UYehova “Uxela Ukuphela Kwasekuqaleni”
“Lowo uxela ukuphela kwasekuqaleni, kwakudala izinto ebezingekenziwa.”—ISAYA 46:10.
1, 2. Yintoni ephawuleka gqitha ngokubhukuqwa kweBhabhiloni, ibe oko kusibonisa ntoni ngoYehova?
KUSEZINZULWINI zobusuku, utshaba luwela uMlambo umEfrate lusiya kuhlasela ingangalala yesixeko saseBhabhiloni. Njengoko lusondela kumasango esixeko, lubona into engakholelekiyo. Bobabini oobhazabhaza bamasango omeleleyo odonga lwaseBhabhiloni bashiywe bethe genge! Lugwencela ezindongeni luphume; lube sele lungena esixekweni. Lula nje ngolo hlobo siyathinjwa eso sixeko. Inkokeli yaloo mkhosi uKoreshi ingena ezintanjeni kwelo lizwe ize kamva ikhuphe umyalelo wokuba akhululwe uSirayeli ekuthinjweni. Amawaka abathinjwa ayagoduka ukuze kuvuselelwe unqulo lukaYehova eYerusalem.—2 Kronike 36:22, 23; Ezra 1:1-4.
2 Namhlanje, ezo ziganeko zowama-539-537 B.C.E. zingqinwa nangababhali-mbali. Okuphawuleka gqitha ngezi ziganeko kukuba ukwenzeka kwazo kwakusaziwa kwakwiminyaka emalunga nama-200 ngaphambi kokuba zenzeke. UYehova waphefumlela umprofeti uIsaya ukuba achaze ukuwa kweBhabhiloni kusengaphambili kangako. (Isaya 44:24–45:7) UThixo akazange anele nje ukuchaza iziganeko zokubhukuqwa kweBhabhiloni, koko wayichaza ngegama nenkokeli eyayiza koyisa.a Ethetha namaSirayeli awayengamangqina akhe ngoko, uYehova wathi: “Khumbulani izinto zakuqala zexesha lakudala, ukuba ndinguLowo Ungokobuthixo yaye akakho omnye uThixo, okanye nabani na onjengam; Lowo uxela ukuphela kwasekuqaleni, kwakudala izinto ebezingekenziwa.” (Isaya 46:9, 10a) Ngokwenene uYehova unguThixo onokukwazi kusengaphambili oko kuya kwenzeka.
3. Ziimpendulo zayiphi imibuzo esiza kuziqwalasela?
3 UThixo ulazi kangakanani ikamva? Ngaba uYehova ukwazi kusengaphambili oko kuya kwenziwa ngumntu ngamnye kuthi? Ngaba ngokwenene, ikamva lethu limiselwe kusengaphambili? Kweli nqaku nakwelilandelayo siza kuqwalasela iimpendulo zeBhayibhile kule mibuzo neminye ephathelele oku.
UYehova—UThixo Wesiprofeto
4. Ngubani uMthombo weziprofeto zeBhayibhile?
4 Ekubeni enokulazi kusengaphambili ikamva, kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile uYehova waphefumlela abakhonzi bakhe ukuba babhale iziprofeto ezininzi, ezisinceda sazi kusengaphambili oko uYehova anenjongo yokukwenza. UYehova wathi: “Izinto zokuqala—zifikile, kodwa ndixela izinto ezintsha. Phambi kokuba ziqalise ukuntshula, ndinivisa zona.” (Isaya 42:9) Lilungelo elikhetheke ngokwenene eli kubakhonzi bakaThixo.
