Yiba Nomonde NjengoYehova
“UYehova akacothi ngokuphathelele isithembiso sakhe, . . . kodwa unomonde.”—2 PETROS 3:9.
1. Sisiphi isipho esingenakuthelekiswa nanto uYehova asipha abantu?
UYEHOVA usiphe into ekungekho namnye unokuze asiphe yona. Yinto exabiseke gqitha, ukanti akukho mntu unokuze ayithenge okanye ayisebenzele. Loo nto sisipho sobomi obungunaphakade—esithetha ukuphila ngonaphakade kwiparadesi esemhlabeni. (Yohane 3:16) Olunjani ulonwabo oluya kuziswa koko! Ziya kube zingasekho ezi zinto zibuhlungu—ukruthakruthwano, ugonyamelo, ulwaphulo-mthetho, ukugula nkqu nokufa. Abantu baya kuphila ngoxolo nomanyano olugqibeleleyo phantsi kolawulo lothando loBukumkani bukaThixo. Ingathi ayisafiki loo Paradesi!—Isaya 9:6, 7; ISityhilelo 21:4, 5.
2. Kutheni uYehova engekayiphelisi nje le nkqubo yezinto kaSathana?
2 Naye uYehova ukhangele phambili ekwenzeni umhlaba ube yiParadesi. Kaloku, uYehova ngumthandi wobulungisa nokusesikweni. (INdumiso 33:5) Akavuyiswa kukubona ihlabathi lizaliswe ngabantu abangakhathaliyo okanye abathiye imigaqo yakhe yobulungisa, ihlabathi elingazi nokuba usisiciko sayiphi imbiza nelixhaphaza abantu bakhe. Noko ke, kukho izizathu ezivakalayo zokuba abe akakayitshayeli le nkqubo yezinto ingendawo kaSathana. Ezo zizathu ziphathelele ukufaneleka kwakhe ukumisela okulungileyo nokubi nto leyo ebandakanya ulongamo lwakhe. Ukucombulula oko, uYehova ubonisa uphawu oluthile olunqweneleka gqitha, uphawu abangenalo abantu abaninzi namhlanje—umonde.
3. (a) NgesiGrike nesiHebhere, ithini intsingiselo yegama eliguqulelwe ngokuthi “umonde” eBhayibhileni? (b) Yiyiphi imibuzo esiza kuxubusha ngayo ngoku?
3 Kukho igama lesiGrike eliguqulelwe izihlandlo ezithathu ngokuthi “umonde” kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha. Ngokoqobo lithetha “ukukwazi ukunyamezela” ngoko lisoloko liguqulelwa ngokuthi “ukuzeka kade umsindo” lize isihlandlo esinye liguqulelwe ngokuthi “ukuqhelisela umonde.” KwisiGrike nesiHebhere isichazi segama elithi “umonde” sidlulisela ingcamango yokunyamezela nokucaphuka kade. Singenelwa njani ke thina ngokuba nomonde kukaYehova? Ziziphi izifundo esinokuzifunda kumonde nokunyamezela kukaYehova nokwabakhonzi bakhe abathembekileyo? Sazi njani ukuba umonde kaYehova unexesha oza kuphela ngalo? Makhe sixubushe ngale mibuzo.
Nikela Ingqalelo Kumonde KaYehova
4. Wathini umpostile uPetros ngomonde kaYehova?
4 Ethetha ngomonde kaYehova, umpostile uPetros wathi: “Mayinganisitheli, zintanda, into yokuba imini enye kuYehova injengeminyaka eliwaka neminyaka eliwaka injengemini enye. UYehova akacothi ngokuphathelele isithembiso sakhe, njengoko abanye becinga njalo, kodwa unomonde kuni ngenxa yokuba akanqweneli ukuba kutshabalale nabani na kodwa unqwenela ukuba bonke bafikelele enguqukweni.” (2 Petros 3:8, 9) Nceda uphawule iingongoma ezimbini ezichazwe apha nezinokusinceda siwuqonde kakuhle umonde kaYehova.
