Xelisa UYesu—Umnqule Ngendlela Eyamkelekileyo UThixo
Ngothando uThixo umema abantu bazo “zonke iintlanga nezizwe nezizwana neelwimi” ukuba bamnqule.” (ISityhi. 7:9, 10; 15:3, 4) Abo basamkelayo esi simemo ‘bayakubona ukuthandeka kukaYehova.’ (INdu. 27:4; 90:17) Njengomdumisi, nabo baphakamisa amazwi abo ukuze badumise uThixo, besithi: “Masinqule size siqubude; masiguqe phambi koYehova uMenzi wethu.”—INdu. 95:6.
Unqulo Aluxabisayo UYehova
Njengokuphela koNyana ozelwe nguThixo, uYesu waba nethuba lokufunda indlela acinga ngayo uYise, imigaqo nemilinganiselo yakhe. Ngoko, uYesu wakwazi ukusibonisa kakuhle eyona ndlela ifanelekileyo yokumnqula. Wathi: “Ndim indlela nenyaniso nobomi. Akukho bani uzayo kuBawo ngaphandle kokuza ngam.”—Yoh. 1:14; 14:6.
UYesu wamisela umzekelo ogqibeleleyo wokuzithoba kuYise. Wathi: “Andenzi nto ngokwam; kodwa ndizithetha ezi zinto kanye njengoko uBawo wandifundisayo.” Wabe sele esalek’ umsundulo esithi: “Ndisoloko ndisenza izinto ezikholekileyo kuye.” (Yoh. 8:28, 29) UYesu wamkholisa ngaziphi iindlela uYise?
UYesu wayezinikele ngokupheleleyo kuYise, yaye kuthetha kanye oko ukukhonza uThixo. UYesu wabonisa ulwalamano analo noYise ngokumthobela, esenza ukuthanda kwakhe kwanakuba oko kwakuthetha ukubandezeleka gqitha. (Fil. 2:7, 8) Inkalo ebalulekileyo kwindlela yokunqula kaYesu yayikukusoloko exakeke ngumsebenzi wokwenza abafundi, kangangokuba wade wabizwa ngokuthi Mfundisi ngabo babekholwa nangabo babengakholwa. (Mat. 22:23, 24; Yoh. 3:2) Ukongezelela koko, uYesu wazinikela enceda abantu. Ngenxa yokuzincama kwakhe wayengabi naxesha lingako lokuzinyamekela, kodwa wayevuyiswa kukulungiselela abanye. (Mat. 14:13, 14; 20:28) Nakuba wayexakekile, uYesu wayesoloko ezinika ixesha lokuthandaza kuYise wasezulwini. (Luka 6:12) Ngokuqinisekileyo uThixo wayeyixabisa indlela awayenqulwa ngayo nguYesu.
Ukuzabalazela Ukukholisa UThixo
UYehova wayibona indlela awayeziphethe ngayo uNyana wakhe waza wavakalisa ukuba uyakholiswa nguye. (Mat. 17:5) Noko ke, naye uSathana uMtyholi, wayeyibona indlela athembeke ngayo uYesu. Ngenxa yoko waba lelona xhoba liphambili likaSathana. Ngoba? Kaloku kwakungekabikho mntu uye wazithoba ngokugqibeleleyo kuThixo, emnqula ngendlela emfaneleyo. Ngoko ke, uMtyholi wayefuna ukwenza uYesu ayeke ukunqula uYehova ngendlela emfaneleyo.—ISityhi. 4:11.
Ezama ukonakalisa uYesu, uSathana waya kuye waza wamlinga. Wathabatha uYesu “wamsa kwintaba ephakame ngokungaqhelekanga, waza wambonisa zonke izikumkani zehlabathi nozuko lwazo.” Emva koko wathi kuye: “Zonke ezi zinto ndokunika ukuba uthe wawa phantsi wanqula kum.” Wasabela njani uYesu koko? Wathi: “Hamb’ umke, Sathana! Kuba kubhaliwe kwathiwa, ‘NguYehova uThixo wakho omele umnqule, yaye nguye yedwa omele unikele inkonzo engcwele kuye.’” (Mat. 4:8-10) Ewe, uYesu waqonda ukuba kwakuya kuba kukunqula izithixo ukuqubuda kuSathana kungakhathaliseki ukuba wayeya kufumana ntoni ngokwenjenjalo. Wayengazimiselanga nakancinane ukunqula nabani na ongomnye ngaphandle kukaYehova.