5. Umntu uba nayiphi imbopheleleko xa ekwazi kusengaphambili oko kuza kwenziwa nguYehova?
5 Umprofeti uAmosi usiqinisekisa athi: “INkosi enguMongami uYehova ayiyi kwenza nto ngaphandle kokuba iwutyhilile umcimbi wayo oyimfihlo kubakhonzi bayo abaprofeti.” Oku kwazi kusengaphambili kuzisa imbopheleleko emntwini. Bona umzekeliso onamandla osetyenziswa nguAmosi emva koku: “Ingonyama igqumile! Ngubani na ongayi koyika?” Kanye njengokuba ukugquma kwengonyama kusenza abantu nezilwanyana bangalibazisi ukwenza okuthile, kwaba njalo nakubaprofeti abafana noAmosi bavakalisa izibhengezo zikaYehova ngaphandle kokulibazisa. “INkosi enguMongami uYehova ithethile! Ngubani na ongayi kuprofeta?”—Amosi 3:7, 8.
“Ilizwi” LikaYehova ‘Liyaphumelela Nakanjani’
6. Laphumelela njani “icebo” likaYehova ngokuwa kweBhabhiloni?
6 Esebenzisa uIsaya umprofeti wakhe, uYehova wathi: “Icebo lam liya kuma, yaye yonk’ into endiyoliswa yiyo ndiya kuyenza.” (Isaya 46:10b) “Icebo” likaThixo, ngamanye amazwi, ukuthanda kwakhe okanye injongo yakhe ngeBhabhiloni, lalibandakanya ukubiza uKoreshi ePersi oyise iBhabhiloni ukuze iwe. UYehova wayichaza kusengaphambili gqitha lo njongo. Njengokuba sekubonisiwe, kwenzeka kanye oko ngonyaka wama-539 B.C.E.
7. Kutheni sinokuqiniseka ukuba “ilizwi” likaYehova liya kuhlala liphumelela?
7 Phantse kwiinkulungwane ezine ngaphambi kokoyiswa kweBhabhiloni nguKoreshi, uKumkani uYehoshafati wakwaYuda waza kugaganyelwa yimikhosi emanyeneyo yama-Amoni namaMowabhi. Enentembelo wathandaza wathi: “Owu Yehova Thixo wookhokho bethu, akungoThixo na emazulwini, asinguwe na olawula bonke ubukumkani beentlanga, akakho sesandleni sakho na amandla nokomelela, kungekho bani unokumelana nawe?” (2 Kronike 20:6) NoIsaya wayenentembelo efanayo xa wathi: “Siso eso isigqibo sikaYehova wemikhosi, yaye ngubani na onokusaphula? Isandla sakhe soluliwe, ngubani na onokusibuyisa?” (Isaya 14:27) Kamva, akubuyela ezingqondweni emva kwempambano yexeshana, ngokuthobeka uKumkani uNebhukadenetsare waseBhabhiloni wavuma wathi: “Akukho namnye unokusithintela isandla [sikaThixo] okanye unokuthi kuye, ‘Yintoni le uyenzileyo?’” (Daniyeli 4:35) Ewe, uYehova uqinisekisa abantu bakhe athi: “Ilizwi lam . . . aliyi kubuyela kum ngaphandle kwemiphumo, kodwa ngokuqinisekileyo liya kukwenza oko ndiyoliswa kuko, likuphumelelise ngokuqinisekileyo oko ndilithumele kona.” (Isaya 55:11) Sinokuqiniseka ngokupheleleyo ukuba “ilizwi” likaYehova liya kusoloko liphumelela. Injongo kaThixo iya kuzaliseka nokuba sekumnyam’ entla.
‘Injongo Kanaphakade’ KaThixo
8. Yintoni ‘injongo kanaphakade’ kaThixo?
8 Kwincwadi yakhe awayibhalela amaKristu ase-Efese, umpostile uPawulos wabhekisela kuThixo ‘njengonenjongo kanaphakade.’ (Efese 3:11) Le asiyoplani aza kuyisebenzisa, ngokungathi uThixo umele aqale acebe indlela aza kwenza ngayo izinto. Kuphela nje uchaza ukuzimisela kukaYehova ukufeza oko wayenenjongo yako ekudaleni kwakhe uluntu nomhlaba. (Genesis 1:28) Ukuze siqonde ukuqiniseka kwenjongo yakhe cinga nje ngesiprofeto sokuqala esibhalwe eBhayibhileni.
