‘NguThixo Okhulisayo!’
“ Lowo utyalayo akalutho nalowo unkcenkceshayo akalutho, kodwa oyinto nguThixo, yena ukhulisayo.”—1 KOR. 3:7.
1. “Singabasebenzi abangamadlelane kaThixo” ngayiphi indlela?
“SINGABASEBENZI abangamadlelane kaThixo.” Umpostile uPawulos walichaza ngolo hlobo ilungelo esinokulinandipha sonke. (Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 3:5-9.) UPawulos wayebhekisela kumsebenzi wokwenza abafundi. Wawufanisa nokutyala nokunkcenkceshela. Ukuze siphumelele kulo msebenzi ubalulekileyo, kufuneka sincediswe nguYehova. UPawulos usikhumbuza ukuba ‘nguThixo okhulisayo.’
2. Kutheni isibakala sokuba ‘inguThixo okhulisayo’ sisinceda sibe nembono efanelekileyo ngobulungiseleli bethu?
2 Eso sibakala sisinceda sithobeke size sibe nembono efanelekileyo ngobulungiseleli bethu. Sinokushumayela size sifundise ngokuzimisela, kodwa ekugqibeleni nguYehova omele azukiswe xa abantu besiba ngabafundi. Ngoba? Ngenxa yokuba enoba singazama kangakanani na, asinakuze siyiqonde ngokupheleleyo indlela olwakheka ngayo ulwalamano lomfundi noThixo yaye asinakululawula. UKumkani uSolomon wayichaza kakuhle le meko xa wathi: “Akuwazi umsebenzi woThixo oyinyaniso, owenza izinto zonke.”—INtshu. 11:5.
3. Ziziphi izinto ofana ngazo umsebenzi wokutyala imbewu yokoqobo nalowo wokwenza abafundi?
3 Ngaba ukungayiqondi kwethu indlela umntu aba ngumfundi ngayo kwenza umsebenzi wethu ukruqule? Akunjalo. Kunoko kuwenza ubangele umdla. UKumkani uSolomon wathi: “Kusasa hlwayela imbewu yakho, yaye ungasiphumzi isandla sakho de kube ngokuhlwa; kuba akuyazi indawo oya kuphumelela kuyo, enoba kulapha okanye phaya, okanye enoba ziya kulunga zombini ngokufanayo.” (INtshu. 11:6) Eneneni, naxa sityala imbewu yokoqobo, asazi ukuba yiyiphi eza kukhula. Zininzi izinto esingenakuzilawula. Kunjalo nangomsebenzi wokwenza abafundi. UYesu wasibethelela esi sibakala kwimizekeliso yakhe emibini ebhalelwe thina kwisahluko se-4 seVangeli kaMarko. Makhe sibone ukuba singafunda ntoni kule mizekeliso mibini.
Iintlobo Zemihlaba
4, 5. Chaza ngokufutshane umzekeliso kaYesu womhlwayeli owasasaza imbewu.
4 Njengokuba kubhalwe kuMarko 4:1-9, xa ethetha ngomhlwayeli ohlwayela imbewu yakhe kwimihlaba eyahlukeneyo uYesu uthi: “Phulaphulani. Khangelani! Umhlwayeli waphuma waya kuhlwayela. Yaye njengoko wayehlwayela, yimbi imbewu yawela ecaleni kwendlela, zeza iintaka zayidla zayigqiba. Enye imbewu yawela kwindawo elulwalwa apho, kambe ke, ingazange ibe nomhlaba omninzi, yaye ngoko nangoko yantshula ngenxa yokungabi nabunzulu bamhlaba. Kodwa lakuphuma ilanga, yagqatswa, yaye ngenxa yokungabi nangcambu yabuna. Enye imbewu yawela phakathi kwameva, akhula ameva aza ayiminxa, yaza ayavelisa siqhamo. Kodwa enye yawela kumhlaba omhle, yakhula, yanda, yavelisa isiqhamo, yathwala ngokuphindwe kangangamashumi amathathu, namashumi amathandathu nekhulu.”
