Yintoni Eyenza Ubomi Bube Nenjongo?
“Yoyika uThixo oyinyaniso uze ugcine imiyalelo yakhe.”—INTSHU. 12:13.
1, 2. Sinokuzuza njani ngokuqwalasela incwadi yeNtshumayeli?
KHAWUCINGE ngomntu obonakala enazo zonke izinto ebomini. Lo mntu ngumlawuli odumileyo welizwe, esinye sezinhanha zakha zakho ehlabathini, neyona nkcubabuchopho kubantu bexesha lakhe. Kodwa phezu kwezo zinto zonke, lo mntu usafuna ukwazi, ‘Eyona nto yenza ubomi bube nenjongo?’
2 Le yindoda eyayiphila kwiminyaka engamawaka amathathu eyadlulayo. YayinguSolomon, ibe kwincwadi yeNtshumayeli usichazela ngephulo lakhe lokufuna ulonwabo lokwenene. (INtshu. 1:13) Kuninzi gqitha esinokukufunda kumava kaSolomon. Enyanisweni, ubulumko obufumaneka kwincwadi yeNtshumayeli bunokusinceda sibe nosukelo oluya kusenza siphile ubomi obunenjongo.
“Ukusukelana Nomoya”
3. Sisiphi isibakala esingenakuphikiswa nesimele sisamkele ngobomi babantu?
3 USolomon usichazela ukuba uThixo wadala intabalala yezinto ezintle emhlabeni—umthombo omangalisayo wezinto ezibangel’ umdla esingadikwayo zizo. Noko ke, asinakuze siyifumanise indalo kaThixo ngenxa yobomi obufutshane esibuphilayo. (INtshu. 3:11; 8:17) Njengokuba iBhayibhile isitsho, imihla yethu mifutshane yaye idlula ngokukhawuleza. (Yob. 14:1, 2; INtshu. 6:12) Esi sibakala simele sisenze sibusebenzise ngobulumko ubomi bethu. Akuyi kuba lula, kuba ihlabathi likaSathana linokusilahlekisa.
4. (a) Lidlulisela yiphi ingcamango igama elithi “amampunge”? (b) Ziziphi izinto ezisukelwayo ebomini nesiza kuxubusha ngazo?
4 Ebonisa ingozi yokudlala ngobomi bethu, uSolomon usebenzisa igama elithi “amampunge” malunga nezihlandlo ezingama-30 kwiNtshumayeli. Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “amampunge” libhekisela kwinto engento, elilize, engenanjongo, ekungekho yayo, okanye engenaxabiso. (INtshu. 1:2, 3) Maxa wambi uSolomon usebenzisa eli gama lithi “amampunge” elifanisa “nokusukelana nomoya.” (INtshu. 1:14; 2:11) Izicacele into yokuba kulilize ukuzama ukubamba umoya ngesandla. Nabani na ozama ukwenza oko udlala ngexesha. Lunokuba njalo ke nosukelo olungelolwabulumko. Ubomi esibuphilayo ngoku bufutshane gqitha ukuba singadlala ngabo kwizinto ezililize. Ngoko, ukuze siphephe ukwenza loo mpazamo, masikhangele eminye imizekelo kaSolomon yezinto ezidla ngokusukelwa ebomini. Okokuqala, siza kuqwalasela umbandela wokuphilela iziyolo nezinto eziphathekayo. Emva koko, siza kuxubusha ngokubaluleka komsebenzi okholisa uThixo.
Ngaba Ukusukela Iziyolo Kuya Kusenza Sonwabe?
5. USolomon walufuna phi ulonwabo?
5 Njengabantu abaninzi namhlanje, uSolomon wazama ukufumana ulonwabo ngokuzifica eziyolweni. Uthi: “Andayivimba intliziyo yam naluphi na uhlobo lwemihlali.” (INtshu. 2:10) Wayelufuna phi ulonwabo? Ngokutsho kweNtshumayeli isahluko 2, ‘wayichwayitisa inyama yakhe ngewayini’—kwangaxeshanye eyisela ngobungcathu—walungisa umhlaba ewenza yokoyoko, wazakhela namabhotwe, waphulaphula umculo ngoxa wayezinika kukutya kodidi.