5. Indlela uYehova alijonga ngayo ixesha ikuchaphazela njani oko akwenzayo?
5 Ingongoma yokuqala kukuba indlela uYehova ajonga ngayo ixesha yahlukile kweyethu. KuLowo uphila ngonaphakade, iminyaka eliwaka ifana nemini nje enye. Akagxagxanyiswa kukuhamba kwexesha, nto nje akacothi xa kufuneka elungise ingxaki ngexesha elifanelekileyo. Ekubeni enobulumko obungaphaya kokuqonda, uYehova ulazi kakuhle elona xesha lifanelekileyo lokwenza into ukuze kuzuze bonke ababandakanyekileyo, ibe ukulindela ngomonde ukufika kwelo xesha. Noko ke, asimele sigqibe ngelithi uYehova akavakalelwa zezi zinto zibuhlungu zehlela abakhonzi bakhe. UnguThixo ‘onemfesane,’ isimntwiso sothando. (Luka 1:78; 1 Yohane 4:8) Uyakwazi ukushenxisa ngokupheleleyo nawuphi na umonakalo onokubangelwa koku kubandezeleka kwethutyana.—INdumiso 37:10.
6. Yintoni esingamele sigqibe kuyo ngoThixo ibe kutheni kunjalo nje?
6 Kakade ke, akulula ukulindela into oyinqwenelayo. (IMizekeliso 13:12) Ngenxa yoko, xa abantu bengaziphumezi ngokukhawuleza izithembiso zabo, abanye banokugqiba ngelithi abazimiselanga kuziphumeza. Ibingayi kuba bubulumko kwaphela ukucinga ngolo hlobo ngoThixo. Ukuba sibhidanisa umonde kaThixo nokucotha, kungalula ukuba kuthi ngokuhamba kwexesha sibe namathandabuzo yaye sidimazeke, kuze ke oko kusibeke esichengeni sokozela ngokomoya. Okubi ngakumbi kukuba, sinokulahlekiswa ngabo uPetros aye wasilumkisa ngabo ngaphambilana—abagculeli, abangenakholo. Abo bagculela besithi: “Buphi obu bukho bakhe buthenjisiweyo? Kuba ukususela ngomhla ookhokho bethu abalala ngawo ekufeni, zonke izinto zisaqhubeka kanye njengasekuqaleni kwendalo.”—2 Petros 3:4.
7. Umonde kaYehova udibana njani nomnqweno wakhe wokuba abantu baguquke?
7 Ingongoma yesibini esiyifumana kumazwi kaPetros yeyokuba uYehova unomonde kuba unqwenela bonke abantu bafikelele enguqukweni. Abo bala ngenkani ukuguquka kwiindlela zabo ezimbi bayagwetywa nguYehova. Noko ke, uThixo akavuyiswa kukufa kongendawo. Into emvuyisayo kukubona abantu beguquka, bebuya kwiindlela zabo ezimbi baze bahlale bephila. (Hezekile 33:11) Yiloo nto enomonde nje, ibe uneendaba ezilungileyo afuna zivakaliswe kuwo wonke umhlaba ukuze abantu bafumane ithuba lokusinda.
8. Sifunda ntoni ngomonde kaThixo kwindlela awaphatha ngayo isizwe sikaSirayeli?
8 Umonde kaThixo ubonakala nakwindlela awaphatha ngayo isizwe sikaSirayeli samandulo. Kangangeenkulungwane, wasinyamezela ngoxa sasingamthobeli. Esebenzisa abaprofeti, wasibongoza ngokuphindaphindiweyo esithi: “Buyani ezindleleni zenu ezimbi nize nigcine imiyalelo yam, imimiselo yam, ngokuvisisana nawo wonke umthetho endayalela ngawo ookhokho benu nendanithumelela wona ngabakhonzi bam abaprofeti.” Sasabela njani koko? Okubuhlungu kukuba, abantu “abazange baphulaphule.”—2 Kumkani 17:13, 14.
