“Simele Sithobele UThixo Njengomlawuli Kunabantu”
‘UYa Lusindiso Kum’
ABANTU bakaYehova kwakufuneka bakhethe. Ngaba babeza kuthobela umlawuli ongendawo weYiputa yamandulo? Okanye ngaba babeza kuthobela uYehova uThixo, bashiye elo lizwe lobukhoboka baye kwiLizwe Lesithembiso?
UFaro odelelayo waseYiputa akazange abakhulule abantu bakaYehova, ngoko uThixo wathumela Izibetho Ezilishumi kwelo lizwe. Oku kwabonakalisa amandla kaYehova. Izithixo zaseYiputa zazingenakuma phambi kwezo zibetho.
Wathi akuxelelwa ukuba andulule abantu bakaThixo, wanyus’ iimpumlo uFaro esithi: “Ngubani na uYehova ukuba ndingade ndithobele ilizwi lakhe lokuba ndimndulule uSirayeli? Andimazi konke konke uYehova yaye, ngaphezu koko, andiyi kumndulula uSirayeli.” (Eksodus 5:2) Ngenxa yoko, iYiputa yafikelwa zezi zibetho: (1) amanzi ajika aba ligazi, (2) amasele, (3) iimbuzane, (4) izibawu, (5) indyikitya yokufa kwimfuyo, (6) amathumba kubantu nakwizilwanyana, (7) isichotho, (8) iinkumbi, (9) ubumnyama (10) nokufa kwamazibulo aseYiputa, kuquka unyana kaFaro. Ekugqibeleni uFaro wawakhulula amaHebhere. Wade wawacenga ukuba ahambe!—Eksodus 12:31, 32.
Abantu abamalunga nezigidi ezithathu—amadoda akwaSirayeli, abafazi nabantwana neqela elikhulu elingumxube—banduluka ngokukhawuleza. (Eksodus 12:37, 38) Noko ke, kungekudala uFaro wathumela umkhosi wakhe ukuba ubasukele. AmaSirayeli abambeka phakathi koLwandle Olubomvu nomkhosi kaFaro. Sekunjalo, uMoses wathi ebantwini: “Musani ukoyika. Yimani ngokuqinileyo, nilubone usindiso lukaYehova.”—Eksodus 14:8-14.
Ngokungummangaliso uYehova wahlukanisa amanzi oLwandle Olubomvu ukuze amaSirayeli asabe. Athi akungena amaYiputa emva kwawo, uThixo wawabuyisela endaweni yawo amanzi. “Iinqwelo zikaFaro nemikhosi yakhe yamajoni [uYehova] uziphose elwandle.” (Eksodus 14:26-28; 15:4) Isiphelo sikaFaro saba krakra kuba wayengafuni ukubamkela ubukhulu bukaYehova.
Kolo Lwandle Lubomvu, uYehova wazingqina ‘eyindoda enamandla yemfazwe.’ (Eksodus 15:3) Ingxelo ephefumlelweyo ithi: “USirayeli wakubona ukusebenza kwesandla esikhulu sikaYehova nxamnye namaYiputa; bamoyika abantu uYehova baza bakholwa kuYehova.” (Eksodus 14:31; INdumiso 136:10-15) Bambulela ngokungazenzisiyo uThixo njengoko amadoda ayecula ingoma yoloyiso kunye noMoses, abafazi bona bengqungqa bekhokelwa ngudade boMoses, uMiriyam.a
UYehova UsenguMhlanguli
Namhlanje, abakhonzi bakaYehova banokufumana izifundo ezomeleza ukholo kuloo mandla kaThixo abalaseleyo okuhlangula. Esinye sesokuba uYehova unamandla angasikelwanga mda yaye ubaxhasa ngokupheleleyo abantu bakhe. UMoses namaSirayeli bavuma ingoma yoloyiso besithi: “Isandla sakho sasekunene, Yehova, sizingqine sinamandla, isandla sakho sasekunene, Yehova, siqoba utshaba.”—Eksodus 15:6.
Esinye isifundo sesokuba uSomandla ukufuna ngokwenene ukubakhusela abantu bakhe. AmaSirayeli avuma le ngoma: “UYa ngamandla am nokomelela kwam, ekubeni elusindiso kum. Lo nguThixo wam, yaye ndiya kumbonga.” Ukanti esinye isifundo sesokuba akakho umntu onokuphumelela xa egatya ukuthanda kukaYehova uThixo. Kwingoma yabo yoloyiso, abantu bakhe awabahlangulayo bavuma benjenje: “Ngubani na onjengawe phakathi koothixo, Yehova? Ngubani na onjengawe, wena uvethe amandla obungcwele? Wena ungowokoyikwa ngeengoma zokudumisa, wena wenza izinto ezimangalisayo.”—Eksodus 15:2, 11.
NjengoFaro waseYiputa, abalawuli beli hlabathi batshutshisa abantu bakaYehova. Iinkokeli ezinekratshi ‘zinokuthetha amazwi anxamnye nOyena Uphakamileyo, zibabandezele abangcwele baLowo Uphakamileyo.’ (Daniyeli 7:25; 11:36) Kodwa uYehova uyabaqinisekisa abantu bakhe: “Nasiphi na isixhobo esiya kuyilwa nxamnye nawe asiyi kuphumelela, nalo naluphi na ulwimi oluya kuphakama nxamnye nawe ekugwetyweni uya kulugwebela isohlwayo. Lilo elo ilifa labakhonzi bakaYehova.”—Isaya 54:17.
Abo bachasa ukuthanda kukaThixo abayi kuphumelela, njengokuba kwaba njalo kuFaro nomkhosi wakhe. Izenzo zikaYehova zokuhlangula, ezifana neMfuduko yaseYiputa, zibubungqina bokuba akubobudenge ukulandela umgaqo owachazwa ngabalandeli bakaYesu, abathi: “Simele sithobele uThixo njengomlawuli kunabantu.”—IZenzo 5:29.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona Ikhalenda YamaNgqina KaYehova Yowama-2006, kuJanuwari nakuFebruwari.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 9]
UBUSAZI NA?
• UYehova wabangela ukuba kuvuthuze umoya onamandla ubusuku bonke ukuze amaSirayeli akwazi ukuwela uLwandle Olubomvu kumhlaba owomileyo.—Eksodus 14:21, 22.
• Ukuze izigidi zamaSirayeli zikwazi ukudlula kuLwandle Olubomvu ngexeshana elifutshane kangako, kwakufuneka kuvuleke umjelo onobubanzi obumalunga neekhilomitha ezisisi-1,5 nangaphezulu.
[Imifanekiso ekwiphepha 9]
Oothixo bobuxoki baseYiputa babengenakuma phambi kweZibetho Ezilishumi ezazivela kuYehova
[Inkcazelo]
All three figurines: Photograph taken by courtesy of the British Museum