6. (a) Kutheni kungaphosakelanga ukukhe sizonwabise ebomini? (b) Kukuphi ukulungelelana ekufuneka sibe nako xa kufikelelwa kumbandela wokuzonwabisa?
6 Ngaba iBhayibhile iyakwalela ukuzonwabisa kunye nabahlobo? Nakanye. Kaloku naye uSolomon uthi, ukunandipha isidlo upholile emva komsebenzi onzima wemini sisipho sikaThixo. (Funda INtshumayeli 2:24; 3:12, 13.) Ukongezelela koko, nguYehova ngokwakhe othi abaselula ‘mababe nemihlali baze bayenzele okulungileyo intliziyo yabo,’ besenjenjalo ngobulumko. (INtshu. 11:9) Siyakufuna ukubethwa ngumoya nokuzonwabisa. (Thelekisa uMarko 6:31.) Noko ke, ukuzonwabisa akumele kube yeyona nto iphambili kubomi bethu. Sinokukufanisa nezimuncumuncu emva emva kwesidlo, kungekhona ukutya ngokwako. Nawe uyazi ukuba kungakhathaliseki ukuba uzithanda kangakanani na izimuncumuncu, ziya kukhawuleza zikudike ukuba utya zona kuphela ibe awuyi kondleka. Ngokufanayo, uSolomon wafumanisa ukuba ubomi bokusukelana neziyolo ‘kukusukelana nomoya.’—INtshu. 2:10, 11.
7. Kutheni simele siyikhethe ngobulumko indlela yokuzonwabisa?
7 Enye into, asizizo zonke iindlela zokuzonwabisa ezakhayo. Ezininzi ziyingozi gqitha—zinokonakalisa ulwalamano lwethu noYehova zize zisikhokelele ekuziphatheni okubi. Zingaphi izigidi zabantu abaye bazibona sebephelelwe lithemba, besebenzisa kakubi iziyobisi, bezintyintya ngotywala okanye bengcakaza kuba nje ‘bebefuna ukonwaba’? Ngobubele uYehova usilumkisa ngelithi ukuba sivumela intliziyo namehlo ethu asikhokelele kokubi, simele silindele imiphumo yoko.—Gal. 6:7.
8. Kutheni kububulumko nje ukucingisisa ngendlela esiphila ngayo?
8 Ukongezelela koku, ukuba ulonwabo silwenza eyona nto iphambili asiyi kukwazi ukunikela ingqalelo efanelekileyo kwezona zinto zibalulekileyo. Khumbula ukuba ubomi bufutshane, ibe akukho siqinisekiso sokuba umntu uya kuhlala engumqabaqaba yaye engenazingxaki. Njengokuba uSolomon enaba, yiloo nto sinokuzuza lukhulu ngokuya emngcwabeni—ngakumbi kumngcwabo womzalwana okanye udade othembekileyo—kunokuya “endlwini yemihlali.” (Funda INtshumayeli 7:2, 4.) Kuyingenelo ngantoni oko? Njengoko siphulaphule intetho yomngcwabo size sicingisise ngobomi baloo mkhonzi uthembekileyo kaYehova uye wafa, oko kusenokwenza sihlolisise indlela esiphila ngayo. Ngenxa yoko, sisenokugqiba ekubeni simele sihlengahlengise usukelo lwethu ukuze silisebenzise ngobulumko ixesha elisaseleyo kubomi bethu.—INtshu. 12:1.
Ngaba Izinto Eziphathekayo Zinokusinika Ulonwabo?
