Ufanele Ube Phi Xa Kufika Isiphelo?
YINTONI eya kwenzeka kwabo bathe tye xa uYehova ephelisa le nkqubo ingendawo yezinto ngeArmagedon? IMizekeliso 2:21, 22 iyaphendula: “Abathe tye bona baya kuhlala emhlabeni, nabangenakusoleka baya kusala kuwo. Bona ke abangendawo, baya kunqunyulwa emhlabeni; ke wona amaqhophololo, aya kuncothulwa kuwo.”
Noko ke, iya kwenzeka njani into yokuba abangenakusoleka basale emhlabeni? Ngaba kukho indawo abaya kufihlwa kuyo? Bafanele babe phi abathe tye xa kufika isiphelo? Iingxelo ezine eziseZibhalweni zabantu abasindayo zisinceda sicacelwe ngulo mba.
Kwakubalulekile Ukuba Babe Kwindawo Ethile
Ngokuphathelele ukusindiswa koosolusapho bamandulo uNowa noLote, sifunda oku kweyesi-2 kaPetros 2:5-7: ‘UThixo akazange ayeke nokohlwaya ihlabathi lamandulo, kodwa wagcina uNowa, umshumayeli wobulungisa ekhuselekile kunye nabanye abasixhenxe xa wazisa unogumbe phezu kwehlabathi labantu abangenabuthixo; yaye wazigwebela isohlwayo izixeko iSodom neGomora ngokuthi azifinyeze zibe luthuthu, emisela abantu abangenabuthixo umzekelo wezinto eziza kuza; kodwa wamhlangula uLote olilungisa, owayebandezeleke kakhulu kukuzifica kwihambo evakalala kwabantu abadelela umthetho.’
Wasinda njani uNowa ngoMkhukula? UThixo wathi kuNowa: “Isiphelo senyama yonke sifikile phambi kwam, kuba umhlaba uzele lugonyamelo oluphuma kubo; yabona ke, ndiya kubonakalisa, bona kunye nomhlaba. Zenzele umkhombe ngomthi onentlaka.” (Gen. 6:13, 14) UNowa wakha umkhombe kanye ngendlela awayeyalelwe ngayo nguYehova. Kwiintsuku ezisixhenxe ngaphambi kokuqalisa kukaNogumbe, uYehova wamyalela ukuba afake izilwanyana emkhombeni aze naye angene kunye nentsapho yakhe. Ngosuku lwesixhenxe, ucango lwavalwa kwaza “kwabakho izantyalantyala zemvula emhlabeni kangangeemini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane.” (Gen. 7:1-4, 11, 12, 16) UNowa nentsapho yakhe “bathwalwa ngokukhuselekileyo emanzini.” (1 Pet. 3:20) Kwakufuneka babe ngaphakathi emkhombeni ukuze basinde. Ayikho enye indawo emhlabeni ababenokukhuseleka kuyo.—Gen. 7:19, 20.
KuLote izinto zenzeka ngendlela eyahlukileyo. Iingelosi ezimbini zamxelela indawo awayengafanele abe kuyo. Ingelosi yathi kuLote: “Bonke onabo kwesi sixeko [saseSodom], bakhuphe kule ndawo! Siza kuyonakalisa le ndawo.” Babefanele ‘babalekele kummandla weentaba.’—Gen. 19:12, 13, 17.
Oko kwenzeka kuNowa nakuLote kungqina ukuba “uYehova uyakwazi ukubahlangula esilingweni abantu abanozinikelo lobuthixo, kodwa abantu abangengomalungisa ubagcinele imini yomgwebo.” (2 Pet. 2:9) Kuzo zombini ezi ngxelo kwafuneka babe kwindawo ethile ukuze basinde. UNowa kwakufuneka angene emkhombeni; uLote kwakufuneka aphume eSodom. Kodwa ngaba ukusinda komntu kusoloko kuxhomekeke kwindawo akuyo? Ngaba uYehova unokuwasindisa amalungisa enoba aphi na, kungade kufuneke ukuba aye kwindawo ethile? Ukuze siphendule lo mbuzo, khawuqwalasele ezinye iingxelo ezimbini ezithetha ngokusindiswa kwabantu.