5 Kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile xa kuhlwayelwa imbewu yayiphoswa ngesandla. Umhlwayeli wayefaka imbewu kumphetho wengubo yakhe okanye esityeni aze aman’ ukuyikha ayijule. Ngoko kulo mzekeliso, umhlwayeli akahlwayeli imbewu yakhe kwimihlaba eyahlukeneyo ngabom. Kunoko, le mbewu ijulwayo yayiwela kwiindawo ezahlukahlukeneyo.
6. UYesu wawucacisa njani umzekeliso womhlwayeli?
6 Asishiywa ebumnyameni ngokuphathelele inkcazelo yalo mzekeliso. UYesu wawucacisa njengoko kubhalwe kuMarko 4:14-20: “Umhlwayeli uhlwayela ilizwi. Le, ngoko, ngabo basecaleni kwendlela apho ilizwi lihlwayelwa khona; kodwa kamsinya nje bakuba belivile uSathana uyafika aze alithabathe ilizwi elalihlwayelwe kubo. Yaye ngokunjalo le ngabo baye bahlwayelwa kwiindawo ezilulwalwa: kamsinya nje bakuba belivile ilizwi, balamkela ngovuyo. Kanti abanangcambu kubo ngokwabo, kodwa bayaqhubeka okwexeshana; bandule ke kamsinya nje kwakuvela imbandezelo okanye intshutshiso ngenxa yelizwi, bakhubeke. Ukanti kukho nenye ehlwayelwa phakathi kwameva; le ngabo baye baliva ilizwi, kodwa amaxhala ale nkqubo yezinto namandla akhohlisayo obutyebi neminqweno yezinye izinto iyangenela ize iliminxe ilizwi, yaye alibi nasiqhamo. Ekugqibeleni, leyo ihlwayelwe kumhlaba omhle ngabo baphulaphula ilizwi baze balamkele kakuhle yaye bathwale isiqhamo ngokuphindwe kangangamashumi amathathu namashumi amathandathu nekhulu.”
7. Imela ntoni imbewu nemihlaba eyahlukahlukeneyo?
7 Phawula ukuba uYesu akathi kusetyenziswe iindidi ezahlukeneyo zembewu. Kodwa uthetha ngodidi olunye lwembewu oluwela kwimihlaba eyahlukahlukeneyo, yaye ngamnye uvelisa iziphumo ezahlukahlukeneyo. Umhlaba wokuqala uqinile, owesibini awukho nzulu, owesithathu uzele ngameva, kanti owesine mhle yaye utyebile. (Luka 8:8) Yintoni imbewu? Sisigidimi soBukumkani esifumaneka kwiLizwi likaThixo. (Mat. 13:19) Zimela ntoni ezi ndidi zahlukahlukeneyo zomhlaba? Ngabantu abasabela ngeendlela ezahlukahlukeneyo.—Funda uLuka 8:12, 15.
8. (a) Umela bani umhlwayeli? (b) Kutheni abantu besabela ngeendlela ezahlukahlukeneyo kumsebenzi wethu wokushumayela ngoBukumkani?
8 Umhlwayeli umela bani? Umela abasebenzi abangamadlelane noThixo, abo bavakalisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani. NjengoPawulos noApolo, bayatyala baze bankcenkceshele. Kodwa nangona besebenza nzima, abafumani ziphumo zifanayo. Ngoba? Ngenxa yeemeko ezahlukahlukeneyo zentliziyo kwabo beva esi sigidimi. Kulo mzekeliso, umhlwayeli akanakuzilawula iziphumo. Oku kuthuthuzela gqitha, ingakumbi kubazalwana noodadewethu abathembekileyo abaye bazibhokoxa kangangeminyaka, maxa wambi amashumi eminyaka, kodwa abafumana miphumo mihle kangako kumsebenzi wabo!a Kutheni kuthuthuzela nje?