9. Yintoni eyafunyaniswa nguSolomon ngokuphathelele ukuba sisityebi?
9 USolomon wayesesinye sezona zinhanha zikhoyo ehlabathini ukubhala kwakhe incwadi yeNtshumayeli. (2 Kron. 9:22) Wayenemali eyaneleyo yokuba afumane nantoni na ayifunayo. Wabhala wathi: “Andiwabandezanga nantoni na ayicelayo amehlo am.” (INtshu. 2:10) Sekunjalo, wafumanisa ukuba ulonwabo alubangelwa nje kukuba nezinto eziphathekayo. Wagqiba kwelithi: “Umthandi nje wesilivere akayi kwaneliswa yisilivere, nabani na othanda indyebo akaneliswa yingeniso.”—INtshu. 5:10.
10. Lufumaneka njani ulwaneliseko nobutyebi bokwenene?
10 Nakuba ixabiso lezinto eziphathekayo liyinto yokomzuzwana, ubutyebi bunomtsalane. Kuhlolisiso lwakutshanje eUnited States, ama-75 ekhulwini abo bonke abafundi abakunyaka wabo wokuqala eyunivesithi bathi olona sukelo lwabo luphambili “kukuba nemali.” Khona, xa bede bayifumana loo mali, ngaba baya konwaba ngokwenene? Akukho siqinisekiso soko. Abaphandi baye bafumanisa ukuba eyona nyaniso kukuba, ukugxininisa kwizinto eziphathekayo kokona kwenza ubani angonwabi yaye azive enganelisekanga. Kwakude kudala, uSolomon wafikelela kweso sigqibo. Wathi: “Ndaziqwebela isilivere negolide, nempahla enqabileyo yookumkani . . . Yaye, khangela! yonk’ into yayingamampunge nokusukelana nomoya.”a (INtshu. 2:8, 11) Ngokwahlukileyo koko, xa sisebenzisa ubomi bethu ukuze sikhonze uYehova ngentliziyo epheleleyo size sifumane iintsikelelo zakhe, siya kufumana ubutyebi bokwenene.—Funda IMizekeliso 10:22.
Ngumsebenzi Onjani Osenza Saneliseke Ngokwenene?
11. Yintoni eboniswa ziZibhalo ngokubaluleka komsebenzi?
11 UYesu wathi: “UBawo uyasebenza kude kube ngoku, nam ke ndiyasebenza.” (Yoh. 5:17) Akuthandabuzeki ukuba uYehova noYesu bayavuyiswa kukusebenza. IBhayibhile ibonisa indlela awavuya ngayo uYehova zizinto azidalileyo xa isithi: “UThixo wazibona zonke izinto awayezenzile, khangela! zilunge gqitha.” (Gen. 1:31) Iingelosi ‘zakhwaza zincoma’ xa zabona konke oko akwenzileyo uThixo. (Yobhi 38:4-7) Ngokufanayo uSolomon wayekuxabisa gqitha ukwenziwa komsebenzi obalulekileyo.—INtshu. 3:13.
12, 13. (a) Abathile ababini baluchaza njani ulwaneliseko abalufumana kumsebenzi onenjongo? (b) Kutheni umsebenzi wengqesho unokudandathekisa maxa wambi?
12 Abantu abaninzi bayalwazi uvuyo olubangelwa kukufeza umsebenzi onzima. Ngokomzekelo, uJosé, igcisa eliphum’ izandla ekuzobeni lithi: “Xa uye wakwazi ukupeyinta umzobo obusengqondweni, uye uzive wenze into enkulu.” UMiguel,b ongusomashishini uthi: “Umsebenzi ukushiya wanelisekile kuba ukunceda ukwazi ukunyamekela intsapho yakho. Unokukushiya uziva unokuthile okufezileyo.”
