso. Ekuqaleni kweminyaka yowe-1990 babengaphezu kwekhulu ababengamaNgqina kaYehova kwinzala yabo—bonke baba ngamaNgqina ngenxa yendoda enye eyachola iphecana kwisiporo sikaloliwe!
UMzalwan’ uBarr wathi uncwadi esilushicilelayo luzisa abantu enyanisweni, luze lubagcine kuyo, lubakhuthaze bazinikele ngakumbi luze lumanyanise abazalwana. Ngaphezu kwako konke, uncwadi esilusasazayo, luzukisa uThixo wethu, uYehova!
UYehova Ukujonga Njani Ukushicilelwa Koncwadi?
UMzalwan’ uBarr wacela abaphulaphuli ukuba bacinge ngendlela uYehova akujonga ngayo ukushicilelwa koncwadi. Akaxhomekekanga komatshini bokushicilela. Ebenokwenza amatye ashumayele iindaba ezilungileyo! (Luka 19:40) Ngaphezu koko akachukunyiswa kukuntsonkotha, bubukhulu, sisantya okanye zizinto ezenziwa ngaba matshini. Kaloku nguye owadala yonke indalo! (INdumiso 147:10, 11) UYehova wazi iindlela eziphucuke ngakumbi zokuvelisa uncwadi, iindlela ezingekathi qatha nokuthi qatha ezingqondweni zabantu. Yintoni ke ayibonayo uYehova nayixabisayo? Ngokuqinisekileyo kwesi sakhiwo sokushicilela ubona iimpawu ezixabisekileyo zabantu bakhe—uthando, ukholo nokuthobela kwabo.
Ukuze aphuhlise inkalo yothando, uMzalwan’ uBarr wenza umzekelo ngentombazana ebhakela abazali bayo ikeyiki. Ngokuqinisekileyo abazali bayo baya kuchukumiseka. Ewe, nokuba inganjani na lo keyiki, eyona nto ichukumisa abazali luthando oluboniswa nguloo mntwana wabo. Ngendlela efanayo xa uYehova ebona esi sakhiwo sitsha sokushicilela, ubona ngapha kwesi sakhiwo naba matshini. Zibonisa indlela esilithanda ngayo igama lakhe.—Hebhere 6:10.
Ukongezelela koko, kanye njengokuba uYehova wayejonga umkhombe njengobungqina bokuba nokholo kukaNowa, esi sakhiwo usijonga njengobungqina bokholo lwethu. Ukholo lwantoni? UNowa wayekholelwa ukuba izinto azixele kwangaphambili uYehova ziza kwenzeka. Sinokholo lokuba siphila kwimihla yokugqibela, nokuba iindaba ezilungileyo sesona sigidimi sibalulekileyo simele sivakaliswe emhlabeni, yaye kubalulekile ukuba siviwe ngabantu. Siyazi ukuba isigidimi seBhayibhile sinokusindisa ubomi babantu.—Roma 10:13, 14.
Kwakhona, uYehova ubona ukuthobela kwethu kwesi sakhiwo. Njengoko sisazi, kukuthanda kwakhe ukuba iindaba ezilungileyo zishunyayelwe ehlabathini lonke ngaphambi kokuba kufike isiphelo. (Mateyu 24:14) Esi sakhiwo, nezo zikwamanye amazwe, ziza kuba nendima ebalulekileyo ekuphumezeni olo thumo.
Ewe, uthando, ukholo nokuthobela okuboniswe ngokuxhasa ngeemali, ngokwakha nokusebenza kwezi zakhiwo uye wabonakala ekusebenzeni kwabantu bakaYehova ngenzondelelo kuyo yonke indawo njengoko beqhubeka bevakalisa inyaniso kubo bonke abaphulaphulayo.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 11]
UKWANDISWA KWEZAKHIWO ZOKUSHICILELA EUNITED STATES
Ngowe-1920: Umatshini wokushicilela wokuqala werotary ekwakushicilelwa kuwo amaphephancwadi, kwisakhiwo esise-35 Myrtle Avenue, eBrooklyn.
Ngowe-1922: Umsebenzi wokushicilela wafuduselwa kwisakhiwo esinemigangatho emithandathu e-18 Concord Street. Ukususela ngoko kwashicilelwa neencwadi.
Ngowe-1927: Umsebenzi wokushicilela wafuduselwa kwisakhiwo esise-117 Adams Street.
Ngowe-1949: Isakhiwo esinemigangatho esithoba sasiphinda kabini isakhiwo sokushicilela.
Ngowe-1956: Isakhiwo sokushicilela esasiseAdams Street saphinda sandiswa kwakhona xa kwakhiwa isakhiwo esitsha e-77 Sands Street.
Ngowe-1967: Kwakhiwa isakhiwo esinemigangatho elishumi, nto leyo eyabangela ukuba isakhiwo sokushicilela sibe sikhulu ngokuphindwe kalishumi kunesakhiwo sokuqala.
Ngowe-1973: Kwakhiwa isakhiwo sokushicilela amaphephancwadi eWallkilll.
Ngowama-2004: Wonke umsebenzi wokushicilela, owokudibanisa iincwadi nowokuthumela owawusenziwa eUnited States wafuduselwa eWallkill.