Fundisa Abantwana Bakho Ukuba Bathande UYehova
“Njengeentolo esandleni sendoda enamandla, banjalo oonyana bobutsha.”—INDUMISO 127:4.
1, 2. Abantwana bafana njani ‘neentolo ezisesandleni sendoda enamandla?’
UMTOLI ulungele ukudubula ngotolo lwakhe. Ulubeka ngobunono kwisaphetha sakhe, aze alutsale ngamandla. Nangona oku kumqoba, uthe chu kuhle ukuze ajolise ngobunono. Emva koko uyaluyeka utolo ukuze ludubule! Ngaba luza kuya ngqo kwindawo alujolise kuyo? Kuya kuxhomekeka kwiimeko, ezifana nobuchule bomtoli, ukuphazanyiswa ngumoya, nemeko yotolo lwakhe.
2 UKumkani uSolomon wafanisa abantwana ‘neentolo ezisesandleni sendoda enamandla.’ (INdumiso 127:4) Makhe sihlolisise indlela onokusetyenziswa ngayo lo mzekeliso. Umtoli ubeka utolo kwisaphetha sakhe ithuba nje elifutshane. Uyalutsala aze akhawuleze aluyeke ukuze ludubule. Ngokufanayo, nabazali banethuba elifutshane lokubanceda abantwana babo bamthande uYehova ngokusuk’ entliziyweni. Emva kweminyaka embalwa, abantwana bayakhula baze balishiye ikhaya. (Mateyu 19:5) Ngaba baza kuya ngqo apho bebejoliswe khona—ngokuthi baqhubeke bemthanda uThixo baze bamkhonze emva kokuba bemkile ekhaya? Oko kuxhomekeke kwiimeko eziliqela. Enye yazo bubuchule babazali, imeko abakhuliselwe kuyo abantwana, nendlela ‘utolo,’ okanye umntwana, asabela ngayo kuqeqesho alufumanayo. Makhe sihlolisise nganye yezi meko. Siza kuqala ngokuhlolisisa ubuchule bomzali.
Abazali Abanobuchule Bamisela Umzekelo Omhle
3. Kutheni amazwi abazali emele aphelekwe zizenzo?
3 UYesu wabamisela umzekelo omhle abazali kuba wayekwenza oko akufundisayo. (Yohane 13:15) Kodwa wabagxeka abaFarisi ‘ababethetha baze bangenzi.’ (Mateyu 23:3) Ukuze bakhuthaze abantwana ukuba bathande uYehova, abazali bafanele bakwenze oko bakuthethayo. Ukuthetha uze ungenzi kufana nokuphatha isaphetha esingenawo umtya wokudubula.—1 Yohane 3:18.
4. Yiyiphi imibuzo abafanele bazibuze yona abazali, yaye ngoba?
4 Kutheni kubalulekile ukuba abazali bamisele umzekelo? Kanye njengokuba abantu abadala benokufunda ukumthanda uThixo ngokujonga umzekelo kaYesu, nabantwana banokufunda ukumthanda uYehova ngokulandela umzekelo omhle wabazali babo. Abahlobo bomntwana banokumomeleza okanye ‘bonakalise imikhwa yakhe elungileyo.’ (1 Korinte 15:33) Abona bahlobo basondeleyo emntwaneni nabanempembelelo kuye ekukhuleni kwakhe, ngabazali. Ngoko abazali bafanele bazibuze : ‘Ndingumhlobo onjani? Ngaba umzekelo endiwumiselayo uyamkhuthaza umntwana ukuba ahlakulele imikhwa elungileyo? Ndimisela umzekelo onjani kwiinkalo ezibaluleke kakhulu njengomthandazo nokufunda iBhayibhile?’
Abazali Abanobuchule Bathandaza Nabantwana Babo
5. Yintoni abanokuyifunda abantwana kwimithandazo yomzali?
5 Abantwana bakho banokufunda lukhulu ngoYehova ngokuphulaphula imithandazo yakho. Ukuba bakuva ubulela uThixo ngamaxesha okutya, yaye bakuve uthandaza naxa ufunda iBhayibhile, sisiphi isigqibo abanokufikelela kuso? Oko kuya kubafundisa ukuba uYehova uyazinyamekela iintswelo zethu zokwenyama—nto leyo esimele simbulele ngayo—yaye usifundisa inyaniso eseBhayibhileni. Zizifundo ezibalulekileyo ezo.—Yakobi 1:17.