9. IGenesis 3:15 idibana njani nenjongo kaThixo?
9 Isithembiso esikwiGenesis 3:15 sibonisa ukuba kwangoko emva kokuba uAdam noEva bonile, uYehova wamisela ukuba umfazi wakhe wokomfuziselo wayeza kuzala imbewu, okanye unyana. Kwakhona uYehova wayibona kusengaphambili imiphumo yobutshaba obuphakathi komfazi wakhe noSathana naphakathi kweembewu yabo. Nakuba uYehova wayeza kuvumela iMbewu yomfazi wakhe ukuba ityunyuzwe isithende, ngexesha elifanelekileyo lakhe, iMbewu yayiza kutyumza intloko yenyoka, okanye kaSathana uMtyholi. Okwelo xeshana, injongo kaYehova engasileliyo yatyhalela phambili ekhetha umnombo awayeza kuzalelwa kuwo uYesu njengoMesiya othenjisiweyo.—Luka 3:15, 23-38; Galati 4:4.
Oko UYehova Akugqiba Kusengaphambili
10. Ngaba uYehova wagqiba kwasekuqaleni ukuba uAdam noEva babeza kona? Cacisa.
10 Echaza indima kaYesu kwinjongo kaThixo, umpostile uPetros wathi: “[UYesu] waziwa kwangaphambi kokusekwa kwehlabathi, kodwa wabonakaliswa ekupheleni kwamaxesha ngenxa yenu.” (1 Petros 1:20) Ngaba uYehova wagqiba kwasekuqaleni ukuba uAdam noEva babeza kona kuze kufuneke idini lentlawulelo likaYesu Kristu? Akunjalo. Igama elithi “kokusekwa” liguqulelwa kwigama lesiGrike ngokoqobo elithetha “ukuhlwayelwa [kwembewu].” Ngaba kwakha ‘kwahlwayelwa imbewu,’ okanye kwakhawulwa inzala yabantu ngaphambi kokuba uAdam noEva bone? Akunjalo. Bakhawula abantwana kuphela emva kokungathobeli kwabo. (Genesis 4:1) Ngoko kwaba semva kokuvukela kwabo kodwa ngaphambi kokuba bakhawule imbewu apho, uYehova wagqiba ngokuvela “kwembewu.” Ukufa nokuvuswa kukaYesu kwaba lilungiselelo lothando lentlawulelo, ukuze kutshitshiswe isono esasizuz’ ilifa nayo yonke imigudu kaSathana.—Mateyu 20:28; Hebhere 2:14; 1 Yohane 3:8.
11. Sisiphi isiganeko esamiselwa kusengaphambili nguYehova ukuze aphumeze injongo yakhe?
11 Sikho nesinye isiganeko esamiselwa kusengaphambili nguThixo ukuze aphumeze injongo yakhe. Oku sikubona koko kwabhalwa nguPawulos kweyabase-Efese, esithi ukuthanda kukaThixo kukuba, “kuhlanganiselwe zonke izinto kwakhona kuKristu, izinto ezisemazulwini nezinto ezisemhlabeni.” Emva koko xa ebhekisela ‘kwizinto ezisemazulwini,’ okuthetha abo bakhethwe njengeendlalifa noKristu, uPawulos wathi: “Samiselwa kwangaphambili . . . , ngulowo wenza zonke izinto ngokokuthanda kwakhe.” (Efese 1:10, 11) Ewe, uYehova walungiselela kusengaphambili ukuba kubekho inani elithile labantu abaza kuba yinxalenye yembewu yomfazi kaThixo ukuze basebenzisane noKristu ekuziseni iingenelo zentlawulelo. (Roma 8:28-30) Umpostile uPetros ubhekisela kubo ngokuthi ‘luhlanga olungcwele.’ (1 Petros 2:9) Umpostile uYohane wajizekwa ngelungelo lokubona embonweni inani labo babeza kuba ziindlalifa kunye noKristu—bali-144 000. (ISityhilelo 7:4-8; 14:1, 3) Bemanyene noKristu uKumkani, batsalela calanye ‘ukuze badumise uzuko lukaThixo.’—Efese 1:12-14.