Thina ke, uSathana usenokungasithembisi ngazo zonke izikumkani zehlabathi nozuko lwazo ukuze simnqule. Kodwa usazama ukuphazamisa amaKristu ekunquleni kwawo uThixo ngokunyaniseka. UMtyholi ufuna sinqule omnye umntu okanye into ethile.—2 Kor. 4:4.
UKristu Yesu wazingqina ethembekile de kwasa ekufeni. Ngokulondoloza kwakhe ingqibelelo kuThixo, uYesu wazukisa uYehova ngendlela ekungazange kubekho mntu umzukisa ngayo ngaphambili. NjengamaKristu okwenyaniso namhlanje, sizabalazela ukuxelisa umzekelo wokuthembeka kukaYesu ngokuqinisekisa ukuba ukunqula uMdali wethu yeyona nto ibaluleke ngaphezu kwazo zonke. Eneneni, ulwalamano lwethu oluhle noThixo yeyona nto ixabisekileyo sinayo.
Iintsikelelo Zonqulo Olwamkelekileyo
Ukukhuthaza “unqulo oluhlambulukileyo nolungadyobhekanga ngokwembono kaThixo” kuzisa iintsikelelo ezininzi. (Yak. 1:27) Ngokomzekelo, siphila kwixesha apho baya besanda abantu “abazithandayo, abathandi bemali, abazidlayo,” ‘nabangathandi kulunga.’ (2 Tim. 3:1-5) Noko ke, endlwini kaThixo sinelungelo lokunxulumana nabantu abahlambulukileyo nabathandekayo abazabalazela ukubambelela kwimilinganiselo kaThixo ukuze bamnqule. Ngaba akukhuthazi ukwazi oko?
Ngokuhlala singenabala kweli hlabathi, sifumana enye intsikelelo yokuba nesazela esihlambulukileyo. Sifuna ukuhlala sinesazela esihlambulukileyo ngokuzithoba kwimilinganiselo yobulungisa kaThixo nangokuthobela loo mithetho kaKesare ingangqubaniyo nekaThixo.—Marko 12:17; IZe. 5:27-29.
Zikho nezinye iintsikelelo ezifumaneka ngokunqula uThixo ngomphefumlo uphela. Xa sinikela ingqalelo ekwenzeni ukuthanda kukaThixo kunokwethu, sitsho sifumane ubomi obunenjongo nobanelisayo. Endaweni yokuthi: “masidle size sisele, kuba ngomso siza kufa,” sinethemba eliqinisekisiweyo lokuphila ubomi obungunaphakade kwiparadesi esemhlabeni.—1 Kor. 15:32.
Incwadi yeSityhilelo yalatha kwixesha apho abo bazigcina behlambulukile phambi koYehova beya ‘kuphuma embandezelweni enkulu.’ Le ngxelo ithi “Lowo uhleli etroneni uya kutwabulula intente yakhe phezu kwabo.” (ISityhi. 7:13-15) Akakho omnye ohleli etroneni ngaphandle kukaYehova uThixo, Oyena uzukileyo kwindalo iphela. Cinga nje ngovuyo oluya kubakho xa ekwamkela njengondwendwe kwintente yakhe, akunyamekele ngendlela yokuba ungaze wehlelwe yinto ebuhlungu! Kwanangoku, sinako ukufumana ukhuseleko nenyameko yakhe.
Ukongezelela koko, bonke abo bamnqula ngokufanelekileyo uThixo bachazwa njengabakhokelelwa “emithonjeni yamanzi obomi.” Le mithombo ihlaziyayo imela onke amalungiselelo uYehova awenzayo ukuze bazuze ubomi obungunaphakade. Ewe, ngedini lentlawulelo likaKristu, “uThixo uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo.” (ISityhi. 7:17) Abantu baya kufezekiswa, bavuye ngendlela engathethekiyo abo banethemba lokuphila ngonaphakade emhlabeni. Kwanangoku, abanquli abonwabileyo bakaThixo bamemelela ngovuyo, bevakalisa uxabiso lwabo kuYehova bemnqula ngaxhatha-linye nabo basezulwini bavuma besithi: “Mikhulu kwaye iyamangalisa imisebenzi yakho, Yehova, Thixo Somandla. Zibubulungisa yaye ziyinyaniso iindlela zakho, Kumkani kanaphakade. Ngubani na ongayi kukoyika ngokwenene wena, Yehova, aze azukise igama lakho, ngenxa yokuba inguwe wedwa onyanisekileyo? Kuba zonke iintlanga ziya kuza zinqule phambi kwakho, ngenxa yokuba imimiselo yakho yobulungisa ibonakalisiwe.”—ISityhi. 15:3, 4.
[Umfanekiso okwiphepha 27]
Yintoni asithembisa yona uSathana xa sinokumnqula?