9. Yiyiphi inyaniso ethuthuzelayo eyagxininiswa ngumpostile uPawulos nanguYesu?
9 Asiyomiphumo yomsebenzi womhlwayeli egqibayo ngokuthembeka kwakhe. UPawulos wayebhekisela koko xa wathi: “Mntu ngamnye uya kwamkela owakhe umvuzo ngokokusebenza kwakhe.” (1 Kor. 3:8) Umntu ufumana umvuzo ngokokusebenza kwakhe, kungekhona ngemiphumo yomsebenzi wakhe. NoYesu wayibethelela le ngongoma kubafundi bakhe xa babevela kushumayela. Babevuya gqitha kuba bethotyelwe naziidemon ngenxa yokusebenzisa igama likaYesu. Besavuya benjalo, uYesu wathi kubo: “Musani ukuba nemihlali ngenxa yoku, kuba oomoya benithobela, kodwa yibani nemihlali ngenxa yokuba amagama enu ebhaliwe emazulwini.” (Luka 10:17-20) Kwanokuba umhlwayeli akaboni miphumo mihle kumsebenzi wakhe, oko akuthethi kuthi uyekelele umxakatho okanye akathembekanga kunabanye. Ngomkhamo omkhulu, imiphumo ixhomekeka kwimeko yentliziyo yalowo uphulaphuleyo. Kodwa ekugqibeleni nguThixo okhulisayo!
Imbopheleleko Abanayo Abo Beva Ilizwi
10. Yintoni egqibayo enoba umntu ova ilizwi uza kufana nomhlaba omhle okanye akunjalo?
10 Kuthekani ngabo beva ilizwi? Ngaba indlela abaza kusabela ngayo igqitywa kusengaphambili? Akunjalo. Into yokuba baza kufana nomhlaba omhle okanye akunjalo ixhomekeke kubo. Eneneni, ixhomekeke emntwini into yokutshintsha kwentliziyo yomntu ifane nomhlaba omhle okanye ombi. (Roma 6:17) Kumzekeliso wakhe, uYesu wathi, “kamsinya nje bakuba [abanye] belivile” ilizwi, uSathana uyafika aze alithabathe. Kodwa oku akunyanzelekanga ukuba kwenzeke. KuYakobi 4:7, amaKristu akhuthazwa ukuba ‘amchase uMtyholi,’ yaye uya kuwabaleka. UYesu uthi abanye balamkela ngovuyo ilizwi ekuqaleni kodwa bakhubeke ngenxa yokuba ‘bengenangcambu kubo ngokwabo.’ Kodwa abakhonzi bakaThixo babongozwa ukuba ‘bamiliselwe baze bendele kwisiseko’ ukuze bacacelwe ngokucokisekileyo engqondweni ‘koko bukuko ububanzi nobude nokuphakama nobunzulu, baze balwazi nothando lukaKristu olugqwesa ulwazi.’—Efe. 3:17-19; Kol. 2:6, 7.
11. Umntu unokukuphepha njani ukuvumela amaxhala nobutyebi ukuba buliminxe ilizwi?
11 Abanye abeva ilizwi kuthiwa bavumela “amaxhala ale nkqubo yezinto namandla akhohlisayo obutyebi” ukuba angenelele aze aliminxe ilizwi. (1 Tim. 6:9, 10) Banokukuphepha njani oku? Umpostile uPawulos uphendula ngelithi: “Musani ukuba ngabathandi bemali, kunoko yanelani zizinto ezikhoyo. Kuba uthe: ‘Andiyi kuze ndikushiye, ndingayi kuze ndikutyeshele.’”—Heb. 13:5.
12. Kutheni abo bafanekiselwa ngumhlaba omhle bethwala isiqhamo ngomlinganiselo owahlukahlukeneyo?
12 Ekugqibeleni, uYesu uthi leyo ihlwayelwe kumhlaba omhle ‘ithwala isiqhamo ngokuphindwe kangangamashumi amathathu namashumi amathandathu nekhulu.’ Nakuba abanye abasabelayo kwilizwi besiba neentliziyo ezilungileyo baze bathwale isiqhamo, oko bakwenzayo ekuvakaliseni iindaba ezilungileyo kuyahlukahlukana ngokweemeko zabo. Ngokomzekelo, ukukhula ngeminyaka okanye impilo enkenenkene kunokubasikela umda abanye koko banokukwenza kumsebenzi wokushumayela. (Thelekisa uMarko 12:43, 44.) Nalapha, kusenokuba kuncinane okunokwenziwa ngumhlwayeli okanye angakwazi kuyilawula kwaphela imiphumo yoku, kodwa into enokumvuyisa kukubona uYehova ekhulisa.—Funda INdumiso 126:5, 6.
Umhlwayeli Olalayo
13, 14. (a) Yithi gqaba gqaba ngomzekeliso womntu ohlwayela imbewu. (b) Ngubani ofanekiselwa ngumhlwayeli, ibe yona imbewu ifanekisela ntoni?