12. Sazi njani ukuba akumiselwa kusengaphambili ukuba ngubani nobani oza kuba yinxalenye yabo bali-144 000?
12 Ukumiselwa kusengaphambili kwabali-144 000 akuthethi kuthi kwagqitywa kusengaphambili ukuba ubani nobani babeza kukhonza uThixo ngokuthembeka ngolu hlobo. Eneneni, isiluleko seZibhalo zamaKristu zesiGrike sabhalwa ngokuyintloko ukuze kukhokelwe yaye komelezwe abo bathanjisiweyo bagcine ingqibelelo yabo nokuze bahlale belufanelekele ubizo lwabo lwasezulwini. (Filipi 2:12; 2 Tesalonika 1:5, 11; 2 Petros 1:10, 11) UYehova wazi kusengaphambili ukuba kukho abathile abali-144 000 abaya kukufanelekela ukuphumeza injongo yakhe. Into yokuba iya kuba ngoobani kanye abo, ixhomekeka kwindlela abo bamenyiweyo abakhetha ukuphila ngayo, isigqibo amele azenzele sona mntu ngamnye.—Mateyu 24:13.
Oko UYehova Akwazi Kusengaphambili
13, 14. UYehova ukuvisisanisa nantoni ukwazi kwakhe kusengaphambili, ibe kutheni esenza njalo?
13 Ekubeni uYehova enguThixo wesiprofeto nenjongo, ukusebenzisa njani oko kwazi kwakhe kusengaphambili? Okokuqala, siqinisekisiwe ukuba zonke iindlela zikaThixo ziyinyaniso, zezobulungisa nothando. Xa wayebhalela amaHebhere angamaKristu enkulungwane yokuqala, umpostile uPawulos wangqina ukuba isifungo nesithembiso sikaThixo ‘zizinto ezimbini ezingatshintshekiyo nekungenakwenzeka ukuba axoke ngazo uThixo.’ (Hebhere 6:17, 18) Kwincwadi awayibhalela umfundi uTito, uPawulos waphinda wayikhankanya le nkalo xa wathi uThixo ‘akanakuxoka.’—Tito 1:2.
14 Nakuba uYehova enamandla angenakuthelekiswa, akakhe enze okungekho sesikweni. UMoses wachaza uYehova ngokuthi “nguThixo wentembeko, tu ubugqwetha; lilungisa yaye uthe tye.” (Duteronomi 32:4) Nantoni na ayenzayo uyenza ngokuvumelana nobuntu bakhe obumangalisayo. Izenzo zakhe zivisisana ngokupheleleyo neempawu zakhe ezibalaseleyo, uthando, ubulumko, okusesikweni namandla.
15, 16. Luluphi ukhetho uYehova awalunika uAdam kumyezo wase-Eden?
15 Cinga indlela awazibonakalisa ngayo ezi mpawu kumyezo wase-Eden. NjengoBawo onothando, uYehova wabalungiselela zonke izinto ababeza kuzifuna abantu. Wenza uAdam wanamandla okucinga, ukuqiqa nokuze akwazi ukwenza isigqibo. Ngokwahlukileyo kwizilwanyana, zona zikhokelwa lithuku ubukhulu becala, uAdam wayekwazi ukuzikhethela. Ngenxa yoku ekwitrone yakhe yasezulwini uThixo wakhangela emhlabeni waza “wazibona zonke izinto awayezenzile, khangela! zilunge gqitha.”—Genesis 1:26-31; 2 Petros 2:12.
16 Xa uYehova wayalela uAdam ukuba angadli ‘kumthi wokwazi okulungileyo nokubi,’ wamnika umyalelo owaneleyo ukuze uAdam akwazi ukugqiba ngoko amele akwenze. Wamvumela ukuba atye “kuyo yonke imithi yomyezo” ngaphandle kothile omnye waza wamyalela ngengozi yokutya eso siqhamo salelweyo. (Genesis 2:16, 17) Wamchazela uAdam ngemiphumo yezenzo zakhe. Wayeza kuthini bethu uAdam?