Ngaba Indawo Umntu Akuyo Isoloko Ibalulekile?
Ngexesha likaMoses, ngaphambi kokuba uYehova atshabalalise iYiputa ngesibetho seshumi, uYehova wayalela amaSirayeli ukuba aqabe imiphezulu yeengcango zezindlu zawo nemigubasi ngegazi lesilwanyana sePasika. Ngoba? Ukuze ‘xa uYehova edlula esiya kuxabela amaYiputa, aze alibone igazi elikumphezulu womnyango nakwimigubasi emibini, adlule kuloo mnyango, angakuvumeli ukonakala ukuba kungene ezindlwini zawo kuze kuwabethe ngesibetho.’ Ngobo busuku “uYehova waxabela onke amazibulo ezweni laseYiputa, kususela kwizibulo likaFaro ohleli etroneni yakhe kwasa kwizibulo lomthinjwa osemngxunyeni wentolongo, nezibulo ngalinye lesilo.” Amazibulo amaSirayeli asindiswa yaye akuzange kufuneke ukuba afudukele kwenye indawo.—Eks. 12:22, 23, 29.
Kwakhona cinga ngonongogo owayehlala kwisixeko saseYeriko, ogama linguRahabhi. Kwakusele kumbovu ukuba amaSirayeli alifumane iLizwe Lesithembiso. Akuphawula ukuba iYeriko sele iza kutshatyalaliswa, uRahabhi waxelela iintlola ezimbini ezingamaSirayeli ukuba abemi besi sixeko babengcangcazela besoyika amaSirayeli. Wazifihla ezi ntlola waza wazicela ukuba zifunge ukuba ziya kumsindisa yena nentsapho yakhe xa kuze kutshatyalaliswa iYeriko. Ezi ntlola zayalela uRahabhi ukuba angenise intsapho yakhe endlwini yakhe eyayingakudonga lwesixeko. Ukuba babenokuphuma kuloo ndlu, yayiya kuba sisiphelo sabo eso xa kutshatyalaliswa eso sixeko. (Yosh. 2:8-13, 15, 18, 19) Noko ke, kamva uYehova waxelela uYoshuwa ukuba lumele “luwe bhuma phantsi udonga lwesixeko.” (Yosh. 6:5) Oku kuthetha ukuba indawo iintlola ezazithe ikhuselekile kwakuza kuba yingozi ukuba kuyo. Wayeza kuhlangulwa njani ke uRahabhi nentsapho yakhe?
Lathi lakufika ixesha lokuba kuthinjwe iYeriko, amaSirayeli akhwaza aza avuthela nezigodlo. UYoshuwa 6:20 uthi: ‘Ekuveni kwamaSirayeli isandi sesigodlo aqalisa ukukhwaza ehlaba umkhosi, lwaza udonga lwawa bhuma phantsi.’ Akakho umntu owayenokuluthintela olo donga ukuba lungawi. Noko ke, udonga olungakwindlu kaRahabhi aluzange ludilike. UYoshuwa wathi kwiintlola ezimbini: “Yiyani endlwini yomfazi ongunongogo, nikhuphe umfazi nabo bonke abangabakhe, kanye njengoko nanifungile kuye.” (Yosh. 6:22) Intsapho kaRahabhi yasindiswa yonke.
Yintoni Eyayibalulekile?
Yintoni esinokuyifunda ngokusindiswa kukaNowa, uLote, amaSirayeli ngexesha likaMoses noRahabhi? Ezi ngxelo zisinceda siqonde ntoni ngendawo esifanele sibe kuyo xa kufika isiphelo?
Liyinyaniso elokuba uNowa wangena emkhombeni ukuze asinde. Kodwa kwakutheni ukuze angene emkhombeni? Akazange angene kuba enokholo yaye ethobela? IBhayibhile ithi: “Wenza ke uNowa njengako konke oko uThixo abemyalele kona. Wenza kanye njengoko.” (Gen. 6:22; Heb. 11:7) Kuthekani ngathi? Ngaba senza konke oko uThixo asiyalele kona? UNowa ‘wayengumshumayeli wobulungisa.’ (2 Pet. 2:5) Ngaba nathi, ngokufanayo naye, siwukhuthalele umsebenzi wokushumayela, enoba abantu bentsimi esishumayela kuyo bayachasa?