9. Ukuba nomonde kukaYesu kwayibonakalisa njani indlela anomonde ngayo uYise?
9 Ekugqibeleni, uYehova wathumela uNyana wakhe, owenza konke okusemandleni akhe ezama ukuqinisekisa amaYuda ukuba ayenako ukuxolelaniswa noThixo. Umonde kaYesu uwubonakalisa kakuhle umonde anawo uYise. Ekubeni wayesazi kakuhle ukuba sele kumbovu abulawe, uYesu wathi: “Yerusalem, Yerusalem, mbulali wabaprofeti nomxulubi wabo bathunyelwa kuyo,—kufuthi kangakanani na ndifuna ukuhlanganisela ndawonye abantwana bakho, ngendlela esithi isikhukukazi sihlanganisele ngayo ndawonye amantshontsho aso phantsi kwamaphiko aso! Kodwa anavuma.” (Mateyu 23:37) La mazwi anje ukuchukumisa akafani nawomgwebi ongenanceba ozimisele ukohlwaya, kodwa ngawomhlobo onothando nonomonde. NjengoYise wasezulwini, uYesu wayefuna abantu baguquke ukuze basabe umgwebo. Bakho abaguqukayo baza basinda kumgwebo owoyikekayo owafikela iYerusalem ngowama-70 C.E.—Luka 21:20-22.
10. Sizuza njani kumonde kaThixo?
10 Ayichukumisi na indlela anomonde ngayo uThixo? Phezu kwako nje ukungathobeli kwabantu, uYehova uye wanika ngamnye wethu, kunye nezinye izigidi zabantu ithuba lokuba simazi ukuze sibe nethemba losindiso. Ebhalela amanye amaKristu uPetros wathi: “Wugqaleni umonde weNkosi yethu njengosindiso.” (2 Petros 3:15) Ngaba asimbuleli uYehova ngento yokuba umonde wakhe uye wasivulela ithuba lokusinda? Ngaba asithandazeli ukuba uYehova aqhubeke enomonde kuthi njengoko simkhonza yonk’ imihla?—Mateyu 6:12.
11. Ukuqonda isizathu sokuba uYehova abe nomonde kuya kusishukumisela ukuba senze ntoni?
11 Ukusiqonda isizathu sokuba uYehova abe nomonde kusinceda silulinde ngomonde usindiso lwakhe, singagqibi ekubeni uyacotha ukuzalisekisa izithembiso zakhe. (IZililo 3:26) Ngoxa siqhubeka sithandazela ukufika koBukumkani bukaThixo, sinethemba lokuba uThixo uyalazi ixesha elifanelekileyo lokuphendula loo mthandazo. Ukongezelela, oko kusishukumisela ukuba sixelise uYehova sibe nomonde njengaye kwindlela esiphatha ngayo abazalwana bethu nabo sishumayela kubo. Nathi asinqweneli kutshabalale nabani na kodwa sinqwenela ukubona bonke beguquka ukuze babenethemba lobomi obungunaphakade njengathi.—1 Timoti 2:3, 4.
Nikela Ingqalelo Kumonde Wabaprofeti
12, 13. Ngokuvisisana nencwadi kaYakobi 5:10, umprofeti uIsaya wenza njani ukuze aqhubeke enomonde?
12 Ukunikela ingqalelo kumonde kaYehova kusinceda siluxabise size siluhlakulele olo phawu. Akulula kumntu ongafezekanga ukuhlakulela umonde, kodwa unokukwazi. Oko sikubona kubakhonzi bakaThixo bamandulo. Umfundi uYakobi wabhala wathi: “Bazalwana, bathabatheni njengomzekelo wokunyamezela ububi nowokuqhelisela umonde abaprofeti, ababethetha egameni likaYehova.” (Yakobi 5:10) Kuyasithuthuzela yaye kuyasikhuthaza ukwazi ukuba abanye baye baphumelela kwezi ngxaki sijamelana nazo.
13 Ngokomzekelo, kuyacaca ukuba umprofeti uIsaya kwakufuneka abe nomonde ukuze aphumeze isabelo sakhe. UYehova wathi kuye: “Hamba, uze uthi kwesi sizwana, ‘Ukuva oku niya kuva, kodwa ningaqondi; ukubona oku niya kubona, kodwa ningabi nalwazi.’ Yenza intliziyo yesi sizwana ibe lukhuni, neendlebe zaso zenze zithi nkqi, vingca amehlo aso, ukuze singaboni ngamehlo aso, singeva nangeendlebe zaso, kuba hleze siqonde ngentliziyo yaso, sibuye, ndize ndisiphilise.” (Isaya 6:9, 10) Nakuba babengeva abantu, ngomonde uIsaya wavakalisa isigidimi sikaYehova ubuncinane iminyaka engama-46. Nathi umonde uya kusinceda sinyamezele ekushumayeleni iindaba ezilungileyo, nakuba bebaninzi abangasiphulaphuliyo.