13 Kwelinye icala, imisebenzi emininzi iyindinisa yaye akukho nto ingako unokuyifunda kuyo. Maxa wambi kwaindawo osebenza kuyo iyadandathekisa okanye impatho ayintlanga. Njengokuba uSolomon ebonisa, umntu olivila—mhlawumbi ngenxa nje yokuba ethandwa ngabasemagunyeni—usenokurhwaphiliza umvuzo womsebenzi okhutheleyo. (INtshu. 2:21) Ezinye izinto zinokusishiya siphoxekile. Ishishini eliqale kakuhle linokuphetha selisiwa ngenxa yokutshintsha kwezoqoqosho okanye isihlo esingenakubonwa kwangaphambili. (Funda INtshumayeli 9:11.) Izihlandlo ezininzi, umntu ozibhokoxayo ezam’ ukuphumelela ugqibela ngokuba buhlungu aze axakaniseke, xa ebona ukuba ‘usebenzela umoya nzima.’—INtshu. 5:16.
14. Nguwuphi umsebenzi osoloko ubangela ulwaneliseko lokwenene?
14 Ngaba ukho umsebenzi ongakhe usiphoxe? UJosé, umzobi okhankanywe ngaphambili uthi: “Emva kweminyaka, umzobo usenokulahleka okanye wonakaliswe. Akunjalo ke ngezinto zokomoya esizenzayo. Ngokuthobela uYehova ekushumayeleni iindaba ezilungileyo, ndiye ndakwazi ukwakha into ehlala ihleli—amaKristu ahlonela uThixo. Ayikho into enokuthelekiswa noko.” (1 Kor. 3:9-11) Naye uMiguel uthi ukushumayela ngoBukumkani kumshiya enolwaneliseko olungaphaya kolo alufumana kumsebenzi wempangelo. Uthi: “Ayikho into enokuvuyisa umntu njengokubonisa omnye inyaniso yeZibhalo uze ubone ukuba imchukumisile.”
“Siphose Isonka Sakho”
15. Yintoni eyenza umntu aphile ubomi bokwenene?
15 Yintoni ke eyona yenza umntu aphile ubomi bokwenene? Siye sizive sanelisekile ukuba obu bomi bethu bufutshane bale nkqubo yezinto sibusebenzisa ekwenzeni okulungileyo nokuze sikholise uYehova. Sinokuzakhela ulwalamano oluhle noThixo, sifundise abantwana bethu izinto zokomoya, sincede abanye bazi uYehova, sizakhele ubuhlobo obuhlala buhleli nabazalwana noodadewethu. (Gal. 6:10) Zonke ezi zinto zinexabiso elihlala lihleli yaye zizisa iintsikelelo kwabo bazenzayo. USolomon wakuzekelisa kakuhle oku xa ebonisa ukubaluleka kokwenza okuhle. Wathi: “Siphose isonka sakho phezu kwamanzi, kuba uya kuphinda usifumane emva kwemihla emininzi.” (INtshu. 11:1) UYesu wabongoza abafundi bakhe wathi: “Ziqheliseni ukupha, yaye abantu baya kunipha.” (Luka 6:38) Ukongezelela koko, uYehova uthembisa ukuba uya kubavuza abo benza okulungileyo kwabanye.—IMize. 19:17; funda amaHebhere 6:10.
16. Liliphi elona xesha lifanelekileyo lokuba sicebe oko sifuna ukukwenza ebomini?
16 IBhayibhile isibongoza ukuba senze izigqibo zobulumko ngoxa siselula ngokuphathelele indlela esiza kubusebenzisa ngayo ubomi bethu. Ngokwenjenjalo, siya kukuphepha ukwenza izinto eziya kusidanisa kamva. (INtshu. 12:1) Ibiya kuba buhlungu gqitha into yokuba sidlale ngeyona minyaka ibalulekileyo yobomi bethu sisukelana nobunewunewu beli hlabathi, suke ekugqibeleni sibone ukuba oko kufana nokusukelana nomoya!