6. Abazali banokubanceda njani abantwana baqonde ukuba uYehova unomdla kubo ngokobuqu?
6 Noko ke, uya kuba ufeza okukhulu ngakumbi ukuba uthandaza nentsapho yakho nangamanye amaxesha ngaphandle nje kwangamaxesha okutya nawesifundo seBhayibhile sentsapho, uze uthethe emithandazweni yakho ngemibandela echaphazela wena nabantwana bakho. Oko kuya kubanceda abantwana bakho baqonde ukuba uYehova uyinxalenye yentsapho yakho, yaye unyamekela ngamnye wenu ngokunzulu. (Efese 6:18; 1 Petros 5:6, 7) Omnye utata uthi: “Besithandaza rhoqo nentombi yethu, ukususela ekuzalweni kwayo. Ekukhuleni kwayo, sasithandaza ngemibandela ephathelele ulwalamano nezinye iinkalo eziyichaphazelayo. Yayingapheli imini singathandazanga nayo, de yemka ekhaya ekutshateni kwayo.” Ngaba nawe unokuthandaza ntsuku zonke nabantwana bakho? Ngaba unokubanceda bamgqale uYehova njengoMhlobo onganyamekeli kuphela iintswelo zabo zokwenyama nezokomoya, kodwa ozikhathaleleyo neemvakalelo zabo?—Filipi 4:6, 7.
7. Yintoni abamele bayazi abazali, ukuze imithandazo yabo ingqale?
7 Noko ke, ukuze imithandazo yakho ingqale, umele ukwazi oko kuqhubekayo ebomini bomntwana wakho. Phawula amagqabaza omnye utata okhulise abantwana ababini: “Ekupheleni kweveki nganye, ndandizibuza le mibuzo mibini: ‘Ziintoni ebezixhalabisa abantwana bam kule veki? Yaye yintoni entle eyenzekileyo kubo?’” Bazali, ngaba ninokuzibuza imibuzo efanayo nize ezinye zeempendulo zayo niziquke xa nithandaza nabantwana benu? Ukuba nenjenjalo, niya kuba nibafundisa kungekuphela nje ukuthandaza kuYehova—uMphulaphuli wemithandazo—kodwa kwanokuba bamthande.—INdumiso 65:2.
Abazali Abanobuchule Bakhuthaza Abantwana Ukuba Bafundisise
8. Kutheni abazali bemele bancede abantwana babo ukuba bafunde iLizwi likaThixo?
8 Isimo sengqondo somzali ngokufunda iBhayibhile sinokuluphembelela njani ulwalamano lomntwana noThixo? Ukuze ulwalamano luqine, umntu akamelanga athethe okokoko, kodwa ukwamele aphulaphule. Enye yeendlela esimphulaphula ngazo uYehova kukufunda iBhayibhile kunye neempapasho ezilungiselelwe ‘likhoboka elithembekileyo.’ (Mateyu 24:45-47; IMizekeliso 4:1, 2) Ngoko ukuze bancede abantwana babo babe nolwalamano oluqinileyo noYehova, abazali bamele babakhuthaze ukuba bafunde iLizwi likaThixo.
9. Abantwana banokuncedwa njani bahlakulele imikhwa emihle yofundisiso lobuqu?
9 Abantwana banokuncedwa njani bathande ukufundisisa? Kwakhona, baya kuncedwa ngumzekelo abawumiselwa ngumzali. Ngaba abantwana bakho bakubona ukuthanda ukufunda iBhayibhile? Enyanisweni, usenokuba uxakeke gqitha unyamekela abantwana bakho, yaye usenokuba uyazibuza ukuba ungalifumana phi ixesha lokufunda. Kodwa khawuzibuze, ‘Ngaba abantwana bam basoloko bendibona ndibukele umabonwakude?’ Ukuba kunjalo, ngaba akunakusebenzisa elinye lelo xesha ukuze ubamisele umzekelo omhle wofundisiso lobuqu?
10, 11. Kutheni abazali befanele bancokole rhoqo ngeBhayibhile kunye nentsapho yabo?
10 Enye indlela abazali abanokubafundisa ngayo abantwana ukuphulaphula kuYehova kukuncokola rhoqo ngeBhayibhile kunye nentsapho yabo. (Isaya 30:21) Abanye basenokubuza ukuba, ‘Kutheni abantwana befanele baqhutyelwe isifundo sentsapho ukuba abazali baya rhoqo nabo kwiintlanganiso zebandla?’ Kukho izizathu eziliqela ezibalulekileyo. UYehova uphathise abazali imbopheleleko yokufundisa abantwana. (IMizekeliso 1:8; Efese 6:4) Isifundo seBhayibhile sentsapho sifundisa abantwana ukuba unqulo aluyonto yasesidlangalaleni kuphela, kodwa luyinxalenye yobomi bentsapho basekhaya.—Duteronomi 6:6-9.