14, 15. Wancedwa yintoni uYeremiya ukuze ajamelane neentshaba nokudimazeka?
14 Kakade ke, njengokuba abaprofeti babetyhalela phambili nobulungiseleli babo, abazange banyamezele ukungeva kwabantu kuphela; banyamezela nentshutshiso. UYeremiya wafakwa ezitokisini, entolongweni “endlwini yamakhamandela,” waza waphoswa nasequleni. (Yeremiya 20:2; 37:15; 38:6) Wabandezelwa kwangabo bantu wayefuna ukubanceda. Sekunjalo, uYeremiya akazange abathiye okanye aziphindezele. Wanyamezela ngomonde amashumi eminyaka.
15 Intshutshiso nokugculelwa azizange zimval’ umlomo uYeremiya, ibe kunjalo nakuthi namhlanje. Kakade ke, sinokudimazeka maxa wambi. UYeremiya wayedimazeka. Wathi: “Ilizwi likaYehova laba ngunobangela wongcikivo nokugculelwa kum imini yonke. Ndaza ndathi: ‘Andisayi kumkhankanya, andisayi kuphinda ndithethe egameni lakhe.’” Kwathini ke emva koko? Ngaba wayeka ukushumayela? Uqhubeka athi: ‘Entliziyweni yam [ilizwi likaThixo] laba ngathi ngumlilo ovuthayo ovalelwe emathanjeni am; ndaza ndadinwa kukuzibamba, andakwazi ukukunyamezela oko.’ (Yeremiya 20:8, 9) Phawula ukuba wayesithi akunikela ingqalelo kugculelo lwabantu angonwabi. Kodwa athi akuyinikela kubuhle nokubaluleka kwesigidimi eso aqale ukuhlaziyeka. Ngapha koko, uYehova wayenaye “njengalowo unamandla ngokunkwantyisayo,” emomeleza ukuze avakalise ilizwi likaThixo ngenzondelelo nesibindi.—Yeremiya 20:11.
16. Singenza njani ukuze sihlale sivuya kumsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo?
16 Ngaba umprofeti uYeremiya wayevuyiswa ngumsebenzi wakhe? Ngokuqinisekileyo! Wathi kuYehova: “Amazwi akho afunyanwa, ndaza ndawadla; nelizwi lakho kum liba kukugcoba nemihlali yentliziyo yam; kuba ndibizwe ngegama lakho, Yehova.” (Yeremiya 15:16) UYeremiya wayevuyiswa lilungelo lokumela uThixo oyinyaniso nokushumayela ilizwi lakhe. Nathi sinokuvuyiswa koko. Ukongezelela, njengeengelosi ezulwini nathi sivuyiswa yinto yokuba ehlabathini lonke baninzi abantu abamkela isigidimi soBukumkani, abaguqukayo nabangena kwindlela esa kubomi obungunaphakade.—Luka 15:10.
“Unyamezelo LukaYobhi”
17, 18. UYobhi wanyamezela njani, ibe kwaba nayiphi imiphumo oko?
17 Emva kokuthetha ngabaprofeti bakudala, umfundi uYakobi wathi: “Nivile ngonyamezelo lukaYobhi, nayibona nendlela uYehova awambuyekeza ngayo, ngokuba uYehova unomsa omkhulu nenceba.” (Yakobi 5:11) Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “unyamezelo” apha linengcamango efanayo neyegama elithi “umonde” elisetyenziswe nguYakobi kwindinyana engaphambi kwale. Ebonisa umahluko phakathi kwala magama, omnye umphengululi wabhala wathi: “Ingcamango yokuqala kukuba nomonde xa sixhatshazwa ngumntu othile, eyesibini kukunyamezela iingcinezelo.”