17. Yintoni eya kukunceda ukwazi ukukhetha eyona ndlela ifanelekileyo yokuphila?
17 Njengaye nawuphi na ubawo onothando, uYehova ufuna ubunandiphe ubomi, wenze okulungileyo ukuze uphephe ukuzenzakalisa ngokungeyomfuneko. (INtshu. 11:9, 10) Yintoni eya kukunceda wenjenjalo? Zibekele usukelo lokomoya uze uzabalazele ukulufikelela. Phantse kwiminyaka engama-20 eyadlulayo, uJavier kwafuneka akhethe phakathi kokuba ngugqirha nokuba ngumlungiseleli wexesha elizeleyo. Uthi: “Nakuba kusanelisa ukuba ngugqirha, ayikho into enokuthelekiswa novuyo endalufumana ngokunceda abantu abaninzi bazi inyaniso. Inkonzo yexesha elizeleyo iye yandinceda ndabunandipha ngokupheleleyo ubomi. Nangoku ndinqwenela kuthi kanti ndandiqalise kuseluthuba.”
18. Yintoni ebangela ukuba ubomi bukaYesu emhlabeni bube bobokwenene?
18 Ngoko, yintoni eyona ibaluleke gqitha esimele sizabalazele ukuba nayo? Incwadi yeNtshumayeli ithi: “Igama lilunge ngakumbi kuneoli elungileyo, yaye umhla wokufa ulunge ngaphezu komhla wokuzalwa.” (INtshu. 7:1) Awukho umzekelo owodlula indlela awaphila ngayo uYesu kule nkalo. Akuthandabuzeki ukuba wazenzela igama elihle gqitha kuYehova. Ngokufa kwakhe ethembekile, waluthethelela ulongamo lukaYise waza walungiselela idini lentlawulelo, elavulela abantu indlela yosindiso. (Mat. 20:28) Kwixeshana awaliphila emhlabeni, uYesu wamisela umzekelo ogqibeleleyo—lowo simele sizabalazele ukuwuxelisa—owobomi bokwenene obunenjongo.—1 Kor. 11:1; 1 Pet. 2:21.
19. Sisiphi isiluleko sobulumko esanikelwa nguSolomon?
19 Nathi sinokuzenzela igama elihle kuThixo. Ukuba negama elihle emehlweni kaYehova yeyona nto ibalulekileyo kuthi ngaphezu kobutyebi. (Funda uMateyu 6:19-21.) Yonk’ imihla, sinokufumana indlela yokwenza izinto ezifanelekileyo emehlweni kaYehova size sivuye ebomini. Ngokomzekelo, sinokuxelela abanye ngeendaba ezilungileyo, someleze amaqhina omtshato nentsapho yethu, sendele kwizinto zokomoya ngokwenza ufundisiso lobuqu nangokuya kwiintlanganiso. (INtshu. 11:6; Heb. 13:16) Ngaba uyafuna ukunandipha ubomi obunenjongo? Ukuba kunjalo, hlala uphulaphula esi siluleko sikaSolomon: “Yoyika uThixo oyinyaniso uze ugcine imiyalelo yakhe. Kuba oku kuyimbopheleleko yomntu.”—INtshu. 12:13.
[Imibhalo esemazantsi]
a USolomon wayefumana igolide ebunzima buziitalente ezingama-666 ngonyaka (ngaphezu kwekhilogram ezingama-22 000).—2 Kron. 9:13.
b Asilogama lakhe eli.
Ungaphendula Uthini?
• Yintoni emele isenze sicingisise nzulu ngosukelo esinalo ebomini?
• Sifanele sikujonge njani ukusukelana neziyolo nezinto eziphathekayo?
• Ngumsebenzi onjani oya kusenza sihlale sanelisekile?
• Yintoni ebalulekileyo esimele sizabalazele ukuba nayo?
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Ukuzonwabisa kumele kube nayiphi indima kubomi bethu?
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Yintoni eyenza umsebenzi wokushumayela wanelise?