Lamkele Igunya LikaYehova
“Ukumthanda uThixo kuko ukuthi, siyigcine imiyalelo yakhe; kwaye ayinzima imiyalelo yakhe.”—1 YOH. 5:3.
1, 2. (a) Kutheni ukuzithoba kwigunya kungathandwa ngabantu abaninzi namhlanje? (b) Ngaba abantu abangafuni kuphathwa bazimele ngokwenene? Cacisa.
NAMHLANJE igama elithi “igunya” alithandwa. Abanye abayiginyi kwaphela into yokuzithoba komnye umntu. Abo bangafuni kuphathwa badla ngokuthi, “Akukho mntu uza kundixelela into emandiyenze.” Kodwa ngaba aba bantu bayakwazi ukuzimela? Akunjalo. Abaninzi kwaba balandela imilinganiselo yabanye ‘abamilise okwale nkqubo yezinto.’ (Roma 12:2) Kunokuba bazimele, “bangamakhoboka okonakala,” kanye njengoko watshoyo umpostile ongumKristu uPetros. (2 Pet. 2:19) Bahamba “ngokwenkqubo yezinto yeli hlabathi, ngokomlawuli wegunya lomoya,” uSathana uMtyholi.—Efe. 2:2.
2 Ngebhongo omnye umbhali wathi: “Andivumeli abazali okanye umfundisi wonqulo okanye iBhayibhile ukuba indigqibele ngeyona nto indilungeleyo.” Iyaqondakala into yokuba abanye basenokulisebenzisa kakubi igunya labo, nto leyo enokwenza kube nzima ukuba sibathobele. Kodwa ngaba ukungavumi ngokupheleleyo ukwalathiswa kusisicombululo? Xa siphos’ iliso kwimixholo ephambili yamaphephancwadi, sifumana impendulo engancumisiyo. Ibuhlungu into yokuba abantu bathi xa kanye kufuneka bekhokelwe, bangafuni nokuva.
Indlela Esilijonga Ngayo Igunya
3. AmaKristu enkulungwane yokuqala abonisa njani ukuba akalithobeli eval’ amehlo igunya labantu?
3 NjengamaKristu, asixelisi ihlabathi. Loo nto ayithethi ukuba singoothoba sikutyele. Ngokwahlukileyo koko, maxa wambi asivumi ukwenza oko sikuxelelwa ngabanye enoba banegunya. Kwakunjalo nakumaKristu enkulungwane yokuqala. Ngokomzekelo, xa abapostile bayalelwa ukuba bayeke ukushumayela, abazange bavumelane nombingeleli omkhulu nabanye ababesegunyeni kwiSanhedrin. Abazange bayeke ukwenza okulungileyo ukuze bathobele igunya labantu.—Funda IZenzo 5:27-29.
4. Yiyiphi imizekelo ekwiZibhalo ZesiHebhere ebonisa ukuba uninzi lwabantu bakaThixo balandela ikhondo elalingathandwa?
4 Abakhonzi bakaThixo abaliqela ababephila ngaphambi kokufika kukaKristu bazimisela ukwenza okufanayo. Ngokomzekelo, uMoses “wala ukubizwa ngokuba ungunyana wentombi kaFaro, enyula ukuphathwa kabuhlungu kunye nabantu bakaThixo,” nakuba ukwenjenjalo kwamenza ‘wanomsindo ukumkani.’ (Heb. 11:24, 25, 27) UYosefu waxhathisa ukulingwa ngumkaPotifare, owayenamandla okuziphindezelela nokumenzakalisa. (Gen. 39:7-9) UDaniyeli “wazimisela entliziyweni yakhe ukuba angazingcolisi ngokutya okuluncuthu kokumkani,” nangona ukuma kwakhe kulo mba kungazange kwamkelwe lula ligosa eliyintloko kwinkundla yaseBhabhiloni. (Dan. 1:8-14) Loo mizekelo ibonisa ukuba kwakude kudala, abantu bakaThixo baye bakumela ngokuqinileyo oko kulungileyo, kungakhathaliseki ukuba oko kuya kuba nayiphi na imiphumo. Abazange bathobele abantu ukuze nje bathandwe; nathi asimele senjenjalo.
5. Indlela esilijonga ngayo igunya yahluke njani kuleyo yehlabathi?
5 Ukuma kwethu ngenkalipho akufani nokuba neenkani, okanye akusifanisi nabathile abavukela inkqubo yezopolitiko. Kunoko, sizimisele ukwamkela igunya likaYehova kunelakhe nawuphi na umntu. Xa umthetho wabantu ungqubana nokaThixo, kuba lula ukwenza isigqibo. Kanye njengabapostile benkulungwane yokuqala, sithobela uThixo njengomlawuli kunabantu.