18 UYobhi wabandezeleka ngeyona ndlela. Waphulukana nobuncwane bakhe, walahlekelwa ngabantwana ngoxa egcuma ziintlungu zesifo sakhe. Kwafuneka alwe nezityholo zobuxoki zokuba wayesohlwaywa nguYehova. UYobhi akazange athule nje anyamezele loo ntlungu; wakhala ngemeko yakhe de waveza nento yokuba wayelilungisa kunoThixo. (Yobhi 35:2) Noko ke, akazange aphelelwe lukholo, engazange alahle nengqibelelo yakhe. Akazange amqalekise uThixo njengokuba uSathana wayethe uza kumqalekisa. (Yobhi 1:11, 21) Yaba njani imiphumo yoko? UYehova “wakusikelela ukuphela kukaYobhi emva koko ngaphezu kwesiqalo sakhe.” (Yobhi 42:12) UYehova wamphilisa uYobhi, wabuphinda kabini ubutyebi bakhe waza wamsikelela ngobomi obonwabe ngokupheleleyo kunye nentsapho yakhe. Ukunyamezela ngokuthembeka kukaYobhi kwamnceda wamqonda ngakumbi uYehova.
19. Yintoni esiyifundayo kumonde wokunyamezela kukaYobhi?
19 Yintoni esiyifundayo kumonde wokunyamezela kukaYobhi? NjengoYobhi, nathi sisenokugula okanye sehlelwe ziingxaki ezithile. Sisenokungasiqondi kakuhle isizathu sokuba uYehova asivumele sityhubele isilingo esithile. Kodwa sinokuqiniseka ngento enye: Xa sihlala sithembekile, uya kusisikelela. UYehova uyabasikelela abo bamfuna ngenyameko. (Hebhere 11:6) UYesu wathi: “Lowo uye wanyamezela kwasa ekupheleni ngulowo oya kusindiswa.”—Mateyu 10:22; 24:13.
“Imini KaYehova Iya Kuza”
20. Kutheni siqiniseka nje ukuba imini kaYehova iya kuza?
20 Nakuba uYehova enomonde, unabo nobulungisa yaye akayi kubunyamezela ngonaphakade ubungendawo. Umonde wakhe unexesha oya kuphela ngalo. UPetros wathi: ‘[UThixo] akazange ayeke ukohlwaya ihlabathi lamandulo.’ Nakuba uNowa nentsapho yakhe basindiswayo, elo hlabathi latshatyalaliswa ngamanzi. UYehova wabohlwaya wabatshayela baluthuthu nabantu baseSodom naseGomora. Le migwebo yamisela ‘abantu abangenabuthixo umzekelo wezinto eziza kuza.’ Ngenxa yoku sinokuqiniseka ukuba “imini kaYehova iya kuza.”—2 Petros 2:5, 6; 3:10.
21. Singawubonisa njani umonde nokunyamezela kwethu, ibe nguwuphi umbandela esiza kuxubusha ngawo kwinqaku elilandelayo?
21 Simele ke sixelise umonde kaYehova sincede abanye baguquke ukuze basindiswe. Masixelise nabaprofeti sibe nomonde sivakalisa iindaba ezilungileyo phezu kwako nje ukungasabeli kakuhle kwabantu esishumayela kubo. Ukongezelela koko, simele siqiniseke ukuba uYehova uya kusisikelela, ukuba njengoYobhi sinyamezela izilingo size sigcine ingqibelelo. Sinezizathu ezininzi zokuvuya kubulungiseleli bethu xa sibona indlela uYehova aye wayisikelela ngayo imigudu yabantu bakhe yokushumayela iindaba ezilungileyo kuwo wonke umhlaba. Oku siza kuxubusha ngako kwinqaku elilandelayo.
Uyakhumbula Na?
• Kutheni uYehova enomonde nje?
• Yintoni esiyifundayo kumonde wabaprofeti?
• UYobhi wabonisa njani ukuba uyanyamezela, ibe kwaba nayiphi imiphumo oko?
• Sazi njani ukuba umonde kaYehova unexesha oza kuphela ngalo?
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Ukuba nomonde kukaYesu kwayibonisa kakuhle indlela anomonde ngayo uYise
[Imifanekiso ekwiphepha 20]
UYehova wamvuza njani uYeremiya ngokuba nomonde kwakhe?
[Imifanekiso ekwiphepha 21]
UYehova wamvuza njani uYobhi ngokunyamezela kwakhe?