ULote wasinda ekutshatyalalisweni xa washiya iSodom. Wasinda ngenxa yokuba uThixo wayemjonga njengelungisa yaye kwakumkhathaza gqitha ukuziphatha okubi kwabantu baseSodom neGomora ababengawuthobeli umthetho. Ngaba nathi kuyasikhathaza ukuziphatha okubi okugqugqisileyo kule mihla? Okanye ngaba sele sikuqhele kangangokuba akusasikhathazi? Ngaba senza konke okusemandleni ethu ukuze sifunyanwe ‘singenasiphako yaye siseluxolweni?’—2 Pet. 3:14.
Ukusindiswa kwamaSirayeli eYiputa noRahabhi eYeriko, kwakuxhomekeke ekubeni bahlale kwizindlu zabo. Kwakufuneka babe nokholo yaye bathobele. (Heb. 11:28, 30, 31) Kusenokwenzeka ukuba ntsapho nganye yakwaSirayeli yayingawasusi amehlo kwizibulo layo njengoko “kwabakho isikhalo esikhulu” kwindlu nganye yamaYiputa. (Eks. 12:30) Yiba nombono kaRahabhi nentsapho yakowabo becukene ndawonye njengoko besiva ingxolo yokuwohloka kweendonga zaseYeriko isiya isondela. Kwakufuneka abe nokholo ngokwenene ukuze athobele aze ahlale kuloo ndlu.
Kungekudala ihlabathi elingendawo likaSathana liza kutshatyalaliswa. Asiyazi indlela uYehova aya kubakhusela ngayo abantu bakhe ‘ngemini yomsindo wakhe’ eyoyikekayo. (Zef. 2:3) Noko ke, kungakhathaliseki ukuba siphi yaye injani imeko yethu ngelo xesha, sinokuqiniseka ukuba ukusinda kwethu kuya kuxhomekeka kukholo nentobelo yethu kuYehova. Okwangoku, sifanele sibe nesimo sengqondo esifanelekileyo ngoko umprofeti uIsaya akubiza ngokuba ‘ngamagumbi ethu angaphakathi.’
‘Ngenani Emagumbini Enu Angaphakathi’
UIsaya 26:20 uthi: “Hambani, bantu bam, ningene emagumbini enu angaphakathi, nize nivale iingcango zenu emva kwenu. Zifihleni umzuzwana kude kudlule isiqalekiso.” Kusenokwenzeka ukuba esi siprofeto sazaliseka okokuqala ngowama-539 B.C.E. xa amaMedi namaPersi oyisa iBhabhiloni. Ekungeneni kwakhe eBhabhiloni, kusenokwenzeka ukuba uKoreshi umPersi wayalela bonke abantu ukuba bahlale ezindlwini kuba amajoni akhe ayeyalelwe ukuba abulale wonke umntu ongaphandle.
Namhlanje, ‘amagumbi angaphakathi’ ekuthethwa ngawo kwesi siprofeto asenokuba ngamabandla angaphezu kwe-100 000 amaNgqina kaYehova asehlabathini lonke. La mabandla anendima ebalulekileyo ebomini bethu. Aya kuqhubeka ebalulekile de kufike ‘imbandezelo enkulu.’ (ISityhi. 7:14) Abantu bakaThixo bayalelwa ukuba bangene ‘kumagumbi abo angaphakathi’ baze bazifihle “kude kudlule isiqalekiso.” Kubalulekile ukuhlala sinesimo sengqondo esifanelekileyo ngamabandla ethu size sizimisele ukuya rhoqo kuwo. Masithobele esi sibongozo sikaPawulos: “Masinyamekelane, sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle, singakutyesheli ukuhlanganisana kwethu ndawonye, njengoko kulisiko labathile ukwenjenjalo, kodwa masikhuthazane, ngokungakumbi njengoko [sibona] ukuba imini iyasondela.”—Heb. 10:24, 25.
[Imifanekiso ekwiphepha 7]
Yintoni esiyifundayo kwindlela uThixo awasindisa ngayo abantu bamandulo?
[Umfanekiso okwiphepha 8]
Asenokuba abhekisela entwenini ‘amagumbi angaphakathi’ kule mihla?