Ngaba Uyakhumbula?
Ngaba uye wakuvuyela ukufunda iiMboniselo zakutshanje? Ukuba kunjalo, khawubone ukuba unokuyiphendula kusini na le mibuzo ilandelayo:
• Sinokuluthetha njani ngokutyibilikayo “ulwimi olusulungekileyo,” oluyinyaniso ephathelele uThixo neenjongo zakhe? (Zef. 3:9)
Kanye njengolwimi oluthethwayo, ukuze siluthethe ngokutyibilikayo “ulwimi olusulungekileyo” kufuneka siphulaphule kakuhle, sixelise abo baluthetha ngokutyibilikayo, sifake engqondweni amagama eencwadi zeBhayibhile neendinyana zayo ezithile, siziphindaphinde izinto esizifundayo, sifunde ngokuvakalayo, sihlalutye igrama okanye indlela eyakhiwe ngayo inyaniso, senze inkqubela, sizibekele amaxesha okufundisisa size siqhelisele ‘ukuthetha’ ulwimi olusulungekileyo.—8/15, iphepha 21-25.
• Ziziphi ezinye izinto ezibandakanyekileyo ekwazini uhlobo lomntu alulo uThixo?
‘Igama lakhe nguYehova,’ yaye ufuna simazi ngelo gama. (Eks. 15:3) ‘UnguThixo wothando nowoxolo.’ (2 Kor. 13:11) “UnguThixo wolwazi” ‘nongumsindisi.’ (1 Sam. 2:3; INdu. 25:5) Ngenxa yoko uThixo uya kusondela kwabo bamaziyo.—9/1, iphepha 4-7.
• Ingcamango ‘yentambo entlu-ntathu’ isebenza njani emtshatweni?
Ibinzana elithi “intambo entlu-ntathu” lelokomfuziselo. (INtshu. 4:12) Xa lisetyenziswa emtshatweni, liquka umyeni nenkosikazi, imisonto emibini, edibene nalowo ungundoqo, uThixo. Xa simanyene noThixo, isibini siyomelela ngokomoya size sikwazi ukujamelana neengxaki size sonwabe.—9/15, iphepha 16.
• ‘Ukubekwa kwezandla’ okuthethwa ngako kumaHebhere 6:2 kubhekisela entwenini?
Kunokuba kubhekisele ekumiselweni kwabadala abangamaKristu, kusenokwenzeka ukuba kuthetha ukubekwa kwezandla ukuze kudluliselwe ngokungummangaliso izipho zomoya oyingcwele. (IZe. 8:14-17; 19:6)—9/15, iphepha 32.
• Ziziphi izinto utata olungileyo aqondayo ukuba ziziimfuno zabantwana bakhe?
Ezinye iimfuno zabo (1) kukuthandwa nguye, (2) ukumiselwa umzekelo omhle, (3) ukonwaba, (4) ukufundiswa ngoThixo, (5) ukuqeqeshwa, (6) nokukhuselwa.—10/1, iphepha 18-21.
• Abo bakhokelayo banokubahlonela njani abanye?
Enye indlela umdala anokukwenza ngayo oku kukungaze acele abanye ukuba benze izinto angakulungelanga ukuzenza. Kanti uya kubonisa imbeko kwabanye ngokubaxelela izizathu zoko acela ukuba bakwenze okanye zolwalathiso alunikelayo.—10/15, iphepha 22.
• Ziziphi ezinye izinto ezisisiseko ekulondolozeni iqhina lomtshato?
(1) Umtshato wakho mawube yeyona nto ibalulekileyo kuwe. (2) Phepha nakuphi na ukunganyaniseki kwiqabane lakho. Enoba umtshato wakho uqhuba kakuhle okanye uneengxaki, umele uliqinisekise iqabane lakho ukuba uzimisele ukwenza umtshato wenu uphumelele; ezi ngongoma zimbini ziya kuba luncedo.—11/1, iphepha 18-21.
• Umdala ongumKristu unokufunda ntoni kwindlela umalusi wakwaSirayeli awayeyisebenzisa ngayo intonga egoso-goso?
Umalusi wayesebenzisa intonga egoso-goso ukuze aqhube umhlambi wakhe. Zazisithi izimvu xa ziphuma okanye zibuyela esibayeni, ‘zidlule ngaphantsi kwentonga egoso-goso’ njengoko umalusi ezibala. (Lev. 27:32) Naye umalusi ongumKristu ufanele azi umhlambi kaThixo awunyamekelayo kwakunye neemeko zawo.—11/15, iphepha 9.
• Umama unokubonisa njani ukuba ulugqala lubalulekile ucoceko?
Ekubeni ukutya kunokungenwa ziintsholongwane ngeendlela ezahlukahlukeneyo, uhlamba izandla ngaphambi kokuphatha ukutya aze aqiniseke ukuba kuhlala kugqunyiwe. Ugcina indlu icocekile ukuze kungabikho zimpuku nazinambuzane. Enye into anokuyenza kukugcina iimpahla zicocekile aze aqiniseke ukuba kuhlanjwa rhoqo. La manyathelo ayavisisana noko kuthethwa yiBhayibhile.—12/1, iphepha 9-11.