Ngaba Uyakhumbula?
Ngaba uye wakuvuyela ukufunda iiMboniselo zakutshanje? Khawubone ukuba unokuyiphendula kusini na le mibuzo ilandelayo:
• Ngaba umntwana ofele esibelekweni sikanina uza kuvuka?
Ubomi buqala xa umntu ekhawulwa. UYehova unako ukuvusa nabani na, enoba ufe sele ezelwe okanye ufele esibelekweni sikanina, kuba “zonke izinto zinokwenzeka kuThixo.” (Marko 10:27) Kodwa iBhayibhile ayitsho ngokungqalileyo ukuba uya kubavusa abantwana abafele ezibelekweni zoonina.—4/15, iphepha 12, 13.
• Yintoni esinokuyifunda kwiimbovane, iimbila, iinkumbi namaqungequ?
Zone ezi zinto zinobulumko bethuku lemvelo. Ngoko zibonisa ubulumko bukaThixo. (IMize. 30:24-28)—4/15, iphepha 16-19.
• Yintoni ebalulekileyo eyenzeka kumaNgqina kaYehova kwiminyaka eli-100 eyadlulayo?
Ngowe-1909 ikomkhulu leWatch Tower Bible and Tract Society, umbutho osemthethweni wentlangano eshicilelayo osetyenziswa ngamaNgqina kaYehova, lafuduka ePittsburgh, ePennsylvania laya eBrooklyn, eNew York, apho likhoyo nanamhlanje.—5/1, iphepha 22-24.
• Kutheni iBhayibhile ithetha kakuhle ngokuthi cwaka?
Ibonisa ukuba ukuthi cwaka luphawu lwentlonelo, kuluncedo xa ucamngca yaye kubonisa ukuba nengqiqo nokuqonda. (INdu. 37:7; 63:6; IMize. 11:12)—5/15, iphepha 3-5.
• Yintoni ababefana ngayo uJohn Wycliffe, uWilliam Tyndale, uRobert Morrison, noAdoniram Judson?
Bonke babelithanda iLizwi likaThixo yaye baliguqulela kwiilwimi ezinokufundwa ngabantu abaqhelekileyo. UWycliffe noTyndale bayiguqulela kwisiNgesi, uMorrison kwisiTshayina yaye uJudson kulwimi lwaseBurma (ulwimi lwaseMyanmar).—6/1, iphepha 8-11.
• Bangaphi ookumkani bakwaYuda ababa nenzondelelo ngendlu kaThixo?
Kubukumkani obusemazantsi kwaYuda kwakulawula ookumkani abali-19, yaye abane kubo babephawuleka ngenzondelelo yabo—uAsa, uYehoshafati, uHezekiya, noYosiya.—6/15, iphepha 7-11.
• Ngaba onke amaKristu athanjisiweyo asemhlabeni anenxaxheba ekulungiseleleni ukutya kokomoya?
Akunjalo. Bonke abo bathanjiswe ngomoya kaThixo bayinxalenye yodidi lwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi, kodwa ngabo babumba iQumrhu Elilawulayo abalungiselela ukutya kokomoya.—6/15, iphepha 22-24.
• Yintoni eyenza amajoni aseRoma ayinqwenela ingubo kaYesu yangaphantsi?
Amajoni awabulala uYesu akazange akwazi ukwabelana ngengubo yakhe. Ngokuqhelekileyo, xa kuthungwa loo ngubo kwakudityaniswa amalaphu amabini, kodwa ekaYesu yayenziwe ngelaphu elinye, nto leyo eyayibangela ukuba ibe yeyexabiso elikhulu.—7/1, iphepha 22.
• Kutheni sinokuthi uthando lolona phawu lubalulekileyo olwalusahlula indlela uYesu awayebaphatha ngayo abantu kuleyo yeenkokeli zonqulo?
Ezo nkokeli zazingabathandi abantu abaqhelekileyo, kunoko zazibacekisa. Ngaphezu koko, zazingamthandi uThixo. Yena uYesu wayemthanda uYise yaye wayebasizela abantu. (Mat. 9:36) Wayebathantamisa, enovelwano nobubele.—7/15, iphepha 15.
• Kutheni kunokuba yingxaki ukuyisebenzisa kakuhle imali emtshatweni, yaye yintoni enokunceda abo batshatileyo bakwazi ukuyisebenzisa ngokuphumelelayo?
Ukungavisisani ngemali kudla ngokubangelwa kukungathembani okanye luloyiko, yaye abantu abatshatileyo basenokuba neemvelaphi ezingafaniyo. Ezona zinto ezinokunceda zezi zine: Fundani ukungaxabani xa nithetha ngemali, vumelanani ngendlela eniza kuyisebenzisa ngayo imali, zibhaleni phantsi izinto enifuna ukuzenza nize nivumelane ukuba ngubani oza kwenza ntoni.—8/1, iphepha 10-12.