11 Enye into esibaluleke ngayo isifundo sentsapho esiqhutywa kakuhle kukuba, sivulela abazali ithuba lokuqonda oko kucingwa ngabantwana babo ngezinto zokomoya nangehambo yokuziphatha. Ngokomzekelo, xa abantwana besebancinane, abazali banokusebenzisa iimpapasho ezifana nencwadi ethi Funda KuMfundisi Omkhulu.a Phantse kwisiqendu ngasinye sale mpapasho yeBhayibhile, abantwana bacelwa ukuba bachaze uluvo lwabo ngoko kuxutyushwayo. Ngokuqiqa nabantwana babo ngezibhalo ezikhankanyiweyo kule ncwadi, abazali banokubanceda bakwazi “ukwahlula okulungileyo nokubi.”—Hebhere 5:14.
12. Abazali banokusilungelelanisa njani isifundo sentsapho neemeko zomntwana, yaye ukufumanise kuluncedo njani oku?
12 Njengoko abantwana bakho bekhula, silungelelanise neemeko zabo isifundo sentsapho. Phawula indlela esinye isibini esabanceda ngayo abantwana baso abasebatsha ukuba baqiqe ngesicelo sabo sokufuna ukuya kumdaniso wesikolo. Uyise uthi: “Sawaxelela la mantombazana ethu ukuba kwisifundo sentsapho esilandelayo, mna nomfazi wam sasiza kudlala indima yabantwana, aze wona adlale indima yabazali. Enye yayiza kuba nguTata ize enye ibe nguMama, yaye ayefanele enze uphando kunye ngaloo mbandela aze asinike ulwalathiso ngokuphathelele umdaniso wesikolo.” Ube yintoni umphumo? Utata wala mantombazana uthi: “Samangaliswa gqitha yindlela awayeqiqa ngayo amantombazana ethu (njengoko ayedlala indima yabazali), esichazela (thina bantwana) ngokusuka eBhayibhileni indlela ekungebobulumko ngayo ukuya kuloo mdaniso. Enye into eyasimangalisayo ngamacebiso asinike wona ezinto esinokuzenza kunokuya kuloo mdaniso. Oku kwasenza sayiqonda ngakumbi indlela aqiqa ngayo kwanoko akunqwenelayo.” Eneneni, kufuna umonde nokusebenzisa ingqiqo ukugcina isifundo sentsapho siqhubeka rhoqo yaye silungele iimeko zentsapho, kodwa oko kunemiphumo emihle.—IMizekeliso 23:15.
Yiba Seluxolweni Nabantwana Bakho
13, 14. (a) Abazali banokwenza njani kubekho uxolo ekhaya? (b) Unokuba yintoni umphumo xa umzali ezivuma iimpazamo zakhe?
13 Utolo ludla ngokuya ngqo apho lujoliswe khona xa imozulu izolile. Ngokufanayo, kulula ngabantwana ukufunda ukumthanda uYehova xa abazali beseluxolweni nabo. UYakobi wabhala wathi: “Imbewu yesiqhamo sobulungisa ihlwayelwa phantsi kweemeko zoxolo ngabo benza uxolo.” (Yakobi 3:18) Abazali banokwenza njani kubekho uxolo ekhaya? Isibini esitshatileyo sifanele sibe nolwalamano olomeleleyo emtshatweni waso. Indoda nomfazi abathandanayo nabahlonelanayo bakwimeko entle yokufundisa abantwana babo ukuthanda nokuhlonela abanye abantu, kwanoYehova. (Galati 6:7; Efese 5:33) Uthando nentlonelo zidala uxolo. Yaye isibini esiseluxolweni sikwimeko entle ngakumbi yokujamelana nako nakuphi na ukungavisisani okuvelayo entsatsheni.
14 Noko ke, njengokuba ingekho imitshato egqibeleleyo, azikho neentsapho ezigqibeleleyo emhlabeni. Maxa wambi abazali basenokusilela ukubonisa isiqhamo somoya kwindlela abaphatha ngayo abantwana babo. (Galati 5:22, 23) Xa oko kusenzeka, bafanele benze ntoni abazali? Ukuba bayayivuma impazamo yabo, ngaba oko kuya kwenza ukuba bangahlonelwa ngabantwana? Cinga ngomzekelo kampostile uPawulos. Wayenjengoyise wokomoya kwabaninzi. (1 Korinte 4:15) Kodwa wazivuma ekuhleni iimpazamo zakhe. (Roma 7:21-25) Sekunjalo, ukuthobeka nokunyaniseka kwakhe kwenza ukuba simhlonele ngakumbi. Nangona wayesenza iimpazamo, uPawulos wabhalela ibandla laseKorinte esithi: “Yibani ngabaxelisa mna, njengoko nam ndixelisa uKristu.” (1 Korinte 11:1) Ukuba nawe uyazivuma iimpazamo zakho, oko kunokwenza ukuba abantwana bakho bazibethe ngoyaba.