6. Kutheni kusoloko kuyeyona nto ilungileyo ukuthobela imiyalelo kaYehova?
6 Yintoni eye yasinceda ukuba samkele igunya likaThixo? Kukwenza ngokuvisisana noko kuchazwe kwiMizekeliso 3:5, 6: “Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda. Uze umgqale yena ezindleleni zakho zonke, kwaye uya kuwenza uthi tye umendo wakho.” Siyazi ukuba nantoni na uThixo ayifunayo kuthi iya kusinceda. (Funda iDuteronomi 10:12, 13.) Eneneni uYehova wazichaza kumaSirayeli ‘njengalowo uwafundisa okuyingenelo kuwo, nalowo uwabangela anyathele endleleni afanele ahambe ngayo.’ Walek’ umsundulo ngelithi: “Owu ukuba nje kuphela okunene ubunganikela ingqalelo kwimiyalelo yam! Ngoko uxolo lwakho beluya kuba njengomlambo, nobulungisa bakho njengamaza olwandle.” (Isa. 48:17, 18) Siyawathemba loo mazwi. Siqinisekile ukuba ukuthobela imiyalelo kaThixo kunceda thina.
7. Yintoni esimele siyenze xa singawuqondi ngokupheleleyo umyalelo oseLizwini likaThixo?
7 Siyalamkela igunya likaYehova size silithobele kwanokuba asisiqondi ngokupheleleyo isizathu sezinye izinto ezichazwe eLizwini lakhe. Oku asikokuba nguvuma-zonke, kodwa kukumthemba uYehova. Kubonisa ukuba siqiniseke ngokupheleleyo ukuba uYehova uyakwazi oko kusilungeleyo. Ukuthobela kwethu kubonisa ukuba siyamthanda, kuba umpostile uYohane wabhala wathi: “Ukumthanda uThixo kuko ukuthi, siyigcine imiyalelo yakhe; kwaye ayinzima imiyalelo yakhe.” (1 Yoh. 5:3) Kodwa kukho enye inkalo yokuthobela kwethu esingamele siyibethe ngoyaba.
Ukuqeqesha Amandla Ethu Okuqonda
8. Ukuqeqesha ‘amandla ethu okuqonda’ kunxulumana njani nokwamkela igunya likaYehova?
8 IBhayibhile ithi ‘amandla ethu okuqonda sifanele siwaqeqeshele ukwahlula okulungileyo nokubi.’ (Heb. 5:14) Kodwa ke, usukelo lwethu asikokuthobela imithetho kaThixo kuba nje sidlulisel’ usana kunina; kodwa sifuna ukukwazi “ukwahlula okulungileyo nokubi” ngokusekelwe kwimilinganiselo kaYehova. Sifuna ukubona ubulumko beendlela zikaYehova, ukuze sikwazi ukuthetha njengomdumisi owathi: ‘Umthetho wakho ungaphakathi ezibilinini zam.’—INdu. 40:8.
9. Sinokuzivisisanisa njani izazela zethu nemilinganiselo kaYehova, yaye kutheni kubalulekile ukwenjenjalo?
9 Ukuze siyixabise imithetho kaThixo njengomdumisi, kufuneka sicamngce ngoko sikufunda eBhayibhileni. Ngokomzekelo, xa sifunda ngemilinganiselo ethile kaYehova kusenokufuneka sizibuze: ‘Kutheni lo myalelo okanye lo mgaqo ungowobulumko? Kutheni kunokuba yingenelo ukuwuthobela? Yiyiphi imiphumo ebuhlungu eye yehlela abo baye abasithobela isiluleko sikaThixo kulo mba?’ Xa sivisisanisa izazela zethu neendlela zikaYehova, siya kwenza izigqibo ezivisisana nokuthanda kwakhe. Siya kukwazi ‘ukuqhubeka sikuqonda ukuthanda kukaYehova’ size simthobele. (Efe. 5:17) Oku akusoloko kulula.
USathana Ufuna Ukulijongela Phantsi Igunya likaThixo
10. Yiyiphi inkalo aye uSathana wazama kuyo ukujongela phantsi igunya likaThixo?
10 Kudala uSathana ezama ukulijongela phantsi igunya likaThixo. Umoya wakhe wokuzimela geqe ubonakala ngeendlela ezininzi. Ngokomzekelo, cinga nje ngokudelelwa kwelungiselelo likaThixo lomtshato. Abanye bakhetha ukuhlalisana ngoxa abanye bekhangela indlela abanokuyiqhawula ngayo imitshato yabo. Abo benza ezi zinto banokuvumelana namazwi omnye umdlali odumileyo kamabonwakude owathi: “Akunakwenzeka ukuba umntu abe neqabane elinye.” Wongezelela ngelithi: “Akukho nokuba abe mnye umntu onyanisekileyo okanye ofuna ukunyaniseka.” Ethetha ngemitshato yakhe eyasilelayo, omnye umdlali odumileyo kamabonwakude wathi: “Andiqiniseki enoba ngokwenene sasidalelwe ukuba sihlale nomntu omnye ubomi bethu bonke.” Kuya kuba kuhle ukuba sizibuze lo mbuzo, ‘Ngaba ndiyalamkela igunya likaYehova kumbandela womtshato, okanye ndingenwe ngumoya wehlabathi wokuzithatha lula izinto?’