13 KuMarko 4:26-29 sifumana omnye umzekeliso womhlwayeli othi: “Ubukumkani bukaThixo bunjengaxa umntu ephosa imbewu emhlabeni, aze alale ebusuku avuke emini, ihlume imbewu ize ikhule ibe nde, engayazi indlela okwenzeka ngayo. Kuba umhlaba uvelisa isiqhamo ngokwawo, kuqala iba likhaba, kwandule ke kube yimpontshane, ekugqibeleni kuzale ukudla okuziinkozo kwisikhwebu. Kodwa kamsinya nje sakuba isiqhamo sikuvumela oko, ufaka irhengqa, ngenxa yokuba ixesha lokuvuna lifikile.”
14 Ngubani umhlwayeli apha? Ezinye iinkonzo zeNgqobhoko zikholelwa ukuba oku kubhekisela kuYesu ngokwakhe. Kodwa kunokutshiwo njani ukuba uYesu uyalala ibe akayazi ukuba ikhula njani na imbewu leyo? Nakanjani na uYesu uyazi kakuhle indlela ekhula ngayo imbewu! Njengalowo sithethe ngaye ngaphambili, nalo umhlwayeli ufanekisela abavakalisi abathile boBukumkani, abo bahlwayela imbewu yoBukumkani ngokushumayela kwabo ngenzondelelo. Imbewu ephoswa emhlabeni lilizwi abalishumayelayo.b
15, 16. Yiyiphi eyona nyaniso ngokukhula kokoqobo nokokomoya okuchazwa nguYesu kumzekeliso womhlwayeli?
15 UYesu uthi umhlwayeli ‘uyalala ebusuku avuke emini.’ Oku akuthethi kuthi uyayityeshela imbewu yakhe. Kubonisa nje oko kwenzekayo ebomini kubantu abaninzi. Isigama esisetyenziswe apho kule ndinyana sibonisa oko kwenzeka umhla nezolo ebantwini, ukusebenza kwabo emini baze balale ebusuku. UYesu wachaza oko kwenzekayo emva kwexesha lokuhlwayela. Uthi, ‘imbewu iyahluma ize ikhule ibe nde.’ Emva koko wongezelela athi: “Engayazi indlela okwenzeka ngayo.” Eyona ngongoma yakhe apha sisibakala sokuba oku, ‘kuyazenzekela.’c
16 Yiyiphi eyona ngongoma kaYesu kulo mzekeliso? Phawula ukuba eyona nto igxininiswayo apha kukukhula nendlela okwenzeka ngokuthe ngcembe ngayo oku kukhula. “Kuba umhlaba uvelisa isiqhamo ngokwawo [ngokuthe ngcembe], kuqala iba likhaba, kwandule ke kube yimpontshane, ekugqibeleni kuzale ukudla okuziinkozo kwisikhwebu.” (Marko 4:28) Oku kukhula kwenzeka ngokuthe ngcembe nangokwamanqanaba. Akunakunyanzelwa mntu okanye kukhawuleziswe. Kunjalo ke nangokukhula kokomoya. Ukukhula kwenzeka ngokwamanqanaba njengoko uYehova evumela ukuba inyaniso ikhule entliziyweni yomntu ofanelekayo.—IZe. 13:48; Heb. 6:1.
17. Ngoobani ababa nemihlali xa imbewu ithwala isiqhamo?
17 Yiyiphi indlela aba nenxaxheba ngayo umhlwayeli “kamsinya nje sakuba isiqhamo sikuvumela oko”? Xa uYehova evumela inyaniso yoBukumkani ikhule ezintliziyweni zabafundi abatsha, ekugqibeleni bafikelela kwinqanaba lokuba benze inkqubela ngenxa yokuthanda kwabo uThixo baze bahlulele ubomi babo kuye. Bafuzisela ukuzahlulela kwabo ngokubhaptizwa emanzini. Abazalwana abaqhubeka besenza inkqubela bekhula ekugqibeleni baye bakwazi ukuthwala iimbopheleleko ebandleni. Isiqhamo soBukumkani siyavunwa ngumhlwayeli wokuqala nangabanye abavakalisi boBukumkani abasenokuba abakhange babandakanyeke ngokobuqu ekuhlwayeleni imbewu eye yavelisa loo mfundi. (Funda uYohane 4:36-38.) Enyanisweni, ‘umhlwayeli nomvuni baba nemihlali kunye.’
