Oko Sikufunda KuYesu
Ngekamva Labantu
Ngaba uYesu wathembisa abantu ngokuya ezulwini?
Ewe! Kaloku naye wavuswa waza waya kuYise ezulwini. Kodwa ngaphambi kokuba afe wathi kubapostile bakhe abali-11 abathembekileyo: “Endlwini kaBawo zininzi iindawo zokuhlala. . . . ndiyemka ndiya kunilungiselela indawo.” (Yohane 14:2) Kodwa ke bambalwa abantu ababeza kuya ezulwini. UYesu wayicacisa loo nto kubafundi bakhe wathi: “Musani ukoyika, mhlambi mncinane, ngenxa yokuba kukholekile kuYihlo ukuninika ubukumkani.”—Luka 12:32.
Yintoni eza kwenziwa ngulo “mhlambi mncinane” ezulwini?
UYise ufuna eli qela lincinane liye kulawula noYesu kurhulumente wasezulwini. Sazi njani? Kaloku emva kokuvuswa kwakhe, uYesu wachazela umpostile uYohane ukuba abantu abathile abanyanisekileyo babeza “kulawula njengookumkani phezu komhlaba.” (ISityhilelo 1:1; 5:9, 10) Ziindaba ezimnandi ke ezo. Enye yezona zinto zifunwa ngabantu, ngurhulumente olungileyo. Yintoni eza kwenziwa ngulo rhulumente kaYesu? UYesu wathi: “Ekudalweni okutsha, xa uNyana womntu ehlala phantsi kwitrone yakhe ezukileyo, nina eniye nandilandela niya kuhlala kwiitrone ezilishumi elinesibini.” (Mateyu 19:28) Ulawulo lukaYesu kunye nabalandeli bakhe luza kwenza ukuba “kudalwe ngokutsha” okanye kuphinde kubekho ubomi obufezekileyo obabuphilwa nguAdam noEva ngaphambi kokuba bone.
Wabathembisa ntoni uYesu abanye abantu?
Abantu babedalelwe ukuphila emhlabeni, ngokungafaniyo noYesu owayedalelwe ukuphila ezulwini. (INdumiso 115:16) Yiloo nto uYesu wathi: “Nina nivela kummandla ongezantsi; mna ndivela kummandla ongaphezulu.” (Yohane 8:23) UYesu wathi abantu babeza kuphila kamnandi emhlabeni kwixesha elizayo. Ngenye imini wathi: “Banoyolo abo banomoya wobulali, kuba baya kuwudla ilifa umhlaba.” (Mateyu 5:5) Wayecaphula iNdumiso ephefumlelweyo ethi: “Kodwa abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo. Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.”—INdumiso 37:11, 29.
Ngoko ke asingulo “mhlambi mncinane” uya ezulwini kuphela oza kuphila ngonaphakade. UYesu wathetha nangethemba lobomi ubunokufunyanwa ngabo bonke abanye abantu. Wathi: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.”—Yohane 3:16.
UThixo uza kukuphelisa njani ukuhlupheka?
UYesu wakhankanya izinto ezimbini esiza kukhululwa kuzo xa wathi: “Kungoku ukugwetywa kwalo eli hlabathi; umlawuli weli hlabathi uza kuphoselwa phandle.” (John 12:31) Kuza kuqale kutshatyalaliswe abantu abangamkhonziyo uThixo nabaxhaphaza abanye. Emva koko kuza kuvalelwa uSathana, ukuze angabi sakwazi ukulahlekisa abantu.
Kuza kwenzeka ntoni kubantu abaninzi ababephila kudala nabafa bengazange bafumane ithuba lokufunda ngoThixo noKristu ukuze bakholwe kubo? UYesu wathi kumoni owayebulawa ecaleni kwakhe: “Uya kuba nam eParadesi.” (Luka 23:43) Loo ndoda kunye nabanye abantu abaninzi baza kunikwa elinye ithuba lokufunda ngoThixo xa uYesu ebavusa ekufeni baze baphile eparadesi apha emhlabeni. Loo nto iza kubenza bafumane ithuba lokuba phakathi kwabantu abalulamileyo nabangamalungisa abaza kuphila ngonaphakade emhlabeni.—IZenzo 24:15.
Ukuze ufumane ulwazi olungakumbi ngalo mbandela funda isahluko sesi-3 nesesi-7 kwincwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?a
[Umbhalo osemazantsi]
a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Umfanekiso okwiphepha 23]
“Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.”—INdumiso 37:29