17. Kutheni sinokuthi uYehova ukusebenzisa xa efuna ukwazi kwakhe kusengaphambili?
17 Kuyabonakala ukuba uYehova wakhetha ukuba angakuboni kusengaphambili oko uAdam noEva babeza kukwenza, nakuba enokukwazi ukubona yonk’ into ngaphambi kokuba yenzeke. Ngoko ke, asingombandela wokuba uYehova unako na ukulibona kusengaphambili ikamva, kodwa ngowokuba uyafuna na ukulibona. Ngaphezulu, sinokuqiqa ngelithi ekubeni enguThixo oluthando, uYehova wayengenakwenza inkohlakalo yokumisela kusengaphambili ngabom oko nemiphumo yako ebuhlungu. (Mateyu 7:11; 1 Yohane 4:8) Ngoko ke, indlela uYehova akusebenzisa ngayo ukwazi kwakhe kusengaphambili ixhomekeka ekubeni uyafuna na ukwenjenjalo.
18. Kutheni ukukhetha kukaYehova izinto afuna ukuzazi kusengaphambili kungathethi kuthi uswele amandla okwenza oko?
18 Ngaba ukukhetha kukaYehova izinto afuna ukuzazi kusengaphambili kuthetha ukuba uswele amandla okwenza oko ngandlel’ ithile? Nakanye! UMoses wachaza uYehova ngokuthi “nguLiwa,” waza wongezelela wathi: “Ugqibelele umsebenzi wakhe.” Akanakubekwa ityala ngemiphumo yesono sabantu. Imiphumo ebuhlungu esiyivayo namhlanje yabangelwa kukungathobeli kuka-Adam. Umpostile uPawulos watsho kwacaca ukuba “isono sangena ngamntu mnye ehlabathini nokufa ngaso isono, ngaloo ndlela ukufa kwasasazeka kubo bonke abantu ngenxa yokuba bonke bonayo.”—Duteronomi 32:4, 5; Roma 5:12; Yeremiya 10:23.
19. Yiyiphi imibuzo eza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo?
19 Ukuza kuthi ga ngoku kule ngxubusho yethu, siye sabona ukuba abukho tu ubugqwetha kuYehova. (INdumiso 33:5) Kunoko, amandla neempawu zakhe ezintle kunye nemilinganiselo yakhe uyisebenzisa ngokuvisisana nenjongo yakhe. (Roma 8:28) NjengoThixo wesiprofeto, uYehova “uxela ukuphela kwasekuqaleni, kwakudala izinto ebezingekenziwa.” (Isaya 46:9, 10) Siye sabona nokuba uyazikhetha izinto afuna ukuzazi kusengaphambili. Kusichaphazela njani ke thina oku? Sinokuqiniseka njani ukuba izigqibo zethu ziyavisisana nenjongo yothando kaThixo? Ziziphi iintsikelelo esiya kuzifumana ngokwenza oko? Kwinqaku elilandelayo kuza kuxutyuswa le mibuzo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Funda incwadana enemifanekiso ethi Incwadi Yabantu Bonke, iphepha 28, ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
Ungachaza Na?
• Yiyiphi imizekelo yamandulo ebonisa ukuba “ilizwi” likaThixo lisoloko ‘liphumelela nakanjani na’?
• Ziziphi izinto uYehova awazimisela kusengaphambili ngokuphathelele ‘injongo yakhe kanaphakade’?
• UYehova wenza njani xa ekhetha izinto afuna ukuzazi kusengaphambili?
[Umfanekiso okwiphepha 22]
UYehoshafati wayethembele kuYehova
[Umfanekiso okwiphepha 23]
UThixo wakuxela kusengaphambili ukufa nokuvuswa kukaYesu
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Ngaba uYehova wakumisela kwangaphambili oko kwakuza kwenziwa nguAdam noEva?