Oko Sikufundayo Namhlanje
18, 19. (a) Ukuhlolisisa le mizekeliso kaYesu kuye kwakukhuthaza njani wena? (b) Yintoni eza kuhlolisiswa kwinqaku elilandelayo?
18 Yintoni esiye sayifunda koku kuhlolisisa kwethu le mizekeliso mibini ikuMarko isahluko 4? Sibona kakuhle ukuba sinomsebenzi esimele siwenze—ukuhlwayela. Asimele sisithele ngesebe lenkawu okanye siphephele ngeengxaki ezisenokuvela zisithintele ekwenzeni lo msebenzi. (INtshu. 11:4) Noko ke, kwangaxeshanye siliqonda kakuhle ilungelo elimangalisayo esinalo lokubalelwa ekubeni ngabasebenzi abangamadlelane noThixo. UYehova nguye okhulisa abantu babe ngabafundi, asikelele imigudu yethu neyabo basamkelayo isigidimi. Siyiqonda kakuhle into yokuba asinakukwazi ukunyanzela nabani na akhule abe ngumfundi. Akukho mfuneko yokuba sidimazeke okanye sityhafe xa abantu bethabatha ixesha ngaphambi kokuba babe ngabafundi okanye bengade babe ngabo. Kuthuthuzela ngokwenene ukwazi ukuba impumelelo yethu ixhomekeke ekuthembekeni kwethu kuYehova nakwilungelo asinike lona lokushumayela ‘iindaba ezilungileyo zobukumkani kube bubungqina kuzo zonke iintlanga.’—Mat. 24:14.
19 Yintoni enye eyafundiswa nguYesu ngokuphathelele ukukhula kwabafundi abatsha nomsebenzi woBukumkani? Impendulo yalo mbuzo ifumaneka kwimizekeliso ekwezinye iingxelo zeVangeli. Siza kuhlolisisa eminye yale mizekeliso kwinqaku elilandelayo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Cinga nje ngomsebenzi owenziwa nguMzalwan’ uGeorg Fjölnir Lindal eIceland njengoko kubaliswa kwiNcwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2005 iphepha 210-11, namava abakhonzi abathembekileyo abanyamezela eIreland kangangeminyaka emininzi, kungekho miphumo ibonakalayo, njengoko efumaneka kwiNcwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowe-1988 yesiNgesi, iphepha 82-99.
b Ngaphambili eli phephancwadi lathi imbewu ifanekisela iimpawu zabantu ekufuneka zikhule zivuthwe, oko kubangelwa ziimeko ezithile. Noko ke, kumele kuqondwe ukuba kumzekeliso kaYesu imbewu ayitshintshi ibe yimbewu embi okanye isiqhamo esibolileyo. Ekuphela kwento eyenzayo kukukhula ivuthwe.—Funda IMboniselo kaDisemba 15, 1980, iphepha 18-20.
c Enye indawo elifumaneka kuyo eli gama kukwiZenzo 12:10, apho kuthethwa ngesango lesinyithi ‘njengelizivulekelayo.’
Ngaba Uyakhumbula?
• Ziziphi izinto okufana ngazo ukuhlwayela imbewu yokoqobo nokushumayela isigidimi soBukumkani?
• UYehova ukuhlola njani ukunyaniseka komshumayeli woBukumkani?
• Ziziphi izinto okufana ngazo ukukhula kwembewu yokoqobo noko kwabafundi ezagxininiswa nguYesu?
• Yenzeka njani into yokuba ‘umhlwayeli nomvuni babe nemihlali kunye’?
[Imifanekiso ekwiphepha 13]
Kwakutheni ukuze uYesu athelekise umshumayeli woBukumkani bukaThixo nomhlwayeli wembewu?
[Imifanekiso ekwiphepha 15]
Abo bafanekiselwa ngumhlaba omhle bashumayela ngoBukumkani ngokunyaniseka kuya ngokweemeko zabo
[Imifanekiso ekwiphepha 16]
NguThixo okhulisayo