11, 12. (a) Kutheni kusenokuba nzima kulutsha ukwamkela igunya likaYehova? (b) Balisa amava abonisa ubudenge bokungathobeli imithetho nemigaqo kaYehova.
11 Ngaba uselula yaye ukwintlangano kaYehova? Ukuba kunjalo, usenokuba lixhoba eliphambili lemigudu kaSathana yokujongela phantsi igunya likaYehova. “Iinkanuko zobutsha” kunye nengcinezelo yeentanga zakho isenokukwenza ucinge ukuba imithetho kaThixo iluxanduva. (2 Tim. 2:22) Ungayivumeli loo nto yenzeke. Namathela kwimilinganiselo kaThixo. Ngokomzekelo iBhayibhile ikuxelela oku: ‘Saba kulo uhenyuzo.’ (1 Kor. 6:18) Kwakhona zibuze le mibuzo: ‘Kutheni lo myalelo ungowobulumko? Ukuwuthobela kuya kundinceda njani?’ Kusenokwenzeka bakhona abantu obaziyo abaye abasithobela isiluleko sikaThixo baza baphela sele bekwembi inkathazo. Ngaba bonwabe ngokwenene ngoku? Ngaba baphila kamnandi kunokuba kwakunjalo ngoxa babesentlanganweni kaYehova? Ngaba baye bayifumana imfihlelo yolonwabo lokwenene abangayifumaniyo abakhonzi bakaThixo?—Funda uIsaya 65:14.
12 Cinga nje ngoko kwathethwa ngomnye umKristu ogama linguSharon phambili phayaa: “Ngenxa yokungawuthobeli umthetho kaYehova, ndiye ndafumana isifo esibulalayo esinguGawulayo. Ndisoloko ndikhumbula iminyaka emininzi emyoli endayisebenzisela ukukhonza uYehova.” Waqonda ukuba kwakububudenge ukwaphula imithetho kaYehova yaye sel’ esithi akwaba wayeyihlonele. Imithetho kaYehova yenzelwe ukusikhusela. USharon uye wafa kwiiveki nje ezisixhenxe emva kokuba ebhale la mazwi angasentla. Njengokuba la mava abuhlungu alo dade ebonisa, uSathana akananto ibhetele anokuyinika abantu abayinxalenye yale nkqubo ingendawo. ‘Njengoyise wabo ubuxoki,’ uyazenza izithembiso, kodwa ezo zithembiso akazizalisekisi, kanye njengokuba wenzayo kuEva. (Yoh. 8:44) Ngokwenene, kusoloko kuyeyona nto ilungileyo ukwamkela igunya likaYehova.
Wulumkele Umoya Wokuzimela Geqe
13. Yiyiphi inkalo esifanele siwulumkele kuyo umoya wokuzimela geqe?
13 Njengoko sisamkela igunya likaYehova, kufuneka siwulumkele umoya wokuzimela geqe. Ukuba nekratshi kunokusibangela sivakalelwe kukuba akukho mntu unokusixelela nto. Ngokomzekelo, sinokusigatya isiluleko esisinikwa ngabo bakhokelayo phakathi kwabantu bakaThixo. UThixo uye wenza ilungiselelo lokuba ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi lisinike ukutya ngexesha elifanelekileyo. (Mat. 24:45-47) Ngokuzithoba simele siyiqonde into yokuba le yindlela uYehova abanyamekela ngayo abantu bakhe namhlanje. Simele sixelise abapostile ababethembekile. Xa abanye abafundi bakhubekayo, uYesu wababuza oku: “Ngaba nani nifuna ukumka?” UPetros waphendula wathi: “Nkosi, siya kumka siye kubani na? Nguwe onamazwi obomi obungunaphakade.”—Yoh. 6:66-68.
14, 15. Kutheni sifanele sisithobele isiluleko seBhayibhile?