15, 16. Kutheni abazali befanele baqeqeshe abantwana babo ukuba bathande abazalwana noodade abangamaKristu, yaye kunokwenziwa njani oku?
15 Yintoni enye abanokuyenza abazali ukuze bancede abantwana babo bamthande uYehova? Umpostile uYohane wathi: “Ukuba umntu uthi: ‘Ndiyamthanda uThixo,’ kodwa abe emthiyile umzalwana wakhe, ulixoki. Kuba lowo ungamthandiyo umzalwana wakhe, ambonileyo, akanako ukumthanda uThixo, angambonanga.” (1 Yohane 4:20, 21) Ngoko xa uqeqesha abantwana bakho ukuba bathande abazalwana noodade abangamaKristu, ubafundisa ukuthanda uThixo. Abazali bamele bazibuze oku, ‘Ngaba ndithetha kakuhle ngebandla okanye ndisoloko ndihlab’ amadlala?’ Unokwazi njani? Qaphela indlela abantwana bakho abathetha ngayo ngeentlanganiso nangamalungu ebandla. Ngaloo ndlela unokuva ukuba ziingcamango zini na oye wazityala ezingqondweni zabo.
16 Abazali banokubanceda njani abantwana bathande abazalwana babo? UPeter, onamakhwenkwe amabini, uthi: “Kwasekukhuleni kwawo amakhwenkwe ethu, besithanda ukumema ekhayeni lethu abazalwana noodade abakhulileyo ngokomoya, yaye sibe namathuba amnandi gqitha kunye nabo. Kubancedile gqitha aba bafana bethu ukunxulumana nabantu abamthandayo uYehova, yaye ngoku bayaqonda ukuba ukukhonza uThixo kuzisa uvuyo.” UDennis onamantombazana amahlanu, uthi, “Besisoloko siwakhuthaza amantombazana ethu ukuba atshomane noovulindlela abasebandleni abadala kunawo ngeminyaka, yaye besithanda nokumema abaveleli abahambahambayo nabafazi babo.” Ngaba nawe ungazama iindlela zokunceda abantwana bakho baligqale ibandla njengenxalenye yentsapho?—Marko 10:29, 30.
Imbopheleleko Yomntwana
17. Sisiphi isigqibo abantwana abamele bazenzele ngokwabo?
17 Masiphinde sibuyele kulaa mzekeliso womtoli. Usenokuba ngumtoli onobuchule, kodwa utolo lwakhe lusenokungayi ngqo apho alujolise khona ukuba lugoso okanye lugobile. Enyanisweni abazali baya kwenza konke okusemandleni abo ukolula utolo lwabo ngokuthi balungise iingqondo zabantwana babo. Kodwa abantwana bamele bazigqibele ngokwabo enoba baza kuvumela eli hlabathi libagobe okanye baza kuvumela uYehova awenze “uthi tye umendo” wabo.—IMizekeliso 3:5, 6; Roma 12:2.
18. Isigqibo somntwana sinokubachaphazela njani abanye?
18 Liyinyaniso elokuba abazali banembopheleleko ebalulekileyo yokukhulisela abantwana babo “kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova,” kodwa ngumntwana ngokwakhe omele azigqibele ukuba ufuna ukuba luhlobo olunjani na lomntu. (Efese 6:4) Ngoko bantwana, zibuzeni oku, ‘Ngaba ndiza kulwamkela uqeqesho lothando lwabazali bam?’ Ukuba niyalwamkela, niya kuphumelela ebomini. Niya kubavuyisa gqitha abazali benu. Yaye okona kubalulekileyo kukuba, niya kuyivuyisa intliziyo kaYehova.—IMizekeliso 27:11.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
Ngaba Uyakhumbula?
• Abazali banokuwumisela njani umzekelo omhle wokuthandaza nowokufundisisa iBhayibhile?
• Abazali banokwenza njani kubekho uxolo entsatsheni?
• Sisiphi isigqibo abamele basenze abantwana, yaye siya kubachaphazela njani abanye?
[Umfanekiso okwiphepha 28]
Ngaba ummisela umzekelo omhle wofundisiso lobuqu umntwana wakho?
[Umfanekiso okwiphepha 29]
Uxolo entsatsheni lubangela ulonwabo