14 Ukwamkela igunya likaYehova kuquka ukwenza ngokuvisisana nesiluleko esisekelwe kwiLizwi lakhe. Ngokomzekelo, ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi kudala lisilumkisa ukuba “sihlale siphaphile, sithe qwa.” (1 Tes. 5:6) Eso siluleko sifanelekile kule mihla yokugqibela kuba abantu abaninzi ‘bayazithanda yaye bathanda imali.’ (2 Tim. 3:1, 2) Ngaba nathi singachatshazelwa seso simo sengqondo? Kunjalo. Ukusukela izinto zeli hlabathi kunokusozelisa ngokomoya, okanye kusenze sithande izinto eziphathekayo. (Luka 12:16-21) Ngenxa yoko, bekuya kuba bubulumko ngokwenene ukwamkela isiluleko seBhayibhile size siphephe ukufuna ukuzanelisa, nto leyo egqugqisileyo kweli hlabathi likaSathana.—1 Yoh. 2:16.
15 Ukutya kokomoya okuvela kwikhoboka elithembekileyo neliyingqondi kusasazwa kuwo onke amabandla ngabadala abamiselweyo. IBhayibhile isibongoza ngolu hlobo: “Bathobeleni abo bakhokelayo phakathi kwenu nize nibalulamele, kuba bahlala beyilindile imiphefumlo yenu njengabo baya kuphendula; ukuze bakwenze oku ngovuyo kungekhona ngokuncwina, kuba oko kungenza umonakalo kuni.” (Heb. 13:17) Ngaba oku kuthetha ukuba abadala bamabandla abanakuzenza iimpazamo? Akunjalo. UThixo ukubona kakuhle ukungafezeki kwabo kunokuba kunjalo ngabantu. Sekunjalo, ulindele ukuba sibathobele. Ukusebenzisana nabadala, nakuba bengafezekanga kububungqina bokuba samkela igunya likaYehova.
Kubalulekile Ukuthobeka
16. Sinokumhlonela njani uYesu njengeNtloko yebandla lamaKristu?
16 Simele sihlale sikhumbula ukuba uYesu uyeyona Ntloko yebandla. (Kol. 1:18) Eso sesinye sezizathu esibangela ukuba sizithobe kulwalathiso lwabadala abamiselweyo, ‘sinikela ingqalelo engakumbi ngokugqithiseleyo kubo.’ (1 Tes. 5:12, 13) Kambe ke, nabadala bebandla banokubonisa ukuba bayazithoba ngokuqiniseka ukuba ebandleni badlulisela isigidimi sikaThixo, kungekhona iimbono zabo. Abamele ‘bagqithe kwizinto ezibhaliweyo’ baze bafundise iingcamango zabo.—1 Kor. 4:6.
17. Kutheni ukuba namabhongo kuyingozi nje?
17 Bonke abantu abasebandleni bafanele bakulumkele ukufuna ukuzizukisa. (IMize. 25:27) Kuyabonakala ukuba le yayiyingxaki yomnye umfundi awakhe wadibana naye umpostile uYohane. Wathi: “UDiyotrefe, othanda ukuba kwindawo yokuqala phakathi kwabo, akayamkeli ngembeko nantoni na evela kuthi. Ngoko ke, ukuba ndithe ndafika, ndiya kuyikhumbula imisebenzi yakhe aqhubeka eyenza, ephololoza ngathi ngamazwi angendawo.” (3 Yoh. 9, 10) Sinento esiyifundayo kuloo nto nanamhlanje. Simele sisuse naluphi na utyekelo lwamabhongo esisenokuba sinalo. IBhayibhile isixelela oku: “Ikratshi liphambi kokuwa, yaye umoya wekratshi uphambi kokukhubeka.” Abo bamkela igunya likaThixo bamele bakuphephe ukukhukhumala, kuba xa bengenzi njalo baza kuhlazeka.—IMize. 11:2; 16:18.
18. Yintoni eya kusinceda samkele igunya likaYehova?
18 Zimisele ukuwuphepha umoya weli hlabathi wokuzimela geqe uze ulamkele igunya likaYehova. Ziphe ithuba lokucamngca ngelungelo elibalulekileyo onalo lokukhonza uYehova. Isibakala sokuba uphakathi kwabantu bakaThixo singqina ukuba uye wakutsala ngomoya wakhe oyingcwele. (Yoh. 6:44) Ungaze uluthabathe lula ulwalamano onalo noYehova. Kubo bonke ubomi bakho, bonisa ukuba uyawuphepha umoya wokuzimela geqe yaye uyalamkela igunya likaYehova.
Uyakhumbula Na?
• Kuquka ntoni ukwamkela igunya likaYehova?
• Ukuqeqesha amandla ethu okuqonda kunxulumene njani nokwamkela igunya likaYehova?
• Ziziphi iinkalo uSathana azama kuzo ukujongela phantsi igunya likaThixo?
• Kutheni kubalulekile ukuthobeka ukuze sikwazi ukwamkela igunya likaYehova?
[Umfanekiso okwiphepha 18]
“Simele sithobele uThixo njengomlawuli kunabantu”
[Umfanekiso okwiphepha 20]
Kusoloko kububulumko ukuthobela imilinganiselo kaThixo